Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 15

Isitsixo sesipho sikaThixo lukholo - Part 5
- Ukholo kukukholelwa kuYesu Krestu

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEROMA 7

4Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.

KWABASEROMA 7:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 14

8Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi. 9Kuba kaloku uKrestu wafa, wabuya wadla ubomi, ngenjongo yokuba abe yiNkosi yabafileyo nabaphilayo.

KWABASEROMA 14:8-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 3

23Kodwa ke nina ningabakaKrestu, uKrestu yena ngokaThixo.

1 KWABASEKORINTE 3:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

19Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; 20ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

1 KWABASEKORINTE 6:19-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Wathengwa ngegazi elibalulekileyo likaKrestu yaye ngenxa yaloo nto ungowakhe!

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-