Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 14

Isitsixo sesipho sikaThixo lukholo - Part 4
-Ukholo kukuzinikela wonke kuKrestu

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEFILIPI 3

4Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu: 5Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho,ndinenzondelelo, 6ndada ndalitshutshisa ibandla. Ndandingabekwa bala ekuwugcineni umthetho. 7Kodwa zonke ezo zinto ndandisithi ziyinzuzo, ngoku ndizithatha njengelahleko ngenxa kaKrestu. 8Phofu asizizo zodwa, koko yonke into ndiyithatha njengelahleko mpela, kuba zonke izinto zigqithwa kude lee yinzuzo yokwazana noYesu Krestu iNkosi yam. Ndalahla yonke into ngenxa yakhe. Into yonke ndiyithatha njengomgquba ngenxa yokufuna ukuzuza uKrestu. 9Kaloku ndimanywe naye, ndingenabulungisa ndizifumanele bona ngokugcina kwam umthetho. Ndimanywe noKrestu nje, ndenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa kuKrestu. 10Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe, 11ndinethemba lokuba nam ndovuswa ekufeni.

KWABASEFILIPI 3:4-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Neyona misebenzi yethu igqwesileyo ayigqibelelanga yaye inesono. Eli lixesha lokuba ubeke ithemba kuKrestu, uyeke ukuthembela kuwe. Umpostile uPawulos uthi:

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-