Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 13

Isitsixo sesipho sikaThixo lukholo - Part 3
- Ukholo kukuguquka

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 31

18Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi:

‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo.

Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe,

kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.

UJEREMIYA 31:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UZAKARIYA 1

3Yithi ke kubo: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

UZAKARIYA 1:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 1

15esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”

Ukuguquka kukutshintsha okumandla kwengqondo okukhokelela ekubeni umntu atshintshe indlela ahamba ngayo. Kuthetha ukutshintsha kubuntu bakho obudala ze uhambe ezinyathelweni zikaYesu.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-