Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 11

Isitsixo sesipho sikaThixo lukholo - Part 1
- Luyintoni ukholo?
- Ukholo lwenza ukuba wazi entliziyweni yakho phambi kokubona ngamehlo
- Ukholo kukukholelwa kuYesu Krestu

Itekisi yeBhayibhile

KUMAHEBHERE 11

Ukukholwa

1Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

KUMAHEBHERE 11:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 11

32Ndibalisa ntoni na? Lingaphela tu ixesha ndithetha ngoGidiyon, noBharaki, noSamson, uJafta, noDavide, uSamweli, *nabashumayeli bamandulo. 33Ngokholo bona babhukuqa izikumkani, benza ubulungisa, bazuza izinto ezazithenjiswe nguThixo. Babevingca imilomo yeengonyama ezigqumayo, 34bacime imililo edwanguzayo, basinde ekufeni ngekrele. Baphiwa amandla xa babengenawo. Babengamagorha emfazweni; babezichitha iintshaba zibe ziintsalu. 35Ngokholo abafazi babebuyiselwa abafileyo babo bevuswe ekufeni. Abanye bâla ukukhululwa, bafa ngokungxwelerhwa, khon' ukuze bavukele kobona bomi.

KUMAHEBHERE 11:32-35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 5

7Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

2 KWABASEKORINTE 5:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 10

9Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. 10Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

KWABASEROMA 10:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 5

24“Ndithi kuni, inene, lowo uwevayo amazwi am, abe ekholwa kulowo undithumileyo, unobomi obungunaphakade. Yena akayi kugwetywa nokugwetywa, kuba selephumile ekufeni wangena ebomini.

UYOHANE 5:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 6

40Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”

UYOHANE 6:40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ukuba nokholo kukuqinisekiswa ngobunyani nokukholeleka kwaloo nto ukholelwa kuyo nosekela kuyo izinto ozenzayo ngolo kholo unalo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-