Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 10

UYesu sesona sipho sikhulu uThixo asinike umntu - Part 2
- UKrestu ugwetyelwa isono sethu
- UThixo uwisa isigwebo sesono ngoKrestu

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEROMA 5

8Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni!

KWABASEROMA 5:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 6

23Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

KWABASEROMA 6:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAPETROS 3

18Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo,

1 KAPETROS 3:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 1

17Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

KWABASE-EFESE 1:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 1

22Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.

KWABASEKOLOSE 1:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 6

9Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye. 10Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo. 11Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 6:9-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 8

11Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.

KWABASEROMA 8:11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

14UThixo ke owayivusayo kwabafileyo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.

1 KWABASEKORINTE 6:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 15

3Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho *kweziBhalo, 4nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo;

1 KWABASEKORINTE 15:3-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 17

31Kaloku uwumisele umhla apho aya kuligweba ihlabathi lonke liphela ngobulungisa, ngeNdoda ayimiseleyo. Le nto uyingqine kubantu bonke ngokuyivusa loo Ndoda ekufeni.”

UMSEBENZI WABATHUNYWA 17:31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 5

22Kananjalo uYise akagwebi namnye. Lonke igunya lokugweba ulinika uNyana,

UYOHANE 5:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 5

27Kananjalo umnike negunya lokugweba, kuba yena *enguNyana woLuntu. 28Musani ukumangaliswa kuko oku, kuba ixesha liyeza abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe, 29baphume emangcwabeni, bathi abo benze ubulungisa bavukele ebomini, bathi abo benze inkohlakalo bavukele ekugwetyweni.”

UYOHANE 5:27-29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UThixo akakwazi ukumelana nezinto ezingalunganga ngoba yena ngokunokwakhe akanachaphaza. Isono kufuneka sigwetywe kodwa thina uThixo wasithanda kakhulu, wathumela uNyana wakhe ukuba athathe ityala lesono sethu.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-