Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 1

UThixo – UMdali wako konke Part 1
- UThixo wadala izulu nomhlaba

Itekisi yeBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 17

24UThixo lo udale ihlabathi nezinto ezikulo, uyiNkosi yezulu nomhlaba. Ngoko ke akahlali zindlwini zenziwe ngabantu, 25engaswele nto ngokokude abantu bazidube ngokumenzela nto. Kuba kaloku nguye ngokwakhe onika ubomi nomphefumlo, nazo zonke iimfuneko zoluntu lonke.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 17:24-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 1

37Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

UYOHANE 1

3Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo. Indalo yonke

UJEREMIYA 10

6Ngubani onjengawe, Ndikhoyo?

Umkhulu wena;

igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.

UJEREMIYA 10:6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 10

Ukubongwa kukaNdikhoyo

12Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,

walizinzisa ngobulumko ilizwe,

wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.

UJEREMIYA 10:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 45

11*UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,

umdali wakhe, uthi:

“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,

nindinkqangise ngabantwana bam,

nide nindixelele ngemfanelo yam?

12Ndim owalenzayo ihlabathi;

ndim owadala uluntu kulo;

ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;

ndiyayilawula inyambalala yawo.

UISAYA 45:11-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ISITYHILELO 4

11“Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;

imbeko negunya zezakho!

Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;

zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”

ISITYHILELO 4:11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Makhe siqale siqwalasele oko sikufundiswa yiBhayibhile malunga noThixo njengoMdali noMlawuli wehlabathi nowazo zonke izinto azidalileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-