Bible Society of South Africa

To The Word – Day 94

Isaiah 16–20, Psalm 144

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 16

Ukukekela kwemeko yamaMowabhi

1Nango amaMowabhi entlango kwisixeko iSela;

ngoku athumela umrhumo:

amatakane eegusha kwiziphathamandla eJerusalem.

2AmaMowabhikazi ayazula-zula;

axel' intaka egxothwe endlwaneni yayo.

Nango ephithizela kumazibuko eAnon.

3“Izwe lifile, yizani kusophula!

Sicela uncedo, khanisikhusele!

Yibani njengomthunzi mhla ligqatsileyo.

Besingoobani kakade siziimbacu nje!

Hayi bo, sincedeni ningasingcothozi!

4Iimbacu zaseMowabhi maziphambukele kuni;

sikhuseleni kulo mtshabalalisi.”

Le ngcinezelo iza kubuya yethe,

nale ntshabalalo iza kuphela,

nomphembi-dushe aphel' emehlweni.

5Ngelo thuba ke kosekwa ubukumkani,

bumiselwe ngothando olunezibele.

Esihlalweni kongqendeva onyanisekileyo.

Lowo ke woba ngowendlu kaDavide.

Yena ke uya kulawula ngobulungisa,

alangazelele ulungelelwano nocwangco.

6Sivile ngokuzikhukumalisa kwamaMowabhi,

elingako lona ikratshi nendelelo;

ewe, angade abe ucikekile likratshi,

kodwa ke, akulele nto apho.

7Myeke ke uMowabhi abhomboloze.

Mabamthelele uMowabhi nabo balile;

mabenze isililo nesijwili xa bekhumbula amaqebengwane aseKir-hareshete.

8Amasimi aseHeshbhon ayadodobala,

nezidiliya zaseSibhema zitshabalele.

Amakhosi ezizwe azixangxathile izidiliya zodidi,

zona fudula zifikelela eYazere,

zenjenjeya zithi xhaxhe ngentlango,

amasebe azo ethe gaa ngolwandle.

9Ngoko ke ndilila kunye neYazere;

ndiyakhala ngezidiliya zaseSibhema;

ndiyinyhididi, Heshbhon nawe Eliyali.

Ewe kaloku, isivuno asibonwa,

imivuyo nemincili iyalambatha.

10Amasimi akezi namihlali nalonwabo;

ezidiliyeni ayisekho ingoma nemiyeyezelo.

Ezixovulelweni akusekho baxovuli;

imiyiyizelo yabavuni iphelile.

11Ngoko ke ndinesimbonono ngenxa yeMowabhi;

ngenene ndihlahlamba njengesigingci,

ngenxa yeKir-hareshete ndibindekile.

12AmaMowabhi aziduba nje ngokunyuka intaba esiya kunqula; yonke loo nto yinkcitha-xesha. 13Olu ludaba awaluthetha kwamandulo uNdikhoyo ngokubhekiselele kwiMowabhi. 14Kambe ke ngoku uNdikhoyo uthi: “Kwiminyaka emithathu yokunyamezela ubutyebi beMowabhi buya kuphel' emehlweni. Obu bunewu-newu naloo nyambalala yabantu konke kuya kutshabha, naloo mingqandanda isindileyo yoba ngamabhetye-bhetye.”

UISAYA 17

Udaba mayela neDamasko noSirayeli

1Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDamasko:

“Ke yona iDamasko ayisayi kuba sisixeko,

yosuka ibe ziingqumba zamabhodlo.

2Izixeko zaseArohere zosala zize;

kuphela zosala zilidlelo lempahla,

futhi kungekho namntu uyiphazamisayo.

3KwaSirayeli zophela izixeko ezinqatyisiweyo,

ke bona ubukumkani baseDamasko

ngokunjalo namasalela aseSiriya

oba yinto yezolo, ngathi ludumo lwamaSirayeli,”

utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke.

4“Ngaloo mihla ubungangamsha bukaYakobi buya kuphutha,

ukutyeba kwakhe kutsho kutsame.

5USirayeli woba ngathi yintsimi engqolowa isikwayo;

kwaSirayeli kuya kubharha kube sedizeni –

wofana namasimi entili yaseRefayim.

6Kambe aya kuba khona amasalela.

Kuya kuba ngathi ngumnquma obhululweyo

kwasala mabini mathathu phezulu,

mhlawumbi isine nesihlanu kwahlanzayo,”

utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

7Ngaloo mihla ke abantu baya kubhenela kuMdali wabo,

bakhangele kulowo unguYedwa kaSirayeli.

8Abayi kuba saqamela ngamaqonga lawo bawakhe ngezandla zabo,

bengayi kuba sathembela kowabo umsebenzi –

imiqondiso yesithixokazi uAshera

kunye namaqonga okuqhumisa.

9Ngelo thuba izixeko ezikhuselweyo ziya kusala zize, zingamabhodlo akhula imithi namatyholo, ngokungathi zizixeko ezahlaselwa ngamaSirayeli.

10Kaloku, wena Sirayeli, umfulathele uThixo,

yena odla ngokukuhlangula;

umlibele uThixo ongumqolomba wakho;

usuke watyala imiyezo eyodwa,

khon' ukuze unqule thixo bambi.

11Kanti noba ingantshula idubule

kwangaloo ntsasa ubuyityala ngayo,

liya kubhek' umoya ngasesivunweni –

kuphela yoba yinkxwaleko nezifo ezingaphele ndawo.

Ukoyiswa kwezizwe

12Ke zona izizwe ziyabhabhama,

zitsho ngogqumo ngathi kukuyaluzela kolwandle;

ewe, uluntu luyaxokozela okwamanz' olwandle.

13Izizwe zingade zibe ziyabhonga,

zityhuluba okwamanz' olwandle,

yena ukhalima kanye, zitsho zisabe;

ziphephetheka ngathi luthuli endulini,

ngathi yinkunkum' ibalek' isaqhwithi.

14Ngorhatya bahlasela kutsho kunyembeleke,

kanti kusasa abaziwa nomkhondo.

Banjalo ke abo basixhaphazayo;

eso sisabelo sâbo bazithathelayo.

UISAYA 18

Ukohlwaywa kweKushe

1Kunyembelekile ke kwilizwe lesandi samaphiko

emazants' emilambo eKushe.

2Likhuph' izigidimi ngezikhitshana ezakhiwe ngeengcongolo, zidad' emlanjeni.

Tsheluzani, zigidim' ezikhawulezayo;

luthathen' udaba nigoduke nalo,

luye kwilizwe eliphanjwe yimilambo,

kwisizwe esingwanzilili esinamandla,

amafaf' alusu lumpuluswa,

izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.

3Bekan' iindlebe, bemi behlabathi!

Jongani, nikhangel' imbasa

ilenga-lenga phezu kweencopho zeentaba;

phulaphulan' isandi sesigodlo.

4Kalok' *uNdikhoy' undixelele wathi:

“Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge;

ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini,

ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku,

cwaka ngathi lilanga ligqats' ubhobhoyi.”

5Iidiliya ziya kudubula zifeze,

kodwa zithi ke zona zingekavunwa –

ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni –

lusuke luthi vumbululu utshaba,

luwahlabanisele luwageqe amaKushe,

lula nje, ngathi kunqunyulw' amaseb' omdiliya.

6Izidumbu ke zosala zithe gangalala,

zibe zizisulu zeentaka namaxhalanga.

Ewe, ziya kuba lixhoba lamarhamncwa,

iintaka zizenzele ehlotyeni –

asisathethi ke ngamarhamncwa ebusika.

7Ixesha liyeza apho uNdikhoyo uSomandla-onke

aya kunikwa aphiwe imirhumo

ngabo balizwe liphanjwe yimilambo,

iingwanyalala zesizwe esimandla,

amafaf' alusu lumpuluswa,

izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.

Ewe, baya kuza kwintaba iZiyon,

apho anqulwa khona uNdikhoyo uSomandla-onke.

UISAYA 19

Ukohlwaywa kweJiputa

1Nalu udaba olundilisekileyo olumalunga neJiputa:

Nank' *uNdikhoyo esiza eJiputa;

uza etshebeleza ngelifukazi.

*Oothixo abanqulwa apho batsho bankwantya,

namaJiputa ngokwawo atsho anengevane.

2UNdikhoyo ke uthethe wathi:

“Ndiza kuxhokonxa umJiputa avukele umJiputa;

elowo nalowo uza kuvukelana nomntakwabo,

ummelwane avukelane nommelwane.

Ngokunjalo isixeko sovukelana nesixeko;

ewe, uburhulumente bovukelana noburhulumente.

3AmaJiputa aza kudideka atyhafe;

amacebo awo osuka aphunze.

Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo;

osuka abhenele kwabo bafileyo;

obhenela kwabaneshologu nabambululayo.

4AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:

oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;

aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”

Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.

5Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,

amanzi awo aphele kuthi tu!

6Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!

Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;

iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.

7Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;

namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.

8Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.

Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;

amaqhogi abalobi aya kubuya ze.

9Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,

nabo basontayo bophelelwa ngamandla.

10Ewe, kuya kuba nzima kubenzi belaphu,

ibe lusizi lodwa kubaqeshwa.

11Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala;

loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa!

Ngani ukuba ade athi kukumkani:

“Thina siziingcaphephe zeengqondi,

amahlakani ezikumkani zamandulo”?

12Phendula, kumkanindini waseJiputa:

Aphi loo maphakathi akho aziingqondi?

Ngani ke ukuba angakucebisi

akuxelele oko kuza kuhlela iJiputa?

Nditsho isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.

13Hayi bo! Amaphakathi aseZowan ziziyatha,

iinkokheli zaseMemfisi zididekile;

amathenjwa aseJiputa ngabalahlekisi.

14UNdikhoyo ubayekele ngomoya wolahlekiso.

Kungokunje iJiputa iyaphithizela,

ityibilika emhlanzweni njengenxila.

15Kulo lonke ke elaseJiputa,

kwizityebi ngokunjalo nakumahlwempu,

abo baziwayo nabangazelwe nto,

akukho namnye ungalivezayo icebo.

IJiputa iya kunqula uNdikhoyo

16Ngaloo mihla ke amaJiputa aya kuba ngamatyutyusi amagwala. Aya kuphakuzela oyike akuqonda ukuba isandla *sikaNdikhoyo uSomandla-onke sijinga phezu kwawo. 17AmaJiputa aya kurhwaqeliswa nakukukhankanywa oku kukaJuda; kuwo kosuka kuthi qatha isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.

18Ngelo xesha ke kwisihlanu sezixeko zaseJiputa kobe kuthethwa ulwimi lwabemi baseKanana. Futhi xa bathethayo baya kufunga uNdikhoyo uSomandla-onke. Esinye sezixeko zakhona kothiwa sisiXeko seNtshabalalo.

19Ngelo thuba ke eJiputa kuya kubakho iqonga likaNdikhoyo, kananjalo kubekho nentsika yelitye enikezelwe kuye phaya emdeni weJiputa.

20Ezo zinto ke ziya kuba yimiqondiso yobukho bukaNdikhoyo uSomandla-onke apho eJiputa. Bothi ke abantu bakhona, xa bephantsi kwengcinezelo baze bakhale kuNdikhoyo, yena abathumele umhlanguli nomkhuseli wokubasindisa. 21UNdikhoyo uya kuzityhila kumaJiputa, atsho amazi. Aya kumnqula ngamadini atshiswayo nangawokutya. Amadinga amenzele wona aya kuwafezekisa. 22UNdikhoyo uya kuwohlwaya ngezibetho amaJiputa, kambe ke wobuya aphozise. Aya kuthi akubhenela kuye amaJiputa, uNdikhoyo asabele awanyange.

23Ke kaloku kuya kubakho uhola wendlela esuka eJiputa iye kungena eAsiriya. Aye ke ama-Asiriya namaJiputa aya kuhambelana, futhi anqule kunye. 24Ke ngelo thuba yena uSirayeli uya kuba kumgangatho omnye neJiputa neAsiriya, zizozithathu ezi zizwe zibe yintsikelelo ehlabathini. 25Kaloku uNdikhoyo uSomandla-onke uya kuzithamsanqela, athi:

“Nithamsanqelekile, bantu bam maJiputa!

Nani msebenzi wezandla zam, ma-Asiriya, ndiyanithamsanqela!

Nditsho nakuni, lifa lam elingamaSirayeli,

ndithi nisikelelekile!”

UISAYA 20

Umqondiso ngomshumayeli ohamba ze

1Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi waseAsiriya yagunyaziswa nguSargon ukumkani wakhona, yaza yahlasela isixeko samaFilistiya iAshdode, yasithimba. 2Ngelo xesha *uNdikhoyo wayalela uIsaya unyana ka-Amozi, wathi: “Zikhulule iimpahla ozinxibileyo zokuzila, ndawonye neembadada zakho.” Ngokwenene ke wawuthobela loo myalelo, waza wahamba ze.

3Waza ke uNdikhoyo wathi: “Kakade isicaka sam uIsaya besisoloko sijikeleza sizé, singenazo nambadada, yonke le minyaka mithathu. Lowo ke ngumqondiso wento eya kwehlela iJiputa neKushe. 4Ukumkani waseAsiriya uya kubanxula bezé abathinjwa ababambe kwezo zizwe zozibini. Ewe, abadala nabanci baya kubhadaza ngeenyawo, bambethe ingubo yesele – nto leyo iya kuzisela iJiputa ishwangusha. 5Abo bathembele ngeKushe nabo baqhayisa ngeJiputa baya kuphoxeka badideke. 6Ngelo thuba ke abemi bommandla wonxweme lwaseFilistiya baya kuthi: ‘Niyayibona ke into eyehlele aba bantu besithembe ukukhuselwa ngabo kukumkani waseAsiriya! Kodwa kodwa siya kusinda njani?’ ”

IINDUMISO 144

Ukumkani ubulela uThixo ngenxa yoloyiso

Umhobe kaDavide.

1Makabongwe *uNdikhoyo ondikhuselayo,

yena ondiqeqeshela idabi,

andenze ndiyiqulele imfazwe.

2Yena ulixhadi nenqaba yam,

umqolomba nomhlanguli wam,

umkhuseli endincathama ngaye.

Izizwe uzifaka phantsi kwam.

3Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntu

le nto ude uzidube ngaye?

Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?

4Umntu ufana nqwa nomphunga,

imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.

5Wakuwashukumisa amazulu, Ndikhoyo,

suka akhahleleke phantsi.

Wakuzichukumisa iintaba zithuquza umsi.

6Lekuza ngemibane, ubasarhaze;

binza ngeentolo batsho baduba-dubeke.

7Yolula isandla sakho kweliphezulu,

undonyule ndiphume kulo mgxobhozo.

Ndihlangule esandleni seentlanga

8ezimilomo impompoza ubuxoki,

ezifunga ubuqhophololo.

9Thixo wam, ndiya kukudumisa ngengoma entsha;

ndiya kukuculela ngekatala.

10Ngumavathis' ookumkani ngoloyiso,

umhlanguli kaDavide isicaka sakhe.

Ndisindise kwikrele lezikhohlakali;

11ndihlangule esandleni seentlanga

ezimilomo impompoza ubuxoki,

ezifunga ubuqhophololo.

12Oonyana bethu ebutsheni babo

banga banganjengezityalo eziyokozelayo;

iintombi zethu zibe njengamatye akroliweyo

alungiselelwe ukuvathisa ibhotwe.

13Akwaba bangaphuphuma oovimba bethu,

bazale ziintlobo ngeentlobo zesivuno.

Akwaba zingazala amawaka iigusha zethu,

zande ngamawaka aphindwe kalishumi emaphandleni.

14Ngamana zathatha iimazi zethu zeenkomo;

zingemi ngenxa yokuphunza.

Ngamana akungebikho zimbonono ezitalatweni zethu;

ewe, singaphithizeliswa kukuthinjwa.

15Hayi uyolo lwabantu abayixhamlayo le ntsikelelo!

Sinenyhweba kambe isizwe esiThixo waso unguNdikhoyo!

IINDUMISO 144XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-