Bible Society of South Africa

To The Word – Day 88

Luke 13–18

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 13

Guqukani hleze nife

1Kwangelo xesha ke kwabakho abathile abâmxeleláyo uYesu ngamaGalili, awathi esenzela uThixo amadini, abulawa nguPilato. 2Waphendula uYesu wathi kubo: “Niba loo maGalili ebengabôni ngaphezulu kwawo onke amanye amaGalili, kuba evé ubunzima obunjalo? 3Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke. 4Khanitsho ke, bona abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowa bafa, niba babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu baseJerusalem? 5Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”

Umzekeliso ngomkhiwane ongathwali siqhamo

6UYesu ke wabenzela lo mzekeliso: “Ubani wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe, weza efuna isiqhamo kuwo, waza akafumana nto. 7Wathi ke kosebenza esidiliyeni: ‘Uyabona, ndiminyaka mithathu ndisiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto. Wugawule! Yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba lo?’ 8Waphendula yena wathi kuye: ‘Nkosi, khawuwuyeke nakulo mnyaka, ndikhe ndimbe ndiwujikeleze, ndigalele umgquba. 9Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, woseluwuyeka; kodwa ukuba akubanga njalo, wogawulwa.’ ”

Ukuphiliswa komfazi ongumlwelwe ngoMhla woPhumlo

10Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile. 11Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. 12Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.” 13Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.

14Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”

15Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza? 16Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?” 17Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.

Umzekeliso ngokhozo lwemostade

(Mat 13:31-32; Marko 4:30-32)

18Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na? 19Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”

Umzekeliso ngegwele

(Mat 13:33)

20UYesu waphinda wathi: “Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na ulawulo lukaThixo? 21Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”

Isango elimxinwa

(Mat 7:13-14,21-23)

22UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem. 23Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”

UYesu ke wathi kubo: 24“Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako.

25“Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’ 26Ke ngoko nina nothi: ‘Kaloku sikhe satya, sasela, ukho nawe; nawe wafundisa ezitalatweni zethu.’ 27Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’ 28Khona apho niya kulila ningcungcutheke, xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abashumayeli bamandulo bexhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo, nibe nina nikhutshelwe ngaphandle. 29Abantu bofika bevela empumalanga nasentshonalanga, bevela ngasentla nangasezantsi, babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. 30Niyabona ke, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, bekho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.”

UYesu ubuhlungu ngeJerusalem

(Mat 23:37-39)

31Kwangelo xesha kwafika abaFarasi abathile, bathi kuYesu: “Phuma umke apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.”

32Wathi kubo: “Yiyani nithi kuloo mpungutye: ‘Uyabona, ndikhupha iindimoni, ndiphilise, namhlanje nangomso, ndithi ngowesithathu umhla ndigqibe.’ 33Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangomsomnye, kuba umshumayeli akangekhe abulawe kwenye indawo ngaphandle kwaseJerusalem.

34“Jerusalem, Jerusalem, wena ubabulalayo abashumayeli, ubakhande ngamatye abo bathunywa kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza wena awavuma. 35Niyabona, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. Inene, aniyi kuba sandibona de kufike ixesha eniya kuthi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’

ULUKA 14

UYesu uphilisa isigulana

1*NgoMhla othile wokuPhumla uYesu waya kutya kumzi *womFarasi owayeyinkokheli. Bahlala ke bemlalele. 2Kwabonakala kukho ndoda ithile phambi kwakhe, inesifo somlambo. 3Waza ke uYesu wabuza kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngoMhla woPhumlo?”

4Bathi cwaka ke bona. Wayithatha ke indoda leyo, wayiphilisa, wayindulula, 5wathi kubo: “Ngaba ngubani na kuni ongayi kuthi, yakweyela equleni inkwenkwe yakhe okanye inkomo yakhe, angayikhuphi kwangoko, nokuba kungoMhla wokuPhumla?”

6Bakhohlwa kukumphendula kwezo zinto.

UYesu ucebisa omenywayo nomemayo

7Akuyibona indlela abamenyiweyo abazisukela ngayo izihlalo eziphambili, uYesu uthethe umzekeliso kubo, esithi: 8“Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngumntu, uze ungayi kuhlala kwesona sihlalo siphambili, hleze kuthi kanti ohloniphekileyo kunawe naye umenyiwe, 9eze ke lowo unimemileyo aze athi kuwe: ‘Khawudedele lo mntu.’ Ke wena uya kunyoshoza, uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni. 10Ke ngoko, xa uthe wamenywa, uze uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni, ze kuthi akufika lowo ukumemileyo, athi kuwe: ‘Sihlobo, nyukela ngasentla.’ Wothi ke uhlonelwe ngabo bonke abo unabo emsithweni; 11kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

12UYesu ke wabhekisa kulowo wayemmemile, wathi: “Xa ubizela abantu esidlweni, uze ungamemi zihlobo zakho, nabantakwenu, nazizalwane zakho, nabamelwane bakho abazizityebi, hleze nabo baphinde bakumeme, kuze oko kube yimbuyekezo kuwe. 13Yithi xa wena unesidlo, umeme amahlwempu, iziqhwala, izilima, neemfama. 14Wosikeleleka ke, kuba àbanako ukuphinda bakumeme bona – wena wobuyekezwa ekuvukeni kwamalungisa.”

Umzekeliso ngesidlo esikhulu

(Mat 22:1-10)

15Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babesemsithweni kunye noYesu, wathi kuye: “Unoyolo lowo uxhamla ubuncwane esidlweni solawulo lukaThixo.”

16Waza ke yena wathi kuye: “Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi. 17Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe. 18Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’ 19Omnye wathi: ‘Ndithenge iinkabi ezilishumi. Ndisaya kuziva. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’ 20Nomnye wathi: ‘Ndisand' ukutshata. Ngenxa yoko andinakuza.’ 21Ke isicaka eso sibuyele enkosini yaso, sayixelela ezo zinto. Waza waqumba umnini-ndlu, wathi kwisicaka sakhe: ‘Khawuleza uye ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala.’ 22Saza isicaka sathi: ‘Nkosi, kwenzeké njengoko uyalele, kanti indawo isekho.’ 23Yathi inkosi kwisicaka eso: ‘Phuma uye ezindleleni, nasezindledlaneni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale. 24Inene, akukho namnye kuloo madoda abemenyiwe iya kusiva isidlo sam.’ ”

Ukulandela uYesu nokuzincama

(Mat 10:37-38)

25Kwakukho isihlwele sihamba noYesu, waza wajika wathi kuso: 26“Ukuba ubani uza kum, angancami uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabantakwabo, noodade wabo, ewe, kwanobakhe ubomi obu, akanakuba ngumfundi wam. 27Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

28“Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? 29Kungenjalo, kunokuthi selesenzile isiseko, angabi nako ukugqiba, baze bonke ababonelayo bahlekise ngaye, 30besithi: ‘Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa kukugqiba.’

31“Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena? 32Ukuba ke akanako, uthi esekude omnye ukumkani, athumele izigidimi, acele imiqathango yoxolo. 33Ngokukwanjalo ke, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke izinto anazo, akanakuba ngumfundi wam.”

Ityiwa engenasongo

(Mat 5:13; Marko 9:50)

34“Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo? 35Ayiwulungelanga umhlaba, ingawulungelanga nomgquba. Iyalahlwa. Oneendlebe zokuva makeve.”

ULUKA 15

Umzekeliso ngegusha eyayilahlekile

(Mat 18:12-14)

1Ke kaloku into eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni yasondela kuYesu, yamngqonga ukuba imphulaphule. 2*AbaFarasi nabachazi-mthetho babekhalaza, besithi: “Lo mfo uthene nca naboni; utya nabo.”

3Waza ke uYesu wenza umzekeliso wathi: 4“Nguwuphi na kuni onokuthi enekhulu leegusha, kuze kulahleke enye kuzo, angazishiyi endle ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo, ade ayifumane? 5Hayi ukuvuya kwakhe ke akuba eyifumene! Woyithwala emagxeni, 6athi akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo: ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’ 7Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.”

Umzekeliso ngemali eyayilahlekile

8“Kananjalo nguwuphi na umfazi onokuthi eneenkozo zemali ezilishumi, kuze kulahleke lube lunye kuzo, angalumeki isibane, atshayele indlu, afunisise enyamekile, ade alufumane? 9Akulufumana ke, ubabizela ndawonye abahlobo nabamelwane, athi: ‘Vuyisanani nam; ndilufumene ukhozo lwemali obelulahlekile.’ 10Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.”

Umzekeliso ngomntu noonyana bakhe ababini

11Waqhuba uYesu wathi: “Umntu othile wayenoonyana ababini. 12Yathi ke inci kuyise: ‘Bawo, ndinike isabelo sempahla elilungelo lam.’ Wababela ke impahla leyo. 13Kwathi, kungekabi ntsuku zingaphi, inci yathatha konke okwayo, yemka kwelakowayo, yaya ezweni elikude, yaza yathi khona apho yayichitha impahla yayo ngokungakhathali. 14Kwathi yakuba iyichithe yonke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, yaza yaswela nayo. 15Ke yona yaya kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu. 16Ke ibinqwenela ukutya amaxolo awayetyiwa ziihagu ezo, kodwa kwakungekho mntu uyiphayo. 17Ke kaloku, yakubuyela ezingqondweni, yathi: ‘Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abahlutha sisonka, kanti ndim lo mna ndisifa yindlala! 18Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye: Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. 19Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho, ndénze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho.’ 20Yesuka ke, yaya kuyise.

“Ke kaloku kwathi, isekude lee, uyise wayibona, wavelana nayo, wayikhawulela, wayigona, wayanga. 21Ke unyana wathi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’ 22Kodwa uyise wathi kwizicaka zakhe: ‘Khawulezisani, nize nesona sambatho sihle, nimambathise, nifake umsesane emnweni wakhe, nezihlangu ezinyaweni zakhe. 23Ze ke nize nelaa thole lityetyisiweyo, nilixhele, sitye sichwayite; 24kuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.’ Baza ke bona bachwayita.

25“Ke yona inkulu yayivela emasimini, kwathi yakusondela endlwini, yeva iingoma nokududa. 26Yabizela kuyo esinye kwizicaka, yasibuza ukuba kwenzeka ntoni na. 27Isicaka sathi kuyo: ‘Umninawe wakho ubuyile. Ke uyihlo uxhele elaa thole lityetyisiweyo, kuba ebuye wamzuza ephilile.’ 28Yaqumba inkulu, ayavuma nokungena oku, waza uyise waphuma wacengana nayo. 29Kodwa yona imphendule uyise yathi: ‘Khangela, ndikukhonze le minyaka ingakanana, ndingazange ndagqitha namnye umthetho wakho, kanti akuzange undinike netakane eli, ukuze ndichwayite nezam izihlobo. 30Kodwa akufika lo nyana wakho, lo wayidlayo wayigqiba impahla yakho namahenyukazi, usuke wamxhelela elaa thole lityetyisiweyo.’ 31Ke uyise wathi kuyo: ‘Nyana wam, wena uhleli unam, zaye zonke izinto zam zezakho. 32Kufanelekile ukuba sichwayite sigcobe, kuba umninawa wakho lo ebefile wabuya waphila, ebelahlekile wafunyanwa.’ ”

ULUKA 16

Umzekeliso ngegosa

1Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso. 2Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’ 3Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni! 4O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’

5“Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’ 6Wathi yena: ‘Likhulu leengqayi zeoyile yomnquma.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ukhawuleze uhlale phantsi, ubhale amashumi amahlanu.’ 7Emva koko lathi komnye: ‘Wena ke unatyala lingakanani?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengxowa zengqolowa.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ubhale amashumi asibhozo.’

8“Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.”

9Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade. 10Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu. 11Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka kubutyebi beli phakade, ngubani na onokunithemba kobo butyebi bububo? 12Ukuba anibanga nakuthembeka kokukokomnye, ngubani na onokuninika okukokwenu?

13“Akukho sicaka sinokukhonza iinkosi ezimbini, kuba siya kuyithiya le, siyithande leya, okanye sibambelele kule, siyidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.”

Umthetho kaMosis nolawulo lukaThixo

(Mat 11:12-13; 5:31-32; Marko 10:11-12)

14Ke *nabaFarasi, amathanda-mali, bamvile uYesu ekuthetha konke oku, baza bamnximzela; 15waza wathi kubo: “Nina ningabazenza amalungisa phambi kwabantu, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Ke oko kuxatyisiweyo ngabantu kulizothe kuThixo.

16“Kwakulawula *umthetho kaMosis nezibhalo *zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana. 17Kulula ukuba lidlule izulu nehlabathi kunokuba kucinywe nechaphazana eli lomthetho.

18“Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka umfazi owalene nendoda yakhe, uyakrexeza.”

Umzekeliso ngesityebi noLazaro

19“Kwakukho sityebi sithile, esasivatha ezimbeje-mbeje, sisitya oozimuncu-muncu yonke imihla. 20Esangweni laso kwakudla ngokusiwa hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalizele zizilonda, 21lisoloko linqwenela ukutya nokuba yimvuthuluka ewa etafileni yesityebi eso. Bezisiza izinja, zikhothe izilonda zalo.

22“Ke kaloku lafa ihlwempu elo, lasiwa kuAbraham zizithunywa zezulu. Safa ke nesityebi, sangcwatywa. 23Sathi, sikwelabafileyo, saphakamisa amehlo aso sisentuthumbeni, sambona uAbraham ekude, uLazaro enaye. 24Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’

25“Kodwa uAbraham wathi: ‘Nyana, khumbula ukuba wena ebomini bakho wawufumana izinto ezimnandi, uLazaro yena efumana ezimbi; ngoku yena uyathuthuzelwa apha, kanti wena uyathuthunjelwa. 26Kodwa ke, ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze abathanda ukuwela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako, nokuthi abalapho kuni bangabi nakuwelela kuthi.’ 27Sathi ke isityebi: ‘Ndiyakubongoza ke ngoko, bawo, ukuba umthume emzini kabawo, 28kuba ndinabantakwethu abahlanu. Makabaqononondise ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.’

29“Kodwa uAbraham wathi kuso: ‘*Banomthetho kaMosis neencwadi *zabashumayeli bamandulo; mabeve zona.’ 30Sathi ke sona: ‘Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.’ 31Wathi kuso: ‘Ukuba bathe ababeva ooMosis nabashumayeli, abayi koyiseka nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.’ ”

ULUKA 17

Ukukhubekisa nokuxolela

(Mat 18:6-7,21-22; Marko 9:42)

1UYesu wathi kubafundi bakhe: “Azinakungehli izinto ezibakhubekisayo abantu; kodwa hayi ilishwa laloo mntu kuza ngaye ukukhubekisa! 2Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle. 3Zilumkeleni.

“Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. 4Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”

Ukuzinikela

5*Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”

6Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”

Okulindeleke kwisicaka

7“Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’? 8Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’ 9Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho? 10Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”

UYesu uhlambulula abalishumi abaneqhenqa

11Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili. 12Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama. 13Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”

14Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”

Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa. 15Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo; 16yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya. 17Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba? 18Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?” 19Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”

Ukuthwasa kolawulo olutsha lukaThixo

(Mat 24:23-28,37-41)

20Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo. 21Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile.

22Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni. 23Baya kuthi kuni: ‘Nankuya phaya! Nanku apha!’ Ze ningayi ke, ningabalandeli nokubalandela; 24kuba kwanjengokuba umbane usithi menye ucanda isibhakabhaka, woba njalo ngomhla wakhe uNyana woLuntu. 25Kodwa kuqala uNyana woLuntu umelwe kukuva ubunzima obukhulu, alahlwe sesi sizukulwana. 26Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ngemihla yakhe uNyana woLuntu. 27Babesidla, besela, bezeka, besendisa, kwada kwangumhla wokungena kukaNowa enqanaweni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke. 28Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe. Babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha; 29kodwa ngemini awaphuma ngayo uLothe eSodom, kwawa umlilo nesalfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. 30Kuya kuba njalo kanye ngemini yokubonakala kwakhe uNyana woLuntu.

31“Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo. 32Khumbulani ngomka-Lothe! 33Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza. 34Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. 35Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [ 36Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]”

37Ke abafundi baphendula bathi kuYesu: “Phi na, Nkosi?”

Yaza ke yathi kubo: “Apho sikhoyo isidumbu kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”

ULUKA 18

Umzekeliso ngomhlolokazi nomgwebi ongenabulungisa

1UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi, 2wathi: “Kwidolophu ethile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu. 3Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’ 4Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu, 5noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ”

6Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa. 7Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda? 8Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?”

Umzekeliso ngomFarasi nomqokeleli-rhafu

9Ke kaloku uYesu uthethe lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuzicingela ukuba bangamalungisa, bebadelile abanye: 10“Amadoda amabini enyuka aya *endlwini kaThixo, esiya kuthandaza. Enye *yayingumFarasi, enye ingumqokeleli-rhafu.

11“Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu. 12Ndizila ukutya kabini ngeveki. Ndinikela ngesishumi sako konke endikuzuzayo.’

13“Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’ 14Inene, wagoduka umqokeleli-rhafu lowo elilungisa kuThixo kunomFarasi lowo; kuba kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

UYesu usikelela abantwana

(Mat 19:13-15; Marko 10:13-16)

15Abantu babesiza neentsana zabo kuYesu ukuze azibeke izandla. Beyibonile loo nto, abafundi babakhalimela. 16Ke yena uYesu wazibizela kuye iintsana, esithi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo. 17Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”

Umfana osisityebi

(Mat 19:16-30; Marko 10:17-31)

18Umphathi othile wabuza kuYesu esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

19UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo. 20Uyayazi imithetho ethi uze ungakrexezi; uze ungabulali; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; beka uyihlo nonyoko.

21Ke yena wathi: “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.”

22Ekuvile oko uYesu, wathi kuye: “Kusekho into enye oyisweleyo: zithengise zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum, ube ngumlandeli wam.” 23Ezivile ezo ndawo, wadana, kuba wayesisinhanha.

24UYesu, ekubona ukudana kwakhe, wathi: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo. 25Kungâlula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

26Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”

27Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”

28Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo, 30ongayi kuthi ngoku ngalo eli xesha amkele ngokuphinda-phindiweyo, aze kwiphakade elizayo amkele ubomi obungunaphakade.”

UYesu uthetha okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe

(Mat 20:17-19; Marko 10:32-34)

31Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka. 32UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe. 33Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”

34Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo.

UYesu uphilisa imfama yaseJeriko

(Mat 20:29-34; Marko 10:46-52)

35Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. 36Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.

37Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.”

38Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

39Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

40Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: 41“Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”

Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.”

42Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” 43Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-