Bible Society of South Africa

To The Word – Day 87

Luke 7–12

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 7

Ukuphiliswa kwesicaka somphathi-butho

(Mat 8:5-13)

1Akuba uYesu egqibile ukuwathetha la mazwi ephulaphulwe ngabantu, waya kungena eKapernahum. 2Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa. 3Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe. 4Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu, 5kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”

6UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam. 7Mna ngokwam andifanelanga ukuba ndize kuwe. Thetha nje ilizwi: sophila isicaka sam. 8Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”

9Ezivile uYesu ezi zinto, wamangaliswa, wajika wathi kwindimbane eyayimlandela: “Ndithi kuni, nkqu nakwaSirayeli andifumananga lukholo lungaka.”

10Kwathi ke bakubuyela endlwini abo babethunyiwe, basifumana isicaka siphilile.

UYesu uvusa unyana womhlolokazi eNayin

11Emva koko uYesu waya edolophini ekuthiwa yiNayin, ekunye neqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu. 12Ke kaloku, akusondela esangweni ledolophu leyo, nako kuthwalelwa phandle umntu ofileyo. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi. Loo mhlolokazi wayephelekwe yindimbane enkulu yasedolophini apho. 13Ithe ke iNkosi, yakumbona, yavelana naye, yathi kuye: “Sukulila.” 14Yasondela iNkosi, yawachukumisa amanqwanqwa ababemthwele ngawo umfi, baza bema ababemthwele. Yathi: “Mfanandini, vuka!” 15Wavuka wathi qwa umfi lowo, waza wathetha. INkosi ke yamnikela kunina.

16Bonke ke bangenwa luloyiko, bamdumisa uThixo, besithi: “Kuvele *umshumayeli omkhulu phakathi kwethu;” batsho besithi: “UThixo ubavelele abantu bakhe.”

17Ke ezi ndaba zingaye uYesu zavakala kulo lonke elakwaJuda, nakuwo wonke loo mmandla.

UYohane umbhaptizi uthumela abafundi ababini kuYesu

(Mat 11:2-19)

18Abafundi bakaYohane bambalisela zonke ezi zinto. UYohane ke, ebize babini kubafundi bakhe, 19wabathuma ukuba babuze kwiNkosi bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”

20Efikile ke kuYesu, amadoda lawo athi: “UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi: ‘Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?’ ”

21Ke kaloku, kwangelo xesha, uYesu wayephilisa abaninzi kwizifo zabo, nakwizibetho zabo, nakwiindimoni, waza neemfama ezininzi wazinika ukubona. 22Waphendula ke uYesu wathi kuwo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi. 23Unoyolo ke othe akakhutyekiswa ndim!”

24Bakuba bemkile abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanya-zanyiswa ngumoya? 25Naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo banxiba izivatho eziqaqambileyo, badle amanqatha elizwe, ngabasezindlwini zookumkani. 26Ngaba naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumshumayeli na? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena *ungumshumayeli ngokupheleleyo. 27UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi:

“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,

sikugabulele izigcawu.’

28“Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”

29Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. 30Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.

31UYesu yena wayesithi: “Ndingabafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? 32Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:

“ ‘Sanombelela, naza anaxhentsa;

sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’

33“Kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, naza nina nathi: ‘Unendimoni.’ 34Ufikile ke yena *uNyana woLuntu, esidla, esela; naza nina nathi: ‘Khanibone, nanku umntu onyolukileyo, oyindlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu *naboni!’ 35Kambe ke ubulumko bukaThixo bubonakaliswa buyinyaniso kubo bonke ababamkeleyo.”

Ukuxolelwa komfazi owayengumoni

36*UmFarasi othile wamema uYesu ukuba aye kutya kwakhe. UYesu ke wangena endlwini yomFarasi lowo, waya kuhlala etafileni. 37Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. 38Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. 39Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”

40Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”

Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”

41Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu. 42Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”

43Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”

Wathi kuye: “Uchane ucwethe!” 44Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe. 45Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam. 46Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. 47Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”

48UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”

49Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?”

50UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”

ULUKA 8

Abafazi ababelungiselela uYesu

1Kwathi emva koko uYesu watyhutyha iidolophu ngeedolophu neelali ngeelali, evakalisa eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo. Wayehamba nabafundi bakhe abalishumi elinambini. 2Kwakukho nabafazi abathile ababephiliswe kwiindimoni nasebulwelweni. YayinguMariya ekuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iindimoni ezisixhenxe, 3noYohana, umka-Kuza, igosa likaHerode, noSusana, kwanabanye abaninzi. Bona babelungiselela uYesu nabafundi bakhe.

Umzekeliso ngomhlwayeli

(Mat 13:1-9; Marko 4:1-9)

4Ke kaloku, kwakuba kuhlanganisene isihlwele esikhulu, kusuke abantu beelali ngeelali beza kuye, uYesu wathetha nabo ngomzekeliso, esithi: 5“Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba. 6Yimbi yawa elulwalweni, yathi isantshula yatsha ngenxa yokuba umhlaba ubungafumanga. 7Yimbi yawa phakathi kokhula, lwasuka ukhula lwakhula kunye nayo, lwayiminxa. 8Yimbi yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yathwala isiqhamo ngokuphindwe kalikhulu.”

Etshilo ke wadanduluka esithi: “Oneendlebe zokuva makeve!”

Injongo yemizekeliso

(Mat 13:10-17; Marko 4:10-12)

9Ke abafundi bakaYesu bambuza besithi: “Ngaba uthetha ntoni na lo mzekeliso?”

10Wathi ke yena: “Nikuphiwe nina okokuba nizazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje, ukuze, njengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:

“ ‘Bebona nje, bangaboni;

besiva nje, bangaqondi.’

Ingcaciso yomzekeliso

(Mat 13:18-23; Marko 4:13-20)

11“Ke kaloku lo mzekeliso uchazwa kanje: Imbewu le lilizwi likaThixo. 12Abo bangasendleleni ngabo bevayo, aze eze umtyholi alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa basindiswe. 13Abo ke baselulwalweni ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele ngovuyo, kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, kuba bakholwa okomzuzwana, ze bathi bakuhendwa, balahle. 14Leyo yawayo elukhuleni, ngabo bathi bevile baminxwe ekuhambeni kwabo ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baze bangavelisi ziqhamo. 15Ke leyo isemhlabeni omhle ngabo bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bathwale iziqhamo benomonde.”

Umzekeliso ngesibane

(Marko 4:21-25)

16“Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe. 17Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele, yaziwe.

18“Ze nive kakuhle ke; kuba lowo unolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto aba unayo.”

Ezona zizalwana zikaYesu

(Mat 12:46-50; Marko 3:31-35)

19Ke kaloku abantakwabo nonina kaYesu bafika, kodwa àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele. 20Waxelelwa ke kusithiwa: “Nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, befuna ukukubona.”

21Waphendula yena wathi kubo: “Umama nabantakwethu ngâbo bathi bakuliva ilizwi likaThixo balenze.”

UYesu uzolisa isaqhwithi

(Mat 8:23-27; Marko 4:35-41)

22Kwathi ngamhla uthile uYesu waya kukhwela esikhitshaneni kuLwandle lwaseGalili. Babekho nabafundi bakhe, waza wathi kubo: “Masiwele siye ngaphesheya.” Banduluka ke.

23Ekuhambeni kwabo uYesu walala ubuthongo. Kwavuka isaqhwithi elwandle, isikhitshana sazala ngamanzi, baba sengozini. 24Baza abafundi bamvusa uYesu, besithi: “Mhlekazi, safa!”

Wavuka ke uYesu, wawukhalimela umoya namaza alatyuzayo. Wadamba umoya, amaza ayeka ukulatyuza, kwabakho ukuzola. 25Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?”

Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!”

Ukuphiliswa komGergesa oneendimoni

(Mat 8:28-34; Marko 5:1-20)

26Ke kaloku bahamba ngesikhitshana, baya ezweni lamaGergesa, elikhangelene nelaseGalili. 27Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni. 28Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.” 29Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.

30UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”

Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi. 31Iindimoni ezi zazimbongoza uYesu ukuba angazigxotheli enzonzobileni.

32Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho entabeni, zaza zambongoza ukuba azivumele ziye kungena kuwo. Wazivumela. 33Zaphuma ke iindimoni endodeni leyo, zangena ezihagwini, waza umhlambi lowo waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.

34Bakukubona okwenzekileyo, abo babezalusa ezi hagu babaleka, baya kukuxela edolophini nasemaphandleni okuhlileyo. 35Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto yenzekileyo. Bafika kuYesu, bayifumana loo ndoda wayekhuphe kuyo iindimoni ihleli phantsi ngakuYesu, inxibile, inengqondo; baza ke boyika. 36Abo babekubonile okwenzekileyo babaxelela ngendlela yokuphiliswa kwendoda eyayiphethwe ziindimoni. 37Yaza yonke loo nkitha yommandla wamaGergesa yambongoza uYesu ukuba emke khona, kuba babesoyika kakhulu. UYesu ke waya kungena esikhitshaneni, wemka.

38Ke kaloku indoda leyo zazikhutshwe kuyo iindimoni yayimbongoza uYesu, ifuna ukuhamba naye, kodwa uYesu wayindulula, esithi: 39“Goduka, uyibalise into oyenzelwe nguThixo.” Yemka ke, yahamba iyibalisa kuyo yonke idolophu loo nto iyenzelwe nguYesu.

Ukuphiliswa kwentombi kaJayiro nomfazi owachukumisa uYesu

(Mat 9:18-26; Marko 5:21-43)

40Kwathi akubuya uYesu, izihlwele zamamkela, kuba bonke babemlindile. 41Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo, 42kuba yayigulelwa yintombi yayo iqhawuka. Le yayikukuphela kwentombi yayo, iminyaka ngathi ilishumi elinambini izelwe.

Ke kaloku ekuyeni kukaYesu apho, izihlwele zazimxinile. 43Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini, engenakuphiliswa bani, 44usondele ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sakhe, lanqamka kwangoko igazi.

45UYesu wathi: “Ngubani lo undichukumisileyo?”

Bakungazi ke bonke, uPetros wathi: “Mhlekazi, isihlwele sikungqongile, sikuxinile.”

46Kodwa uYesu wathi: “Ukho ondichukumisileyo, kuba ndiyaqonda ukuba akho amandla aphumileyo kum.”

47Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu. 48UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”

49Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.” 50Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.” 51UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo. 52Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.”

53Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile. 54Ke yena wayibamba ngesandla, wayibiza esithi: “Ntombazana, vuka!”

55Wabuya umoya wayo, yaphakama kwangoko; waza wayalela ukuba inikwe ukutya. 56Bamangaliseka abazali bayo, waza wabayala ukuba bangayixeleli mntu loo nto yenzekileyo.

ULUKA 9

Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini

(Mat 10:5-15; Marko 6:7-13)

1Ke kaloku uYesu ubabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika amandla negunya lokoyisa zonke iindimoni, nokuphilisa izifo. 2Wabathuma ukuba bashumayele bavakalise ulawulo lukaThixo, baphilise nemilwelwe. 3Wathi kubo: “Ze ningaphathi nto yandlela: nokuba ngumsimelelo, nokuba yingxowa, nokuba sisonka, nokuba yimali. Ningaphathi zambatho ngazibini. 4Nasemzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. 5Apho sukuba benganamkeli, manithi ekuphumeni kwenu kuloo dolophu, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”

6Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.

UHerode unexhala

(Mat 14:1-12; Marko 6:14-29)

7UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;” 8kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”

9UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.

UYesu wandisa ukutya

(Mat 14:13-21; Marko 6:30-44; Yoh 6:1-14)

10Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida. 11Sithe isihlwele, sikwazile oko, samlandela; waza uYesu wasamkela, wathetha naso ngolawulo lukaThixo, ephilisa abo baswele impilo.

12Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke, baye ezidolophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.”

13Ke yena wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.”

Bathi bona: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela. Asinakubatyisa ngaphandle kokuba siye kubathengela ukutya bonke aba bantu.” 14(Kwakukho amadoda akumawaka amahlanu.)

Wathi kubafundi bakhe: “Bahlaliseni babe ngamaqela ngamaqela, iqela ngalinye libe ngamashumi amahlanu.”

15Benjenjalo ke, babahlalisa phantsi bonke. 16Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele. 17Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.

UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu

(Mat 16:13-19; Marko 8:27-29)

18Kwathi uYesu ethandaza bucala enabafundi bakhe, wababuza esithi: “Ngaba izihlwele ezi zithi ndingubani?”

19Baphendula bona bathi: “Kuthiwa unguYohane umbhaptizi. Abanye bathi unguEliya. Kanti abanye bathi kubuye kwavuka mshumayeli uthile wamandulo.”

20Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”

Waphendula uPetros wathi: “Unguye *uKrestu kaThixo.”

21UYesu wabayala ngqongqo ukuba le nto bangayithethi mntwini.

UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe

(Mat 16:20-28; Marko 8:30 – 9:1)

22Waza wathi uYesu: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”

23UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele; 24kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. 25Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe? 26Kuba othe waneentloni ngam, nangamazwi am, naye uNyana woLuntu woba neentloni ngaye, xa eza esewongeni lakhe nelikaYise nelezithunywa ezingcwele. 27Inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade balubone ulawulo olutsha lukaThixo.”

UYesu wenziwa kumila kumbi

(Mat 17:1-8; Marko 9:2-8)

28Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza. 29Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela. 30Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye. 31Babebengezela, baza bancokola naye ngokunduluka kwakhe okwakumele ukuba seJerusalem. 32Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye. 33Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.)

34Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis. 35Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”

36Lakutsho ke elo lizwi, uYesu bambona seleyedwa. Abafundi bazigcina ezo zinto babezibonile, àbaxelela mntu ngazo ngaloo mihla.

Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana

(Mat 17:14-18; Marko 9:14-27)

37Ke kaloku ngomhla olandelayo, xa babehlile entabeni, uYesu wahlangatyezwa sisihlwele. 38Kwavela indoda esihlweleni apho, ikhwaza isithi: “Mfundisi, ndiyakubongoza, khawundincede ngonyana wam okuphela kwakhe. 39Ùsuka ahlaselwe yindimoni, atsho ngesikhalo, aquleke, alephuze amagwebu. Uphatheka kakubi yile ndimoni, kube nzima ukwahlukana nayo. 40Ndibabongozile abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa boyiswa.”

41Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingakholwayo, esigwenxa, koda kube nini na ndinani, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.”

42Eseza ke, indimoni isuke yamhlasela watsho waxhuzula. Wayikhalimela indimoni uYesu, waphila umntwana, wambuyisela kuyise. 43Batsho bamangaliswa ke bonke kukusebenza kwamandla kaThixo.

UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe

(Mat 17:22-23; Marko 9:30-32)

Ke bonke babemangalisiwe zizinto zonke awayezenza uYesu; waza wathi kubafundi bakhe: 44“Waphulaphuleni kakuhle la mazwi: *uNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu.” 45Kodwa bona babengaliqondi eli lizwi – lalifihlakele kubo. Babesoyika nokumbuza ngalo.

Oyena mkhulu

(Mat 18:1-5; Marko 9:33-37)

46Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo. 47UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye, 48wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”

Ongachasananga nathi ungakuthi

(Marko 9:38-40)

49Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.”

50Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.”

Ukungamkelwa kukaYesu ngamaSamariya

51Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem. 52Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele; 53kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem. 54Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”

55Wathi guququ, wabakhalimela; 56baza baya dolophaneni yimbi.

Ukulandela uYesu

(Mat 8:19-22)

57Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”

58Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”

59Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”

Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

60UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”

61Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.”

62UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

ULUKA 10

Ukuthunywa kwabafundi abangamashumi asixhenxe anambini

1Ke kaloku, emva kwezi zinto, iNkosi yanyula abanye abangamashumi asixhenxe anambini, yabathuma ngababini ngababini, ukuba bayandulele baye kuzo zonke iidolophu neendawo eyayiza kuya kuzo, 2isithi kubo: “Isivuno okunene sikhulu, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Mbongozeni ke ngoko uMnini-ntsimi, ukuba athumele abasebenzi, baye kuvuna. 3Hambani ke. Niyabona, ndinithuma njengamatakane phakathi kweengcuka. 4Ze ningaphathi ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazihlangu. Ze ningalityaziswa yimibuliso endleleni. 5Nakuwuphi na umzi enithe nangena kuwo, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya!’ 6Ukuba ngaba ukho apho owoxolo, intsikelelo yenu yohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, yobuyela kwakuni. 7Hlalani ke kwakuloo ndlu, nitye nisele oko nikunikwayo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuthi nihleli ndlwini ithile, nimke kuyo, niye kuhlala kwenye kwalapho. 8Edolophini ke enithe nangena kuyo, baza banamkela, kutyeni ukutya enikunikwayo, 9niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!10Kuloo dolophu nithe nangena kuyo, baza àbanamkela, ze niphume niye ezitalatweni zayo, nithi: 11‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile!12Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.”

Kunyembelekile kwiidolophu zabangakholwayo

(Mat 11:20-24)

13“Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu. 14Ewe, ngomhla wokugwetywa soba nganeno isohlwayo seTire neseSidon kunesenu. 15Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.

16Wathi ke kubafundi bakhe: “Lowo univayo, uva mna; nalowo unganamkeliyo, akamkeli mna. Ke ongandamkeliyo mna, akamkeli lowo undithumileyo.”

Ukubuya kwabafundi abangamashumi asixhenxe anambini

17Babuya ke abafundi abangamashumi asixhenxe anambini, bevuya, besithi: “Nkosi, neendimoni ezi sizoyisile ngegama lakho.”

18Wathi ke kubo: “Ndibone uSathana esiwa ezulwini okombane. 19Niyabona, ndininike igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alowo ulutshaba. Ke ayikho konke into enokunenzakalisa. 20Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.”

UYesu unemihlali

(Mat 11:25-27; 13:16-17)

21Ngelo xesha uYesu wagcoba ngoMoya oyiNgcwele, wathi: “Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.

22“Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kananjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, ngaphandle koYise, kungekho waziyo ukuba ungubani na uYise, ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.”

23Ke uYesu waguqukela kubafundi bakhe, wathetha nabo ngasese, wathi: “Hayi uyolo lwâbo babona enikubonayo nina! 24Inene, baninzi *abashumayeli nookumkani ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo nina, baza àbazibona; benqwenela nokuva izinto enizivayo, baza àbaziva.”

Umzekeliso ngomSamariya olungileyo

25Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

26UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?”

27Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

28UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.”

29Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”

30UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa. 31Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya. 32Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya. 33Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye, 34wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. 35Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ”

Waqhuba uYesu wathi: 36“Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?”

37Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.”

Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.”

UMarta noMariya

38Kolo hambo lwabo uYesu ungene dolophaneni ithile, waza wamkelwa endlwini ngumfazi othile ogama linguMarta. 39UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo. 40Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.”

41Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi, 42kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”

ULUKA 11

UYesu ufundisa indlela yokuthandaza

(Mat 6:9-13; 7:7-11)

1Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.”

2Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini:

“ ‘Bawo,

malaziwe lihlonelwe igama lakho;

malongame ulawulo lwakho.

3Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

4usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi;

ungasiyekeli ekulingweni.’ ”

5Ke uYesu wathi kubo: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu, 6kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’ 7ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’ 8Ndithi kuni, nokuba akayi kuvuka amnike ngakuba engumhlobo wakhe, noko wothi ngenxa yokuzingisa kwakhe ecela, avuke amnike ezo zonka.

9“Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; 10kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo wovulelwa. 11Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela intlanzi, asuke amnike inyoka, 12okanye athi, ecela iqanda, asuke amnike unomadudwane? 13Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”

UYesu unyeliswa ngokuba uncedwa nguSathana

(Mat 12:22-30; Marko 3:20-27)

14UYesu wayekhupha indimoni edala ubumumu emntwini; kwaza kwathi, yakuphuma indimoni, isimumu eso sathetha. Samangaliswa ke isihlwele, 15kodwa abathile kuso bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.” 16Abanye babemlinga, befuna umqondiso ophuma ezulwini.

17Ke uYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyawa, nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. 18NoSathana ke, ukuba okwakhe kuthe kwavukelana kodwa, lothini na ukungonakali ulawulo lwakhe? Nina nithi iindimoni ndizikhupha ngoSathana. 19Ke ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. 20Ukuba ke iindimoni ndizikhupha ngamandla kaThixo, yazini ukuba ulawulo lukaThixo seluthwasile kuni.

21“Ukuba igorha lithe laxhoba lafa amacala, lawulinda umzi walo, impahla yalo yohlala igcinakele. 22Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.

23“Lowo ungekho ngakum, uchasene nam; nalowo ungandiqokelelisiyo, uyachitha-chitha.”

Ukubuya kwendimoni

(Mat 12:43-45)

24“Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna ukuphumla; ize yakuba ingakufumani, isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ 25Ithi yakufika, iyifumane itshayelwe, ilungisiwe; 26ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.”

Abona banoyolo

27Ke kaloku ekuzithetheni kukaYesu ezi zinto, kwavakala umfazi esihlweleni apho, esithi kuye: “Unoyolo umfazi owakuzalayo nowakwanyisayo.”

28Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

Umqondiso kaJona

(Mat 12:38-42)

29Kuthe isihlwele simxinanisile, uYesu wathi: “Esi sisizukulwana esikhohlakeleyo; sifuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona; 30kuba, njengokuba uJona waba ngumqondiso kwabaseNiniva, uya kuba nguwo *uNyana woLuntu kwesi sizukulwana. 31Ngomhla womgwebo ukumkanikazi waseZantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. 32Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku apha.”

Isibane somzimba

(Mat 5:15; 6:22-23)

33“Akukho mntu uthi, esilumekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo okanye phantsi kwesitya; usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe. 34Isibane somzimba liliso. Xa ke iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe alalunga, umzimba wakho usebumnyameni. 35Lumka ke, hleze ukukhanya okukuwe kube bubumnyama. 36Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo isebumnyameni, úya kukhanyiseleka uphela, kwanjengoko kunjalo xa isibane sithe sakukhanyisela ngelitha laso.”

UYesu ukhalimela abaFarasi nabachazi-mthetho

(Mat 23:1-36; Marko 12:38-40)

37Akuba uYesu ethethile, *umFarasi othile wammema ukuba aye kutya kwakhe. Wafika ke, waya kuhlala etafileni. 38Akukubona oku, umFarasi wamangaliswa kukuba uYesu engathanga kuqala ahlambe phambi kokuba atye. 39INkosi ke yathi kuye: “Kaloku nina baFarasi nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngeentliziyo zenu nizungula ukuphanga nenkohlakalo. 40Ziyathandini, lo wawenzayo umphandle akawenzanga na kwanawo umphakathi? 41Ngoko ke yiphani abasweleyo izinto ezingaphakathi kwindebe nesitya. Nakwenjenjalo ke aniyi kuphinda nizikhathaze ngezinto ezinomlaza nezingenawo.

42“Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.

43“Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho. 44Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”

45Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”

46Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo. 47Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo. 48Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo. 49Kungoko uThixo ngokobulumko bakhe atshoyo ukuthi: ‘Ndiya kuthumela abashumayeli nabathunywa ebantwini; inxenye baya kuyibulala, inxenye baya kuyitshutshisa.’ 50Lobizwa kwesi sizukulwana ke igazi labo bonke abashumayeli, elaphalazwayo ukususela ekusekweni kwehlabathi, 51liqalela egazini lika-Abheli, lide lise egazini likaZakariya, owabulawa phakathi kweqonga lamadini nendawo engcwele. Ewe, nditsho nangoku liya kubizwa kwesi sizukulwana.

52“Mawoo, nina bachazi-mthetho! Nasisusa isitshixo solwazi. Nina ngokwenu aningeni, kanti nabafuna ukungena niyabalela.”

53Ukumka kukaYesu apho, abachazi-mthetho nabaFarasi bacaphuka, bamana bemlinga ngemibuzo emininzi, 54befuna ukumrhintyela ngentetho yakhe.

ULUKA 12

Isilumkiso ngokuzenzisa

(Mat 10:26-27)

1Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa. 2Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa. 3Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.”

Ofanelwe kukoyikwa

(Mat 10:28-31)

4“Ndithi kuni, zihlobo zam, musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi banokuyenza. 5Nanku emanimoyike: yoyikani uThixo, yena lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, moyikeni yena.

6“Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. 7Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.”

Ukuvuma uKrestu ekuhleni

(Mat 10:32-33; 12:32; 10:19-20)

8“Ke ndithi kuni, wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, wothi kwanaye *uNyana woLuntu amvume phambi kwezithunywa zikaThixo. 9Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo.

10“Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa.

11“Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na; 12kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.”

Umzekeliso ngesityebi esisisiyatha

13Omnye esihlweleni wathi kuYesu: “Mfundisi, yitsho kumntakwethu sahlulelane ngelifa.”

14Ke yena wathi kuye: “Mntundini, ndibekwe ngubani na ukuba ndibe ngumgwebi nomahluli phakathi kwenu?” 15Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”

16Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. 17Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’ 18Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam; 19ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’ 20Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’ 21Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”

Themba uThixo

(Mat 6:25-34)

22Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. 23Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo. 24Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka! 25Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe? 26Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye? 27Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo. 28Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane! 29Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na! 30Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele. 31Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”

Ubutyebi ezulwini

(Mat 6:19-21)

32“Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha. 33Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu. 34Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”

Izicaka eziphaphileyo

35“Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha, 36ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko. 37Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Ndithi kuni, inene, loo nkosi iya kubhinqa, izihlalise phantsi ezo zicaka, ize isondele izilungiselele. 38Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka. 39Kakade ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela lofika nini na, ebeya kulinda, angayiyekeli indlu yakhe iqhekezwe. 40Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba uNyana woLuntu woza ngexesha eningamlindelanga ngalo.”

Ngokuthembeka

(Mat 24:45-51)

41Ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, ngaba lo mzekeliso uwuthetha kuthi, okanye uwuthetha kubo bonke abantu?”

42INkosi yathi: “Ngubani na osisicaka esithembekileyo nesiqondayo, eyothi inkosi yaso isimisele phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo? 43Sinoyolo eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika, isifumane sisenjenjalo. 44Ndithi kuni, inene, inkosi yothi eso sicaka isimise phezu kwayo yonke impahla yayo. 45Kodwa ukuba eso sicaka sisuke sacinga sathi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size ke sisuke sizibethe ezinye izicaka nezicakakazi, sidle, sisele, sinxile; 46yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele isinqumle kubini njengoko kusenziwa kwabangathembekanga.

47“Isicaka esikwaziyo oko kufunwa yinkosi yaso, sisuke singakukhathaleli, singakwenzi, siya kubethwa imivumbo emininzi. 48Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.”

Imbambano engoYesu

(Mat 10:34-36)

49“Ndizise umlilo ehlabathini; hayi ukunqwenela kwam ukunga ungewusewuvutha! 50Kukho lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; ke ndisezimbandezelweni ezinkulu lude lufezeke! 51Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano! 52Kuya kuthi, ukususela ngoku, kubekho abahlanu ndlwini-nye bengavani; abathathu bengavani nababini, nababini bengavani nabathathu; 53ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.”

Ukucalula ixesha

(Mat 16:2-3)

54UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo. 55Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo. 56Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?”

Lungisana nokumangalelayo

(Mat 5:25-26)

57“Kungani na ukuba nina ngokwenu ningenzi sigqibo ngoko kulungileyo? 58Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni. 59Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-