Bible Society of South Africa

To The Word – Day 86

Luke 1–6

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 1

Ingabula-zigcawu

1Tiyofilo ohloniphekileyo: Ekubeni abaninzi bezame ukulibhala ibali lezo zinto zithe zenzeka phakathi kwethu, 2bebalisa oko sikuxelelweyo ngâbo bathe kwasekuqalekeni bazibona ngawabo amehlo ezo zinto, baza baba ngabaququzeleli bezi ndaba, 3nam, mhlekazi, ndibone kulungile ukuba ndibhale ndikucwangcisele ngokuthe ngqo, ekubeni sekulithuba elide nje ndiziphanda kakuhle ezi zinto. 4Ndenjenje ukuze uyazi ngokuphelelyo inyaniso yezinto ozifundisiweyo.

Ukuvakaliswa kokuzalwa kukaYohane umbhaptizi

5Ngemihla kaHerode, ukumkani wakwaJuda, kwakukho umbingeleli othile, ogama linguZakariya, engoweqela lika-Abhiya. Umkakhe uElizabhete naye wayeyintombi yombingeleli. 6Bobabini babengamalungisa, beyithobela imiyalelo nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. 7Babengenabantwana, kuba uElizabhete wayengazali; kananjalo bobabini babesebaluphele.

8Ke kaloku uZakariya wayesemsebenzini wakhe wobubingeleli phambi koThixo, kulithuba leqela lakhe. 9Kwênziwa *amaqashiso ngokwesiqhelo sababingeleli, laza iqashiso laphuma naye ukuba aqhumise ubulawu. Wangena ke endaweni engcwele yeNkosi, 10kukho inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngexesha lesiqhumiso.

11Kwabonakala isithunywa seNkosi kuye, simi ngasekunene kweqonga lesiqhumiso. 12Wothuka uZakariya akusibona, wangenwa luloyiko. 13Isithunywa eso sathi kuye: “Musa ukoyika, Zakariya. UThixo uwuvile umthandazo wakho. Umfazi wakho uElizabhete uya kuzala unyana. Uze umthiye igama elinguYohane. 14Ukuzalwa kwakhe kuya kukuphathela uvuyo nolonwabo, ize loo nto ibe luvuyo nakubantu abaninzi. 15Yena uya kubaluleka eNkosini, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, alawulwe nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. 16Uya kubuyisela amaSirayeli amaninzi eNkosini uThixo wawo. 17Uya kuyibhulela umbethe iNkosi, enamandla njengoEliya, axolelanise uyise nomntwana, ababuyisele ebulungiseni abangevayo, alungiselele iNkosi abantu bayo.”

18UZakariya wathi kwisithunywa eso: “Ndiya kuyiqonda ngani le nto? Kaloku mna sendimdala, nomfazi wam selaluphele.”

19Saphendula ke isithunywa sathi kuye: “Mna ndinguGabriyeli oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe nawe, ndikuxelele ezi ndaba zimnandi. 20Ngenxa yokuba ungakholwa ngamazwi am, uyabona, uya kuvaleka, ungabi nako ukuthetha, kude kube yiloo mini zenzeka ngayo ezi zinto. Kanti ke la mazwi aya kuzalisekiswa ngexesha lawo.”

21Abantu babemlindile uZakariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele. 22Uthe ke akuphuma engasenako ukuthetha, baqonda ukuba ubone umbono apho endaweni engcwele. Wathi, ekhohliwe kukuthetha, wamana enqwala.

23Lakuphela ixesha lokukhonza kweqela lakhe, uZakariya wagoduka. 24Emva koko uElizabhete umfazi wakhe wamitha, wazifihla iinyanga zade zantlanu, 25wavakala esithi: “Kwenziwe yiNkosi oku. Ide yandenzela inceba, yaphelisa ukudeleka kwam phakathi kwabantu.”

Ukuvakaliswa kokuzalwa kukaYesu

26Ngenyanga yesithandathu isithunywa esinguGabriyeli sathunywa nguThixo kwelaseGalili, kwidolophu eyiNazarete, 27kwintombi eyayisendela kumfana wendlu kaDavide, ogama linguJosefu. Igama lentombi leyo lalinguMariya. 28Safika ke isithunywa kuye, sathi: “Bhota, wena ubabalweyo! INkosi inawe.”

29UMariya woyika akuweva la mazwi, waza wafuna engqondweni ukuba ngaba ngumbuliso mni na lo. 30Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. 31Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama *elinguYesu. 32Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. INkosi uThixo iya kummisela abe ngukumkani kwaDavide uyise, 33ayilawule indlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nolawulo lwakhe lungaze luphele.

34UMariya ke wathi kuso isithunywa: “Iya kwenzeka njani na loo nto, ndingazani nandoda nje?”

35Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo. 36Uyabona, naye uElizabhete ozalana nawe, ukhawule unyana ebudaleni bakhe. Le yinyanga yesithandathu kuye, yena lowo bekusithiwa uludlolo. 37Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

38Wathi ke uMariya: “Ndim lo mna mkhonzazana weNkosi. Makwenzeke kum ngokwamazwi akho.” Saza semka isithunywa kuye.

UMariya utyelela uElizabhete

39Ngaloo mihla wesuka uMariya, wasinga kweleentaba ngokukhawuleza, esiya edolophini yakwaJuda; 40waya kungena endlwini kaZakariya, wafika wambulisa uElizabhete. 41Kwathi akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe. Wafikelwa ke nguMoya oyiNgcwele uElizabhete, 42wadanduluka ekhwaza esithi: “Ungoyena usikelelweyo wena phakathi kwabafazi! Nomntwana oya kuzalwa nguwe usikelelwe! 43Bendiyintoni na kakade, ukuba ndide ndihanjelwe ngunina weNkosi yam? 44Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam. 45Unoyolo lowo ukholiweyo, kuba ilizwi elithunyelwe kuye yiNkosi liya kuzaliseka.”

Umbongo kaMariya

46Wavakala uMariya esithi:

“Umphefumlo wam uyayibonga iNkosi;

47ndaye ndigcobile ngoThixo uMsindisi wam;

48kuba wakuphawula ukuthobeka kwesicakazana sakhe.

Ewe, ukususela ngoku zonke izizukulwana zothi ndingonoyolo,

49kuba undenzele izinto ezinkulu uSomandla,

yena ogama lakhe lingcwele,

50yena onceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana zâbo bamoyikayo.

51Wolule ingalo yakhe enamandla,

wabachitha-chitha abanekratshi ekuzicingeleni kwabo.

52Iinganga wazithoba kumawonga azo,

waza abathobekileyo wabaphakamisa.

53Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo,

wathi abazizityebi wabandulula belambatha.

54Wamxhasa uSirayeli umkhonzi wakhe,

akayilibala inceba yakhe

55awayethembise ngayo koobawo bethu,

kuAbraham nakwinzala yakhe ngonaphakade.”

56UMariya ke wahlala noElizabhete iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wagoduka.

Ukuzalwa kukaYohane umbhaptizi

57Lafika ke ixesha lokuba uElizabhete abeleke, waza wazala unyana. 58Bakuva abamelwane bakhe nezizalwana zakhe ngale nceba ingaka ayenzelwe yiNkosi, bavuyisana naye.

59Kwathi ke ngomhla wesibhozo baya kumàlusa umntwana, befuna ukumthiya ngoyise uZakariya. 60Kodwa unina wala, esithi: “Hayi, igama lakhe nguYohane!”

61Bona ke bathi kuye: “Lingekho nje eli gama kowabo!” 62Baza babhekisa kuyise ukuba yena unga angathiywa gama lini na.

63Wabiza icwecwana, wabhala wathi: “Igama lakhe nguYohane.” Baza bamangaliswa bonke. 64Kwangoko lwacombuluka ulwimi lukaZakariya, wathetha ebonga uThixo.

65Bangenwa luloyiko ke bonke abamelwane, yaza le nto yonke yaba ngundabamlonyeni kulo lonke eleentaba lakwaJuda. 66Bathi bonke abayivayo bayimilisela ezingqondweni, besithi: “Yaz'ba, uya kuba yintoni na lo mntwana?” Kuba kaloku amandla eNkosi ayenaye.

Umbongo kaZakariya

67UZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, watyibela wathi:

68“Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,

kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo;

69kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo.

70Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mnene

oweza *ngabashumayeli bayo abangcwele,

71ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu,

nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo;

72isithi yobenzela inceba oobawo bethu,

iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele,

73isifungo eyasenzela uAbraham ubawo wethu,

74sokusihlangula ezintshabeni zethu, siyikhonze singenaxhala,

75ngobungcwele nangobulungisa phambi kwayo,

yonke imihla yobomi bethu.

76Nawe ke, mntwana wam, wobizwa ngokuba *ungumshumayeli kaThixo uPhezukonke,

kuba uya kuyibhulela umbethe iNkosi,

uyigabulele izigcawu.

77Wobazisa abantu beNkosi ngosindiso

olungoxolelo lwezono zabo,

78kuba unenceba nemfesane uThixo wethu.

Ngoko wosivelisela olilanga lasezulwini,

79ukuze akhanyisele abasebumnyameni nasethunzini lokufa,

nokuze azikhokelele endleleni yoxolo iinyawo zethu.”

80Wakhula umntwana, waya esomelela ngokomelela. Wayehlala entlango kwada kwayimini yokubonakala kwakhe kumaSirayeli.

ULUKA 2

Ukuzalwa kukaYesu Krestu

(Mat 1:18-25)

1Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise. 2Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya. 3Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu.

4UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide. 5Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe, 6kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe. 7Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

Abelusi nezithunywa

8Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku. 9Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu. 10Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu. 11Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi *onguKrestu iNkosi. 12Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.”

13Ngequbuliso kwabakho inkitha yezithunywa zezulu, ikunye nesithunywa eso, idumisa uThixo, isithi:

14“Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,

kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.”

15Zakuba zimkile izithunywa, zisiya ezulwini, abelusi abo bathi omnye komnye: “Masihambe siye eBhetelehem, siyibone le nto ihlileyo, le siyazisiweyo yiNkosi.”

16Bakhawuleza ke baya, bafika kuMariya noJosefu, kwanalo usana lulele emkhumbini wesitali. 17Bathi bakuba bebonile, bawabhengeza amazwi awayethethwe kubo ngaye lo mntwana; 18baza bonke abawevileyo bamangaliswa zezo zinto zazithethwa kubo ngabelusi. 19Yena uMariya wazigcina zonke ezo zinto entliziyweni yakhe, wamana ezetyisa. 20Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.

UYesu usiwa endlwini kaThixo

21Akuba ntsuku zisibhozo umntwana ezelwe, kungumhla wokwaluswa kwakhe, uthiywe igama *elinguYesu, elo wayelithiyiwe sisithunywa sezulu engekakhawulwa nokukhawulwa.

22Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini, 23njengoko kubhaliwe emthethweni weNkosi kwathiwa: “Yonke into eliduna eyeyamazibulo mayinikelwe eNkosini.” 24Babesiya kwenza nomnikelo, njengoko kusitshiwo emthethweni weNkosi ukuthi: “Makunikelwe ngesibini samahobe, nokuba ngamathole amabini evukuthu.”

25EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele. 26Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi. 27Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho, 28uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi:

29“Nkosi, ngokwesithembiso sakho,

uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo,

30kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

31olulungiselele bonke abantu,

32ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga,

lubalula abantu bakho amaSirayeli.”

33Abazali bakhe bamangaliswa zezo zinto zithethwayo ngoYesu. 34USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo, 35ze ngale nkcaso kutyhileke iingcamango zabaninzi. Kanti ke nowakho umphefumlo uya kubindeka.”

36Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe, 37waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini. 38Wasondela ke ngelo lixa uAna, wathelela ekudumiseni uThixo. Wayethetha ngoMntwana lowo kubo bonke ababelindele ukukhululwa kweJerusalem.

39Bakuba ke bezifezekisile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela eNazarete, idolophu yakowabo kwelaseGalili.

UYesu phakathi kwabafundisi

40Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye.

41Abazali bakhe babehambela eJerusalem minyaka le, besiya kwitheko *lePasika. 42Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni eJerusalem ngokwesiqhelo. 43Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe. 44Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo. 45Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna. 46Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza. 47Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe. 48Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.”

49Wathi kubo uYesu: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba sendlwini kaBawo?” 50Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.

51Wahamba nabo, waya kufika eNazarete. Wayebalulamela abazali bakhe. Wazigcina unina ezo zinto entliziyweni yakhe. 52UYesu ke wakhula ngesithomo nangobulumko, ebabalwa nguThixo, ethandwa ngabantu.

ULUKA 3

Ukushumayela kukaYohane umbhaptizi

(Mat 3:1-12; Marko 1:1-8; Yoh 1:19-28)

1Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinantlanu elawula uTibheriyo *Khesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaJuda, inguHerode olawula kwelaseGalili, umntakwabo uFilipu elawula kwelaseJitureya nelaseTrakoniti, inguLisaniyo olawula kwelaseAbhilene, 2ngemihla yababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZakariya, entlango. 3Yena ke wayewujikeleza wonke ummandla weJordan, eshumayela esithi abantu mabaguquke, babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo; 4njengoko kubhaliweyo kwincwadi *yomshumayeli uIsaya kusithiwa:

“Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:

“ ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,

niyihlahlele umgaqo wayo.

5Mayiditywe yonke imifula,

zidilizwe zonke iinduli neentaba.

Mazenziwe zithi tye iindawo ezigoso,

ziletyelwe ezinamatye.

6Bonke abantu baya kulubona usindiso oluvela kuThixo.’ ”

7Ke kaloku izihlwele zaziphuma ziye kubhaptizwa nguYohane. Wayesithi kuzo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani lo unilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? 8Ke ngoko yenzani izinto ezibonakalisa inguquko. Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako ngawo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. 9Kanti ke lona izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe.”

10Izihlwele zazimbuza zisithi: “Masithini ke ngoko?”

11Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”

12Abaqokeleli-rhafu beza kubhaptizwa, bathi kuye: “Mfundisi, masithini na?”

13Wathi kubo: “Ningabizi ngaphezu kwenikumiselweyo.”

14Namajoni ayebuza kuye esithi: “Masithini thina?”

Wathi kuwo: “Ningaphangi mntu ngogonyamelo okanye ngobuxoki. Yanelani yimivuzo yenu.”

15Ke kaloku lavuseleleka ithemba ebantwini, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKrestu. 16UYohane ke wabaphendula esithi: “Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa uyeza onamandla kunam. Andikufanelanga ukukhulula nemitya le yezihlangu zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo. 17Ingobozi isesandleni sakhe. Uya kukwela kuthi tu okusesandêni, ayigalele kuvimba ingqolowa. Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.”

18UYohane wayeyala ekhuthaza nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezimnandi ebantwini. 19UHerode, umlawuli waseGalili, wakhalinyelwa nguYohane ngenxa yokungena uHerodiya, umka-mninawe wakhe, nangazo zonke ezinye izinto ezimbi awayezenzile. 20Suka ke yena uHerode wavalela uYohane lowo entolongweni.

Ukubhaptizwa kukaYesu

(Mat 3:13-17; Marko 1:9-11)

21Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, 22wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”

Umlibo wokuzalwa kukaYesu

(Mat 1:1-17)

23Ukuqala kwakhe ukufundisa uYesu wayemalunga neminyaka emashumi mathathu ezelwe. Kwakusithiwa ungunyana kaJosefu, kaEli, 24kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaJana, kaJosefu, 25kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, kaHesli, kaNagayi, 26kaMathi, kaMatatiya, kaShimeyi, kaYoseki, kaJoda, 27kaYohanan, kaResha, kaZerubhabheli, kaShalatiyeli, kaNeri, 28kaMeleki, ka-Adi, kaKosam, kaElmadam, kaEre, 29kaYoshuwa, kaEliyezere, kaYorim, kaMatati, kaLevi, 30kaSimon, kaJuda, kaJosefu, kaJonam, kaEliyakim, 31kaMaleya, kaMina, kaMatata, kaNatan, kaDavide, 32kaJese, kaObhedi, kaBhowazi, kaSalman, kaNashon, 33ka-Aminadabhi, ka-Admin, ka-Arni, kaHezeron, kaPerezi, kaJuda, 34kaYakobi, kaIsake, ka-Abraham, kaTera, kaNahore, 35kaSeruki, kaRewu, kaPelege, kaHebhere, kaShela, 36kaKenan, ka-Arpakishadi, kaShem, kaNowa, kaLameki, 37kaMethusela, kaInoki, kaJerede, kaMahalaleli, kaKenan, 38kaEnoshe, kaSete, ka-Adam, kaThixo.

ULUKA 4

Ukulingwa kukaYesu

(Mat 4:1-11; Marko 1:12-13)

1UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya 2iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.

3Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.”

4UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’

5Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi; 6wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika. 7Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.”

8UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’

9Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; 10kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’ 11Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’

12Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’

13Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.

UYesu ufundisa eGalili

(Mat 4:12-17; Marko 1:14-15)

14UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla. 15Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.

Ukudelwa kukaYesu eNazarete

(Mat 13:53-58; Marko 6:1-6)

16UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde; 17waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi:

18“UMoya weNkosi undongamele,

ngoko ke indithambisile;

indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.

Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,

nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,

ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,

19ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

20Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye; 21waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.”

22Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?”

23UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke: 24“Ndithi kuni, inene, akukho mshumayeli wamkelekileyo kowabo. 25Enyanisweni babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalibalele iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, kukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe. 26Kanti ke uEliya zange athunywe nakumnye kubo; kuphela wathunywa kumhlolokazi waseSarfati kwelaseSidon. 27Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngemihla yomshumayeli uElisha; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo ngaphandle koNahaman umSiriya.”

28Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo, 29besuka bamkhupha edolophini uYesu, bamsa phezu kweliwa eyayakhelwe phezu kwalo idolophu yabo, ukuze bamphose ezantsi. 30Kodwa yena wacanda phakathi kwabo, wemka.

Ukuphiliswa konendimoni

(Marko 1:21-28)

31Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu. 32Bamangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya. 33Ke *endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu ophethwe yindimoni. 34Yena ke wabhomboloza, ekhala esithi: “Kwowu! Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa? Ndiyakwazi ukuba ungubani na; ungoyiNgcwele kaThixo!”

35UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kuye!” Yasuka indimoni yamkhahlela phantsi phambi kwabo, yaza yaphuma ingamenzakalisanga.

36Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!” 37Zatsho zaduma ke iindaba ngoYesu kuwo wonke loo mmandla.

Ukuphiliswa kwabaninzi

(Mat 8:14-17; Marko 1:29-34)

38Waphuma ke uYesu *endlwini yesikhungo, waya kungena endlwini kaSimon. Ke umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza ke baxelela uYesu ngaye. 39Yena waya kuma ngakuye, wayikhalimela ifiva, waza wachacha. Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela ukutya.

40Kwathi ukutshona kwelanga, bonke abo babenabagula zizifo ngezifo babazisa kuYesu. Yena wababeka izandla bonke ngabanye, wabaphilisa. 41Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.”

Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu.

Ukushumayela kukaYesu kwelakwaJuda

(Marko 1:35-39)

42Wasuka uYesu wemka waya endaweni engenabantu. Izihlwele zazimfuna, zathi zakumfumana, zazama ukuba angemki kuzo. 43Wathi kuzo: “Ndimelwe kukuba ndishumayele iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo nakwezinye iidolophu, kuba yinto endithunywe yona leyo.”

44Wayeshumayela ke *ezindlwini zesikhungo zelakwaJuda.

ULUKA 5

Ukubizwa kwabafundi bokuqala

(Mat 4:18-22; Marko 1:16-20)

1Ke kaloku uYesu xa wayemi ngakuLwandle lwaseGenesarete, izihlwele zimxinile, zisiza kuva ilizwi likaThixo, 2wabona izikhitshana ezibini ziselunxwemeni. Abalobi babephumile kuzo, behlamba iminatha. 3Wathi ke, engene kwesinye isikhitshana esasisesikaSimon, wamcela ukuba akhe ashenxe kancinane elunxwemeni. UYesu ke wazifundisa izihlwele ehleli esikhitshaneni.

4Akugqiba ukuthetha, wathi kuSimon: “Yiyani phakathi enzulwini, nihlise iminatha yenu, nibambise.”

5Waphendula uSimon wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le; kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.” 6Bathi bakwenjenjalo, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants' ukuqhaqheka umnatha wabo. 7Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona. 8Ekubonile okwenzekileyo, uPetros waguqa phambi koYesu, wathi: “Mka kum, Nkosi, kuba ndiyindoda engumoni.”

9Yena nabo bonke ababenaye babemangalisiwe lolo banjiso lungako lweentlanzi. 10Babemangalisiwe noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengabalingane bakaSimon. UYesu ke wathi kuSimon: “Ungoyiki. Ukususela namhlanje uya kuba ngumlobi wabantu.”

11Bakuba ke bezitsalele elunxwemeni izikhitshana, bashiya into yonke, balandela uYesu.

Ukuphiliswa koneqhenqa

(Mat 8:1-4; Marko 1:40-45)

12Kwathi uYesu ekwidolophu ethile kwafika indoda ithe gqume liqhenqa. Le ndoda ke, yakumbona uYesu, yawa ngobuso phambi kwakhe, yambongoza isithi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula, ukuba uyathanda.”

13Wasolula uYesu isandla, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela kuyo iqhenqa. 14UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.”

15Kwaba kukhona ke uYesu angundabamlonyeni; kwaza kwabuthelana isihlwele esikhulu, sisiza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kwizifo ngezifo. 16Ke yena uYesu wayemana ukuya esiguqweni ngasese, athandaze.

Ukuphiliswa kofe umzimba

(Mat 9:1-8; Marko 2:1-12)

17Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa. 18Nako ke kufika amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi koYesu. 19Exakiwe kukumngenisa ngenxa yokuxinana kwesihlwele, akhwela phezu kwendlu, aqhaqha uphahla, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. 20Akulubona uYesu ukholo lwawo, wathi kofe umzimba: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.”

21Baza abachazi-mthetho nabaFarasi bathetha bodwa besithi: “Yini na ukuba lo mntu anyelise ngolu hlobo? Ngubani kakade onako ukuxolela izono ngaphandle koThixo?”

22UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wabaphendula wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu? 23Okukona kulula kukuphi? Kukho ukuthi: ‘Izono zakho zixololwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’? 24Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ”

25Waphakama kwangoko bemjongile, waluthatha ukhuko abelele kulo, wagoduka ebulela uThixo. 26Bamangaliswa ke bonke, bamdumisa uThixo, besoyika kakhulu, besithi: “Sibone umhlola namhlanje.”

Ukubizwa kukaLevi

(Mat 9:9-13; Marko 2:13-17)

27Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” 28Washiya konke ke, wamlandela.

29ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu. 30Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?”

31Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. 32Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.”

Ukuzila ukutya

(Mat 9:14-17; Marko 2:18-22)

33Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?”

34UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo? 35Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.”

36Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala. 37Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba. 38Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha. 39Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”

ULUKA 6

Imfundiso kaYesu malunga noMhla woPhumlo

(Mat 12:1-8; Marko 2:23-28)

1Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla woPhumlo, abafundi bakhe bakha izikhwebu zengqolowa, bazichuba, batya. 2Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?”

3Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? 4Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.5Waza ke wathi kubo: “UNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”

Ukuphiliswa kowome isandla

(Mat 12:9-14; Marko 3:1-6)

6Ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wangena endlwini yesikhungo wafundisa. Apho kwakukho umntu owome isandla sokunene. 7Babemlalele abachazi-mthetho *nabaFarasi, befuna ukubona ukuba wophilisa na ngoMhla woPhumlo, khon' ukuze bafumane isizathu sokummangalela. 8UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho. 9Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?” 10Akuba ebasingasingile bonke, wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wenjenjalo ke, saza saphila isandla sakhe.

11Basuka ke bona bajwaqeka ngumsindo, bebuzana bodwa ukuba bangamthini na uYesu.

Ukunyulwa kwabafundi abalishumi elinambini

(Mat 10:1-4; Marko 3:13-19)

12Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo. 13Kwakusa wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinambini, awababiza ngelokuba ngabathunywa. 14Yayingâba: USimon, awamthiya ngelokuba nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu; 15uMatewu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa liTsha-ntliziyo; 16uJudas kaYakobi, noJudas Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.

UYesu uyafundisa aphilise

(Mat 4:23-25)

17UYesu wehla nabo entabeni, wema endaweni ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaJuda, naseJerusalem, nakuwo ummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon, 18beze kumphulaphula nokuba abaphilise kwizifo zabo. 19Yonke loo nkitha yabantu yayifuna ukumchukumisa, kuba wayenamandla okuphilisa, bephila bonke.

Iintsikelelo neziqalekiso

(Mat 5:1-12)

20UYesu ebakhangele abafundi bakhe, wathi:

“Hayi uyolo lwenu, nina basweleyo,

kuba nilawulwa nguThixo!

21Hayi uyolo lwenu, nina balambayo ngoku,

kuba niya kuhlutha!

Hayi uyolo lwenu, nina balilayo ngoku,

kuba niya kuhleka!

22“Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe *uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo. 23Ze nivuye ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba ngenene umvuzo wenu mkhulu ezulwini. Kaloku babesenjenjalo ooyise kubo *abashumayeli bamandulo.

24“Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku.

25Mawoo, nina bahluthayo ngoku!

Nina niya kulamba.

Mawoo, nina bahlekayo ngoku!

Niya kukhedama nilile nina.

26“Kunyembelekile xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! Kaloku babesenjenjalo ooyise kubashumayeli abaxokayo.”

Zithandeni iintshaba zenu

(Mat 5:38-48; 7:12a)

27“Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. 28Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. 29Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi. 30Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize. 31Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.

32“Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo! 33Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto! 34Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane. 35Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo. 36Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”

Musani ukugweba

(Mat 7:1-5)

37“Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo. 38Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.”

39UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na? 40Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; xa afundiswe ngokupheleleyo, uya kwandula abe njengomfundisi wakhe.

41“Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni? 42Ungáthini na ukuba nako ukuthi kuwenu: ‘Wethu, khawume ndisikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ ukanti wena akuwuboni umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, qala ukhuphe umqadi lowo ukwelakho iliso! Wobona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.”

Umthi neziqhamo zawo

(Mat 7:16-20; 12:33-35)

43“Akukho mthi mhle uvelisa iziqhamo ezibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa iziqhamo ezihle. 44Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni. 45Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.”

Abakhi ababini

(Mat 7:24-27)

46“Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo? 47Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, 48ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo. 49Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-