Bible Society of South Africa

To The Word – Day 8

Genesis 25–28, John 14–16

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 25

Inzala ka-Abraham noKetura

(1 Gan 1:32-33)

1UAbraham wathatha omnye umfazi ogama linguKetura. 2UKetura wazala uZimran noYokeshan, uMedan noMidiyan, uIshbhaki noShuwa. 3UYokeshan wazala uShebha noDedan. Ama-Ashuri la yinzala kaDedan, kunye namaLetushi namaLewumi. 4Oonyana bakaMidiyan nguHefa noEfere, noHanoki, uAbhida noElda. Ngabazukulwana bakaKetura bebonke ke abo.

5UAbraham walishiya kuIsake lonke ilifa lakhe. 6Kodwa ke ngaphambi kokuba abhubhe wabaphawulela noonyana bezindlu ezincinci. Emva koko wabandulula baya kuma kwimihlaba engasempumalanga.

Ukubhubha kuka-Abraham

7-8Ubhubhe seleyinkothovu yexhego elinekhulu linamashumi asixhenxe anesihlanu uAbraham. 9Wangcwatyelwa kulaa mqolomba useMakapela ngoonyana bakhe uIsake noIshmayeli. Wawungasempumalanga yeMamre entsimini awayeyifumene kuEfron unyana kaZoware umHeti. 10Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe. 11Akubhubha uAbraham, uThixo wamthamsanqelisa uIsake unyana wakhe owayemi ngasemthonjeni kaPhila-endibonile.

Inzala kaIshmayeli

(1 Gan 1:28-31)

12-13Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam, 14uMishma, noDuma, noMasa; 15uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama. 16Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo. 17UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala. 18Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.

Ukuzalwa kukaEsawu noYakobi

19Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham. 20UIsake wayeselemashumi mane eminyaka ubudala ukuthatha kwakhe uRabheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, ekwangudade boLabhan. 21URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka. 22Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:

23“Uthwele izizwe ezibini;

uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,

olunye longamele olunye,

omkhulu abe phantsi komncinci.

24Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele. 25Iwele elikhulu lalibomvana linga lambeswe ngengubo yoboya, kwathiwa ke nguEsawu igama lalo. 26Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.

UEsawu uthengisa amalungelo obuzibulo bakhe

27Akukhula la makhwenkwe, uEsawu waba lizingela lomfo othanda ukusoloko esendle. UYakobi yena wathanda ukusoloko esekhaya, ephila ubomi obuzinzileyo. 28UIsake wayethanda uEsawu, kuba wayemana emzisela inyama yeenyamakazi. URabheka yena wayethanda uYakobi.

29Ngamini ithile uYakobi esapheka, wafika uEsawu evela kuzingela. Wayefile yindlala. 30Wathi kuYakobi: “Mfo, andilambe ngako! Khawundiphe kuloo nto ibomvu uyiphekileyo.” Yiyo loo nto uEsawu ekwabizwa ngokuthi nguEdom.

31Uphendule wathi uYakobi: “Kulungile, ukuba nje unganikezela ngamalungelo akho obuzibulo.”

32Uthe uEsawu: “Mfondini, ndiyafa! Buza kundenzela ntoni obu buzibulo uthetha ngabo?”

33Uthe uYakobi: “Funga kuqala ukuba uza kundinika ubuzibulo.”

Wafunga ke uEsawu, enikezela ngobuzibulo bakhe kuYakobi. 34Wandula ke uYakobi ukumpha isonka nesophu leyo yeentlumayo. Watya, wasela; wasukuma, wemka.

Kwakukangako ke ukungawaxabisi kwakhe uEsawu amalungelo akhe obuzibulo.

EYEZIQALO 25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 26

UIsake ufudukela eGerare

1Kwafika indlala kwelo zwe, ngaphandle kwaleya yakhe yabakho ngexesha lika-Abraham. UIsake ke waya kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilistiya, owayemi eGerare. 2*UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo. 3Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa. 4Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. 5Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”

6Wema apho eGerare ke uIsake. 7Wayesithi akubuzwa ngomkakhe ngamadoda alapho, athi ngudade wabo. Wayesoyika ukuthi uRabheka ngumkakhe, hleze ambulale athathe uRabheka, kuba wayemhle kakhulu. 8Wayeselenethuba elide elapho uIsake. Ngamhla uthile uAbhimeleki wabona uIsake ngefestile esanga uRabheka. 9UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?”

Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”

10Uthe uAbhimeleki: “Imbi le nto uyenzileyo. Enye indoda ibisenokulala nomkakho, loo nto ke isifake etyaleni.” 11Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.

12UIsake walima amasimi akhe ngaloo nyaka, isivuno sakhe saba sikhulu ngokuphinda-phindeneyo, kuba kaloku uNdikhoyo wayemthamsanqelisa. 13Waya ehluma wada wasisinhanha somfo. 14AmaFilistiya ammonela ngenxa yemihlambi awayenayo yeegusha neenkomo, nezicaka ezininzi. 15Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.

16UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo. 17Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.

18Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.

19Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo. 20Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.

21Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

22Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”

23Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha. 24UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.” 25Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.

Imvumelwano kaIsake noAbhimeleki

26UAbhimeleki weza evela eGerare, ehamba kunye noAwuzati, iphakathi lakhe, kunye noPikoli, umphathi-mkhosi, behambele uIsake. 27Wabuza ke uIsake wathi: “Ngaba nindihambele ngantoni ngoku, nakuba benindiphethe kakubi ndada ndalishiya ilizwe lenu?”

28Bathe: “Siyaqonda ngoku ukuba *uNdikhoyo unawe. Saye ke sicinga ukuba kufuneka kukho isibhambathiso esisenzayo nawe. Sifuna ufunge 29ukuba akuyi kusenza nto, njengoko nathi singekhe sikwenze nto imbi. Kucacile kuthi ngoku ukuba wena uyathamsanqeliswa nguNdikhoyo.” 30UIsake wabenzela isidlo, kwatyiwa, kwaselwa. 31Ngengomso bavuka kwakusasa, bazenza izifungo zemvumelwano, banduluka, bahlukana bevana.

32Ngaloo mhla izicaka zikaIsake zeza kumxelela ngomthombo ezawufumanayo, zawemba. 33Wathi igama laloo mthombo yiShebha. Lavela apho ke igama lesixeko ekuthiwa yiBheshebha.

UEsawu uthatha iintombi zasemzini

34Akuba mashumi mane ubudala uEsawu, wathatha iintombi zamaHeti zambini. YayinguJuditi intombi kaBheri, noBhasemati intombi kaElon. 35Aba bafazi babahlalisa kabuhlungu ooIsake noRabheka.

EYEZIQALO 26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 27

UYakobi unikwa iintsikelelo nguIsake

1Akwaluphala uIsake, namehlo akhe selenorhatyazo, ubize unyana wakhe omkhulu, wathi kuye: “Nyana wam!”

Uthe ke yena: “Ndim lo, tata.”

2Uthe uIsake: “Ndiyabona ukuba sendaluphele ngoku, ndaye ndingazi nokuba ndingafa nini na. 3Thatha utolo lwakho, uye kuzingela, undiphathele inyama yenyamakazi. 4Ndifuna undiphekele ukutya okunencasa, okona ndikuthandayo; undizisele nditye, ze ndikusikelele ndingekafi.”

5URabheka wayephulaphule wonke lo gama uIsake athetha noEsawu. Uthe akuya kuzingela uEsawu, 6waya kuYakobi uRabheka, wathi: “Ndive uyihlo esithi uEsawu 7makamphathele inyama yenyamakazi, amphekele ukutya okunencasa, atye, khon' ukuze amsikelele ngoku engekafi. 8Ke, mfo wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. 9Yiya phaya kulaa mhlambi, uze namatakane amabini atyebileyo eebhokhwe. Ndiza kuphekela uyihlo ukutya akuthanda kakhulu. 10Kuya kusiwa nguwe kuyihlo, ukuze akusikelele engekafi.”

11Kodwa uYakobi yena uthe kunina: “Usazi nje ukuba uEsawu lixhonti, ndibe mna ndimpuluswa! 12Ukuba ubawo undivile ngesandla, waqonda ukuba ndiyamkhohlisa, ayiyi kundizisela isiqalekiso loo nto endaweni yeentsikelelo?”

13Uthe unina: “Siya kuba phezu kwam eso siqalekiso, mfo wam. Yenza le nto ndithi yenze wena; yiza nalaa matakane.” 14Waya kuwathatha ke uYakobi, wawasa kunina, wapheka okona kutya kunencasa kuthandwa nguIsake. 15URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi. 16Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni. 17Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.

18UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”

Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”

19Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”

20Uthe uIsake: “Wakhawuleza kangaka ukufumana inyamakazi? Wenze njani, mfo wam?”

Uphendule wathi uYakobi: “Ndincedwe *nguNdikhoyo uThixo wakho, wayizisa ngqo kum.”

21Uthe ke uIsake kuYakobi: “Khawusondele ke, mfo wam, ndikuve ngesandla ukuba unguye na unyana wam uEsawu.” 22UYakobi ke wasondela kuyise owamphampathayo ngezandla esithi: “Ilizwi lona lelikaYakobi, kodwa izandla zezikaEsawu.” 23Akazange amqonde uYakobi, kuba kaloku izandla zazixhonti njengezikaEsawu. Uthe seleza kumsikelela, 24wabuya wabuza wathi: “Ngaba ngenene ungunyana wam uEsawu?”

Waphendula uYakobi esithi: “Ndinguye.”

25Uthe ke uIsake: “Zis' apha ke inyama leyo ndikhe nditye, mfo wam. Ndakuthi ke ndakugqiba ukutya, ndikusikelele.” Wamnika ke uYakobi, wamphathela newayini yokuthoba. 26Uthe ke uyise: “Khawusondele kaloku undange, mfo wam.” 27Esasondela ukuya kumanga uIsake, waliva ivumba leempahla ezazinxitywe nguYakobi, watyibela ngentsikelelo esithi:

“Ngxatsho ke ivumba lonyana wam!

Linjengevumba lomhlaba ogalelwe iintsikelelelo nguNdikhoyo.

28Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe,

nomhlaba wakho uchume ube linqatha,

uvelise nentabalala yengqolowa newayini.

29Unga ungabuswa zizizwe,

neentlanga zikhahlele kuwe.

Yiba yinkosi kubantakwenu,

ukhonzwe nangabantwana bakanyoko.

Mabaqalekiswe abo bakuqalekisayo,

basikelelwe abo bakusikelelayo.”

UEsawu uzicelela eyakhe intsikelelo

30UIsake wayesandul' ukusikelela uYakobi, naye esandul' ukusuka kuyise, wagaleleka uEsawu, evela kuzingela. 31Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”

32“Ungubani wena?” watsho uIsake.

“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.

33Wothuka wagubha uIsake.

Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”

34Akuyiva loo nto uEsawu, wakhala kabuhlungu, wathi: “Ndisikelele nam, tata!”

35Wathi uIsake: “Umninawa wakho undikhohlisile, wemka nazo iintsikelelo zakho.”

36Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”

37Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”

38Uthe uEsawu: “Tata, kuphela kwentsikelelo obunayo leyo? Akusekho yimbi? Tata, nam ndisikelele!” Watsho ekhala uEsawu.

39Wahlabeka uyise, wenjenje:

“Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba;

uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini.

40Uya kuphila ngekrele uphantsi komninawa wakho;

kambe ke liya kufika ithuba apho uya kudinwa khona,

uyaphule loo dyokhwe yakhe isentanyeni yakho.”

UYakobi ubalekela kwaLabhan

41UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yeentsikelelo awazifumana kuyise. Wadumzela wathi: “Iya kuze ifike yona imini yokuba angabikho utata; ndakuze ndimbulale uYakobi lo.”

42Akuyixelelwa into ethethwe nguEsawu, uRabheka wabiza uYakobi, wathi kuye: “UEsawu ufuna ukukubulala. 43Ke, nyana wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. Zimela, ubalekele kumnakwethu uLabhan eHaran. 44Uze uhlale khona ude udambe umsindo womkhuluwa wakho, 45ayilibale nento omenze yona. Ndothumela ukuba uphuthunywe. Andinakuyithwala into yokulahlekelwa nini nobabini noyihlo ngaxesha-nye.”

46Uthe uRabheka kuIsake: “Ndidiniwe mna ngoku ngaba bafazi bakaEsawu. Ukuba uYakobi angathatha intombi yomHeti, ayenze umfazi, ndingakhetha ukufa kube kanye.”

EYEZIQALO 27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 28

1UIsake wabiza uYakobi, wamsikelela, wathi kuye: “Uze ungathathi nanye kwezi ntombi zaseKanana. 2Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan. 3Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi. 4Wanga uThixo angawagqithisela kuwe nakwinzala yakho amathamsanqa ka-Abraham, niwume loo mhlaba uThixo wayemise kuwo uAbraham kuqala.” 5Wenjenjalo ke uIsake ukundulula uYakobi, emthumela ePadan-aram kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram. Lo Labhan ngumnakwabo-Rabheka unina kaYakobi noEsawu.

UEsawu uthatha omnye umfazi

6UEsawu weva ukuba uYakobi usikelelwe wathunyelwa ePadan-aram, ukuba aye kufuna umfazi. Weva nokuba xa wayesikelelwa wayalelwa ukuba angaze athathe umfazi eKanana. 7Weva nokuba uYakobi wamthobela uyise nonina, waya ePadan-aram. 8Waqonda ke uEsawu ukuba uyise wayengazithandi iintombi zaseKanana. 9Waya kwaIshmayeli ke, unyana ka-Abraham, wathatha intombi yakhe uMahalati, udade boNebhayoti.

Iphupha likaYakobi eBhetele

10Wenjenjeya ukusuka eBheshebha uYakobi, esinga eHaran. 11Wafika ndaweni ithile, walalisa apho, kuba laliselitshonile ilanga. Uthathe ilitye, waqamela ngalo, walala. 12Waphupha ngathi ubona ileli esuka emhlabeni, yaya kuthi xhaxhe ngesibhakabhaka. Izithunywa zikaThixo zazisihla zinyuka ngayo. 13Wabona *uNdikhoyo emi ngakuye esithi: “NdinguNdikhoyo, uThixo kayihlo-mkhulu uAbraham noyihlo uIsake. Lo mhlaba ulele kuwo uya kumiwa nguwe nayinzala yakho. 14Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho. 15Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”

16Akuphaphama uYakobi, wathi: “Ngenene uNdikhoyo ukho kule ndawo; ndibe bendingayazi loo nto.” 17Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”

18Wavuka kwangentseni uYakobi. Wathatha elo litye wayeqamele ngalo, wenza ngalo isikhumbuzo; waligalela amafutha. 19Wathi loo ndawo yiBhetele. Kodwa ke isixeko salapho kwakusithiwa yiLuzi. 20UYakobi ke yena wenza esi sifungo: “Ukuba uThixo undigcinile wandilondoloza kolu hambo, andiphe ukutya nezambatho 21ndide ndibuyele ekhaya, ngenene ndiya kumkhonza uNdikhoyo, abe nguThixo wam. 22Eli litye lesikhumbuzo ndilimise apha liya kuba yindawo yokunqulela uThixo. Ndiya kumahlulela isishumi kwizinto andipha zona.”

EYEZIQALO 28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

NguYesu indlela

1“Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam. 2Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo. 3Ndakuba ndimkile ke ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kuza kuniphuthuma, nize nani nibe lapho ndikhoyo mna. 4Ngoko ke niyayazi indlela eya apho ndiya khona.”

5Waza wathi uTomas: “Nkosi, singàzi nokwazi nje apho uya khona, singáthini ukuyazi indlela eya khona?”

6Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam. 7Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.”

8UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”

9Wathi kuye uYesu: “Kunini na ndikunye nani, Filipu; ngaba akukandazi? Lowo ubone mna, ubone uBawo. Utsho ngani wena ukuthi mandinibonise uBawo? 10Ngaba akukholwa na okokuba mna ndikuye uBawo, abe noBawo ekum? Endikuthethileyo kuni ke andikuthethi kuphuma kum. Oko ndikwenzayo kwenziwa nguBawo ohleli kum. 11Kholwani kwendikuthethayo xa ndithi ndikuye uBawo, ekum noBawo. Ukuba anikholwa kuba ndisitsho, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo. 12Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo. 13Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana. 14Nantoni na eniyicela ngegama lam ndiya kuyenza.”

Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele

15“Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam. 16Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. 17Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.

18“Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama. 19Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona. Kodwa nina niya kundibona, kuba mna ndiyaphila, naye nani niya kuphila. 20Ngaloo mini niya kuqonda okokuba ndikuBawo, nani nikum, nam ndikuni.

21“Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”

22Waza uJudas, lowo ungenguye uSikariyoti, wathi kuye: “Nkosi, kutheni na le nto uza kuzibonakalisa kuthi, ungazibonakalisi kulo ihlabathi?”

23Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye. 24Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.

25“Ndinixelele oku ndisekunye nani. 26Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.

27“Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki. 28Senditshilo kuni ukuthi ndiyemka, kodwa ndiya kuphinda ndibuyele kuni. Ukuba benindithanda ngenavuyayo nakuva ukuba ndiya kuBawo, kuba yena mkhulu kunam. 29Isizathu sokuba ndinixelele ezi zinto ngoku, zingekenzeki, kukuze zakwenzeka nikholwe. 30Andisenakuthetha zinto zininzi nani, kuba selesiza umphathi weli hlabathi. Akanagunya kum, 31kodwa ukuze ihlabathi liqonde ukuba ndiyamthanda uBawo, yaye ndisenza njengoko uBawo andiyaleleyo, ndithi kuni: ‘Phakamani, simke apha.’ ”

UYOHANE 15

UYesu ngumdiliya wenene

1“Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. 2Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi. 3Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona. 4Hlalani nimanyene nam, njengokuba nam ndihleli ndimanyene nani. Kaloku isebe alinako ukuvelisa isiqhamo ngokwalo lingahlalanga limanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo ke nani aninakuvelisa siqhamo ningahlalanga nimanyene nam.

5“Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam. 6Ongahlali emanyene nam uyalahlwa, afane nesebe elilahliweyo laza loma. Amasebe anjalo ayaqokelelwa, aphoswe emlilweni atshe. 7Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane. 8Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam. 9Mna ndiyanithanda nina kwanjengoko uBawo andithandayo mna. Hlalani ke nikholose ngokuthandwa ndim. 10Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.

11“Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele. 12Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo. 13Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona. 14Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam. 15Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo. 16Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam. 17Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”

Ihlabathi liya kubathiya abafundi bakaYesu

18“Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala. 19Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda okwabalo. Kodwa aningabo abehlabathi, kuba mna ndaninyula kulo ihlabathi. Kungoko linithiyileyo ihlabathi. 20Likhumbuleni ilizwi endalithethayo kuni, ndisithi: ‘Akukho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.’ Banditshutshisile mna; ke ngoko bonitshutshisa nani. Abayamkelanga imfundiso yam; neyenu ke abayi kuyamkela. 21Ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yam, kuba abamazi lowo undithumileyo. 22Ukuba bendingathethanga nabo, ngebengabanga natyala; kodwa ngoku abanandawo bangalandula ngayo malunga nesono sabo, 23kuba ondithiyileyo mna uthiye kwanoBawo. 24Ukuba babengandibonanga ndisenza imisebenzi engazange yenziwa mntu, ngebengabanga natyala; kodwa bayibonile imisebenzi yam, kanti noko bandithiyile mna, bamthiyile naye uBawo. 25Noko, bekumelwe kukuba njalo, ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo elithi: ‘Bandithiya kungekho sizathu mpela.’

26“Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam. 27Nani ke niya kungqina ngam, kuba beninam kwasekuqaleni.

UYOHANE 16

1“Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni. 2Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo. 3Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam. 4Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.”

Umsebenzi kaMoya oyiNgcwele

“Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani. 5Kodwa ngoku ndiyemka, ndiya kulowo undithumileyo. Akukho namnye kuni undibuzayo ukuba ndiya phi na, 6kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto. 7Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. 8Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa: 9isono esi kukuba bengakholwa kum; 10ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona; 11umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi.

12“Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku. 13Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo. 14Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum. 15Isizathu sokuba nditsho ukuthi izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum kukuba zonke izinto ezizezikaBawo zikwazezam.”

Ukuxhala okujika kube luvuyo

16“Kwakufutshanenje anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone.”

17Ke ngoko abanye kubafundi bathi omnye komnye: “Ngaba uthetha ukuthini xa athi kuthi kwakufutshanenje asisayi kuba sambona, kuthi kwakufutshane emva koko siphinde simbone, ekwathi kwayena uyemka esiya kuYise?” 18Babuzana ke besithi: “Ngaba uthetha ukuthini na xa athi ‘kwakufutshanenje’? Asiyiqondi into ayithethayo.”

19UYesu wayesazi okokuba bafuna ukumbuza, waza wathi kubo: “Niyabuzana na ngale nto yokuba ndithe kwakufutshane anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone? 20Ndithi kuni, inene, niya kulila nenze isijwili, kodwa ihlabathi lona liya kuvuya. Niya kuxhalaba, kodwa ukuxhalaba kwenu kojika kube luvuyo. 21Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini. 22Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni.

23“Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika. 24Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.”

Ukoyiswa kwehlabathi

25“Ezi zinto ndizithethe kuni ngezafobe, kodwa liyeza ixesha endingayi kuba santsonkotha ngalo; ndiya kuthetha nani ngokucacileyo ngoBawo. 26Yakufika loo mini, niya kucela ngegama lam. Kungoko ndingatsho ukuthi iya kuba ndim onicelelayo kuBawo. 27Kaloku uBawo ngokwakhe uyanithanda, kuba nithe nandithanda mna, nakholwa ukuba ndivela kuThixo. 28Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.”

29Baza bathi kuye abafundi bakhe: “Uyabona, ngoku uthetha ngokuphandle ungasantsonkothi ngezafobe. 30Ngoku ke siyaqonda ukuba wena uyazazi zonke izinto. Akusafuneki nganto ukuba ugocagocwe. Ke siyakholwa kukuba wena uvela kuThixo.”

31Wabaphendula uYesu wathi: “Niyakholwa na ngoku? 32Niyabona, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba nichithakale nonke, elowo agoduke, ndize ndisale ndedwa. Noko ke andindedwa, kuba uBawo unam. 33Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-