Bible Society of South Africa

To The Word – Day 78

1 Samuel 26–31, Psalm 57 (optional: Psalm 63)

Itekisi yeBhayibhile

1 KASAMWELI 26

UDavide wala kwakhona ukubulala uSawule

1AmaZifi ahambela kuSawule eGibheya, athi: “Nanko uDavide ezímele kulaa nduli iHakila ekumaphethelo entlango yelakwaJuda.”

2Unduluke kwangoko uSawule wenjenjeya, ehamba namawaka amathathu amadoda akhethiweyo kwaSirayeli, ukuya kukhangela uDavide kuloo ntlango yaseZifi. 3Wafika wamisa ikampu ngasendleleni kuloo nduli iHakila. Wayesesentlango uDavide lo gama kufika uSawule. Uthe ke akubona ukuba nanko uSawule emlandela, 4wathumela iintlola, ziye kuqonda ukuba ngaba wayelapho ngenene na uSawule. 5UDavide usuke kwangoko wayijongisisa loo ndawo wayemise kuyo uSawule. Wayibona indawo apho uSawule noAbhinere, unyana kaNere, umphathi-mkhosi kaSawule, babelalisa kuyo. USawule wayelala phakathi ekampini, engqongwe ngumkhosi wakhe.

6Emva koko uDavide ubhekise kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi umntakwabo-Jowabi (onina yayinguZeruya) wenjenje: “Ngubani phakathi kwenu ofuna ukuya nam kulaa kampu kaSawule?”

“Ndim oza kuhamba nawe,” uvakele esitsho uAbhishayi.

7Ngobusuku bangaloo mini ke uDavide kunye noAbhishayi baya kungena ekampini kaSawule, elele ubuthongo phakathi ekampini, umkhonto wakhe ugxunyekwe phantsi ngasentloko. Amajoni noAbhinere babelele obentlombe bemngqongile. 8Kwesi sithuba uAbhishayi uthe kuDavide: “Utshaba lwakho ulunikezele esandleni sakho namhlanje uThixo! Ndiyeke ndimgwaze ndimhlabanisele ngomkhonto. Andiyi kuphinda kabini!”

9Uphendule wathi uDavide: “Uze ungambulali! Ngubani ongamsa isandla umthanjiswa *kaNdikhoyo aze abe msulwa? 10Inene, ekho nje uNdikhoyo,” waqhuba watsho uDavide, “nguNdikhoyo ngokwakhe oya kumbetha, nokuba kungokufika kwemini yakhe yokufa, nokuba kungokubulawa kwakhe edabini. 11Ngenxa kaNdikhoyo mna mandingaze ndimse isandla umthanjiswa kaNdikhoyo. Thatha laa mkhonto wakhe, nalaa ngqayi yakhe yamanzi ingasentlokweni yakhe, sihambe.”

12Bawuthatha ke loo mkhonto naloo ngqayi zazisentla koSawule, bemka nazo ooDavide noAbhishayi. Akukho bani owababonayo, nabani owakuvayo okwakuqhubeka, nabani owaphaphamayo; bonke babelel' obentlombe, kuba kaloku uNdikhoyo wabahlisela obunzulu obu ubuthongo xa bebonke.

13Wasuka apho wawela intlambo uDavide, waya kuthi qingqi ngaphesheya endulini ethe qelele, wafika 14wamemeza ekhwaza umkhosi kaSawule noAbhinere, esithi: “Wa, Abhinere! Khawuphendule, mfondini!”

“Ngaba ngubani na lo ufundekela ukumkani?” NguAbhinere lowo utshoyo.

15Kuphendule kwauDavide, wenjenje: “Andibi kanene, Abhinere, nguwe intshatsheli emfazweni? Ukhona na omnye olingana nawe kwaSirayeli? Ngani ke ungamkhuseli umhlekazi ikumkani yakho? Ngoku ndithethayo kungene umntu apho emkhosini wenu, eze kubulala ukumkani. 16Imbi le nto uyenzileyo, Abhinere! Ekho nje uNdikhoyo, ndithi nimelwe kukufa nonke, kuba noyisakele kukukhusela ukumkani wenu, umthanjiswa kaNdikhoyo! Khawukhangele: uphi umkhonto kakumkani? Iphi yona ingqayi yakhe, le ibisentla kwakhe?”

17Waliva ilizwi ukuba lelikaDavide uSawule. Uvakele esithi: “Ngaba nguwe lowo, Davide, nyana wam?”

“Ewe, ndim, mhlekazi,” kuphendule uDavide. 18Watsho eqhuba esithi: “Khawutsho, mhlekazi, usandizungula ngantoni kangaka! Ndenzeni, mhlekazi? Liyintoni ityala lam kuwe? 19Mhlekazi, nkosi yam, khawuphulaphule amazwi omkhonzi wakho! Ukuba nguNdikhoyo okuxhokonkxileyo ngakum angáxoliswa ngumnikelo. Phofu ukuba ngabantu, mabahlelwe sisiqalekiso sikaNdikhoyo. Kaloku bandiphephethe ndatsho ndabhacela ngaphandle komhlaba olilifa lethu esilinikwe nguNdikhoyo, besithi: ‘Deda, uye kunqula *thixo bambi!’ 20Mhlekazi, igazi lam malingaphalali ezizweni kude noNdikhoyo! Inene, ukumkani wakwaSirayeli uphumele ukuzingela intakumba enye, exela ubani osukela isakhwatsha ezintabeni.”

21Uphendule wenjenje uSawule: “Ndonile; buyel' ekhaya, Davide nyana wam! Andisobe ndikuse sandla konke, ngokuba namhlanje ubomi bam bube lixabiso kuwe. Ngenene ndenze ubudenge ndaphazama gqitha!”

22Waphendula uDavide wathi: “Umkhonto wakho nguwo lo, mhlekazi. Thumela omnye wabafana bakho eze kuwuthatha. 23NguNdikhoyo ongumvuzi wabenza okulungileyo kwanâbo bathembekileyo. Wena ebekubeke esandleni sam namhlanje uNdikhoyo, kambe ke mna andikusanga sandla, kuba ungukumkani othanjiswe nguye. 24Njengoko ndibuxabisileyo ubomi bakho namhlanje, ubenga uNdikhoyo abuxabise nobam, andihlangule kuzo zonke iimbandezelo.”

25USawule wathi kuDavide: “Wanga ungathamsanqeleka, nyana wam Davide. Uya kuya usomelela ngokomelela, ude ube ngotshatsheleyo.”

Emva koko ke uDavide wahamba indlela yakhe, yena uSawule wagoduka.

1 KASAMWELI 26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 27

UDavide kwelamaFilistiya

1Emva koko uDavide wacinga wathi: “Uya kuze andithi hlasi andibulale uSawule lo ngenye imini. Icebo linye ke: kukusabela kwelamaFilistiya. Wondincama ke uSawule, ayeke ukundifuna kwaSirayeli, ndibe ke ndiyaphuncuka esandleni sakhe.”

2Wanduluka ke uDavide kunye namadoda akhe angamakhulu amathandathu, benjenjeya ukusinga kwa-Akishe, unyana kaMawoki, ukumkani waseGati. 3Bafumana indawo ke apho ooDavide namadoda akhe, bahlala neentsapho zabo kwelo zwe. UDavide wayehamba nabo abafazi bakhe uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele. 4USawule akuva ukuba uDavide wasabela eGati, wanikezela, wayeka ukumzingela.

5Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike idolophana kwezisemaphandleni, ndihlale kuyo. Akukho nto ithi mandihlale apha komkhulu kunye nawe, mhlekazi.” 6Ukumkani uAkishe wamnika idolophu iZikelage. Kususela loo mini ke iZikelage yaba phantsi kolawulo lweekumkani zakwaJuda. 7Apho eFilistiya uDavide wahlala unyaka oneenyanga ezine.

8Ngelo xesha ke uDavide namadoda akhe babemana behlasela amaGeshuri namaGezere kunye nama-Amaleki. Kwamandulo ezi zizwe zazimi kuloo mmandla osuka eShure, uthi ga ngelamaJiputa. 9Ngalo lonke ixesha uDavide ehlasela ummandla othile wayebulala onke amadoda nabafazi, athimbe zigusha, zinkomo, zidonki, neenkamela, nditsho nkqu nempahla enxitywayo. Emva koko wayedla ngokubuyela kwakumkani uAkishe.

10Xa ukumkani uAkishe wayembuza athi: “Ubuye kuhlasela phi namhlanje?” uDavide wayedla ngokuphendula athi: “Ndivela ezantsi kwelakwaJuda,” okanye athi: “Ndivela kummandla wakwaJerameli ezantsi,” okanye athi: “Ndivela ezantsi kwelamaKeni.” 11Wayedla ngokubulala wonke umntu uDavide, indoda nomfazi, kuba wayesithi: “Bangasintama, bathi: ‘UDavide wênza oku noku.’ ” Wenjenjalo ke uDavide ngalo lonke elo xesha aseFilistiya.

12UAkishe wayemthembile uDavide kangangokude avakale esithi: “Selenuka kangaka nje kumawabo amaSirayeli, uza kuhlala apha, abuse kum bonke ubomi bakhe.”

1 KASAMWELI 27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 28

1Ngaloo mihla amaFilistiya ayeqokelele amabutho, eza kulwa namaSirayeli. Ukumkani uAkishe wabhekisa kuDavide wenjenje: “Uzuqonde mhlophe ukuba wena namadoda akho niza kulwela mna kule mfazwe!”

2Uphendule wathi uDavide: “Uza kuzibonela ngokwakho, mhlekazi, oko angákwenzayo umkhonzi wakho.”

Uphendule wathi ukumkani uAkishe: “Yiyo ke loo nto ndifuna ukuba ube ngumlindi wam osisigxina wena.”

USawule uya kuvumisa

3Ngelo xesha uSamweli wayeselebhubhile, aza onke amaSirayeli amzilela, amngcwaba eRama kwisixeko sakhe. Ngaloo mihla uSawule wayebagxothe kwaSirayeli bonke abavumisa ngoonomathotholo kwakunye noosiyazi.

4Amabutho amaFilistiya aqokelelana, aya kumisa eShunem. Ke yena uSawule wawaqokelela amaSirayeli, umkhosi wawumisa entabeni iGilibhowa. 5Wankwantya uSawule akuwubona umkhosi wamaFilistiya, 6wabuza *kuNdikhoyo ukuba angathini na. UNdikhoyo akamphendulanga; nditsho nangamaphupha, kwankqu *nangeeurim neethumim, ukanti *nangabashumayeli. 7Ngenxa yaloo nto ke uSawule wathi kumaphakathi akhe: “Ndifuneleni umfazi ovumisa ngoonomathotholo, ukuze sithathe iintonga, siye kuye.”

“Ukho lo kuthiwa use-Endore,” kutsho amaphakathi.

8USawule wazenza mntu wumbi, wanxiba zambatho zimbi. Uthe ngorhatya wakhatshwa ngamaphakathi amabini, baya kuloo mfazi uvumisayo. Uthe akuba efikile kuloo mfazi uSawule, wabhekisa kuye wenjenje: “Khawubhekise kwabangasekhoyo, undibizele lo mntu ndiza kukuxelela igama lakhe.”

9Suke loo mfazi wathi kuSawule: “Ngathi uyayazi nje into eyenziwe ngukumkani uSawule! Andithi nguye owaphelisa abavumisa ngoonomathotholo kwakunye noosiyazi kwaSirayeli? Kutheni ufuna ukundibambisa nje, ndibulawe?”

10Wafunga uSawule wathi: “Ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, akuyi kubekwa tyala wena ngenxa yale nto.”

11“Ndikuvusele bani ke?” kutsho loo mfazi.

“Ndivusele uSamweli,” kuphendula uSawule.

12Kuthe akuvela uSamweli, wakhala ngamandla loo mfazi, wathi kuSawule: “Kutheni undikhohlisa nje? Inguwe nje ukumkani uSawule!”

13“Musa ukuphaphazela,” watsho uSawule. “Ndixelele, ubona ntoni?”

“Ndibona isiqu selemimoya siphuma emhlabeni,” kutsho loo mfazi uvumisayo.

14“Injani inkangeleko yaso?” nguSawule lowo ubuzayo.

“Ndibona kusiza ixhego, lambethe umnweba,” kutsho umfazi.

USawule waqonda ukuba yayinguSamweli. Watsho waqubuda ngobuso emhlabeni ekhahlela.

15Wenjenje ukubhekisa kukumkani uSawule uSamweli: “Kungani na undiphazamisa nje undivusa?”

Uphendule wenjenje uSawule: “Ndisengxakini enkulu! AmaFilistiya ayandihlasela, yaye noThixo undishiyile. Akasathethi nam ngomshumayeli nangamaphupha. Ndikubizele ukuba undixelele into emandiyenze.”

16Wathi uSamweli: “Yini na ukuba ubuze kum, uNdikhoyo ekushiyile nje, wakujikela? 17Le nto yenzeke kuwe ngoku yile ebekade ekuxelela yona ngam uNdikhoyo. Uluhluthile esandleni sakho ulawulo, walunika ummelwane uDavide. 18Kaloku wena wala ukumthobela uNdikhoyo: akwenzanga ngokwengqumbo yakhe evuthayo kuma-Amaleki. Yiyo ke loo nto akwenze le nto nje uNdikhoyo ngoku. 19Uza kukunikela esandleni samaFilistiya wena kunye namaSirayeli ephela. Ngomso oku wena kunye noonyana bakho sobe sikunye, yaye uNdikhoyo loo mkhosi wamaSirayeli uza kuwunikela esandleni samaFilistiya.”

20Ngoko nangoko wawa bhaxa emhlabeni uSawule, egubha ngenxa yamazwi kaSamweli. Wayeselephelelwe nangamandla, kuba wayengazange wasa nto emlonyeni imini nobusuku.

21Waya kuye loo mfazi, wafika uSawule efile kukoyika, waza wathi: “Mhlekazi, umkhonzazana wakho ukuthobele. Ubomi bam ndibubeke esichengeni ndenza ngokomyalelo wakho. 22Ngoku ke siphulaphule isicakazana sakho; mandikwenzele into etyiwayo, utye, ahlaziyeke amandla akho, uhambe indlela yakho.”

23Wala uSawule, esithi: “Andiyi kusa nto emlonyeni!”

Kambe ke amcenga amaphakathi kunye naloo mfazi. Ngenene woyisakala, wavuka, wahlala ebhedini. 24Loo mfazi wakhawuleza waxhela ithole elondlekileyo awayenalo emzini wakhe; wathatha umgubo, waxova, wenza isonka esinganyuswanga. 25Oko kutya wakubeka ngaphambi kukaSawule kunye namaphakathi akhe, bakutya, baza banduluka kwangobo busuku.

1 KASAMWELI 28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 29

UDavide uyagxothwa ngamaFilistiya

1Amabutho amaFilistiya aqokelelana eAfeki, waza umkhosi wamaSirayeli waya kumisa ngakumthombo waseYizereli. 2Zaphuma iikumkani zamaFilisitiya, zihamba namabutho azo angamakhulu-khulu namawaka-waka. Yena uDavide namadoda akhe babelandela ngasemva, behamba kunye nokumkani uAkishe. 3Zidumzele iinkokheli zamaFilistiya zakubabona, zathi: “La maHebhere afuna ntoni apha?”

Kuphendule ukumkani uAkishe kweso sithuba, wathi: “Ngumphakathi kakumkani uSawule lo, uDavide. Selenethuba elide elapha kum, yaye andifumananga sikhwasilima kuye okoko wafikayo apha kum.”

4Azimhoyanga iinkokheli zamaFilistiya, zaba nomsindo, zathi: “Makahambe lo mfo apha, aye kulaa dolophu wamnika yona. Makangayi kunye nathi emfazweni, hleze asijikele xa lishushu idabi. Leyo ingaba yindlela elula angaxolisa ngayo inkosi yakhe ngokubulala amadoda omkhosi wethu. 5Kanene, asinguye na lo Davide bakha bombelela ngaye abafazi besithi: ‘USawule ubulele amawaka, kodwa yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi’?

6UAkishe ke wabiza uDavide, waza wathi kuye: “Davide, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, wena unyanisekile, ndaye bendingathandayo ukuba siye kunye kule mfazwe, kuba andifumananga sikhwasilima kuwe konke okoko wafikayo apha kum. Kambe ke abanye abaphathi àbakholwa bubukho bakho. 7Phindel' emva ngoxolo ke, mfo wam, ungakhe wenze nto abanokuthi bayigxeke.”

8Wabuza wathi uDavide: “Ndenzeni, mhlekazi? Wena ubone sikhwasilima sini na kum oko ndafikayo apha? Ngani ndingavunyelwa nje ndihambe nawe, mhlekazi, ndiye kulwa neentshaba zenkosi yam?”

9“Ngeba nditsho nam, Davide.” NguAkishe ke lowo. “Mna ndikubona unyaniseke ngokungathi usisithunywa sikaThixo. Kodwa ke ezinye iinkokheli zithi asinako ukuya nawe emfazweni. 10Kufuneka ke ngomso oku, wena namadoda akho, enamshiyayo uSawule neza kum, nivuke ekuseni, ninduluke kusathi qhekre ukusa.”

11Banduluka ekuseni ke ngengomso ooDavide ukubuyela kwelamaFilistiya. AmaFilistiya wona ajonga phambili eYizereli.

1 KASAMWELI 29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 30

Idabi likaDavide nama-Amaleki

1Ngomhla wesithathu bagaleleka eZikelage ooDavide namadoda akhe. Bafika ama-Amaleki esanda kungenela amazantsi elakwaJuda, ahlasela neZikelage. Ayeyitshise pam loo dolophu, 2athimba abafazi nabantwana bonke. Kwakungafanga mntu phofu; ayethimbe nje konke okushukumayo endleleni yawo.

3Ukufika kwabo ooDavide bafika loo dolophu iluthuthu, abafazi noonyana kunye neentombi zabo kumkiwe nazo. 4Hayi ke, abhomboloza loo madoda ada aphelelwa ngamandla. 5Kwakuthathwe nabafazi ababini bakaDavide, uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

6Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto. 7UDavide wabiza unyana ka-Ahimeleki, uAbhiyatare umbingeleli, wathi kuye: “Khawuze *nesidanga eso, mfo ka-Ahimeleki.” Wasisa uAbhiyatare. 8UDavide wabuza kuNdikhoyo wenjenje: “Ndibasukele na aba banqolobi? Ndobafumana na?”

“Baleqe; uza kubafumana, ubakhulule abaya bathinjwa,” utshilo uNdikhoyo.

9Wanduluka ke uDavide kunye naloo makhulu mathandathu amadoda. Bathi bakufika kwintlambo iBhesore, asala apho amadoda 10angamakhulu amabini awayedinwe kangangokuba angabi nako ukuyiwela loo ntlambo. Wabheka phambili yena uDavide kunye namakhulu amane amadoda, 11abhaqa umJiputa endle apho, aza amsa kuDavide. Ampha ukutya, watya; amnika namanzi, wathoba unxano; 12ampha nomqwayito wamafiya kunye nezikhinkci zeerasentyisi zazibini. Uthe akugqiba ukutya, waziva edlamkile. Kaloku kwakusekuziintsuku ezintathu engafumani nto ityiwayo, nditsho neyokuthoba unxano. 13Emva koko ke uDavide wambuza wathi: “Khawutsho ke, ungokabani, uphuma phi?”

“Mna ndingumJiputa, ikhoboka lomAmaleki,” kuphendula umfo lowo. “Ndishiywe yinkosi yam, kuba ndisuke andaphila. Sekuziintsuku ezintathu ngoku. 14Sasiye kuthimba kulaa mmandla wamaKreti ukumazantsi elakwaJuda, sadlulela kummandla wakwaKalebhi, senjenjeya saya kutshisa iZikelage.”

15“Ungasisa apho bakhoyo abo banqolobi?” kubuza uDavide.

Wenjenje ukuphendula: “Ewe, ndinganisa ukuba ungafunga uThixo ukuba anizi kundibulala okanye nindinikele kwinkosi yam.” 16Emva koko ke loo mfo wabasa ooDavide apho babemise kona abanqolobi.

Babethe saa abanqolobi abo kuloo ndawo, kutyiwa, kuselwa, kubhiyozelwa amaxhoba angako awayethinjwe kwelamaFilistiya nakwaJuda. 17Kwathi xa kumpondo-zankomo ngomhla olandelayo, zanqoza, ebahlasela uDavide, zatsho kwada kwangongcwalazi. Akwasinda namnye kubo ngaphandle kwamakhulu amane abafana abasuka bona bakhwela ezinkameleni, babaleka. 18UDavide wabahlangula bonke abathinjwa bama-Amaleki, wabuya nawo onke loo maxhoba babewathimbile, kunye nabafazi bakhe bobabini, akwabikho nto ingafunyanwanga. 19Oonyana neentombi zamadoda akhe kunye nawo onke loo maxhoba ama-Amaleki wabuya nawo uDavide. 20Wabuya nemihlambi yeenkomo neegusha, ahamba eqhuba loo mihlambi amadoda akhe, esithi: “Huntshuu! Amaxhoba kaDavide!”

21Wesuka apho uDavide, wafika kulawa makhulu mabini amadoda awasala entlanjeni eBhesore ngenxa yokudinwa. Aphuthuma ukuhlangabeza uDavide namadoda akhe. Wawabulisa uDavide, wawabuza nempilo, 22kodwa kwabakho amatshijolo nabaphembi-qhushululu kubalandeli bakaDavide, abathi: “Aba bebengahambanga nathi. Ngoko abazi kuba nanxaxheba kula maxhoba size nawo. Indoda nganye ingasuka ithathe umfazi wayo nabantwana bayo, ihambe.”

23Wenjenje ukuwaphendula loo madoda uDavide: “Mawethu, aninako ukwenjenjalo ngento esiyiphiwe nguNdikhoyo! NguNdikhoyo lo usikhuseleyo wasoyisela abaya banqolobi bathimbe izinto zethu. 24Ayamkeleki le nto niyithethayo. Kaloku umntu osala nemithwalo ufumana isabelo esinye nalo uya edabini. Makunikwe inxaxheba kumntu wonke ngokulinganayo.” 25Loo mthetho wawiswa nguDavide waba ngummiselo nesiko kwaSirayeli ukususela ngaloo mini.

26Wathi akufika eZikelage uDavide, wathatha isabelo kuloo maxhoba, wasithumela kumadoda amakhulu angoogxa bakhe kwaJuda, esithi: “Nantso inxaxheba esinabela yona kumaxhoba esiwathimbe kubachasi bakaNdikhoyo.” 27Wabela abantu baseBhetele, nabaseRama, kwaJuda emazantsi, nakubantu baseYatire, 28eArohere, eSifimoti, e-Eshtemowa, 29kunye naseRakeli. Wabela nomzi wakwaJerameli, namaKeni, 30kwakunye nabantu baseHoma, eBhorashan, eAtaki, 31nabaseHebron, nakuzo zonke iindawo apho wakha waxhwarha khona kunye namadoda akhe.

1 KASAMWELI 30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 31

Ukufa kukaSawule noonyana bakhe

(1 Gan 10:1-12)

1Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa. 2AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa. 3Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamngxwelerha.

4Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.”

Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo. 5Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele, wafa kunye noSawule. 6Kwaba njalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye naloo mfana owayemphathela izikhali. Kwawa onke amadoda omkhosi kaSawule ngaloo mhla.

7AmaSirayeli angaphesheya kwentili nangaphesheya kweJordan athi akubona ukuba umkhosi wakwaSirayeli uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolophu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.

8Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe bobathathu ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa. 9Amnqumla intloko uSawule, amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso ezindlwini *zoothixo bawo nakuwo onke amawabo. 10Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo uAshtaroti, isidumbu sakhe asibethelela kudonga lwedolophu iBhete-shan.

11Zathi zakuvakala kubantu baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya, 12kwanduluka onke amagorha alapho, ahamba ubusuku bonke esinga eBhete-shan. Afika azithula izidumbu zooSawule noonyana bakhe kolo donga lwaseBhete-shan, agoduka nazo, aya kuzitshisa eJabheshe. 13Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi womtamariske eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.

1 KASAMWELI 31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 57

Ukucela uncedo

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekuphuncukeni kwakhe kuSawule emqolombeni. Luculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Uzungatshabalalisi.”

1Khawube nenceba uvelane nam, Thixo;

kaloku igwiba lam nguwe.

Ndizimela kuloo maphiko akho zide zidlule iinkqwithela.

2Ndibhenela kuThixo uPhezukonke,

kuThixo ongenakundiyekela,

3eve esezulwini andihlangule,

abahlazise abo bandixobongayo.

Ngokuthembeka kwakhe uThixo,

ngokunjalo nangezibele zothando lwakhe,

yena uya kuphendula.

4Ndiphahlwe ziingonyama ezibaqwengayo oonyana babantu.

Zisineke ngeengxavula ezingathi yimikhonto neentolo;

zitsho ngeelwimi ezilencayo.

5Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;

isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.

6Bandithiyela ngezabatha; ndatsho ke ndaminxeka.

Bandimbela umwonyo; suka kweyela kwabona.

7Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;

ewe, ngenene, andithandabuzi;

ndiza kumemelela nditsholoze!

8Awuhoyi na, mphefumlo wam?

Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;

ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.

9Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Nkosi;

ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.

10Izibele zakho zibalasele ezulwini;

ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.

11Awu, Thixo, zimaseka esibhakabhakeni;

isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele!

IINDUMISO 57XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 63

Ukulangazelela uThixo

Umhobe kaDavide xa wayesentlango yelakwaJuda.

1Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.

Umphefumlo wam uyakulangazelela.

Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;

ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2Ndikuzingela phakathi *esibingelelweni,

ukuze ndibone amandla nesidima sakho.

3Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,

ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.

4Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;

ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

5Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;

ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.

6Emandlalweni wam ndicinga ngawe;

ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.

7Kaloku wena uluncedo lwam;

ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.

8Ndizimisele ukuthi nca kuwe;

kaloku wena uyandixhasa.

9Ke bona abafunana nobomi bam

baya kweyela kwelabafileyo.

10Baya kubulawa ngekrele,

babe lixhoba leengcuka.

11Ke yena ukumkani uvuyiswa nguThixo.

Bonke abaqamela ngaye baya konwaba.

Amaxoki ke wona aya kusikw' umlomo.

IINDUMISO 63XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-