Bible Society of South Africa

To The Word – Day 77

1 Samuel 21–25, Psalms 34 & 54 (optional: Psalms 52 & 56)

Itekisi yeBhayibhile

1 KASAMWELI 21

UDavide ubalekela eNobhi kwa-Ahimeleki

1Ukusuka apho uDavide waya kwambingeleli uAhimeleki eNobhi. Wamhlangabeza uAhimeleki esoyika, wambuza esithi: “Kutheni uhamba wedwa nje? Kutheni kungekho bani ukukhaphayo nje?”

2Uphendule wenjenje uDavide: “Ndize apha ngokuthunywa ngukumkani. Yaye uthe ze ndingaluxeleli mntu udaba andithume lona. Ndithe kumadodana am siya kudibana endaweni ethile. 3Ngaba akunanto ityiwayo apha? Ndiphe izonka noba zihlanu, okanye nantoni ongaba unayo.”

4Uthe umbingeleli: “Akukho sonka siqhelekileyo sikhoyo apha; kuphela kwesonka esikhoyo sesingcwalisiweyo. Phofu ungasifumana xa loo madodana akho engakhange ahlangane nabantu ababhinqileyo kutshanje.”

5UDavide wamphendula umbingeleli wathi kuye: “Inene, asidibani nabantu ababhinqileyo xa sihambela umcimbi, nokuba ngongephi, andithethi ke xa kungumcimbi omkhulu njengalo siwuphetheyo.”

6Umbingeleli ke wamnika uDavide eso sonka singcwalisiweyo, kuba kwakungekho sonka simbi ngaphandle kweso sasinikelwe kuNdikhoyo. Sasisesisusiwe esibingelelweni, sekubekwe esitsha.

7UDowegi wase-Edom, induna yabelusi bakaSawule, wayekho apho ngaloo mini, ehlaliswe endlwini kaNdikhoyo.

8UDavide wabuza uAhimeleki wathi: “Akunamkhonto na okanye ikrele apha? Udaba lukakumkani lwalungxamisekile kangangokuba andizange ndifumane thuba lakuthatha sixhobo konke.”

9Wathi umbingeleli: “Likho ikrele apha. LelikaGoliyati, lowa mFilistiya wambulalela kwintlambo yom-oki. Naliya phaya ligqunywe ngesidanga, lithandelwe ngesiziba. Ungalithatha xa ulifuna; kuphela kwesikrweqe esikhoyo apha eso.”

Wathi uDavide: “Ndinike lona. Akukho limbi linjengalo.”

UDavide ubalekela eGati kukumkani uAkishe

10Wemka uDavide, ebaleka uSawule, waya eGati kukumkani uAkishe. 11Amaphakathi kakumkani uAkishe abuza kukumkani athi: “UDavide lo asingokumkani na kowabo? Asinguye lo babesombela ngaye abafazi, besithi: ‘USawule ubulele amawaka, kodwa yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi’?

12Wakuwazikisa la mazwi uDavide wangenwa kukumoyika ukumkani uAkishe. 13Kwathi ke ngalo lonke ixesha ekufuphi naye, uDavide aziphambanise, enze izinto zobugeza. Wayedla ngokukrwela ezindongeni zesixeko, avuzise izinkcwe zihle ngeendevu.

14Wavakala uAkishe esithi kwiinduna zakhe: “Hayi, le ndoda iphambene! Niyizisela ntoni apha kum? 15Ndiswele amageza kakade le nto nindizisela elinye lize kundiphambanela apha ekhaya?”

1 KASAMWELI 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 22

UDavide uzimela eMowabhi

1Emva koko wemka eGati uDavide, ebalekela kumqolomba ongaseAdulam. Abantakwabo nendlu yonke kayise baya kugaleleka apho bakuba bevile ngomkhondo wakhe. 2Kwakudla ngokuya kuye abantu ababandezelekileyo, nabaneengxaki zamatyala, nabanganelisekanga, waba yinkokheli yabo. Amadoda anaye ayemalunga namakhulu amane ewonke.

3Wesuka apho uDavide, waya kwelaseMowabhi eMizpa, wabhekisa kukumkani walapho wenjenje: “Mhlekazi, ubawo nomama ndibacelela indawo apha kuwe, ndide ndiqonde ukuba uThixo iinjongo zakhe ziyintoni na ngam.” 4Wabashiya apho ke uyise nonina, baza bahlala khona phantsi kokumkani waseMowabhi wonke lo gama yena Davide wayezimele enqabeni.

5Emva koko kwafika *umshumayeli uGadi kuDavide, wathi: “Musa ukuhlala kule nqaba. Buyela kwaJuda.” Wemka ke apho uDavide, waya kuhlala kwihlathi laseHerete.

Ukubulawa kwababingeleli

6Ke uSawule weva ukuba uDavide kunye namadoda akhe babhaqiwe. USawule wayeseGibheya, echophe phantsi komthi womtamariske, ephethe umkhonto. Kwakuthe nqwadalala, amaphakathi akhe emngqongile. 7Wathi uSawule kumaphakathi akhe amngqongileyo: “Khanindiphe iindlebe, mawethu akwaBhenjamin! Nicinga ukuba kanene unyana kaJese uza kuninika amasimi nezidiliya, animise nonke nibe ngabaphathi bamabutho namaqela? 8Ngaba yiyo loo nto nonke senindenzela amayelenqe? Yiyo loo nto kungabangakho namnye kuni okhe wandithela thsuphe ngemvumelwano yonyana wam nonyana kaJese? Bekungasekho mntu na undikhathaleleyo kangangokuba andixelele ukuba uDavide, isicaka sam, ndithethanje undilalele, efuna ukundibulala, exhaswa ngunyana wam?”

9UDowegi owayengomnye waloo maphakathi ayengqonge uSawule, wangenelela wenjenje: “Ndambona uDavide eye eNobhi kuAhimeleki unyana ka-Ahitubhi. 10UAhimeleki wabuzela uDavide *kuNdikhoyo, waza wamnika umphako nekrele lomFilistiya uGoliyati.”

11Emva koko ukumkani uSawule wathumela ukuba kuye kubizwa uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi nezalamane zakhe ezazingababingeleli eNobhi. Bonke ke beza kukumkani.

12Wathi uSawule: “Phulaphula, nyana ka-Ahitubhi!”

“Ewe, mhlekazi,” waphendula watsho uAhimeleki.

13Uqhube wathi uSawule: “Liyelenqe lani eli nindenzela lona wena nonyana kaJese? Umnikeleni ukutya, nekrele, wada wambuzela kuThixo, ukuze asuke andilalele njengokuba kunjalo ngoku?”

14Uphendule wenjenje uAhimeleki: “Mhlekazi, kungekho sicaka unaso sithembeke ngaphezu kukaDavide nje? Kaloku uDavide ngumyeni wentombi yakho, engumphathi wabagadi bakho, yaye uhlonitshwa ngumntu wonke wakomkhulu. 15Ndimbuzele kuNdikhoyo, ndaye ndingaqali kwenjenjalo phofu. Nalo mba athetha ngawo umhlekazi andazani nawo mna, nditsho namawethu ephela akazi nto ngawo.”

16Ukumkani uphethe ngelithi: “Umelwe kukufa, wena Ahimeleki, kunye nomzi wonke kayihlo.” 17Watsho ebhekisa kubagadi esithi: “Bulalani ababingeleli bakaNdikhoyo! Babebhunga noDavide, abandixelela naxa asabileyo, ukanti babeyazi loo nto.” Bala bona abagadi ukusa isandla kubabingeleli bakaNdikhoyo.

18Wathi ke uSawule kuDowegi: “Bahlasele aba babingeleli!” Waza uDowegi wabahlasela wababulala bonke. Yayingamashumi asibhozo ababingeleli ababenelungelo lokuphatha *isidanga ababulawa nguDowegi ngaloo mini. 19Wada wabulala bonke abemi baseNobhi, eyayisisixeko sababingeleli. Kwafa amadoda nabafazi, abantwana neentsana; kwafa zinkomo, zidonki, zigusha, akwasala nto.

20Kwasinda kuphela uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki, owabalekela kuDavide. 21Wafika wambalisela ukuba uSawule ubaxabele ababingeleli bakaNdikhoyo. 22Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni. 23Seluhlala apha kunye nam, ungaxhali; akukho nto iya kukuthi cha apha. Lowo uzungula ubomi bakho uzungula nobam.”

1 KASAMWELI 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 23

UDavide uhlangula iKehila

1Zafika kuDavide iindaba ezithi: “AmaFilistiya ayihlasele idolophu iKehila; aphanga ingqolowa apho ibhulelwa khona.”

2UDavide wabuza *kuNdikhoyo wathi: “Mandiwahlasele na amaFilistiya?”

UNdikhoyo wathi: “Yiya kuwahlasela, ubahlangule abantu baseKehila.”

3Amadoda kaDavide wona avakala esithi: “Singathi sihleli sisoyika kakade apha kwaJuda, sibuye siye kuhlasela umkhosi wamaFilistiya eKehila?”

4Emva koko ke uDavide wabuza kuNdikhoyo kwakhona ukuba angaya kuwahlasela na amaFilistiya. Waphendula wathi uNdikhoyo: “Wahlasele amaFilistiya eKehila, kuba ndiza kuwanikela ezandleni zakho.”

5UDavide wanduluka kunye namadoda akhe, baya kuwahlasela amaFilistiya. Babulala amaFilistiya amaninzi, bathimba nemihlambi yawo. Waba ke uyihlangule njalo loo dolophu uDavide.

UAbhiyatare ubuzela uDavide kuNdikhoyo

6Ekubalekeleni kwakhe kuDavide eKehila uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki wafika esiphethe *isidanga.

7Zafika kuSawule iindaba zokuba uDavide waya eKehila. Wavakala esithi: “Unikelwe nguThixo kum uDavide lo. Uzikhonkxile ngokwakhe ngokuya kungena kwidolophu enamasango atshixwayo.” 8Watsho eqokelela umkhosi wakhe wonke uSawule, ukuba aye kuvingcela uDavide namadoda akhe apho eKehila.

9Zafika kuDavide iindaba zokuba uSawule uceba ukwenza ububi kuye, waza wathi kuAbhiyatare: “Yiza nesidanga.” 10Ubuze *kuNdikhoyo ke uDavide wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ndiva kusithiwa ngenene uSawule uzimisele ukuza kuyihlasela ayitshabalalise iKehila ngenxa yam. 11Ndixelele, mna sicaka sakho, ndiyakubongoza, ngaba angandinikezela kuSawule amadoda amakhulu alapha? Ngaba ngenene uSawule uza kuza njengoko amarhe esitsho?”

UNdikhoyo waphendula wathi: “Uza kuza.”

12“Amadoda amakhulu aseKehila ngaba aza kusinikela kuSawule?” ubuzile uDavide.

“Ewe, aza kuninikela,” kutsho uNdikhoyo.

13Wanduluka kwangoko ke eKehila uDavide kunye namadoda akhe amalunga namakhulu amathandathu, behamba behlala. Akabanga saya eKehila uSawule akuva ukuba uDavide ubalekile wemka apho.

UDavide kweleentaba

14UDavide waya kuhlala kwiindawo ezinqabileyo entlango nakweleentaba zentlango eyiZifi. Wathi rhoqo uSawule ukufuna uDavide, kodwa *uNdikhoyo akamnikelanga ezandleni zakhe. 15Kwathi uDavide eseHoreshe kuloo ntlango iyiZifi weva ukuba uSawule uphumele ukumbulala. 16Kwafika uJonatan apho, eze kumkhuthaza ngaye uThixo. 17Wathi kuDavide uJonatan: “Musa ukoyika, Davide; ubawo uSawule akasoze abe nako ukusa isandla kuwe. Nguwe oza kuba ngukumkani kwaSirayeli; mna ndiza kuba sisandla sakho. Úyayazi naye loo nto ubawo uSawule.” 18Baphinda banqophisana phambi koNdikhoyo. Emva koko wagoduka uJonatan, uDavide yena wasala apho eHoreshe.

19Kwesuka amaZifi, aya eGibheya, eye kuxelela uSawule esithi: “Nanko uDavide ezímele kwelakowethu kwinduli iHakila eyenye yeendawo ezinqabileyo ezikummandla waseHoreshe ezantsi kweYeshimoni. 20Ke ngoko, mhlekazi, nanini wakuthanda, yiza – siya kumnikela ezandleni zikakumkani.”

21Wathi kuwo uSawule: “Nindincedile; ubenga uNdikhoyo anganithamsanqela ngenxa yokundikhathalela kwenu. 22Godukani ke, niphinde nikhangelise kakuhle apho akhoyo, nimazi naloo mntu umbonileyo. Kuthiwa uDavide ulumkile. 23Ziqapheleni kakuhle iindawo ahlala kuzo, nibuye nindazise ke. Emva koko ke ndiya kuhamba kunye nani. Ukuba uselapho ndiya kumkhangela kulo lonke, ndimfune ndide ndimfumane, nokuba kungade kufuneke ndityhutyha-tyhutyhe onke amawaka akwaJuda.”

24Basuka ke abo bantu, bamandulela uSawule ukuya eZifi. Ngoku uDavide namadoda akhe babekwintili ekwintlango iMawoni, kumazantsi elakwaJuda, ezantsi kweYeshimoni. 25USawule wanduluka ukuya kufuna uDavide. Kodwa yena uDavide wayixelelwa loo nto, wemka waya kuhlala kwingxondorha yenduli eyayikuloo ntlango iMawoni. Uthe akuyiva loo nto uSawule, waya kwintlango iMawoni, esekhondweni likaDavide.

26USawule nomkhosi wakhe noDavide namadoda akhe bohlulwa yiloo nduli, omnye ekwelinye icala, omnye ekwelinye, ooDavide bezama ukubaleka umkhosi kaSawule owawuselubarhangqile ukubabamba. 27Kanye ngelo thuba kwafika isigidimi kuSawule, size nodaba oluthi: “Khawuleza uze, kuba amaFilistiya ayaliphanga ilizwe lakowethu.” 28Wajika kwangoko uSawule, waya kuqubisana namaFilistiya. Loo nduli yathiywa igama elithi yiSela-hamalekoti. 29Wemka apho uDavide, waya ezindaweni ezinqabileyo zase-Engedi, wafika wazímela apho.

1 KASAMWELI 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 24

UDavide wala ukubulala uSawule

1Ukubuya kwakhe uSawule emfazweni, evela kulwa namaFilistiya, waxelelwa ukuba uDavide wayekwintlango yase-Engedi. 2USawule wathatha amawaka amathathu amadoda akhethiweyo kwaSirayeli, wangena ekhondweni, esiya kukhangela uDavide ngakwicala langasempumalanga laMaweempunzi. 3Endleleni apho uSawule wafika kwindawo eneentango zeegusha. Apho bekukho umqolomba, waza uSawule wangena kuwo, efuna ukuya kuzithuma. Yayinguloo mqolomba kanye wayezímele kuwo uDavide namadoda akhe, besengontsini phakathi kanye. 4Athi amadoda akhe akuyibona loo nto: “Nali ithuba lakho! Akazanga atsho *uNdikhoyo ukuthi wolunikela kuwe utshaba lwakho, wenze nantoni na ofuna ukuyenza ngalo?” Wachwechwa ke uDavide, wafika wasika isondo lesambatho sikaSawule, phofu uSawule engakuqondi okuqhubekayo.

5Loo nto wayenza kuSawule yamdla kakhulu uDavide. 6Wathi kumadoda akhe: “Makandithintele uNdikhoyo ekwenzeni into enje kwinkosi yam umthanjiswa kaNdikhoyo, nditsho le yokuba ndise isandla sam kuye, kuba kaloku ungumthanjiswa kaNdikhoyo!” 7Wawakhalimela ngaloo mazwi uDavide amadoda akhe, wawanqanda ukuze angamhlaseli uSawule.

Wesuka kuloo ndawo uSawule, wangena endleleni. 8UDavide waphuma emqolombeni, wamlandela ekhwaza esithi: “Wa, mhlekazi, nkosi yam!” Wajika wakhangela ngasemva uSawule. Wawa ngobuso emhlabeni uDavide ekhahlela. 9Waqhuba wenjenje: “Mhlekazi, kungani na ukuba uhambisane nolwimi oluthi mna ndizungula ukukwenzakalisa? 10Wena akuyiboni into yokuba khona ngoku uNdikhoyo ebekunikele esandleni sam phaya kulaa mqolomba? Bekusithiwa mandikucim' igama, kodwa ndaba nenceba, ndala konke mna ukukubulala, kuba kaloku wena ungukumkani, umthanjiswa kaNdikhoyo. 11Bawo, khangela, nali isondo lesambatho sakho esandleni sam! Ngendikucim' igama, koko ndisuke nje ndasika le ndawo engubeni yakho. Yazi ke ngoku uqonde ukuba mna andikhange ndafuna kukuvukela okanye kukwenzakalisa. Nguwe ozingela mna, ufuna ukundibulala, naxa ndingakwenzanga nto imbi. 12Wanga ke uNdikhoyo angahlula phakathi kwam nawe. Ubenga angandiphindezela ngenxa yobubi ondenzele bona. Mna andingekhe ndikuse sandla. 13Kaloku sitsho njalo isaci samandulo ukuthi: ‘Inkohlakalo iphuma kwabakhohlakeleyo.’ Ke mna andiyi kukusa sandla konke. 14Ngaba úyayiqonda yona le nto ayileqayo ukumkani wamaSirayeli? Yintoni le ayisukelayo? Ngaba usukela inja efileyo okanye intakumba enye? 15Hayi, makahlule uNdikhoyo, kucace ukuba ngubani owonileyo phakathi kwam nawe. Makayigqale imeko yam, andigwebele, ancede andihlangule kuwe!”

16Uthe akupheza ukuthetha uDavide, wavakala uSawule esithi: “Davide, mfo wam, ngaba lilizwi lakho na elo?” Watsho elila. 17Waqhuba wathi kuDavide: “Unyanisile, ndim lo wonileyo, kuba ubusoloko usenza ubuhle kum, kanti mna bendikuphatha kakubi! 18Ukubonakalalisile ukulunga kwakho kum namhlanje, kuba akundibulalanga uNdikhoyo selendinikele esandleni sakho! 19Yakha yabonwa phi into yokuba athi umntu, selelubambile utshaba lwakhe, abuye aluyeke angalwenzakalisi? Ubenga uNdikhoyo angakuthamsanqela ngale nto ilungileyo undenzele yona namhlanje. 20Ngoku ndiyazi ukuba iza kuba nguwe ukumkani wakwaSirayeli, nokuba ulawulo lwakwaSirayeli luya kuzinziswa ezandleni zakho. 21Kodwa ke funga uNdikhoyo ukuba akuyi kuyitshabalalisa inzala yam, ukuze igama lam lingabhangi endlwini kabawo.” 22Wafunga ke uDavide.

Emva koko uSawule wabuyela komkhulu, waza yena uDavide namadoda akhe babuyela endaweni yabo enqatyisiweyo.

1 KASAMWELI 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 25

Ukufa kukaSamweli

1Wathi akubhubha uSamweli aqokelelana onke amaSirayeli, aza amzilela. Wangcwatyelwa kowabo eRama uSamweli.

UDavide noAbhigeli

Emva koko uDavide wemka waya kuhlala kwintlango iParan. 2Ke kaloku eMawon bekukho indoda eyayifuya eKarmele. Le ndoda ibimi kakuhle, inewaka leebhokhwe namawaka amathathu eegusha eyayizicheba eKarmele. 3Igama laloo ndoda lalinguNabhali, lona elomkayo linguAbhigeli. Umfazi lowo wayehlakaniphile eyinzwakazi. Indoda yayingqwabalala, ingenambeko, yona ingumKalebhi.

4Esentlango apho uDavide weva ukuba uNabhali ucheba iigusha. 5Wathumela ishumi lamadodana eKarmele ukuba aye kumbuza impilo uNabhali. 6Wathi ze bambulisele, badlulise iminqweno emihle nakwintsapho yakhe nako konke okwakhe, baze bathi: 7“Inkosi yethu uDavide ithi: ‘Ndivile ukuba kuyachetywa kwakho. Ke abelusi bakho babekunye nathi, saza sabaphatha kakuhle, baza abalahlekelwa nto lonke elo xesha babekunye nathi eKarmele. 8Nabo bangayingqina loo nto. Ke ngoku, njengokuba la madodana ndiwathumele kuwe ngomhla wetheko, nceda uwanike nokuba yintoni na, eze nayo apha kum, mna nyana wakho.’ ”

9Loo madoda awusa kuNabhali loo mlomo kaDavide, aza alinda impendulo. 10Wavakala uNabhali esithi: “Loo Davide nithetha ngaye ngubani; engubani loo nyana kaJese? Ngathi kuthe saa elizweni zizicaka ezisabayo kwiinkosi zazo ndibonanje. 11Ndingathini ukuthatha ukutya kwam, nesiselo sam, nenyama endiyixhelele abachebi bam, ndiphise ngayo kumadoda angoovuk' engceni.”

12Abuyela kwakuDavide loo madodana, afika amxelela konke okuthethwe nguNabhali. 13UDavide wathi kumadoda akhe: “Xwayani nonke amakrele enu!” Bonke bawaxwaya, waza naye wenjenjalo. Wahamba namakhulu amane amadoda, kwasala amakhulu amabini elinde impahla.

14Kwesuka esinye kwizicaka zakwaNabhali, saya kuhlebela umkakhe uAbhigeli, safika sathi: “Nkosikazi, uvile na? UDavide ubethumele izigidimi zivela entlango ukuba zizise imibuliso kumhlekazi, wasuka yena wazinukuneza. 15Kanti ke la madoda ayesiphethe kakuhle. Akazanga asihlupha nganto, saye singazange sibe nanto ilahlekayo ngalo lonke elo xesha sasisendle kunye nawo. 16Asoloko esikhusela ubusuku nemini ngokuya sasisalusa impahla endle. 17Khawuyicinge nawe loo nto, ukhangele ukuba wena ungenza ntoni na. Isenokuba yingozi kumhlekazi le nto, nkqu nakumzi wakhe wonke. Ayizonkani kumhlekazi; akeva mntu!”

18Wagxabha-gxabhisa uAbhigeli, waqokelela amakhulu amabini ezonka, neemvaba ezimbini zizele yiwayini, kunye nenyama yeegusha ezintlanu eyosiweyo, nengqolowa egcadiweyo eziikhilogram ezisixhenxe, nekhulu lezikhinkci zerasentyisi, namafiya aqwayitiweyo alikhulu lezikhinkci. Yonke loo nto wayilayisha phezu kweedonki. 19Wathi kwizicaka zakhe: “Khokelani; mna ndiza kulandela.” Akazange ase lizwi kumyeni wakhe uNabhali.

20Kwathi esahamba ngaloo donki yakhe uAbhigeli, xa kanye agwejelayo endulini, wagagana noDavide kunye namadoda akhe, besiza ngakuye. 21UDavide wayesatsho ukuthi: “Kube lilize ukukhusela impahla yelaa tshijolo uNabhali endle. Akukho nanye into yakhe eyakha yabiwa, kodwa ngoku undibulela ngesikhohlela ndakugqiba ukumnceda! 22Makandigwebe kalukhuni uThixo ukuba ilanga lithe lasa kusekho into eyindoda kwaNabhali!”

23Wathi uAbhigeli akuthana nqwakaqhwa noDavide, wakhawuleza wehla kuloo donki wayekhwele kuyo, wawa ngobuso emhlabeni ezinyaweni zikaDavide, 24wakhahlela wathi: “Mhlekazi, nceda, libeke kum ityala! Ndivumele mna sicakazana sakho ndithethe nawe, uyive into endiyibhekisa kuwe. 25Musa ukuzikhathaza ngesiya sikhohlakali sendoda uNabhali! Iyile nto kanye lithetha yona igama layo – sisihiba. Mna khange ndiwabone loo madodana inkosi yam ibiwathumele. 26Nangoku *nguNdikhoyo lo ukunqandileyo ukuba ungaphalazi igazi ngokuziphindezela kwiintshaba zakho. Ekho nje uNdikhoyo zonke iintshaba zakho kunye nâbo bakuzondayo baza kohlwaywa, bafane noNabhali. 27Nasi isipho endize naso, mhlekazi; sithathe usinike amadoda akho. 28Uze nam sicakazana sakho undixolele. UNdikhoyo uya kukwenzela umzi ozinzileyo, kuba uyamlwela, yaye ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke. 29Xa kukho bani ukuhlaselayo efuna ukukubulala, uNdikhoyo uThixo wakho wokukhusela, axel' indoda elinde indyebo yayo. Zona iintshaba zakho uNdikhoyo wozithi jwi-jwi okwamatye ajiwulwa *ngenkwitshi. 30Akuba uNdikhoyo ekufezekisile konke okulungileyo akuthembise kona, wakumisela waba ngolawulayo kwaSirayeli, 31okwenzekileyo namhlanje akuyi kuba sisizathu sokuba ukhubeke okanye uzisole ngento yokuphalaza igazi elimsulwa uziphindezela. Nam ke, mhlekazi, uze ungandilibali xa athe wakuthamsanqela uNdikhoyo.”

32Uphendule ngelithi uDavide: “Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli othe wakuthumela ukuba undihlangabeze namhlanje! 33Makabongwe uThixo okuphe loo ngqondo ube nayo, ukuze wenze le nto indivalelayo, ukuze ndingenzi bugwinta ngokuziphindezela ngezam izandla. 34Ewe, nguNdikhoyo lo undinqandileyo ukuba ndingamenzakalisi uNabhali. Kambe ndifunga uThixo kaSirayeli ukuba, xa ubungakhawulezanga wandikhawulela, ngengomso ibiya kuba ifile yonke into eyindoda kwaNabhali.”

35UDavide wazamkela ezo zipho awayeze nazo uAbhigeli, waza wathi: “Hamba ngoxolo ugoduke. Ndikuvile, yaye ndosenza isicelo sakho.”

36Wagoduka ke uAbhigeli, ebuyela kuNabhali, owayenze itheko elifana nelekumkani. Wayeshushu umfo, watsho wayimvuzemvuze bububele. UAbhigeli ke akazanga abe samxelela nto kwada kwangegomso. 37Wathi akuqabuka uNabhali, wandula uAbhigeli ukumbalisela konke akwenze ngezolo. Wasuka wafa umzimba wasisigogo. 38Kwathi emva kwemihla elishumi uNdikhoyo wambetha uNabhali, wasweleka.

39Zathi zakufika kuDavide iindaba zokuba uNabhali akasekho, wavakala esithi: “Makabongwe uNdikhoyo ondilamleleyo kwimbambano yam noNabhali owandenzela ulunya. Mna sicaka sakhe uNdikhoyo wandinqanda ekwenzeni ububi, baza ubugwenxa bukaNabhali babuyekezelwa kwakuye.”

Emva koko uDavide wathumelisa kuAbhigeli emcela ukuba abe ngumkakhe. 40Zafika kuAbhigeli eKarmele izicaka zikaDavide, zathi: “Uthe uDavide masize kukuphuthuma ukuze ube ngumkakhe.”

41Wathoba ubuso bakhe, wabujongisa emhlabeni uAbhigeli, wathi: “Ewe, mna ndisisicakazana sakhe; ndiyavuma ukumkhonza, ndihlambe nokuhlamba iinyawo zezicaka zakhe.” 42Wagxabha-gxabhisa, wakhwela edonkini yakhe, wahamba nezigidimi zikaDavide, ekhatshwa ziimpelesi zakhe ezintlanu ukuya kwendela kuDavide.

43UDavide wayeselenomfazi onguAhinowam intombi yaseYizereli ngoku athatha uAbhigeli. 44Kanti ke uSawule intombi yakhe uMikali, eyayikwangumka-Davide, wayeyendisele kuPalti unyana kaLayishe waseGalim.

1 KASAMWELI 25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 34

Umthandazo wokubulela izibele zikaNdikhoyo

Umhobe kaDavide xa wayezenza igeza phambi kuka-Abhimeleki owathi wamgxotha wemka.

1Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;

andisayi kuyeka ukumdumisa.

2Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,

batsho bavuye abo babandezelekileyo.

3Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;

masilidumise kunye igama lakhe.

4Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,

wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

5Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;

ewe, abasayi kuze badakumbe bona.

6Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,

walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

7Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.

8Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;

ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

9Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,

kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.

10Neengonyama ziyaswela zilambe,

kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;

ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,

lowo unga angafumana imihla emnandi,

13makazilumle ekuthetheni kakubi,

ayeke ukuthetha ubuxoki;

14makahlukane nobubi, enze okulungileyo;

makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,

uyayiva imithandazo yawo;

16kodwa ubafulathele abenzi bobubi,

abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,

awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,

ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

19Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,

kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;

20uwagcina onke amathambo alo,

kungaphuki nalinye kuwo.

21Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,

bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.

22UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;

bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

IINDUMISO 34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 54

Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni

Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umbongo kaDavide, ngexesha amaZiti exelela uSawule ukuba uDavide uzimele kuwo.

1Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;

ngamandla akho undikhulule.

2Wuphulaphule umthandazo wam,

sive isikhalo sam, Thixo.

3Iintlanga ziyandihlasela;

izikhohlakali zizungula ukundibulala.

Zona azimkhathalele nganto uThixo.

4Kodwa ke umncedi wam nguThixo,

umxhasi wam nguMhlekazi.

5Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.

Zibhangise, kuba uthembekile wena.

6*Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.

Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.

7Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;

ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.

IINDUMISO 54XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 52

Ukugweba nokubabala kukaThixo

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide, ngexesha uDowegi umEdom exelela uSawule ukuba uDavide usemzini ka-Ahimeleki.

1Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,

usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?

2Usoloko uzungula ukutshabalalisa.

Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!

Uhlala uyila ubutshijolo.

3Uthanda okubi kunokulungileyo;

uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.

4Hayi ke bethu umntu onolwini!

Uyakuthanda ukuphixanisa.

5Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;

uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;

uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.

6Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:

7“Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,

owasuka wakholosa ngobutyebi,

waphumelela ngobutshijolo!”

8Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;

ndihlala phakathi endlwini kaThixo.

Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;

kuya kude kube ngunaphakade.

9Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.

Ndithembele kuwe kuba ulungile.

Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.

IINDUMISO 52XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56

Ukuthembela kuThixo

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekubanjweni kwakhe ngamaFilistiya eGati. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ihobe lamahlathi akude.”

1Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;

maxa onke ziyanditshutshisa.

2Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;

yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.

3Ndakuxineka ndikholosa ngawe.

4UThixo olizwi ndilidumisayo

ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

5Iintshaba zam ziyaphixanisa;

zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.

6Ziphum' izithuba, ziyandilalela;

zithene mbende nam.

Kaloku ziyandizungula.

7Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;

ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.

8Uyakubona ukubhadula kwam,

neenyembezi zam uyazibona.

Kaloku uyazibhala ezi zinto.

9Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.

Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.

10UThixo olizwi ndilidumisayo,

*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,

11ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

12Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,

ndenze umbingelelo wokukubulela;

13kuba undihlangule ekufeni,

undisindise ekoyisweni,

ukuze ndibe phambi koThixo,

ndidle ubomi njalo-njalo.

IINDUMISO 56XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-