Bible Society of South Africa

To The Word – Day 72

Songs 1–8

Itekisi yeBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 1

1Nalu uncuthu lwengoma lukaSolomon.

Umtshakazi

2Akwaba ubungakhe undiphuze,

undincamise ngaloo mlomo!

Aluyole ngako uthando lwakho;

luhlasimlisa ngaphezu kwayo newayini!

3Isiqholo sakho sithi ndirhogole,

negama lakho lifuz' eso siqholo.

Yiyo le nto iintombi zithe phithi nguwe!

4Khawulezisa, ndithathe simke!

Masiye entangeni yakho, kumkani!

Abathelelayo

Siya kugcoba sivuye ngawe!

Uthando lwakho luyancomeka ngaphezu kwewayini;

iintombi zifanele ukuthi phithi nguwe.

Umtshakazi

5Ewe, zintombi zaseJerusalem,

ndingunomdakazana, kodwa ndinomkhitha

oku kweentente zaseKedare nemikhusane kaSolomon.

6Ndingade ndibe ngunomdakazana kodwa noko ke sukundidela;

ndifiphele nje kungenxa yelanga.

Oonyana bakama basuka bandiqumbela,

baza bandenza umgcini wesidiliya,

ndaza mna siqu ndaziyekelela.

7Khawutsho ke, sithandwa sam,

ngaba walusela phi kakade?

Ziphumla phi iigusha zakho emini?

Ngani ukuba ndibe ngogqubutheleyo

ndikufune phakathi kwemihlambi yezihlobo zakho?

Umyeni

8Awazi na kakade, nzwakazindini egqwesileyo?

Hayi ke, landela umzila weegusha,

uye kwalusa amatakane eebhokhwe kufutshane neentente zabelusi.

9Hayi ke wena, sithandwa sam, usuke wafana nethokazi lehashe

elitsala inqwelo yokumkani waseJiputa.

10Azizihle ngako ezo zidlele ziphahlwe ngaloo macicikazi,

naloo ntamo yakho ivathiswe ngamaso.

11Ndokwenzela amacici egolide aqhoqhonywe ngesiliva.

Umtshakazi

12Ukumkani uthe esangqengqile ngasetafileni yakhe,

isiqholo sam satsho ngevumba elimyoli.

13Isithandwa sam ngathi yingxowana yesiqholo semore

esithe nca phakathi kwamabele am.

14Isithandwa sam ngathi sisipha seentyatyambo zehena,

ezo zezidiliya zase-Engedi.

Umyeni

15Waza wamhle, sithandwa sam!

Ewe, uyinzwakazi ke khona!

Amehlo – hotyazana lakwabani!

Umtshakazi

16Ewe, uyinzwana ke khona, sithandwa!

Hayi, umtsalane wakho!

Umandlalo wethu uluhlaza yaka!

17Indlu yethu itsho ngemiqadi yemisedare,

ngaphakathi yambathiswe ngemipayini.

UNCUTHU LWENGOMA 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 2

1Ndiyintyatyambo yaseSharon,

inyibiba yasentilini.

Umyeni

2Njengenyibiba phakathi kwameva

sinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.

Umtshakazi

3Njengomthi weeapile ehlathini

sinjalo isithandwa sam phakathi kwabafana.

Akwaba bendingahlala emthunzini wawo;

azimnandi ngako iziqhamo zawo!

4Wandingenisa endlwini yombhiyozo,

wandiphakamisela intshinga yothando.

5Ndomeleze ngesixa seerasentyisi,

kananjalo undihlaziye ngeeapile.

Kaloku ndiyafa luthando.

6Isandla sakhe sasekhohlo sixhasa intloko yam,

esokunene sona siyandiwola.

7Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa

ngamabhadikazi namanxalakazi asendle:

Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;

luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

8Khanive, sisithandwa sam eso!

Awu, naso ke sisiza:

siza siqakatha ezintabeni;

siyatsiba-tsiba ezindulini phaya.

9Isithandwa sam ngathi linxala,

sona sinjengetakane lebhadi.

Naso simi emva kodonga lwakowethu,

silolonga efestileni,

sinyondla, sikroba emkhusaneni.

10Isithandwa sam sibhekisa kum, sisithi:

“Vuka kaloku, sithandwa sam.

Awu, uyinzwakazi ke khona!

Yiza kaloku, masihambe.

11Kaloku bona ubusika budlule,

kananjalo neemvula zigqithile.

12Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;

ligalelekile ixesha lokuntyiloza.

Nâlo ihobe lidumzela;

ewe, liyavakala kweli lakowethu.

13Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;

ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.

Phakama uze, sithandwa.

Ewe, nzwakazi yam,

yiza kaloku, masihambe!”

Umyeni

14Uyintw' engathi lihotyazana

lithe nca ezimfanteni zamawa;

nditsho elizimela ezintabeni.

Vela kaloku ndikubone,

ukuze ndive nelo lizwi;

nditsho elo liyole kunene.

Ubuso bakho buthi ndijonge!

15Khawusibambele ezo mpungutye;

ewe, iimpungutyana ezincinci,

kuba ziyazonakalisa izidiliya,

kanti izidiliya zethu zityatyambile.

Umtshakazi

16Isithandwa sam sesam,

kanti nam ngokwam ndingowaso.

Sona salusa phakathi kweenyibiba.

17Ide ke isangane imini,

ke wona amathunzi anabe,

jika ubuye, sithandwa sam.

Ewe, khawube njengenxala;

khawuxel' ithole lebhadi

kuloo mixawuka yeentaba.

UNCUTHU LWENGOMA 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 3

1Ubusuku bonke emandlalweni wam

ndahlala ndimlindele olangazelelwa yintliziyo yam;

ndaba ngamjonga kodwa andamfumana.

2Ndosuka ndivuke ndihamba-hambe esixekweni,

ndijikeleze ezitalatweni nasemabaleni;

ndomzingela lowo ulangazelelwa yintliziyo yam.

Ewe, ndaba ngathalaza andamfumana.

3Ke bona abalindi bandibhaqa;

bona babehamba-hamba bejikeleza isixeko:

“Ngaba khange nisibone isithandwa sam?”

4Ukubanje ndahlukane nabo

suka ndagaxeleka kuye ndamfumana.

Hayi ke, ndambamba andamyeka,

ndaza ndaya naye endlwini kamama,

kwigumbi lalowo ndakhawulwa nguye.

5Zintombi zaseJerusalem, ndinifungisa

amanxala namabhadi asemathambekeni:

Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;

luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

6Ngubani na lo uthi gqi entlango,

lo ngathi ngumqulu womsi?

Nditsho lo uqholwe ngesiqhumiso nentlaka

esiphuma kwiziqholo zabarhwebi.

7Tyhini, yinqwelo kaSolomon!

Ukhatshwa ngamashumi amathandathu amajoni,

ezona ngcungela zamagorha akwaSirayeli.

8Onke agaxel' amakrele;

onke ngoompondo zihlanjiwe emfazweni.

Ngalinye lixakath' ikrele;

selilungel' izigigaba zobusuku.

9Ukumkani uSolomon uzenzele inqwelo,

eyenza ngamaplanga omthi waseLebhanon.

10Iintsika zayo zityatyekwe ngesiliva,

amazantsi ayo atyatyekwa ngegolide.

Isihlalo sona sênziwa ngelaphu elimsobo;

umphakathi ke wona uthungwe ngobunono

zezo ntombi zaseJerusalem.

11Phumani, zintombi zaseZiyon;

khanikhangele nimbone ukumkani uSolomon.

Nanko ethwele isithsaba sobukhosi,

eso wasithweswa ngunina

mhla zawelan' iindonga,

mhla intliziyo yakhe yaphuphuma luvuyo!

UNCUTHU LWENGOMA 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 4

Umyeni

1Awu ke wena, sithandwa sam, awusemhle ngako –

uyinzwakazi enomkhitha!

Loo mehlo angaphaya kwesigqubuthelo

nqwa namahotyazana;

iinwele ngathi ngumhlambi weebhokhwe

xa zisihla kwiintaba zaseGiliyadi.

2Loo mazinyo amhlophe qhwa,

ngathi ziigusha ezisand' ukuchetywa,

kanye xa zigqityw' ukuhlanjwa.

Onke asenamaqabane awo,

akukho lingumth' uzimele.

3Imilebe ngathi ngumty' obomvu;

hay' ukuthandeka kwaloo mlomo!

Izidlele ngathi ngamaqhekez' erharnati,

ngaphaya kweso sigqubuthelo.

4Ntamo ngathi yinqaba kaDavide,

yona yakhiwe ngezintlu zamatye;

ithiwe gaxa ezo ntsimbi,

ngathi liwaka lamakhaka amagorha.

5Loo mabele ngathi ngamatakane amabini;

nditsho amawele ebhadi,

ethuku-thukuza phakathi kweenyibiba.

6Ide ke isangane imini,

ke wona amathunzi anabe,

ndohamba-hamba kwiintaba zesiqholo semore,

ndijikeleze kwiinduli zentlaka yesiqhumiso.

7Awumhle ngako, sithandwa sam!

Umhle ngenene, awunasiphako!

8Masihle eLebhanon, mtshakazi wam;

ewe, masihle eLebhanon.

Masihle kwincopho yeAmana,

nditsho kumalenga-lenga eSenire,

incopho yentaba iHermon,

apho zinezikhundla zazo iingonyama,

apho zihlala khona izingwe.

9Ewe, uyithimbile intliziyo yam;

nditsho wena, mtshakazi wam, dad' ethu.

Ngenene intliziyo yam uyibile

ngokundithi krwaqu kanye ngaloo mehlo akho,

nangomxokelelwane nje omnye entanyeni yakho.

10Awu, ndithe swii nguwe, mtshakazi wam, dad' ethu!

Uthando lwakho lundanelisa ngaphezu kwewayini;

nevumba lamafutha akho lingaphezulu kwazo zonke iziqholo.

11Imilebe yakho, mtshakazi wam, ithontsiza incindi;

phantsi kolwimi lwakho lubisi nobusi.

Ivumba lezambatho zakho

ngathi livumba laseLebhanon.

12Mtshakazi wam, dad' ethu,

wena ungumyezo ofihlakeleyo,

ngathi ungumjelo obiyelweyo,

umthombo ovingcelweyo.

13Izityalo zakho ngathi ngumyezo weerharnati;

umyezo oziqhamo zizezodidi:

ihena nenadusi ngokwayo.

14Ewe, ikho inadusi nesafroni,

okuziikalamo noozisinamoni,

iintlobo-ntlobo zemithi yentlaka yesiqhumiso.

Asisathethi ke ngemore nekhala

nezona-zona ndidi zeziqholo.

15Ngumyezo onkcenkceshwa yimithombo;

nditsho imithombo empompozayo,

imithombo enkcenkceza kwiintaba zeLebhanon.

Umtshakazi

16Vumbuluka, moya wasentla;

vuthuza, moya wasezantsi!

Phepheza emyezweni wam,

ivumba lawo litsho lithi saa!

Masingene emyezweni waso isithandwa sam,

singcamle ezona ziqhamo.

UNCUTHU LWENGOMA 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 5

Umyeni

1Ndingenile emyezweni wam, mtshakazi wam, dad' ethu.

Ndiyifumene imore nezinye iziqholo,

ndiyityile incindi nobusi,

ndilusele ubisi newayini.

Abatheleli

Yityani nisele, nina zihlobo!

Ewe, selani nide nincitheke, nina bathandanayo.

Umtshakazi

2Bendilele, kodwa ingqondo yam iphaphile.

Nâso isithandwa sam sinkqonkqoza sisithi:

“Ndingenise kaloku, sithandwa sam, dad' ethu,

hobe lam, cikizwa wam.

Intloko yam imanzi ngumbethe,

neenwele zam ngamathontsi asebusuku.”

3Awu, sendikhulule nje!

Uthi mandinxibe kwakhona?

Sendizihlambile neenyawo.

Uthi mandizingcolise kwakhona?

4Isithandwa sam solula isandla kwikroba lokuvula,

yatsho yabetha intliziyo yam ngenxa yaso.

5Ndavuka ndisiya kuvulela isithandwa sam,

izandla zam zivuza isiqholo semore,

neminwe imanzi kwasiso.

Ndasichukumisa ndinjalo isitshixo,

6ndasivulela isithandwa sam.

Kodwa phi kwaphi, sasimkile nje!

Benditsho ndasilangazelela sakuthetha,

ndaba ngathalaza andasibona,

ndaba ngamemeza, tu impendulo!

7Ndade ndabhaqwa ngabalindi

kwimijikelo yabo esixekweni.

Hayi ke, bandibetha bandenzakalisa.

Nâbo besimka nengubo yam

abo bagada iindonga zesixeko.

8Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:

Apho nisibone khona isithandwa sam

ze nisixelele ukuba ndiyafa luthando!

Abatheleli

9Nzwakazi yeenzwakazi,

sibhetele ngani esakho isithandwa?

Ngaba siyabedlula na abanye,

le nto ude usifungise ngolu hlobo?

Umtshakazi

10Isithandwa sam yinzwana ekomelela;

songama nakwishumi lamawaka.

11Intloko yaso yeyona golide,

iinwele sisihlwitha esimfaneleko,

zimnyama ngathi lihlungulu.

12Yintw' emehlo ngathi lihobe

xa lisemithonjeni yamanzi.

Ngathi ahlanjwe ngobisi,

ahonjiswa okwamatye exabiso.

13Izidlele ngathi ngumhlatyana wezityalo

ovelisa iziqholo ezivumba limyoli.

Imilebe ngathi yinyibiba,

yona ivuza isiqholo semore.

14Yintw' engalo ngathi ziintonga zegolide

eziqhoqhonywe ngamatye exabiso.

Umzimba ugude njengebamba lendlovu,

uqhoqhonywe ngamatye esafire.

15Yintw' emilenze ngathi ziintsika zemabhule

ezimiliselwe kwizikhondo zeyona golide.

Yingwanyalala ngathi ziintaba zeLebhanon

naloo misedare ingayiwayo.

16Hay' ukuyola komlomo wakhe;

ngenene isithandwa sam sinomtsalane.

Sinjalo ke esam isithandwa,

zintombi zaseJerusalem!

UNCUTHU LWENGOMA 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 6

Abatheleli

1Nzwakazindini etshatsheleyo,

siye ngaphi isithandwa sakho?

Ngaba sibhekise ngaphi,

khon' ukuze nathi sikufunise?

Umtshakazi

2Simke saya emyezweni waso,

apho kutyalwe iziqholo khona.

Sizalusele khona emyezweni,

kananjalo siqokelela iinyibiba.

3Isithandwa sam sesam, nam ndingowaso;

salusela phakathi kweenyibiba.

Umyeni

4Awu, waza wamhle, sithandwa sam!

Uyinzwakazi okwesixeko iTiza;

umhle nqwa neJerusalem;

unesihomo ngathi ngumkhosi onendwe.

5Hayi, musa ukundijonga;

amehlo akho ayandongamela.

Iinwele ngathi ngumhlambi weebhokhwe

zisihla kuloo mixawuka yaseGiliyadi.

6Amazinyo amhlophe qhwa,

ngathi ziigusha zivela kuhlanjwa.

Onke asenamaqabane awo;

akukho lingumth' uzimele.

7Izidlele ngaphaya kwesigqubuthelo

ngathi ngamacala erharnati.

8Amakhosikazi ngamashumi amathandathu,

amaqadi ngamashumi asibhozo,

ngokunjalo nentaphane yeentombi,

9ke mna andiziva ngehobe lam,

yena cikizwa wam onguye qwaba!

Nguyedwazana kanina,

yena ngumathandwa walowo umzeleyo.

Zonk' iintombi ziyamdumisa zakumbona;

unconywa ngamakhosikazi namaqadi.

10Ngubani lo uthi gqi ngathi ngumso,

omkhitha ngathi yinyanga,

oqaqambe ngathi lilanga,

ondili ngathi ziinkwenkwezi zingumngcelele?

11Ndihle nday' emyezweni wemithi yeenati,

ndaya kubuka izityalo entilini.

Ndiye kukhangela ukuba imidiliya iyadubula na,

nokuba ngaba imirharnati iyatyayamba na.

12Ndithe ndingaqondi ndazibhaqa

sengathi ndilitshawe lamatshawe,

ndiphethe iinqwelo zokulwa zabantu bakowethu.

Abatheleli

13Buya, buya, mShulemikazi!

Buya, buya, ukuze sikubone!

Umtshakazi

Nobona ntoni na kakade kumShulemikazi

lo gama angqungqayo phakathi kwemikhosi?

UNCUTHU LWENGOMA 6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 7

Umyeni

1Azintle ngako ezo nyawo zisezimbadadeni,

nditsho wena ke, nkosazanandini.

Naloo milenze ngathi ziintsimbi zokuhombisa,

ngathi yenziwe zizandla zengcibi.

2Inkab' engqukuva ngathi yingqayi

ehlal' inewayini exutyiweyo.

Isisu ngathi yingqumba yengqolowa,

yona ijikelezwe ziinyibiba.

3Amabele ngathi ngamawele,

nditsho amatakane enxala.

4Intamo injengenqaba yamabamb' endlovu.

Amehlo anjengamachibi aseHeshbhon,

lawo angasesangweni leso sixekokazi.

Impumlo ngathi yinqaba yaseLebhanon,

leyo ikhangelene neDamasko.

5Intloko ithe cwa, ngathi yintaba iKarmele.

Iinwele ngathi lilaphu elimfusa –

buhle bazo buthimba nokumkani.

6Yeka loo mfaneleko, awumhle ngako!

Uthando lwakho luyahlasimlisa.

7Yintw' eluthi ngathi lisundu,

emabele ngathi zizihloko zeediliya.

8Ndosuka nditsiwule kwelo sundu,

ndiqhawule kwezo ziqhamo.

Amabele ngathi zizihloko zediliya;

umphefumlo wakho livumba leeapile;

9umlomo ngathi yeyona wayini.

Umtshakazi

Loo wayini mayiginywe sisithandwa sam,

igqithe kuloo milebe naloo mazinyo.

10Mna ndingowesithandwa sam;

naso ke siyandilangazelela.

11Yiza, sithandwa, siye emaphandleni,

siye kulala ezilalini,

12sivuke kwanini, siye ezidiliyeni,

ukuze sihlole ukudubula kwazo,

sibone ukuba azikatyatyambi na,

siqonde nokudubula kwemirharnati.

Khona ndokuvava ngothando.

13Wofumana ivumba lemithuma

nezimuncu-muncu zeziqhamo zisemnyango,

nditsho ezidala nezitsha,

ndizigcinele wena, sithandwa sam!

UNCUTHU LWENGOMA 7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 8

1Akwaba ubungumnakwethu,

nditsho owancanca kumama.

Bendiya kukuncamisa naphandle phaya,

ndize ndingagxekeki noko.

2Bendiya kukukhokela

ndikuse endlwini kamama,

yena wandifundisayo,

ndikuseze iwayini edidiyelwe ngezinongo

nencindi yeerharnati zam.

3Isandla sakho sasekhohlo besiya kuxhasa intloko yam,

esokunene sona sindiwole.

4Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:

sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;

luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

Abatheleli

5Ngubani lo uvela ngasentlango,

uqhogene nesithandwa sakhe?

Umtshakazi

Ndakuvusa phantsi kom-apile,

apho wakhawulwa khona ngunozala wakho,

apho waba nenimba khona owakuzalayo.

6Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;

ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.

Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;

ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.

Ludangazela ngathi lidangatye,

luvuthe ngathi ngumlilokazi.

7Alungecinywa nangamanzi;

alukhukuliseki naziimpuphuma.

Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakho

ungasuka ube sisigculelo.

Abatheleli

8Thina sinodade wethu;

akakantshuli namabele.

Kambe, singamenzela ntoni mhla acelwayo?

9Ukuba ke ebeludonga

ngesimakha abe yinqaba yesiliva.

Nokuba ngaba ebelisango

ngesimkhusela ngemivalo yomsedare.

Umtshakazi

10Ewe, mna ndiludonga;

la mabele ziinqaba.

Yiloo nto emehlweni akhe

ndingulowo umphathela ukwaneliseka.

11USolomon unesidiliya eBhali-hamon;

uqeshise ngaso kubalimi.

Ngeziqhamo zaso bayarhuma:

liwaka leengqekembe zesiliva.

12Esam isidiliya sesam ke!

Iwaka lesiliva lelakho, Solomon.

Amakhulu amabini ngawabaqeshi.

Umyeni

13Wena ohlala emiyezweni,

osoloko engqongwe zizihlobo,

mandilive ilizwi lakho.

Umtshakazi

14Xhabasha, sithandwa sam!

Yiba ngathi ulinxala,

ube ngathi ulitakane lebhadi

kwezo ntaba zeziqholo.

UNCUTHU LWENGOMA 8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-