Bible Society of South Africa

To The Word – Day 67

Judges 11–15, Psalm 49

Itekisi yeBhayibhile

IINKOKHELI 11

1UJefta, igorha lejoni laseGiliyadi, wayengunyana wehenyukazi elithile. Uyise uGiliyadi 2wayenabanye oonyana, bezalwa ngumkakhe; bathi bakukhula bamgxotha uJefta. Bathi kuye: “Wena awunakuzuza lifa kwindlu katata; kaloku uzalwa mfazi wumbi.” 3Wasaba ke uJefta kubantakwabo, waya kuhlala kumhlaba waseTobhi. Apho ke kwabuthelana kuye iindlavini ezithile, zaza zaba ngamahlakani akhe.

4Ekuhambeni kwethuba ke ama-Amon alwa namaSirayeli. 5Kuthe ke kwakuba nje amadoda amakhulu aseGiliyadi asuka alanda uJefta eTobhi, 6athi: “Yiba yinjengele yethu, khon' ukuze sibe nako ukulwa nama-Amon.”

7Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”

8Ke wona azibika kuye athi: “Ewe, naxa kunjalo sibhenela kuwe ngoku, kuba sifuna uhambe nathi, ulwe nama-Amon. Uya kuba yintloko yethu sonke thina maGiliyadi.”

9UJefta ke wathi kumadoda aseGiliyadi: “Ukuba ndithe ndabuyela kuni, ndaza ngoncedo lukaNdikhoyo ndawoyisa ama-Amon, ngaba niyavuma ngenene ukuba ndibe yintloko yenu?”

10Aphendula ke athi: “UNdikhoyo lingqina lethu. Inene, siya kwenza njengoko usitsho.” 11Ngenene ke uJefta wagoduka nawo amadoda amakhulu aseGiliyadi, baza ke abantu bakhona bammisela waba yintloko nenjengele yabo. Ke uJefta wayivakalisa imiqathango yokuvumelana kwabo eMizpa phambi koNdikhoyo.

12UJefta ke wathumela izigidimi kukumkani wama-Amon, ebuza esithi: “Yintoni isizekabani sokuba ulihlasele ilizwe lakowethu?”

13Ukumkani wama-Amon waziphendula izigidimi zikaJefta, wathi: “Ngokuya amaSirayeli ayevela eJiputa athatha umhlaba wam, ukusuka kumlambo iAnoni, ukuya kwiJabhoki, kuye kuqhina ngeJordan. Wubuyiseni ke ngoku ngaphandle kokuxambulisana.”

14UJefta ke wathumela kwaizigidimi, ephendula ukumkani wama-Amon, 15esithi: “UJefta uthi: ‘Hayi, uyaphazama; uSirayeli zange athathe mhlaba wamaMowabhi namhlaba wama-Amon. 16Nantsi into eyenzekayo: AmaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa, anqumla intlango, aya kutsho kuLwandle oluBomvu, agaleleka eKadeshe. 17Athumela izigidimi kukumkani wase-Edom, ecela ukuba awavumele acande emhlabeni wakhe. Kodwa ke yena zange awavumele. Kwakhona athumela kukumkani waseMowabhi, acela ukuba awavumele anqumle emhlabeni wakhe, kodwa naye zange avume. Ngoko ke amaSirayeli ahlala apho eKadeshe. 18Asuka ke anqumla intlango, awucezela umhlaba wase-Edom nowaseMowabhi, ada aya kufika kwimpuma yeMowabhi, ngaphesheya komlambo iAnoni. Akazange angene kwelaseMowabhi, kuba kaloku iAnoni yayingumda. 19AmaSirayeli athumela kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon, athi: “Sivumele sinqumle siye emhlabeni wethu.” 20Kambe ke zange uSihon akholiseke ukuba banqumle emhlabeni wakhe. Suka waqokelela umkhosi wakhe eJahazi, waza wahlasela uSirayeli. 21Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli wamnikela ezandleni zamaSirayeli uSihon nomkhosi wakhe wonke. Ngoko ke amaSirayeli awuthimba wonke umhlaba wama-Amori awayehlala kuloo mmandla; 22ewe, wonke loo mhlaba wama-Amori, ukusuka ezantsi eAnoni ukuya kutsho phezulu eJabhoki, ngokunjalo nokusuka empuma entlango ukuya kuthi xhaxhe ngeJordan entshonalanga. 23Ngoko ke nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli owawagxothayo ama-Amori, khon' ukuze kungene abantu bakhe amaSirayeli. Ngaba uzama ukuwohlutha kuthi ke ngoku? 24Hlala wena naloo ndawo akunike yona uKemoshi uthixo wakho. Ke thina siza kuhlala kule siyinikwe nguNdikhoyo uThixo wethu. 25Ngaba wena ungcono kunoBhalaki unyana kaZipora, ukumkani waseMowabhi? Andithi yena zange acele mngeni kuSirayeli! Wakha walwa nathi kakade? 26Ngamakhulu amathathu eminyaka uSirayeli emi eHeshbhon naseAruri nakwiidolophu ezikuloo mmandla, ngokunjalo nakwizixeko eziphezu komlambo iAnoni. Ubukade uwuyekeleni lo mhlaba? 27Hayi bo, andikhange ndikwenze nto mna! Nguwe onxaxhayo ngokundihlasela. UNdikhoyo uMgwebi makagwebe ngokwakhe namhlanje phakathi kwamaSirayeli nama-Amon.’ ” 28Kambe ke ukumkani wama-Amon zange alukhathalele olu daba lukaJefta.

29Ke uJefta wafikelwa nguMoya kaNdikhoyo. Wanqumla iGiliyadi nommandla wakwaManase, waya kutsho eMizpa eGiliyadi, waza ke waphuma apho waya kuhlasela ama-Amon. 30UJefta wabhambathisa kuNdikhoyo wathi: “Ukuba ngenene uwanikele kum ama-Amon, 31into yokuqala ephume endlwini yam yandihlangabeza xa ndibuya sekuluxolo iya kuba yekaNdikhoyo; ndiya kuyenza idini elitshiswayo.”

32Ngoko ke waphuma uJefta, waya kulwa nama-Amon, waza ke uNdikhoyo wawanikela esandleni sakhe. 33Wawavuthulula ukusuka eAruri ukuya eMiniti; yaba ngamashumi amabini ezixeko ukuya kutsho eAbhele-keramin. USirayeli wawangenela kwajub' ugodo, oyisakala ama-Amon.

UJefta nentombi yakhe

34UJefta xa abuyayo esiya kufika emzini wakhe eMizpa, yaphuma intombi yakhe, yamhlangabeza ingqiyaza, ihamba ingqungqa, idlala intambula. Yayingumntwana okukuphela kwakhe, engenanyana nantombi ngaphandle kwakhe. 35Wathi ke akuyibona wakhathazeka, waziqwenga iimpahla zakhe. Wadanduluka wathi: “Awu, mntwan' am! Ngani ukuba undenjenje ukundixhela! Nguwe ngoku isizekabani sentlungu yam? Ewe, ndifungile ndamthembisa *uNdikhoyo, ngoko ke andinakubuya ngamva!

36Yathi ke yona kuyise: “Hayi, tata, xa ubumthembisile uNdikhoyo ndenze loo nto ubumthembise ukuba uya kuyenza ngam; kaloku yena ukuphumelelisile wakuphindezela ezintshabeni zakho ama-Amon.”

37Ke yona yacela kuyise yathi: “Kambe ke, tata, ndicela le nto yodwa: Khawundiyeke iinyanga zibe mbini, khon' ukuze ndikhe ndibhadule nabalingane bam ezintabeni, ndiyizilele into yokuba ndiza kuhlala ndiyintombi.”

38Wavuma ke uyise, yaza ke yona yemka iinyanga zambini. Yahamba nezinye iintombi ezingabalingane bayo ibhadula ezintabeni, yazilela ubuntombi bayo. 39Zakuphela iinyanga ezimbini yabuyela kuyise, waza ke yena wenza ngokwesibhambathiso sakhe kuNdikhoyo. Ngoko ke yahlala iyintombi nto.

Saqala kanjalo ke esi sithethe sakwaSirayeli 40sokuba minyaka le iintombi zithathe iintsuku ezine zizilele intombi kaJefta waseGiliyadi.

IINKOKHELI 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINKOKHELI 12

UJefta namaEfrayim

1Ke wona amaEfrayim axhobela imfazwe, aza aphuma aya eZafoni, afika athi kuJefta: “Bekungani ukuba ungasibizi thina xa usiya kulwa nama-Amon? Uyabona ke ngoku siza kuyitshisa indlu yakho wena uphakathi kuyo!”

2UJefta waphendula wathi: “Hayi kaloku, thina nabantu bam sasuka saxabana nama-Amon, saza sathi sakunibiza ukuba nize kusihlangula nasuka anasabela. 3Ndithe ke ndakuqonda ukuba anizi, ndasuka ndazilahlela, ndawuwela umda, ndaya kulwa, waza ke *uNdikhoyo wawanikela ezandleni zam. Ngani ukuba ngoku nina nifune kum?”

4Ke uJefta wawaqokelela amaGiliyadi, walwa nawo amaEfrayim, wawoyisa. (AmaEfrayim ke athi: “Nina maGiliyadi niziimbacu eziphuma kwaEfrayim nakwaManase.”) 5Ke kaloku amaGiliyadi avingca amazibuko eJordan, khon' ukuze amaEfrayim angaweli asabe. Kuthe ke, yakufika imbacu yakwaEfrayim, isithi kumaGiliyadi: “Khanindivumele ndiwele,” ayibuze athi: “Akunguye kodwa umEfrayim?” Ukuba iphendule yathi: “Hayi,” 6amaGiliyadi ayesithi kuye: “Khawuthi: ‘Shibholethi.’ ” Ukuba ungumEfrayim ebesuka angakwazi ukulibiza eli gama, koko athi: “Sibholethi.” Ayesuka amtsibele umntu lowo, ambulale apho ezibukweni leJordan. Ngelo thuba ke kwabulawa amaEfrayim angamashumi amane anambini amawaka.

7Yaba yiminyaka emithandathu uJefta eyinkokheli kwaSirayeli, waza ke wasweleka, wafihlwa ekhayeni lakhe eGiliyadi.

UIbzan, uElon, noAbdon

8Emva koJefta uIbzan waseBhetelehem waba yinkokheli kwaSirayeli. 9Wayenoonyana abangamashumi amathathu neentombi ezikwangako. Iintombi zakhe wazendisela kwezinye izizwe; waza ngokunjalo noonyana bakhe wabathathela iintombi kwezinye izizwe. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka esixhenxe uIbzan, 10waza ke wasweleka wangcwatywa eBhetelehem.

11Emva koIbzan uElon wakwaZebhulon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka elishumi. 12Uthe ke akubhubha wangcwatywa eAyalon kwaZebhulon.

13Emva koElon ke nguAbdon unyana kaHileli wasePiraton owaba yinkokheli kwaSirayeli. 14Yena ke wayenoonyana abamashumi mane nabazukulwana abangoonyana abamashumi mathathu; babekhwele iidonki ezimashumi asixhenxe. Ke uAbdon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka esibhozo. 15Uthe ke akusweleka wangcwatyelwa ePiraton kummandla kaEfrayim kweleentaba lama-Amaleki.

IINKOKHELI 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINKOKHELI 13

Ukuzalwa kukaSamson

1Ke kaloku amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo, waza ke yena wawanikela ezandleni zamaFilistiya amashumi amane eminyaka.

2Ke kaloku kwakukho umfo waseZora ogama linguManowa. Yena wayengowendlu kaDan. Umkakhe wayelidlolo, engafumani bantwana. 3Ke isithunywa sikaNdikhoyo sabonakala kuye, saza sathetha naye sathi: “Njengoko ungazanga waba namntwana, ngoku uza kukhawula, uze ufumane unyana. 4Uyabona ke, kufuneka uzigcine, ungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo. 5Ewe, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke yena ze zingaze zichetywe iinwele zentloko yakhe, kuba kaloku le nkwenkwe iya kuba *lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho. Yiyo eya kuqala ukuhlangula amaSirayeli kumaFilistiya.”

6Lo mfazi ke waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Ndibone ndifikelwa ngumfo wakwaThixo onenkangeleko yesithunywa sikaThixo; uyoyikeka kakhulu. Andimbuzanga apho avela khona, engandixelelanga negama lakhe. 7Uthe kum: ‘Ùyabona, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke ngoko uzungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo, kuba le nkwenkwe iya kuba lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho, kude kube yimini yokufa kwayo.’ ”

8Ke kaloku uManowa wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ngxe, Nkosi yam, khawuphinde umthumele umfo wakwaThixo obumthumile, eze kusifundisa ukuba siyiphathe kanjani na inkwenkwe leyo yakuvela.”

9UThixo ke wenza ngokwesicelo sikaManowa, isithunywa sakhe sabuya seza kumkakhe esemasimini, phofu yena uManowa engekho. 10Ke umfazi wakhawuleza waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Laa mfo ubeze kum ngalaa mini uphinde wabonakala!”

11Waphakama ke uManowa, walandela umkakhe. Wafika wayibuza ke indoda wathi: “Ungulaa mfo wayethethe nenkosikazi yam?”

“Ndinguye,” watsho umfo lowo.

12Waqhuba ke uManowa wathi: “Ke, akuba ezalisekile la mazwi akho, imelwe kukuziphatha njani inkwenkwe leyo, yenze ntoni?”

13Saphendula ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Nakanjani na umkakho makenze njengoko ndimyalele. 14Into ephuma emdiliyeni makangayifaki emlonyeni, angaseli wayini natywala, angayityi nento engavunyelwanga ngumthetho kaThixo. Makakunyamekele konke endimyalele kona akwenze.”

15Ke uManowa wathi kwisithunywa sikaNdikhoyo: “Khawuhlale, khon' ukuze ndikuxhelele itakanana lebhokhwe.”

16Ke sathi kuye: “Nokuba ndingade ndihlale, sobe ndikutye ukutya kwakho. Into ongayenzayo wena kukwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.” Kaloku uManowa wayengaqondi ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi athetha naso.

17UManowa ke wasibuza isithunywa sikaNdikhoyo wathi: “Kakade ke ungubani igama lakho? Kuba ke sifuna ukukuwonga akuzaliseka la mazwi akho.”

18Saphendula ke sona sathi: “Ngani ukuba ubuze igama lam? Ligama elingummangaliso eligqitha ukuqonda!”

19Ngoko ke uManowa wathatha igatyana lebhokhwe kunye nokutya okuziinkozo, wenza idini phezu kwelitye, elenzela uNdikhoyo. UNdikhoyo wênza into emangalisayo uManowa nomkakhe bebukele. 20Wathi wakudangazela umlilo apho eqongeni, unyuka usiya ezulwini, uManowa nomkakhe basibona isithunywa sikaNdikhoyo sinyuka ngelo langatye, baza baziphosa emhlabeni. Abaphindanga ke basibone isithunywa eso. 21Waqonda ke uManowa ngoku ukuba kuthe kanti sisithunywa sikaNdikhoyo esi bebethetha naso.

22UManowa ke wathetha nomkakhe, wathi: “Nakanjani na simelwe kukufa, kuba sibone uThixo!”

23Kambe ke yena umkakhe waphendula wathi: “Ukuba uNdikhoyo ebefuna ukusibulala ngengalamkelanga idini lethu elitshiswayo nomnikelo wethu wokutya; futhi ngengasibonisanga okanye asixelele izinto ezinje.”

24Ke kaloku umka-Manowa wafumana umntwana oyinkwenkwe, baza bayithiya igama elinguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uNdikhoyo wayithamsanqela. 25UMoya kaNdikhoyo ke waqala ukumongamela uSamson eseMahane-dan phakathi kweZora ne-Eshtawoli.

IINKOKHELI 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINKOKHELI 14

USamson nentombi yaseTimna

1Ke kaloku uSamson wehla waya eTimna, waza ke apho wabona enye yeentombi zamaFilistiya. 2Akugoduka wathi kuyise nonina: “Ndibone intombi yomFilistiya eTimna; ke ndithatheleni yona ibe ngumfazi wam.”

3Uyise nonina bathi: “Ngani ukuba ude uye kuthatha umfazi kumaFilistiya angalukiyo? Bekungasekho zintombi na apha phakathi kwamawethu?”

Kambe ke uSamson wathi: “Ndithatheleni yona, kuba ikuphela kwentombi endifaneleyo.”

4Uyise nonina babengaqondi ukuba le nto inomnwe kaThixo; kaloku uThixo wayefuna isizathu sokulwa namaFilistiya. Ngelo thuba kaloku amaSirayeli ayephantsi kwamaFilistiya.

5USamson wahamba noyise nonina, baya eTimna. Ngasezidiliyeni zaseTimna ke uSamson wabona igatyana lengonyama ligquma lisiza ngakuye. 6Suka ke yena wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, waza ke waliqwenga ngathi uqwenga itakane lebhokhwe. Kambe ke akabaxelelanga abazali bakhe ngale nto.

7Wahamba ke uSamson, waya kuthetha nentombi leyo, yaza ke yamkholisa. 8Emva kwethutyana ke waya kuyithatha ibe ngumfazi wakhe. Apho endleleni ke wakha wacebuka, kuba efuna ukuqonda ngaloo ngonyama wayeyibulele. Suka ke wayifumana selilibubu leenyosi elinobusi. 9Waphakula ubusi apho ke kuyo, wahamba ebutya; waphathela noyise nonina. Kambe ke akabaxelelanga ukuba ubusi obo ubuphakule kwisidumbu sengonyama.

10Uyise ke waya apho ebukhozini bakhe, waza yena uSamson wenza umbhiyozo khona, njengoko elo yayilisiko ababeqhuba ngalo abafana. 11Athe ke akumbona amaFilistiya athumela amashumi amathathu abafana ukuba abe kunye naye. 12Ke uSamson wathi kubo: “Makhe ndinenzele iqhina. Ukuba nithe nanako ukulicombulula ngezi ntsuku zisixhenxe zomtshato, ndoninika iingubo zelinen ezimashumi mathathu, ngokunjalo nezinye iimpahla zokuhomba ezikwangako. 13Kodwa ke ukuba anibanga nako ukulicombulula, niya kundinika amashumi amathathu eengubo zelinen, ngokunjalo nezinye iimpahla zokuhomba ezikwangako.”

Ke bona bathi: “Yiza nalo sibone kaloku.”

14Waza ke yena wathi:

“Kwaphuma ukutya kotyayo,

kwavela incasa konamandla.”

Yada yaba ziintsuku ezintathu emva koko bengekalikhululi elo qhina.

15Ngosuku lwesine ke bathethe nomtshakazi bathi: “Khawusincede ucenga-cengane nendoda yakho, ikuxelele eli qhina. Kungenjalo siza kuyitshisa le ndlu kayihlo, nitshele khona. Kakade ngaba nisimemele apha ukuze nisikhuthuze?”

16Umtshakazi lowo waya selenyembezana kuSamson, wafika wathi: “Hayi, kucacile ukuba awundithandi, undithiyile! Usuka wenzele amawethu iqhina, kodwa mna akundixeleli ukuconjululwa kwalo!”

Waphendula ke yena wathi: “Ndingathini ukuxelela wena ndingekabaxeleli utata nomama?” 17Hayi ke, umtshakazi walilela umyeni wakhe zonke ezo ntsuku zomtshato. Wada woyisakala ngolu lwesixhenxe umyeni, wamxelela, kuba kucaca ukuba umhlalise manzondololwana. Ke umtshakazi lowo waya kuhlebela abafana bakowabo. 18Ngoko ke ngosuku lwesixhenxe, lingekatshoni ilanga, abafana abo beza kuSamson, bafika bathi:

“Yintoni engaphezu kobusi ngobumnandi?

Iyintoni enamandla ngaphezu kwengonyama?”

USamson ke waphendula wathi:

“Ukuba beningalimanga ngethokazi lam

ngeningalicombululanga eli qhina.”

19Ke kaloku uSamson wambeswa amandla nguMoya kaNdikhoyo, waza wehla waya eAshkelon. Apho ke wabulala amashumi amathathu amadoda, waza wayithatha impahla yawo, wayinika abo bafana babecombulule iqhina lakhe.

Ke yena wagoduka evutha ngumsindo ngenxa yale nto ihlileyo. 20Umkakhe lowo ke wathathwa ngumfana owayengumkhaphi, waba ngumfazi wakhe.

IINKOKHELI 14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINKOKHELI 15

1Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uSamson watyelela umkakhe xa kuvunwa ingqolowa. Wahamba eqhuba ibhokhwe. Wafika wathi kumkhwe wakhe: “Ndifuna khe ndiye egumbini lomkam.”

Kambe ke yena wala, 2esithi: “Bendiba akusamfuni mpela, ndaza ke ndamnikela kumhlobo wakho ukuba abe ngumkakhe. Phofu udade wabo omncinci yinzwakazi kunaye; ngoko ke kunganjani useluthatha yena?”

3Ke uSamson wathi: “Okwesi isihlandlo ndimsulwa kuyo nayiphi na into endiyenza kumaFilistiya!” 4Ke kaloku wahamba wabamba amakhulu amathathu eempungutye. Wazidibanisa ngemisila ngambini ngambini, ebophelela ukhuni olunevithi apho ekudibaneni kwemisila. 5Ezo zikhuni wazintumeka ngomlilo, wazikhulula iimpungutye, zabalekela emasimini anengqolowa amaFilistiya. Ngale ndlela ke kwatsha izipha zengqolowa eseyivuniwe ngokunjalo neyayingekavunwa. Yatsha nemiyezo yediliya nomnquma.

6Athe amaFilistiya akubuzisa esithi: “Ngubani owenze le nto?” afumanisa kusithiwa: “NguSamson; ucatshukiswe ngumkhwe wakhe, umfo waseTimna, ngokusuka anikezele umkakhe kumhlobo wakhe.” Ngoko ke amaFilistiya asuka amtshisa loo mfo nentombi leyo.

7USamson wathi ke kuwo: “Oo! Niqhuba ngolu hlobo? Inene, ndiza kunithi chu ndide ndiziphindezele!” 8Wawahlasela, wawabetha wawatshayela. Emva koko waya kuhlala emqolombeni e-Etam.

USamson woyisa amaFilistiya

9AmaFilistiya axhoba ada aya kumisa kwaJuda, ahlasela iLerhi. 10Ke amadoda akwaJuda abuza athi: “Kutheni le nto nize kusihlasela?”

AmaFilistiya aphendula athi: “Size kubamba uSamson; sifuna ukumvisa le nto asivise yona nathi.”

11Kwaphuma amawaka amathathu amadoda apho kwaJuda, aya emqolombeni e-Etam, afika athetha noSamson, athi: “Ungathini ukusenza into enje? Akuyazi into yokuba siphantsi kwamaFilistiya?”

Ke yena wathi: “Hayi, mna ndiwavise le nto ebendivise yona nawo.”

12Ke wona athi: “Size kukukhonkxa, ukuze sikuse kumaFilistiya.”

USamson wathi: “Fungani ukuba anizi kundilimaza ngokwenu.”

13Aphendula ke wona athi: “Hayi, nakanye; nto nje sifuna ukukukhonkxa, sikunikezele kuwo.” Ngenene ke amqamangela ngeentsontelo ezimbini ezintsha, abuya naye apho emqolombeni.

14Uthe ke akufika eLerhi, amaFilistiya eza kuye egxalathelana ekhwaza. Ke kaloku wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, zaza ezo ntsontelo wayebotshwe ngazo iingalo nezandla zaba ngathi ngumsonto ulenywa ngumlilo, zaza zakhululeka nezandla zakhe. 15Wafumana umhlathi wedonki owomeleleyo, wawuthi hlasi, wabulala iwaka lamadoda ngawo.

16Wadanduluka ke wathi:

“Ngomhlathi wedonki ndawatsho aqungquluza.

Ndigeqe iwaka lamadoda ngomhlathi wedonki.”

17Emva koko ke wawulahla umhlathi lowo, le ndawo yayisenzeka kuyo le nto wathi yiRamati-lerhi.

18USamson wasuka wanxanwa gqitha, waza wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Mna sicaka sakho olu loyiso ndilufumene ngawe; ngani ke ngoku ukuba ndide ndife lunxano, ndibe sisisulu sezi ntlanga?” 19Ngoko ke uThixo wavula umngxuma emhlabeni khona apho eLerhi, kwaza ke kwaphuma amanzi. Wasela ke uSamson, abuya amandla akhe, waziva ehlaziyekile. Loo ndawo ke kwathiwa yiEn-hakore. Nangoku ke isekho apho eLerhi.

20Yaba yiminyaka emashumi mabini uSamson ewakhokela amaSirayeli ngemihla yamaFilistiya.

IINKOKHELI 15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 49

Musa ukukholosa ngobutyebi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.

1Phulaphulani, nonke zizwe!

Yivani, nonke bemi behlabathi!

2Iindidi zonke maziphulaphule,

izityebi ngokunjalo namahlwempu!

3Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,

iingcamango zam zizal' ukuqiqa.

4Ndiza kujongana nentsonkotha;

ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.

5Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,

xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,

6abantu abaqamele ngobutyebi,

abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?

7Umntu akanako ukusindisa umntu;

akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.

8Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.

Alifikeleleki mpela-mpela

9elo linokumenza abe sisimakade,

angaze alibone ingcwaba.

10Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,

izidenge kwanezityhakala!

Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.

11Amangcwaba likhaya labo naphakade.

Baya kuhlala khona njalo-njalo,

nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.

12Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.

Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.

13Nâso ke isiphelo sabasweli-kuqonda,

abo bakhohliswa ziingcinga zabo.

14Bamiselwe ukufa njengeegusha;

bona baxhatshazwa kukufa.

Bathi ngqo behlele engcwabeni,

onke amathambo abo avuthuluke,

kuba kaloku bona abasekho.

15Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;

uya kundihlangula andithathele kuye.

16Sukuxhala wakubona umntu ehluma,

wakubona ubutyebi bakhe bukhula.

17Akanakuhamba nabo xa afayo;

ubutyebi buya kusala ngasemva.

18Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,

nokuba ebenconywa ngempumelelo,

19wohamba aye kuhlala namanyange

angaze abonane nokukhanya.

20Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,

uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.

IINDUMISO 49XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-