Bible Society of South Africa

To The Word – Day 62

Joshua 22–24, Acts 22–24

Itekisi yeBhayibhile

UYOSHUWA 22

UYoshuwa undulula uRubhen noGadi nesiqingatha sikaManase

1UYoshuwa wabiza isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kunye nesiqingatha sesakwaManase sasempuma, 2wathi: “Nikufezile konke enakuyalelwa sisicaka *sikaNdikhoyo uMosis, nayithobela yonke imiyalelo yam. 3Unanamhla aniwashiyanga enyanyeni amawenu, koko ninyamekele ukuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo wenu. 4Ngoku ke uNdikhoyo uThixo wenu uwaphumzile amawenu, njengoko wathembisayo. Ke ngoko godukani niye kumhlaba ongowenu ongakwicala elingasempumalanga yeJordan, lowo nawunikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo. 5Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’ ”

6Emva koko ke uYoshuwa wabasikelela wabandulula bagoduka. 7Kaloku uMosis wayabele isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba eBhashan, kanti ke yena uYoshuwa wabela esinye isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba ongasentshona kweJordan kunye namawabo.

UYoshuwa wabandulula wabasikelela wathi: 8“Ngoku nigoduka nizizityebi, ninemfuyo eninzi, nesiliva, negolide, ubhedu, nentsimbi, nemfumba yezambatho. Ze niwabele amawenu kumaxhoba eniwafumene ezintshabeni.”

9AmaRubhen namaGadi nesiqingatha samaManase bagoduka. Amanye amaSirayeli bawashiya apho eShilo kwelamaKanana, basinga kwelakowabo eGiliyadi, ababeyifumene ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

Ukusonjululwa kwengxaki yeqonga lamadini

10Zathi zakufika eGeliloti ngaseJordan eKanana izizwe zakwaRubhen nakwaGadi noManase osempuma, zakha into enkulu yeqonga lamadini apho phezu komlambo. 11AmaSirayeli eva kusithiwa: “Khangelani uRubhen noGadi nesiqingatha sikaManase bakhe iqonga lamadini emdeni welaseKanana nganeno apha eGeliloti phezu komlambo iJordan!” 12Yakuvakala loo nto lonke ibandla lakwaSirayeli lahlangana eShilo, lizilungiselela ukuhlasela izizwe ezingaphesheya, empumalanga yeJordan.

13AmaSirayeli athuma umbingeleli uPineyasi unyana kaElazare kwaRubhen nakwaGadi nakwaManase ongaphesheya eGiliyadi. 14UPineyasi wahamba neshumi lamadoda aziinkokheli zezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. La madoda ayeziintloko zezindlu. 15Baya kufika eGiliyadi kwaRubhen, kwaGadi, nakwaManase ongasempuma, bafika bathi: 16“Sithetha nje, sithetha egameni lebandla likaNdikhoyo liphela. Niyenzeleni into embi kangaka ngokungathembeki kuThixo kaSirayeli? Yini na ukuba nityeke kuNdikhoyo ngokuzakhela iqonga lamadini, nivukelane naye ngoku? 17Khange bube sisifundo na ubugwenxa obenzeke ePehore Kaloku uNdikhoyo wabetha ibandla xa lilonke ngobhubhani. Ngaba unanamhla anikahlanjululwa na kobo bugwenxa, 18le nto nityekayo ekumlandeleni uNdikhoyo? Xa namhlanje nimvukela uNdikhoyo, ngomso kosa eliqumbele lonke ibandla lakwaSirayeli. 19Xa umhlaba wenu ugqwalisekile, ngani ningaweli iJordan nje, niye apho simiyo *isibingelelo sikaNdikhoyo ezweni lakhe, nize kuma apha phakathi kwethu? Yekani ukumvukela uNdikhoyo nize nathi nisifake kolo vukelo lwenu ngokwenza qonga limbi lingelilo likaNdikhoyo uThixo wethu. 20Ngaba senikulibele ukungathembeki kuka-Akana unyana kaZera, owathatha amaxhoba amakatshatyalaliswe, kwaza ngenxa yeso senzo kohlwaywa lonke ibandla lakwaSirayeli? UAkana akazange afe yedwa ngenxa yesono sakhe.

21Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sikaManase, benjenje ukuphendula iintloko zezizwe zakwaSirayeli: 22“Oyena unguThixo nguNdikhoyo! Ewe, oyena unguThixo nguye uNdikhoyo! Nguye owaziyo ukuba sikwenzeleni na oku, yaye nani sifuna nazi. Ukuba oku sikwenze ngokungathembeki kuNdikhoyo, okanye ngokumvukela, masingasindi ekufeni namhlanje. 23Yaye ukuba ngeli qonga sityekile ekumlandeleni uNdikhoyo ngokwenzela kulo amadini ethu atshiswayo, nawokudla, nawobudlelane, makasuke asigwebe yena ngenkqu. 24Hayi bo! Elaa qonga silenze ngenxa yexhala lokuba kwixesha elizayo abantwana benu basenokuthi kubantwana bethu: ‘Uyintoni kuni kakade uNdikhoyo uThixo kaSirayeli? 25Akanto yakwenza nani maRubhen namaGadi; wasahlula nani ngokwenza iJordan umda.’ Loo nto ke ingabangela ukuba abantwana bethu bayeke ukunqula uNdikhoyo. 26Kungoko ke satshoyo ukuthi: ‘Masakhe iqonga, kodwa kungabi ngenjongo yakunikela madini naminikelo kulo.’ 27Hayi, sisitsho nje besisenzela thina nani, nezizukulwana ezizayo, ubungqina bokuba ngenene uNdikhoyo simnqula esibingelelweni sakhe ngamadini atshiswayo, nawobudlelane, nangeminikelo. Besisenzela ukuba abantwana benu bangaze bathi kwabethu: ‘Aninasabelo nina nanto yakwenza kuNdikhoyo.’ 28Thina besiba abantwana bethu babeya kuthi xa ithe yehla into enjalo: ‘Naliya iqonga elifana nqwa neliya likaNdikhoyo lakhiwa ngoobawo. Ewe kambe, asililo lamadini neminikelo, lona lilingqina kumawethu nakumawenu.’ 29Asingeke ke thina sivukele uNdikhoyo okanye sityeke kuye ngokwakha iqonga lamadini neminikelo elilelinye. ElikaNdikhoyo uThixo wethu lona limi esibingelelweni sakhe.”

30OoPineyasi neentloko zakwaSirayeli kunye nezezindlu, banela bakuba beyivile impendulo yamaRubhen namaGadi kunye neyesiqingatha samaManase. 31Umbingeleli uPineyasi, unyana kaElazare, wathi kuwo: “Ngoku siyazi ukuba uNdikhoyo uphakathi kwethu; animvukelanga. Ngoko ke amaSirayeli ephela asindile kumsindo wakhe.”

32UPineyasi ke neentloko zamaSirayeli bemka kwaRubhen nakwaGadi eGiliyadi, babuyela eKanana, baya kwenza ingxelo kumaSirayeli. 33Aneliseka yiloo ngxelo amaSirayeli, atsho abonga uThixo; akabi sathetha ngakuhlasela awutshabalalise umhlaba wamaRubhen namaGadi.

34Baza ke abantu bakwaRubhen nakwaGadi balibiza elo qonga ngokuthi: “Lingqina kuthi sonke ukuba uNdikhoyo unguThixo.” Baza ke bathi ukulibiza liNgqina.

UYOSHUWA 23

Amazwi okugqibela kaYoshuwa

1Lakuba ligqithile ithuba elide *uNdikhoyo uwaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo ezaziwangqongile; noYoshuwa ngoku wayeselemdala aluphele. 2UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku. 3Niyibonile yonke into ayenzileyo ngenxa yenu uNdikhoyo kuzo zonke iintlanga zalapha. UNdikhoyo uThixo wenu ubesoloko enilwela kaloku. 4Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga. 5UNdikhoyo uThixo wenu nguye ngenkqu owozigxotha phambi kwenu; wovulela nina indawo. Ke ngoko lo mhlaba ngowenu njengoko kanye wathembisayo. 6Ngoko ke yomelelani, ninyamekele nithobele yonke into ebhalwe kwincwadi yomthetho kaMosis, ningashiyi nendawo le. 7Nize ningazibandakanyi naba bantu basaseleyo apha, ningabizi namagama *oothixo babo, okanye nisebenzise amagama oothixo babo xa nifunga, ningabanquli abo thixo nikhahlele kubo. 8Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla. 9UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini. 10Nditsho nomntu omnye kuni angachitha-chitha iwaka eyedwa, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanilwela njengoko wathembisayo. 11Ze nigcise ke ngenxa yobomi benu, uNdikhoyo uThixo wenu nimthande, 12kuba kaloku xa nithe natyeka kuye nazibandakanya nezi ntlanga ziseleyo apha, nendiselana nazo, 13ze nazi kakuhle ukuba uNdikhoyo akakubuy' azigxothe, anivulele indawo. Ndaweni yaloo nto ziya kusuka zibe ngathi zizabatha nezigu zokunigcayisela, zibe ngathi zizabhokhwe zokunitywatyusha, nameva asemehlweni, nide niphele nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo niwunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu.

14“Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga. 15Kanti kwalo Ndikhoyo unenzela izinto ezintle kangaka uyakwazi ukubuya azise ububi anitshabalalise nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo aninike wona. 16Ewe, xa niwutyeshelayo umnqophiso athe maze niwugcine uNdikhoyo uThixo wenu, nisuke nina nikhonze ninqule izithixo, wovutha umsindo wakhe, anitshabalalise ngephanyazo, niphele kuthi tu kulo mhlaba ulungileyo aninike wona.”

UYOSHUWA 24

Umyolelo kaYoshuwa nokuhlaziywa komnqophiso

1UYoshuwa wenza imbizo yazo zonke izizwe zakwaSirayeli eShekem. Wabiza onke amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa akwaSirayeli, bonke baya kuthi nqwadalala *ngasesibingelelweni *sikaNdikhoyo. 2Wabhekisa kubo bonke abantu uYoshuwa wenjenje: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Kudala kanye ooyihlo-mkhulu uTera kunye noonyana bakhe uAbraham noNahore babemi ngaphesheya komlambo iEfrati, benqula *thixo bambi. 3Uyihlo-mkhulu uAbraham ndamkhupha apho ngaphesheya kwe-Efrati, walityhutyha lonke elaseKanana. Ndampha abantwana abaninzi. Ndamnika uIsake; 4uIsake yena ndamnika uYakobi noEsawu. UEsawu ndamnika ilizwe leentaba lase-Edom. Yena uYakobi noonyana bakhe behla baya eJiputa. 5-6Ndathuma uMosis noAron, amaJiputa ndawehlisela izibetho. Niyayazi into endawenza yona. Ndaza ke emva koko ndanikhupha eJiputa, naza nina naza kutsho kuLwandle oluBomvu. AmaJiputa akhupha iinqwelo zamahashe nomkhosi okhwele amahashe ukusukela ooyihlo, asinga kuLwandle oluBomvu. 7Kodwa bathi bakukhala ooyihlo, ndafaka ithunzi lobumnyama phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ndawagubungela ngamanzi olwandle, eyela amaJiputa – niyayazi loo nto.

“ ‘Nahlala entlango ithuba elide. 8Ndaza mna ndanizisa kumhlaba wama-Amori awayemi ngasempumalanga yeJordan. Alwa nani, kodwa mna ndawanikela ezandleni zenu. Nawuthatha umhlaba wawo, ndakuba mna ndiwatshabalalisile. 9Ukumkani uBhalaki wakwaMowabhi, unyana kaZipore, waqubisana namaSirayeli edabini. Wathumelela uBhalam, unyana kaBhehore, ukuba abizwe eze anishwabulele, 10kodwa andizange ndivume ukumphulaphula uBhalam. Ndaweni yaloo nto wamana ukunithamsanqelisa, ndaba ke ndinihlangule kuBhalaki. 11Nawela iJordan, naya eJeriko. Abemi balapho balwa nani, njengoko enjenjalo ama-Amori, namaPerezi, namaKanana, amaHiti, amaGirgashi, amaHivi, namaJebhusi, kodwa ndabanikela ezandleni zenu. 12Ndabathumela ngoonomeva abo balwa nani. Yiyo loo nto eyachitha iikumkani zama-Amori zombini – asilokrele nalutolo lwenu. 13Ndaninika umhlaba eningazanga nawusebenza nezixeko eningazanga nazakha. Ngoku nihlala apho nitye isivuno semidiliya eningayilimanga, neminquma eningazanga nabulaleka yiyo.’

14“UNdikhoyo mhloneleni, nimnqule ngentembeko ninyanisekile. Yahlukanani *nezithixo zookhokho benu ngexesha bengaphesheya kwe-Efrati naseJiputa, nikhonze uNdikhoyo yedwa. 15Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”

16Aphendula amaSirayeli athi: “Thina asisoze sahlukane noNdikhoyo sikhonze thixo bambi. 17NguNdikhoyo uThixo wethu owasikhulula thina nookhokho eJiputa ebukhobokeni. Siyayazi imiqondiso emikhulu awayenzayo. Wasilondoloza konke apho sihamba khona, wasikhusela xa besicanda phakathi kweentlanga. 18UNdikhoyo wasigxothela zonke iintlanga, nditsho kunye nama-Amori awayemi apha. Ngoko ke nathi sokhonza uNdikhoyo; nguye uThixo wethu.”

19UYoshuwa wathetha namaSirayeli wenjenje: “Aninako ukumkhonza uNdikhoyo. UNdikhoyo nguThixo owahlukileyo; unguThixo onekhwele. Akasayi kukuxolela ukumvukela kwenu nokumona kwenu, 20yaye ukuba niyamfulathela nikhonze izithixo zasemzini, wonijikela anihlisele ububi. Wonitshabalalisa niphele, ngoku kanye ebekade eniphethe kakuhle.”

21Abantu bathi kuYoshuwa: “Hayi bo! Thina siza kukhonza uNdikhoyo.”

22Wathi ke uYoshuwa: “Ningamangqina enu ngokwenu ke ukuba nina nizikhethele ukukhonza uNdikhoyo.”

“Ewe, singamangqina,” batsho abantu.

23“Yahlukanani ke nazo ezo zithixo zasemzini ninazo,” watsho uYoshuwa, “nize ke nizinikele ngomxhelo wonke kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.”

24Bathi abantu kuYoshuwa: “Thina sokhonza uNdikhoyo uThixo wethu, siphulaphule ilizwi lakhe.”

25Ngaloo mini, belapho eShekem, uYoshuwa wabenzela umnqophiso abantu, wabanika imimiselo nemithetho amabayithobele. 26Wayibhala yonke loo nto uYoshuwa encwadini yomthetho kaThixo. Waza emva koko wathatha ilitye elikhulu, walimisa phantsi komthi wom-oki ngakuloo ndawo wayenqulelwa kuyo uNdikhoyo. 27Wathi ebantwini bonke: “Niyabona, eli litye loba lelobungqina, kuba liwevile onke amazwi uNdikhoyo awabhekise kuthi. Lilo ke eloba lingqina xa nimkhanyela uThixo wenu.” 28Emva koko ke wabandulula abantu uYoshuwa, umntu ngamnye wabuyela emhlabeni olilifa lakhe.

Ukubhubha kukaYoshuwa noElazare

29Wabhubha ke emva koko uYoshuwa, unyana kaNune, isicaka *sikaNdikhoyo, eminyaka ilikhulu lineshumi. 30Wafihlelwa eTimnata-sera, emhlabeni olilifa lakhe, kweleentaba kwaEfrayim, kumantla entaba iGahashe.

31AmaSirayeli ahlala ekhonza uNdikhoyo lo gama wayesaphila uYoshuwa. Akungabikho ahlala esenjenjalo nangalo gama ayesekho amadoda amakhulu awayenamava ngeziganeko ezikhulu ezenziwa nguNdikhoyo.

32Amathambo kaJosefu awayeze nawo eJiputa amaSirayeli, awangcwaba kumhlaba owathengwa nguYakobi eShekem koonyana bakaHamore uyise kaShekem ngekhulu leesiliva. Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu.

33Wabhubha noElazare, unyana ka-Aron, waza wangcwatyelwa eGibheya kweleentaba kwaEfrayim, emhlabeni owabelwa uPineyasi unyana wakhe.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 22

1“Mawethu, nani bobawo, khanindiphulaphule xa ndiziphendulelayo.” 2Bathi bakumva ukuba uthetha ngesiHebhere, bathi cwaka.

Waza waqhuba wathi uPawulos: 3“Mna ndingumJuda, ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki, kodwa ndakhulela apha eJerusalem, ndingumfundi kaGamaliyeli. Ndafumana ingqeqesho ecokisekileyo kumthetho wookhokho bethu; futhi ndandizinikele kuThixo, ndinjengokuba ninjalo nani namhlanje. 4Ndandibatshutshis' ukufa abantu abalandela le Ndlela. Ndandiwabamba amadoda kwanabafazi, ndibafake entolongweni. 5Umbingeleli omkhulu *neBhunga xa lilonke bangangqina ukuba ndithetha inyaniso xa nditshoyo. Ndandithatha iincwadi kubo, zibhalelwe amaJuda aseDamasko, ndize mna ndihambe ndiye kubamba abantu, ndibabuyise bekhonkxiwe, ndibazise eJerusalem, ukuze bohlwaywe.”

UPawulos uthetha ngenguquko yakhe

(Mseb 9:1-19; 26:12-18)

6“Ndathi xa ndandihamba ndisondela eDamasko, emini emaqanda, ndabona ukukhanya okuqaqambileyo esibhakabhakeni kundibengezelela ngeenxa zonke. 7Ndawa emhlabeni, ndaza ndeva ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni na?’ 8Ndabuza ndathi: ‘Ungubani wena, Nkosi?’ Laphendula lathi: ‘NdinguYesu waseNazarete, lo umtshutshisayo.’ 9Amadoda endandihamba nawo akubona okunene ukukhanya, kodwa akazange ayive into ethethwa ngulowo wayethetha nam. 10Ndabuza ndathi: ‘Ndingenza ntoni, Nkosi?’ Yaza yathi iNkosi kum: ‘Vuka, uye eDamasko; woyixelelwa khona apho into yonke akumisele ukuba uyenze uThixo.’ 11Ukubengezela kokukhanya oko ndakubonayo kwanditsho ndayimfama, baza abo babendiphahlile bandibamba ngesandla, bandikhokelela eDamasko.

12“Apho ke kwakukho indoda ethile egama linguHananiya. Yayiyindoda ewuzondeleleyo iwuthobele *umthetho, ihlonelwa kakhulu ngawo onke amaJuda aseDamasko. 13Yeza yafika yema ecaleni kwam, yathi: ‘Sawule, mfondini, buya ubone.’ Kanye ngaloo mzuzu avuleka amehlo am, ndaza ndabona. 14Wathi: ‘UThixo wookhokho bethu ukukhethele ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, ukuze usibone isiCaka sakhe esililungisa, uve ilizwi lakhe lithetha nawe, 15kuba uya kuba lingqina lakhe, wazise bonke abantu izinto ozibonileyo nozivileyo. 16Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.’ ”

Ubizo lukaPawulos lokushumayeza iintlanga

17“Ndaphindela kwaseJerusalem, apho ndathi *ndisendlwini kaThixo ndithandaza, ndaba nombono. 18Ndabona iNkosi isithi kum: ‘Khawuleza umke eJerusalem, kuba abantu balapha abayi kubamkela ubungqina bakho ngam.’ 19Ndathi ke mna: ‘Nkosi, bazi kakuhle ukuba ndandifika ndibabambe abo bazinikele kuwe, ndibabethele apho *ezindlwini zesikhungo. 20Kanti nangamhla kwakubulawa uStefano, ingqina lakho, nam ndandikho. Ndandihambisana nokugwintwa kwakhe, neempahla zababemgebenga zigcinwe ndim lo.’ 21Yathi kum iNkosi: ‘Hamba, kuba ndiza kukuthuma kude kweleentlanga.’ ”

22Babemphulaphule abantu uPawulos, kwada kwaza kutsho kule ndawo; basuka ke batsho ngentswahla besithi: “Msuse! Bulala loo nto!” 23Kwakuthe nzwii yingxolo, bejiwuzisa iimpahla zabo, kuqhuma uthuli. 24Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamajoni amaRoma yathi uPawulos makangeniswe enqabeni yawo, akatswe, kuncinwe unobangela wento amxhibe ngayo amaJuda, ukuze angxole kangaka. 25Kuthe sebembophelele, beza kumkatsa, uPawulos wabhekisa kumphathi-butho owayemi apho, wathi: “Khawutsho, kusemthethweni ukuba ungámbetha ummi ongumRoma engakhanga afunyanwe enetyala?”

26Umphathi-butho akuyiva le nto, waya kwingqwayi-ngqwayi, wathi: “Uza kuthini ke? Lo mfo ngummi ongumRoma.”

27Ingqwayi-ngqwayi ke yaya kuPawulos, yathi: “Khawutsho: ungummi ongumRoma wena?” Wavuma uPawulos. 28Ingqwayi-ngqwayi yaqhuba isithi: “Ndahlawula imali eninzi ukuze ndibe ngummi ongumRoma.”

UPawulos wathi ukuphendula: “Kodwa ke mna ndinguye ngokuzalwa.”

29Kwangoko loo madoda ayeza kumncina uPawulos arhoxa, ingqwayi-ngqwayi yoyika yakuqonda ukuba uPawulos wayengummi ongumRoma, imkhonkxe ngamatyathanga nje.

UPawulos umi phambi kweBhunga

30Ingqwayi-ngqwayi yafuna ukuqiniseka ngetyala awayemmangalela ngalo amaJuda uPawulos. Ithe ke ngengomso makakhululwe amatyathanga uPawulos, kubizwe ababingeleli abaziintloko kunye *neBhunga xa lilonke. Yaza ke yeza kummisa phambi kwentlanganiso uPawulos.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 23

1UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.” 2Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye. 3Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!”

4Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!”

5UPawulos wathi: “Hayi, mawethu, bendingamazi ukuba ungumbingeleli omkhulu. Kaloku *iziBhalo zithi: ‘Ungàthethi kakubi ngomlawuli wabantu bakho.’

6Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.”

7Akutsho abaFarasi nabaSadusi baxabana bodwa, baza bahlukana kubini. 8Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu. 9Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.”

10Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi.

11Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.”

Iqhinga lokubulala uPawulos

12Ngentsasa elandelayo amaJuda adibana enza iyelenqe. Azibopha ngesifungo sokuba angatyi angaseli engambulalanga uPawulos. 13Ayengaphezu kwamashumi amane kweli yelenqe. 14Aza ke aya kubabingeleli abaziintloko nakubadala athi: “Sizibophe ngesifungo, saye sizimisele ukuba singafaki nto phantsi kwempumlo singekambulali uPawulos. 15Nina ke *neBhunga thumelani kumphathi-mkhosi wamaRoma ukuba azise uPawulos kuni, nenze ngathi nisafuna ukuncina inyaniso ngaye. Thina ke soba sesilungile, simhlasele simbulale engekafiki kuni.”

16Kodwa weva ngeli yelenqe unyana wodade boPawulos, waza ke waya kungena enqabeni yamajoni, wamxelela ngalo uPawulos. 17UPawulos ubize umphathi-butho, wathi kuye: “Yisa lo mfana kwingqwayi-ngqwayi. Kukho into afuna ukuyixelela yona.”

18Umphathi-butho wamthatha wamsa kwingqwayi-ngqwayi, wafika wathi: “Ndibizwe ngumbanjwa uPawulos, wathi mandize nalo mfana kuwe, kuba kukho into aza kukuxelela yona.”

19Ingqwayi-ngqwayi imbambe ngesandla umfana lowo, yamtsalela bucala, yambuza isithi: “Uze kundixelela ntoni?”

20Uthe umfana: “Iziphathamandla zamaJuda zivumelene ukuba zikucele ngomso, ukhe uthumele uPawulos eBhungeni, zisenza ngathi kukho indawo ebalulekileyo elifuna ukuyiqonda kuye iBhunga. 21Kodwa uze ungavumi ukuyiva loo nto, ngoba kukho amadoda angaphezu kwamashumi amane alalele uPawulos endleleni. Afungile ukuba akayi kutya, engayi kusela, ade ambulale. Nangoku selelungile, elindele ukuba uvume.”

22Ithe ingqwayi-ngqwayi: “Uzungayithethi mntwini into yokuba undixelele ngeli yelenqe.” Yaza yamndulula umfana lowo.

UPawulos uthunyelwa kuFelekis irhuluneli

23Ingqwayi-ngqwayi ithe yabiza abaphathi-mabutho bayo ababini, yathi kubo: “Lungiselelani ukuya eKhesariya ngokuhlwanje ngentsimbi yethoba. Ze nihambe namakhulu amabini amajoni kunye namashumi asixhenxe amajoni akhwele amahashe, kwakunye namakhulu amabini amajoni aphatha iintshuntshe. 24Nithathe namahashe okukhwela, uPawulos nimse kuFelekis irhuluneli engenzakalanga.”

25Ingqwayi-ngqwayi yabhala ileta, yenjenje:

26“UKlawudiyo Lisiya ubulisa ohloniphekileyo uFelekis irhuluneli. 27Le ndoda âyibamba amaJuda eza kuyibulala. Ndivile ukuba ingummi ongumRoma, ndaya kuyihlangula ngamajoni. 28Ndithe ke ngokufuna ukuqonda isityholo abayibeka sona, ndayisa *eBhungeni lawo. 29Apho ke kuye kwacaca ukuba ayenzanga tyala lokuba ingagwetyelwa ukufa, nokuba mayivalelwe entolongweni. Isityholo ebekwa sona siphathelele kwimpikiswano ngomthetho wabo. 30Ndithe ke ndakuva ukuba kukho amaJuda azungula ukuyibulala, ndagqiba ukuba ndiyithumele kuwe. Abamangali nabo ndibaxelele ukuba beze kuyimangalela kuwe.”

31Amajoni enza njengoko ayeyalelwe. Amthatha uPawulos kwangobo busuku, aya kufika naye eAntipatri. 32Ngengomso ahamba ngeenyawo abuyela eJerusalem, aza awamahashe ahamba naye. 33Aya kufika naye eKhesariya, ayinika irhuluneli ileta leyo, amnikezela kuyo noPawulos. 34Iyifundile ileta irhuluneli, yambuza uPawulos ukuba wayengowaliphi na iphondo. Yakuva ukuba wayengowaseKiliki 35yathi: “Ityala lakho liya kuthethwa kwakufika abamangali.” Yathi uPawulos makagcinwe ebhotwe likaHerode.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 24

UPawulos umangalelwa ngamaJuda

1Emva kweentsuku ezintlanu umbingeleli omkhulu uHananiya waya eKhesariya, ekunye nabadala abathile noTertulo igqwetha. Bavela phambi kwerhuluneli bemmangalela uPawulos. 2Weziswa uPawulos, waza uTertulo wammangalela wenjenje: “Felekis, mhlekazi ohloniphekileyo, ukulawula kwakho ngobulumko kuze nethuba elide loxolo. Nezinye izinto eziyimfuneko zenkqubela siyazibona zisenzeka kweli lizwe lethu. 3Ngamaxesha onke siyazamkela ezi zinto, futhi sinongazenzisiyo umbulelo kuwe. 4Andifuni ukulidla ixesha lakho, ngoko ke ndicela ukuba usiphulaphule ngobulali esi simangalo. 5Lo mfo simfumene engumdodobalisi oyingozi. Uhamba ephemba udushe phakathi kwamaJuda kulo lonke elimiweyo; futhi uyinkokheli yegqiza lamaNazarete. 6Samfumana ezama ukunyelisa *indlu kaThixo, saza sambamba. [Sasifuna ukumgweba ngokomthetho wethu, 7kodwa kwafika umphathi-mkhosi uLisiya wamhlutha kakubi. 8ULisiya wayalela ukuba aze kumangalelwa kuwe.] Nawe ngokwakho ekumvavanyeni kwakho uya kuziqonda uziva ngaye ezi zinto simmangalela ngazo.” 9NamaJuda asingqina esi simangalo ukuba siyinyaniso.

UPawulos uziphendulela phambi koFelekis

10Irhuluneli yanqwala kuPawulos ukuba athethe, waza wathi: “Ndiyazi ukuba uneminyaka emininzi ugweba kwesi sizwe; yiyo loo nto ndivuyayo kuba ndiziphendulela phambi kwakho. 11Nawe unokuyiqonda into yokuba azingaphezu kweshumi elinambini iintsuku ndayayo eJerusalem ndiye kunqula. 12AmaJuda akandifumananga ndixoxa namntu *endlwini kaThixo, engandifumananga ndiphembelela dushe bantwini *ezindlwini zesikhungo, okanye naphi na apho edolophini. 13Futhi akanabo ubungqina obuphathekayo malunga nezi zinto andityhola ngazo ngoku. 14Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli. 15Ndibambelele ethembeni elinye nabo abamangali, eli lokuba bonke abantu, abalungileyo nabangalunganga, baya kuvuka ekufeni. 16Ndibe ke ndizama kangangoko ndinako ukuba ndihlale ndingenasazela nganto phambi koThixo naphambi kwabantu.

17“Ndakha ndangabikho iminyaka emininzi eJerusalem, ndaza emva koko ndaya khona ndisisela abantu bakowethu imali, futhi ndisiya kwenza amadini. 18Ndandisendlwini kaThixo apho ke, ukundifikela kwawo amaJuda ekubeni sendigqibe ukwenza *intlambululo. Ndandingekho esiphithi-phithini, futhi kungekho naqhushululu olo. 19Ayekhona amaJuda athile ephondo laseAsiya; ebefanele ukuba alapha phambi kwakho andimangalele ngokwawo, xa enendawo ngakum. 20Okanye khawutsho kula madoda axele ukuba andifumana ndinatyala lini na ngokuya ndandimi phambi kweBhunga. 21Into inye endakhala ngayo naphambi kwawo, ndathi: ‘Ndigwetywa nje namhlanje, kungenxa yokukholelwa ukuba abafileyo baya kuvuka.’ ”

22Waza ke uFelekis owayeyazi kakuhle iNdlela le, walimisa ityala, wathi: “Ndiya kuligweba ityala lakho akufika umphathi-mkhosi uLisiya.” 23Wayalela umphathi-butho owayegada uPawulos ukuba amgcine, kodwa angabi ngqongqo, azivumele izihlobo zakhe zimlungiselele.

UPawulos phambi koFelekis noDrusila

24Kwakudlula iintsuku uFelekis wafika noDrusila umkakhe, umJudakazi. Wambiza uPawulos, waza wamphulaphula ethetha ngokholo kuKrestu Yesu. 25Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.” 26Wayenethemba lokuba mhlawumbi angahle anyotywe nguPawulos; kungesi sizathu ke wayesoloko emana ukumbiza ancokole naye.

27Emva kweminyaka emibini uPorkiyo Festo waba yirhuluneli endaweni kaFelekis. Ngenxa yokuba uFelekis wayefuna ukuzenza mhle kumaJuda, wamshiya entolongweni apho uPawulos.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-