Bible Society of South Africa

To The Word – Day 5

Genesis 12–16, John 8–9

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 12

Ukufuduka kuka-Abram

1*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.

2“Ndiza kukunika inzala eninzi,

eya kuba sisizwe esikhulu;

ndikunike amathamsanqa,

libe nodumo igama lakho,

ube lithamsanqa nakwabanye.

3Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa,

ndibaqalekise abo bakuqalekisayo.

Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”

4Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram. 5UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana.

Bakufika eKanana, 6uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana. 7UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye. 8Ukusuka apho wabheka ngasemazantsi kweleentaba kwicala langasempuma yesixeko saseBhetele. Wazigxumeka apho iintente, ephahlwe yiBhetele ngasentshona neAyi ngasempumalanga. Nalapho wenza iqonga, wanqula uNdikhoyo. 9Wanduluka nalapho, egqitha kwiindawo ngeendawo, ejonge emazantsi eKanana.

UAbram eJiputa

10Kwakukho indlala eKanana. Yayinkulu kangangokuba uAbram wehla waya eJiputa, wakha wahlala apho ixeshana. 11Akufika emideni, wathi kumkakhe uSarayi: “Ndiyazi ukuba umhle gqitha, 12yaye akukubona amaJiputa, aza kuthi ungumkam, aze andibulale mna, akushiye wena. 13Uze uthi ke ungudade wethu. Aya kundiphatha kakuhle ke ngenxa yakho, angandibulali.” 14Akugqitha emideni engena eJiputa, amaJiputa akhangwa bubuhle bomka-Abram. 15Amaphakathi kakumkani athi nawo akumbona abuncoma ubuhle bakhe kukumkani. Wathathwa ke, waya kuhlala ebhotwe kwakumkani. 16Ukumkani wamphatha kakuhle uAbram ngenxa yomkakhe, wamphawulela imihlambi yeegusha neebhokhwe, iinkomo needonki, izicaka neenkamela.

17Kodwa ngenxa yokuthathwa kukaSarayi ngukumkani, uNdikhoyo wathumela izibetho zezifo kukumkani nakubantu bonke bakomkhulu. 18Waza ke ukumkani wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le nto undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumkakho lo? 19Kutheni usithi ngudade wenu nje, undiyeke ndimenze umkam? Nanko ke umkakho; mthathe umke naye.” 20Ukumkani wayalela amadoda ukuba uAbram makakhutshelwe ngaphandle kwemida yelo zwe, emke nomkakhe, nayo yonke impahla yakhe.

EYEZIQALO 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 13

Ukwahlukana kuka-Abram noLothe

1Ukuphuma kwakhe eJiputa uAbram wabheka ngasentla emazantsi aseKanana, ehamba nomkakhe, nemfuyo yakhe yonke, uAbram, eneegusha neebhokhwe kwakunye noLothe. 2Wayefumile neenkomo, enayo nesiliva negolide. 3Nalapho wemka, edlula kwiindawo ngeendawo, esingise eBhetele. 4Wafika kulaa ndawo wakha wagxumeka kuyo iintente kuqala, leya iphahlwe yiBhetele neAyi, apho wayenzele khona uThixo iqonga, wanqula khona *uNdikhoyo.

5ULothe naye wayeneegusha neebhokhwe neenkomo, nentsapho nezicaka zakhe. 6Ngoko ke amadlelo akazange ayanele impahla yabo eninzi, nomhlaba wokuhlala awabanela. 7Kwabakho ingxwaba-ngxwaba phakathi kwamadoda alusa impahla ka-Abram namadoda alusa ekaLothe. AmaKanana namaPerezi ayesahlala kwelo zwe.

8UAbram wathi kuLothe: “Siyazalana, mfondini; masingabhidani, namadoda ethu makangalwi. 9Kungcono sahlukane; umhlaba uphangalele. Zikhethele nayiphi na indawo, uye kwelo cala, mna ndiye kwelinye.”

10Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora. 11ULothe wayithatha yonke loo ntili yeJordan, wenjenjeya ukubheka ngasempumalanga. Aba ayahlukana njalo loo madoda mabini. 12Wasala kwilizwe laseKanana uAbram, uLothe yena wagxumeka iintente kuloo ntili iphakathi kwezo zixeko zingaseSodom. 13Abantu baseSodom babegwenxa, bemona gqitha uNdikhoyo.

UAbram uya eHebron

14Akuba emkile uLothe, *uNdikhoyo wathi kuAbram: “Bheka-bheka ukhangele kakuhle macal' onke ukuloo ndawo umi kuyo. 15Wonke loo mhlaba uwubonayo ndiza kuwunika wena kunye nenzala yakho. Niya kuwuma ngalo lonke ixesha. 16Ndiza kukunika inzala eninzi, ibe yinyambalala engaphezu kwentlabathi, engenakubalwa mntu. 17Hamba ke, uye kuwuhlola macal' onke loo mhlaba, kuba ndikunika wona.” 18UAbram ke wazikhulula iintente, wemka waya kuma ngakwimithi yaseMamre eHebron, apho wamenzela khona uNdikhoyo iqonga lamadini.

EYEZIQALO 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 14

UAbram uhlangula uLothe

1Kwaqubisana emfazweni iikumkani ezine: uAmrafele waseBhabheli, uAriyoki wase-Elazare, uKedor-lahomere wase-Elam, kunye noTidali waseGoyi. 2Yayilidabi neekumkani ezintlanu: uBhera waseSodom, uBhisha waseGomora, uShinabhi waseAdama, uShenebhere waseZebhoyim, nekumkani yaseBhela ekwakusithiwa yiZoware. 3Zontlanu ezi kumkani zaqukanisa imikhosi yazo entilini yeSidim, ngoku eluLwandle oluFileyo. 4Zaziphantsi koKedor-lahomere ishumi elinambini leminyaka. Zamvukela kodwa kulo weshumi elinantathu. 5Kunyaka weshumi linane uKedor-lahomere namakholwane akhe badibanisa imikhosi yabo, bawachitha amaRafa eAshtaroti-karnayim, amaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim. 6AmaHori bawadudula kwezo nduli zaseSeyire, bawasukela aya kutsho e-Elparan ngasentlango. 7Babuyela eKadeshe, ekwakusithiwa yiEn-mishpati ngoko. Balihlutha lonke ilizwe lama-Amaleki nama-Amori awayemi eHazezon-tamare.

8Zaphuma iikumkani zaseSodom, eGomora, eAdama, eZebhoyim, naseBhela, le kuthiwa yiZoware, zayikhupha imikhosi yazo ukusinga edabini kuloo ntili yaseSidim. 9Zaqubisana apho ezi kumkani zintlanu neekumkani ezine: ooKedor-lahomere wase-Elam, noTidali waseGoyi, noAmrafele waseBhabheli, noAriyoki wase-Elasare. 10Kuloo ntili kwakukho imihadi enetha. Zithe xa zibalekayo edabini iikumkani zaseSodom naseGomora, amanye amajoni eyela kuloo mihadi. Asindileyo abalekela ezintabeni.

11Iikumkani ezine zathimba yonke into eSodom naseGomora, zemka kunye nokutya. 12ULothe unyana womninawa ka-Abram wayehlala eSodom, zamthimba kunye nempahla yakhe.

13Kwabakho ndoda ithile yasindayo, eyabaleka yaya kuxelela uAbram umHebhere owayehlala ngakwimithi kaMamre umAmori. UMamre nabantakwabo uEshkoli noAnere babengamakholwane ka-Abram. 14Akuva uAbram ukuba isizalwane sakhe sithinjiwe, wabiza onke amadoda akhe. Ayengamakhulu amathathu aneshumi elinesibhozo ewonke. Wazisukela zone ezo kumkani, wada waya kutsho kwaDan. 15Wawahlula angamaqela ngamaqela amadoda akhe, wawuhlasela loo mkhosi kwakuhlwa. Wawoyisa, wawusukela waya kufika eHobha entla kweDamasko. 16Wabuya nawo amaxhoba ababewahluthile. Wabuya naye noLothe nempahla yakhe, kunye nabafazi nezicaka.

UMelkizedeki uthamsanqelisa uAbram

17Ukubuya kwakhe uAbram ekulweni noKedor-lahomere namakholwane akhe, wahlangatyezwa ngukumkani waseSodom entilini yaseShawe, ekuthiwa yiNtili kaKumkani. 18UMelkizedeki owayengukumkani waseSalem ekwangumbingeleli woThixo uPhezukonke, weza nesonka newayini.

19Wathamsanqelisa uAbram esithi:

“UThixo uPhezukonke, owênza izulu nomhlaba,

wanga angakuthamsanqelisa, Abram!

20UThixo uPhezukonke okoyiseleyo iintshaba zakho, makadunyiswe.”

Waza ke uAbram wakhupha izishumi zamaxhoba emfazwe, wanikela kuMelkizedeki.

21Wathi ukumkani waseSodom kuAbram: “Wathathe onke amaxhoba, undinike nje abantu bam.”

22Wathi uAbram: “Ndiyafunga, uThixo uyazi, *uNdikhoyo uPhezukonke, umenzi wezulu nelizwe! 23Andiyi kuthatha nto yakho konke, nditsho nokuba ngumsonto lo okanye umtya wembadada. Ndifuna ungaze utsho ukuthi: ‘UAbram watyetyiswa ndim.’ 24Mna andiyi kuthatha nto konke, ngaphandle nje kokutya okutyiwe ngabantu bam. Kodwa wona amakholwane am, uAnere noEshkoli noMamre, mabayifumane bona eyabo inxaxheba.”

EYEZIQALO 14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 15

Umnqophiso kaThixo noAbram

1Emva koku uAbram waba nombono apho weva *uNdikhoyo esithi:

“Uze ungoyiki, Abram,

ndim oya kukukhusela;

ikwandim oya kukubonelela kanobom.”

2Uphendule wathi uAbram: “Mhlekazi Ndikhoyo, iya kundinceda ntoni loo nto? Yintoni ongandibonelela kuyo ndingenabantwana nje? Nàlo uza kuba yindlalifa yam nguElizere waseDamasko.” 3Kwakhona uAbram uthe: “Akukho nzala undinike yona; ke sisicaka sam esiza kuba yindlalifa yam.”

4Uthe ke uNdikhoyo ebhekisa kuAbram: “UElizere akayi kuba yindlalifa yakho. Ngunyana wakho nqo oya kuba yindlalifa yakho.” 5UNdikhoyo wamkhuphela ngaphandle kwendlu uAbram, wathi: “Khangela esibhakabhakeni, uzibale iinkwenkwezi ezilapho, ukuba ungaba nako. Boba baninzi kangako abazukulwana bakho.”

6UAbram walibeka kuNdikhoyo ithemba lakhe, waza ngenxa yoko wenziwa ilungisa.

7Waqokela wathi kuye uNdikhoyo: “NdinguNdikhoyo owakukhupha kwilizwe lakowenu eUre yelamaKaledi, ukuze uze kuma kulo mhlaba, ube ngowakho.”

8Ke yena uAbram wabuza wathi: “Mhlekazi Ndikhoyo, ndingaqonda njani ukuba lo mhlaba woba ngowam?”

9Uthe uNdikhoyo: “Ndizisele ithokazi lenkomo, nemazi yebhokhwe, nenkunzi yegusha, zonke zibe minyaka mithathu, kunye nehobe nevukuthu.” 10Weza nazo uAbram ezo zinto, wazahlula kubini, waza wazidwelisa, icala ngalinye lamelana nelinye. Iintaka zona akazange azahlule kubini. 11Kwandanda amaxhalanga phezu kwaloo nyama yezo zinto, kodwa uAbram wawagxotha.

12Ukutshona kwelanga wehliwa bobunzulu ubuthongo uAbram. Wangenwa luvalo naluloyiko. 13UNdikhoyo wathi kuye: “Inzala yakho iya kuba ngabangeneleli kumhlaba wasemzini, uze uyazi loo nto. Apho baya kuba ngamakhoboka, baphathwe gadalala amakhulu amane eminyaka. 14Kodwa ndosohlwaya eso sizwe sibaphethe kakubi; baya kuthi xa bemkayo apho bahambe namaxhoba. 15Wena ke kambe uza kuhlala udle ubomi ude ukhokhobe, amathambo akho afihlwe ngakookhokho bakho. 16Inzala yakho yobuyela apha emva kwezizukulwana ezine. Kaloku andiyi kuwakhupha kwangoku ama-Amori, bude buzaliseke ubugwenxa bawo.”

17Kuthe kwakurhatyela, kwathi gqi imbiza iqhuma, nesikhuni esivuthayo, zadlula phakathi kwaloo mkrozo wenyama. 18Waza ke uNdikhoyo wathi kuAbram esenza umnqophiso: “Ndiyathembisa ukuba wonke lo mhlaba, ukususela kwimida yeJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati, ndiza kuwunika inzala yakho, 19ndawonye nomhlaba wamaKeni, amaKinazi, amaKadimon, 20amaHeti, amaPerezi, namaRafa; 21ama-Amori, amaKanana, amaGirgashi, kunye namaJebhusi.”

EYEZIQALO 15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 16

UAbram noSarayi noHagare

1Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare. 2Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma. 3USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana. 4UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.

5USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”

6Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.

7Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure. 8Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”

Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”

9Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.” 10Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.” 11Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:

“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.

Uze uthi nguIshmayeli igama layo,

kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.

12Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;

uya kuchasa wonke ubani,

angafunwa ngumntu wonke naye.

Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”

13UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.” 14Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.

15-16UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.

EYEZIQALO 16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 8

Umfazi obanjwe ekrexeza

[ 1UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma. 2Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga, waza wahlala phantsi, wabafundisa abantu. 3Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu; 4baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza. 5Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?” 6Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.

7Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.” 8Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni. 9Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho. 10Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”

11Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”

Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]

UYesu ukhanyiselo lwehlabathi

12UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

13Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”

14Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi. 15Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo. 16Kodwa ke, ukuba ndithe ndagweba, isigwebo sam sithembekile; kuba andindedwa, ndikunye noBawo ondithumileyo. 17Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele. 18Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”

19Baza bathi kuye: “Uphi loo Yihlo?”

Waphendula uYesu wathi: “Kwankqu mna lo anindazi, noBawo ningamazi. Ukuba ke benindazi mna, noBawo ngenimazi.”

20Konke oku kwathethwa nguYesu efundisa *endlwini kaThixo, ekwigumbi leminikelo; kodwa akubangakho namnye umbambayo, kuba lalingekafiki ixesha.

“Apho ndiya khona mna aninakuya nina”

21Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.”

22Ke ngoko athi amaJuda: “Ngaba bethu úza kuzibulala, esithi nje apho aya khona thina asinakuya?”

23Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi. 24Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.”

25Ambuza ke esithi: “Ungubani wena?”

Wathi kuwo uYesu: “Ndingulowo ndandithe ndinguye kwasekuqalekeni. 26Ndinezinto ezininzi endingázithethayo ngani, ndinigwebe nokunigweba ngenxa yazo. Kaloku lowo undithumileyo uyinyaniso; ke mna ihlabathi ndilixelele kuphela oko ndikuvileyo ngaye.”

27AmaJuda akazange aqonde okokuba uYesu uthetha nawo ngoYise, 28waza wathi kuwo uYesu: “Xa nithe namphakamisa *uNyana woLuntu, noqonda ke ukuba ndinguye endinguye. Noqonda ke okokuba mna andenzi nto ngagunya lam, koko ndithetha kuphela oko ndikufundiswe nguBawo. 29Lowo undithumileyo unam; akandishiyanga ndodwa, kuba ndisoloko ndisenza oko kukholekileyo kuye.”

30Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi ithemba labo balibeka kuYesu.

“Inyaniso iya kunenza nikhululeke”

31Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. 32Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

33Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?”

34Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono. 35Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana. 36Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela. 37Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam. 38Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.”

39Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.”

Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo. 40Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo. 41Nina nenza okwenziwa nguyihlo.”

Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.”

42Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye. 43Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam. 44Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye. 45Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum. 46Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa? 47OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.”

“Engekabikho uAbraham besendikho”

48AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?”

49Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli. 50Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela. 51Ndithi kuni, inene, ukuba umntu uthe wawagcina amazwi am, soze afe naphakade.”

52Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade. 53Ngaba wena umkhulu na kunobawo uAbraham, yena wafayo? Kwangokunjalo nabo abashumayeli àbasekho. Uzenza bani kakade wena?”

54Waphendula uYesu wathi: “Ukuba bendiziwonga ngokwam, elo wonga ngelingento yanto; kodwa ke nguBawo ondiwongayo, lowo kanye nina nithi nguThixo wenu. 55Nangona nitshoyo, anizange namazi; kodwa mna ndiyamazi. Ukuba mna bendinokuthi andimazi, bendiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa ndiyamazi, ndaye ndiyawagcina amazwi akhe. 56Uyihlo uAbraham wagcoba, kuba wayeza kubona le mihla yobukho bam; wayibona ke, wavuya.”

57Aza amaJuda athi kuye: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, ungathini ukuba sewumbonile uAbraham?”

58Wathi kubo uYesu: “Ndithi kuni, inene, engekabikho uAbraham, besendikho kade mna.”

59Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.

UYOHANE 9

UYesu uphilisa umntu ozelwe eyimfama

1UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama. 2Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?”

3Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye. 4Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza. 5Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.”

6Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo; 7waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona.

8Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?”

9Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.”

10Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?”

11Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”

12Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?”

Ke yena wathi: “Andazi.”

AbaFarasi benza uphando ngokuphila kwemfama

13Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi; 14kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe. 15Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”

16Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.”

Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.

17Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?”

Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”

18AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe, 19abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”

20Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama; 21kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.” 22Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo. 23Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”

24Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”

25Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”

26Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”

27Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”

28Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis. 29Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.”

30Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am. 31Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo. 32Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama. 33Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”

34Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.

Iimfama ezibonayo

35UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”

36Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”

37Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”

38Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.

39Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”

40*AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”

41Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-