Bible Society of South Africa

To The Word – Day 49

Deuteronomy 16–20, Mark 10

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 16

IPasika

(Mfud 12:1-20)

1“*UNdikhoyo uThixo wakho uze umzimase ngokwenza umbhiyozo *wePasika ngenyanga ka-Abhibhi. Kaloku yena wakukhulula ngabusukwazana buthile ngayo le nyanga kwelaseJiputa. 2Ngoko ke ngaloo mini uzuye kuloo ndawo yokunqula yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe, ufike wenze idini ngegusha okanye inkomo, usenzela uNdikhoyo uThixo wakho isidlo sePasika. 3Kweli theko ke isonka uzusitye singanyuswanga. Iintsuku ezisixhenxe ke uzusebenzise isonka esinganyuswanga, kwanjengokuba wênzayo ukumka kwakho eJiputa buphuthu-phuthu. Yitya eso sonka ke – sona kothiwa sisonka seenzingo – khon' ukuze ungaze uyilibale nanini na imini owaphuma ngayo eJiputa. 4Isithuba seentsuku ezisixhenxe ke kofuneka kungabikho namnye apho kwelo lizwe lakho ugcina igwele endlwini yakhe. Inyama yaloo nto ixhelwe ngolo rhatya lokuqala ize ityiwe igqitywe kwangobo busuku.

5-6“Izinto ozixhelela eli theko lePasika uzuzixhelele phaya endaweni eyalathwe nguNdikhoyo, eli theko ungalenzeli kwenye indawo apho kwelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. Idini lePasika uzulenze ngongcwalazi selitshona ilanga, xesha elo wathi waphuma ngalo eJiputa. 7Inyama leyo ke uzuyojele apho endaweni yonqulo, uyityele khona, nize nibuyele kwezo ndawo nihlala kuzo. 8Ngezo ntsuku zintandathu zilandelayo ke uzutye isonka esinganyuswanga; ngolu lwesixhenxe ke kofuneka ungaphathi msebenzi, koko nihlangane ninqule uNdikhoyo uThixo wenu.”

Umsitho wolibo

(Mfud 34:22; Nqulo 23:15-21)

9“Ukusuka kwixesha oqale ngalo ukuvuna uzubale iiveki zibe sixhenxe, 10uze ke wenze umsitho wokubhiyozela ulibo, usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho. Le nto ke uzuyenze ngokuzisa iminikelo yezinwe zakho ngokobungakanani beentsikelelo akunike zona.

11“Uze wonwabe ube nemihlali phambi koNdikhoyo uThixo wakho: wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi eninabo kwelo lizwe lenu. Lo msitho ke mawenzelwe kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe. 12Yithobele ngenyameko le mimiselo, ukhumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa.”

Umsitho wamaphempe

(Nqulo 23:33-43)

13“Emva kokuba uyibhulile ingqolowa wayikhama nediliya, uze wenze umsitho wamaphempe iintsuku zibe sixhenxe. 14Ngelo thuba ke yonwaba ube nemihlali, wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi abaphakathi kwenu. 15Menzele umsitho *uNdikhoyo uThixo wakho ngokubhiyoza iintsuku zibe sixhenxe endaweni yonqulo eyalathwe nguye. Uzuvuye wonwabe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wakho uwuthamsanqele umsebenzi wakho watsho ngesivuno esincomekayo.

16“Kathathu ngonyaka onke amadoda esi sizwe kufuneka aye kunqula uNdikhoyo uThixo wakho kuloo ndawo yalathwe nguye: *ngePasika, ngomsitho wolibo, nangomsitho wamaphempe. Indoda nganye kufuneka ize inento eyiphetheyo 17ngokobungakanani bamathamsanqa ewaphiwe nguNdikhoyo uThixo wakho.”

Ezolawulo

18“Kufuneka isizwe ngasinye simiselwe abalamli namanye amagosa kuzo zonke iidolophu zelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. La madoda ke kufuneka alawule abantu angakhethi buso. 19Kufuneka angabugqwethi ubulungisa, angabi nagobe xa esenza izigqibo, angazamkeli izicengo, kuba izipho ezihamba nezicengo zimfamekisa namehlo ezilumko, ngokunjalo namadoda anyanisekileyo atsho enze izigqibo ezingafanelekanga. 20Maxa onke kufuneka kulawule ubulungisa bodwa phakathi kwenu, khon' ukuze niphile nilimé elo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo uThixo wenu.”

Ukuchaswa kwezithixo

21“Xa usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho iqonga uze ungemisi mthi umele *isithixokazi uAshera ecaleni kwalo. 22Uzungamisi nantsika yalitye, kuba úyichasile loo nto uNdikhoyo uThixo wakho.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 17

1“Ungaze uNdikhoyo uThixo wakho umenzele idini ngenkomo okanye igusha enesiphako, kuba ilisikizi kuye into enjalo.

2“Xa uthe weva ukuba kwenye yeedolophu zenu kukho indoda okanye umfazi owenza ububi ngokutyeshela umnqophiso kaNdikhoyo uThixo wakho, 3akreqe akhonze *thixo bambi, okanye anqule ilanga, inyanga, noba ziinkwenkwezi – zinto ezo zinxamnye nomyalelo kaNdikhoyo – 4ingxelo enjalo uzuyiphande ude ubufumane ubunyani bayo. Ukuba yinyani ukuba ububi obunjalo buhlile kwaSirayeli, 5loo mntu ubenzileyo uzumthathe umkhuphele ngaphandle kwedolophu, umxulube ngamatye ade afe. 6Kambe ke angábulawa kuphela xa kukho abantu ababini nangaphezulu abanobu bungqina ngaye; kanti ke akanakubulawa ngobungqina bomntu omnye kuphela. 7Kananjalo abantu abaya kuphosa amatye okuqala ngamangqina lawo, aze ke alandelwe ngabo bonke abanye abantu. Ngaloo ndlela ke woba ubuncothule ububi phakathi kwenu.

8“Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho. 9Umcimbi lowo uzuwubhekise kubabingeleli babaLevi ngokunjalo nomlamli osesikhundleni ngelo thuba, bawuphicothe bawugwebe umcimbi. 10Bakuba bezivakalisile ke izimvo zabo uzuhambe ngazo, ungaphambuki nakancinane kuzo. 11Uzusamkele ke isigwebo sabo, uhambe ngokwemiqathango abakunike yona, ungaphumi ecaleni. 12Nabani na ongamthobeliyo umlamli okanye umbingeleli omisiweyo makabulawe, ukuze ngaloo ndlela buncothulwe ububi kwaSirayeli. 13Wonke ubani uya kuthi akuyiva loo nto atsho oyike, kungabi sabakho bani ungomnye uphinda enze into enjalo.”

Imimiselo mayela nokumkani

14“Wakuba ungenile wada wazinza kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uya kuthi: ‘Nathi masibe nokumkani kwanjengezinye izizwe ezisingqongileyo.’ 15Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga. 16Ke ukumkani lowo makangazifuneli mhlambi wamahashe ukomeleza umkhosi wakhe, angaze athumele abantu eJiputa ukuba baye kumthengela amahashe, kuba kaloku uNdikhoyo wayalela wathi: ‘AmaSirayeli makangaze abuyele eJiputa.’ 17Ukumkani makangabi nabafazi baninzi, kuba loo nto ingamenza akreqe kuNdikhoyo; kananjalo makangaziqwebeli butyebi basiliva nagolide.

18“Ukumkani lowo ke akungena esihlalweni sakhe makazenzele incwadi yomthetho ngokuthatha amazwi aleyo yamandulo igcinwe ngababingeleli bakwaLevi. 19Le ncwadi ke aze angahlukani nayo. Kubo bonke ubomi bakhe makahlale eyifunda, khon' ukuze afunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wakhe, awathobele amazwi alo mthetho, ayenze imimiselo yawo. 20Le nto ke iya kumnceda, khon' ukuze angazenzi bhetele kunamawabo, angayityesheli nakancinane imiyalelo kaNdikhoyo. Ngaloo ndlela ke uya kulawula iminyaka emininzi, ngokunjalo nenzala yakhe iya kulawula kwaSirayeli izizukulwana ngezizukulwana.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 18

Isabelo sababingeleli

1“Indlu kaLevi yona ngababingeleli; ayiyi kuzuza sabelo nalifa njengamanye amaSirayeli, ndaweni yaloo nto ilifa layo ngamadini atshiswayo anikelwa *kuNdikhoyo. 2AbaLevi abazukunikwa sabelo njengezinye izindlu; kaloku esabo isabelo nelifa bubudlelwane noNdikhoyo ngokwesithembiso sakhe.

3“Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu. 4Ulibo lwengqolowa, nolwewayini, nolwamafutha omnquma, noloboya, yoba yinxaxheba yabo. 5KumaSirayeli ephela uNdikhoyo uThixo wakho wanyula uLevi nendlu yakhe ukuba abuse kwezobubingeleli nanini nanini.

6“Nawuphi na umLevi, noba uhlala phi na apho kwaSirayeli, ukuba uyafuna, angaya kulaa ndawo yalathwe nguNdikhoyo, 7abuse uNdikhoyo uThixo wakhe njengabo bonke abaLevi abasebenza khona. 8Naye ke makafumane inxaxheba ekwangangaleyo izuzwa ngabanye ababingeleli, nangona anenzuzo ayifumene ngokuthengiswa kwempahla yakowabo.”

Isilumkiso ngeentlondi

9“Wakufika ke kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uze ungawalinganisi amasiko amanyumnyezi alandelwa zizizwe zakhona. 10Ungaze uthathe unyana wakho okanye intombi yakho wenze ngaye idini elitshiswayo; abantu bakuni mabangaze bavumise, okanye bambulule, mhlawumbi bachile, 11okanye bakhafule, bangayisebenzisi nemilingo, okanye baqhakamshelane nabangasekhoyo. 12Kaloku abantu abenza iintlondi ezinje banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho. Ziintlondi ezilolu hlobo ezabangela ukuba azigxothe iintlanga zelaa lizwe ekungeneni kwenu. 13Hlala umsulwa phambi koNdikhoyo uThixo wakho.

Umshumayeli ofana noMosis

14“Kwelo lizwe uya kulo abantu obagxotha khona bayavumisa bambulule, kodwa ke wena *uNdikhoyo uThixo wakho akafuni uyenze loo nto. 15Ndaweni yaloo nto uNdikhoyo uThixo wakho uya kuvelisa *umshumayeli ofana nam lo, ophuma kwakumawenu. Uzuncede ke umthobele.

16“Kaloku mhla nanihlangene kwintaba iHorebhe nandibongoza nisithi: ‘Asisakulangazeleli ukuba uNdikhoyo uThixo wethu athethe nathi yena siqu, asisathandi ukubona umlilo odiza ubukho bakhe, kuba soyika ukuthi mhlawumbi sife.’ 17Waza wathi kum uNdikhoyo: ‘Sihle isicelo sabo. 18Ndiya kubanika umshumayeli ophuma kwakubo, afane nawe lo. Ke yena amazwi am aya kuphuma ngomlomo wakhe, aze abaxelele yonke imimiselo yam. 19Uya kuthetha egameni lam; ke mna ndiya kumohlwaya nabani na ongawathobeliyo amazwi am. 20Ke yena umshumayeli ongomnye, ozigwagwisa ngokuthi uthetha egameni lam ndingamthumanga, wobulawa. Koba kwangokunjalo nakoshumayela egameni *loothixo abangabambi.’

21“Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’ 22Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 19

Iidolophu zokuphephela

(Ntlango 35:9-28; Yosh 20:1-9)

1“Akuba ke *uNdikhoyo uThixo wakho ezitshabalalisile ezo zizwe zimhlaba wazo awupha wena, naza nazigxotha nema kwiidolophu zazo ngokunjalo nemizi yazo, 2-3lahlule kathathu elo lizwe, kummandla ngamnye ukhethe idolopu efikeleleka lula, uzilungise iindlela eziya kuyo. Úya kuthi ke umntu obulele omnye abe nokuphephela kwenye yazo, afumane ukukhuseleka. 4Inkqubo iya kuhamba ngolu hlobo: Umntu obulele omnye ngengozi, engelotshaba lwakhe, wobalekela kwenye yazo ukuze asinde. 5Ukuba abantu ababini baphumile baya kutheza ehlathini, waza ke wathi omnye wabo esagawula umthi lasuka lapoqa izembe lakhe laza lamenzakalisa wafa omnye lowo, lo ebegawula makaphephele kwenye yezo dolophu ukuzisindisa. 6Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe! 7Kungenxa yeso sizathu ke le nto ndikuyalela ukuba umise iidolophu zibe ntathu.

8“Xa uNdikhoyo uThixo wakho ethe walandisa elo lizwe lakho, wakongezela wonke umhlaba awuthembise ookhokho bakho efunga, 9kofuneka uphinde ukhethe nezinye iidolophu zibe ntathu. Uzukwenze ke konke endikuyaleleyo namhlanje, ubonakalise ukumthanda uNdikhoyo uThixo wakho, uhlale uziphatha ngokweemfundiso zakhe. 10Ezi dolophu ziyimfuneko, khon' ukuze abantu abamsulwa bangabi loxhoba lokubulawa kwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho.

11“Kambe ke xa umntu elalele umwabo amthiyileyo wamgebenga engacingele nto, waza wabalekela kwenye yezi dolophu, 12amadoda amakhulu aloo dolophu yakhe makamlande, amnikezele kwisizalwane sikamfi esingumphindezeli, size sisibulale isigebenga eso. 13Umntu onjalo sukuba natarhu mpela kuye. Ubugebenga mabutshayelwe buphele tu kwaSirayeli, khon' ukuze nihlale ngoxolo.”

Umlimandlela

14“Ungaze uwuhlehlise umlimandlela wentsimi yommelwane wakho. Kaloku wona wamiswa ngamanyange mandulo kwelo lizwe uliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.”

Ingqina elixokayo

15“Ingqina elinye alanele xa umntu ebekwa ityala, nokuba wone kanjani na. Ubutyala bommangalelwa kufuneka bumelwe ngamangqina amabini okanye amathathu. 16Ukuba umntu okhohlakeleyo uzama ukudyobha omnye ngetyala, 17bobabini mabasiwe phambi *koNdikhoyo endaweni yonqulo, ityala elo liphicothwe ngababingeleli nabagwebi abasesikhundleni. 18Abagwebi mabenze uphando olunzulu, baze bathi xa befumanisa ukuba ummangali lo umdyoba nje uwabo lo, 19bohlwaye ummangali lowo ngesohlwayo ebelindele ukuba siya kunikwa ummangalelwa lowo. Ngale ndlela ke wobutshayela ububi buphele phakathi kwenu. 20Baya kuthi ke abanye abantu bakuyiva le nto yenzekileyo batsho boyike, kungabi sabakho mntu uphinda ayenze into enjalo. 21Ewe, uzungabi natarhu mpela; isohlwayo sibe bubomi ngobomi, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, nonyawo ngonyawo.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 20

Mayela nemfazwe

1“Xa uthe waphuma usiya kulwa notshaba, waza wabona ukuba lona luneenqwelo namahashe, nomkhosi walo ungaphezulu kowakho, sukoyika. *UNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa uya kuba nawe. 2Phambi kokuba uhlasele makuze umbingeleli, afike athi apho emkhosini: 3‘Hoyina, maSirayeli! Namhla ilizwe lifile! Kambe ke sanukuba nantaka, ningabi nadyudyu! Musan' ukuphaphazela! 4Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uya kuba nani; nguye oza kunilwela anithwes' uloyiso.’

5“Ke zona iinduna ziya kubhekisa emkhosini zithi: ‘Ngaba kukho ndoda na apha kuni esandula ukwakha indlu, kodwa ingekayivuli? Xa kunjalo ke lowo makabuy' umva agoduke. Kungenjalo, xa athe akabuya emfazweni, loo ndlu yakhe iya kuvulwa mntu wumbi. 6Ngaba kukho indoda esandula ukutyala isidiliya, kodwa ingekavuni kuso? Xa kunjalo ke leyo mayibuy' umva; kungenjalo, xa ithe ayabuya emfazweni, loo wayini yayo iya kuxhanyulwa mntu wumbi. 7Ngaba kukho indoda elobolayo na apha phakathi kwenu? Xa ikho mayibuye umva; hleze ithi xa kwenzekile ayabuya emfazweni, lowo owayeza kuba ngumkayo atshatwe yindoda yimbi.’

8“Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’ 9Ziya kuthi ke zakukhov' ukwenjenjalo iinduna ezo, ibutho ngalinye limiselwe izinxiba-mxhaka zalo.

10“Xa uya kuhlasela isixeko, abemi baso qala ubaphe ithuba lokuzinikezela. 11Xa bathe bavula amasango bezinikezela, bonke baya kuba zizicaka zakho bakusebenzele. 12Kambe ke xa abemi abo bengafuni kunikezela, bekhetha ukulwa, umkhosi wakho mawusingqinge eso sixeko. 13Akuba ekuvulele ke uNdikhoyo uThixo wakho ukuba uhlasele, tshabalalisa yonke into eyindoda apho. 14Kambe ke ungabathimba abafazi, nabantwana, nemfuyo, nako konke okulapho kweso sixeko. Ungayisebenzisa yonke into elixhoba oyithimbe kolo tshaba lwakho; uNdikhoyo uThixo wakho ukuphile. 15Uya kwenjenjalo ke xa usilwa nezixeko ezikude, nditsho ezingezizo ezeentlanga eziningqongileyo.

16“Kodwa ke xa uhlasela isixeko esikwakwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho, uzubulale konke nje. 17Vuthulula utshabalalise wonke umntu: amaHiti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi, ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wakho. 18Batshabalaliseni khon' ukuze banganiwexuleli ekumoneni uNdikhoyo uThixo wenu, banifundise ezaa ndlela zabo zimasikizi bazinqula ngazo *izithixo zabo.

19“Xa uhlasela isixeko, sukuyigawula imithi yaso yeziqhamo, noba ungade usingqinge ixesha elide kangakanani na. Ungazitya iziqhamo ezo, kodwa ke ungayitshabalalisi yona imithi. Kungani uhlasele imithi ingelotshaba lwakho nje! 20Ke yona eminye imithi ungayigawula uyisebenzise ekwaphulen' iimpondo eso sixeko ulwa naso.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 10

Uqhawulo-mtshato

(Mat 19:1-12; Luka 16:18)

1Emkile apho, uYesu waya kwelakwaJuda naphesheya kweJordan. Kwabuya ke kwahlanganisana izihlwele ngakuye, waza wathi ngokwesiqhelo sakhe wazifundisa.

2Bafika *abaFarasi, bathi ngokumlinga bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo. 3Waphendula wathi kubo: “UMosis waniwisela mthetho mni na?”

4Bathi bona: “UMosis uyayivumela indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize ke imale umfazi wayo.”

5Waphendula uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zenu, 6kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi. 7Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, 8baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye. 9Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”

10Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza uYesu ngayo loo nto. 11Wathi ke kubo: “Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza. 12Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.”

UYesu usikelela abantwana

(Mat 19:13-15; Luka 18:15-17)

13Kwathi xa kwakuziswa abantwana kuYesu ukuba abachukumise, basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo. 14Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wakhathazeka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo. 15Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.” 16Waza wabasingatha abantwana, wabasikelela ebabeka izandla.

Umfana osisityebi

(Mat 19:16-30; Luka 18:18-30)

17Xa wayephuma uYesu ehamba, umntu othile weza ebaleka, waguqa phambi kwakhe, wambuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

18UYesu ke wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo. 19Uyayazi le mithetho ithi: ‘Uze ungabulali; uze ungakrexezi; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; uze ungaqhathi; beka uyihlo nonyoko.’

20Waphendula yena wathi kuye: “Mfundisi, zonke ezo zinto ndazenza kwasebuncinaneni bam.”

21UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.” 22Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.

23UYesu ke esinga-singile, wathi kubafundi bakhe: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo!”

24Ke abafundi bakhe bamangaliswa ngala mazwi akhe. Waza uYesu waphinda wathetha nabo, wathi kubo: “Bantwana bam, hayi ubunzima bokuxhamla ukulawulwa nguThixo. 25Kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

26Bamangaliswa kunene, bathi omnye komnye: “Ngubani ke onokusindiswa?”

27Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

28Waza uPetros wathi kuye: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, 30ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade. 31Baninzi ke phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”

UYesu ufindisa okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe

(Mat 20:17-19; Luka 18:31-34)

32Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela, 33esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini. 34Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”

Isicelo sikaYakobi noYohane

(Mat 20:20-28)

35Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.”

36Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?”

37Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.”

38Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?”

39Bathi ke bona kuye: “Sinako.”

Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; 40kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.”

41Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka. 42UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. 43Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; 44nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke. 45Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

UYesu uphilisa imfama eJeriko

(Mat 20:29-34; Luka 18:35-43)

46Bafika ke eJeriko. Xa uYesu nabafundi bakhe nesihlwele esikhulu babephuma apho eJeriko, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, wayehleli ngasendleleni engqiba. 47Wathi ke akuva ukuba nguYesu waseNazarete, wadanduluka esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” 48Abaninzi babemkhalimela besithi makathi tu, kodwa kwaba kokukhona wadandulukayo ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

49Wema uYesu, wathi: “Mbizeni.”

Bayibiza imfama, besithi kuyo: “Yomelela; phakama; úyakubiza.”

50Ithe ke imfama, ilahle ingubo yayo, yaphakama, yeza kuYesu. 51UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”

Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.”

52Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”

Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-