Bible Society of South Africa

To The Word – Day 48

Deuteronomy 11–15, Mark 9

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 11

Ubungangamsha bukaNdikhoyo

1“Ngoko ke uze umthande uNdikhoyo uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, nemigaqo nemiyalelo yakhe, nanini nanini. 2Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe, 3nemiqondiso yakhe. Uzibonele ngokwakho izinto azenzileyo kukumkani wamaJiputa nelizwe lakhe liphela. 4Andithi na kaloku uyibonile indlela awuvuthulule ngayo umkhosi wamaJiputa ndawonye neenqwelo zawo zamahashe, xa wawunisukelisa, waza yena wawukhukulisa kuLwandle oluBomvu, nto leyo eyabatshabalalisa nya. 5Ngokunjalo yaziwa nini indlela anilondoloze ngayo entlango nada naza kufika kule ndawo. 6Nisazikhumbula izigigaba azenzileyo kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi wendlu kaRubhen. Kaloku umhlaba wakhamisa wabaginya behleli, ndawonye neentsapho zabo, iintente zabo, nemfuyo yabo; yonke ke loo nto isenzeka amaSirayeli onke ekhangele. 7Ewe, ngenene nazibonela ngawenu amehlo zonke ezi zigigaba azenzileyo uNdikhoyo.”

Uyolo lwezwe ledinga

8“Ze niyithobele yonke imiyalelo endininike yona namhlanje. Xa niyenzile loo nto noba nawo amandla, niwele iJordan, ningene nilithathe elo lizwe niya kulo, libe lelenu. 9Niya kuzinza kwelo lizwe lendyebo wayebathembise ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo-mkhulu ndawonye nenzala yabo. 10Kaloku eli lizwe niza kuma kulo alifani nelaseJiputa apho nivela khona. Kaloku apho nanihlwayela imbewu, nisebenza nzima ninkcenkceshela oku komntu onesitiya; 11kambe ke lona eli lizwe niza kungena kulo ngumhlaba weentaba neentili, ilizwe lemvula. 12Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu eli lizwe ulikhathalele; ewe, uhlala elalusile unyaka wonke.

13“Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke. 14Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma; 15ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’

16“Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi. 17Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.

18“Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo. 19Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo. 20Ze niwakrole emgubasini wezindlu, ngokunjalo nasemasangweni enu. 21Xa niyenzile ke loo nto, nozinza, nina nenzala yenu, kwelo lizwe wayebathembise ngalo oyihlo-mkhulu ngesifungo uNdikhoyo uThixo wenu. Ewe, niya kuma kulo nanini nanini sisekho nje isibhakabhaka phezu kwehlabathi.

22“Le miyalelo ndininike yona ze niyithobele ngenyameko; ze nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nibambelele kuye, nihambe ngendlela yakhe. 23Ke yena ekungeneni kwenu uya kuzidudula azigxothe zonke ezo zizwe, nize ke nina nohluthe umhlaba wezizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani. 24Uya kuba ngowenu wonke umhlaba enithe nanyathela kuwo. Imida yenu iya kusuka ezantsi entlango ityhutyhumeze iyokutsho kwiintaba zeLebhanon ngasentla; empuma iya kuthatha kumlambo iEfrati iyokuthi xhaxhe ngolwandle ngasentshonalanga. 25Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.

26“Niyabona ke, ndithi khethani, kuba namhlanje ndibeka phambi kwenu ithamsanqa nesiqalekiso. 27Yoba lithamsanqa ukuba niyayithobela le miyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu ndininika yona namhlanje, 28kambe ke yoba sisiqalekiso ukuba nithe anayithobela, koko natyekela bucala nanqula thixo bambi eningazange nabanqula ngaphambili. 29Akuba enifikisile uNdikhoyo uThixo wenu kweli lizwe niya kuma kulo, ze nithamsanqele phezu kwentaba iGerizim kanti ke niqalekise phezu kwentaba iEbhali. 30Ezi ntaba zimbini zisentshona kumlambo iJordan, kummandla wamaKanana ame kwintili yeJordan. Zingasentshona kude kufuphi nemioki yaseMore ngaseGiligali. 31Sekumbomvu niyiwele iJordan, ningene kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu. Nakuba ningenile nema kulo ke, 32ze nincede niyithobele ngenyameko le mimiselo nale migaqo ndininike yona namhlanje.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 12

Indawo yokunqula

1“Nantsi imimiselo nemigaqo ekofuneka niyithobele ngalo lonke ixesha lokudla kwenu ubomi kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu. 2Ze nizitshabalalise ziphele tu ezo ndawo zinqulela kuzo *oothixo bazo ezaa zizwe zalaa mhlaba niya kuwohlutha; nditsho ezisezintabeni eziphakamileyo, nezisezindulini, neziphantsi kwemithi eyokozelayo. 3Amaqonga azo ze niwadilize; ke zona iintsika zazo zamatye ze niziqhekeze zibe ziingceba. Imifanekiso yazo eqingqiweyo ka-Ashera isithixokazi sazo ze niyitshise; ngokunjalo neminye imifanekiso yazo eqingqiweyo ze niyinqunqe niyitshabalalise, acinywe amagama azo kwezo ndawo.

4“Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe. 5Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona. 6Apho ke niya kuwenzela khona amadini enu atshiswayo ndawonye nawaphi na amadini angamanye, nezishumi, iminikelo, nezipho enibhambathisa ngazo, ngokunjalo namazibulo eenkomo naweegusha. 7Apha phambi koNdikhoyo uThixo wenu onithamsanqelisayo nina neentsapho zenu niya kuxhamla ubuncwane bezinto enibulaleke ngazo.

8“Ngelo xesha ke ze ningenzi njengoko niqhele ukwenza ngako. Ukuza kuthi gaa ngoku benisenza okulungileyo emehlweni enu, 9kuba kaloku beningekangeni kwelo lizwe niliphiwa nguNdikhoyo uThixo wenu, apho niya kuphumla ngokonwaba khona. 10Nakuthi nakuyiwela iJordan, uNdikhoyo anivumele ningene kwelo lizwe, nime kulo. Uya kunigcina nikhuselekile ezintshabeni, nihlale ngenzolo. 11UNdikhoyo uThixo wenu uya kunyula indawo ibe nye apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona. Zonke ke izinto endiniyalele ngazo nozisa khona: amadini atshiswayo namanye angawambi, izishumi neminikelo yemveliso yenu, ngokunjalo nezipho ezizodwa enibhambathisa ngazo kuNdikhoyo. 12Ze nonwabe ke apho phambi kwakhe ndawonye neentsapho nezicaka zenu kunye nabaLevi enihlala nabo, kuba kaloku bona ababelwanga mhlaba ungowabo njengani. 13Amadini atshiswayo akufuneki niwenzele naphi na apho nithanda khona, 14koko kufuneka niwenzele kuloo ndawo ayinyulileyo uNdikhoyo kumhlaba wenye yezindlu zenu. Amadini enu atshiswayo nowenzela kuloo ndawo kuphela, ngokunjalo ke nazo zonke izinto endiniyalele ukuba nizenze.

15“Kambe ke nikhululekile ukuba nixhele kwimfuyo yenu, niyixhelele naphi na apho nihlala khona. Ningatya kangangoko nithamsanqeliswa nguNdikhoyo. Xa ninonke abahlambulukileyo nabangahlambulukanga bangayitya inyama leyo kwanjengokuba nisenza kweyebhadi okanye inxala. 16Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi. 17Into eniyinikela kuNdikhoyo mayingatyelwa apho nihlala khona; ngokunjalo nezishumi zengqolowa, iwayini entsha, namafutha omnquma, noba ngamazibulo eenkomo okanye aweegusha, nezipho enibhambathise ngazo kuNdikhoyo, okanye ezokuqhutywa yintliziyo, kanti ke nawuphi na umnikelo. 18Le minikelo kufuneka niyityele phambi koNdikhoyo uThixo wenu, kuloo ndawo ayinyulele ukuzinziswa kwegama lakhe. Yona ke mayityiwe nini nabantwana, izicaka ngokunjalo nabaLevi enihlala nabo, nikuxhamle ngokonwaba ukubulaleka kwenu. 19Ke bona abaLevi ningaze nibalahle nanini na xa nisahleli kwelo lizwe.

20“Uya kuthi ke uNdikhoyo uThixo wenu akuwandisa umhlaba wenu ngokwesithembiso sakhe, nixhele nitye inyama nanini na nifuna. 21Ukuba indawo leyo yonqulo ikude, ningaxhela kwimfuyo yenu, nityele apho emakhaya ngokuthanda kwenu ngokomyalelo kaNdikhoyo njengoko ndanichazelayo. 22Nabani na angayitya le nyama, ehlambulukile okanye engahlambulukanga, kwanjengokuba niyitya inyama yebhadi okanye eyenxala. 23Inyama emaningayityi yenegazi; kaloku ubomi busegazini, ibe ke akufuneki nitye inyama ndawonye nobomi. 24Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi. 25Ukuba niyazikhwebula ekutyeni igazi uNdikhoyo uya kukholiseka nini, futhi ke kulunge kuni, ngokunjalo nakwizizukulwana zenu. 26Yonke into eninikela ngayo kuThixo, nezipho enibhambathise ngazo, ziseni kuloo ndawo uNdikhoyo ayinyulileyo. 27Nowanikela eqongeni likaNdikhoyo uThixo wenu amadini enu atshiswayo, inyama negazi. Igazi ze nilithulule apho ngaseqongeni, inyama yona niyitye. 28Nyamekani niyithobele le miyalelo ndininika yona, ukuze nilungelwe ndawonye nezizukulwana zenu, nanini nanini, kuba kaloku noba nisenza yonke into ngokusesikweni nangendlela emkholisayo uNdikhoyo uThixo wenu.”

Ingozi yokunqula izithixo

29“Niyabona ke, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzitshabalalisa ezi zizwe xa ningenayo emhlabeni wazo, ke nina ningene nime kuwo. 30Akuba ezitshabalalisile ke uNdikhoyo ezi zizwe, lumkani ningangeni kumgibe wokubuzisa *ngoothixo bazo, nisithi: ‘Zibakhonza njani oothixo ezi zizwe, ukuze nathi senjenjalo?’ 31UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamnquli ngeendlela ezibanqula ngayo oothixo bazo, kuba kaloku zona zinqula ngeendlela ezimanyumnyezi azicaphukelayo uNdikhoyo. Kaloku zona zide zitshise abantwana bazo emlilweni, zisenzela izithixo zazo amadini.

32“Konke endiniyalela kona kwenzeni ngokwelizwi lam, ningaphambuki nakancinane ngokusuka nandise okanye niphungule.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 13

1“Ukuba kuvela umshumayeli okanye umlawuli-maphupha phakathi kwenu, evakalisa ummangaliso okanye umqondiso oza kubakho, 2ize ke kwenzeke ngokwaloo mmangaliso okanye loo mqondiso, aze athi: ‘Masilandele *thixo bambi’ – thixo abo eningazange nibazi – aqhubele phambili athi: ‘Masibanqule,’ 3ze ningawathatheli ngqalelo amazwi aloo mshumayeli okanye loo mphuphi. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanivavanya, khon' ukuze aqonde ukuba nimthanda ngengondo iphela nangomoya uphela na. 4NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye. 5Nabani na ongumshumayeli okanye umphuphi oniqhubela ekuvukeleni uNdikhoyo uThixo wenu mbulaleni. Kaloku uNdikhoyo lo ngulo wanikhupha eJiputa apho naningamakhoboka khona. Umntu onjalo uzama ukunilukuhla, khon' ukuze niphulukane nehambo eniyalelwe yona nguNdikhoyo uThixo wenu. Ubugwenxa mabususwe mpela phakathi kwenu.

6“Nkqu nomntakwenu, noba ngunyana okanye intombi, mhlawumbi umfazi wakho omthandayo, noba sisihlobo sakho esisenyongweni, singakulukuhla sikukhuthaze ngasese ngelithi: ‘Masiye kunqula thixo bambi’ – thixo abo ongabaziyo nabangazange banqulwe nangooyihlo-mkhulu, 7oothixo bezizwe eziningqongileyo okanye abo bezizwe ezisekudeni. 8Kambe ke ungaze umqhelisele nakancinci; ungamphulaphuli. Ungaze ube nalusini nanceba kuye; ungaze umqume. 9Mbulale nya; mayibe nguwe kanye ophambili, baze ke nabanye bakulandele. 10Ewe, mgibisele ngamatye umbulale, kuba ebezama ukukuqweqwedisa, khon' ukuze umlahle uNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula ulikhoboka eJiputa. 11Aya kuthi ke akuyiva loo nto, atsho onke amaSirayeli oyike, kungaze kubekho mntu phakathi kwenu ulenzayo isikizi elinjalo.

12“Xa senihlala kwezo zixeko aniphe zona uNdikhoyo uThixo wenu, kungenzeka nive 13ukuba kukho zinkewu zilulahlekisileyo uhlanga apho esixekweni, zisithi: ‘Masiye kunqula abanye oothixo’ – thixo abo eningabaziyo. 14Nakuba niluvile ke umingi-mingi olunjalo, luphandeni ngokucokisekileyo; nithi ke ukuba luyinyani, kwaye kucace mhlophe ukuba ngenene likho isikizi elinjalo elenzekileyo, 15ze nibabulale bonke abemi beso sixeko ndawonye nemfuyo yabo. Ewe, vuthululani konke kutshabalale. 16Ziqokeleleni zonke izinto ezizezâbo bantu, nizifumbe ebaleni lembutho. Watshiseni onke loo maxhoba ndawonye nesixeko eso, nenzele uNdikhoyo uThixo wenu umnikelo otshiswayo. Mayisale ilinxuwa nanini nanini, ingaze iphinde yakhiwe. 17Ningabokuzishiyela nento le kwebezimiselwe ukutshatyalaliswa. Ukuba niyenzile ke loo nto uNdikhoyo uya kwetha emsindweni wakhe, abe novelwano ngani. Ngenene wosikwa yinceba, anandise ngokwesithembiso sesifungo sakhe kooyihlo-mkhulu 18xa nithe nayithobela imiyalelo yakhe endinimisele yona namhlanje, nakwenza konke akufunayo uNdikhoyo uThixo wenu.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 14

Mayela nokuzila

1“Nina ningabantwana *bakaNdikhoyo uThixo wenu, ngoko ke ze ningaziqaphuli okanye nibe nendawo eniyichebayo entloko xa nizilela abangasekhoyo, njengoko zisenza ezinye iintlanga. 2Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe.

Ezityiwayo nezingatyiwayo

(Nqulo 11:1-47)

3“Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi. 4Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe, 5inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula, 6naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa. 7Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga. 8Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.

9“Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya. 10Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.

11“Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazitya. 12-18Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo. 19Zonke izinambuzane ezibhabhayo ezingahlambulukanga mazingatyiwa. 20Kambe ke ezihlambulukileyo ningazitya.

21“Isilwanyana esifileyo asityiwa. Kambe ke zona iintlanga eziphakathi kwenu zingasitya, okanye ningasithengisa nakubahambi. Ke nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu – abantu bakhe ncakasana.

“Ningaze nipheke itakane ngobisi lukanina.”

Izishumi

22“Kufuneka nisibekele bucala isishumi – oko kukuthi isahlulo seshumi kuyo yonke imveliso yakho yamasimi minyaka le. 23Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu. 24Xa kunokwenzeka ukuba ithi kanti indawo leyo yonqulo ikude gqitha kumakhaya enu, ukuba nibe nako ukuthwala imveliso leyo anithamsanqele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu, niye nayo kuyo, ze nenjenje: 25Yithengiseni imveliso leyo, nize nithathe imali leyo, niye nayo apho kwindawo yonqulo. 26Ze nifike nithenge ngayo nokuba yintoni na – ingayinkomo, igusha, iwayini, noba yenye into eselwayo, nantoni na eniyinqwenelayo. Nothi ke apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nihlale kunye neentsapho zenu, nixhamle ezo zidlo nonwabile.

27“Ningaze nibalahle abaLevi abahlala phakathi kwenu; kaloku bona abanamhlaba. 28Njalo ekupheleni konyaka wesithathu, thathani isishumi semveliso yenu, nisigcine kwezo ndawo nihlala kuzo. 29Esi yoba sisabelo sabaLevi njengoko bengenamhlaba bona, ndawonye nabangeneleli, iinkedama, nabahlolokazi abahlala phakathi kwenu. Kofuneka beze bathathe batye banele. Le nto ke yenzeni khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wenu anithamsanqele kuyo yonke into eniyenzayo.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 15

Unyaka wesixhenxe

(Nqulo 25:1-7)

1“Njalo ekupheleni konyaka wesixhenxe iya kuba lithuba lokucinywa kwamatyala. 2Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo. 3Yona into oyibanjwa yintlanga ungayibiza, kodwa oyibanjwa ngumwenu ungabi sayithatha. 4Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu, 5ukuba ngaba nithe namthobela nazinyamekela ukuzenza zonke izinto endiniyalele zona namhlanje. 6UNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela ngokwesithembiso sakhe. Niya kuba nako ukubolekisa ezizweni, kodwa nina ngokwenu ningaboleki nto mntwini. Niya kuba namagunya phezu kwezizwe, kodwa nina akukho sizwe siya kuba namagunya phezu kwenu.

7“Kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu, ukuba kuthe kwakho umwenu dolophini ithile osweleyo, uze ungavimbi usifinyeze isandla sakho, wale ukumnceda. 8Ndaweni yaloo nto uze ube nezinwe, umboleke umncede kangangoko eswele. 9Uze ungali ukumboleka into ngenxa yokuba sowukufuphi unyaka wokucinywa kwamatyala. Into enjalo yinkohlakalo; uze ungayivumeli ingene nokungena oku engqondweni yakho. Xa uthe wala ukumnceda, yena uya kubhenela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala. 10Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo. 11Baya kusoloko bekhona abahlelelekileyo; ngoko ke ndiyaniyala ukuba ze nibe nezinwe ngakumawenu nakwabahlelelekileyo namahlwempu apho kwelo lizwe lenu.”

Ukuphathwa kwamakhoboka

(Mfud 21:1-11)

12“Xa umwenu umHebhere okanye umHebherekazi ethe wathengiswa kuwe, walikhoboka lakho, aze akusebenzele iminyaka ibe mithandathu, uze umkhulule ngowesixhenxe. 13Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto. 14Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini. 15Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.

16“Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho, 17uze ulithathe ulise elucangweni lwendlu yakho, uligqoboze iindlebe ngenyatyhowa. Ngolo hlobo ke loba likhoboka lakho bonke ubomi balo. Yoba seso ke nakwikhoboka elibhinqileyo. 18Uze ungakhathazeki xa kufuneka ukhulule ikhoboka lakho; kaloku lona likusebenzele iminyaka emithandathu ngesiqingatha sexabiso obuya kulihlawula xa ubuliqeshile. Ukuba wenza ngale ndlela ke uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuko konke okwenzayo.”

Amazibulo eenkomo neegusha

19“Onke amazibulo angamaduna eenkomo naweegusha ayinxaxheba *kaNdikhoyo uThixo wakho; ezi nkomo uze ungazisebenzisi, ngokunjalo neegusha ungazichebi. 20Minyaka le ke uya kuwathatha uye nawo kwindawo anqulelwa kuyo uNdikhoyo uThixo wakho, ufike uwaxhele uwatyele khona nosapho lwakho. 21Kambe ke xa kukho elinesiphako kula mazibulo, noba liyaqhwalela, mhlawumbi liyimfama, okanye linaso nasiphi na isiphako, uzungamenzeli idini ngalo uNdikhoyo uThixo wakho. 22Elinjalo ungalixhela ulityele ekhaya. Xa ninonke, nihlambulukile ningahlambulukanga, ningalitya kwanjengokuba nisitya inxala okanye imbabala. 23Kambe ke lona igazi lalo sukulitya, koko lichithe phantsi okwamanzi.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 9

1Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga.

UYesu wenziwa kumila kumbi

(Mat 17:1-13; Luka 9:28-36)

2Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. 3Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo. 4Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu. 5Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” 6Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu.

7Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” 8Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu.

9Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo. 10Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. 11Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”

12Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto? 13Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”

Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana

(Mat 17:14-21; Luka 9:37-43a)

14Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa. 15Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa. 16Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?”

17Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi. 18Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.”

19UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!” 20Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu. 21UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto.

Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe. 22Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.”

23Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”

24Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!”

25UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!” 26Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.” 27UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema.

28UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?”

29Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”

UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe

(Mat 17:22-23; Luka 9:43b-45)

30Bemkile apho, bahamba becanda kwelaseGalili. UYesu wayengafuni ukuba aziwe apho akhona, 31kuba wayebaxelela abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu abaya kumbulala. Wothi ke ebulewe njalo, abuye avuke ngomhla wesithathu.”

32Bona babengayiqondi into ayithethayo, besoyika nokumbuza ngayo.

Oyena mkhulu

(Mat 18:1-5; Luka 9:46-48)

33Bafika ke eKapernahum, waza uYesu akuba sendlwini, wababuza abafundi bakhe esithi: “Benibuzana ngantoni endleleni?”

34Bahlala bathi tu, kuba endleleni babephikisana ngokuthi ngubani na omkhulu kunabanye. 35UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.” 36Wathatha umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamsingatha, wathi kubo: 37“Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.”

Ongachasaniyo nathi ungakuthi

(Luka 9:49-50; Mat 10:42)

38UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.”

39Wathi uYesu: “Hayi, ngeningamnqandanga, kuba akukho namnye unokuthi enze ummangaliso egameni lam, aze andigxeke. 40Ongachasaniyo nathi ungakuthi. 41Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.”

Ngezikhubekiso

(Mat 18:6-9; Luka 17:1-2)

42“Othe wakhubekisa nokuba mnye wabancinane abakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ebegangxwe ilitye lokusila entanyeni, waphoswa elwandle. 43Ukuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa sinqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, [ 44apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] 45Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, [emlilweni ongacimiyo, 46apho ‘kumpethu, ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] 47Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe. Kulunge kanye ukuxhamla ukulawulwa nguThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo omabini, uphoswe esihogweni, 48apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’

49“Umntu ngamnye uya kugalelwa umlilo ngokungathi yityiwa. 50Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo sayo? Yibani nesongo setyiwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-