Bible Society of South Africa

To The Word – Day 47

Deuteronomy 6–10, Mark 8

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6

Umyalelo omkhulu

1“Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo. 2Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude. 3Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.

4“Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! 5Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke. 6Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. 7Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo. 8Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo. 9Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”

Ingozi yokungeva

10“Ngokwesifungo sakhe kookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuninika ilizwe elizixeko zihle zikhulu, nangona phofu ungazakhanga ngokwakho. 11Izindlu zakhona ziphuphuma ubuyoko-yoko ongabulalekanga ngabo. Uya kufumana amaqula aselembiwe, ngokunjalo nezidiliya nezinquma esezityaliwe. Xa sowusitya uhlutha 12uze ulumke hleze umlibale uNdikhoyo owakukhulula ulikhoboka kwelaseJiputa.

13“Uze umhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, ukhonze yena yedwa, izifungo zakho uzenze ngegama lakhe. 14Ungaze ulandele *thixo wumbi, nditsho nowezo zizwe zikuphahlileyo, 15hleze umsindo kaNdikhoyo uvuthe, anitshabalalise ningabikho kulo mhlaba. Kaloku uNdikhoyo uThixo wakho ohlala phakathi kwenu nguThixo onekhwele.

16“UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamlingi njengoko nênzayo eMasa. 17Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko. 18Kuphela ze nenze ezo zinto athi uNdikhoyo zintle zilungile, khon' ukuze nilungelwe. Xa nisenjenjalo ke noba nako ukulizuza elo lizwe lihle kunene lathenjiswa nguNdikhoyo kookhokho benu ngesifungo. 19Noba nako ukuzigxotha iintshaba zenu ngokwelizwi lakhe.

20“Kaloku kumaxesha ezayo unyana wakho uya kukubuza athi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo uThixo wethu akunike ezi zicwangciso nale mimiselo, nale migaqo nje?’ Ke wena uze umxelele uthi: 21‘Kaloku sasingamakhoboka ekumkani yaseJiputa, waza ke uNdikhoyo wasikhulula ngamandla akhe amakhulu. 22Ewe, sayibona ngamehlo imiqondiso nemimangaliso erhwaqelisayo awayenzayo uNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nakukumkani nendlu yakhe. 23Wasikhulula kwelaseJiputa, ukuze asibeke apha kweli lizwe awayebathembise ngalo oobawo-mkhulu ngesifungo. 24Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje. 25Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.’ ”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 7

Imilowo yakwaThixo

(Mfud 34:11-16)

1“*UNdikhoyo uThixo wenu uza kuningenisa kwelo lizwe niya kuma kulo. Uza kugxotha izizwe ezininzi kulo; ewe, yoba sisixhenxe sonke sezizwe ezikhulu nezinamandla kunani. Nazi ke: amaHeti, amaGirgashi, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 2Ke akuba uNdikhoyo uThixo wenu ezinikele kuni ezi zizwe nazoyisa, kufuneka nizitshabalalise ziphele nya. Ningaze nenze mvumelwano kunye nazo, futhi ze ningabi nanceba tu kuzo. 3Ningaze nendiselane nazo, 4kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko. 5Ngoko ke ze nenjenje kuzo: wadilizeni amaqonga azo, iintsika zazo zamatye niziqhekeze zibe ziingceba, ke yona imifanekiso yesithixokazi sazo uAshera ze niyinqunqe, ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo noyitshisa ngomlilo. 6Le nto ke noyenza kuba kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu. Kaloku kuzo zonke izizwe zehlabathi uNdikhoyo uThixo wenu uninyulele ukuze nibe ngabantu abalibango lakhe elilodwa.

7“Ke kaloku uNdikhoyo akathanga nca nani waninyula kuba nibaninzi kunezinye izizwe; hayi, kaloku nanisesona sizwe sincinci ehlabathini liphela. 8UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa. 9Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana. 10Kambe uya kuziphindezela ngqo kwabo bamthiyileyo, abatshabalalise; ewe, akayi kulibazisa ukuziphindezela. 11Ngoko ke wuthobeleni ngenyameko lo myalelo nale mimiselo ngokunjalo nale migaqo ndininike yona namhlanje ukuba niyenze.”

Uyolo lwentobeko

(Hlaz 28:1-14)

12“Ukuba nithe nayiphulaphula nayithobela le migaqo, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuthi rhoqo ukuwugcina umnqophiso wakhe nani, zithi ke nezibele zakhe ziphuphumele kuni ngokwesifungo sakhe kooyihlo. 13Uthando lwakhe uya kulubonakalisa kuni, anithamsanqele kangangokuba niqhame nande. Intsikelelo yakhe yofikelela kuni, nizale abantwana, nasemasimini enu nivune ukudla okwaneleyo: okuziinkozo, iwayini, neoyile. Kanti ke neenkomo zenu uya kuzandisa, nditsho nempahla yenu emfutshane ngokunjalo. Yonke ke le nto uya kunenzele kwelo lizwe wanithembisa ngalo kooyihlo-mkhulu ngesifungo. 14Ehlabathini liphela akuyi kubakho sizwe sithamsanqeleke njengani. Phakathi kwenu soze abekho umntu ngokunjalo nemfuyo engazaliyo. 15UNdikhoyo uya kunikhusela kuzo zonke izifo; soze aniyekele ngezifo ezifana nezo zoyikekayo zaseJiputa, kambe ke zona iintshaba zenu uya kuzibetha ngezi zifo. 16Ze nizitshabalalise zonke izizwe azinikele kuni uNdikhoyo uThixo wenu, ningazenzeli nceba konke-konke. Ze ningazikhonzi izithixo zazo, kuba ngokwenjenjalo noba nizenzela umgibe.

17“Nisenokuthi ekucingeni kwenu: ‘Ezi zizwe zikhulu kunathi; soze sizoyise.’ 18Kambe ze ningaxhalabi, koko khumbulani into awayenzayo uNdikhoyo uThixo wenu kukumkani waseJiputa nakwiJiputa iphela, 19nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo. 20Ewe, abo baseleyo kuzo uNdikhoyo uThixo wenu uya kubathumela ngoonomeva, abagubhulule apho bazimeleyo khona, batshabalale. 21Ngoko ke sanukunkwantya ngenxa yaba bantu, kuba uNdikhoyo uThixo wenu unani, abe ke yena unguThixo omkhulu orhwaqelisayo. 22Ekungeneni kwenu uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzigxotha ngokuzigxotha ezi zizwe. Aniyi kusuka nizitshabalalise ngaxesha-nye, kuba ngaloo ndlela angasuka ande amarhamncwa, ke nina nibe semngciphekweni. 23UNdikhoyo uya kuzinikela ezandleni zenu iintshaba zenu, azenze zibe namanwele, zidideke, zitshabalale ziphele. 24Izikumkani zazo uya kuzinikela ezandleni zenu; ke nina niya kuzitshabalalisa zingabi sakhunjulwa. Akukho mntu uya kuba nako ukumelana nani, naye ke niya kutshabalalisa nivuthulule konke nje. 25Imifanekiso eqingqiweyo *yezithixo zabo ze niyitshise. Igolide nesiliva eyenziwe ngayo loo mifanekiso ze ningayibaweli niyithathe, hleze nizenzele umgibe ngayo; kaloku yona ilisikizi kuNdikhoyo uThixo wenu. 26Le mifanekiso ze ningayingenisi emizini yenu, hleze nithi ngokwenjenjalo nizithathele ishwangusha kwanjengokuba nayo iqalekisiwe. Kufuneka niyithiye niyenyanye imifanekiso, kuba kaloku imelwe kukutshatyalaliswa.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 8

Ilizwe elihle

1“Niyabona ke, le miyalelo ndininike yona namhlanje ze niyithobele kangangoko, khon' ukuze niphile nande, ningene kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo. 2Ngamana aningeyilibali indlela anikhokele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu kolu hambo lude kangaka ukucanda intlango, kula mashumi mane eminyaka, enifundisa intobeko, enilinga khon' ukuze aqonde ukuba niza kuyithobela kusini na imiyalelo yakhe! 3Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha *imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo. 4Kula mashumi mane eminyaka impahla yakho yokunxiba zange iguge, kananjalo neenyawo zakho zange zidumbe.

5“Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe. 6Ngoko ke yithobeleni imiyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe, nimhlonele. 7Kaloku ngoku uNdikhoyo uThixo wenu uningenisa kwilizwe elihle kunene, ilizwe lemifula ebaleka amanzi, ilizwe elinemithombo, ilizwe eligqabhuka imisinga yamanzi ezintlanjeni nasezindulini. 8Lilizwe lengqolowa, irhasi, iidiliya, amakhiwane, iirharnati, amafutha omnquma, nobusi. 9Elo ke lilizwe lentlutha; soze niswele nto khona. Ilitye lakhona liyintsimbi, ukanti kwiinduli zalo ningavula imigodi yekopolo. 10Kwelo lizwe niya kutya nihluthe, nibulele nidomboze kuNdikhoyo uThixo wenu ngenxa yelo lizwe lihle kunene aniphe lona.”

Isilumkiso

11“Niyabona ke ze ningamlibali *uNdikhoyo uThixo wenu ngokuthi ningayithobeli le miyalelo, nale migaqo, ngokunjalo nale mimiselo ndininika yona namhlanje. 12Xa senixhamla intlala-kahle, ninayo yonke into eniyifunayo, senizakhele izindlu ezintle, 13nemfuyo yenu isanda ngokunjalo nesiliva negolide nako konke eninako kuvumile, 14ze ningakhukhumali, nimlibale uNdikhoyo uThixo wenu owanihlangula ebukhobokeni kwelaseJiputa. 15Kaloku yena wanikhokela kweso sithabazi sentlango eyoyikekayo, apho kwakukho iinyoka ezinobuhlungu ndawonye noonomadudwane. Apho kanye kuloo nkangala ingenamanzi wanivelisela amanzi eliweni lenyengane. 16Kaloku apho entlango wanondla *ngemana, ukutya okwakungaziwa, kungazange kutyiwe nangooyihlo-mkhulu. Wanithoba ngokunilinga ngezo meko zinjalo, khon' ukuze ekugqibeleni anithamsanqele ngezinto ezintle! 17Nisenokuthetha nithi: ‘Obu butyebi sibufumene ngamandla nangobuchule bethu.’ 18Ngokutsho noba nilibele ukuba nguNdikhoyo uThixo wenu onithe jize ngobutyebi. Le nto ke uyenza kuba ezinzisa umnqophiso awawenzayo nooyihlo-mkhulu ngesifungo.

19“Mhlenikwezeni namlibala uNdikhoyo uThixo wenu, nalandela thixo bambi, nabahlonela nabakhonza, inene namhlanje mna ndiyalingqinela elithi niya kutshabalala niphele tu! 20Ke kaloku, ukuba animthobelanga uNdikhoyo, uya kunitshabalalisa, kwanjengokuba eza kuzitshabalalisa ezo zizwe ukungena kwenu kwelo lizwe.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 9

Iinkani zamaSirayeli

1“Niyabona ke, maSirayeli, seniza kuwela iJordan, ningene kwilizwe elimiwe zezinye izizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani. Izixeko zazo zikhulu, futhi zibiyelwe ngeendonga ezirhec' izulu. 2Nabantu bakhona bade, bomelele, bayinzala ka-Anaki, ibe ke niyazi ukuba kuthiwa akukho mntu unokumelana nama-Anaki. 3Kambe ke nina niza kuzibonela ngokwenu, kuba *uNdikhoyo uThixo wenu uza kunandulela engumlilo odangazelayo. Ezo zizwe úya kuzoyisa azithobe, nize nina nizigxothe nizitshabalalise ngokukhawuleza ngokwesithembiso sakhe.

4“Xa uNdikhoyo uThixo wenu selenigxothele ezi zizwe, ze ningacingi ukuba nifanelekile. Hayi, akunjalo, nto nje uNdikhoyo ezigxotha nje ezi zizwe kungenxa yenkohlakalo yazo. 5Isizathu asikuba nina nilungile, nigqibelele, le nto uNdikhoyo anivumeleyo nawuthatha umhlaba yazo, nangenxa yokuba ezimisele ukusigcina isithembiso awayesenze nooyihlo-mkhulu ooAbraham, uIsake, noYakobi, ngokufunga. 6Ngenene mayicace mhlophe into yokuba uNdikhoyo uThixo wenu eninika eli lizwe lihle kangaka nje akukho ngenxa yobulungisa benu, kuba kambe nina nisisizwe esineenkani.

7“Nokhumbula kaloku ukuba nina namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu entlango. Ukusukela kwimini enemka ngayo eJiputa nada naza kufika apha, namvukela okokoko. 8Nakwintaba iHorebhe namcaphukisa, wada waphantse wanitshabalalisa uNdikhoyo. 9Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. 10UNdikhoyo ke wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayeyibhale khona ngesakhe isandla yonke into awayithethayo apho entabeni ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo. 11Ewe, emveni kwezo ntsuku zimashumi mane nobusuku bazo, uNdikhoyo wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayewubhale khona umnqophiso.

12“Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’

13“UNdikhoyo wathi: ‘Ndiyabazi aba bantu ukuba neenkani kwabo. 14Ngoko ke ndiyeke ndibatshabalalise nya, ndilicime igama labo ehlabathini. Ke wena ndiya kukwenza ube sisizwe esikhulu nesomeleleyo kunabo.’

15“Ngoko ke ndehla apho entabeni, ndiphethe loo macwecwe mabini amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso. Ke kaloku intaba leyo yayidangazela umlilo. 16Ndathi ndakukhangela ndabona ukuba nimvukele uNdikhoyo uThixo wenu; nonile nazityhidela umfanekiso wenkunzi yenkomo; ewe, ngokukhawuleza nje seniphumile endleleni enaniyalelwe yona nguNdikhoyo. 17Ngoko ke ndawathatha loo macwecwe, ndawaphosa phantsi apho phambi kwenu, ophuka aba ziingceba.

18“Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo. 19Ndandisoyika gqitha, kuba uNdikhoyo wayekhathazekile, ecaphuka kangangokuba waphantse wanitshabalalisa. Kambe ke nangeso isihlandlo uNdikhoyo wandiphulaphula. 20UNdikhoyo wayecatshukiswe kakhulu nanguAron, yaye ke naye wayeseza kumtshabalalisa, koko ke naye ndamthandazela kwangelo thuba. 21Lona ke elo sikizi nanizenzele lona – nditsho loo nkunzi yenkomo nanizityhidele yona – ndayithatha ndayiphosa emlilweni. Ndaza ke kamva ndayikroboza ndayicola yangumgubo, ndaza ndawugalela kumlanjana owawuphuma apho entabeni.

22“Kaloku naseTabhera, eMasa, naseKibroti-hatava namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu. 23NaseKadeshe-bhaneya wathi akuniyalela ukuba ningene niwuthathe loo mhlaba wayenipha wona namvukela, anakholosa ngaye nimthobele. 24Okoko ndanaziyo mna nasoloko nivukelana naye uNdikhoyo. 25Ewe, kuloo mashumi mane eentsuku ndahlala ndizikhahlele phantsi phambi koNdikhoyo, kuba ndandisazi ukuba seletshilo ukuthi uza kunitshabalalisa. 26Ndadanduluka ndathi: ‘Awu, Ndikhoyo, Nkosi yam! Ndiyakubongoza, musa ukubatshabalalisa abantu abalibango lakho, owabahlangula wabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa. 27Khawukhumbule izicaka zakho, ooAbraham, uIsake, noYakobi, ungabasi so aba bantu baneenkani, bazizikhohlakali ezigwenxa, 28okanye amaJiputa osuka athi: “UNdikhoyo wayengenako ukubathatha abantu bakhe abase kwelo lizwe wayebathembise ngalo. Kungenxa yokuba ebathiyile ukuze emke nabo aye kubaphosa entlango, khon' ukuze ababulale khona.” 29Andithi na kaloku, Nikhoyo, aba ngabantu abalibango lakho, abantu bakho ncakasana, owabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa?’ ”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 10

Umnqophiso uyahlaziywa

(Mfud 34:1-10)

1“Ngelo thuba ke *uNdikhoyo wandiyalela wathi: ‘Qingqa amanye amacwecwe amabini amatye, afane nalawa okuqala, uwenzele ityesi ngomthi. Nyuka intaba, uze kum, 2ukuze apho kuloo macwecwe ndibhale laa nto ndandiyibhale kulawa wawaphulayo, uze ke uwafake apho etyesini.’

3“Ke kaloku ndayenza ityesi leyo ngomngampunzi, ndaza ndaqingqa namanye amacwecwe amabini amatye afana nalawa okuqala, ndenyuka nawo apho entabeni. 4UNdikhoyo wabhala ke apho kuloo macwecwe kwalaa mazwi wayewabhale kulawa okuqala, imithetho elishumi leya wayenixelele yona ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo entabeni. UNdikhoyo ke wawabuyisela kum amacwecwe lawo, 5ndaza ke ndehla nawo apho entabeni. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke ndawafaka kulaa tyesi ndandiyenzile. Aselapho ke unanamhla.

6“AmaSirayeli ke anduluka apho kuloo maqula amaYakana, ajonga eMosera. UAron wafela apho ke, waza wangcwatywa, yona indawo yakhe yobubingeleli yathathwa ngunyana wakhe uElazare. 7Ukuphuma kwawo ke apho aya kugaleleka eGudegoda, aza agqithela eYotebhata, umhlaba owawunemisinga yamanzi. 8Ngelo xesha ke uNdikhoyo wabahlulela abaLevi umsebenzi wokulondoloza ityesi yomnqophiso, baququzelele *esibingelelweni sikaNdikhoyo, bathamsanqele egameni lakhe. Yimisebenzi leyo basayenzayo unangoku. 9Kungenxa yeso sizathu ke indlu kaLevi ingazange inikwe mhlaba ulilifa nje, njengezinye izindlu; ilifa layo yinkonzo kaNdikhoyo ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wenu.

10“Nangesi ke isihlandlo, kwanjengesiya sokuqala, ndahlala apho entabeni amashumi amane eentsuku nobusuku bazo. Kwakhona ke uNdikhoyo wandiva kuba kwakungeyontando yakhe ukunitshabalalisa. 11Wathi ke kum uNdikhoyo: ‘Phakama uye kubakhokela abantu, khon' ukuze bangene balithathe elo lizwe ndibathembise ngalo ooyihlo ngesifungo.’ ”

UNdikhoyo makahlonelwe

12“Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze *uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, 13nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni. 14Kaloku amazulu, nditsho amazulu awo amazulu, ngakaNdikhoyo uThixo wenu, nehlabathi lelakhe, ngokunjalo nako konke okukulo. 15Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla. 16Ngoko ke mthobeleni ngomxhelo uNdikhoyo, nahlukane neenkani. 17Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu nguThixo woothixo, iNkosi yeenkosi; nguThixo oyingangamsha; uyingangalala ehloniphekileyo engakhethi cala, ibe ke akanyobeki. 18Yena uyazikhusela iinkedama ndawonye nabahlolokazi. Nabangeneleli uyabathanda, ababonelele ngokutya nangempahla yokunxiba. 19Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa. 20Mhloneleni uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze, nibambelele kuye, nifunge ngegama lakhe. 21Uyimbangi yokudumisa kwenu, unguThixo wenu; ibe ke nizibonele ngawenu amehlo izinto ezinkulu nezimangalisayo anenzela zona. 22Ukuya kwabo eJiputa ooyihlo-mkhulu babengamashumi asixhenxe kuphela. Kodwa ke ngoku uNdikhoyo uThixo wenu unandisile natsho nayinyambalala enjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 8

UYesu wandisa ukutya kwakhona

(Mat 15:32-39)

1Ngaloo mihla, xa kwakuhlanganisene isihlwele kwakhona, singenanto sinokuyitya, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: 2“Ndiyavelana nesi sihlwele, kuba sekuziintsuku ezintathu aba bantu bekunye nam. Ke abasenanto ityiwayo. 3Ukuba ndiyabandulula bagoduke bengatyanga, bophelelwa endleleni, kuba inxenye yabo ivela kude.”

4Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?”

5Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”

Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”

6UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke. 7Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo. 8Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. 9UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu; 10waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta.

AbaFarasi bafuna umqondiso

(Mat 16:1-4)

11Bafika ke *abaFarasi, baza bamgocagoca ngemibuzo uYesu, befuna umqondiso ovela ezulwini, bemlinga. 12Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!”

13Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.

Igwele labaFarasi nelikaHerode

(Mat 16:5-12)

14Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni. 15Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.”

16Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singenazonka.”

17UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka? Anikaqiqi na; aniqondi na? Ngaba iqaqadekile na intliziyo yenu? 18Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na 19ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?”

Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.”

20Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?”

Bathi ke: “Zazisixhenxe.”

21Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”

UYesu uphilisa imfama eBhetesayida

22Bafika ke eBhetesayida, kweziswa imfama kuYesu, wabongozwa ukuba ayichukumise. 23UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.

24Yaphakamisa intloko, yathi: “Ndibona abantu, bengathi yimithi. Nâbo behamba.”

25Kwakhona ke uYesu wazibeka izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo. 26UYesu ke wayiyalela ukuba igoduke, esithi: “Sukubuyela edolophini.”

UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu

(Mat 16:13-20; Luka 9:18-21)

27Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”

28Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”

29Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”

Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”

30UYesu ke wabayala ukuba bangaxeleli bani ngaye.

UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe

(Mat 16:21-28; Luka 9:22-27)

31Waqala ke uYesu ukubafundisa abafundi bakhe, esithi: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.” 32Wakuthetha oku kubo ngokucacileyo. UPetros ke, emse ngasese uYesu, wamkhalimela. 33Uthe ke uYesu, ejikile wajonga kubafundi bakhe, wakhalimela uPetros, esithi: “Suka umke kum, Sathana. Akuzinyamekeli izinto zikaThixo; unyamekela ezabantu.”

34UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. 35Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa. 36Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? 37Okanye umntu wobeka ntoni elingana nexabiso lobomi bakhe? 38Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-