Bible Society of South Africa

To The Word – Day 41

Numbers 28–31, 1 Corinthians 9–10

Itekisi yeBhayibhile

EYASENTLANGO 28

Amadini emihla ngemihla

(Mfud 29:38-46)

1*UNdikhoyo wathi uMosis 2makayalele amaSirayeli athi: “Ngamathuba amisiweyo ndinikeni amadini akukutya okunikelwa kum ngomlilo, idini elivumba limnandi.

3“Nanga ke loo madini okutya kufuneka anikelwe ngomlilo kuNdikhoyo: amadini atshiswayo emihla ngemihla, isibini samaxhwane angamaduna angenasiphako. 4Elokuqala malinikelwe kusasa, lize elesibini linikelwe ngorhatya. 5Ixhwane ngalinye ke malihambe nomnikelo weenkozo ongumgubo wengqolowa obunzima buyikhilogram enye, udityaniswe nelitha yamafutha omnquma acwengileyo. 6Elo ke lidini lomlilo lemihla ngemihla; laqala ukwenziwa entabeni iSinayi, ilidini lokutya elivumba likholekileyo kuNdikhoyo. 7Kumnikelo wewayini ohamba neli dini lokuqala kothathwa ilitha yewayini ithululwe phambi koNdikhoyo. 8Ngorhatya kothathwa elaa xhwane liseleyo, kuqhutywe njengakusasa; ngokunjalo nangomnikelo othululwayo ohamba nalo. Elo ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.”

Idini loMhla wokuPhumla

9“*NgoMhla wokuPhumla makwenziwe idini ngesibini samaxhwane angamaduna angenasiphako: iikhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa udityaniswe namafutha omnquma ube ngumnikelo weenkozo, ngokunjalo nomnikelo wewayini. 10Eli dini litshiswayo ke malenziwe ngayo yonke imihla yokuphumla, lisongeza kwidini elitshiswayo lemihla ngemihla elihamba nomnikelo othululwayo.”

Idini lomhla wokuqala kwenyanga

11“Ekuqaleni kwenyanga nganye makwenzelwe *uNdikhoyo idini elitshiswayo: iinkunzi zeenkomo eziselula zibe mbini, inkunzi yegusha, isixhenxe samaxhwane angamaduna angenasiphako onke. 12Umnikelo weenkozo mawube ngumgubo wengqolowa odityaniswe namafutha omnquma. Inkunzi nganye yenkomo yohamba neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa; ize inkunzi yegusha yona ihambe neekhilogram ezimbini; 13ke lona ixhwane ngalinye lohamba nekhilogram enye. La ngamadini atshiswayo; angumnikelo wokutya osondezwa ngomlilo, ivumba elithandekayo kuNdikhoyo. 14Inkunzi yenkomo ihamba nomnikelo oziilitha ezimbini zewayini; inkunzi yegusha ihamba nomnikelo oyilitha enesiqingatha sewayini; lize lona ixhwane ngalinye lihambe nomnikelo oyilitha yewayini. Lowo ke ngummiselo mayela nedini elitshiswayo lomhla wokuqala wokuthwasa kwenyanga nganye enyakeni. 15Ngaphezu kwelo dini litshiswayo lemihla ngemihla ke lihamba nomnikelo othululwayo, makwenziwe idini lesono ngebhokhwe eliduna.”

Amadini ngethuba lePasika

(Nqulo 23:5-14)

16“Umbhiyozo *kaNdikhoyo ngethuba *lePasika mawube ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yokuqala. 17Ngomhla weshumi elinesihlanu koqala umbhiyozo. Ke kwiintsuku ezisixhenxe kosetyenziswa isonka esinganyuswanga. 18Ngomhla wokuqala yoba yintlanganiso eyodwa yokunqula, kungàsetyenzwa. 19UNdikhoyo makenzelwe idini lomlilo, libe lidini elitshiswayo. Yoba ziinkunzi zeenkomo eziselula zibe mbini, inkunzi yegusha, nesixhenxe samaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 20Makwenziwe umnikelo weenkozo ngomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma: iikhilogram ezintathu zohamba nenkunzi yenkomo nganye; iikhilogram ezimbini zihambe nenkunzi yegusha, 21ize ikhilogram ihambe nexhwane ngalinye. 22Ngokunjalo ke makwenziwe idini lesono ngebhokhwe eliduna, khon' ukuze ibe ngumsitho wokucamagushela amaSirayeli. 23La ke ongeza kwelaa dini litshiswayo lemihla ngemihla kusasa. 24Kwangaloo ndlela ke, isithuba seentsuku ezisixhenxe, nikelani kuNdikhoyo idini lomlilo elivumba likholekileyo kuye. Eli ke longeza kwidini elitshiswayo lemihla ngemihla elihamba nomnikelo othululwayo. 25Ke ngomhla wesixhenxe makube yintlanganiso eyodwa yokunqula, kungàsetyenzwa.”

Amadini ngethuba lesivuno

(Nqulo 23:15-22)

26“Iiveki ezisixhenxe emva *kwePasika ngosuku lokuqala kumsitho wesivuno xa ninikela ulibo oluziinkozo *kuNdikhoyo, makube yintlanganiso yokunqula, kungàsetyenzwa. 27Makwenziwe idini elitshiswayo elivumba likholekileyo kuNdikhoyo: Yoba ziinkunzi zeenkomo eziselula zibe mbini, inkunzi yegusha, kunye nesixhenxe samaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 28Makwenziwe umnikelo weenkozo ngomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma; iikhilogram ezintatu zohamba nenkunzi yenkomo, zize iikhilogram ezimbini zihambe nenkunzi yegusha; 29ke yona ikhilogram ihambe nexhwane ngalinye. 30Ngokunjalo ke makwenziwe idini lesono ngebhokhwe eliduna. Niya kucanyagushelwa ngaloo ndlela ke. 31La ke, kunye nomnikelo othululwayo, ongeza idini elitshiswayo lemihla ngemihla ngokunjalo nedini leenkozo. Ngenene ezi zilwanyana mazingabi nasiphako.”

EYASENTLANGO 28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 29

Amadini ethuba lonyaka omtsha

(Nqulo 23:23-25)

1“Ngomhla wokuqala kwinyanga yesixhenxe makube yintlanganiso eyodwa yokunqula, ningawuphathi umsebenzi. Ngaloo mini ke makukhaliswe amaxilongo. 2Yenzelani *uNdikhoyo idini elitshiswayo elivumba likholekileyo kuye: inkunzi yenkomo eselula, inkunzi yegusha, nesixhenxe samaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 3Makwenziwe umnikelo weenkozo ngomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma: iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa zohamba nenkunzi yenkomo, iikhilogram ezimbini zihambe nenkunzi yegusha, 4ixhwane ngalinye lihambe nekhilogram enye. 5Ngokunjalo makwenziwe nedini lesono ngebhokhwe eliduna ukuze nicanyagushelwe. 6La madini ke ongeza laa madini atshiswayo enziwa rhoqo kusuku lokuqala enyangeni nomnikelo weenkozo, ngokunjalo nedini elitshiswayo lemila ngemihla elihamba nomnikelo weenkozo nothululwayo. La madini omlilo alivumba elimnandi kuNdikhoyo.”

Amadini omhla wocamagushelo

(Nqulo 23:26-32)

7“Ngomhla weshumi kwinyanga yesixhenxe makube yintlanganiso eyodwa yokunqula, ukutya nomsebenzi kuzilwe. 8Yenzani idini elitshiswayo; lona lilivumba eliyolileyo *kuNdikhoyo: inkunzi yenkomo eselula, inkunzi yegusha nesixhenxe samaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 9Yenzani umnikelo weenkozo ngomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma: iikhilogram ezintathu zihambe nenkunzi yenkomo, iikhilogram ezimbini zihambe nenkunzi yegusha; 10ikhilogram enye yona ihambe nexhwane ngalinye. 11Makwenziwe idini lesono ngebhokhwe eliduna ukongeza kulaa bhokhwe yocamagushelo nedini elitshiswayo lemihla ngemihla elihamba nomnikelo weenkozo nothululwayo.”

Amadini ngethuba lomsitho wamaphempe

(Nqulo 23:33-44)

12“Ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yesixhenxe makube yintlanganiso eyodwa yokunqula, ningawuphathi umsebenzi. Yenzelani *uNdikhoyo itheko iintsuku zibe sixhenxe. 13Ngalo mhla wokuqala yenzelani uNdikhoyo idini lomlilo elivumba limnandi kuye: ishumi elinesithathu leenkunzi zeenkomo eziselula, iinkunzi zeegusha zibe mbini, neshumi elinesine lamaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 14Yenzani umnikelo weenkozo ngomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma: iikhilogram ezintathu zomgubo zihambe nenkunzi yenkomo nganye, iikhilogram ezimbini zihambe nenkunzi yegusha nganye, 15ize ikhilogram yomgubo ihambe nexhwane ngalinye ngokunjalo neminikelo ethululwayo. 16Makwenziwe nedini lesono ngebhokhwe eliduna. Onke ke la madini ongeza idini elitshiswayo lemihla ngemihla elihamba nomnikelo weenkozo nothululwayo.

17“Ngosuku lwesibini makwenziwe amadini ngeenkunzi zeenkomo eziselula zibe lishumi elinambini, iinkunzi zeegusha zibe mbini, neshumi elinesine lamaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 18-19La madini ke ohamba nalawo ayimfuneko ndawonye neminikelo kusuku lokuqala.

20“Ngosuku lwesithathu makunikelwe ishumi elinanye leenkunzi zeenkomo eziselula, isibini seenkunzi zeegusha, neshumi elinesine lamaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 21-22Ngokunjalo ke ohamba naloo madini ayimfuneko ndawonye neminikelo kusuku lokuqala.

23“Ngosuku lwesine makunikelwe ishumi leenkunzi zeenkomo eziselula, isibini seenkunzi zeegusha, neshumi elinesine lamaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 24-25Ngokunjalo ke makahambe naloo madini ayimfuneko ndawonye neminikelo kusuku lokuqala.

26“Ngosuku lwesihlanu makunikelwe iinkunzi zeenkomo eziselula zibe lithoba, iinkunzi zeegusha zibe mbini, neshumi elinesine lamaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 27-28Ndawonye nawo ke makwenziwe nalaa madini kwaneminikelo eyimfuneko kusuku lokuqala.

29“Ngosuku lwesithandathu makunikelwe isibhozo seenkunzi zeenkomo eziselula, iinkunzi zeegusha zibe mbini, namaxhwane angamaduna alishumi elinesine, angenasiphako onke. 30-31Lawo ayimfuneko ndawonye neminikelo kusuku lokuqala nawo makangasileli.

32“Ngosuku lwesixhenxe konikelwa isixhenxe seenkunzi zeenkomo eziselula, neenkunzi zeegusha ezimbini, ndawonye neshumi elinesine lamaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 33-34Ngokunjalo ke makwenziwe naloo madini ayimfuneko ndawonye neminikelo kusuku lokuqala.

35“Ngosuku lwesibhozo makube yintlanganiso eyodwa yokunqula, ningasebenzi. 36Makwenziwe idini elitshiswayo libe lidini lomlilo elimkholisayo uNdikhoyo: inkunzi yenkomo eselula, inkunzi yegusha, nesixhenxe samaxhwane angamaduna, angenasiphako onke. 37-38Ngokunjalo ke namadini ayimfuneko ndawonye neminikelo ngosuku lokuqala makangasileli.

39“Le ke yimimiselo mayela namadini atshiswayo, neminikelo yeenkozo nethululwayo, neyobudlelwane, ekufuneka niyenzele uNdikhoyo ngokusesikweni ngamaxesha ayo. La madini neminikelo ongeza kumadini ezithembiso okanye awokuqhutywa yintliziyo.”

40Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli konke awayekuyalelwe nguNdikhoyo.

EYASENTLANGO 29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 30

Mayela nezifungo

1Iinkulu zezindlu zikaSirayeli uMosis wazinika le mimiselo *kaNdikhoyo ilandelayo, wathi: 2“Indoda xa ithe yenza isibhambathiso kuNdikhoyo, okanye xa ithe yenza isifungo sokuzibophelela, mayingasaphuli eso sifungo, koko mayikufezekise konke ekuthembisileyo.

3“Ukuba intombi engekendi ithembisa ukunika uNdikhoyo into, okanye yafungela ukuzila into ethile, 4mayenze ngokwesifungo nesithembiso sayo, ngaphandle kokuba uyise uthe akuyiva loo nto, wayichasa. 5Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.

6“Kambe ukuba intombi yenze isithembiso, iqonda okanye ingaqondi, mhlawumbi yafungela ukuzila into ethile, yaza ke kamva yenda, 7ke yena wathi akusiva umyeni wayo akathetha nto, isifungo eso okanye isithembiso sohlala siyibophile. 8Kodwa ke ukuba ithe yakuva ngesi sifungo indoda yayo yasichasa eso sifungo okanye isithembiso, siya kuba sitshitshile; futhi ke xa kunjalo noNdikhoyo uya kuyixolela.

9“Ke yena umhlolokazi okanye umfazi owahlukene nendoda yakhe, xa ethe wenza isithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.

10“Ke ukuba umfazi owendileyo wenze isithembiso okanye isifungo, 11yaza yathi yakuyiva loo nto indoda yakhe ayathetha nto, ayasichasa eso sithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise. 12Kambe ke ukuba ithe yakusiva eso sifungo indoda yakhe yasichasa, soba sitshitshisiwe eso sithembiso okanye isifungo, kuba kaloku indoda yakhe imalele ukuba asifezekise; ngoko ke noNdikhoyo uya kumxolela. 13Indoda inelungelo lokusixhasa okanye isichithe isithembiso nokuba sisifungo esenziwe ngumfazi wayo. 14Ukuba ke indoda leyo ithe yakuva ngeso sifungo yathatha ithuba ingathethi nto, yoba iyasixhasa eso sithembiso okanye isifungo azibophe ngaso umfazi wayo; ewe, yoba isixhasile xa ingathethanga nto yakuba ivile ngaso. 15Phofu ke ukuba ithule yathula yajika ngengomso yasitshitshisa eso sifungo, ityala lokungafezekiswa kwaso loba semagxeni ayo.”

16Nantso ke imimiselo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo mayela nendoda nomfazi wayo, ngokunjalo mayela nentombi ekowayo.

EYASENTLANGO 30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 31

Imfazwe namaMidiyani

1*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 2“Phambi kokuba ungabikho amaSirayeli makaziphindezele kumaMidiyani ngenxa yento awayenzayo.”

3Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo. 4Indlu nganye mayikhuphe iwaka lamadoda.”

5Indlu nganye ke yakhetha yakhupha iwaka lamadoda, aza ke ewonke alishumi elinambini lamawaka alibophe aligangatha. 6UMosis ke wawukhupha lo mkhosi, uhamba nombingeleli uPineyasi unyana kaElazare. Yena waya edabini ephethe izitya ezingcwele namaxilongo okuhlaba umkhosi. 7Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda, 8kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.

9AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo. 10Ke zona iidolophu nemizana azitshisa ngomlilo zonke.

11Amabanjwa nemfuyo nako konke ababekuthimbile bakuthatha 12bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

Ukubuya komkhosi

13UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi. 14UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni. 15Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi? 16Senilibele ngoku ukuba yayingabafazi abâlandela icebo likaBhalam, baza bawawexula amaSirayeli, amvukela *uNdikhoyo ePehore? Kaloku nantso into eyehlisela abantu bakaNdikhoyo ngobhubhani. 17Ngoko ke wabulaleni onke amakhwenkwe ngokunjalo nabafazi. 18Ke wona amantombazana kunye neentombi zigcineleni. 19Bonke ke kuni ababuleleyo nabathe bachukumisa izidumbu mabahlale ngaphandle komzi iintsuki zibe sixhenxe. Ngosuku lwesithathu nolwesixhenxe zihlambululeni ndawonye nâbo nibathimbileyo. 20Ngokunjalo ke hlambululani yonke into eyeyokunxiba, nayo yonke into eyenziwe ngofele, uboya bebhokhwe, okanye umthi.”

21Umbingeleli uElazare wathetha naloo madoda awayevela emfazweni, wathi: “Nantsi imimiselo enikelwe uMosis nguNdikhoyo. 22-23Uthe yonke into engatshiyo enjengegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, inkcenkce, okanye ilothe, mayihlanjululwe ngokufakwa emlilweni, ize ifakwe emanzini okuhlambulula. Izinto ezizezinye ke zona zohlanjululwa ngamanzi okuhlambulula kuphela. 24Ngosuku lwesixhenxe ke kofuneka nizihlambe iimpahla zenu; xa kunjalo ke noba nihlambulukile ngokusesikweni, nibe nako nokungena emzini.”

Ukwabiwa kwamaxhoba

25*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: 26“Thatha uElazare neenkulu zezindlu zamaSirayeli, nibale yonke into eniyithimbileyo kunye namabanjwa nemfuyo. 27Onke amaxhoba lawo wahluleni kubini ngokulinganayo. Esinye isahlulo soba sesamajoni, esinye ke sibe sesebandla lonke. 28Kwisahlulo samajoni thathani umrhumo kaNdikhoyo; wona ke woba libanjwa elinye kwangamakhulu amahlanu. Nosebenzisa kwaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. 29Ezi zinto ke nozinika umbingeleli uElazare, zingumrhumo owodwa kaNdikhoyo. 30Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.” 31UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.

32Nalu ke uludwe lwamaxhoba awathinjwa ngumkhosi xa ewonke: amakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anantlanu amawaka eegusha neebhokhwe; 33amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo; 34amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki; 35namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi. 36Ke isahlulo samajoni saba ngamakhulu amathathu namashumi amathathu anesixhenxe samawaka namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe; 37waza ke umrhumo kaNdikhoyo wangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anantlanu. 38Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo. 39Iidonki ke zona zazingamashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu; waza ke wona umrhumo kaNdikhoyo waba ngamashumi amathandathu ananye. 40Iintombi namantombazana zaba lishumi elinesithandathu lamawaka; umrhumo kaNdikhoyo ke waba ngamashumi amathathu anambini. 41Ngokomlomo kaNdikhoyo ke uMosis wawugqithisela kuElazare loo mrhumo uwodwa kaNdikhoyo.

42Ke isahlulo samaSirayeli sasifana, silingana neso samajoni: 43amakhulu amathathu anamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe; 44amashumi amathathu anesithandathu amawaka eenkomo; 45amashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu eedonki; 46kunye neshumi elinesithandathu lamawaka eentombi namantombazana. 47Kwesi sahlulo ke uMosis wathatha lalinye kumashumi amahlanu amabanjwa, ngokunjalo nakwimfuyo, wanika abaLevi ababesalusa isibingelelo ngokwelizwi likaNdikhoyo.

48Ke kaloku abaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela omkhosi baya kuxelela uMosis, 49bathi: “Mhlekazi, siwabalile amajoni ebesiphume nawo; akukho nalinye elingekhoyo. 50Nanku umnikelo ke ophuma kwizinto zegolide esizifumeneyo sonke ngabanye: imixhaka, iibhengile, imisesane, amacici, namaso. Sizinikela ukuba zibe sisicamagushelo sobomi bethu kuNdikhoyo.” 51Ke uMosis noElazare bayamkela loo golide; yonke ke yayizizihombiso. 52Uwonke ke loo mrhumo wabaphathi waba kwisituba samakhulu amabini eekhilogram ubunzima. 53Ke ijoni ngalinye lazithathela amaxhoba. 54Ngoko ke uMosis noElazare bayithatha igolide leyo, bayisa esibingelelweni, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo samaSirayeli kuNdikhoyo.

EYASENTLANGO 31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 9

Amalungelo neemfanelo zomthunywa

1Andibi kanene ndikhululekile? Ndiba niyaqonda ukuba ndithunyiwe, *ndingumthunywa. Andibi kanene ndambona uYesu iNkosi yethu? Andibi kanene nina nisisiqhamo somsebenzi endiwenzela iNkosi? 2Ndiqinisekile nokuba abanye bathi andingomthunywa, ndinguye kuni. Kaloku ukumanyana kwenu neNkosi ngumqondiso wokuba ndithunywe yiyo.

3Ke ukuziphendulela kwabo bandigxekayo ndenjenje: 4Ngaba andinalo mna ilungelo lokuba nditye ndisele? 5Ngaba andinalo mna ilungelo njengabanye abathunywa, abantakwabeNkosi, noPetros, lokuba ndibe nenkosikazi engumKrestu, ndijikeleze nayo? 6Okanye makube kuphela ndim noBharnabha ekufuneka sitye ukubila kwethu? 7Lakha lakho phi ijoni elizihlawulela ngokwalo iindleko zalo emkhosini? Mlimi wuphi olima ajike angasityi isivuno? Nguwuphi umalusi ongazityiyo izapholo?

8Ngaba ilungelo lam lokuba ngumthunywa lixhomekeke kule mizekeliso iqhelekileyo kuphela, okanye ngaba *nomthetho kaMosis uthetha kwaloo nto nawo? 9Ewe, kaloku umthetho uthi: “Musa ukuyifaka isicheme inkabi ibhula.” Ke ngaba ziinkabi zeenkomo zodwa na ezi axela zona uThixo? 10Ngaba asiqukwa na nathi? Ngokuphandle âbhalelwa thina la mazwi. Kaloku umlimi ulima ngethemba, nalowo ubhulayo ubhula ngethemba lokuba nesabelo. 11Sahlwayela imbewu kaMoya phakathi kwenu. Nimangaliswa yintoni ke sakulindela inkxaso kuni? 12Ukuba abanye banelungelo lokulindela iziqhamo ezinjalo kuni, alingaphezulu na ke elethu ilungelo? Ke thina asenzanga nto ngeli lungelo. Koko sisuke sanyamezela nayiphi na imeko endaweni yokuba sibe yimiqobo ethintela ukuhanjiswa kweendaba ezimnandi ezingoKrestu. 13Anazi na ukuba abo basebenza *endlwini kaThixo baphila kwayiyo, baze abo benza amadini eqongeni lamadini bafumane isabelo kuloo madini? 14Ngokunjalo ke iNkosi iyalele ukuba abo bashumayela iindaba ezimnandi zikaThixo baphile zizo.

15Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo. 16Nokuba ndiyashumayela, andinalungelo lakuqhayisa ngaloo nto. Kaloku ndithunywe ukushumayela. Ngoko ke kungayinto embi gqitha xa ndingazishumayeli iindaba ezimnandi. 17Ukuba bendisebenza ndingathunywanga, bendingade ndilindele umvuzo. Kodwa ke ngoku ndisebenza kuba ndinyanzelekile. Ngoko ke ndifezekisa into elindelekileyo ukuba ndiyenze. 18Uyintoni ke umvuzo wam? Lilungelo lokuba ndizishumayele iindaba ezimnandi ndingahlawulisi, ndingawabangi amalungelo am ngokushumayela iindaba ezimnandi.

19Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka. 20Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nâbo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze. 21Kwangaloo ndlela, xa ndiphakathi kweentlanga ezingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha njengazo. Le nto ke ayithethi kuthi andiwuthobeli umthetho kaThixo, kuba eneneni ndiphantsi komthetho kaKrestu. 22Xa ndiphakathi kwabantu abasephantsi kwesithethe ndiba njengabo, ukuze ndibazuze. Ngoko ke ndiba zizinto zonke kubantu bonke, ukuze ndiyisindise inxalenye yabo xa kunokwenzeka.

23Le nto xa iyonke ndiyenza ngenxa yeendaba ezimnandi, khon' ukuze ndibe nenxaxheba kwiintsikelelo ezifumaneka ngenxa yazo. 24Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa. 25Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo. 26Yiloo nto endenza ndithi ngqo, ndisukele ukuya kufika entanjeni. Ikwayiloo nto endenza ndifane nembethi-manqindi engachithi xesha ngokubetha umoya. 27Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.

1 KWABASEKORINTE 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 10

Isilumkiso mayela nezithixo

1Kaloku, mawethu, yikhumbuleni into eyabehlelayo ookhokho bethu ababekhokelwa nguMosis. Xa bebonke babekhuselwe lilifu, baza basinda baluwela uLwandle oluBomvu. 2Ukungena kwabo kwelo lifu nokuwela kwabo ulwandle kwaba bubungqina bokuba bangabalandeli bakaMosis. 3Bonke batya ukutya koMoya, 4baza basela isiselo soMoya. Babesela kwelo liwa likaThixo lalisoloko likho. Lona ke iliwa elo lalatha uKrestu. 5Kodwa ke nangoko uThixo akaneliswanga luninzi lwabo, ngenxa yaloo nto ke izidumbu zabo zathi saa entlango.

6Ngoku ke zonke ezi zinto ziyimizekelo kuthi ukuze singanqweneli izinto ezimbi njengabo, 7futhi singanquli izithixo njengoko yênzayo inxalenye yabo. Kaloku *iziBhalo zithi: “Abantu bahlala phantsi batya basela, baza baphakama badlala.” 8Masingarheletyi njengokuba babesenjenjalo abanye babo, kwaza ngamini-nye kwafa amawaka angamashumi amabini anesithathu. 9Masingamlingi uKrestu njengokuba babesenjenjalo abanye babo, baza babulawa ziinyoka. 10Musani ukukrokra njengoko babesenjenjalo abanye babo, waza uThixo wabatshabalalisa.

11Zonke ezi zinto zabahlelayo ziyimizekelo. Zabhalelwa ukuba zibe sisilumkiso kuthi, thina sidla ubomi kumaxesha okugqibela.

12Nabani na ozicingela ukuba umile makalumke angawi. 13Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.

14Nani ke, zihlobo zam, kucezeleni ukunqula izithixo. 15Ndithetha nani njengabantu bengqiqo, ngoko ke yicaluleni ngokwenu le nto ndiyithethayo kuni. 16Xa sidumisa uThixo ngokuthatha indebe engumqondiso weentsikelelo zakhe, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kwigazi likaKrestu? Khona xa siqhekeza isonka, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kumzimba kaKrestu? 17Kuba kaloku sinye qha isonka; nathi nangona sibaninzi nje, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.

18Khanikhe nicinge ngenkqubo yamaJuda. Abo balityayo idini baba nodlelwano noThixo, lo lenzelwa yena eqongeni lamadini. 19Ngaba ke ndithetha ukuthini? Ngaba ndithi makube kukho nto siyiyo isithixo? Okanye makube ndithi idini elenzelwa sona liba yinto enexabiso? 20Hayi, anditsho. Ndithi amadini enziwa ziintlanga akenzelwa Thixo, enzelwa iindimoni. Yaye andifuni nibe nanxaxheba neendimoni. 21Aninako ukusela indebe yeNkosi, niphinde nisele eyeendimoni, ningenakuthatha nxaxheba esithebeni seNkosi, ze niphinde nibe nenxaxheba nakweseendimoni. 22Makube sifuna iNkosi ikhwelete? Sinamandla thina kunayo kakade?

23“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke. 24Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

25Ningatya nantoni na eniyithenge esilarheni, ningazidubanga ngakuziphengulula sazela ngemibuzo, 26kuba, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Ihlabathi leleNkosi nako konke okukulo.”

27Ukuba nimenywa ngumntu ongelokholwa, nize isimemo eso nisamkele, yityani into ebekwe phambi kwenu, ningazidubi ngokuphengulula isazela ngemibuzo. 28Kodwa ukuba kukho onithele thsuphe ukuba nitya ukutya kwedini, musani ukukutya ke oko kutya, ngenxa yalowo unixeleleyo, nangenxa yesazela. 29Anditsho esenu, ndixela esakhe. “Ke, ingathini inkululeko endinayo yokuzikhethela into emandiyenze ukulawulwa sisazela somnye umntu?” Ubani angabuza atsho, 30aqhube ngelithi: “Ukuba ndiyambulela uThixo ngesabelo sam esidlweni, ndisagxekelwani ngokutya endimbulela ngako uThixo?”

31Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo. 32Ziphatheni ngohlobo lokuba ningaphazamisi bani, nokuba ngumJuda, nokuba ngumGrike, nokuba ngowebandla likaThixo. 33Xelisani mna, mna ndizama ukwanelisa wonke ubani ngento endiyenzayo. Andenzeli kulungelwa kwam phofu, koko ukulungelwa komntu wonke, ukuze bonke basindiswe.

1 KWABASEKORINTE 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-