Bible Society of South Africa

To The Word – Day 40

Numbers 24–27, 1 Corinthians 7–8

Itekisi yeBhayibhile

EYASENTLANGO 24

1Ngeli xesha ke uBhalam wayeseleqonda ukuba *uNdikhoyo uzimisele ukumthamsanqela uSirayeli, ngoko ke akabanga sabhenela kwimilingo njengangaphambili. Wajonga ngasentlango, 2waza wawabona amaSirayeli eqokelelene izindlu ngezindlu. Wasuka ke wonganyelwa nguMoya kaThixo; 3waza wadanduluka wathetha kwavokotheka wenjenje:

“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,

amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,

4izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,

othwetyulweyo, kambe ethe ntsho ngamehlo,

walamile, unombono kaSomandla.

5Hay' ubuhle beentente zikaYakobi!

Ewe, athe dwe amanqugwala kaSirayeli!

6Zithe tyaba okweentili;

zithe thande okomyezo ecaleni komlambo,

ngathi ngumngcelele wekhala elityalwe nguNdikhoyo,

sengathi yimisedare phezu komlambo.

7Kuwo imvula iya kuhlala ingunogumbe,

imbewu ayityale kumhlaba otofo-tofo.

Ukumkani wawo woba mkhulu kunoAgagi,

ulawulo lwakhe lubalasele ngodumo.

8UThixo wawakhupha eJiputa,

iimpondo zakhe zibaze okwenyathi.

Iintshaba zawo azithi nqwam-nqwam,

amathambo azo awacole.

Ke lona utolo lwawo luyahlabanisela.

9Luhlanga olubuthuma njengengonyama;

lunjengemaz' engonyama, lungavuswa ngubani?

Uthamsanqelekile osikelela uSirayeli!

Hay' ishwangusha kulowo umqalekisayo!”

10Ke kaloku uBhalaki wabhabhazela ngumsindo, wabetha ngenqindi phantsi, wathi kuBhalam: “Ndakulanda ukuba uze kuqalekisa iintshaba zam, kodwa ngoku kude kwakathathu uzithamsanqela! 11Yini le! Chitheka; goduka! Ndathembisa ukuba ndiya kukuvuza ungakrokri, kambe ke lo Ndikhoyo ukwalele ukuba uwufumane loo mvuzo.”

12UBhalam waphendula wathi: “Abathunywa bakho ndandibaxelele 13ukuba noba ungade undinike lonke ibhotwe lakho lizele yisiliva negolide andingekhe ndiwutsibe umyalelo kaNdikhoyo, ndenze ukuthanda kwam. Kuphela ndiya kuthetha oko athe mandikuthethe. 14Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”

Intetho yesine kaBhalam

15Wathetha ke kwavokotheka uBhalam, wathi:

“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,

amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,

16izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,

olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,

othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,

walamile, unombono kaSomandla.

17Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.

Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.

Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;

ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.

Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,

abafohloz' oonyana bakaSeti.

18Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;

ewe, iSeyire ibe yeyakhe,

abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.

19Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,

abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”

Ezinye iintetho zikaBhalam

20UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi:

“UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo,

kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”

21Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi:

“Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba,

ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.

22Kambe ke, nani maKeni, niya kutshabalala,

akugaleleka uAsiriya anithimbe.”

23UBhalam waqhuba wathetha kwavokotheka wenjenje:

“Yaz'ba ngoobani abanokuphila engafuni uThixo?

24Abahlaseli bovela ngaseKiti, behamba ngezikhephe.

Baya kumtshabalalisa uAsiriya noHebhere.

Kambe nabo ngokwabo baya kutshabalala naphakade.”

25Ke kaloku uBhalam wev' endleleni wagoduka, waza ke noBhalaki wahamba eyakhe indlela.

EYASENTLANGO 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 25

AmaSirayeli anqula izithixo ePehore

1AmaSirayeli athi xa ayemise kwintili yeShitim, asuka arheletya neentokazi zamaMowabhi. 2AmaMowabhikazi amema amaSirayeli ukuba aye kwizidlo zamadini awayesenzelwa *izithixo zamaMowabhi. AmaSirayeli akutya oko kutya, amnqula 3uBhali wasePehore. Ngoko ke *uNdikhoyo wavutha ngumsindo, 4waza wathi kuMosis: “Thatha iinkokheli zamaSirayeli, uzibulale, uzixhome esidlangalaleni phambi *kwesibingelelo, khon' ukuze udambe umsindo wam ngakumaSirayeli.”

5Ke kaloku uMosis wathi kwizikhulu zakwaSirayeli: “Ngamnye kuni makabulale amawabo azibandakanye noBhali wasePehore.”

6Omnye umSirayeli wathatha umMidiyanikazi, wangena naye kwakhe, ebonwa nguMosis nangamaSirayeli ephela, ngexesha awayesazilile esesangweni lesibingelelo. 7Uthe akuyibona le nto uPineyasi, unyana kaElazare, umzukulwana wombingeleli uAron, wee sululu, wemka apho kuloo ndibano, wathatha umkhonto, 8walandela loo ndoda naloo mfazi, wangena apho ententeni, wabinza ngomkhonto, wabadibanisa bobabini. Ngaloo ndlela ke ubhubhani owayephethe amaSirayeli wanqamka. 9Kambe ke wayeselesube wabulala abantu abangamashumi amabini anane amawaka.

10*UNdikhoyo wathi kuMosis: 11“Ngenxa yale nto yenziwe nguPineyasi, umsindo wam uthothile ngakumaSirayeli. Kaloku yena ngenxa yenzondelelo yakhe usiphuhlisile isidima sam ebandleni, ndaza ke ngoko andalitshabalalisa. 12Ngoko ke mxelele ukuba ndenza naye umnqophiso wobudlelwane. 13Yena ngokunjalo nenzala yakhe boba ngababingeleli abangasoze bathini. Kaloku yena ube nekhwele ngoThixo wakhe, waza ke ngaloo ndlela wamngxengxezela uSirayeli.”

14Igama lomSirayeli owabulawa kunye nomMidiyanikazi yayinguZimri, unyana kaSalu, inkulu yomzi othile kwindlu kaSimon. 15Lona igama lomfazi lowo yayinguKozibhi. Uyise uZure wayeyinkosi yezindlu ezithile zamaMidiyani.

16UNdikhoyo wathi kuMosis: 17“AmaMidiyani ziintshaba zenu; watshabalaliseni, 18kuba abonise ubutshaba kuni ngokunikhohlisa, nangenxa kaKozibhi owabulawa mhla ngobhubhani obangwe sisithwakumbe sasePehore.”

EYASENTLANGO 25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 26

Ubalo lwesibini

1Emva kwaloo bhubhani ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noElazare unyana wombingeleli uAron, wathi: 2“Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.” 3-4Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:

5Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu, 6amaHezeron, namaKarmi. 7Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu. 8Inzala kaPalu yayinguEliyabhi 9noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo. 10Kaloku umhlaba wavuleka wabaginya, baza bafa kunye noKora nabalandeli bakhe abatshatyalaliswa ngumlilo bengamakhulu amabini namashumi amahlanu amadoda. Ke bona baba sisilumkiso kumaSirayeli. 11Kambe umlibo kaKora zange uphele.

12Indlu kaSimon; imizi yayo: amaNemuweli, amaJamin, amaJakin, 13amaZera, namaShawuli. 14Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini.

15Indlu kaGadi; imizi yayo: amaZefon, amaHagi, amaShuni, 16amaOzeni, amaEri, 17ama-Arodi, nama-Areli. 18Inani lamadoda ale mizi yaba ngamashumi amane amawaka anamakhulu amahlanu.

19-21Indlu kaJuda; imizi yayo: amaShela, amaPerezi, namaZera. Isizukulwana samaPerezi ngamaHezeron namaHamuli. Isibini koonyana bakaJuda, uEre no-Onan, bafela eKanana. 22Ke amadoda ale mizi ayengamashumi asixhenxe anantandathu amawaka, namakhulu amahlanu.

23Indlu kaIsakare; imizi yayo: amaTola, amaPawu, 24amaYashubhi, namaShimron. 25Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathandathu anane amawaka, namakhulu amathathu.

26Indlu kaZebhulon; imizi yayo: amaZerede, amaElon, namaJaleli. 27Amadoda ale mizi ke aba ngamashumi amathandathu amawaka, namakhulu amahlanu.

28Indlu kaJosefu: Ke yena uJosefu wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim.

29Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi. 30Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki, 31ama-Aseriyeli, amaShekem, 32amaShemida, namaHefere. 33UZelofehadi unyana kaHefere wayengenanyana, iziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, uNoha, uHogela, uMilika, noTiza. 34Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amahlanu anambini amawaka, namakhulu asixhenxe.

35Indlu kaEfrayim; imizi yayo: amaShutela, amaBhekeri, namaTahan. 36AmaEran ayinzala kaShutela. 37Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathathu anambini amawaka, mashumi amahlanu.

Le ke yinzala kaJosefu.

38Indlu kaBhenjamin; imizi yayo: amaBhela, ama-Ashbhele, ama-Ahiram, 39amaShefufam, namaHufam. 40Ama-Ardi namaNaman yinzala kaBhela. 41Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amathandathu.

42Indlu kaDan: inzala yayo iphuma kumaShuham. 43Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amathandathu anane amawaka, makhulu amane.

44Indlu ka-Ashere; imizi yayo: amaImna, amaIshvi, namaBheriya. 45AmaHebhere namaMalekiyeli yinzala kaBheriya. 46UAshere wayenentombi egama linguSera. 47Amadoda ale ndlu ke ayengamashumi amahlanu anantathu amawaka, namakhulu amane.

48Indlu kaNafetali; imizi yayo: amaJazeli, amaGuni, 49amaJezere, namaShilem. 50Inani lamadoda ale ndlu yaba ngamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amane.

51Lilonke inani lamaSirayeli angamadoda yaba ngamakhulu amathandathu ananye amawaka, namakhulu asixhenxe, anamashumi amathathu.

52*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 53“Umhlaba wahlulele le mizi ngokobubanzi bayo, ube lilifa layo. 54Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo. 55Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo. 56Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”

57Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari. 58Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram 59owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam. 60UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. 61UNadabhi noAbhihu ke bona bafa ngokwenzela uNdikhoyo umlilo ongafanelekanga. 62Ke bona abaLevi abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu baba ngamashumi amabini anantathu amawaka. Phofu ke bona baba noludwe lwabo bodwa, kuba zange banikwe mhlaba kwaSirayeli.

63Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko. 64Kumadoda awayebalwe nguMosis noAron kwintlango yeSinayi, kubalo lokuqala, kwakungasekho nob' ibe nye. 65Kaloku *uNdikhoyo wayethe onke aya kufela entlango, kusinde uKalebhi unyana kaJefune, noYoshuwa unyana kaNune. Nangoku ke kwaba njalo.

EYASENTLANGO 26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 27

Iintombi zikaZelofehadi

1UMala, uNowa, uHogela, uMilika, noTiza, ziintombi zikaZelofehadi unyana kaHefere, kaGiliyadi, kaMakire, kaManase. Ngoko ke ziintombi zakwaManase unyana kaJosefu. 2Ke zona zaya kuMosis noElazare umbingeleli, benamadoda amakhulu ndawonye noSirayeli ephela. Babehlanganisene esangweni *lesibingelelo. 3Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe. 4Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”

5Lo mcimbi uMosis wawusa kuNdikhoyo, 6waza ke yena wathi: 7“Iintombi zikaZelofehadi zenze isicelo esifanelekileyo, ngoko ke mazinikwe isabelo phakathi kwamawazo. Ilifa likayise maliwele kuzo.

8“Yithi ke kumaSirayeli: ‘Xa indoda ife ingenanyana, ilifa layo malityiwe yintombi yayo. 9Ukuba ke ayinantombi, ilifa layo loba lelabantakwayo. 10Xa kuthe kanti ayinabantakwayo, ilifa malibe lelooyisekazi. 11Kambe ke ukuba ayinabantakwayo nayisekazi, ilifa elo malinikwe nabani na osesona sizalwana sayo sisondeleyo. Eli siko ke amaSirayeli makalithobele njengomqathango ongundoqo, alenze njengoko ndikuyaleleyo mna Ndikhoyo.’ ”

Ukunyulwa kukaYoshuwa

(Hlaz 31:1-8)

12*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Nyuka uqabele intaba iAbharim, ulijonge ulibuke elo lizwe ndiza kulinika amaSirayeli. 13Wakuba ulibonile ke, nawe uza kufa kwanjengoAron umntakwenu. 14Kaloku nobabini nawuvukela umyalelo wam kwintlango iZin. Wathi uSirayeli akundikhalazela ngenxa yemeko yamanzi eMeribha nina nala ukusiphuhlisa isihomo samandla am phambi kwakhe.” (IMeribha ke ngumthombo oseKadeshe kwintlango iZin.)

15Ke kaloku uMosis wathetha wenjenje: 16“Ndikhoyo, Thixo wam, wena mthombo wobomi, nceda utyumbe indoda eya kulikhokela ibandla lakho, 17enako ukungena iphuma ilikhokela, khon' ukuze usapho lwakho lungafani neegusha ezingenamalusi.”

18UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha uYoshuwa unyana kaNune, oyindoda endiyixhobise ngoMoya wam, ummisele ngokumbeka izandla. 19Biza uSirayeli ephela, nombingeleli uElazare, uze uYoshuwa ummisele angene ezihlangwini zakho apho phambi kwabo. 20Mahlulele amagunya akho, khon' ukuze ibandla lonke limthobele. 21Ke yena uya kuxhomekeka kumbingeleli uElazare, kuba kaloku yena intando yam uya kuyaziswa *ziiurim neethumim. Ngale ndlela baya kubhexeshwa nguElazare kuyo yonke imicimbi yabo.”

22Ke uMosis wenza ngokomyalelo kaNdikhoyo. UYoshuwa wammisa phambi kombingeleli uElazare ndawonye nebandla loonyana bakaSirayeli. 23Ngokunjalo uMosis wambeka izandla uYoshuwa, wammisela ukuba angene ezihlangwini zakhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.

EYASENTLANGO 27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 7

Iingxaki ezimalunga nomtshato

1Ngoku ke mandiphendule umbuzo wenu. Kulungile ukuba indoda ingabi nanto yakwenza nomntu obhinqileyo, 2kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda. 3Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe. 4Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo. 5Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.

6Xa nditshoyo ke ndiyanicebisa, andiwisi mthetho, 7kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam lo. Kodwa ke elowo unesakhe isiphiwo ababalwe ngaso nguThixo. Omnye uba nesipho esithile, wumbi abe nesinye.

8Ke kwabangatshatanga nabahlolokazi ndithi kubalungele ukuba bahlale njengam. 9Kodwa ke, ukuba abanakuzibamba, mabatshate, kuba kulungile ukutshata kunokutshiseka.

10Ke kwabatshatileyo ndinomyalelo, ongenguwo owam, ongoweNkosi. Lo myalelo ke ngowokuba umfazi otshatileyo makangahlukani nendoda yakhe. 11Kambe ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angatshati, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe. Indoda ke yona mayingamali umkayo.

12Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye. 13Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo. 14Kaloku indoda leyo ingelokholwa uThixo unebango kuyo ngenxa yomfazi wayo, nomfazi lowo ungelokholwa uThixo unebango kuye ngenxa yendoda yakhe. Ukuba bekungenjalo abantwana babo ngebenetyheneba, kanti ke abanalo, kuba uThixo unebango kubo. 15Kodwa ke ukuba lowo ungelokholwa uyahlukana nalowo ukholwayo, makayekwe. Xa kunjalo indoda leyo ikholwayo nokuba ngumfazi akabotshelelwanga. Kaloku uThixo wasibizela ukuhlala ngoxolo. 16Kanene wazi ngani na, wena mfazi, ukuba akuyi kuyisindisa indoda yakho? Wena ndoda, wazi ngani na ukuba akuyi kumsindisa umfazi wakho?

Hlala ukwimeko owabizwa nguThixo ukuyo

17Elowo makahlale ekwimeko ayiphiwe yiNkosi, imeko awabizwa nguThixo ekuyo. Nantso ke into endiyifundisayo kuwo onke amabandla. 18Ukuba ubani uthe wabizwa engowalukileyo *ngokomthetho kaMosis, makangazenzi ongalukanga. Ukuba ubani uthe wabizwa engalukanga, makangaluki. 19Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto, eyona nto kukugcina imiyalelo kaThixo. 20Elowo makahlale ekwimeko abizwe ekuyo nguThixo. 21Wâbizwa ulikhoboka na? Mayingakukhathazi le nto, kodwa ukuba unokukhululeka, khululeka. 22Kaloku lowo wabizwa yiNkosi elikhoboka, ngumkhululwa weNkosi. Ngokunjalo nalowo wabizwa yiNkosi engokhululekileyo, likhoboka likaKrestu. 23UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu. 24Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.

Iingxaki ezimalunga nabantu abangatshatanga kunye nabahlolokazi

25Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:

26Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo. 27Ukuba unomfazi, musa ukufuna ukwahlukana naye; ukuba awunaye, musa ukuba samfuna umfazi. 28Kodwa ke ukuba uyatshata akonanga; kanti nokuba intombi iyenda, ayonanga. Kodwa ke abatshatileyo baya kuhlala befikelwa ziingxaki, kanti bendingathandi ukuba kube njalo.

29Ndithetha ukuthi ke, mawethu, ixesha liyemka. Ke ngoko abanabafazi mababe njengabangenabo; 30abalilayo mababe njengabangaliliyo; abavuyayo mababe njengabangavuyiyo; abathengayo mababe njengabangenanto; 31abasebenza ngezinto zeli hlabathi, mababe njengabangasebenziyo ngazo. Kaloku eli hlabathi aliyi kuhlala liyiloo nto liyiyo ngoku.

32Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekanga ukhuthalele izinto zeNkosi, kuba ezimisele ukuyikholisa iNkosi. 33Ozekileyo yena ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa umkakhe, 34abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.

35Le nto ndiyithetha ngeenjongo zokuba nilungelwe, ndingajonge kunirhintyela. Ndiyithethela ukuze niyikhonze kakuhle iNkosi ningaphazanyiswa.

36Malunga nabathembiseneyo ke, ukuba umfana unexhala lokuba wode ayihlazise intombi, eziva etshiseka, eqonda ukuba kuyimfuneko ukuba batshate, mabatshate ke njengoko afunayo, kuba akukho sono kuloo nto. 37Kambe ke ozimiseleyo entliziyweni yakhe, engòyiswa kukutshiseka, enamandla okuzeyisa, kananjalo esenzile isigqibo entliziyweni yakhe sokuba angàtshati, uyalungisa ukwenjenjalo. 38Ngoko ke otshatayo uyalungisa, kodwa lowo ungatshatiyo ulungisa ngokukodwa.

39Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilayo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ibhubhile, ukhululekile; angatshata nendoda ayithandayo, kodwa ibe yekholwe eNkosini. 40Noko ke uya konwaba ngakumbi ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo. Kokwam ukubona ke oko, kanti nam ndiba ndinaye uMoya kaThixo.

1 KWABASEKORINTE 7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 8

Iingxaki ezimalunga nokutyiwa kwenyama yedini

1Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha. 2Umntu oba unolwazi, okunene akakabi nalo ulwazi olululo. 3Ke umntu omthandayo uThixo, uThixo unobudlelane naye.

4Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi. 5Kambe bakho ekuthiwa bangoothixo nokuba basezulwini okanye basehlabathini. Ewe, baninzi ababizwa ngokuthi “thixo” okanye ngokuthi “nkosi.” Nokuba kunjalo ke, 6kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.

7Kodwa oku akwaziwa ngabantu bonke. Abanye nangoku basenesazela ngezithixo. Bona ke, xa batya inyama yedini, bayitya ilidini, sithi ke isazela sabo esibuthathaka sibadle. 8Kodwa asinako ukumkholisa uThixo ngento esiyityayo okanye esingayityiyo. Akukho nto iya kusilungela ngakuba singatyanga, kungekho nto iya kusonakalela ngakuba sityile.

9Nakuba kunjalo ke lumkani, hleze ilungelo lenu lokutya nayiphi na inyama libe sisikhubekiso kwabo bangekakhululeki ezithetheni. 10Kaloku xa athe wakubona umntu ongekakhululeki ezithetheni wena “unolwazi” usitya inyama endlwini yezithixo, akayi kusuka aye kuyitya naye, kodwa yena ayitye ilidini elenzelwe izithixo? 11Ngaloo ndlela ke umwenu ongekakhululeki ncam, owafelwa nguKrestu, wotshabalala ngenxa “yolwazi” lwakho olo. 12Kanti xa nisenjenjalo ukona amawenu ngokuwakhubekisa, nona uKrestu. 13Ngenxa yale nto ke ndithi: Ukuba ukutya kuyamkhubekisa umwethu, andisayi kutya nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umwethu.

1 KWABASEKORINTE 8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-