Bible Society of South Africa

To The Word – Day 4

Genesis 8–11, John 6–7

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 8

Ukupheza kukanogumbe

1UThixo wayengabalibalanga ooNowa nezilwanyana nezilo ezazisenqanaweni kunye nabo. Wavelisa umoya, aza andula ukuthotha amanzi. 2Yavalwa imithombo yamanzi engaphantsi komhlaba nesesibhakabhakeni, yapheza imvula. 3Aya ethotha amanzi kwada kwaziintsuku ezilikhulu linamashumi mahlanu. 4Ngomhla weshumi elinesixhenxe wenyanga yesixhenxe inqanawa yaya kuma phezu kweentaba zeArarati. 5Aya ephela amanzi, kwathi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi zathi thu iincopho zeentaba.

6Emva kwamashumi amane eentsuku uNowa wavula ifestile yenqanawa, 7wakhupha ihlungulu. Lona lamana ukuphaphazela libheka ngapha nangapha, ada atshona amanzi emhlabeni. 8UNowa wandulula ihobe ukuya kuhlola ukuba atshile na amanzi. 9Kodwa alizanga lifumane ndawo yakuhlala ihobe, laza labuyela kuye enqanaweni, kuba umhlaba wawusagqunywe ngamanzi. Wolula isandla uNowa, walibamba, walingenisa enqanaweni. 10Walinda iintsuku zasixhenxe, waphinda walikhupha ihobe. 11Labuya ngokuhlwa seliphethe igqabi lomnquma ngomlomo, elalisandul' ukulikha. Waqonda ke uNowa ukuba amanzi athothile. 12Walinda ezinye iintsuku ezisixhenxe, waza walikhupha kwakhona ihobe. Alizanga liphinde libuye ngesi sihlandlo.

13Kuthe ke xa uNowa wayemakhulu mathandathu ananye ubudala, ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, aba seletshonile amanzi emhlabeni. Wawuvula umnyango wenqanawa uNowa, wakhangela ngaphandle macal' onke, wawubona umhlaba womile. 14Ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe, ngenyanga yesibini, laliselome khonkqo ilizwe. 15UThixo wathi kuNowa: 16“Phuma enqanaweni kunye nomkakho, noonyana bakho, kunye nabafazi babo. 17Zikhuphe zonke izidalwa ezisenqanaweni, iintaka neenyamakazi, nezinto ezirhubuluzayo, ukuze ziqhame, zande, zizalise ihlabathi.”

18Waphuma ke uNowa enqanaweni kunye nomkakhe, noonyana bakhe, kunye nabafazi babo. 19Zonke izidalwa ezishukumayo, iintaka nezilwanyana nezinto ezirhubuluzayo, zaphuma enqanaweni ngokweendidi zazo.

UNowa unikela idini

20Wenza iqonga lamadini *kaNdikhoyo uNowa. Wathatha isilwanyana ngasinye nentaka nganye, kwezo zodidi olutyiwayo, wazinikela zangumbingelelo phezu kwelo qonga. 21Lamkeleka ivumba lazo kuNdikhoyo, waza wathi: “Andisobe ndiliqalekise ilizwe ngenxa yezenzo zabantu. Kaloku ndiyazi ukuba umntu uneengcinga ezigwenxa kwaeselula. Andisobe ndizitshabalalise izinto eziphilayo njengoko sendenjenjalo. 22Kuya kusoloko kukho amaxesha okulima namaxesha okuvuna wonke lo gama lisemiyo ilizwe; kuya kubakho ingqele nobushushu, ihlobo nobusika, ubusuku nemini.”

EYEZIQALO 9

Umnqophiso kaThixo noNowa

1UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu. 2Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu. 3Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku. 4Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi. 5Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala. 6Umntu wenziwa wangumfuziselo kaThixo, nabani na ke obulala omnye umntu naye uya kubulawa kwangomnye umntu.

7“Ze nichume nande, ukuze inzala yenu ilizalise ilizwe.”

8Uqokele wathi uThixo kuNowa nakoonyana bakhe: 9“Ngoku ndiza kwenza umnqophiso nani kwakunye nenzala yenu, 10nazo zonke izinto eziphilayo: izilo zonke, kunye nempahla efuyiweyo, neentaka zonke; nditsho yonke into ebisenqanaweni kunye nani. 11Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo. 12-13Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo. 14-15Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula. 16Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni. 17Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”

UNowa noonyana bakhe

18UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.) 19Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.

20UNowa owayengumlimi waqala ngokulima umdiliya. 21Akuba esele iwayini uNowa wanxila, wakhulula, walala ze egumbini lakhe. 22UHam, uyise kaKanana, uthe akumbona eze uyise, waphuma waya kuxelela abantakwabo phandle. 23Ke bona ooShem noYafete bathatha ingubo, baya ngomva kuyise egumbini lakhe, bamambathisa bengamjonganga, ukuze bangamboni ehamba ze. 24Akuqabuka uNowa, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe oligqibelo, 25wathi:

“Uqalekisiwe uKanana!

Uya kuba lixhoba labantakwabo.

26Mdumiseni *uNdikhoyo uThixo kaShem.

UKanana uya kuba likhoboka likaShem.

27Wanga uThixo angawandisa umhlaba kaYafete;

yanga inzala yakhe ingaxhamla amathamsanqa kunye nekaShem;

uKanana yena abe likhoboka likaYafete.”

28UNowa wahlala amakhulu amathathu namashumi amahlanu emva kwemvula kanogumbe, 29wabhubha emakhulu alithoba namashumi mahlanu ubudala.

EYEZIQALO 10

Umlibo wenzala yoonyana bakaNowa

(1 Gan 1:5-23)

1Nanga amagqabantshintshi ngoonyana bakaNowa, uShem noHam noYafete. Kaloku nabo bazala oonyana emva kwemvulakazi kanogumbe.

2Oonyana bakaYafete naba: nguGomere, uMagogi, uMadayi, uJavan, noTubhali, uMesheki, noTisari. 3Inzala kaGomere ngama-Ashkenezi, amaRifati, namaTogarma. 4Inzala kaJavan yona ngamaElisha, amaTashishe, amaKiti, namaDodan. 5Ngabo abangookhokho babantu ababegudle unxweme nabo babeseziqithini. Yinzala kaYafete ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

6Oonyana bakaHam nguKushe, uMizerayim, uPuti, noKanana. 7Inzala kaKushe yaba ngamaSebha, amaHavila, amaSabheta, amaRama, namaSabheteka. Inzala kaRama ngamaShebha namaDedan. 8UKushe wayenonyana ogama linguNimrodi, owaba lelona kroti libalaseleyo elizweni. 9Ngoncedo *lukaNdikhoyo waba lichebesha lezingela. Yiyo ke loo nto kuthiwa xa kuthethwayo: “Wanga uNdikhoyo angakupha amandla, ube lizingela, ufuze uNimrodi.” 10Lwaqala eBhabheli, e-Ereki, naseAkadi ulawulo lwakhe. Zontathu ezo ndawo zikwelaseBhabheli. 11Ukusuka apho waya eAsiriya apho wakha isixeko saseNiniva, esaseRehobhoti-ire, nesaseKala, 12kunye neRezen emi phakathi kweNiniva nesixekokazi iKala.

13Inzala kaMizerayim yaba ngamaLudi, ama-Anam, amaLehabhi, amaNafetuyi, 14amaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwakuvela khona amaFilistiya namaKafto.

15Oonyana bakaKanana nguSidon owamazibulo, kunye noHeti, 16noJebhusi, noAmori, noGirgashi, 17noHivi, noAreki, noSini, 18noArvadi, noZemari, noHamati. Izizwe ngezizwe zakwaKanan zathi saa, 19yada imida yazo yaya kuthi xhaxhe ngeSidon, yada yaya kutsho eGerari ngaseGaza, yenjenjeya ukuya eSodom naseGomora, eAdama naseZebhoyim kufuphi neLasha. 20Yinzala kaHam ke le eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, sizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

21UShem, umkhuluwa kaYafete, waba ngukhokho wamaHebhere. 22Oonyana bakhe nguElam, uAsuri, uArpakishadi, uLudi, noAram. 23Inzala ka-Aram yaba ngamaUzi, amaHuli, amaGetere, namaMahi. 24UArpakishadi wazala uShela, owazala uHebhere. 25UHebhere wazala oonyana ababini. Omnye nguPelege, kuba ngexesha lakhe abantu babahlulelene elizweni, omnye yayinguJoketan. 26Inzala kaJoketan yaba ngama-Alemodadi, amaShelefe, amaHazare-mavete, amaJera, 27amaHadoram, amaUzali, amaDikela, 28amaObhali, ama-Abhimayeli, amaShebha, 29amaOfire, amaHavila, namaJobhabhi. Zonke ezi zizwe yinzala kaJoketan. 30Umhlaba ababemi kuwo wawusuka eMesa uye kuthi xhaxhe ngeZefara kweleentaba empumalanga. 31Yinzala kaShem ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

32Yinzala kaNowa yonke ke le, izizizwe ngezizwe ngokwemilibo yazo. Emva kwemvula kanogumbe zonke izizwe elizweni zavela koonyana bakaNowa.

EYEZIQALO 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 11

Inqaba yaseBhabheli

1Ngelo xesha abantu elizweni babethetha ulwimi olunye, besebenzisa namagama afanayo ezinto. 2Ke ekubhaduleni kwabo kwelasempumalanga bada baya kutsho kumathafa aseBhabheli, bema apho. 3Bathethana bathi: “Masenze izitena, sizitshise ziqine.” Baza ke basebenzisa ezo zitena endaweni yamatye, netha endaweni yodaka. 4Bathi ke: “Masakhe isixeko, senze nenqaba enencopho eya kutsho esibhakabhakeni, ukuze sibe negama nathi, singathi saa elizweni.”

5*UNdikhoyo wehla weza kusibona eso sixeko babesakhile nenqaba leyo, 6waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza. 7Yizani sihle, ulwimi lwabo silwenze lube yingxuba-kaxaka, khon' ukuze bangevani ngentetho.” 8Wabathi saa elizweni uNdikhoyo, àbasakha neso sixeko. 9Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.

Inzala kaShem

(1 Gan 1:24-27)

10Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala. 11Uhleli amanye amakhulu amahlanu emva koko, wazala abanye abantwana.

12Akuba namashumi mathathu anantlanu uArpakishadi, wazala unyana uShela. 13Emva koko uhleli amakhulu mane anantathu, wazala nabanye abantwana.

14Akuba namashumi mathathu uShela, wazala unyana uHebhere. 15Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.

16Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi. 17Uhleli amakhulu mane anamashumi mathathu emva koko, wazala abanye abantwana.

18UPelege uzele unyana, uRewu, emashumi mathathu ubudala. 19Uhleli amakhulu mabini anethoba emva koko, wazala nabanye abantwana.

20URewu uzele unyana, uSerugi, emashumi mathathu anambini ubudala. 21Uhleli amakhulu mabini anesixhenxe emva koko, wazala nabanye abantwana.

22Akuba mashumi mathathu ubudala uSerugi, wazala uNahore. 23Uhleli amakhulu mabini eminyaka emva koko, wazala nabanye abantwana.

24Wayenamashumi mabini anethoba uNahore ukuzala kwakhe unyana wakhe uTera. 25Emva koko uhleli ikhulu lineshumi elinethoba leminyaka, waza wazala nabanye abantwana.

26UTera wayeselenamashumi asixhenxe ukuzala kwakhe uAbram noNahore noHaran.

Inzala kaTera

27Nanga amagqabantshintshi ngoTera uyise ka-Abram noNahore noHaran. UHaran wazala uLothe, 28waza kwayena uHaran watshabela kwakweso sixeko sakubo, iUre kwelamaKaledi. Uyise wayesadla amazimba. 29UAbram wathatha uSarayi, waza uNahore yena wathatha uMilika, intombi kaHaran uyise kaIska. 30Ke kaloku uSarayi wayengenabantwana, kuba wayengazali.

31UTera wafuduka eUre, ehamba noAbram unyana wakhe, kunye nomzukulwana wakhe uLothe, unyana kaHaram, kwakunye noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram. Wemka kwelamaKaledi, wafudukela welaseKanana. Bahamba bada baya kutsho eHaran, bafika bema apho. 32Wabhubhela apho eHaran uTera emakhulu mabini anantlanu ubudala.

EYEZIQALO 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 6

UYesu wandisa ukutya

(Mat 14:13-21; Marko 6:30-44; Luka 9:10-17)

1Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya. 2Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo. 3UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe. 4Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika. 5Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?” 6Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza.

7Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.”

8Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye: 9“Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?”

10Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu. 11Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela. 12Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.” 13Bawaqokelela ke amaqhekeza aseleyo ezo zonka zihlanu zerhasi, kwazala iingobozi ezilishumi elinambini.

14Bakuwubona abantu lo mqondiso uYesu awenzileyo, bathi: “Ngenene, kuthe kanti nguye lo *umshumayeli obekade elindelwe!” 15Waqonda uYesu okokuba bazimisele ukuza kumthatha bamenze ukumkani, waza wemka, waya entabeni eyedwa.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

(Mat 14:22-33; Marko 6:45-52)

16Kwathi kwakuhlwa abafundi bakaYesu behla baya elwandle, 17bakhwela isikhitshana, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum. Nangona kwakusebusuku uYesu wayengekho kubo. 18Amanzi olwandle ayesilwa, kuba kwakuvuthuza umoya. 19Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke, 20kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.” 21Bamamkela ke esikhitshaneni, kwathi kwangoko isikhitshana safika kuloo ndawo babesiya kuyo.

UYesu usisonka sobomi

22Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa. 23Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele. 24Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum.

25Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?”

26Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. 27Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.”

28Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?”

29Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”

30Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo? 31Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’

32Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini. 33Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.”

34Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.”

35Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.

36“Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa. 37Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli, 38kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo. 39Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela. 40Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”

41Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini, 42athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?”

43Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela. 44Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. 45*Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum. 46Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo.

47“Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo. 48Ndim isonka sobomi. 49Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa. 50Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi. 51Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”

52AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?”

53Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi. 54Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. 55Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo. 56Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye. 57UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam. 58Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.”

Amazwi obomi obungenasiphelo

59Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo. 60Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?”

61UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo? 62Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona? 63NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi. 64Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha. 65Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.”

66Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba sahamba naye. 67Wathi ke uYesu kwabo bafundi bakhe balishumi elinambini: “Nithini na nina? Ngaba nani nifuna ukumka?”

68Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo? 69Thina siyakholwa sisazi okokuba nguwe onguYedwa kaThixo.”

70Wabaphendula uYesu wathi: “Beninganyulwanga ndim na, nina balishumi elinambini? Kanti omnye kuni aba ungumtyholi.” 71Wayethetha uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, kuba nangona wayengomnye wabafundi abalishumi elinambini, wayeza kungcatsha uYesu.

UYOHANE 7

Ukungakholwa kwabantakwabo-Yesu

1Emva koko uYesu wehla enyuka neGalili. Wayengathandi ukuya kwelakwaJuda, kuba amaJuda ayefuna ukumbulala. 2Lalisondele itheko lamaJuda ekuthiwa litheko lamaphempe, 3baza bathi kuye abantakwabo: “Khawumke apha, uye kwelakwaJuda, ukuze nabo abafundi bakho abalapho bazibone izinto ozenzayo. 4Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.” 5Babesitsho abantakwabo-Yesu kuba nkqu bona babengakholwa kuye.

6Wathi kubo uYesu: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki. 7Abantu beli hlabathi bandithiyile mna, kuba ndisoloko ndiyihlaba imikhwa yabo emibi, kodwa nina bayanithanda. 8Ningaya nina ethekweni apho, kodwa mna andiyi, kuba ayikabi lothuba lifanelekileyo eli kum.” 9Akuba etshilo wasala eGalili.

UYesu kwitheko lamaphempe

10Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela. 11AmaJuda ayemfuna apho ethekweni, emana ebuzisa ngaye. 12Kwakugqugulwa ngaye, kukho abathi: “Yindoda leya;” kukho nabathi: “Hayi bo, uyabalahlekisa abantu.” 13Noko akuzange kubekho bani uthetha ngaye ekuhleni, kuba babesoyika amaJuda.

14Kwathi itheko selishushu, uYesu waya *endlwini kaThixo, wafundisa. 15Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?”

16Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo. 17Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo. 18Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye. 19Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?”

20Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?”

21Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke. 22Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla. 23Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu? 24Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.”

Ngaba nguKrestu lo?

25Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala? 26Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu? 27Angathini na lo ukuba nguKrestu simazi nje apho avela khona? UKrestu akufika akuyi kubakho bani waziyo apho avela khona.”

28Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi, 29kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”

30Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha. 31Kodwa abantu abaninzi bâkholwa kuye, besithi: “Xa athe wafika uKrestu, ngaba ebenokwenza imiqondiso engaphezulu na kunale yenziwe ngulo?”

Ilinge lokubamba uYesu

32*AbaFarasi babeva abantu bethetha ngasese ngoYesu, baza bona nababingeleli abaziintloko bathuma abagadi bendlu kaThixo ukuba bambambe. 33Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo. 34Niya kundifuna ke, ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona.” 35Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike? 36Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”

Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele

37Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele. 38*IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.

39UYesu wayithetha le nto esingisele kuMoya ababeya kumamkela abo babekholwa kuye. Kaloku uMoya wayengekafiki, kuba ubungangamsha bukaYesu babungekabonakali.

Impikiswano ngoYesu

40Bakumva uYesu esitsho, abantu abathile esihlweleni bathi: “Ngenene lo mntu nguye lowa *Mshumayeli.”

41Abanye bathi: “Lo mntu *nguKrestu.”

Kodwa bambi bathi: “Angathini uKrestu ukuvela eGalili? 42*IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.” 43Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe. 44Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.

Ukungakholwa kweenkokheli zamaJuda

45Abagadi *bendlu kaThixo babuyela kubabingeleli abaziintloko *nabaFarasi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye nje?”

46Baphendula abagadi abo bathi: “Akukho namnye umntu owakha wathetha njengalo.”

47Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani? 48Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye? 49Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”

50KubaFarasi abo kwakukho noNikodimo lowo wayekhe wadlana iindlebe noYesu, waza ke yena wathi kubo: 51“Umthetho wethu awuvumi okokuba umntu agwetywe lingathanga laxoxwa ityala lakhe, kwacaca oko akwenzileyo.”

52Baza bathi kuye: “Ngaba nawe lo ungowaseGalili na? Khawuphengulule *iziBhalo ubone, kuba akukho *mshumayeli uvela eGalili.”

[ 53Baza bagoduka ke bonke.]

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-