Bible Society of South Africa

To The Word – Day 37

Numbers 11–15, 1 Corinthians 1–2

Itekisi yeBhayibhile

EYASENTLANGO 11

Isibetho somlilo

1Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela *uNdikhoyo ngenxa yobunzima ayebuva. Uthe akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka, wawathumela ngomlilo. Ke wona wadangazela wayitshabalalisa inxalenye yamaphethelo ekampu yamaSirayeli. 2Ke wona abhenela kuMosis, acela uncedo. Yena ke wabongoza uNdikhoyo ngenxa yawo, waza ke umlilo lowo wadamba. 3Ngenxa yaloo mlilo ke wathunyelwa nguNdikhoyo, amaSirayeli athi igama laloo ndawo yiTabhera.

UMosis ukhetha iinkokheli

4Ke kaloku phakathi kwamaSirayeli kwakukho ingxubevange yabantu. Bona ke basuka bangenelwa kukurhala, aza namaSirayeli angenelela, akhalaza athi: “Awu, akwaba besinokukhe sifumane inyama! 5Khawufan' ucinge; kaloku eJiputa intlanzi sasiyitya side siyishiye, singayithenganga nokuyithenga. Awu, yeka loo nkonkomire, naloo vatala, nelo hanyanisi, nelo tswele, nezo kinofile sasizixhaphaza! 6Uyabona ke ngoku seside sakruquka; ibe ke akukho nakutya ngaphandle kwale mana.”

7Imana leyo ke ibilingana nembewu yekoriyanda, imhlotshana oku kwentlaka. 8-9Ke yona yayibakho ngokuhlwa, isiwa nombethe. Kwakusithi ke kusasa abantu baphume baye kuyichola bayiqokelele, bayisile ibe ngumgubo, okanye bayingqushe. Babeyipheka okanye bayenze amaqebengwana ngamafutha. Emlonyeni yayingathi sisonka esenziwe ngamafutha omnquma.

10UMosis weva imizi ngemizi yamaSirayeli ikhalaza. Wev' intw' embi, kuba umsindo *kaNdikhoyo wasuka wavutha. 11Wabhekisa kuNdikhoyo wathi: “Ngani ukuba undiphathe kanje, Mhlekazi? Undiqumbele ngani? Kwakutheni ukuze undinike aba bantu baluxanduva olunje? 12Kakade, ngaba bakhawulwa ndim? Hayi kaloku, àbazalwa ndim; ngani ke ukuba uthi mandibasingathe oku kwempelesi egcina usana, ndibase kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu? 13Kodwa kodwa ndingayizuza phi inyama, ukuze ndiphe bonke aba bantu? Kuba nâbo besoloko bebhomboloza, besithi mandibaphe inyama. 14Hayi bo! Andinako ukuwuthwala ndedwa lo mthwalo ungaba bantu; ungaphezu kwam! 15Endaweni yale ndlela undiphethe ngayo, ndibulale kube kanye, ukuba uyavelana nam, khon' ukuze ndingayiboni le ntlekele iza kundihlela!”

16Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe aziinkokheli zamaSirayeli, uze nawo apha *esibingelelweni, eme nawe. 17Ke mna ndiya kufika ndithethe nani khona, ndize nawo ndiwahlulele kuMoya okuwe, khon' ukuze abe nokukunceda kolu xanduva lungaba bantu, ungaluthwali wedwa. 18Ke bona aba bantu yithi kubo: ‘Hlambulukani, kuba ngomso niya kuyitya inyama. Kaloku uNdikhoyo usivile isililokazi senu, nisithi nikhanuka inyama, akwaba beniseseJiputa. Ngoku ke uNdikhoyo uza kuninika loo nyama, yaye ke niza kuyitya. 19Ewe, anizukuyitya nje usuku olunye nezimbini, mhlawumbi ezimbalwa; 20hayi, niya kuyitya inyanga yonke, ide iphume ngeempumlo, nidikwe ide ibe lizothe kuni. Kaloku nimbukule uNdikhoyo ekho, elapha phakathi kwenu; nibhomboloza nisithi: “Akwaba sasingemkanga eJiputa!” ’ ”

21UMosis waphendula wathi kuNdikhoyo: “Aba bantu ngamakhulu amathandathu amawaka xa ndibala amadoda anokuya emfazweni kuphela, ibe ke wena usithi uza kubanika inyama yenyanga yonke! 22Khona sebexhelelwe imihlambi yeenkomo neegusha, uthi banganela? Okanye ke uthi banganela xa benikwe zonke iintlanzi eziselwandle?”

23UNdikhoyo wabuza wathi: “Ucinga ukuba ikho into engaze indoyise? Nawe uza kuzibonela ukuba liwa phantsi na ilizwi lam!”

24UMosis ke waya kumaSirayeli, wawaxelela oko kuthethwe nguNdikhoyo. Wathatha amashumi asixhenxe amadoda amakhulu, wawamisa angqonga isibingelelo. 25UNdikhoyo ke wehla ngelifu, wafika wathetha naye. Iinkokheli ezo wazahlulela kuMoya owawukuMosis, zaza zathi ke zakuwufumana zadanduluka okwabashumayeli, nakuba zingaphindanga zenjenjalo.

26Ezimbini kwezi nkokheli, uEldadi noMedade, zona zahlala ezindlwini zazo, azaya esibingelelweni. Kodwa uMoya wazifikela, zatsho zashumayela nazo. 27Umfana othile wabaleka waya kuxelela uMosis ukuba uEldadi noMedade bayashumayela.

28Ke yena uYoshuwa, unyana kaNune, owayelihlakani likaMosis kwasebutsheni bakhe, wabhekisa kuMosis wathi: “Banqande, nkosi yam, bangashumayeli!”

29Koko ke yena uMosis waphendula wathi: “Ngaba uya ndikhweletela na? Ukuba bekuya ngam, uNdikhoyo nge-ebafaka uMoya wakhe bonke abantu bakhe, batsho babe ngabashumayeli bonke.”

30Ke kaloku uMosis naloo mashumi asixhenxe eenkokheli bagoduka.

AmaSirayeli nezagwityi

31*UNdikhoyo wasuka wathumela umoya, wandulula izagwityi elwandle. Zafika zasingqonga isikhululo samaSirayeli, zibhabhazela phantsi kumphakamo omalunga nemitha enye. Zazininzi kangangokuba ubunokuhamba imini yonke ucanda phakathi kwazo. 32Loo mini yonke ke, nobusuku bayo, nemini elandelayo, amaSirayeli aba zizingxada-ngxada eqokelela izagwityi. Nomntu owabutha kancinci akafumananga ngaphantsi kwewaka leekhilogram ubunzima. Ke inyama leyo ayeyiqwayita eyibeka ijikeleze izindlu zawo. 33Kambe kwathi esayihlafuna inyama leyo, engekayigqibi, suka wavutha umsindo kaNdikhoyo, wawabetha ngobhubhani amaSirayeli. 34Ngoko ke igama laloo ndawo kwathiwa yiKibroti-hatava, kuba bangcwatywa apho abantu ababebawela inyama.

35Ukusuka apho ke amaSirayeli aya kugaleleka eHazeroti, apho afika anqumama khona.

EYASENTLANGO 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 12

Isohlwayo sikaMiriyam

1Ke kaloku uMosis wayethathe umKushekazi, kwaza ngenxa yeso sizathu uMiriyam noAron bamgxeka. 2Babesithi: “*UNdikhoyo ngaba uthethe ngomlomo kaMosis kuphela na? Kanene akathethanga na nathi?” Kambe ke uNdikhoyo wakuva oku kuthetha kwabo. ( 3Lo mfo unguMosis ke wayelilulama, kungekho mntu ufika kuye ngokuthoba ehlabathini liphela.)

4UNdikhoyo wathetha ngoko nangoko noMosis noAron noMiriyam, wathi: “Yiyani phaya *esibingelelweni nobathathu.” Ngenene ke baya, 5waza uNdikhoyo wehla ngelifu, waya kuma esangweni lesibingelelo. Wasuka ke wabiza uAron noMiriyam. Bakuba bezile ke, 6uNdikhoyo wathi: “Phulaphulan' apha! *Kumshumayeli onokubakho phakathi kwenu ndizibonakalisa ngemibono, ndithethe naye ngamaphupha. 7Akunjalo ke kodwa kwisicaka sam uMosis; yena lithenjwa kwindlu yam iphela. 8Ngoko ke yena ndithetha naye ubuso ngobuso, hayi ngezangotshe. Ewe, mna ngokwam ndiyazibonakalisa kuye. Hee! Ngani ke ukuba ningoyiki ukuthetha kakubi ngesicaka sam uMosis?”

9Hayi ke, wavutha uNdikhoyo ngumsindo, wabashiya. 10Lithe ke lona liphuma ilifu apho esibingelelweni waye uMiriyam selemhlophe wé sisifo solusu esikhwankqisayo. UAron uthe akumjonga wafumanisa ukuba simbophile esi sifo. 11Kwangoko ke wajikela kuMosis, wambongoza wathi: “Camagu, nkosi yam! Ndiyakuthandaza; musa ukukhathazeka ngenxa yobutyhakala esibenzileyo. 12Nqanda angade abe ngathi yinto ezelw' ifile selineenyama ezonakeleyo.”

13Kwangoko ke uMosis wadanduluka kuNdikhoyo, wathi: “Camagu, Thixo wam, ndiyakubongoza, khawumphilise!”

14UNdikhoyo waphendula wathi: “Andithi ebengáthi ekhe watshicelwa nguyise ebusweni anyeliseke iintsuku ezisixhenxe? Nangoku ke makakhutshelwe ngaphandle kwebandla lakwaSirayeli iintsuku ezisixhenxe; emva koko ke aphinde abuye.” 15Ngenene ke uMiriyam wakhutshelwa ngaphandle komzi wamaSirayeli iintsuku zasixhenxe. AmaSirayeli ke akhe alinda apho kuloo ndawo wada uMiriyam wabuyiselwa. 16Kamva ke anduluka apho eHazeroti, aya kugaleleka kwintlango yaseParan.

EYASENTLANGO 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 13

Iintlola

(Hlaz 1:19-33)

1*UNdikhoyo wayalela uMosis 2ukuba akhethe inkokheli ibe nye kwindlu nganye kwezo zilishumi elinambini, azithumele zibe ziintlola, ziye kuhlola ilizwe laseKanana awayelinika amaSirayeli. 3-15UMosis wenza ngokwelo lizwi likaNdikhoyo, waza khona apho kwintlango yaseParan wazikhetha ngolu hlobo iinkokheli:

Indlu Inkokheli
KwaRubhen uShamuwa kaZakure
KwaSimon uShafati kaHori
KwaJuda uKalebhi kaJefune
KwaIsakare uIgali kaJosefu
KwaEfrayim uHosheya kaNune
KwaBhenjamin uPalti kaRafu
KwaZebhulon uGadiyeli kaSodi
KwaManase uGadi kaSusi
KwaDan uAmiyeli kaGemali
Kwa-Ashere uSeture kaMikayeli
KwaNafetali uNabhi kaVofesi
KwaGadi uGeweli kaMaki

16Ezi ke ziintlola ezathunyelwa nguMosis ukuba ziye kuhlola elaseKanana. Ke yena uHosheya, unyana kaNune, uMosis wamnika igama elinguYoshuwa.

17Ke kaloku ukuzindulula kwakhe uMosis wathi: “Phumani ninyuke nilingene eMazantsi ilizwe laseKanana, nize niye kufikelela kweleentaba. 18Maze nilijonge ukuba uluhlobo luni na umhlaba walo; bungakanani na ubuninzi babantu balo; ngaba ngamakroti okanye amagwala? 19Ze niqondisise ukuba lilizwe elinjani na: lihle na noba hayi? Khona abantu balo balime kanjani: ziidolophu eziphangaleleyo, okanye zizixeko ezikhuselweyo? 20Ze nilijonge ukuba ngaba lelendyebo, indlala, sini na; niqondisise noba ngaba linemithi na. Ze nibuye niphethe iziqhamo zakhona.” Ixesha lonyaka ezahamba ngalo yayilelokuvuthwa kweediliya.

21Loo madoda ke aphuma enyuka alijonga eqalela kwintlango iZin, aya kuqhina ngeRehobhi kwinkalo yeHamati. 22Angena eMazantsi aya kufika eHebron, apho kwakumi ama-Ahiman, namaSheshayi, namaTalmayi omlibo ka-Anaki. (IHebron le ke yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe phambi kokwakhiwa kweZowan yaseJiputa.) 23Iintlola ezo ke zaya kufikelela nakwintili ye-Eshkoli. Apha ke zakha isebe lomdiliya elalinesihlahla esinye seediliya. Labekwa esibondeni, laxwaywa ngamadoda amabini. Ngokunjalo zakha zaphatha neerharnati namakhiwane. ( 24Le ntili ke yathiywa igama elithi intili ye-Eshkoli ngenxa yeso sikhinkci seediliya iintlola ezo zasikhayo apho kuyo.)

25Ezi ntlola ke zathatha amashumi amane eentsuku ziligocagoca elo lizwe, zaza ke zagoduka zaya 26kuMosis noAron nebandla liphela lamaSirayeli eKadeshe kwintlango yaseParan. Zenza ingxelo ngezikubonileyo, zababonisa neziqhamo ezazize nazo. 27Zathi kuMosis: “Elaa lizwe silikhangele, saza safumanisa ukuba lityebile, lilizwe lobisi nobusi. Khangela, nazi iziqhamo zakhona. 28Kambe ke abantu balo ziingwanyalala, zaye ke nezixeko zabo zikhulu zinqatyisiwe. Ngaphezu koko ke nenzala ka-Anaki siyibone ngamehlo. 29Ama-Amaleki wona emi eMazantsi; aze amaHiti, amaJebhusi, nama-Amori wona abe phaya kweleentaba; kanti ke wona amaKanana athe qwelele phaya ngaselwandle nakummandla womlambo iJordan.”

30Kwesi sithuba ke uKalebhi wasuka wababeth' emlonyeni abo babenika ingxelo kuMosis, wathi: “Mawethu, kuf' ayayo! Masinyuke ngoku siye kulihlasela elaa lizwe. Sinako ukubaswantsulisa abaya bantu.”

31Kambe ke oogxa bakhe baphikelele bathi: “Ayikho indlela yokubahlasela, kuba ziingwanyalala kunathi.” 32Ngoko ke lo moya wabo bawuhlwayela apho kumaSirayeli ngemeko yelo lizwe babevela kulo. Bade bathi: “Elo lizwe linengozi; kuyatshatyalalwa apho. Abantu bakhona baziingxilimbela; 33siyibonile nenzala ka-Anaki. Ngokubona kwethu, thina sinjengeentethe kubantu belo lizwe; makube kukwanjalo nasekuboneni kwabo.”

EYASENTLANGO 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 14

AmaSirayeli ayakhalaza

1Ke kaloku ibandla liphela lamaSirayeli latsho ngesimbonono lakhala bonke obo busuku. 2Ewe, uSirayeli wakhalaza kuMosis noAron, esithi: “Akwaba sasifele eJiputa, okanye sifele kule ntlango. 3Ngani ukuba *uNdikhoyo asise kwilizwe elinjalo? Kuba kucacile ukuba siya kufel' emfazweni, baze abafazi nabantwana bethu babe ngamaxhoba. Anitsho nina ukuba kubhetele sibuyele kwaseJiputa?” 4Baza ke bacebisana bathi: “Masizikhethele inkokheli yokusibuyisela eJiputa.”

5Kwesi sithuba ke uMosis noAron bathi guqaqa apho phambi kwebandla lakwaSirayeli liphela. 6Ke yena uYoshuwa unyana kaNune, noKalebhi unyana kaJefune, abanye bezaa ntlola, basuka baziqwenga iimpahla zabo ngenxa yokukhathazeka, 7baza babhekisa kumaSirayeli, bathi: “Hayi bo! Elaa lizwe sivela kulijonga lelihle kunene. 8Ukuba uNdikhoyo uyakholwa sithi, uza kusisa kulo, alinikezele kuthi, yeka ke kambe indyebo yalo – liyintombazana! 9Nto nje nina musani ukumvukela uNdikhoyo, ningabaxhaleli nabemi belo lizwe, kuba siya kuboyisa lula. UNdikhoyo ungakuthi, ibe ke bona bakukutya kwethu, kuba *izithixo zabo azinakubanceda. Hayi bo, sanukuba nadyudyu ngenxa yabo!”

10Ke kaloku amaSirayeli ephela athi selezimisele ukubaxuluba ngamatye, suka abona ngobukhazi-khazi bokukhazimla kukaNdikhoyo bukhakhaba phezu kwesibingelelo.

UMosis uyatarhuzisa ngenxa yamaSirayeli

11*UNdikhoyo ke wadanduluka wathi: “Koda kube nini aba bantu bendidela? Koda kube nini bengandithembi, nangona sendenze imimangaliso engaka nje phakathi kwabo? 12Yini le! Ndiza kubathumela ngobhubhani ndibatshabalalise. Kambe ke wena, nenzala yakho, ndiza kukwenza isizwe esikhulu nesinobungangamsha kunabo.”

13Ke yena uMosis waphendula wathi kuNdikhoyo: “Awu, Mhlekazi, koba yini amaJiputa akuyiva loo nto? Kaloku nguwe owakhupha aba bantu phakathi kwawo ngamandla akho. 14Abemi beli lizwe sebezivile iindaba zokuba wena Ndikhoyo uhamba nawo amaSirayeli, abantu bakho, yaye ubonwa ngamehlo; futhi nelifu lakho lisoloko lijinga phezu kwawo. Bevile nokuba wena emini uwakhokela ngomqulu welifu, uze uwakhokele ngomlilo odangazelayo ebusuku. 15Ngoko ke ukuba uyawatshabalalisa, ezi zizwe zivileyo ngodumo lwakho ziya kuthi 16aba bantu bakho ubatshabalalisele kule ntlango kuba woyisiwe kukubasa kwelo lizwe wawubathembise ngalo ngesifungo. 17Ndiyakubongoza ke ngoko, Mhlekazi, ukuba ukhe uphuhlise amandla akho ngokwelizwi lakho elithi: 18‘Mna Ndikhoyo andicaphuki msinya, koko ndiyimvuze-mvuze ngothando; futhi ndiyabaxolela abonayo nabakreqi. Kambe ke andibuyi ngamva ekubohlwayeni abanetyala. Ngenxa yesono sabazali abantwana ndibohlwaya ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.’ 19Ngoko ke, camagu, lala ngenxeba, Mhlekazi! Khawenze ngokwezibele zothando lwakho olungaphele ndawo, ubuxolele ubugwenxa baba bantu. Njengoko wasoloko umana ubaxolela oko semkayo eJiputa, nakalokunje, Mhlekazi, makube chosi, kube hele!”

20UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi ke, ndiyabaxolela ngokwesicelo sakho. 21Kodwa ke ngenene ndiyafunga, ndikho nje, obam ubungangamsha buzalise ihlabathi jikelele. 22Ngoko ke akukho nanye indoda kwaba bantu eya kufika kwelo lizwe. Kaloku babubonile ubukhazikhazi obuntama ukuba ndikho, ndawonye nemiqondiso endayenza eJiputa nakule ntlango; kodwa nakuba kunjalo bayaphindelela ukundivavanya, besala ukundithobela. 23Soze athi cakatha kwelo lizwe ndathembisa ngalo ooyise ngesifungo. Soze bangene kulo bonke abandidelayo.

24“Kambe sona isicaka sam uKalebhi akafani nabo. Yena waba soloko endithobela, ngoko ke yena ndiya kumngenisa kwelo lizwe walibonayo, yena nesizukulwana sakhe. 25Njengoko loo mhlaba untili zawo zimiwe ngama-Amaleki namaKanana ngoku, jikani ngomso, nihambe niye entlango ngecala loLwandle oluBomvu.”

Isohlwayo ngenxa yokukrokra

26*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi: 27“Kanti koda kube nini ezi zikhohlakali zabantu zindikrokrela? Hayi, ndanele zizikrokro zabo! 28Ngoko ke baxeleleni ukuba ndithi: ‘Ngenene, ndingophilayo nje, ndiyafunga, ndiza kunenzela kanye le nto niyithethileyo. Nditsho mna Ndikhoyo. 29Niza kufa, zaye ke izidumbu zenu ziya kuqungquluza kule ntlango. Kaloku niyandikhalazela, ngoko ke bonke ababudala bungaphezu kwamashumi amabini soze bangene kwelo lizwe. 30Ndathembisa ukuba elo lizwe loba lelenu, kodwa akukho namnye kuni uya kulifumana, ngaphandle kukaKalebhi noYoshuwa. 31Abo bantwana benu nina nithe boba ngamaxhoba mna ndiza kubangenisa kwelo lizwe nilibukulayo nina, lize limiwe ngabo. 32Okokwenu ke nina niza kufela apha kule ntlango. 33Koda kufe nowokugqibela kuni, abantwana benu bezizibhadu-bhadu amashumi amane eminyaka apha kule ntlango ngenxa yokungandithobeli kwenu. 34Ewe, yoba yiminyaka emashumi mane nisitya iziqhamo zokukreqa kwenu; unyaka ngamnye umele usuku ngalunye kwezo zathathwa ziintlola kwelo lizwe. Niza kuthi shuu ngenxa yezono zenu, nibuve ubunzima bokuchaswa ndim! 35Ngenene mna Ndikhoyo ndiyafunga, ndiza kuyenza le nto kuni, zikhohlakalindini zabantu ezidibene ngam. Nonke, ngabanye ngabanye, niza kufela apha kule ntlango.’ ”

36-37Ezaa ntlola zazithunywe nguMosis kwelaa lizwe zabuya nengxelo engatshongo khona ngalo, yawatsho amaSirayeli amkhalazela uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani afa. 38Kwelo shumi linambini leentlola kwasinda uYoshuwa noKalebhi kuphela.

Ilinge lokuhlasela iKanana

(Hlaz 1:41-46)

39AmaSirayeli enza isijwili esilusizi uMosis akuwaxelela into ethethwa *nguNdikhoyo. 40Ke kaloku avuka ekuseni ngomhla olandelayo, aphuma esiya kweleentaba. Ayevuma esithi: “Ngenene sonile; kodwa ke ngoku sikulungele ukuya kulaa ndawo ebethe masiye kuyo uNdikhoyo.”

41Kambe ke uMosis wawanqanda esithi: “Kutheni nitsiba umyalelo kaNdikhoyo nje? 42Aniyi kuba nampumelelo. Musan' ukuya, kuba uNdikhoyo akakho ngakuni; ngoko ke niya koyiswa ziintshaba. 43Niya kuqubisana nama-Amaleki namaKanana. Nofela apho edabini, kuba engekho ngakuni uNdikhoyo, ngenxa yokuba nina nikreqile ekumlandeleni.”

44Kodwa ke anyanzelisa aya kuloo mmandla weentaba, nangona ityesi yomnqophiso ngokunjalo noMosis wayesele ngemva. 45Wona ke ama-Amaleki namaKanana, abemi baloo mmandla, bawahlasela bawoyisa amaSirayeli, baza bawaswantsulisa aya kutsho eHoma.

EYASENTLANGO 14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYASENTLANGO 15

Mayela namadini

1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba nifikile kwelo zwe ndininike lona ukuba libe lelenu, 3kungánikelwa ngenkomo, noba yigusha, okanye ibhokhwe, xa kusenziwa amadini ngomlilo, nokuba lidini elitshiswayo, nokuba lelinye idini elisisifungo, okanye elokuqhutywa yintliziyo, okanye elamathuba emibhiyozo. Amadini anje ke alivumba eliyolileyo kuNdikhoyo. 4Ke yena umntu owenzela uNdikhoyo idini elinjalo makathathe ikhilogram yomgubo wengqolowa oxutywe nelitha yamafutha omnquma, ukuze ube ngumnikelo wokutya, 5ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo. 6Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya, 7ngokunjalo nelitha enesiqingatha yewayini engumnikelo othululwayo. Ivumba lamadini anje ke liyolile kuNdikhoyo. 8-9Kanti ke xa kusenzelwa uNdikhoyo idini elitshiswayo, noba lidini lesifungo, okanye idini lobudlelwana, inkunzi yenkomo mayihambe neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe neelitha ezimbini zamafutha omnquma, uze ube ngumnikelo wokutya, 10ngokunjalo neelitha ezimbini zewayini, zibe ngumnikelo othululwayo. Eli ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.

11“Kuya kuqhutywa ngolu hlobo ke, kwinkunzi yenkomo nganye, inkunzi yegusha, noba lixhwane eliliduna legusha okanye elebhokhwe. 12Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi. 13Onke amaSirayeli omthonyama makenjenje ke xa esenza idini ngomlilo, dini elo lileliyolileyo kuNdikhoyo. 14Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango. 15Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga. 16Ewe, le mithetho nale miqathango inibandakanya nonke.”

17UNdikhoyo wathi kuMosis 18makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo, 19xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo. 20Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno. 21Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”

Amadini ezono zempazamo

22Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo, 23mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo: 24Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono. 25Ngezi zinto umbingeleli uya kucamagushela ibandla lamaSirayeli, lize lixolelwe. Kaloku impazamo leyo yeyokungaqondi, ibe ke futhi elenzile idini ngomlilo elikwalidini lesono. 26Ibandla liphela ndawonye nabangeneleli baya kuxolelwa, kuba kaloku xa bebonke iyababandakanya le mpazamo.

27“Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye. 28Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe. 29Koqhutywa ngaloo ndlela ke nakubani na owone ngokungaqondi, noba ngowomthonyama, okanye umngeneleli.

30“Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe, 31kuba akalikhathalelanga ilizwi likaNdikhoyo, waza wawaphula umyalelo wakhe ngabom. Xa kunjalo ke woba uzenzakalise ngokwakhe.”

Umntu osebenza ngoMhla wokuPhumla

32Ngamhla uthile amaSirayeli eselapho entlango kwabhaqwa umntu etheza *ngoMhla wokuPhumla. 33Wabanjwa wasiwa kuMosis noAron nebandla liphela. 34Waza wakhe wavalelwa, kuba ingekacaci into emayenziwe ngaye. 35*UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: “Makabulawe! Ibandla liphela malimkhuphele ngaphandle komzi, limxulube ngamatye ade afe.” 36Ngoko ke amaSirayeli ephela amkhuphela ngaphandle, amkhanda ngamatye wada wafa ngokomyalelo kaNdikhoyo.

Mayela neentshinga

37*UNdikhoyo ke wathi uMosis 38makathethe namaSirayeli, athi: “Nanini na fakani iintshinga kumasondo eempahla zenu. Intshinga nganye ke mayibe nomtya omzuba. 39Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu. 40Zona ziya kuhlala zinikhumbuza ukuthobela imiyalelo yam; nize ke ngokwenjenjalo nibe libango lam ncam. 41Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wenu, owanikhupha kwelaseJiputa, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu. Ngenene mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu!”

EYASENTLANGO 15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu. 2Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu. 3Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.

Umbulelo

4Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu. 5Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo. 6Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni, 7kangangokuba aniphoswanga nasinye isipho esivela kuThixo ngeli xesha nikulindeleyo ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu. 8INkosi uYesu Krestu iya kunomeleza kude kube sekupheleni, ningabi nabala ngeMini yayo. 9Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.

Ukungavisisani ebandleni

10Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye. 11Kuba kaloku, mawethu, ndixelelwe ngani ngabakuloKlowe ukuba kukho ukungavisisani phakathi kwenu. 12Ndithetha le nto yokuba kuthiwa omnye kuni uthi: “Mna ndingokaPawulos;” omnye athi: “Mna ndingoka-Apolo;” omnye athi: “Mna ndingokaPetros;” omnye ke athi: “Mna ndingokaKrestu.” 13Ngaba wahluka-hlukene na uKrestu? Ngaba nguPawulos na owabethelelwa ngenxa yenu? Ngaba nabhaptizwa egameni likaPawulos na? 14Ndiyambulela uThixo kuba ndingabhaptizanga namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo, 15ukuze kungabikho mntu uthi ndabhaptiza egameni lam. 16Gxebe, ndabhaptiza noStefano nendlu yakhe. Ngaphandle kwabo ke, andikhumbuli ukuba ndabhaptiza wumbi. 17Kakade uKrestu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezimnandi, kungabi ngabuciko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKrestu ungalanjathiswa.

UKrestu ungamandla nobulumko bukaThixo

18Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo. 19Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “Ndiya kububhangisa ubulumko bezilumko; ukuhlakanipha kweengqondi ndikuphuthise.” 20Xa kunjalo ke ziphi na izilumko, ziphi na iingqondi, ephi na wona amaciko eli hlabathi? Kaloku uThixo ubonakalisile ukuba ubulumko beli hlabathi bubudenge.

21UThixo ngobulumko bakhe ubone okokuba ihlabathi malingabi nako ukumazi ngobalo ubulumko. Hayi, kwakholeka kuThixo ukuba abo bakholwayo abasindise “ngobudenge” belizwi esilishumayelayo. 22AmaJuda afuna umqondiso; amaGrike wona afuna ubulumko; 23ke thina sivakalisa uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni; into ke leyo esisikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike. 24Ke kwabo babiziweyo, amaJuda kwanamaGrike, sivakalisa uKrestu ongamandla nobulumko bukaThixo. 25Kaloku into kaThixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu; nento kaThixo engathi ayinamandla, yomelele kuneyabantu. 26Mawethu, yikhumbuleni into enaniyiyo ukubizwa kwenu nguThixo. Babembalwa kuni abazizilumko ngokomgangatho wabantu, bembalwa abanamandla, bembalwa abangabantwana begazi. 27Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla. 28Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. 29Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa. 30Kaloku uThixo unimanye noKrestu Yesu osityhilela bonke ubulumko bukaThixo. Ngaye uThixo usenza amalungisa, asenze imilowo yakwakhe, asinike inkululeko. 31Ngoko ke, njengoko iziBhalo zitshoyo: “Oqhayisayo makaqhayise ngeNkosi.”

1 KWABASEKORINTE 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 2

UPawulos ushumayela uKrestu obethelelwe emnqamlezweni

1Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi. 2Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. 3Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu. 4Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo. 5Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.

Ubulumko bukaThixo

6Kambe ke into endiyithethayo ibubulumko kwabo bavuthiweyo. Kodwa ke obo abububo ubulumko beli phakade, bungebubo nobabaphathi balo ababhangayo. 7Ndixela ubulumko bukaThixo obungaziwa mntu, awathi uThixo kwangaphambi kokudalwa kwehlabathi wabumisela ukuze sibe nodumo ngenxa yabo. 8Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha. 9Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:

“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,

nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,

zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

10UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo. 11Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. 12Ke thina asamkelanga moya simnikwe ngabantu; samkele uMoya esimnikwe nguThixo, ukuze sizazi izinto uThixo asibabale ngazo. 13Ezi zinto ke sizithethayo asizithethi ngabuciko sibunikwe ngumntu, kodwa sizithetha ngobulumko esibunikwe nguMoya oyiNgcwele. Sicacisa izinto ezizezoMoya ngamazwi esiwanikwa nguMoya. 14Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya. 15Ke umntu okhokelwa nguMoya okunene uyakwazi ukuzicalula zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akanakuphengululwa ngabangakhokelwa nguMoya. 16Kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:

“Ngubani na ozaziyo iingcamango zeNkosi;

ingubani na onako ukuyicebisa?”

Kaloku thina sicinga nto-nye noKrestu.

1 KWABASEKORINTE 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-