Bible Society of South Africa

To The Word – Day 30

Leviticus 17–20, Hebrews 9–10

Itekisi yeBhayibhile

EYONQULO 17

Indawo emakuxhelelwe kuyo

1*UNdikhoyo wathi uMosis 2makagqithisele le mimiselo kuAron nakoonyana bakhe nakumaSirayeli ephela: 3-4UmSirayeli oxhela inkomo nokuba yigusha nokuba yibhokhwe, eyixhelela elalini okanye nakuyiphi na enye indawo, waphula umthetho xa loo nto angayenzeli ngasesangweni *lesibingelelo. Umntu ongawuthobelanga lo mmiselo wofana nomntu ophalaze igazi, yaye uya kusikwa kumaSirayeli. 5Intsingiselo yalo mthetho kukuba amaSirayeli awazise kuNdikhoyo loo madini ebekade ewaxhelela naphi na. Onke amadini makaziswe kumbingeleli ngasesangweni lesibingelelo, abe ngamadini obudlelane. 6Umbingeleli uya kutshiza ngegazi elo kumacala onke eqonga ekungeneni kwesibingelelo, aze amanqatha awatshise enzele uNdikhoyo ivumba elimyoli. 7AmaSirayeli makangaphindi anganyaniseki kuNdikhoyo ngokuxhelela naphi na, esenzela iindimoni amadini. Esi sithethe amaSirayeli makangaze asityeshele.

8UmSirayeli okanye umngeneleli othe wenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo, okanye naliphi na elinye idini, 9ongalenzelanga uNdikhoyo ngasesangweni lesibingelelo, loo mntu kufuneka asikwe ebantwini bakaThixo.

Ukuxabiseka kwegazi

10UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento engophanga, *uNdikhoyo womfulathela, angabi nabudlelane naye. 11Igazi bubomi bayo nayiphi na into ephilayo. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo ayalela ukuba kungxengxezelwe ngalo izono zabantu eqongeni. Igazi libubomi, licamagushela izono. 12Yiyo ke loo nto uNdikhoyo athe amaSirayeli nabangeneleli maze bangayityi inyama yento engophanga.

13Xa kukho umSirayeli okanye umngeneleli othe wazingela wabamba inyamakazi okanye intaka etyiwayo, kufuneka igazi layo alivuzisele emhlabeni, aze aligqumelele ngomhlaba. 14Kaloku igazi libubomi bayo yonke into ephilayo. Kungenxa yoko ke uNdikhoyo athe kumaSirayeli makangayityi inyama yento engophanga, yaye nabani na oyityayo uya kusikwa ebantwini bakaThixo.

15UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, kufuneka ahlambe iimpahla, ahlambe nomzimba, alinde kutshone ilanga, ukuze uphele *umlaza. 16Ukuba akayenzi loo nto, aze aqonde ukuba isala-kutyelwa sibona ngolophu.

EYONQULO 18

Mayela norheletyo

1*UNdikhoyo wayalela uMosis 2ukuba axelele amaSirayeli athi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. 3Sanukulandela imikhwa yabantu baseJiputa, apho benifudula nihlala khona, okanye eyabantu baseKanana, apho ndinisa khona ngoku. 4Yithobeleni imithetho yam, nenze oko ndiniyalela kona. Ewe, ndim Ndikhoyo uThixo wenu. 5Nize nihambe ngemimiselo nangemithetho endiza kuniwisela yona; xa niyithobela niya kuphila ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.”

6UNdikhoyo ke wawisa le mithetho: “Makungabikho ndoda ihlangana nomntu ezalana naye. 7Uze ungamhlazisi uyihlo ngokuhlangana nonyoko; linyala ukuhlangana nonyoko. 8Uze ungahlazisi uyihlo ngokuhlangana naye nawuphi na kubafazi bakhe. 9Ungaze uhlangane nodade wenu, nokuba yintombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, nditsho nokuba ingakhulelanga kowenu. 10Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo. 11Ungaze uhlangane nentombi yeqadi; ngudade wenu lowo. 12Ungaze uhlangane nodade boyihlo 13okanye unyokokazi. 14Ungaze uhlangane nomka-yihlo-mncinci okanye kanyokolume. 15Ungaze uhlangane nomolokazana wakho, 16okanye umka-mntakwenu. 17Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi. 18Ungaze umenze umkakho udade bomkakho lo gama asaphilayo umkakho.

19“Ungaze uhlangane nomfazi osexesheni, kuba ùya kuxabheleka ngokwenjenjalo. 20Ungaze uhlangane nomfazi wenye indoda, kuba linyala loo nto. 21Unganikezeli namnye umntwana wakho abe yinto yokwenzela *uMoleki idini, kuba loo nto inyelisa igama loThixo wakho. Nditsho mna Ndikhoyo. 22Indoda mayingahlangani nenye indoda iyenze umfazi, kuba lisikizi elo. 23Makungabikho ndoda okanye umfazi ohlangana nesilwanyana; loo ntlondi ilisikizi. 24Ze ningazingcolisi ngezi ntlondi, kuba iintlanga zazixabhela ngenxa yezi zinto. Nditsho iintlanga ezazimi kulo mhlaba, ezi ngoku mna Ndikhoyo ndizikhuphayo kuwo ukuze kuhlale nina. 25Iintlondi zazo zada zaxabhela nomhlaba lo, ngoku ke ndiwenze ukuba ubabukule abantu ababewumile. 26-27Bawenza la manyala onke, baza balingcolisa elo zwe; ke nina maze niwatyeshele. Nditsho kuni nonke, maSirayeli kunye nabangeneleli, kufuneka le miyalelo yam niyigcine, 28khon' ukuze ningawuxabheli loo mhlaba ude unibukule njengoko wazibukulayo iintlanga ebezihlala kuwo ngaphambi kwenu. 29Yazini ukuba uyasikwa ebantwini bakaNdikhoyo nabani na owenza la masikizi.”

30“Thobelani imiyalelo yam,” utsho uNdikhoyo, “ningalinganisi imikhwa yabantu ababehlala apha ngaphambi kwenu. Ze ningazixabheli ngokwenza la manyala. Kutsho mna kaloku, Ndikhoyo, uThixo wenu.”

EYONQULO 19

Imithetho ngemithetho

1*UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba makathi kwibandla lilonke lakwaSirayeli: 2“Yibani ngabantu abangcwele, kuba mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndingcwele. 3Hlonelani uyihlo nonyoko, nize *noMhla wokuPhumla niwugcine ngokomyalelo wam. Kaloku ndim uNdikhoyo uThixo wenu.

4“Nize ningandifulatheli niye kunqula izithixo; ningaziqingqeli imifanekiso. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wenu.

5“Xa nixhele into yokwenza idini lobudlelane, ze nenze ngokommiselo endaninika wona, ukuze ndilamkele elo dini. 6Inyama yalo kufuneka ityiwe kanye ngalo mhla yawiswa ngawo loo nto yedini, kungenjalo ngomhla olandelayo. Ngomhla wesithathu yonke inyama eseleyo kufuneka itshiswe. 7Kaloku *selinomlaza, yaye ukuba kukho bani uyityileyo loo nyama, akayi kwamkeleka yena. 8Nabani na oyityileyo loo nyama wolizeka ityala. Kaloku uxabhele into eyahlulelwe mna. Loo mntu kufuneka asikwe kubantu bam.

9“Xa nivuna ze ningayisiki ingqolowa esemaphethelweni amasimi, ningakhwahlazi xa senivunile. 10Nasesidiliyeni ze ningakhwahlazi, newileyo ningayicholi. Ze niyiyekele amahlwempu kunye nabantu basemzini. Ndim kaloku uNdikhoyo uThixo wenu.

11“Ze ningebi, okanye nenze amaqhinga, okanye nixoke. 12Ungafungi ngegama lam uxoka. Ngokwenjenjalo unyelisa igama lam. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho.

13“Ungaze umqhathe ummelwane wakho okanye umenzele ubuqhophololo. Musa ukuwubamba umvuzo womntu omqeshileyo, nditsho nobusuku obunye obu. 14Ungasithuki isithulu, okanye ubeke umqobo osisikhubekiso phambi kwemfama. Ndihlonele; kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wakho.

15“Nize nigwebe ngobulungisa xa nichophele amatyala. Ze ningawenzeleleli amahlwempu, okanye nibe nomkhethe ngakwizityebi. 16Ningasasazi ulwimi ngabanye abantu, ningenzi nantoni na eya kubeka ubomi bomnye umntu esichengeni. Kaloku ndinguNdikhoyo.

17“Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. 18Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.

19“Yithobeleni imimiselo yam. Ze ningazekisi izilwanyana ezingelohlobo lunye, ningahlwayeli ndidi zahlukileyo zembewu ntsimini-nye, ningazambathi iimpahla ezilukwe ngemisonto eendidi zahlukileyo.

20“Ukuba indoda ithe yalala nekhobokazana esekuvunyelwene ngalo ukuba lithengiswe komnye, phofu lingekahlawulelwa, kufuneka bohlwaywe ngokulingene isenzo eso, kodwa bangàbulawa – kaloku ibiselikhobokazana. 21Loo ndoda kufuneka izisele uNdikhoyo inkunzi yegusha esangweni *lesibingelelo, ibe lidini lentlawulo. 22Uya kuthi ke umbingeleli enze ngayo idini longxengxezelo, aze ke loo mntu axolelwe isono sakhe nguNdikhoyo.

23“Nakufika eKanana ze nithi xa nityala imithi niyithathe njengemithi *enomlaza kwiminyaka emithathu yokuqala. Ngelo xesha ke ze ningatyi nto kuyo. 24Kunyaka wesine zonke iziqhamo mazinikelwe kum, mna Ndikhoyo, zibe ngumnikelo wombulelo. 25Kodwa kowesihlanu unyaka ningazitya iziqhamo. Xa nenjenjalo sochuma ngakumbi isivuno. Kutsho mna Ndikhoyo, Thixo wenu.

26“Ningatyi nyama inegazi. Ze ningavumisi, ningenzi naluphi na uhlobo lwemilingo. 27-28Xa nizilela abangasekhoyo ze ningazichebi iinwele ezisemacaleni entloko, neendevu ningaziphunguli. Ze ningavambi, ningenzi ntlanga emzimbeni. Kutsho mna Ndikhoyo.

29“Ningazingcolisi iintombi zenu ngokuzenza amahenyukazi. Xa nenjenjalo ilizwe loba lilizwe lobuhenyukazi, lize ke lizale yinkohlakalo. 30Nina ze niyigcine *iMihla yam yokuPhumla, nisihlonele isibingelelo sam. Kutsho mna Ndikhoyo.

31“Ningathathi ntonga niye kuvumisa kubantu abeva ngababhubhileyo. Xa nenza loo nto noba nezothe. Kutsho mna Ndikhoyo, Thixo wenu.

32“Bahloneleni abantu abadala, nibanike imbeko, nimhlonele uThixo wenu – ndinguNdikhoyo.

33“Ze ningabacinezeli abantu basemzini abahlala phakathi kwenu. 34Baphatheni ngokufanayo nabayinzala, nibathande kanye ngale ndlela nizithanda ngayo nani. Kaloku nani benikhe nangabantu basemzini eJiputa. Nditsho ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu.

35“Ze ningaqhathi bani ngokusebenzisa imilinganiselo engeyiyo, nditsho eyobude nobunzima neyesixa. 36Sebenzisani imilinganiselo engenankqatho, nokuba yeyobude, nokuba yeyobunzima, nokuba yeyenani. Nditsho mna Ndikhoyo Thixo endanikhuphayo eJiputa. 37Yithobeleni yonke imimiselo yam nemithetho yam; kaloku ndinguNdikhoyo.”

EYONQULO 20

Isohlwayo sokungathobeli

1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makathi kumaSirayeli: “Nabani na kuni, nokuba ngumntu wasemzini ohlala phakathi kwenu, othe wanikela ngomntwana wakhe ukuba kunqulwe ngaye uMoleki, loo mntu makaxulutywe ngamatye ngumzi uphela. 3Loo mntu ndiya kumchasa, ndingabi sambalela ebantwini bam, kuba umntu onikezela ngomntwana wakhe kunqulo lukaMoleki uxabhele *isibingelelo sam walinyelisa negama lam elingcwele. 4Xa ke umzi uthe awayihoya loo nto ayenzilyo loo mntu, uze ke ungàmbulali, 5mna okokwam ndomsukela loo mntu, kunye nendlu yakhe, kwakunye nabo bonke abazibandakanya naye ekungathembekeni kum banqule uMoleki. Ndobasika kubantu bam abo bantu.

6“Umntu oya kuvumisa kubantu abeva ngababhubhileyo ndomfulathela, angabi saba ngumntu wam. 7Hlalani nizahlulele mna, nibe ngcwele, kuba kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wenu. 8Imimiselo yam yithobeleni, kuba kaloku ndinguNdikhoyo, ndaye ndinebango ngani, ndim onenza nahluke.

9“Wonke umntu othuke uyise nokuba ngunina makabulawe; kaloku nguye ngenkqu unobangela wokubulawa kwakhe.

10“Indoda ethe yakrexeza nomfazi womwayo ongumSirayeli mayibulawe kunye naloo mfazi. 11Indoda ethatha isondo komnye wabafazi bakayise ihlazisa uyise, yaye mayibulawe kunye naloo mfazi. Ngabo ngokwabo unobangela wokubulawa kwabo. 12Indoda ethatha isondo kumolokazana wayo kufuneka ibulawe kunye naloo molokazana wayo. Benze inyala kaloku; ke ngabo ngenkqu unobangela wokufa kwabo. 13Indoda elala nenye yenza inyala kunye naloo ndoda ilala nayo. Mababulawe bobabini; yaye ityala lokubulawa kwabo likubo. 14Indoda ethathe umfazi, ize ithathe nonina waloo mfazi imenze umkayo, benze isikizi bobathathu, yaye kufuneka batshiswe bonke; into enjalo mayingenzeki phakathi kwenu. 15Umntu owenza amanyala kunye nesilwanyana kufuneka abulawe kunye neso silwanyana. 16Umfazi olinga ukwenza inyala lokulala nesilwanyana makabulawe kunye neso silwanyana. Lityala labo ukubulawa kwabo.

17“Indoda ethatha udade wayo imenze umfazi, nokuba yintombi kayise okanye yintombi kanina, kufuneka yona naloo mfazi bagxothwe phakathi kwabemi bomzi. Kaloku imnyelisile udade wayo; ke inetyala. 18Indoda ecela isondo kumfazi osexesheni kufuneka ikhutshelwe ngaphandle komzi kunye naloo mfazi; kaloku bobabini benze intlondi, *banomlaza.

19“Indoda mayingaceli isondo kudade boyise okanye kudade bonina; yakwenjenjalo yenza inyala elingumbulo kunye naye; bobabini banetyala. 20Indoda ethatha isondo kunina omncinci inyelisa uyise-mncinci, yaye yona kunye naloo mfazi kufuneka bohlwaywe; abakuba nanzala bobabini. 21Indoda ethatha umka-mntakwayo yenza amanyala; ayiyi kuba nanzala, naloo mfazi akayi kuzala; baya kufa benjalo. Kaloku indoda leyo imnyelisile umntakwabo.

22“Ze niyigcine imimiselo nemithetho yam,” waqhuba watsho uNdikhoyo, “khon' ukuze ilizwe laseKanana, endinisa kulo, linganibukuli. 23Amasiko ezo ntlanga endiza kuzikhupha kwelo zwe, ze kungene nina, maze ningawathathi. Zinezothe kum ngenxa yemikhwa yazo. 24Ke nina ndanithembisa lo mhlaba wazo ulinqatha, uchumayo, ukuba ndoninika wona niwume. Kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye ndinahlule kwezinye izizwe. 25Kufuneka ke ngoko nicalule phakathi kweenyamakazi ezityiwayo nezingatyiwayo, naphakathi kweentaka ezityiwayo nezingatyiwayo. Ningazityi ezo zingatyiwayo. Kaloku ndithe azityiwa; ke xa nithe nazitya noba nomlaza. 26Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa. 27Indoda nokuba ngumfazi ovumisa ngabantu ababhubhileyo kufuneka axulutywe ngamatye afe. Loo mntu wenza loo nto ufa ngetyala lakhe.”

KUMAHEBHERE 9

Ukufika komnqophiso omtsha

1Umnqophiso wokuqala wawunemimiselo eyayenzelwe unqulo. Wawunaso nesicamagushelo esasenziwe ngabantu. 2Kaloku kwakukho intente eyenziweyo; igumbi layo lokuqala kwakusithiwa yindawo engcwele. Kulo kwakukho indawo yokubeka isibane, kukho netafile, kunye nesonka esinikelwe kuThixo. 3Emva komkhusane wesibini kwakukho elinye igumbi. Le ndawo yona kwakusithiwa yeyona ndawo ingcwele. 4Apho kwakukho iqonga legolide, elaliyindawo yesiqhumiso. Kwakukho netyesi yomnqophiso eyayiqatywe ngegolide. Ngaphakathi kuyo kwakukho isitya segolide esasiphethe *imana, kukho nenduku ka-Aron eyakha yantshula amagqabi, kukwakho namacwecwe omnqophiso. 5Ngaphezu kwaloo tyesi kwakundanda imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ezibonakalisa isithozela nendili kaThixo, ithe naa amaphiko ngaphezu kwendawo yokucamagushela. Andizi kunika ncukacha ke ngalo mba.

6Ngokwale nkqubo, ababingeleli babesoloko bengena kwelokuqala igumbi, baqhube khona iinkonzo zabo. 7Kodwa kwelesibini igumbi kwakungena umbingeleli omkhulu kuphela, kanye ngonyaka. Naye kwakufuneka ephethe igazi aza kungxengxezela ngalo izono zakhe kwakunye nezo abantu bazenze bengaqondi ukuba bayona. 8UMoya oyiNgcwele ubonisa ngokucacileyo ukuba ngale nkqubo, xa kusekho igumbi lokuqala, ayikatyhilwa indlela eya kweyona ingcwele indawo. 9Yonke le nquleqhu yayingumfuziselo nje wala maxesha sikuwo. Loo minikelo naloo madini amiselweyo akanako ukuyenza ifezeke intliziyo yomnquli. 10Ngamatile-tile nje lawo aphathelele kwizinto ezityiwayo neziselwayo, nentlambuluko yangaphandle – yimimiselo nje ekhoyo kude kufike ixesha lenguqulelo entsha.

11Kodwa selefikile ngoku uKrestu, umbingeleli omkhulu wezinto ezintle ezikhoyo. Intente angena kuyo yena inkulu, iyayigqwesa eyomnqophiso wokuqala. Yona ayenziwanga mntu. Ndithetha ukuthi asiyiyo yeli hlabathi lidaliweyo. 12Igazi ledini asililo leebhokwe namathole, ligazi lakhe buqu. Kungoko ke wangenayo kwaba kanye kuphela kweyona ingcwele indawo, wasizuzela inkululeko yamaxesha onke. 13Ukuba kaloku kwakusenzeka ukuba abantu bahlanjululwe izisihla ngokutshizwa ngegazi leebhokhwe neleenkomo nangothuthu lwethokazi, 14ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.

15Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.

16Ke, apho kukho umyolelo kufuneka icace into yokuba umyoleli ufile. 17Kaloku umyolelo awusebenzi xa esaphila umyoleli; kuphela usebenza akuba efile. 18Seso sizathu ke esabangela ukuba nowokuqala umnqophiso usungulwe ngegazi. 19UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu, 20esithi: “Eli ligazi lomnqophiso aniwisele wona uThixo.” 21Kwangokunjalo wayifefa intente ababekhonzela kuyo, nazo zonke izitya ezazisetyenziswa kuyo. 22Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono. 23Ngoko ke ezi zinto zahlanjululwa ngolu hlobo. Kaloku zona ziyimifanekiso yezinto zokwenene ezisezulwini. Kodwa ke zona ezo zisezulwini zihlanjululwa ngamadini angcono.

Idini likaYesu liyazisusa izono

24Kaloku uKrestu le ndawo ingcwele angene kuyo ayenziwanga ngumntu, futhi ayingomfanekiso; koko ungene ezulwini phakathi. Ngoku umi khona phambi koThixo; uyasithethelela. 25Yena akaphinda-phindi ukuzinikela njengombingeleli omkhulu ongena endaweni engcwele minyaka le negazi elingelilo nelakhe. 26Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu. 27Umntu ngamnye ufa kube kanye, emva koko agwetywe. 28Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.

KUMAHEBHERE 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 10

1Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo. 2Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono. 3Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le. 4Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono.

5UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:

“Wena akuwafuni amadini neminikelo,

yiyo loo nto undilungiselele umzimba.

6Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;

7ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:

‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”

8Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho. 9Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini. 10Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba.

11Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono. 12Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo. 13Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe. 14Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo. 15UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala:

16“ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi:

‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam,

ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ”

17“Uphinda athi:

“Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.”

18Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.

Masisondele kuThixo

19Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko. 20Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe. 21Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo. 22Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. 23Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo. 24Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. 25Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

26Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu. 27Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo. 28Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu. 29Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo. 30Kaloku siyamazi lowo wathi:

“Impindezelo yeyam;

ndim oya kubuyekeza.”

Kwakhona uphinda athi:

“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”

31Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!

32Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko. 33Nanidla ngokuba sesichengeni sengcikivo nokungcungcutheka, kanti nanide nizimisele ukuzibandakanya nâbo babephethwe kakubi. 34Ewe kaloku, navelana nabo abo babesentolongweni; naloo nto yokohluthwa impahla yenu nayamkela ngovuyo, kuba nisazi ukuba nina ninento ebhetele eya kuhlala ihleli. 35Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu. 36Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe. 37Kaloku zithi *iziBhalo:

“Kusasele umzuzwana nje

aze lowo uzayo afike, angalibazisi.

38Kambe ke yena olungisayo uya kuphila ngokholo;

kodwa ke ukuba uthe warhoxa, andiyi kumkhathalela.”

39Phofu ke thina asingabo abo barhoxayo baze balahleke, koko singabo baya kudla ubomi kuba bethembele kuThixo.

KUMAHEBHERE 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-