Bible Society of South Africa

To The Word – Day 27

Leviticus 5–8, Hebrews 3–4

Itekisi yeBhayibhile

EYONQULO 5

Iimeko zokucanyagushelwa ngamadini

1Xa umntu ebizwe yinkundla ukuba anike ubungqina, aze anganiki nkcazelo ngento ayibonileyo nayivileyo, unetyala.

2Xa umntu echukumise *into engàphathwayo, enjengesilo esifileyo, udyobhekile, unetyala, nokuba akaqondi. Ingasisilwanyana sasendle esingatyiwayo, nokuba yimfuyo engatyiwayo, okanye sisilwanyana esirhubuluzayo.

3Xa umntu echukumise into engàphathwayo ephuma komnye umntu, loo mntu naye udyobhekile, unetyala nokuba akaqondi.

4Xa umntu efumana afunge engacinganga, nokuba ufungela nantoni na, unetyala nokuba akaqondi.

5Mayela nale micimbi, akuba umntu eziqondile ukuba wonile, makasivume isiphoso sakhe, 6aze eze nemazi yegusha nokuba yeyebhokhwe *kuNdikhoyo, enze idini lokungxengxezela ityala lakhe. Umbingeleli wolinikela elo dini ngenxa yeso siphoso.

7Ukuba loo mntu akanako ukunikela ngegusha okanye ibhokhwe, wozisa amahobe amabini kuNdikhoyo, nokuba ngamavukuthu, enze intlawulelo yesono sakhe ngawo. Elinye loba ngumnikelo wokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.

8Wowasa kumbingeleli. Yena woqala anikele elinye libe ngumnikelo wokucamagushela isono. Wolaphula intamo, angayiqhawuli kambe intloko, 9aze atshize ngenxalenye yegazi lalo apho ecaleni leqonga. Eliseleyo igazi woliphalaza emazantsi eqonga. Lo ngumnikelo wokucamagushela isono. 10Eyesibini intaka woyenza idini elitshiswayo, njengokomyalelo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe iziphoso.

11Ukuba loo mntu akanako ukunikela nangamahobe amabini, okanye amavukuthu, wozisa ikhilogram yomgubo wengqolowa, enze ngawo umnikelo. Akayi kugalela mafutha omnquma nantlaka yesiqhumiso kuwo, kuba asingomnikelo wakutya lo, koko eli lidini lokucamagushela isono. 12Wowunika umbingeleli, yena athathe kangangesandla, eqondisa ukuba wonke unikelwa kuNdikhoyo, aze ke awutshise apho eqongeni phezu kweminikelo enikelwa kuNikhoyo ngomlilo. Lo ngumnikelo wokucamagushela isono. 13Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela loo mntu idini, aze axolelwe nasiphi na isiphoso esinjengezi sezikhankanyiwe. Umgubo oseleyo woba ngowombingeleli, kanye njengoko kunjalo xa kwenziwa umnikelo wokutya.

Amadini okucamagushela iziphoso

14*UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo: 15Xa umntu one engaqondanga ngokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, loo mntu makathathe emhlambini wakhe inkunzi yegusha engenasiphako, okanye eyebhokhwe, eze nayo kuNdikhoyo, ibe yintlawulelo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo wesiliva. 16Makahlawule neliya lokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, aze ongeze isinye esihlanwini. Ke yena umbingeleli womenzela idini ngenkunzi leyo ngenxa yesono sakhe, aze asixolelwe eso sono.

17Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva. 18Kufuneka eze nenkunzi yegusha engenasiphako kumbingeleli, okanye ibhokhwe. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo. Umbingeleli wolinikela idini, aze loo mntu axolelwe isiphoso sakhe. 19Eli lidini lokucamagushela ityala leziphoso zokwaphula ummiselo kaNdikhoyo.

EYONQULO 6

1UNdikhoyo wathi kuMosis: 2“Xa umntu one uNdikhoyo ngokwala ukubuyisela into ebekubanjiswe ngayo kuye ngomnye umSirayeli, okanye xa ebe into yomnye umSirayeli, okanye amqhathe, 3okanye axoke athi akayiboni into yomnye ekuye, ade athi akayazi, atsho efunga, okanye enze nasiphi na esinye isono esifana nezi, kufuneka kwenziwe idini lokungxengxezela elo tyala. 4Xa enze isono esilolo hlobo, kufuneka ayibuyise into ayibileyo, okanye ayifumene ngobuqhetseba, okanye abeyigcinisiwe nayicholeyo, 5nantoni na leyo athe akayazi exoka kufuneka ayivuse, ongeze nomdliwo osisinye esihlanwini, kanye ngalaa mhla eze kunikela ngawo idini lesono. 6Kufuneka ase kumbingeleli inkunzi yegusha nokuba yeyebhokhwe, kodwa ingabi nasiphako, ibe lidini lentlawulo alenze kuNdikhoyo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo. 7Elo dini umbingeleli wolinikela phambi koNdikhoyo, libe lelokungxengxezela isono saloo mntu, aze asixolelwe.”

Amadini atshiswayo

8*UNdikhoyo wathi uMosis 9makagqithisele le miyalelo kuAron noonyana bakhe: Idini elitshiswayo kufuneka litshiswe eqongeni ubusuku bonke, umlilo usoloko ukhwezelwa. 10Umbingeleli ethe wambu umnweba wakhe welinen nebhulukhwe yakhe emfutshane eyenziwe ngelinen, wolususa lonke olo thuthu luphezu kweqonga, aze alubeke apho ngasecaleni leqonga. 11Aze ke ambathe zivatho zimbi, aluthuthele ngaphandle kwelali olo thuthu kwindawo yalo ekhethekileyo. 12Umlilo weqonga wona kufuneka uhlale uvutha, ungaze uyekwe ucime. Mihla le kusasa umbingeleli kufuneka awukhwezele umlilo, abeke idini elitshiswayo, aze atshise namanqatha edini lobudlelane. 13Lo mlilo kufuneka usoloko uvutha apho eqongeni, ungaze uyekwe ucime.

Umnikelo wokutya

14Le miyalelo ilandelayo iphathelele kwiminikelo ekukutya. Ngumbingeleli womlibo ka-Aron oya kwenzela *uNdikhoyo iminikelo yokutya phambi kweqonga. 15Uya kuthatha umgubo wengqolowa kangangesandla, namafutha omnquma, athathe nentlaka yesiqhumiso ebekwa phezu kwazo, aze azitshise apho eqongeni, zibe ngumqondiso wokuba konke oko kutya kunikelwa kuNdikhoyo. Ivumba lalo mnikelo liyathandeka kuNdikhoyo. 16-17Okuseleyo koba kokwababingeleli.

Makwenziwe isonka sentlama engenagwele, sityelwe endaweni ekhethekileyo apho enkundleni *yesibingelelo. Le yinxaxheba uNdikhoyo ayinika ababingeleli kwiminikelo yokutya. Yinxaxheba eyodwa engcwele, efana kanye naleya yamadini okungxengxezela izono neminikelo yentlawulo. 18Iya kutyiwa ngamadoda omlibo ka-Aron njengesabelo sawo sokutya okunikelwa kuNdikhoyo. Omnye umntu ochukumise oku kutya kungumnikelo woba nophawu lukaNdikhoyo, abe semngciphekweni.

19-20Le yinkqubo eya kuhlala ihleli yokumisela umbingeleli womlibo ka-Aron eyanikwa uMosis nguNdikhoyo. Ngalo mhla kanye amiselwa ngawo loo mbingeleli kufuneka anikele kuNdikhoyo ikhilogram ibe nye yomgubo wengqolowa, ube ngumnikelo wokutya. Uya kuba sisiqingatha kusasa, ube sisiqingatha nangokuhlwa. 21Kufuneka udityaniswe namafutha, uze ugcadwe, ugraywe, uze unikelwe. Ivumba lawo liyathandeka kuNdikhoyo. 22Lo mnikelo kufuneka wenziwe ngumbingeleli ngamnye othanjiswayo womlibo ka-Aron. Uya kutshiswa tu, ube lidini elihlala lisenzelwa uNdikhoyo. 23Akuyi kutyiwa nto kukutya okunikelwa ngumbingeleli; makutshiswe konke.

Amadini okungxengxezela isono

24*UNdikhoyo wathi uMosis 25makagqithisele le nkqubo ephathelele ekwenzeni amadini okungxengxezela isono kuAron noonyana bakhe: Loo nto yokwenza idini iya kuxhelelwa phambi koNdikhoyo apho kuxhelelwa khona izinto zokwenza amadini atshiswayo. Eli dini lelikaNdikhoyo lilonke.

26Loo mbingeleli wenza elo dini wolityela kwindawo ekhethekileyo enkundleni *yesibingelelo sikaNdikhoyo. 27Nantoni na echukumise oku kutya yoba nophawu lukaNdikhoyo. Xa isinxibo sitshizwe ligazi laloo nto ixheliweyo, kufuneka sihlanjelwe endaweni ekhethekileyo. 28Imbiza yodongwe ekuphekwe loo nyama ngayo, kufuneka iqhekezwe; xa iyimbiza yesinyithi kufuneka ikrwelwe, ihlanjwe ngamanzi. 29Nawuphi na umntu oyindoda ongowomlibo wezindlu zababingeleli angayitya loo nyama. Le yinyama eyodwa. 30Kodwa xa igazi liziswe esibingelelweni, laza lasetyenziswa ukungxengxezela izono egumbini eliyingcwele, loo nyama mayingatyiwa, mayitshiswe yonke.

EYONQULO 7

Amadini entlawulo

1Le yinkqubo ephathelele kumadini awodwa entlawulo: 2Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga. 3Onke amanqatha makakhutshwe abekwe eqongeni: umsila, namanqatha enyama yangaphakathi, 4izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo. 5Onke loo manqatha umbingeleli makawatshise enzele ngawo *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo. Eli ke lidini lokwenza intlawulo. 6Nayiphi na indoda ephuma kumlibo wababingeleli ingayitya loo nyama. Kodwa kufuneka ityelwe kulaa ndawo ikhethekileyo, kuba kwayona ikhethekile.

7Inye inkqubo ephathelele kumadini esono nakumadini entlawulo. Loo nyama iba yeyombingeleli owenza idini. 8Kwanalo ufele lwento yedini elitshiswayo luba lolwaloo mbingeleli wenza idini. 9Wonke umnikelo wento eziinkozo ebhakiweyo okanye eyenziwe ngepani, okanye egcadiweyo, uba ngowombingeleli lowo ubewunikela. 10Umnikelo wokutya, nokuba uxutywe namafutha, nokuba womile, woba ngowababingeleli bebonke, yaye ke mabahlulelane ngako ngokulinganayo.

Amadini obudlelane

11Nantsi inkqubo ephathelele kumadini obudlelane enzelwa *uNdikhoyo: 12Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma. 13Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele. 14Makanikele ngodidi ngalunye kwezi zonka, azenze umnikelo kuNdikhoyo. Zoba zezombingeleli othe watshiza iqonga ngegazi lamadini obudlelane. 15Inyama yedini lobudlelane kufuneka ityiwe kwangaloo mini inikelwa ngayo; makungabikho nyama isalayo kude kube ngengomso.

16Xa umntu enikela idini lobudlelane, egcina isithembiso awasenzayo, okanye ethanda nje ukwenza umnikelo, leyo ke yona inyama akunyanzelekanga ukuba ityiwe iphele ngamini-nye, kodwa eseleyo ingátyiwa ngengomso. 17Inyama esekhoyo ngosuku lwesithathu kufuneka itshiswe yona. 18Ukuba ityiwe loo nyama ngosuku lwesithathu, uThixo akayi kulamkela elo dini laloo mntu, kuba lisuke *lanomlaza. Nabani na ke oya kuthi alitye uya kuluthwala uxanduva lwakhe. 19Xa inyama yedini ithe yadibana nantoni na enomlaza, kufuneka itshiswe ingàtyiwa. Wonke ubani ongenamlaza angayitya inyama yedini elo. 20Kodwa xa ithe yatyiwa nangumntu onomlaza, lowo makasikwe phakathi kosapho lukaNdikhoyo. 21Kanti xa umntu athe waphatha into enomlaza, nokuba ngumntu, nokuba sisilwanyana esingatyiwayo, nantoni na enezothe, aze asuke aye kutya idini lobudlelane likaNdikhoyo, loo mntu makasikwe ebantwini bakaNdikhoyo.

22Ubuye uThixo wanika uMosis le miyalelo 23amakayigqithisele kumaSirayeli: Akukho manqatha ankomo nagusha nabhokhwe aya kutyiwa mntu. 24Amanqatha ento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, makangatyiwa. Kambe ke angásetyenziswa ekwenzeni ezinye izinto. 25Wonke umntu othe watya amanqatha ento ekwenziwa ngayo idini kuNdikhoyo ngomlilo makasikwe kumaSirayeli. 26Naphi na apho emi khona amaSirayeli makangaze alitye igazi, nokuba leleentaka, nokuba lelezilwanyana. 27Nabani na olityayo igazi makasikwe kumaSirayeli.

28Uphindile wathi uNdikhoyo uMosis 29makagqithisele nale mimiselo kumaSirayeli: Umntu owenza idini lobudlelane makakhuphe isabelo esithile, asinikele kuNdikhoyo, 30eze naso ngokwakhe, sibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. Makeze namanqatha aso kunye nencum, aziwanga-wangise zibe ngumnikelo owanga-wangiselwa uNdikhoyo. 31Loo manqatha umbingeleli wowatshisa apho eqongeni, kodwa yona incum yeyababingeleli.

32-33Umlenze wasekunene wona woba yinxaxheba yombingeleli obenikela igazi kunye namanqatha elo dini lobudlelane. 34Incum ewanga-wangisiweyo nalo mlenze wasekunene yinxaxheba emayikhutshelwe ababingeleli ngamaSirayeli ngalo lonke ixesha. 35Le yinxaxheba kaNdikhoyo eyaxhanyulwa nguAron nangoonyana bakhe mhla bamiselwa ebubingelelini. 36Ngaloo mini yokuthanjiswa kwababingeleli uNdikhoyo wathi amaSirayeli makakhuphe eso sabelo sedini sibe yinxaxheba yabo. Lo ngummiselo omawuhlale uhleli.

37Nantso ke imiyalelo yaxa kusenziwa amadini atshiswayo, nawokutya, nawokungxengxezela izono, kunye nawentlawulo, amadini okumisela ababingeleli, kwakunye nawobudlelane. 38Kwakusentabeni iSinayi entlango ngamhla uNdikhoyo wayinika uMosis le miyalelo yokwenziwa kwamadini ngamaSirayeli.

EYONQULO 8

Ukumiselwa kuka-Aron noonyana bakhe

(Mfud 29:1-37)

1*UNdikhoyo wathi kuMosis: 2-3“Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”

4UMosis wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo, waza wenjenje ukuthetha ebhekisa kwelo bandla elalithe nqwadalala ekungeneni kwesibingelelo: 5“Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”

6UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi. 7Unxibe uAron ihempe, wamthi wambu ngomnweba, wamfaka umxwayo, waza wamfaka *isidanga, wasiqhobosha esinqeni ngebhanti esontwe ngobunono. 8Kweso sidanga sisesifubeni wafaka *iiurim neethumim. 9Umthwalise iqhiya entloko, waza kuyo waqhoboshela isihombiso esenziwe ngegolide, esiluphawu lokwahlulelwa uNdikhoyo. Wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo uMosis.

10UMosis uthathe amafutha, wathambisa isibingelelo nazo zonke izinto ezingaphakathi kwaso, waza ngokwenjenjalo wazahlulela uThixo. 11Ufefe iqonga kasixhenxe ngamafutha aseleyo, kunye nempahla yalo yonke, nesitya sokuhlambela, kwanamazantsi aso, zonke ezo zinto ezahlulela uThixo. 12Waza wammisela uAron, emahlulela uNdikhoyo, ngokumgalela inxenye yamafutha entloko. 13Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

14UMosis usondeze inkunzi yedini lokucamagushela, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko. 15Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga. 16Wawathatha onke amanqatha ezibilini uMosis, kunye nomhlehlo, kwakunye nezintso namanqatha azo, wawatshisa apho eqongeni lamadini. 17Uyithathe yonke loo nyama yaloo nkomo ndawonye nesikhumba namathumbu waya kuzitshisa ngaphandle kwelali njengokutsho kukaNdikhoyo.

18Emva koko uMosis usondeze inkunzi yegusha yedini elitshiswayo, baza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko. 19Uyinqumle uMosis, waza igazi waliphosa kumacala onke eqonga. 20-21Wayihlahla loo gusha, waza wahlamba izibilini nemilenze. Intloko yona, kunye namanqatha, kunye nayo yonke loo nyama, wazitshisa apho eqongeni, kanye njengoko kwatsho uNdikhoyo. Eli lidini elitshiswayo, idini elenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ivumba lalo liyolile kuNdikhoyo.

22Uze neyesibini inkunzi yegusha uMosis; le yona yayiyeyedini lokumiselwa kwababingeleli, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko. 23Wayinqumla uMosis, waza wathatha intwana yegazi, watyikila ngalo indlebe yokunene ka-Aron, nosithupha wesandla sokunene, nobhontsi wonyawo lokunene. 24Ngoku uMosis usondeze oonyana baka-Aron, nabo wabadyobha igazi iindlebe zasekunene, oosithupha basekunene, noobhontsi beenyawo zasekunene. Waza eliseleyo igazi waliphalaza kumacala onke eqonga. 25UMosis uthathe amanqatha, nomsila, namanqatha ezibilini, umhlehlo, nezintso namanqatha azo, kunye nomlenze wasekunene. 26Emva koko uthathe isonka sasinye esingenagwele kulaa bhaskiti iphambi koNdikhoyo, wathatha nesonka esenziwe ngamafutha, neqebengwana lalinye, waza wazibeka ngaphezu kwamanqatha nomlenze. 27Uzithathe zonke, wazinika uAron noonyana bakhe, bona baziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo zangumnikelo. 28Uphinde wazithatha kubo uMosis, wazitshisa apho eqongeni, ngaphezu kwelaa dini litshiswayo, zalidini lokumisela. Lo ngumnikelo owenziwa ngomlilo, ovumba lithandekayo kuNdikhoyo. 29UMosis uthathe incum wayiwanga-wangisa yangumnikelo kuNdikhoyo. Le yayiyinxaxheba kaMosis yedini lomiselo lwababingeleli. UMosis wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

30UMosis uthathe inxalenye yamafutha okuthambisa, nenxalenye yegazi elaliseqongeni, watshiza uAron noonyana bakhe kwankqu nezivatho zabo. Wenjenjalo ukubahlulela uNdikhoyo kwanezambatho zabo nazo.

31Uthe uMosis kuAron noonyana bakhe: “Le nyama yiseni ekungeneni kwesibingelelo, nize niyipheke apho, niyitye nesiya sonka sisebhaskitini yamadini okumisela ababingeleli, ngokomyalelo kaNdikhoyo. 32Ze niyitshise yonke inyama eseleyo nesonka esiseleyo. 33Ze ningemki apho ekungeneni kwesibingelelo kude kube ziintsuku ezisixhenxe, ude ube ke udlule umsitho wokumiselwa kwenu. 34UNdikhoyo usiyalele ukuba senze le nto siyenzileyo namhlanje kuni ukususa isono senu. 35Ze nihlale ke phaya ekungeneni kwesibingelelo ubusuku nemini, kude kube ziintsuku ezisixhenxe, nithobela umyalelo kaNdikhoyo. Niya kufa ukuba aniyenzi loo nto. Yinto ethethwe nguNdikhoyo leyo ke kum.”

36UAron noonyana bakhe ke bênza njengoko uNdikhoyo wayeyalele uMosis.

KUMAHEBHERE 3

UYesu mkhulu kunoMosis

1Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu. 2Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo. 3Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis. 4Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto. 5Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo. 6Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.

Ukuphumla kwabantu bakaThixo

7Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:

“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,

8sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube entlango apho namlingayo uThixo.

9‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,

‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.

10Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:

Basoloko besona;

abaziqondi iindlela zam.

11Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:

Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

12Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo. 13Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono. 14Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.

15*IziBhalo xa zisithi:

“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,

sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube,”

16zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis. 17Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango. 18Ngoobani abo wabafungelayo uThixo esithi abasoze bangene ekuphumleni kwakhe? Wayexela abo bamvukeláyo. 19Siyabona ke ukuba ababanga nako ukungena kuba bengakholwa.

KUMAHEBHERE 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 4

1Ngoko ke lumkani, hleze abanye benu baphoswe, kuba sisemi kaloku isithembiso sokungena ekuphumleni noThixo. 2Kaloku nathi iindaba ezimnandi sizivile, kanye njengabo. Kodwa bona olu daba alubenzelanga nto, kuba abo baluvileyo abalwamkelanga ngokholo. 3Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa:

“Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi:

‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi. 4Zixela loo nto ke iziBhalo xa zithetha ngomhla wesixhenxe zisithi: “UThixo waphumla ngomhla wesixhenxe akugqiba ukudala.” 5Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.” 6Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo. 7UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:

“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,

nize ningabi neenkani.”

8Ke ukuba uYoshuwa wabafikisa ekuphumleni, ubengathini uThixo emva koko ukuthetha ngomnye umhla? 9Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla. 10Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe. 11Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.

12Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu. 13Akukho nto ifihlakeleyo kuye: yonke into imi ze phambi koThixo. Silindelwe kukwenza ingxelo kuye xa sisonke.

UYesu umbingeleli omkhulu

14Ngoko ke, sinombingeleli omkhulu nje, uDabulamazulu, uYesu uNyana kaThixo, masibambelele nkqi kwesi sivumo sethu. 15Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one. 16Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

KUMAHEBHERE 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-