Bible Society of South Africa

To The Word – Day 226

Psalms 135–137

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 135

Elokudumisa

1Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;

ewe, lidumisen' igama likaNdikhoyo!

Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;

2nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,

nasenkundleni yomzi woThixo wethu.

3Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel' enqwelo ngokulunga;

memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.

4Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!

Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!

5Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,

ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.

6Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –

nditsho emazulwini nasemhlabeni,

kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.

7Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,

ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,

aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.

8Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;

ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.

9Kanye phakathi kwelaseJiputa

wenza imiqondiso nemimangaliso,

wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.

10Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,

wabageqa ookumkani abaziwayo.

11Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,

noo-Ogi ukumkani waseBhashan,

nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12Umhlaba wazo wona wawohlutha,

waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;

udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

14Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,

avelane nazo izicaka zakhe.

15Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;

basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.

16Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;

banawo namehlo, kodwa ababoni.

17Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;

baziziduli ezingenawo nomphefumlo.

18Bakwafana nazo abenzi bazo,

nabo bonke abakholosa ngazo.

19Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,

nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.

20NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,

nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.

21Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,

zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.

Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 135XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 136

Elokubulela

1Bulelani nidomboze ngenxa yokulunga *kukaNdikhoyo.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

2Bulelani kuThixo onguyedwa.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

3Bambani ngazibini kwiNkosi yamakhosi.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

4Nguye yedwa owenza imimangaliso.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

5Ngobulumko bakhe wawadal' amazulu.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

6Ulotwabulula ihlabathi phezu kwamanzi.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

7Yena ngumenzi welanga nenyanga.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

8Ilanga laba ngumongameli wemini.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

9Yona inyanga neenkwenkwezi zongamela ubusuku.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

10Yena ngumaqwakanis' amazibulo aseJiputa.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

11Yena wamkhupha uSirayeli phakathi kwamaJiputa.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

12Wolula isandla sakhe, wamkhulula ngengalo yakhe engwanyalala.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

13Yena walahlula-hlula uLwandle oluBomvu.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

14USirayeli wanqumla kulo wawela.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

15Kambe ke wamntywilisela ukumkani nomkhosi wakhe.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

16Ulokhokel' abantu bakhe entlango,

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

17umqwakanisi wookumkani abanamagama,

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

18umhlabaniseli wookumkani abadumileyo,

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

19uSihon ukumkani wama-Amori,

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

20uOgi ukumkani waseBhashan.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

21Umhlaba wabo wawenza ilifa lamaSirayeli.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

22Loo mhlaba waba lilifa lesicaka sakhe uSirayeli.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

23Nguye owasivelelayo sigqusha eluthulini.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

24Yena wasihlangula ezintshabeni zethu.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

25Yena ngumondli wazo zonke izinto eziphilayo.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

26Bulelani nidomboze kuThixo wamazulu.

Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli.

IINDUMISO 136XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 137

Isililo samaSirayeli ekuthinjweni

1Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon.

2Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho.

3Kaloku abo babesithimbile suka bathi:

“Khanisonwabise ngengoma;

khanihlabele enye kwezaseZiyon.”

4Besingathini kambe ukucula *ezikaNdikhoyo kwelasemzini!

5Ukuba ndingakulibala, Jerusalem, sanga singashwabana isandla sam sokunene.

6Malunamathele ezinkalakahleni ulwimi lwam, ukuba ndinokukulibala,

xa ndinokusuka ndingayibaluli iJerusalem njengeyona ntshinga yovuyo lwam.

7Awu, Ndikhoyo, yikhumbule into eyênziwa ngamaEdom, mhla yahlaselwa iJerusalem.

Kaloku agcoloda athi: “Yidilizeni niyisiphule neengcambu.”

8Athi ke wena, Bhabheli, sisulundini sentshabalalo!

Hayi inyhweba yalowo ukubuyekezayo ngazo zonke izinto osenze zona.

9Unoyolo ozithathayo iintsana zakho azintlekeze emaweni.

IINDUMISO 137XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-