Bible Society of South Africa

To The Word – Day 224

Psalms 124–126, 147

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 124

UThixo uyayisindisa imilowo yakhe

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1USirayeli makatsho athi:

“Ukuba *uNdikhoyo ebengekho ngakuthi,

2ewe, ukuba besingaxhaswa nguNdikhoyo

ekuhlaselweni kwethu lutshaba,

3ngelusiginye sihleli ngokuya lwaluvutha ngumsindo.

4Ngezasitshayela iimpuphuma;

ewe, umsinga ngewawusirhaxile.

5Ngesantywiliselwa, satshona lè,

kuloo manzi alatyuzayo.”

6UNdikhoyo ngowokubongwa,

kuba yena akasiyekelanga

saba ngamaxhoba okuqwengwa.

7Thina siphuncule njengentak' esigwini;

ewe, isigu saphukile, sasinda ke thina.

8Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo

ongumdali wamazulu nehlabathi.

IINDUMISO 124XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 125

Ukhuseleko lwemilowo yakwaThixo

Iculo labahambi.

1Abo bakholosa *ngoNdikhoyo banjengentaba iZiyon,

yona ingasoze yashukunyiswa koko izinzile ngonaphakade.

2Kwanjengokuba iintaba ziyingqongile iJerusalem

noNdikhoyo wenjenjalo ukubaphahla abantu bakhe,

nangoku kude kube ngunaphakade.

3Izikhohlakali soze zilawule elizweni lamalungisa,

hleze namalungisa asuke enze ububi.

4Awu, Ndikhoyo, walungiselele amalungisa,

abo bantliziyo zingaphambukiyo.

5Kodwa ke bona abaphambukayo

babandakanye nezikhohlakali, Ndikhoyo.

Makube chosi, kube hele kwaSirayeli!

IINDUMISO 125XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 126

Ukucel' ibuyambo

Iculo labahambi.

1Ekusibuyiseleni *kukaNdikhoyo eZiyon,

ngokuya sasiphuma ekuthinjweni,

kwasuka kwaba ngathi liphupha.

2Safumana sagigitheka yintsini,

kwayintswahla yemincili novuyo.

Zade zatsho nezizwe zathi:

“Ngenene uNdikhoyo ubenzele izinto ezinkulu.”

3UNdikhoyo usincede kakhulu, ngoko ke siyavuya.

4Khawusibuyisele inkqubela, Ndikhoyo,

njengamanzi empompoz' entlango.

5Abo bahlwayela behlininika besezinyembezini

banga bangavuna bebobotheka yimincili.

6Abo baphuma bahambe bezibambe ngeenkophe,

bepheth' imbewu, besiya kuhlwayela,

bobuya bedanduluka, bememelela ngemincili.

Kaloku bobuya besikaza, bethwel' isivuno.

IINDUMISO 126XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 147

Ukubonga uThixo uPhezukonke

1Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Kaloku yinto entle ukumemelela, sibonge uThixo wethu;

ewe, luyolo, kwaye kufanelekile ukumdumisa.

2*NguNdikhoyo umakhi weJerusalem,

umqokeleli weembacu zakwaSirayeli,

3umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,

ewe, umbophi wamanxeba abo.

4Ngumqingqi wenani leenkwenkwezi;

iyileyo naleyo kuzo uyibiza ngegama layo.

5Hay' ubukhulu bukaNdikhoyo, uyingangalala ngamandla!

Ubulumko bakhe abunamda.

6UNdikhoyo uyabaphakamisa abagqush' eluthulini;

ke bona abakhohlakeleyo ubakhahlela phantsi.

7Hlabelani nimombelele uNdikhoyo nibulela;

tsholozani niculele uThixo wethu ngezeengcingo –

8umtwabululi wamafu afihl' isibhakabhaka,

nguye owabela umhlaba imvula,

ulontshulis' ingca ezintabeni,

9umondli wezilwanyana ngokutya kwazo,

umfunzeli wamathol' ehlungulu azibikayo.

10Yena akakuhoye nganto ukukhalipha kwehashe,

engabukhathalele nobungwanyalala bezitho zendoda,

11koko yena uNdikhoyo uthanda abamhlonelayo,

abo bakholosa ngezibele zakhe ezingatshitshiyo.

12Duma ubonge uNdikhoyo, Jerusalem!

Mbonge uThixo wakho, Ziyon!

13Kaloku nguye owomeleza imivalo yamasango akho;

nguye othamsanqela abantu bakho.

14Nguye omisela inzolo phakathi kwemida yakho;

ikwanguye okwanelisa ngeyona-yona ngqolowa.

15Yena uthetha ngelizwi nje qha,

ngoko nangoko lityhutyhe ihlabathi.

16Ukhitikisa ikhephu, libe njengoboya;

unisa iqabaka, kube mhlophe okothuthu.

17Usarhaza umkhenkce, ngathi sisichotho;

ngubani onokumelana nengqele yakhe?

18Uthetha ngelizwi, zinyibilike ezo zinto;

athumele umoya, kubaleke amanzi.

19Ngumazisi wodaba lwakhe kuYakobi,

imithetho nezigqibo zakhe kuSirayeli.

20Kwezinye izizwe zange enjenjalo,

nemimiselo yakhe aziyazi.

Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 147XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-