Bible Society of South Africa

To The Word – Day 223

Psalms 46, 118, 120

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 46

UThixo ungakuthi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora; iculo. Liculwa ngathi leliya lithi: “Amantombazana.”

1UThixo ulihlathi nenqaba yethu;

ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2Ngoko ke asoyiki lutho, nokuba ihlabathi lingazama-zama,

nokuba iintaba zingaphoswa enzulwini yolwandle.

3Hayi, amanzi alo angade agqume alephuze amagwebu,

iintaba zingcangcazeliswe kukulephuza kwawo.

4Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,

esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.

5UThixo uthe zinzi apho kuso.

Ngoko ke asinakuze sitshabalale,

kuba yena usinceda kwasekuseni.

6Izizwe ziyaphithizela;

izikumkani ziyabhukuqwa.

Lakuhlokoma ilizwi lakhe

ihlabathi litsho linyibilike.

7*UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

8Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.

Ewe, uliphanzisile ihlabathi.

9Ngumaphelis' iimfazwe ehlabathini jikelele.

Uyasiqoboza isaphetha,

awuvikive umkhonto,

amakhaka awantumek' umlilo.

10Uthetha ngelizwi athi:

“Phezani, ndim uThixo.

Ndizivelele izizwe;

nehlabathi ndilikrobele.”

11UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

IINDUMISO 46XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 118

Ukubulela ngenxa yobubele bukaThixo

1Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile;

izibele zakhe zohlala zihleli.

2Ewe, makatsho uSirayeli athi:

“Izibele zakhe soze zitshitshe.”

3Ngokunjalo nendlu ka-Aron mayithi:

“Ngenene izibele zakhe soze zithini.”

4Ewe, abamthobelayo uNdikhoyo mabathi:

“Izibele zakhe zifikelela ephakadeni.”

5Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,

waza yena wasabela wandihlangula.

6Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;

okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.

7Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda;

ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.

8Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,

kunokuba uthembele ngomntu.

9Kubhetele ukholose ngoNdikhoyo,

ndaweni yokukholosa ngamanene.

10Ndakha ndarhawulwa ziintlanga,

kodwa egameni likaNdikhoyo ndaziqwakanisa.

11Ewe, zazindirhawule mbombo zone,

kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndalalisa ugodo.

12Wena wakha wagutyungelwa libubu leenyosi?

Hayi, zazidangazela njengomlilo wameva,

kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndaziswantsulisa.

13Zazindityhala ndaphantse ndakhahlelwa phantsi,

kodwa nalapho uNdikhoyo wandinceda.

14Ingoma yam namandla am nguNdikhoyo;

ewe kaloku, ndisindiswa nguye.

15Nantso intsholo yoloyiso ivakala;

kaloku amalungisa ayamemelela,

athi: “Ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile;

16amandla kaNdikhoyo abalasele;

ewe, ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile!”

17Mna andiyi kufa; ndiya kudla ubomi,

ndibalise ngezenzo zikaNdikhoyo.

18Yena undohlwaye kabukhali;

kambe ke akandiyekelanga ekufeni.

19Khanindivulele amasango endlu kaThixo,

khon' ukuze ndingene ndidumise uNdikhoyo.

20Nali isango lokungena kwaNdikhoyo;

ngamalungisa odwa angenayo ngalo.

21Ndiyabulela kuba undivile;

kaloku wena ungumhlanguli wam.

22Kaloku ilitye abalidelayo abakhi

laba lelona libalulekileyo lesiseko.

23Ewe, lo ngumsebenzi kaNdikhoyo;

kambe ke thina uyasimangalisa.

24Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;

masizonwabise sibe nemihlali ngayo.

25Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!

Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!

26Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;

siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.

27UNdikhoyo nguThixo, usikhanyisele.

Yenzani umngcelele wokubulela, niphethe amahlamvu,

ningqungqe, nilijikeleze iqonga lamadini.

28UnguThixo wam, ndiyakubulela;

ubungangamsha bakho, Thixo, ndiya kububhengeza.

29Mdumiseni uNdikhoyo, kuba elungile;

izibele zakhe zohlala zihleli.

IINDUMISO 118XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 120

Ukucela uncedo

Iculo labahambi.

1Ndazibika *kuNdikhoyo ndixhwalekile;

yena wandiva, wasabela.

2Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule

kumaxoki nakubakhohlisi.”

3Nithi makenze ntoni ngani uThixo?

Nisalindele ntoni eyenye, maxokindini,

4ngaphandle kotolo lwemfazwe olubukhali,

ngokunjalo neziko elimalahle avuthayo!

5Athi ke mna, mnt' ubhacele kwaMesheki,

mna mntu uxhwarhe phakathi kwamaKedare!

6Kunini ndihlalele ukungcuchalaza

phakathi koompayipheli.

7Phi ke, ndisithi nje ndakuthetha,

basuke bahlab' umkhosi.

IINDUMISO 120XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-