Bible Society of South Africa

To The Word – Day 22

Exodus 33–38

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 33

Ukunduluka eSinayi

1*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’ 2Ndiya kuthumela isithunywa sinikhaphe, siwagxothe amaKanana, ama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 3Hambani niye kwelo lizwe lendyebo nentlutha. Kambe ke mna andizukuhamba nani, hleze ndisuke ndinitshabalalise ningekafiki, kuba niluhlanga oluneenkani.”

4Athe ke amaSirayeli akuziva ezi ndaba zibuhlungu, asuka azila, azikhulula iintsimbi awayehomba ngazo. 5Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ” 6Ngoko ke amaSirayeli azikhulula iintsimbi nezinye izihombiso zawo ukunduluka kwawo kwintaba iHorebhe.

Intente yokuhlangana

7Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo. 8Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena. 9Wayesithi nje ukuba angene uMosis, umqulu welifu uhle ufike uhlale emnyango ententeni apho, aze ke yena uNdikhoyo athethe noMosis. 10AmaSirayeli ayesithi akuwubona umqulu welifu usemnyango apho ententeni yokuhlangana, asuke ee guqaqa anqule. 11Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.

Isithembiso sikaNdikhoyo

12UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’ 13Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”

14UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi kaloku, ndiza kuhamba nani ngenkqu, ndinithi jize ngokuphumla.”

15Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha. 16Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”

17UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”

18UMosis waphinda wenza isicelo, wathi kuNdikhoyo: “Ke ngoku khawundivelele ngobuqaqawuli bakho.”

19UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo. 20Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile. 21Kambe ke nantsi indawo ecaleni kwam apho ungema khona phezu kweliwa. 22Ndiya kuthi ke xa ndidlula khona ngobuqaqawuli bam, ndikufihle emfanteni yeliwa, ndize ndikugqume ngesandla ndide ndidlule. 23Ndakuba ndidlule ke, ndiya kusisusa isandla, ukuze ube nokundibona ndifulathele, hayi ebusweni.”

EYEMFUDUKO 33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 34

Ukuhlaziywa komnqophiso

(Mfud 23:14-19; Hlaz 7:1-5; 10:1-5; 16:1-17)

1*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Qingqa amanye amacwecwe amatye amabini afana nalawa okuqala, ukuze mna ndiwabhale kuwo amazwi awayebhalwe kulawa wawaphulayo. 2Ngomso kusasa uze unyuke intaba iSinayi, apho uya kundibona nam khona. 3Makungabikho mntu uhamba nawe okanye usondelayo nakuliphi na icala lentaba; nditsho kwaiigusha neenkomo mazingasondeli entabeni.” 4UMosis ke wawaqingqa amacwecwe amabini amatye, waza ngengomso kusasa wenyuka nawo entabeni iSinayi ngokokutsho kukaNdikhoyo, ewaphethe ngezandla.

5Ke kaloku uNdikhoyo wehla ngelifu, waza wema noMosis apho entabeni, walikhankanya igama lakhe – uNdikhoyo. 6Waza ke wadlula phambi kwakhe, wandula wathi: “UNdikhoyo nguThixo onemfesane nesisa, oza kade umsindo, ophuphuma izibele nokunyaniseka. 7Ukunyaniseka kwakhe akujiki nakwizizukulwana ngezizukulwana; abakhohlakeleyo nabanxaxhayo nabonayo uyabaxolela. Kambe ke abanetyala ubohlwaya ade ohlwaye nesizukulwana sabo, aye kufikelela kwesesithathu nakwesesine ngenxa yeziphoso zooyise.”

8UMosis wasuka wee guqaqa wakhahlela; 9wambongoza wathi: “Ukuba ngenene ukholisekile ndim, Mhlekazi, sikhaphe. Nakuba siluhlanga oluneenkani nje, buxolele ubugwenxa nesono sethu, samkele sibe lilifa lakho.”

10UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ngoku ke ndenza umnqophiso nani. Ndiya kwenza imimangaliso engazange yenziwe ehlabathini liphela, ngokunjalo nakwizizwe zalo. Kaloku mna Ndikhoyo ndiza kwenza into erhwaqelisayo phakathi kwenu. 11Yithobeleni imithetho endininika yona namhlanje. Xa ningenayo ndiya kuwagxotha ama-Amori, amaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 12Ningakhe nilinge nenze izivumelwano naba bantu ningena emhlabeni wabo, kuba ngokwenjenjalo ningazifaka esigwini. 13Ndaweni yaloo nto wadilizeni amaqonga abo amadini, niyifohloze imifanekiso yabo; ke sona *isithixo sabo uAshera ze nisityoboze.

14“Ningaze ninqule thixo wumbi, kuba mna Ndikhoyo ndinguSobukhwele; ndinguThixo onekhwele. 15Sanukwenza zivumelwano nabantu belo lizwe; kuba hleze bathi, xa benqula besenzela izithixo zabo amadini amanyumnyezi, banimeme nani, nilukuhleke, nitye loo madini azo. 16Nani ningasuka nibathathele oonyana benu abafazi kwezo ntombi zabo, zithi ke ngaloo ndlela zibahende banqule izithixo.

17“Ningaze niziqingqele izithixo.

18“Ningaze niyeke ukwenza itheko lesonka sentlama engenagwele. Yenzani njengoko ndaniyalelayo, nitye isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe kwinyanga ka-Abhibhi. Kaloku leyo yinyanga enaphuma ngayo eJiputa.

19“Unyana wamazibulo ngokunjalo neduna lemfuyo lamazibulo lelam.

20“Ke lona iduna lamazibulo ledonki nolihlawulela ngedini letakane. Kungenjalo ke niya kulaphula ilungu lentamo. Wonke unyana wamazibulo makahlawulelwe.

“Akukho mntu makeze kum engaphathanga mnikelo.

21“Iintsuku ezintandathu evekini zezokwenza wonke umsebenzi wenu. Kodwa ke ngosuku lwesixhenxe ze niphumle; nditsho nkqu nangamaxesha okulima nokuvuna.

22“Xa nivuna ingqolowa yenzani itheko lolibo; kanti ke ningalityesheli netheko lesivuno ngexesha lokuvuna iziqhamo.

23“Onke amadoda makeze kunqula mna Ndikhoyo Thixo kaSirayeli kathathu ngonyaka. 24Ndiya kuzigxotha izizwe phambi kwenu, itsho inabe imida yenu, kungabikho namntu uya kuzama ukulihlutha elo lizwe kuni xa nisiya kundinqula mna Ndikhoyo Thixo wenu ngazo zozithathu ezi zihlandlo enyakeni.

25“Xa nindenzela idini ze ningasisebenzisi isonka sentlama enegwele. Ngexesha letheko *lePasika inyama yedini ize ingabekwa mbeko.

26“Minyaka le zisani ulibo lwesivuno endlwini kaNdikhoyo.

“Ningaze nilipheke ngobisi lukanina itakane lebhokhwe.”

27UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Wabhale la mazwi. Kaloku umnqophiso wam nani uxhomekeke kuwo.” 28Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.

Ukubuya kukaMosis eSinayi

29Ukubuya kwakhe entabeni uMosis ephethe loo mithetho ilishumi, ubuso bakhe babukhazimla, kuba ethethe *noNdikhoyo; kambe ke yena wayengayiqondi loo nto. 30UAron namaSirayeli onke babubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla, batsho boyika ukusondela kuye. 31Kodwa uMosis wababiza, waza uAron nazo zonke iinkokheli zamaSirayeli beza kuye, waza wathetha nabo. 32Kamva ke onke amaSirayeli aqokelelana kuMosis, waza ke wawaxelela yonke imiyalelo ayinikwe nguNdikhoyo entabeni iSinayi. 33Wathi ke akugqiba ukuthetha nabo uMosis, wabufaka isigqubuthelo ubuso bakhe. 34Wayesithi xa eza kuthetha noNdikhoyo asisuse isigqubuthelo. Ekubuyeni kwakhe ke wayewaxelela konke akuyalelwe nguNdikhoyo amaSirayeli. 35Wona ke ayebubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla. Kambe ke wayeye afake isigqubuthelo, ade aphinde kwakhona aye kuthetha noNdikhoyo.

EYEMFUDUKO 34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 35

Imithetho mayela noMhla wokuPhumla

1UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo: 2iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo, umhla wokuphumla. Nabani na ke owenza nawuphi na umsebenzi ngawo wobulawa. 3Ngawo akunakubaswa nomlilo lo emizini yenu.”

Iminikelo yesibingelelo

(Mfud 25:1-9)

4UMosis waliyalela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “*UNdikhoyo uthi 5wonke umntu oziva elangazelela ukunikela kuye makathathe kwinto anayo: igolide, isiliva, ubhedu, 6nelaphu elihle, elizuba, elimsobo, nelibomvu, nelaphu loboya bebhokhwe, 7nofele lwenkunzi yegusha olubomvu, nesikhumba esisukiweyo; nomngampunzi, 8neoyile yezibane, nobulawu bokuqhola ioyile nokuqhola isiqhumiso sitsho sibe nevumba elimnandi; 9amatye ekarneli namanye amatye exabiso okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba sombingeleli omkhulu.”

Izinto zokwakha isibingelelo

(Mfud 39:32-43)

10Waqhuba uMosis wathi: “Onke amagcisa omsebenzi wezandla akhoyo phakathi kwenu makeze azokwenza *isibingelelo nezinto ayalele ukuba zenziwe *uNdikhoyo: 11intente kunye nesigqubuthelo sayo, amahaki, uphahla lwentente, izakhelo, imiqadi, kunye neziseko; 12ityesi yomnqophiso, inemiqobo yokuyiphatha, nesivalo, kunye nomkhusane; 13itafile, inemiqobo namasolotya ayo, kunye nesonka esingumnikelo kuThixo; 14isibane nobuxhaka-xhaka baso, neoyile; 15iqonga lesiqhumiso nemiqobo yokuliphatha, amafutha okuthambisa, isiqhumiso esivumba limnandi, umkhusane wesango lesibingelelo; 16iqonga lamadini linxityelelwe isisefu esenziwe ngobhedu, imiqobo yalo nako konke okwalo; isitya sokuhlambela nesiseko saso; 17umkhusane wenkundla neentsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla; 18izikhonkwane neentsontela zomphakathi ngokunjalo nenkundla; 19kunye nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli xa bebusa kwigumbi elingcwele, ngokunjalo nezivatho ezizodwa zika-Aron kunye noonyana bakhe.”

Abantu bezisa iminikelo

20Ke kaloku lonke ibandla lamaSirayeli lamshiya uMosis, 21waza uwonke-wonke kulo owayeziva elangazelela ukunikela *kuNdikhoyo khon' ukuze kwakhiwe *isibingelelo, weza ephethe umnikelo. Beza nayo yonke into eyayiyimfuneko kwezonqulo nasekwenzeni izivatho zababingeleli. 22Amadoda nabafazi ababeziva belangazelela ukunikela beza nezipeliti zokuhombisa, amacici, imisesane, amaso, nazo zonke iintlobo-ntlobo zobunewu-newu begolide, bazenza umnikelo owodwa kuNdikhoyo. 23Bezisa amalaphu amahle, azuba, amsobo, nabomvu; ilaphu loboya bebhokhwe, ufele olubomvu lwenkunzi yegusha, nesikhumba esisukiweyo. 24Kanti ke nabathanda ukunikela ngesiliva okanye ubhedu benjenjalo. Abanye banikela ngomngampunzi, khon' ukuze usetyenziswe nakuwuphi na umsebenzi. 25Onke amakhosikazi angamagcisa okusonta ezisa amalaphu amahle nemisonto ezuba, emsobo, nebomvu, awayeyisontile. 26Benza umsonto ngoboya bebhokhwe. 27Iinkokheli zona zeza namatye ekarneli namanye amatye okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba, 28iziqholo neoyile yesibane, neziqholo zeoyile, neziqhumiso ezivumba limnandi. 29Onke amaSirayeli awayeziva enolangazelelo ezisa iminikelo kuNdikhoyo, khon' ukuze kufezekiswe umsebenzi owawuyalelwe uMosis.

Iingcibi zokwakha isibingelelo

(Mfud 31:1-11)

30UMosis wathi kumaSirayeli: “Niyabona, *uNdikhoyo unyule uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda. 31Umzalisile ngoMoya wakhe, wamthi jize ngobugcisa nobuchule nengqiqo ephangaleleyo, 32ukuze akwazi ukucwangcisa nokuyila nokusebenza ngegolide, isiliva, nobhedu, 33ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa. 34Yena enoHoliyabhi unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan ubaphile ubuchule bokufundisa abanye ubugcisa. 35Ubaphe ubuchule beendidi zonke kumsebenzi wabakroli nabayili, nomsebenzi wokusonta amalaphu azuba, amsobo, nabomvu, nazo zonke iindidi zamalaphu. Ewe, bangamachule angawo kuyo yonke imisebenzi yobugcisa nokuyila.

EYEMFUDUKO 35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 36

1“Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”

AmaSirayeli ayanikela

2Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza. 3UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke. 4Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi, 5aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”

6Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni. 7Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.

Ukwakhiwa kwesibingelelo

(Mfud 26:1-37)

8Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono. 9Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi. 10Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu. 11Benza amarhintyela ngelaphu elizuba phaya emphethweni ngapha nangapha. 12Bafaka amarhintyela angamashumi amahlanu kuloo macala omabini, bawenza alungelelana. 13Benza namashumi amahlanu amahaki ngegolide, khon' ukuze la macala mabini emikhusane ahlanganiswe abe yinto enye.

14Baza ke benza intente yangaphandle ngemiqulu elishumi elinanye eyenziwe ngoboya bebhokhwe. 15Bayenza yalingana yaziimitha ezilishumi elinantathu ubude, zambini ke ububanzi. 16Isihlanu sayo ke basithunga basidibanisa sayinto enye; ngokunjalo nesithandathu eso basithunga basidibanisa sayinto enye naso. 17Bafakela amarhintyela angamashumi amahlanu emphethweni wecala ngalinye. 18Bathatha ubhedu, benza ngalo amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe.

19Baza intente bayenzela izigqubuthelo ezibini, esangaphantsi senziwe ngofele olubomvu lwenkunzi yegusha, esangaphezulu ngesikhumba esisukiweyo.

20Benza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngomngampunzi. 21Isakhelo ngasinye sasiziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu nesithandathu ububanzi. 22Bazenza ke zalabalaba ngapha nangapha, ukuze zibe nokuhlanganiswa. Zonke ke izakhelo zenziwa ngale ndlela. 23Izakhelo ezo zaba ngamashumi amabini ezangezantsi. 24Ngokunjalo bazenzela iziseko ngesiliva zamashumi mane, zazibini esakhelweni, ukuze zibambe nale ndawo ilabalabayo. 25Amantla bawenzela izakhelo ezingamashumi amabini, 26ngokunjalo neziseko zesiliva ezingamashumi amane, zazibini esakhelweni. 27Kwicala langasemva entshona benza izakhelo zazithandathu, 28baza benza izakhelo zazibini ezikoneni. 29Ezi zakhelo zeekona zaziqhagamshelwe emazantsi, zaya kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona. 30Ngoko ke zazisibhozo izakhelo, zixhaswe ngeziseko ezilishumi elinesithandathu – zizibini esakhelweni.

31Kwakhona benza imiqadi yezakhelo ngomngampunzi. Yayimihlanu ngapha 32nangapha, ngokunjalo nakwicala langasentshona ngasemva. 33Lo uphakathi bawubeka esizikithini, wasuka ngapha waya kuthi ngqu ngaphaya. 34Izakhelo ezo bazityabeka ngegolide, bazinxibelela amakhonkco enziwe ngegolide apho kwakungena khona imiqadi – miqadi leyo eyayityatyekwe ngegolide nayo.

35Baza ke bathatha imiqulu yelaphu elisontwe kakuhle, benza umkhusane. Wawuyile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Futhi ke wawuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, eyenziwe ngobugcisa nobunono. 36Lo mkhusane ke wawuxhonywe kwiintsika zomngampunzi, bezityabeke ngegolide, bazenzela amahaki; zona ke zazixhaswe ngeziseko ezine zesiliva. 37Esangweni lesibingelelo bafaka umkhusane owenziwe ngelaphu lisontwe kakuhle, linale mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; baza ke baliqhoqhonya balihombisa ngobugcisa nobunono. 38Lo mkhusane ke bawenzela iintsika ezintlanu, bazifakela amahaki. Iintloko zeentsika, ngokunjalo nemiqadi, bayityabeka ngegolide, baza bazenzela iziseko ezihlanu ngobhedu.

EYEMFUDUKO 36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 37

Ukwenziwa kwetyesi yomnqophiso

(Mfud 25:10-22)

1UBhezaleli wayenza ityesi yomnqophiso ngomngampunzi. Yayiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu nantandathu ububanzi kwanomphakamo wayo. 2Wayityabeka ngegolide ngaphandle nangaphakathi, waza ke wayiphetha kwangayo jikelele. 3Kumanqina ayo omane wayifakela amakhonkco enziwe ngegolide, amabini kweli cala, amabini kweliya. 4Kwakhona wenza imiqobo yokuphatha, wayityabeka ngegolide, 5wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha, ukuze ibe nokuthwalwa. 6Wathatha igolide, wenza isivalo setyesi. Sasiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu anantandathu ububanzi. 7-9Wathatha igolide, wabumba *izithunywa ezimaphiko zambini, wazenza zaba yinto enye nesivalo eso, zamiswa ngapha nangapha phezu kwaso zijongene, athi ke naloo maphiko azo athe naa agubungela isivalo eso.

Ukwenziwa kwetafile

(Mfud 25:23-30)

10Wathatha umngampunzi, wenza itafile. Yona yayingamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude, zingamashumi amane anane ububanzi; kanti ke ukuphakama zazingamashumi amathandathu anesithandathu. 11Wayeyityabeka ngegolide ecwengileyo, futhi wayiphetha kwangayo jikelele. 12Ngokunjalo wayenzela ungqameko oluyijikelezileyo, lungangesandla ububanzi, waza waluphetha ngegolide jikelele. 13Wayifakela amakhonkco amane, enziwe ngegolide, wawanxibelela ezikoneni zone apho imilenze yayifakelwe khona. 14La makhonkco okungena imiqobo yokuphatha wawenza alungelelana nongqameko olo. 15Ke yona imiqobo leyo wayenza ngomngampunzi, wayityabeka ngegolide. 16Itafile leyo wayenzela izitya ngegolide: iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokwenza idini lewayini.

Isibane

(Mfud 25:31-40)

17Wathatha igolide ecwengileyo, wenza isibane. Amazantsi kunye nesiqu saso wasibumba ngegolide naso. Wasenzela izihombiso ngeentyatyambo, imidumba, namagqabi eentyatyambo; zonke ke zaba yinto enye nesibane eso.

18Kwalapho kuso wanxibelela amasebe aso: amathathu ngapha nangapha. 19La masebe mathandathu aphuma esiqwini sesibane wawahombisa ngeentyatyambo zealmondi, nangemidumba, nangamagqabi eentyatyambo. 20Nesiqu sesibane wasihombisa ngeentyatyambo ezine zealmondi, wasivathisa ngemidumba namagqabi eentyatyambo. 21Onke amasebe lawo wawasekela ngomdumba. 22Imidumba namasebe lawo, ngokunjalo nesibane siphela, zazenzwe ngegolide ecwengileyo, kuyinto enye nje. 23Esi sibane ke uBhezaleli wasenza ngohlobo lokuba sibe zizibane ezisixhenxe. Umcephe wokusicima ngokunjalo nezithetyana zaso wazenza ngegolide. 24Ekwenzeni esi sibane ngokunjalo nobuxhaka-xhaka baso wasebenzisa igolide eziikhilogram ezingamashumi amathathu nantlanu ubunzima.

Ukwenziwa kweqonga lesiqhumiso

(Mfud 30:1-5)

25UBhezaleli wathatha umngampunzi, wenza iqonga lesiqhumiso. Amacala alo wawenza alingana, aziisentimitha ezingamashumi mane nantlanu, zangamashumi alithoba ukuphakama. Iimpondo zalo zazintwinye nalo. 26Eli qonga lonke walityabeka ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi waliphetha kwangegolide jikelele. 27Walenzela amakhonkco amabini ngegolide. Wawanxibelela apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuphatha. 28Wathatha umngampunzi, wenza imiqobo, waza wayityabeka ngegolide.

Ukwenziwa kwamafutha nesiqhumiso

(Mfud 30:22-38)

29Kananjalo wenza amafutha awodwa okuthambisa. Ngokukwanjalo wenza nesiqhumiso esivumba liyolileyo. Xa zizonke ke wazixuba okwechule.

EYEMFUDUKO 37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 38

Ukwenziwa kweqonga lamadini

(Mfud 27:1-8)

1Ke kaloku uBhezaleli wenza iqonga lamadini ngomngampunzi. Lalilingana macala, liziimitha ezimbini namashumi amabini eesentimitha ubude nobubanzi; ukuphakama kuyimitha enye namashumi amathathu eesentimitha. 2Izibonda zalo ezikoneni phaya wazenza zalabalaba zenza iimpondo. Walityabeka ngobhedu jikelele. 3Ngokunjalo ke walenzela izixhobo zalo: iimbiza zokukhongozela uthuthu, iifotsholo, izitya, iifolokhwe, neepleyiti zomlilo. Zonke ezi zixhobo wazenza ngobhedu. 4Wenza isisefu ngobhedu, waza wasifaka phantsi kongqameko olujikeleze iqonga, ngohlobo lokuba sithathe isiqingatha sokuphakama kweqonga. 5Ezikoneni phaya wafakela amakhonkco okungena imiqobo yesisefu. 6Wenza nemiqobo yokuphatha ngomngampunzi, wayityabeka ngobhedu, 7waza wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha. Iqonga elo ke walenza langumhaba-haba nje.

Ukwenziwa kwesitya sobhedu

(Mfud 30:18)

8Waza ke uBhezaleli wenza isitya sokuhlambela ngobhedu; nesiseko saso wasenza kwangobhedu. Olu bhedu ke baluthatha kwizipili zobhedu ezanikezelwa ngamakhosikazi awayelungiselela apho esangweni *lesibingelelo.

Inkundla yesibingelelo

(Mfud 27:9-19)

9*Isibingelelo ke uBhezaleli wasenzela inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Kwicala langezantsi lo mkhusane wawuziimitha ezimashumi mane nane ubude. 10Wawumisa ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, zixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, waza wenza namahaki nemiqadi ngesiliva. 11Nakwicala langasentla ke wayenza kwangolu hlobo. 12Ngasentshona ke umkhusane wawenza ngelaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, wawenzela neentsika ezilishumi, zaxhaswa ziziseko ezikwalishumi; wenza namahaki nemiqadi ngesiliva. 13Kwicala lasempuma, apho kwakukho isango, umkhusane wawuziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi. 14-15Ngapha nangapha esangweni umkhusane wawenza waziimitha ezintandathu mashumi omathandathu eesentimitha; wawenzela neentsika ezintathu, zaxhaswa ziziseko ezikwazithathu. 16Umkhusane wenkundla jikelele wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule. 17Iziseko zeentsika wazenza ngobhedu; ke wona amahaki nemiqadi wayenza ngesiliva, futhi neentloko zeentsika wazityabeka kwangayo. Iintsika zenkundla zonke wazidibanisa ngemiqadi yesiliva. 18Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla. 19Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo. 20Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.

Iinkcukacha ngezinto ezasetyenziswayo

21Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

22UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo. 23Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.

24Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo. 25Yona isiliva yomnikelo wababaliweyo yayingamawaka amathathu, makhulu omane anamashumi amathathu eekhilogram ubunzima. 26Le mali ke ngumrhumo owakhutshwa ngabo bonke abantu ababalwayo, bekhupha ngokomlinganiselo omisiweyo. Inani lamadoda abalwayo angaphezu kwamashumi amabini ubudala ayengamakhulu mathandathu nantathu amawaka, makhulu mahlanu, mashumi omahlanu. 27Kule siliva ke amawaka amathathu anamakhulu amane eekhilogram asetyenziswa ekwakheni ikhulu leziseko zesibingelelo nomkhusane. Iikhilogram ezingamashumi amathathu anane zaba zezesiseko ngasinye. 28Ke wona amashumi amathathu eekhilogram aseleyo esiliva uBhezaleli wenza ngawo imiqadi, amahaki eentsika, nokutyatyekwa kweentloko zazo. 29Ubhedu olwanikelwayo kuNdikhoyo lwaluziikhilogram ezimawaka mabini, makhulu omane, namashumi amabini anantlanu. 30Ngalo ke wenza iziseko zesango lesibingelelo, iqonga nesisefu salo, nazo zonke izixhobo zeqonga, 31iziseko zenkundla jikelele, kunye nesango layo, ngokunjalo nezikhonkwane zesibingelelo nenkundla.

EYEMFUDUKO 38XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-