Bible Society of South Africa

To The Word – Day 214

Revelation 19–22, Psalms 85–86, Isaiah 60

Itekisi yeBhayibhile

ISITYHILELO 19

1Emva koko ndeva ngathi kukho intswahla yehlokondiba ezulwini, lidanduluka lisithi: “Mayibongwe iNkosi! Uloyiso nesihomo namandla ngakaThixo wethu. 2Kaloku zinyanisekile, zilungile izigqibo zakhe. Eli henyukazi ebelifudula lidyobha ihlabathi ngoluchwe lokurheletya uligwebile. Ulohlwayile ngenxa yokuphalala kwegazi lezicaka zakhe.3Liphindile lathi kwakho ihlokondiba: “Huntshu! Nanko unyuka ngonaphakade umsi wesixeko esitshayo!” 4Iinkonde zomashumi omabini nane, nezilwanyana zozine, zathi qubudu zinqula uThixo osesihlalweni sobukhosi, zathi: “Ewe, kunjalo! Huntshu!”

Isidlo somtshato weXhwane

5Kwavakala ilizwi livela esihlalweni sobukhosi, lisithi: “Mbongeni uThixo wethu, nonke nina zicaka zakhe, nonke nina bamhlonelayo, baphakamileyo nabaphantsi!” 6Ndibuye ndeva intswahla ekwangathi yeyehlokondiba. Yaba ngathi sisandi samanzi engxangxasi, nokugqekreza kweendudumo, isithi: “Huntshu! INkosi uThixo wethu onguSomandla yiKumkani. 7Vuyani, nimemelele yimincili, nimnike imbeko. Ifikile kaloku imini yomtshato weXhwane. Umtshakazi selezilungiselele. 8Wambeswe umwunduwundu omhle womchako omhlophe welinen eqaqambileyo.” (Kaloku ilinen entle yalatha imisebenzi elungileyo yemilowo kaThixo.)

9Sithe ke kum isithunywa: “Bhala uthi: ‘Banoyolo abo bamenyelwe kwisidlo somtshato weXhwane.’ ” Satsho sisithi: “Ngamazwi kaThixo ngenkqu lawo.”

10Ndazikhahlela ngasezinyaweni zaso ndinqula. Suka sathi sona kum: “Mus' ukuyenza loo nto. Nam ndisisicaka njengawe namawenu angamangqina kaYesu. NguThixo omakanqulwe. Abo bangamangqina kaYesu banikwa ifuthe loMoya *njengabashumayeli.”

Okhwele ihashe elimhlophe

11Ndabona izulu livuleka, kwathi gqi ihashe elimhlophe. Igama lalowo wayelikhwele ihashe elo nguThembekile noNyaniso. Kaloku ugweba ngobulungisa, enze nemfazwe kwangobulungisa. 12Wayetsho ngamehlo abukhali ngathi avutha umlilo; ethe jize izithsaba ezininzi entloko. Wayenombhalo wegama elalingaziwa bani ngaphandle kwakhe. 13Wayethe wambu ingubo eyayilijaja ligazi. Igama abizwa ngalo nguLizwi kaThixo. 14Wayelandelwa yimikhosi yasezulwini, ikhwele amahashe amhlophe, yambethe iingubo ezimhlophe eziqaqambileyo zelinen. 15Kwaphuma ikrele elibukhali emlonyeni wakhe. Wayeza kuxabela iintlanga ngalo, azifake phantsi kolawulo olungqongqo. Yena wozikhama iinkani ngesohlwayo sengqumbo kaThixo uSomandla. 16Engubeni yakhe nasethangeni kwakukho umbhalo othi: “IKumkani yeekumkani neNkosi yeenkosi.”

17Ndabona isithunywa simi elangeni. Sazikhwaza zonke iintaka ezazibhabha esibhakabhakeni, sathi: “Qokelelanani nize kwisidlo esenziwe nguThixo. 18Yizani nitye inyama yeekumkani neengqwayi-ngqwayi, eyamajoni amahashe nabo bawakhweleyo, eyabantu bonke: amakhoboka nabakhululekileyo, abakhulu nabaphantsi.”

19Ndalibona irhamncwa neekumkani zehlabathi nemikhosi yazo zixhontelene. Zazize kuqubisana nalowo ukhwele ihashe elimhlophe, kunye nomkhosi wakhe. 20Lathinjwa irhamncwa, ngokunjalo *nomshumayeli oxokayo obefudula esenza imilingo phambi kwalo. (Wabalahlekisa ngemilingo abo babenophawu lwerhamncwa, benqula umfanekiso walo.) Elo rhamncwa ndawonye nomshumayeli oxokayo baphoswa edikeni lomlilo ovutha yisalfa besahleli. 21Imikhosi yabo yabulawa ngekrele elaliphuma emlonyeni walowo wayekhwele ihashe. Iintaka zonke zazitsho zabomvu izisu yinyama.

ISITYHILELO 19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ISITYHILELO 20

Ulawulo lweminyaka eliwaka

1Ndabona isithunywa sivela ezulwini sisiphethe ngesandla isitshixo senzonzobila. Sasiphethe nento enkulu yetyathanga. 2Salibamba igongqongqo, inyoka endala, umtyholi, uSathana. Salikhonkxa iwaka leminyaka. 3Salifaka enzonzobileni, sawuvala umnyango, sawutywina, sisenzela ukuba lingabe liphinde lilulahlekise uluntu kude kuphele iwaka leminyaka. Emva kwelo thuba igongqongqo limelwe kukukhululwa; phofu okwethutyana nje elingephi.

4Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka. 5Luvuko lokuqala ke olu. Inxalenye yabafi yona ayizange ivuke kwade kwaphela iminyaka eliwaka. 6Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.

Ukoyiswa kukamtyholi

7Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni. 8Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni. 9Nazo ke zicombuluka ehlabathini liphela, zirhawula impi yomkhosi wosapho lukaThixo, ndawonye neso sixeko asithandayo. Kuthe kusenjalo suka kwehla umlilo phezulu, wazithi lence-lence. 10Okokwakhe umtyholi, umlahlekisi wazo, yena wathiwa dywa echibini lomlilo onesalfa, apho irhamncwa kunye *nomshumayeli oxokayo bebesebephoswe khona. Apho ke baya kungcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.

Umgwebo

11Ndaza ke ndabona isihlalo sokulawula esimhlophe, kukho ohleli kuso. Umhlaba namazulu ambaleka, awaba sabonakala. 12Ndababona abafileyo, abakhulu kwanabanci, bemile phambi kwesihlalo sokulawula. Zavulwa iincwadi, kwaza kwavulwa nenye incwadi eneenkcukacha zobomi. Abo bafileyo bagwetywa ngokwengxelo yezenzo zabo eyayibhalwe kwezo ncwadi. 13Ulwandle, ukufa, nelabafileyo labakhuphela ngaphandle abafileyo ababekulo. Umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe. 14Ukufa nelabafileyo kwaphoswa echibini elivuthayo. Eli chibi lomlilo ke kukufa kwesibini. 15Wonke umntu ogama lingabhalwanga encwadini yeenkcukacha zobomi waphoswa echibini elivuthayo.

ISITYHILELO 20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ISITYHILELO 21

Izulu elitsha nehlabathi elitsha

1Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu. 2Ndabona nesixeko esingcwele, iJerusalem entsha, isihla ivela kuThixo ezulwini. Yayingasentle! Yayingathi ngumtshakazi ehombele umyeni. 3Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. 4Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”

5Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.” 6Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi. 7Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. 8Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”

IJerusalem entsha

9Kusuke esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe zezibetho zokugqibela sathi kum: “Yiza ngapha ndikubonise umtshakazi walo iXhwane.” 10Sandithatha ndisemandleni kaMoya, sandisa encotsheni yentabakazi enkulu. Sandibonisa iJerusalem, isiXeko esiNgcwele, isihla ivela kuThixo ezulwini. 11Yayiqaqambile bubuqaqawuli bukaThixo, ibengezela okwelitye lexabiso elicwenge okwedayimani. 12Yayineendonga eziphakamileyo kakhulu, inamasango alishumi elinambini. Kwisango ngalinye kwakukho isithunywa. Phezu kwamasango kwakubhalwe amagama ezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. 13Ngasempumalanga kwakukho amasango amathathu, emathathu emntla, emathathu emzantsi, nangasentshonalanga. 14Iindonga zesixeko zazimi phezu kweziseko zamatye alishumi elinambini. Ilitye ngalinye lalinegama *lomthunywa ngamnye kubathunywa beXhwane abalishumi elinambini.

15Isithunywa esasithetha nam sasiphethe induku yegolide yokulinganisa. Sasiza kulinganisa ngayo ubukhulu besixeko, amasango, neendonga zaso. 16Amacala omane ayelingana, ubude bungangobubanzi. Isithunywa salinganisa ubukhulu besixeko ngenduku yaso. Safumana buziikhilomitha ezilishumi elinesibini lamawaka, ubude kwanobubanzi baso. Sasikwangako ukuphakama. 17Salinganisa iindonga, sazifumana ziziinyawo ezilikhulu linamashumi mane anane ukuphakama. Sasisebenzisa umlinganiso oqhelekileyo ebantwini. 18Udonga lwalwenziwe ngeedayimani. Sona isixeko sasenziwe ngegolide; sasingathi siyiglasi egudisiweyo. 19Iziseko zaso zazihonjiswe ngazo zonke iintlobo zamatye exabiso. Kuqala yayiyidayimani, kulandele ilitye lexabiso ekuthiwa yisafire, iagati, iemeraldi, 20isadonisi, ikorneli, ikrizoli, ibherilo, itopazi, ikrizoprazi, ihakinto, eleshumi elinambini yayiametiste. 21Amasango alishumi elinambini *ayeziiperile ezilishumi elinambini. Isango ngalinye laliyiperile enye, nesitalato sesixeko siyigolide ecwengileyo, sifana neglasi.

22Andizange ndiyibone *indlu kaThixo esixekweni apho. Kaloku iNkosi uThixo uSomandla kunye nalo iXhwane ngabo ngenkqu loo ndlu. 23Isixeko sasingadingi langa nanyanga yakusikhanyisela. Sasikhanyiselwa bubuqaqawuli bukaThixo nalo iXhwane. 24Izizwe ziya kuhamba ekukhanyeni kwaso; iikumkani zehlabathi zowazisa kuso amagugu azo. 25Akasayi kuvalwa emini amasango aso, yaye akusayi kubakho busuku khona. 26Izizwe ziya kuza ziphethe amagugu azo neendyebo zazo. 27Akuyi kungena bubi khona; akuyi kungena nasingcoli naxoki; kuphela kongena abo babhaliweyo encwadini yeXhwane, leyo yeenkcukacha zobomi.

ISITYHILELO 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ISITYHILELO 22

1Isithunywa eso sandibonisa umlambo onamanzi obomi ebengezela okweglasi. Ayempompoza evela kwibhotwe likaThixo kunye neXhwane. 2La manzi ayesihla phakathi kwisitalato sesixeko eso. Lo mlambo wawuphahlwe ngumthi wobomi. Lo mthi uvelisa iziqhamo ngazo zonke iinyanga zonyaka. Amagqabi alo mthi ayimpilo yezizwe. 3Nayiphi na into eqalekisiweyo ayisayi kubakho apho.

Into ekhoyo apho libhotwe likaThixo kunye neXhwane. Izicaka zakhe ziya kuphithizela zimkhonza. 4Ziya kujongana naye ebusweni, zinegama lakhe ebunzi. 5Akusayi kubakho busuku khona; kungasayi kubakho mfuneko yasibane nalanga. Kaloku iNkosi uThixo uya kuzikhanyisela. Ziya kuxhamla ulawulo ngonaphakade kanaphakade.

Ukubuya kukaYesu

6Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi, wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.”

7“Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!”

8Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela. 9Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.” 10Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango. 11Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.

12“Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe! 13Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.”

14Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni. 15Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.

16“Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide, ikhwezi lokusa.”

17UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza”

Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!”

Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo.

Isiphetho

18Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi. 19Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula, uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi.

20Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”

Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!

21Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.

ISITYHILELO 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 85

Ukuthandazela inkqubela yesizwe

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakaKora.

1Ewe, *Ndikhoyo, ulazelelele eli lizwe;

uYakobi umthe jize ngendyebo nenkqubela.

2Ubaxolele abantu bakho ngobugwenxa babo;

ubuye wazilibala izono zabo.

3Ubuye wayibamba ingqumbo yakho;

uphinde wathomalala umsindo wakho.

4Yiba nebuyambo, Thixo, usisindise,

ungabi sakhathazeka sithi.

5Ngani ukuba ungabi saphela umsindo wakho?

Koda kube zizizukulwana ucaphukile na?

6Nceda ubuye usihlaziye,

abantu bakho bagcobe ngawe.

7Maziphuphumele kuthi izibele zothando lwakho;

awu, Ndikhoyo, sithi jize ngenkululeko yakho.

8Mandiweve amazwi kaNdikhoyo uThixo;

kaloku uzisa uxolo kubantu bakhe,

kwabo bayimilowo yakhe engajika-jikiyo.

9Ngenene usindiso lwakhe lukufuphi kwabo bamthobelayo;

nobungangamsha bakhe bohlala kweli lizwe.

10Kodibana uthando nokunyaniseka,

ubulungisa noxolo bulale ngengub' enye.

11Ukunyaniseka kuya kuntshula emhlabeni;

ubulungisa bona boqwalasela busesibhakabhakeni.

12Ewe, uNdikhoyo wosithi jize ngenkqubela,

lona ilizwe lethu libe yintombazana.

13Yena uya kukhokelwa bubulungisa;

ewe, buya kumgabulela izigcawu.

IINDUMISO 85XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 86

Ukuzibika

Umthandazo kaDavide.

1Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;

kaloku mna ndiyimpula kalujaca.

2Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;

sihlangule isicaka esikholosa ngawe.

3UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.

Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.

4Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.

Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.

5Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;

uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;

khawundivele, ndiyakubongoza.

7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,

kuba wena uyavelana nam.

8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,

engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

9Zonke izizwe owazidalayo

ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,

zibonga zibabaza igama lakho.

10Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;

ewe, nguwe wedwa uThixo.

11Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,

khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.

Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;

ndikunqule ndingankwalambisi.

12Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;

Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,

13kuba ziyandimangalisa izibele zakho;

undihlangule enzonzobileni yengcwaba.

14Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.

Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;

zona azikukhathalele nganto.

15Kambe ke wena, Nkosi,

unguThixo onenceba nesisa.

Wena ucaphuka kade,

uphuphuma uthando nokunyaniseka.

16Buya uvelane nam;

khawusomeleze isicaka sakho,

umhlangule unyana wesicakazana sakho.

17Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,

ukuze abandithiyileyo babone badane,

kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.

IINDUMISO 86XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 60

Ikamva leJerusalem

1Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!

Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;

isihomo *sikaNdikhoyo sikujikelezile.

2Nâbo ubumnyama phezu kwehlabathi;

umnyam' ombonde-mbonde uvalel' izizwe.

Kodwa ke uNdikhoyo uyakukhanyisela;

ukukhanya kwesihomo sakhe kuphezu kwakho.

3Oko kukhanya kotsala neentlanga,

nezikumkani ngokwazo uzikhange loo mso.

4Khawubheka-bheke ude uqwalasele;

bonke bayaqokelelana, bayeza!

Oonyana beza bevel' ekudeni;

iintombi zona ziza zisingathiwe.

5Wothi ungabona, utsho ube nemihlali;

uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha.

Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe;

ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.

6Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamela

namankonyane aseMidiyan naseHefa.

NabaseShebha baya kuza begxalathelana,

bepheth' igolide kunye nesiqhumiso,

bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.

7Zonke iigusha zakwaKedare zoba zezakho;

wosebenzisa iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.

Zona ziya kutsho ngamadini amkelekileyo eqongeni lam;

ndoyihombisa indlu yam enesihomo.

8Zinto zini ezi zibhabha njengamafu,

ezi zingathi ngamahobe egoduka?

9Ziinqanawe ezivela emazweni,

kukhokel' ezaseTashishe –

nâzo zigodusa abantu bakaThixo.

Beza bepheth' igolide nesiliva;

ngazo badumisa igama likaNdikhoyo.

Lowo ke nguThixo oyedwa kaSirayeli,

yena unithe jize ngesihomo nesithozela.

10KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi:

“Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga,

izikumkani zazo ke zona zikuququzelele.

Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo,

ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.

11Amasango akho ohlala evulwe ng'aa!

Imini nobusuku wona soze avalwe,

ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe,

izikumkani zazo ziluludwe,

zona zingumngcelele wabathinjwa.

12Ke sona isizwe ndawonye nookumkani

bonke abangakubusiyo botshabalala;

baya kuvuthululwa baphele tu.

13“Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe,

imithi yesipresi, umpleyini, nompayini,

yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo,

ukuze umzi wakhe undiliseke.

14Baya kuza abo babekade bekucinezela,

bafike bakhahlele babuse kuwe.

Nabo bonke abebekade bekudelile baya kuwisa kuwe bekhahlela,

besithi wena usisixeko sikaNdikhoyo,

iZiyon kaYedwa kaSirayeli.

15“Nangona ushiyiwe uthiyiwe,

kungasekho bani udlulayo,

ndiya kukwenza iqhayiya laphakade,

uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.

16Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela,

zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe.

Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo,

wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.

17Ndaweni yobhedu ndokunika igolide,

ndaweni yentsimbi ndikunike isiliva;

esikhundleni somthi ibe lubhedu,

ndikunike intsimbi endaweni yelitye.

Uya kuphathwa luxolo,

ulawulwe bubulungisa.

18Ubundlobongela buya kuba yintsomi,

imbubho nentshabalalo ziphele emideni yakho.

Uya kubiyelwa ngosindiso,

uvalwe ngendumiso.

19Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga;

ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga;

koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam;

mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.

20Awusayi kuphinda utshonelwe langa,

nenyanga ayisayi kubuya iphele;

uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini,

ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.

21Abantu bakho boba ngabalungileyo,

umhlaba bawume kude kube ngunaphakade.

Bona basisithole esimiliselwe ndim;

ewe, bangumsebenzi wezandla zam,

ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.

22Noyena ungathangani uya kuba njengomkhosi,

kanti noyena ungazelwe nto woba sisizwe esomeleleyo.

Lakufika ixesha le nto ndoyenza ngesiquphe,

kuba kaloku mna ndinguNdikhoyo.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-