Bible Society of South Africa

To The Word – Day 206

2 Thessalonians 1–3, Philemon 1, Psalms 79–80

Itekisi yeBhayibhile

2 KWABASETESALONIKA 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos, ndikunye noSilas noTimoti. Ndibhalela ibandla likaThixo wethu elimanywe neNkosi uYesu Krestu eliseTesalonika. 2Ndithi: Wanga uThixo uYise neNkosi uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.

Umgwebo xa kufika uKrestu

3Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi. 4Yiyo loo nto ke nilibhongo lethu esihamba siqhayisa ngalo kwamanye amabandla kaThixo. Kaloku nina ninomonde, nimi ngxishi elukholweni naphantsi kweentshutshiso enikuzo, kwakunye neenzingo enizithweleyo.

5Yonke ke loo nto ibonakalisa ukuba uThixo ugweba kakuhle. Kaloku ngenxa yezi nkxwaleko nizithweleyo uThixo uya kunenza nikufanele ukulawulwa nguye. 6Kulunge kanye ukuba uThixo asiphindezelele, abavise iinzingo abo banicinezelayo, 7aze kuni nina nitsala nzima, nakuthi, enze kube hele, kube chosi. Loo nto woyenza mhla ifika iNkosi yethu uYesu Krestu, ivela emazulwini, ingqongwe zizithunywa zayo ezinamandla, 8nangamadangatye omlilo. Abo bangamvumiyo uThixo yobagweba, kwanabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zeNkosi yethu uYesu. 9Baya kohlwaywa ngentshabalalo yangonaphakade, basuswe phambi kweNkosi, basikwe kubuncwane bewonga layo. 10Kaloku ngaloo mini iya kuba ize kunikwa imbeko ngabayo, bayinqule bonke abakholwayo. Iya kuba njalo ke nakuni, kuba nani nakholwa ludaba endaniphathela lona.

11Yiyo ke le nto ndihlala ndinithandazela. Ndisoloko ndimcela uThixo ukuba anifanelise ubizo lwenu. Wanga anganipha amandla okunqwenela ukwenza okulungileyo, anigqibezelele umsebenzi eniwenze niqhutywa lukholo. 12Ngamana ke ningalidumisa igama leNkosi yethu uYesu, nani niwongwe ngobabalo lukaThixo wethu neNkosi uYesu Krestu.

2 KWABASETESALONIKA 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASETESALONIKA 2

Okhohlakeleyo

1Mayela nokubuya kweNkosi yethu uYesu Krestu, nokuhlangana kwethu nayo: ndiyanibongoza, 2musani ukuthatheka msinya, okanye nidideke lula ngamarhe athi iMini yeNkosi isemnyango; noba kukho mntu uthi uyixelelwe ezulwini loo nto, okanye uyixelelwe ngomnye umntu, kanti noba ningade nifumane ileta engathi ivela kum isitsho, lumkani. 3Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala. 4Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.

5Ngaba senilibele? Kaloku ndandinixelele yonke le nto ngokuya ndandilapho. 6Ngokunjalo nani niyayiqonda into embambileyo ukuba angaveli phambi kwexesha elimisiweyo. 7Kuba selekho kambe amandla enkohlakalo asebenza ngokufihlakeleyo. Ewe, asebenza ngokufihlakeleyo okwangoku, elinde ukuba ade emke lowo umbambezeleyo. 8Uya kuthi ke akuvela loo mchasi-mthetho, iNkosi uYesu imbulale ngelizwi layo nje kuphela, imtshabalalise ngobumenyemenye bobungangamsha bokufika kwayo. 9Ukufika kwalo mchasi-mthetho ngumsebenzi kaSathana; yaye uya kuphelekwa yimisebenzi yamandla nemiqondiso nemimangaliso yenkohliso, 10kubekho zonke iintlobo zolahlekiso ezinokwenziwa bububi kwabo baya kwantshabalalo. Ewe, baya kutshabalala, kuba kaloku bona abalwamkelanga uthando lukaKrestu nenyaniso yakhe, ukuze basindiswe. 11Ngoko ke uThixo ubayekele ngolahlekiso olusebenza kubo, ukuze bamkele ubuxoki. 12Ngenxa yale nto ke bonke abangayamkelanga inyaniso, abasuke bavuyela ukuxhamla isono, baya kugwetywa.

Ninyulelwe usindiso

13Sifanele ukuba simbulele uThixo singaphezi ngenxa yenu, mawethu athandiweyo yiNkosi. Kuba kaloku uThixo waninyula kwasekuqaleni ukuze nisindiswe ngokwenziwa nyulu nguMoya wakhe, nangokukholwa kuyo inyaniso. 14UThixo wanibiza ngeendaba ezimnandi esazishumayelayo kuni; wanibiza ukuze nifumane isabelo kubuqaqawuli beNkosi yethu uYesu Krestu. 15Ngoko ke, mawethu, yimani ningahexi kwizithethe esanifundisa zona ngomlomo nangeeleta.

16Yanga iNkosi yethu uYesu Krestu ngenkqu noThixo uBawo wethu, owasithandayo, ngesisa sakhe wasinika ukukhuthala nethemba eliyokozelayo, 17wanga angaziphuphumisa iintliziyo zenu ngenkuthalo, anomeleze ukuze nenze, nithethe, izinto ezilungileyo.

2 KWABASETESALONIKA 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASETESALONIKA 3

Sithandazeleni

1Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, sithandazeleni, khon' ukuze ilizwi lodaba lweNkosi likhawuleze ukunwenwa kuzo zonke iindawo, nokuze linikwe imbeko nanjengoko kwaba njalo phakathi kwenu. 2Nam nindithandazele ukuze ndihlangulwe kubantu abakhohlakeleyo abanobuqhokolo. Kaloku asingabo bonke abantu abalwamkelayo udaba lweNkosi.

3Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo. 4Ndinithembile, nimanywe neNkosi nje, ukuba nohlala nisenza izinto endiniyalele zona.

5Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.

Umsebenzi yimfanelo

6Ndiyaniyala, mawethu, ngegunya legama leNkosi uYesu Krestu, ukuba nizikhwebule nakubani othi ulikholwa abe engenwe ngumkhwa wokungakhathali, nakulowo uyidelayo imfundiso yethu. 7Nazi mhlophe ukuba nina nimelwe kukuhamba ekhondweni lam. Mna bendingavilaphi phakathi kwenu. 8Bendingenanto ndiyifumana nje mahala, ndingayisebenzelanga. Bendisebenza nzima ubusuku nemini, endaweni yokuba ndibe ngumthwalo kuni. 9Ewe, bendinalo ilungelo lokuyifumana kuni inkxaso, koko ndithande ukuninika umzekelo. 10Kaloku ndandithe kuni: “Umntu olinqenerha makangaphiwa kutya.”

11Le ntetho ndiyenziswa kukuba ndive ukuba abanye kuni bahlala ngokungakhathali. Akukho nto bayenzayo ngaphandle nje kokuzifaka kwimicimbi yabanye abantu. 12Bonke ke abo ndibayala egameni leNkosi uYesu Krestu, ndisithi mabaziphathe kakuhle, basebenze, bazixhase.

13Nina ke kodwa, zihlobo zam, maze ningadinwa kukwenza okulungileyo. 14Kungenzeka kubekho othe kanti uyayidela le miyalelo yale ncwadi. Ukuba ke kuthe kanti kunjalo, mqapheleni loo mntu, nimbukule phakathi kwenu, ade asidanele isimilo sakhe. 15Anditsho phofu ukuba nimthathe njengotshaba. Hayi, ze nimcenge nina, nimluleke njengomntakwenu.

Isiphetho

16Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.

17Ndibhala ngesam isandla. Nasi ke isandla sam: Ndiyabulisa mna Pawulos.

18Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke.

2 KWABASETESALONIKA 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUFILMON 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos, umbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, ndikunye noTimoti umlingane wam. Ndibhalela wena mhlobo nogxa wam, Filmon, 2kunye nebandla elihlangana endlwini yakho, nodade uApiya, ngokunjalo nogxa wam uArkipo. 3Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.

Uthando nokholo lukaFilmon

4Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho. 5Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu. 6Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu. 7Ewe kambe, ndithathekile ndaye ndinemihlali ngenxa yothando onalo, mfondini; kaloku abantu bakaThixo bayahlaziyeka bakuhlangana nawe.

Isicelo mayela no-Onesimo

8Ngoku ke, nakuba bendingaba nesibindi, nanjengamntu umanywe noKrestu, sokuba ndikunyanzele ngento ofanelwe kukuyenza, 9kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, 10ndiyakubongoza ngenxa kaOnesimo, unyana wam endimzele ngokomoya, ngoku ndilapha entolongweni. 11Kambe ebekade engento konke kuwe, kodwa ngoku uxabisekile kuwe nakum.

12Ngoku ke nanko ndimthumela kwakuwe. Kambe ke xa wamkela yena, wamkela mna. 13Bendingathandayo ukumgcina apha ngoku ndingumbanjwa, ukuze athathe indawo yakho ekundincediseni ukuvakalisa iindaba ezimnandi. 14Kodwa andithandi ukuba ndenze nto ungavumanga; hayi, bendiya kuba ndiyakunyanzela ukuba wenze into entle, kungekuba kukholekile kuwe.

15Mhlawumbi uOnesimo wahlukaniswa nawe okwethutyana, ukuze ubuye umzuze ningasazi kwahlukana. 16Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!

17Ngoku ke, nanjengamntu undithatha njengesihlobo, naye ke mamkele kwangalaa ndlela ubuya kundamkela ngayo nam. 18Ukuba ke kukho nto awakona ngayo okanye kukho nto akutyala yona, libalele kum elo tyala. 19Ukukuqinisekisa ndibhala ngokwam, ndithi: Ndim mna Pawulos oya kukubuyisela. Phofu ke akukho mfuneko yakuba ndikukhumbuze ukuba nawe lowo ungowam, ndinebango kuwe. 20Ke, mfondini, ndiyakubongoza – kaloku sobabini simanywe noKrestu. Ngoko ke, velana nam kulo mbandela!

21Ndibhala ndiqinisekile ukuba uza kuhlangabezana nayo iminqweno yam; ewe, ndiyazi ukuba usenokwenza nangaphezu kwesicelo sam. 22Nantsi enye indawo: Nceda undilungiselele indawo yokuhlala apho, kuba ndinethemba lokuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yenu, ndibuyele apho kuni.

23Uyabulisa uEpafra ongumbanjwa ngenxa kaKrestu njengam; 24ngokunjalo noMarko, uAristarko, uDemas, noLuka, abalingane bam.

25Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

IINDUMISO 79

Isicelo sokuhlangulwa kwesizwe

Umhobe ka-Asafu.

1Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo;

ziyixabhele indlu yakho engcwele,

iJerusalem itsho yalinxuwa.

2Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,

izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.

3Igazi lazo laphalala njengamanzi,

laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,

kungekho bani wokuzifihla.

4Sesiyintlekisa kubamelwane;

bayakrwecana bephoxisa ngathi.

5Koda kube nini, *Ndikhoyo?

Uya kusoloko ucaphukile?

Lohlala livutha ikhwele lakho?

6Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,

kwabo bangakukhathalelanga wena,

kwizikumkani ezingakunquliyo.

7Kuba bamqwengile uYakobi,

babhuqe bavuthulula konke.

8Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;

nceda velana nathi kuba siphelelwe.

9Khawuncede usisindise, Thixo wethu,

ngenxa yesidima segama lakho.

Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

10Ngani ukuba iintlanga zide zithi:

“Uphi lo Thixo wabo?”

Liphindezele igazi lezicaka zakho;

masikubone uzohlwaya iintlanga.

11Yive incwina yâbo bathinjiweyo;

ngaloo mandla akho basindise abo bagwetyelwe ukufa.

12Babuyisele kasixhenxe abamelwane

ngenxa yezenyeliso abakuthuka ngazo, Mhlekazi.

13Ke thina bantu baziigusha ozalusayo

siya kukubulela njalo-njalo;

ewe, soze sipheze ukukuncoma!

IINDUMISO 79XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 80

Ukuthandazela ukuvelelwa kwesizwe

Kumbhexeshi-kwayara; uculwa njengalowa uthi: “Iinyibiba ziyangqina.” Umhobe ka-Asafu.

1Khawubek' iindlebe, malusi kaSirayeli!

Wena makhokel' uJosefu njengomhlambi,

wena osesihlalweni *ngakwizithunywa ezimaphiko,

2khanya kwaEfrayim nakwaBhenjamin nakwaManase;

ngaloo mandla akho yiza usisindise.

3Awu, Thixo, yiba nebuyambo;

velana nathi usisindise!

4*Ndikhoyo Thixo onamandla onke,

koda kube nini ungayamkeli imithandazo yabantu bakho?

5Wena usondle ngeentsizi,

wasiseza iinyembezi.

6Usitsho abamelwane baxhwithana ngathi;

ngoku iintshaba zihlekisa ngathi.

7Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;

velana nathi usisindise!

8Wena weza nomdiliya eJiputa,

wazigxotha iintlanga, watyala wona.

9Walima wawulungiselela umhlaba,

wamila waxanda emhlabeni wonke.

10Ithunzi lawo lafikelela ezintabeni,

lawagquma amasebe emisedare.

11Amasebe awo afikelela elwandle,

iingcambu zafikelela e-Efrati.

12Uludilizeleni ke uthango lwawo,

abadlulayo sebegqwathula iziqhamo nje?

13Ngoku sewunqunqudwa nayingulube;

iinyamakazi zizifikisela kuwo.

14Khawusivelele, Thixo onamandla onke;

khawuphos' amehlo uzibonele, uwuhlangule umdiliya.

15Nditsho isebe owalityalayo,

ewe, elo latyalwa zizandla zakho.

16Bawugecile baza bawutshisa;

batshabalalise ngomsindo wakho.

17Kodwa ke basindise abantu bakho abayinqobo,

abo uzomelezele bona.

18Thina ke soze sabuya mva;

sihlaziye saye sohlala sikudumisa.

19Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;

velana nathi usisindise!

IINDUMISO 80XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-