Bible Society of South Africa

To The Word – Day 205

1 Thessalonians 1–5, Proverbs 31

Itekisi yeBhayibhile

1 KWABASETESALONIKA 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos, ndikunye noSilas noTimoti. Ndibhalela ibandla likaThixo uYise neNkosi uYesu Krestu, eliseTesalonika. Ndithi kuni: Makulawule ubabalo noxolo.

Intlalo yabaseTesalonika

2Ndisoloko ndimbulela uThixo ngenxa yenu nonke, ndinikhumbula njalo emithandazweni yam. 3Ewe, andinilibali phambi koThixo onguBawo wethu. Ndikhumbula ukusebenza kwenu niqhutywa lukholo, ukubulaleka kwenu niqhutywa luthando, nomonde wenu ngenxa yethemba lenu eNkosini uYesu Krestu. 4Ndiqinisekile, mawethu athandiweyo nguThixo, ukuba uninyulele ukuze nibe ngabakhe. 5Kaloku iindaba ezimnandi endaniphathela zona yayingengomlomo nje qha, koko ndazizisa ngamandla kaMoya oyiNgcwele, ndiqhutywa kukoyiseka bubunyaniso bazo. Niyayazi indlela endandiziphethe ngayo ngokuya ndandilapho phakathi kwenu. Yonke loo nto yayikukulungiselela nina. 6Nani ngokwenu nalandela ekhondweni lethu neleNkosi. Nangona naniphatheke kabuhlungu, udaba nalwamkela ngovuyo oluvela kuMoya oyiNgcwele. 7Naza ngokwenjenjalo naba ngumzekelo kuwo onke amakholwa eMakedoni naseAkaya. 8Kuba kaloku udaba lweNkosi lwahlokoma luphuma kuni, alwaya eMakedoni naseAkaya kuphela, koko iindaba zokukholwa kwenu kuThixo zihlwayeleke kuyo yonke indawo, kangangokuba akusekho mfuneko yakuba sichaze nto thina. 9Seyingundaba-mlonyeni kubo bonke abantu indlela enasamkela ngayo kutyelelo lwethu. Kanti nokulahla kwenu izithixo niguqukela kuThixo, ukuze nibe zizicaka zoThixo wenene ophilayo, kukwanjalo. 10Nonke nihlala nilindele ukubuya koNyana wakhe ezulwini, lowo wamvusayo ekufeni; ewe uYesu, yena usihlangulayo kuyo yonke ingqumbo ezayo.

1 KWABASETESALONIKA 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASETESALONIKA 2

Umsebenzi kaPawulos eTesalonika

1Nazi ngokwenu, mawethu, ukuba undwendwelo lwethu phakathi kwenu alubanga lilize konke-konke. 2Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo. 3Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani. 4Koko ndityunjwe nguThixo nje, ndakufanela nokuphathiswa iindaba ezimnandi, ndisuka ndithethe ngezinto eziphathelele kwezo ndaba. Andizicengezeli mntwini, ndizicengezela kuThixo kuphela, yena ohleli ezazi iingcinga zethu. 5Niyazi kakuhle ukuba bendingankwalambisi ukuthetha nani. UThixo uyazi ukuba ukunyoluka bendingakwambesi ngentetho emnandi. 6Bendingakuhoye nganto ukudunyiswa ngabantu, nditsho nani, nabani na. 7Bendinako kambe ukunisinda ngesithinzi kuba *ndingumthunywa kaKrestu ngenkqu, koko ndisuke ndambuna kuni, ndaba yindlezana ibungezela iintsana zayo. 8Bendinithanda kangangokuba andanelanga nje kukunishumayeza ngeendaba ezimnandi zikaThixo, koko ndazinikela mna siqu ngenxa yenu. Bendinithanda ke khona! 9Khanikhumbule, mawethu, indlela ebesisebenza nzima ngayo sibulaleka. Besisebenza ubusuku nemini, sisebenzela ukuzixhasa, size singabi ngomthwalo mntwini, lo gama sinishumayezayo ngeendaba ezimnandi zikaThixo.

10Niyangqina nani, nditsho noThixo ngenkqu ulingqina ngendlela ebendihlala ngayo ndikholekile, ndililungisa, ndingabekwa bala phakathi kwenu makholwa. 11Niyazi ukuba bendinjengoyihlo kuni nonke ngabanye. 12Bendinithundeza nakutyhafa, ndiniluleka, ndiniyala ukuba nihlale ngendlela emanelisayo uThixo onibizela ewongeni kulawulo lwakhe.

13Nasi esinye isizathu esibanga ukuba ndingaphezi ukumbulela uThixo: nathi sakuba siniphathele udaba lukaThixo, nalwamkela. Analwamkela ngokodaba nje lwabantu, koko nalwamkela njengoko lunjalo, lulilizwi likaThixo elisebenzayo kuni nina nikholwayo. 14Nani mawethu, niphatheke ngohlobo awayephatheke ngalo amabandla akwaJuda, abantu bakaThixo abamanywe noYesu Krestu. Nani nitshutshiswa ngamawenu kanye ngalaa ndlela bona babetshutshiswa ngayo ngamaJuda, 15lawo ayibulalayo iNkosi uYesu *nabashumayeli, nathi ngokwethu asigxotha. Lawo ke ngamaJuda angayikhathalelanga intando kaThixo, aziintshaba zoluntu. 16Nathi asithintela, engafuni sithethe neentlanga sizikhokelele elusindisweni. Ngokwenjenje ke ayizalisile ibhekile yezono zawo. Kungokunje ingqumbo kaThixo iphezu kwawo.

UPawulos unqwenela ukubatyelela kwakhona

17Thina ke, mawethu, sithe sakuba sahlukene nani okomzuzwana – phofu ngembonakalo, hayi ngeentliziyo – sanxuba sinqwenela ukuphinda sinibone. 18Sazama ukuza apho eTesalonika – ewe, kanye mna Pawulos akukanye ndizama – kodwa uSathana uxabile endleleni. 19Kaloku ekubuyeni kweNkosi yethu uYesu, xa simi phambi kwayo, asinathemba naluvuyo naqhayiya ngaphandle kwenu! 20Ewe, ngenene nini nedwa ibhongo novuyo lwethu!

1 KWABASETESALONIKA 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASETESALONIKA 3

1Ngoko ke ndithe ndakuqonda ukuba akunyamezeleki, ndabona ukuba mandisale ndedwa apha eAtene, 2ndimthumele kuni uTimoti ongugxa wam kumsebenzi kaThixo wokushumayela iindaba ezimnandi ezingoKrestu. Ndimthumela ukuze anikhuthaze nime ngxishi elukholweni, 3ningagungqiswa nto naxa nitshutshiswa. Njengoko nisazi, ezo ntshutshiso zisisabelo sethu kaloku. 4Ndatsho kuni oko bendiphakathi kwenu ukuthi simelwe kukubuva ubunzima. Kwenzeke kanye loo nto ke ngoku, njengoko nisazi. 5Ndakungabi nakunyamezela ke ndithumele uTimoti ukuba akhe eze kuqonda ngombandela wokholo lwenu, hleze kuthi kanti unihendile uSathana, ndize mna ndibe ndifane ndabulaleka ndisebenza.

6Ngoku uTimoti usandul' ukufika evela apho kuni eTesalonika, esiza neendaba ezindonwabisayo, endixelela ngokholo nangothando eninalo. Uthi nisoloko nineengcinga ezintle ngam; yaye uthi nani ninqwenela ukundibona kwanjengokuba ndinqwenela ukunibona nam. 7Kuzo zonke ke ngoko iinkxwaleko neenzingo zam, ukholo lwenu, mawethu, luyandikhuthaza. 8Kaloku ikukuphila kum into yokuba nina nihlale nithe zinzi nimanywe neNkosi. 9Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona? 10Imini nobusuku ndihleli ndithandaza ngenyameko, ndicela ukuba ze ndibuye ndibonane nani, ndize ndilulungise ukholo lwenu apho lulambatha khona.

11Wanga uThixo uYise ngenkqu, ekunye neNkosi uYesu, angayenza mhlophe indlela yam xa ndizayo apho kuni! 12Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna. 13Ngamana iNkosi inganomeleza ngolu thando, ukuze xa nimi phambi koThixo uYise, nifunyanwe ninyulu, ningenabala ekufikeni kweNkosi uYesu, inabo bonke abo bamanywe nayo.

1 KWABASETESALONIKA 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASETESALONIKA 4

Intlalo ekholisa uThixo

1Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi. 2Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu. 3UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya. 4Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko, 5iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo. 6Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo. 7Kaloku uThixo akasibizelanga ekungcoleni, koko ufuna sibe nyulu. 8Ngoko ke, nabani na ongayifuniyo le mfundiso akachasi mntu, uchasa uThixo lo unipha uMoya oyiNgcwele.

9Akukho mfuneko yakuba ndinichazele ngoxanduva lokuthanda amanye amakholwa, kuba kaloku nina ngokwenu uThixo uyanifundisa ukuba nithandane. 10Ibe ke ngenene nani niziphethe ngale ndlela kuwo onke amakholwa kulo lonke elaseMakedoni. Phofu ke, mawethu, ndiyanikhuthaza ukuba niqhubele phambili ukwenjenjalo. 11Nokuba yintoni na imeko ibhongo lenu malibe kukuhlala ngoxolo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye abantu. Philani kukubila kwamabunzi enu njengoko ndandiniyalele. 12Ngale ndlela ke nabo bangakholwayo baya kutsho banihloniphe; futhi ke ningaxhomekeki mntwini ngeentswelo zenu.

Ukubuya kweNkosi

13Ndithanda ukunicacisela, mawethu, mayela nâbo bangasekhoyo, ukuze ningabi lusizi njengabantu abangenathemba. 14Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu. 15Le nyaniso ndinixelela yona lilizwi leNkosi: Thina baya kuba besaphila ngemini yokubuya kweNkosi asiyi kufumana nto bangayi kuyifumana abo bangasekhoyo. 16Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, 17nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo. 18Ngoko ke khuthazanani ngala mazwi.

1 KWABASETESALONIKA 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASETESALONIKA 5

1Mawethu, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba. 2Kaloku nazi kakuhle ukuba iMini yeNkosi ifika njengesela eliza ngobusuku. 3Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala. 4Ke nina, mawethu, anihambi emnyameni. Loo mini ke ayimelwe kunifikela ngebhaqo ngokwesela. 5Nina ningabantu bokukhanya, abantu abahamba emini. Thina asibantu bahamba ngobusuku, emnyameni. 6Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili. 7Kulalwa ebusuku ngabalalayo; kunxilwa ebusuku ngamanxila. 8Ke thina bantu bahamba emini masinganxili, koko masambathe ukholo nothando njengesikhuselo-sifuba, sithwale ithemba lokusindiswa njengomnqwazi wokukhusela intloko. 9Kuba kaloku uThixo akasinyulelanga ingqumbo, usinyulele ukuba sizuze usindiso ngoYesu Krestu iNkosi yethu, 10owasifela ukuze sihlale kunye naye, nokuba silele nokuba asilele. 11Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

Isiphetho nombuliso

12Ndiyanicenga, mawethu, babekeni abo babulaleka ngenxa yenu, betyunjwe yiNkosi ukuba banikhokele baniqeqeshe. 13Bahloneleni nibathande ngenxa yomsebenzi abawenzayo. Nina hlalani ngoxolo omnye nomnye.

14Ndiyanibongoza, mawethu, bakhalimeleni abanxaxhayo, nibakhuthaze abatyhafileyo, nibasekele ababuthathaka, nibaphathe ngomonde xa bebonke. 15Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.

16Vuyani maxa onke, 17nithandaze njalo-njalo. 18Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

19UMoya oyiNgcwele sanukumminxa; 20ilizwi elivela eNkosini sanukulidela. 21Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. 22Nayiphi na into embi yityesheleni.

23Wanga ke uThixo osinika uxolo anganenza nyulu ngeendlela zonke, anigcine ngokupheleleyo, umoya nomphefumlo nomzimba, ningabi nabala ekufikeni kweNkosi uYesu Krestu. 24Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.

25Nathi sithandazeleni, mawethu.

26Wabuliseni ngokwamakholwa onke amawethu.

27Ndiyaniyala ngegunya leNkosi ukuba le leta niyifundele onke amakholwa.

28Lwanga ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu lungahlala nani.

1 KWABASETESALONIKA 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 31

Ukumkani uyacetyiswa

1La ngamazi kakumkani uLemweli, udaba olundilisekileyo awaqeqeshwa ngalo ngunina.

2“Awu, mtanam, sana lwesizalo sam,

nyana wezibhambathiso zam,

3amandla akho musa ukuwaqoba ngamankazana,

iindlela zakho ungazilahleli kwabo babhangisa ookumkani!

4“Lemweli, iwayini ayibafanelanga ookumkani,

ewe, ookumkani ayibafanelanga;

iziphathamandla akulunganga zizinikele etywaleni.

5Kaloku zakusela zitsho ziwulibale umthetho,

zingabi sawakhathalela amalungelo abantu abahlelelekileyo.

6Utywala bufanele abo kungasekho thuba kubo,

abo baminxekileyo ziinzingo.

7Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,

bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.

8“Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;

ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

9Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;

ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”

Umfazi onesidima

10Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!

Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

11Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,

futhi ke ayihlelelekanga nganto.

12Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,

yonke imihla yobomi bakhe.

13Uthatha umqhaphu newulu,

asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.

14Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi,

efuna ukutya kosapho nakwelikude.

15Uvuka kusathi qhekre ukusa,

alungiselele usapho ukutya,

anike izicakazana zakhe imiyalelo.

16Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,

athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.

17Usoloko ebhinqa omfutshane;

iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.

18Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe;

isibane sakhe asicimi ebusuku.

19Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,

neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.

20Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;

ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.

21Akanaxhala noba selikhithika,

kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.

22Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;

unxiba ezelaphu elihle elimsobo.

23Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni,

apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe.

24Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo;

wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi.

25Uthiwe jize ngamandla nesidima,

ibe ke akanaxhala ngengomso.

26Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;

xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.

27Ulalusile ikhaya lakhe;

akasidli isonka sobuvila.

28Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo;

nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi:

29“Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle;

kodwa wena ubagqwesa bonke!”

30Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;

kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa.

31Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe;

ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-