Bible Society of South Africa

To The Word – Day 201

Malachi 1–4, Psalms 71 & 73

Itekisi yeBhayibhile

UMALAKI 1

Intshayelelo

1Nalu udaba olundilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo kumaSirayeli eleza noMalaki.

Ukuthandwa kukaSirayeli

2*UNdikhoyo uthi: “Ndiyanithanda.”

Kodwa nina nithi: “Usithanda njani?”

Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: “UEsawu asimtakwabo-Yakobi na? Kanti uYakobi yena ndimthandile, 3ndaza uEsawu ndamthiya, nomhlaba wakhe weentaba ndawutsho waba yinkangala, ilifa lakhe laba leleempungutye zasentlango.”

4AmaEdom angasuka athi: “Nakuba sikhahlelwe phantsi nje, kodwa sosuka siwavuse siwakhe la mabhodlo.”

Ke utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Makakhe kaloku, kodwa mna ndosuka ndidilize konke nje. Kuya kuthiwa bangummandla wobugwenxa, abantu abasoloko bephantsi kwengqumbo kaNdikhoyo. 5Nani ke niya kuyibona ngawenu amehlo le nto, nitsho nithi: ‘Hayi ke kambe ubungangamsha bukaNdikhoyo! Bufikelela nangaphaya kwemida yakwaSirayeli!’ ”

Amadini angamkelekanga

6“Unyana uyamhlonela uyise, kanti nesicaka siyayithobela inkosi yaso. Ukuba ke mna ndinguyihlo, kuphi ukuhlonitshwa kwam? Ukuba ndiyinkosi, kuphi ukoyikwa kwam?” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Nini, babingelelindini, abalidelayo igama lam.”

“Ke nina nithi: ‘Silidele ngokuthini igama lakho?’

7“Nibeka ukutya okungcolileyo eqongeni lam lamadini, nibe kodwa nisithi: ‘Sikunyelise ngokuthini?’

“Ewe, ngokuthi kwenu: ‘Isithebe sikaNdikhoyo sidelekile.’ 8Ningathini ukundenzela idini ngento etyhaphakileyo? Asiyonto imbi na leyo? Ningathini ukundenzela amadini ngempahla eqhwalelayo negulayo? Asiyonto imbi na leyo? Ninganikela ngayo na kwirhuluneli yenu? Ngaba inganeliseka na nguwe?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

9“Ke ngoko khanimbongoze uThixo ukuze asenzele inceba! Oku kwenziwe zizandla zenu; ngaba uya kunamkela na?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

10“Akwaba bekungakho ubani kuni owavalayo amasango ale ndlu, ukuze niyeke ukwenza imililo ephuthileyo kweli qonga! Andanelisekanga tu nini, futhi andiyi kwamkela nto esandleni senu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 11“Ukususela empumalanga, kuye entshonalanga, igama lam loba yimbalasane ezizweni. Ewe, kuyo yonke indawo igama lam lenzelwa iziqhumiso, kunikelwa iminikelo ehlambulukileyo; kaloku igama lam liyimbalasane ezizweni.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

12“Ewe, nilixabhele igama lam ngokuthi: ‘Isithebe sikaNdikhoyo singcolile, nokutya okuphezu kwaso kuyanyanyeka.’ 13Niphinde nithi: ‘Kwekh' olu xanduva!’ Nitsho nisisinekele.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

“Xa nindizisela imphahla ebiweyo neqhwalelayo negulayo, nindenzela amadini ngayo, nithi mandiyamkele ezandleni zenu loo nto?” Utsho uNdikhoyo. 14“Hay' ishwangusha kumntu onobuqhophololo, othi enalo iduna elingenasiphako kumhlambi wakhe, abhambathise ukunikela ngalo, kodwa abuye enze ubuqili anikele ngelinesiphako eNkosini! Kaloku ndiyingangalala yokumkani, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

UMALAKI 2

Ukukhalinyelwa kwababingeleli

1“Ngoko ke lo myalelo ubhekiswa kuni, babingelelindini.” 2*UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.

3“Niyabona, ndosinqamla isizukulwana senu, ubuso benu ndibutyabeke ngomswane, nize nilahlwe kunye naloo mswane. 4Noqala niqonde ke ukuba ndaninika lo myalelo ukuze umnqophiso wam noLevi ungaze wanqamka.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 5“Umnqophiso wam noLevi wawungowobomi noxolo, ndaza ke ndamnika ezo zinto ukuze andihlonele. Ngenene wandihlonela, waloyika igama lam. 6Imfundiso ephuma emlonyeni wakhe yayinyanisekile, kungafumaneki nkohliso emilebeni yakhe. Wahamba nam enoxolo nangokuthe ngqo, wabuyisa abantu abaninzi ebugwenxeni.

7“Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke. 8Kambe ke, nina babingeleli, indlela niyityeshele. Imfundiso yenu ikhubekise abantu abaninzi. Niwonakalisile umnqophiso obuphakathi kwam noLevi.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 9“Ngenxa yoko nam ndonenza nideleke, nibe ngabahlazekileyo ebantwini bonke. Kaloku anizigcinanga iindlela zam, suka naba nesheyi kwimicimbi ephathelele emthethweni.”

Ukunganyaniseki kuThixo

10Andithi na kaloku mnye ubawo wethu? Asidalwanga nguThixo omnye sonke na? Ngani ke ukuba singanyaniseki omnye komnye, futhi siwuxabhele umnqophiso owenziwa nguThixo noobawo?

11Abantu bakwaJuda bazaphule izibhambathiso; benze amasikizi kwelakwaSirayeli naseJerusalem. Ewe, abantu bakwaJuda basixabhele isibingelelo asithandayo *uNdikhoyo, batshata neentombi ezinqula uthixo wasemzini. 12Ngamana ke uNdikhoyo wamsika kumzi wakwaYakobi nabani na owenza isikizi elinje, nokuba angade azise iminikelo kuNdikhoyo onamandla onke.

13Nantsi enye into eniyenzayo: Iqonga likaNdikhoyo nilitsho lithi gwantyi ziinyembezi, nintywizisa nincwina, kuba engasayise so iminikelo yenu, engasayamkeli ngothakazelelo ezandleni zenu. 14Ke nina nithi: “Ngaba kutheni?” Kungenxa yokuba uNdikhoyo eyazi into eyenzekileyo phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho. Kaloku uzaphule izithembiso owazenza kunye naye, yena mlingane wakho, nditsho umfazi wakho onqophisene naye.

15Andithi na kaloku uNdikhoyo indoda nomfazi wabenza baba banye ngomzimba nangomoya? Ngani abenze babe banye? Wayefuna babe nenzala emhlonelayo uThixo. Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ungazaphuli izithembiso ozenze nomfazi wobutsha bakho.

16“Ndiluthiyile uqhawulo-mtshato,” utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. “Indoda eyenjenjalo imambathisa ngenkohlakalo umfazi wayo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ningazaphuli izithembiso zenu.

Umhla wokugweba

17*UNdikhoyo udiniwe ngamazwi enu, nibe nisithi: “Simdinise ngantoni?”

Nimdinise ngokuthi: “Bonke abenzi bobubi balungile emehlweni kaNdikhoyo; yena wanelisekile ngabo.” Kwakhona ke nina nithi: “Yaz'ba uphi na uThixo wobulungisa?”

UMALAKI 3

1“Uyabona ke, ndiyasithuma isigidimi sam esiza kundigabulela izigcawu. Ke yona iNkosi le niyilindeleyo yosuka ifike ngequbuliso kule ndlu yayo, nditsho uMthunywa woMnqophiso enimlangazelelayo.” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke.

2Yaz'ba ngubani na oya kuba nako ukuyinyamezela loo mini yokugaleleka kwakhe? Ingubani onokumelana naye akuthi gqi? Kaloku wofana nqwa nesephu ecocayo, abe matwa nomlilo wokunyibilikisa. 3Uya kuba eze kugweba, afane nomnyibilikisi ocwenga isiliva negolide. Naye ke uya kubahlambulula abaLevi, abacwenge oku kwegolide nesiliva, ukuze babe nako ukuzisa iminikelo kuNdikhoyo benobulungisa. 4Ke kaloku iminikelo yakwaJuda neyaseJerusalem iya kwamkeleka kuNdikhoyo njengakwimihla yakudala neminyaka yamandulo.

5UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”

Ubuqhophololo kwizishumi

6“Mna *ndinguNdikhoyo ongajika-jikiyo. Ke nina, nzala kaYakobi, anikatshabalali kwaphela. 7Ukususela kwimihla yooyihlo niyityeshele imimiselo yam, anayigcina. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Buyelani kum; nam ndobuyela kuni.’

“Niyabuza ke nisithi: ‘Masibuyele kuwe njani na?’

8“Umntu angamqhatha na uThixo? Kanti nina niyandiqhatha!

“Nobuza ke nithi: ‘Sikuqhatha kanjani na?’

“Kaloku nindenzela ubuqhophololo kwizishumi nakwiminikelo. 9Xa ninonke ke, isizwe sonke, niqalekisiwe kuba niyandiqhatha.

10“Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu. 11Izinambuzane ndozithintela zingazitshabalalisi izilimo zenu, nemidiliya yenu emasimini ingaphulukani neziqhamo zayo.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 12“Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Izithembiso zokwenzelwa inceba

13“Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.

“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’

14“Kaloku nithi: ‘Kulilizé ukukhonza uThixo. Kube yinzuzoni na kuthi ukugcina oko akulindeleyo? Kusincede ntoni ukuhamba okwabazilileyo phambi koNdikhoyo onamandla onke? 15Kakade, abanekratshi ngabona bathamsanqelekileyo! Abantu abenza izinto ezimbi bayaphumelela; uThixo bayamnyola, bajike basinde.’ ”

16Ke bona abamhlonelayo uNdikhoyo babencokola bodwa, waza weva waphulaphula uNdikhoyo. Phambi kwakhe kwabhalwa incwadi yesikhumbuzo yâbo bamhlonelayo belinika imbeko igama lakhe.

17UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye. 18Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nesikhohlakali, nditsho phakathi komkhonzayo uThixo nalowo ungamkhonziyo.”

UMALAKI 4

1*UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Inene iyeza imini evutha okweziko apho bonke abakhukhumeleyo nabenzi bobubi baya kutsha njengomququ. Ewe, ngaloo mini baya kutsha baphele tu, kungasali sebe nangcambu. 2Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni. 3Ngemini endikwenzayo oku abakhohlakeleyo niya kubanyhasha; kaloku baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Ukuthunywa kukaEliya

4“Ze niwukhumbule umyalelo wesicaka sam uMosis, nditsho loo mimiselo naloo miqathango ndayinikela uSirayeli ngoMosis eHorebhe.

5“Niyabona, phambi kwaloo mini kaNdikhoyo inkulu yoyikekayo ndiya kunithumela *umshumayeli uEliya.

6“Ke yena uya kuziguqulela koonyana iintliziyo zooyise, aze aziguqulele kooyise iintliziyo zoonyana, okanye bendiya kuza ndilitshabalalise ngokupheleleyo ilizwe.”

IINDUMISO 71

Umthandazo wengwevu

1*Ndikhoyo, ndizimela ngawe, mandingaze ndidaniswe.

2Njengokuba ulilungisa, ndihlangule undisindise;

ndiphulaphule, undikhulule.

3Yiba ngumqolomba wokuzimela;

yiba yinqaba endiphephela kuyo.

Thetha ngezwi ndikhuseleke;

kaloku uligwiba elindikhuselayo.

4Thixo wam, ndihlangule kwabakhohlakeleyo,

ndingabanjwa ngabagwenxa nezikhohlakali.

5Kaloku ithemba lam nguwe, Nkosi;

ndakholosa ngawe ndisengumntwana, Ndikhoyo.

6Ndaqamela ngawe kwasekuzalweni;

ndakhutshwa nguwe kumama.

Ndiya kukubonga njalo-njalo.

7Ndisisimanga kwabaninzi,

kodwa ke wena uyandikhusela.

8Ndiswel' imilomo yokukubonga,

ndikudumise maxa onke.

9Ungandilahli ndakuguga;

ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla.

10Iintshaba zifakan' imilomo ngam;

abandizungulayo bayacebisana.

11Bathi: “Ulahliwe nguThixo.

Masimsukele simgxagxamise.

Akukho uya kumhlangula.”

12Sondela kum, Thixo!

Khawuleza undincede, Thixo wam!

13Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.

Ngamana baphoxeka bahlazeka

abazungula ukundenzakalisa.

14Ndiya kuthembela kuwe rhoqo,

ndikubonge njalo-njalo.

15Ndiya kububhengeza ubulungisa bakho,

ndihlale ndiluvakalisa usindiso lwakho

nakuba lungenakuphicothwa.

16Ndize kukudumisa, Mhlekazi Ndikhoyo,

ngenxa yamandla akho,

ndikubonge ngobulungisa obungakanana.

17Wandifundisa kwasebuncinaneni, Thixo.

Unangoku ndisayincoma imisebenzi yakho,

kuba iyamangalisa.

18Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo,

ndide ndiwabhengeze amandla akho

nakwizizukulwana ezizayo.

19Amandla nobulungisa bakho, Thixo,

bufikelela emazulwini.

Kambe zinkulu izinto ozenzileyo.

Awu, Thixo, akakho onjengawe!

20Undithubelezise ezinkathazweni ezininzi;

kambe ke uya kundihlangula ekufeni,

undikhuphe emathunjini omhlaba.

21Uya kundizimasa, undithuthuzele kwakhona.

22Ndiya kubeth' ihapu ndikubonge,

kuba uthembekile, Thixo wam.

Ndobeth' ikatala ndikudumise,

wena Ngcwele kaSirayeli.

23Ndiya kumemelela ndinemincili,

ndicule ngokuzimisela okukhulu

ngenxa yokuba undihlangule.

24Ndiya kubalisa ngobulungisa bakho,

ndithethe ngabo ndingaphezi,

kuba abo babezama ukundenzakalisa

bahlazisiwe batsho baphoxeka.

IINDUMISO 71XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 73

ICANDELO LESITHATHU

(IiNdumiso 73 – 89)

Ubulungisa bukaThixo

Umhobe ka-Asafu.

1Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli;

ulungile kwabantliziyo zinyulu.

2Kodwa ke mna suka ndathandabuza,

ewe, gcwizi ndityibilike,

3kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,

kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.

4Kaloku bona abazani nantlungu;

baphile bayimiqaba-qaba.

5Abakhathazwa nto njengabanye abantu;

abafunyanwa zizibetho njengabanye.

6Ngoko ke bagaxel' ikratshi;

bathi wambu ugonyamelo.

7Badumb' amehlo kukutyeba;

iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.

8Bayangcikiva benentlamba;

baziphakamisile basongela ngengcinezelo.

9Bangcikiva nkqu namazulu;

batheth' unothanda emhlabeni.

10Ke bona abantu bayabamkela;

barhorhozela emva kwabo.

11Bathi: “UThixo ngeke aqonde;

uPhezukonke ngeke asibhaqe.”

12Banjalo ke abakhohlakeleyo;

abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.

13Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,

ndizigcine ndinyulu?

14Kaloku andahlukani nentlupheko;

miso le ndiyohlwaywa.

15Xa bendithetha kanjalo

bendingaba ndingcatsha abantu bakho.

16Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,

kodwa suka yayinkinge kum.

17Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,

ndacacelwa ke sisiphelo sabo.

18Ngenene ubabeka emtyibilizini,

bawe batshabalale.

19Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,

beyela bephanziswa kukunkwantya.

20Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;

ubume balo buyalibaleka akuvuka.

21Ngokuya ndandibindekile,

ndikhathazekile entliziyweni,

22ndandingaqondi, ndisisidenge;

ndandiziphethe njengesilwanyana.

23Kambe ke ndisoloko ndikuwe;

undithe chu ngesandla.

24Ewe, wena uyandithundeza;

kamva ke wondamkelela ewongeni.

25Ndikholosa ngawe usemazulwini;

ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

26Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,

wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

27Abakutyeshelayo baya kubhanga;

uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.

28Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.

Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,

ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.

IINDUMISO 73XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-