Bible Society of South Africa

To The Word – Day 199

Ezekiel 46–48, Psalms 67–70

Itekisi yeBhayibhile

UHEZEKILE 46

1“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Isango lentendelezo ephakathi elijonge empumalanga kufuneka livalwe mba ngazo zonke iintsuku ezintandathu zomsebenzi, luze luvulwe *ngoMhla wokuPhumla nangoMhla wokuThwasa kweNyanga. 2Inkosi iya kungena ngevaranda yesango, ize ime malunga nomgubasi. Ababingeleli baya kuyilungiselela idini elitshiswayo nomnikelo wobudlelwane. Iya kukhahlela isemgubasini wesango, ize yandule iphume, kodwa isango aliyi kuvalwa kude kube ngokuhlwa. 3NgeMihla yokuPhumla neyokuThwasa kweNyanga abantu belizwe bonqula phambi kukaNdikhoyo ekungeneni kwesango. 4Idini elitshiswayo eliya kuza nenkosi phambi kukaNdikhoyo ngoMhla wokuPhumla liya kuba ngamaduna amathandathu amaxhwane nenkunzi yegusha, zonke zingenasiphako. 5Umnikelo weenkozo okhapha inkunzi yegusha uya kuba ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha ezihamba neelitha ezintathu zamafutha omnquma, kodwa lowa ukhapha amaxhwane uya kuba kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha. 6NgoMhla wokuThwasa kweNyanga wonikela ngenkunzi eselula yenkomo, isithandathu samaxhwane, nenkunzi yegusha, zonke zingabi nasiphako. 7Kufuneka akhuphe umnikelo weenkozo oziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha uhamba nenkunzi yenkomo, kwanongako ohamba nenkunzi yegusha, yombini ikhatshwa ziilitha ezintathu zamafutha omnquma, kanti kumaxhwane uya kukhupha kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha. 8Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.

9“ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo. 10Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.

11“ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha. 12Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.

13“ ‘Yonke imihla khuphani ixhwane elimnyaka mnye elingenasiphako libe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo; likhupheni yonke imihla kusasa. 14Xa nilikhuphayo ngeentsasa zonke niya kukhupha nomnikelo womgubo wengqolowa oziikhilogram ezimbini oxutywe nelitha yamafutha omnquma. Ukwenza lo mnikelo kuNdikhoyo ngummiselo oya kuhlala uhleli. 15Ngoko ke idini lexhwane nomnikelo wokutya okuziinkozo namafutha liya kwenziwa yonke imihla kusasa, libe lidini elitshiswayo eliya kuhlala lihleli.’

16“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa inkosi ithatha umhlaba elifeni layo ize yenze isipho komnye woonyana bayo loo mhlaba uya kuba lilifa lesizukulwana sakhe. 17Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela. 18Inkosi mayingabahluthi abantu ilifa labo, ibagxothe emhlabeni wabo. Ilifa loonyana bayo maliphume kumhlaba wayo, ukuze kungabikho mntu uhluthwa umhlaba wakhe.’ ”

19Le ndoda yangena nam kumnyango omalunga nesango lamagumbi awodwa ababingeleli ajonge emantla, yandibonisa indawo esentla kwicala lasentshonalanga. 20Yathi ke kum: “Le ndawo kulapho ababingeleli baya kupheka khona amadini etyala nawesono, baze boje khona umnikelo wokutya, khon' ukuze bangezi nayo kwinkundla engaphandle, baze ngokwenza njalo babeke abantu esichengeni.”

21Yandisa kwinkundla engaphandle, yandibonisa iimbombo zone zayo, kwimbombo nganye ndabona indawana ebiyelweyo. 22Kuzo zone iimbombo zenkundla engaphandle kwakukho iindawana ezibiyelweyo ezibude bungamashumi amabini eemitha, nobubanzi obulishumi elinantlanu leemitha. Zazilingana zonke ezi ndawana ezikwiimbombo zone. 23Umphakathi wezi ndawana nganye wawujikelezwe lungqameko lwamatye, olutyhutyhwe ngamaziko okuphemba umlilo ngaphantsi kwalo. 24Yathi kum: “Ezi ziindawo zokupheka apho abaququzeleli bendlu kaThixo baphekela khona amadini aze nabantu.”

UHEZEKILE 46XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 47

Umsinga ophuma endlwini kaThixo

1Yaza indoda yabuya nam, saya ekungeneni kwendlu kaThixo, ndabona amanzi empompoza phantsi komgubasi wendlu kaThixo, esiya ngasempumalanga. (Kaloku indlu kaThixo yayijonge empumalanga.) Amanzi ayesihla ephuma ngaphantsi kwicala elisemazantsi endlu kaThixo, emazantsi eqonga lamadini. 2Yaphuma nam ngesango lasemantla, sajikela ngaphandle, sada saya kutsho kwisango langaphandle elijonge empuma, abe wona amanzi empompoza evela ngasemazantsi.

3Yahamba njalo indoda, isiya ngasempumalanga, iphethe umtya wayo wokulinganisa. Yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi awayebetha eqatheni. 4Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandisa kumanzi abetha edolweni. Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi abetha esinqeni. 5Kwakhona ilinganise amanye amakhulu amahlanu eemitha, kodwa ngoku safika ingumlambo endingenakuwuwela, kuba amanzi ayephezulu, unzulu kangangokuba umntu wayengadadayo – akukho mntu wayenokuwela ngeenyawo ngoku. 6Yabuza kum yathi: “Mntundini, uyayibona na le nto?”

Yabuya nam, yandisa elunxwemeni lomlambo. 7Ndakuba ndilapho ndabona imithi emininzi ikhula macala omabini omlambo. 8Ithe kum: “La manzi aqukuqela esiya kummandla wasempumalanga, ehle aye kwintili yeJordan, apho angena khona kuLwandle oluFileyo. Athi akungena elwandle amanzi alapho aphele ubutyuba. 9Apho lo mlambo uqukuqela khona kubakho inkitha yezilo ezihlala khona. Ziya kuba ninzi kakhulu iintlanzi, kuba apho la manzi angena khona amanzi amtyuba ayajika abe nokuselwa; ngako oko apho ucanda khona zonke izinto ziya kuphila. 10Abalobi baya kuba selunxwemeni. Ukusuka e-Engedi kuye e-Eneglayim kuya kubakho iindawo zokwaneka iminatha. Kuya kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi zibe ninzi okweentlanzi zoLwandle oluKhulu. 11Kodwa yona imigxobhozo iya kuhlala imtyuba; kuzuzwa ityuwa kuyo. 12Macala omabini omlambo kokhula imithi yeentlobo ngeentlobo zeziqhamo. Amagqabi ayo akayi kutshaza; yosoloko inika iziqhamo. Iya kunika iziqhamo zonke iinyanga kuba ifumana amanzi aphuma endlwini kaThixo. Iziqhamo zayo ziya kuba kukutya, wona amagqabi abe liyeza.”

Imida yelizwe

13Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: “Nantsi imida yokwahlula umhlaba oza kuba lilifa lezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli, uJosefu yena efumana izahlulo ezibini. 14Uya kuzahlulela ngokulinganayo, kuba ndathembisa ngesifungo ukuba lo mhlaba ndiya kuwunika ookhokho benu ukuze ube lilifa lenu.

15“Nantsi ke imida yelizwe:

    Umda wasemantla uya kuqala kuLwandle oluKhulu, ugudle indlela yaseHetelon, uqabele inkalo, uthi xhaxhe ngeZedada, 16uye eHamati naseBherota, naseSibrayim (emi kumda weDamasko neHamati) uye eHazere-hatikoni ekumda weHawuran. 17Umda lo uya kusuka elwandle uye eHazare-enon, wayame umda osemantla eDamasko, nowamantla eHamati. Lo ke uya kuba ngumda wasemantla.
    18Ngasempumalanga umda uya kucanda phakathi kweHawuran neDamasko, wayame iJordan phakathi kweGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, uye kutsho kuLwandle oluFileyo, uthi gaa ngeTamare. Lo ke uya kuba ngumda wasempuma.
    19Emazantsi umda uya kuqala eTamare ude uye kuthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uhambe ngomfula ongakwicala laseJiputa, uthi xhaxhe ngoLwandle oluKhulu. Lo ke uya kuba ngumda wamazantsi.
    20Kwicala lasentshonalanga umda uya kuba luLwandle oluKhulu, kuthi gaa ngendawo ejongene nenkalo yeHamati. Ngumda wasentshona ke lowo.

21“Niya kuzabela lo mhlaba ngokwezizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinambini. 22Niya kuwaba ube lilifa lenu nelabangeneleli abêma phakathi kwenu kwasebuntwaneni. Niya kubathatha njengamaSirayeli othuthu; njengani ke baya kwabelwa ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli. 23Umngeneleli uya kunikwa ilifa kweso sizwe emi phakathi kwaso,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

UHEZEKILE 47XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 48

Ukwabiwa komhlaba

1“Nazi izizwe zidweliswe ngamagama azo: Kumda osemantla kuya kwahlulelwa uDan isabelo sibe sinye. Umhlaba wakhe uya kwayama indlela esuka eHetelon iye kwinkalo yeHamati. IHazare-enon nomda osemantla eDamasko malunga neHamati uya kuba ngumda osuka empumalanga uye entshonalanga.

2“Siya kuba sinye isabelo sika-Ashere. Siya kuba ngumhlaba oyamene nokaDan ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

3“Sinye isabelo sikaNafetali; ngumhlaba oyamene noka-Ashere ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

4“Sinye isabelo sikaManase; ngumhlaba oyamene nokaNafetali ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

5“Sinye isabelo sikaEfrayim; ngumhlaba owayame okaManase ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

6“Isahlulo sikaRubhen siya kuba sinye; siyakwayama umhlaba kaEfrayim ukusuka empumalanga kuye entshona.

7“Isahlulo sikaJuda siya kuba sinye; siyakwayama kumhlaba kaRubhen ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

8“Umhlaba oyamene nokaJuda ukusuka empumalanga kuye entshonalanga uya kunikelwa kuNdikhoyo. Ububanzi bawo buya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, buze ubude bawo ukusuka empumalanga kuye entshonalanga bulingane nobude bomhlaba wesizwe esinye. Ke sona isibingelelo siya kwakhiwa esazulwini sawo.

9“Lo mhlaba uwodwa uya kunikelwa *kuNdikhoyo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi. 10Le ke iya kuba yindawo eyodwa yababingeleli. Ubude bayo emantla buya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha, buze ububanzi bayo ngasentshonalanga bube ziikhilomitha ezintlanu. Ngasentshonalanga ububanzi buya kuba ziikhilomitha ezintlanu, buze ubude bayo emazantsi bube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha. Isibingelelo sikaNdikhoyo soba sesazulwini sayo. 11Lo mhlaba uya kuba ngowababingeleli abachongiweyo, amaZadoki, wona âlulamela imimiselo yam ngokunyaniseka akakreqa axela abaLevi xeshikweni ayephambukile amaSirayeli. 12Uya kuba yinxaxheba yabo eyodwa ethathwe kumhlaba owodwa nongcwele owayamene nomhlaba wabaLevi.

13“AbaLevi baya kuba nomhlaba owayame lowo wababingeleli. Umlinganiselo wawo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi. 14Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.

15“Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo. 16Ubukhulu baso ke buya kuba ziikhilomitha ezimbini ezinekota emantla, bube kwangako emazantsi, ngasempumalanga nangasentshonalanga. 17Idlelo lesixeko liya kuba likhulu elinamashumi amabini anantlanu eemitha entla, libe kwangako ezantsi nasempumalanga kwanasentshonalanga. 18Umhlaba oseleyo kulowo wayame ubude bomhlaba okhethekileyo uya kuba ziikhilomitha ezintlanu ngasempumalanga kwanezintlanu ngasentshonalanga. Isivuno sawo siya kondla abasebenzi besixeko. 19Abasebenzi besixeko abawulimayo baya kuba ngabezindlu zonke zakwaSirayeli. 20Uya kuba ngumhlaba omacala alinganayo alishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha kwicala ngalinye. Umhlaba okhethekileyo nalowo wabelwe isixeko uya kuba ngumnikelo owodwa.

21“Umhlaba oseleyo macala omabini walowo ungumnikelo owodwa nalowo usikelwe isixeko uya kuba ngowenkosi. Umda wawo wesahlulo sawo ngasinye ukusuka ngasentshonalanga ukuya empumalanga uya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha leekhilomitha. Zombini ke ezi ndawo eziyamene nobude bemihlaba yezizwe ziya kuba ngumhlaba wenkosi, uze ke umhlaba owodwa onendlu kaThixo ube sesazulwini sawo. 22Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.

23“Ngokubhekiselele kwezinye izizwe: siya kuba sinye isabelo sikaBhenjamin; siya kusuka empumalanga siye ngasentshonalanga.

24“USimon uya kuba nesabelo esinye; siya kumelana nomhlaba kaBhenjamin ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

25“UIsakare uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaSimon ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

26“UZebhulon uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaIsakare ukusuka empuma kuye entshona.

27“UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.

28“Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.

29“Nango ke umhlaba oya kuwabela izizwe zakwaSirayeli ube lilifa lazo ngokwezahlulo zazo,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

Amasango esixeko

30“Ngawo la amasango okuphuma esixekweni: Xa kuqalwa kwicala elisemantla, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, 31amasango esixeko aya kuthiywa amagama ezizwe zamaSirayeli. Amasango amathathu angentla aya kuba lisango likaRubhen, isango likaJuda, nesango likaLevi.

32“Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.

33“Ngakwicala lasemazantsi, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaSimon, isango likaIsakare, nesango likaZebhulon.

34“Ngakwicala lasentshonalanga, elibude buziikhilimitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaGadi, isango lika-Ashere, nesango likaNafetali.

35“Umgama ukujikeleza isixeko uya kuba ziikhilimitha ezilithoba.

“Ukususela kwelo xesha igama lesixeko kuya kuthiwa *nguNdikhoyo ulapha.”

UHEZEKILE 48XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 67

Elokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo; ukhatshwa ziintambula.

1Ngamana wanesisa wasithamsanqelisa, Thixo!

Ewe, ngamana ungenza kube hele kube chosi kuthi,

2ukuze yaziwe intando yakho emhlabeni,

izizwe ziluxhamle usindiso lwakho.

3Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;

bonk' abantu mabakudumise.

4Mazidanduluk' izizwe zicule ngemincili,

kuba wena ulawula ngobulungisa,

zaluswa nguwe zonk' izizwe.

5Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;

bonk' abantu mabakudumise.

6Ilizwe liphuphum' indyebo.

UThixo usithamsanqele; nditsho uThixo wethu.

7Ngenene uThixo uyasithamsanqela;

ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

IINDUMISO 67XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 68

Umhobe wesizwe

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo kaDavide.

1Ngamana waphakam' uThixo,

waziswantsulis' iintshaba zakhe.

Banga bangaba ziintsali abamthiyileyo.

2Mabaphaphatheke; bavuthele, bathi shwaka, baxel' umsi.

Mabanyibilike, baxel' umthwebeba emlilweni.

Mababhubhe phantsi koThixo abakhohlakeleyo.

3Ke wona amalungisa makonwabe.

Wona makavuye phambi koThixo.

Ewe, makabe nemihlali nemincili.

4Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.

Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.

Igama lakhe *nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.

5UThixo usendlwini yakhe engcwele.

Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.

6Abangenabani ubenzela izihlobo.

Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;

ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

7Ke wena, Thixo, wabakhokela abantu bakho;

wanyantsula, wacanda entlango.

8Umhlaba watsho wanyikima, yagalelek' imvula,

ngokufika kukaThixo waseSinayi;

ewe, nditsho uThixo wamaSirayeli.

9Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,

walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.

10Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;

ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.

11INkosi inika umyalelo,

batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.

12Iinjengele zomkhosi nâzo zibaleka;

ke bona abafazi basala besab' amaxhoba.

13Sebengathi ngamahobe ahonjiswe ngesiliva;

amaphiko ehonjiswe ngegolide.

14Wathi uSomandla ukubasarhaza ookumkani,

kwatsho kwalal' ikhephu eZalmon.

15Iphakamile ke kambe intaba iBhashan;

yintaba encopho zininzi.

16Zintabandini, ngani ukuba niyigxeleshe intaba,

nditsho intaba enqwenelekayo kuThixo,

apho wohlala khona ngonaphakade uNdikhoyo!

17UNdikhoyo weza ngeenqwelo ezimawaka-waka,

ephuma eSinayi, esiza ebhotwe.

18Wantinga, wanyukela phezulu,

erhuqa umngcelele wabathinjwa,

wamkela izipho ebantwini,

ewe, nditsho nakwabamvukelayo,

ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.

19Yibongeni iNkosi!

Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

20UThixo wethu ungosindisayo;

uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.

21Kodwa ke uThixo uya kuzintlekeza iintshaba zakhe,

abo bathene nca nenkohlakalo.

22INkosi yathi: “Ndiya kuzibuyisa eBhashan;

ndiya kuzirhola enzonzobileni yolwandle;

23ukuze nina nigxampuze egazini lazo,

zona izinja zihluthe kukuxhaph' igazi.”

24Umngcelele wakho, Thixo, uyabonakala,

umngcelele oya esibingelelweni,

nditsho okaThixo, ukumkani wam.

25Phambili ngabantyilozayo, belandelwa ngabangqungqayo;

phakathi kwabo iintombi zibeth' iingqongqo.

26Mbongeni uThixo embizweni yakhe;

mbongeni, nina bandla likaSirayeli!

27Zikhokelwa nguBhenjamin inci.

Nâlo neqela lamatshawe akwaJuda.

Ayalandela awakwaZebhulon nawakwaNafetali.

28Bonakalìsa ubungangamsha bakho, Thixo;

loo mandla wasinceda ngawo, Thixo.

29Ngenxa yesidima sendlu yakho eJerusalem

izikumkani ziza zipheth' imirhumo.

30Bakhalimele abo bahlala eJiputa,

isizwe esiziphetheleyo izizwe,

esicinezela ezinye ngenxa yomrhumo.

Isizwe esingumnqay' ulambile

sizichitha-chithile ezinye izizwe.

31Imirhumo mayize iphuma eJiputa;

amaKushe makaphakamele kuThixo azibike.

32Culelan' uThixo, zizwe zehlabathi;

memelelani nimbonge uMhlekazi;

33kulowo ucanda amazulu,

nditsho amazulu amandulo,

otsho ngelizwi ngathi liyazongoma.

34Wancomeni amandla kaThixo

obungangamsha buphezu koSirayeli,

omagunya akhe asesibhakabhakeni.

35Uyamangalisa uThixo kwikomkhulu lakhe;

ewe, nditsho uThixo kaSirayeli.

Abantu bakhe ubabela amandla nokomelela.

Huntshu-u-u, mbongeni uThixo!

IINDUMISO 68XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

Ukuzibika

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Iinyibiba.”

1Awu, khawundihlangule, Thixo!

Ndithe gabhu ngentamo emanzini.

2Ndiyazika eludakeni olubizelayo,

apho kungekho nokuxhathisa.

Ndithe dyumpu esizibeni;

umsinga uyandintywilisela.

3Sendikhale zada zoma,

kungokunje ndom' umqala;

amehlo afiphele kukujong' enkalweni,

ndilangazelela wena, Thixo wam.

4Abo bandithiyileyo ngaphandle kwesizathu

bagqitha inani leenwele zentloko yam.

Zizigantsontso ezifuna ukunditshabalalisa,

ezindihlasela ngokundityhola.

Ndingathini ukuhlawula ndingebanga nje?

5Ke wena, Thixo wam, uyasazi isono sam;

amatyala am' aselubala kuwe.

6Awu, *Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,

mandingabahlazisi abo bakholosa ngawe;

abakulangazelelayo mabangangcikivwa

ngenxa yam, Thixo kaSirayeli.

7Kaloku kungenxa yakho ndinyeliswa nje;

ngoku sendintywil' ehlazweni.

8Sendaba yintlanga kumawethu;

ndingumhambi kwiinto zikabawo.

9Ke kona ukuzondelela indlu yakho kundongamele;

izithuko zabakunyelisayo ziphezu kwam.

10Ndalila ezimathontsi, ndizila ukutya,

kodwa naleyo yaba sisingcikivo.

11Ndithi ndakunxiba ezirhwexayo zokuzila

ndisuke ndibe ngundaba-mlonyeni.

12Bancokola ngam ezimbuthweni;

sendide ndayingoma yamanxila.

13Kambe ke, Ndikhoyo, mna ndiyakuthandaza.

Ngeli xesha lifanelekileyo, Thixo,

nangenxa yendyebo yezibele zothando lwakho,

khawuncede undiphendule.

Ngenxa yokuthembeka kwakho ndihlangule;

naku sendizika eludakeni.

14Ndisindise ezintshabeni zam;

ndikhuphe emanzini anzongonzongo.

15Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;

mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;

mandingaginywa yinzonzobila.

16Hayi ubuhle bezibele zakho!

Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;

ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!

17Musa ukusifulathela isicaka sakho.

Ndibandezelekile; nceda undiphendule.

18Sondela undisindise;

ndikhulule ezintshabeni zam.

19Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;

uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;

uyazazi zonke iintshaba zam.

20Izinyeliso ziwaphule umoya wam;

kungokunje ndivikivekile.

Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!

Nokuthuthuzelwa andakufumana.

21Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;

endaweni yamanzi yaba yiviniga.

22Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,

amatheko abo abe ngumgibe kubo.

23Mabamfanyekiswe bangaboni;

umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.

24Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;

mabatshiswe ngumsindo wakho.

25Mawube linxuwa umzi wabo,

makungahlali nabani kuwo,

26kuba bayamtshutshisa ombethileyo,

baphoxise ngaye omenzakalisileyo.

27Bancine ngesona sohlwayo;

mabaphoswe yinceba yakho.

28Mabacinywe kwincwadi yoludwe lwabaphilayo,

mabangadweliswa namalungisa.

29Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;

ndonyule undisindise, Thixo.

30Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;

ndiya kumncoma ndidomboze.

31Lo ke wona umbulelo ubalasele;

ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,

uyidlula lee inkunzi yenkomo.

32Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;

abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.

33Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;

akabacekisi abakhe ababanjiweyo.

34Dandulukani, mazulu nani hlabathi, nimbonge,

nani zilwandle nako konke okushukumayo kuni!

35Kuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon,

aphinde azakhe izixeko zakwaJuda.

Izicaka zakhe ziya kuba ngabemi bakhona,

36izizukulwana zona zidle ilifa,

bathi nabamthandayo bahlale khona.

IINDUMISO 69XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 70

Ukucela uncedo

(Ndum 40:13-17)

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide, olungiselelwe umnikelo wesikhumbuzo.

1Awu, khawuncede undihlangule, Thixo!

Khawuleza, *Ndikhoyo, undincede!

2Mabadane badideke abandizondayo;

mabarhoxe baphoxeke abazungula ukundenzakalisa.

3Mabajike benyoshoza abo bathi tshotsho vityo.

4Abakulangazelelayo mabavuye bagcobe ngawe;

abaluthandayo usindiso lwakho mabangaphezi ukuthi:

“Huntshu – uyingangalala uThixo!”

5Ke mna ndilihlwempu, ndiludwayi;

awu, Thixo, khawundivelele!

Umncedi nomhlanguli wam nguwe;

sukuba saphozisa maseko, Ndikhoyo!

IINDUMISO 70XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-