Bible Society of South Africa

To The Word – Day 197

Ezekiel 36–40, Psalm 65

Itekisi yeBhayibhile

UHEZEKILE 36

Intshumayelo ebhekisa kwiintaba zakwaSirayeli

1“Mntundini, shumayela ubhekise kwiintaba zakwaSirayeli, uthi: Zintaba zakwaSirayeli, yivani ilizwi *likaNdikhoyo. 2Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Iintshaba zathi ngani: ‘Yehaa, iintaba zamandulo zezethu ngoku!’ 3Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni, 4ngoko, zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uNdikhoyo: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiintaba neenduli, kwiingxingwa neentlambo, kumabhodlo asebugxwayibeni nezixeko ezingamanxuwa ngenxa yokutyhuthulwa nokuba yintlekisa yamasalela eentlanga ezingabamelwane – 5itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngenxa yekhwele suka ndawakhalimela amasalela ezinye iintlanga kwane-Edom, kuba bathe bechulumanca, iintliziyo zabo zizele mome yinkohlakalo, bawuthatha umhlaba wam, bawenza owabo, ukuze bawathimbe amadlelo. 6Ngoko ke shumayela ubhekise kwilizwe lakwaSirayeli, kwiintaba neenduli neengxingwa neentili, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndithethe ngekhwele ndisemsindweni, kuba ziningcikivile iintlanga. 7Itsho ke ngoko iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndimisa isibhozo ndisithi iintlanga ezimelene nani nazo ziya kungcikivwa.

8“Kodwa nina, zintaba zakwaSirayeli, niza kuvelisa amasebe neziqhamo zibe zezabantu bam amaSirayeli, kuba sebeza kugoduka. 9Ndiyavelana nani, ndaye ndiza kunibonelela; niza kulinywa nihlwayelwe. 10Ndiya kunandisela abemi, nditsho nkqu yonke indlu kaSirayeli. Ziya kuba nabantu izixeko, avuswe amabhodlo. 11Ndiya kulandisa inani labantu nemfuyo; ziya kuchuma zande. Ndiya kumisa abantu kuni, kube ngcono kuni kunangaphambili. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo. 12Ndiya kubenza abantu bam, amaSirayeli, banyathele phezu kwenu. Niya kuba ziintaba zabo, nibe lilifa labo. Anisoze niphinde nibahluthe abantwana babo.

13“Itsho iNgangalala uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli ukuthi: Njengoko abantu besithi: ‘Uyabaqwenga abantu, isizwe usihluthe abantwana,’ 14ngoku ke akuyi kuphinda uqwenge abantu, uhluthe nesizwe abantwana, itsho iNgangalala uNdikhoyo. 15Andiyi kuphinda ndikwenze unyamezele ukugxwalwa zizizwe, ube yintlekisa yabantu, nokuba siwe isizwe sakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

Ibuyambo kwaSirayeli

16Kwakhona ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 17“Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo. 18Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo. 19Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo. 20Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’ 21Ndakhathazeka ngenxa yegama lam elingcwele elalinyeliswa yindlu kaSirayeli ezizweni ayebhacele kuzo.

22“Ngoko ke, yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Into endiyenzayo andiyenzi ngenxa yenu, maSirayeli, kodwa kungenxa yegama lam elingcwele enilenze ladelwa ezizweni enihamba kuzo. 23Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.

24“Ndiya kunilanda ezizweni, ndinibuthe kuwo onke amazwe, ndinibuyisele kwelakowenu. 25Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo. 26Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko. 27Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam. 28Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. 29Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala. 30Ndiya kuyenza iqhame imithi, sichume nesivuno emasimini, ukuze ningabuye nihlazeke ezintlangeni ngenxa yendlala. 31Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezigwenxa, nezenzo zenu ezikhohlakeleyo, nize nizisole ngezono nangezenzo zenu ezilizothe. 32Qondani ukuba oku andikwenzi ngenxa yenu, itsho iNkosi uNdikhoyo. Yibani neentloni, nizive nihlazekile ngenxa yesimo senu, ndlu kaSirayeli.

33“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Mhla ndanihlambulula ezonweni zenu ndiya kubabuyisela abantu ezixekweni, avuswe amabhodlo. 34Umhlaba oyinkangala uya kulinywa, uze ungalali ube yinkangala kubantu abacanda kuwo. 35Baya kuthetha bathi: ‘Lo mhlaba ubufudula uyinkangala, ngoku unjengomyezo waseIdeni; izixeko ebekufudula kusenxuweni zidilikile, ngoku zinqatyisiwe zimiwe.’ 36Ngoko ke amasalela eentlanga ezimelene nani aya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndiyivusile into ebidiliziwe, ndatyala apho bekusenkangala. Ndithethile mna Ndikhoyo, ndiya kuyenza loo nto.

37“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kwakhona ndiza kukuphulaphula ukubongoza kwendlu kaSirayeli, ndibenzele oku: Ndiya kubenza abantu bayo bande okweegusha, 38babe baninzi okwemihlambi yedini eJerusalem ngomhla wesidlo esimiselweyo. Izixeko ebezidilikile ziya kuzala yintlaninge yabantu, ngathi yimihlambi yeegusha. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”

UHEZEKILE 36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 37

Intlambo yamathambo omileyo

1Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo. 2Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko. 3Waza wathi: “Mntundini, angaba saphila na la mathambo?”

Ndaphendula ndathi: “Nguwe owaziyo, Mhlekazi Ndikhoyo.”

4Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo! 5Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi. 6Ndiya kunamathelisa imisipha kuni, ndigqume ngenyama, ndize ndinambathise ngolusu. Ndiya kunifaka umoya, nize nibe ngabaphilayo. Niya kutsho nazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

7Ndashumayela ke njengoko ndandiyalelwe. Ndathi, ndisashumayela njalo, ndeva isandi esirhwashazayo, aza amathambo ahlangana, ithambo ladibana nelinye. 8Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.

9Waza wathi kum: “Shumayeza umoya; wushumayeze, mntundini, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Moyandini, yiza uvela kwimimoya yomine, uphefumlele abafe ngekrele, khon' ukuze babe ngabaphilayo.’ ” 10Ndashumayela ke njengoko endiyalela, waza umoya wangena kuwo, aba ngabaphilayo, avuka ema ngeenyawo – inyambalala yomkhosi.

11Wathi ke kum: “Mntundini, la mathambo yindlu kaSirayeli iphela. Ithi: ‘Amathambo ethu omile; ithemba lethu lidakile; kuphelile kuthi.’ 12Ke shumayela uthi kuyo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Bantu bam, ndiza kuwavula amangcwaba enu, ndize ndinikhuphe kuwo. Ndiza kunibuyisela ezweni lakwaSirayeli. 13Niya kuqonda ke nina, bantu bam, ukuba ndinguNdikhoyo, xa ndiwavula amangcwaba enu, ndinikhupha kuwo. 14Ndiya kufaka uMoya wam kuni, ukuze niphile, ndize ndinibeke ezweni lenu. Niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndenza, utsho uNdikhoyo.’ ”

Isizwe esinye phantsi kokumkani omnye

15Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 16“Mntundini, thatha intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘EkaJuda namaSirayeli avana naye.’ Uze uthathe enye intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘Intonga kaEfrayim eyekaJosefu nayo yonke indlu kaSirayeli evana naye.’ 17Zidibanise zibe yintonga enye, zihlale zinjalo esandleni sakho.

18“Xa amawenu ekubuza esithi: ‘Akusichazeli na into ethethwa sesi senzo?’ 19yithi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuthatha intonga kaJosefu neyamaSirayeli avana naye esesandleni sikaEfrayim, ndiyidibanise nekaJuda, ndizenze zibe yintonga enye. Ziya kuba yintonga enye ke esandleni sam.’ 20Babonise iintonga obhale kuzo, 21uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo. 22Abantu bakwaSirayeli ndiya kubenza isizwe esinye elizweni, phezu kweentaba zikaSirayeli. Baya kulawulwa ngukumkani omnye, bengasokuze babuye babe zizizwe ezibini, okanye bahlulwa-hlulwe babe ziikumkani ezimbini. 23Abayi kuphinda bazingcolise *ngezithixo zabo ezingamasikizi okanye nangezinye izikreqo zabo, kuba ndiya kubahlangula bangabi sabuyela esonweni, ndibahlambulule. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.

24“ ‘Isicaka sam uDavide siya kuba yikumkani yabo; xa bebonke baya kuba nomalusi omnye. Baya kuhamba ngokwemithetho yam, bayinyamekele imimiselo yam bayenze. 25Baya kuhlala elizweni endalabela isicaka sam uYakobi, ilizwe ababemi kulo ooyihlo. Baya kuhlala apho bona, nabantwana babo, nabantwana babantwana babo naphakade. UDavide isicaka sam uya kuba yinkosi yabo naphakade. 26Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nabo; uya kuba ngumnqophiso wanaphakade. Ndiya kubazinzisa, ndibenze bande, ize isibingelelo sam sihlale phakathi kwabo naphakade. 27Ikhaya lam liya kuba phakathi kwabo; ndiya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. 28Ziya kwazi ke izizwe ukuba mna Ndikhoyo ndim omchongileyo uSirayeli, xa isibingelelo sam siphakathi kwabo ngonaphakade.’ ”

UHEZEKILE 37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 38

Ukukhatywa kukaGogi

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, bhekisa kuGogi welizwe laseMogogi, inkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali; umkhalimele 3uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali. 4Ndiya kukujika, ndifake amagwegwe emihlathini yakho, ndikurhuqe nomkhosi wakho uphela, amahashe akho, umkhosi okhwele amahashe otsho ngezingaziwayo izivatho, isihlwele sonke siphethe amakhaka neengweletshetshe, bonke beqhiwule amakrele abo. 5IPeshiya neKushe nePuti ziya kuba phakathi kwabo, bonke bephethe amakhaka, benxibe iminqwazi yokuzikhusela, 6neGomere nomkhosi wayo uphela, neBhete-togarma iya kuvela kwelikude emantla nomkhosi wayo wonke, intlaninge yezizwe ezilapho kuwe.

7“Lunga, uhlale uchophile; nelo bandla ulihlanganisileyo uhlale uligqalile. 8Emva kweentsuku ezininzi uya kufunzwa umkhosi wakho. Kwiminyaka ezayo uya kuhlasela ilizwe elinoxolo, elibantu balo bahlanganiswe kwintlaninge yezizwe baza kutsho kwiintaba zakwaSirayeli ebekusoloko kusenkangala kuzo. Bakhutshwe ezizweni, ke ngoku bahleli bengalindele ngozi. 9Wena nomkhosi wakho uphela nentlaninge yezizwe niya kunyuka nivuthuza okwesiphango; niya kufana nelifu eligubungele umhlaba.

10“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo. 11Uya kuthi: ‘Ndiza kuhlasela ilizwe elidolophu zingenandonga zikhuselayo; ndiza kuhlasela abantu boxolo bengalindele ngozi – bonke behlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo. 12Ndiya kuthimba ndityhuthule, ndithathe amaxhoba, ndonakalise kwezo zixeko bezifudula zingamanxuwa nabantu bazo abaqokelelwe ezizweni, abazizityebi ngemfuyo nangempahla, abahlala esizikithini selizwe.’ 13IShebha neDan nabarhwebi baseTashishe neelali zayo zonke baya kuthi kuwe: ‘Uze kuthimba na? Eli bandla uliqokelelele ukuza kutyhuthula na? Liza kumka nesiliva negolide nemfuyo nempahla jikelele ngokuyithimba?’

14“Ngoko ke, mntundini, shumayela uthi kuGogi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mhla xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindele ngozi akuyi kuyiqaphela na loo nto? 15Uya kuphuma endaweni yakho kwelikude emantla, uhambe nentlaninge yezizwe, zonke zikhwele amahashe, ibandla elikhulu, umkhosi onamandla. 16Uya kuhlasela abantu bam amaSirayeli okwelifu ligqume umhlaba. Kwimihla ezayo, Gogi, ndiya kukwenza uhlasele ilizwe lam, ukuze zazi izizwe ukuba ndingcwele xa ndizibonakalisa kuwe zijongile.

17“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akunguye na lowo ndakha ndathetha ngaye ngezicaka zam *abashumayeli bakwaSirayeli? Ngelo xesha bashumayela ngeminyaka ezayo besithi ndiya kukwenza ubahlasele. 18Ngaloo mhla kuya kwenzeka oku: Xa uGogi ehlasela ilizwe lamaSirayeli ndiya kuvukwa ngumsindo oshushu, itsho iNkosi uNdikhoyo. 19Ngenxa yekhwele nomsindo wam ndathi: Ngenene kuya kubakho inyikima enkulu elizweni lakwaSirayeli. 20Iintlanzi elwandle, iintaka esibhakabhakeni, izilo endle, nazo zonke izilwanyana ezirhubuluzayo emhlabeni, nabo bonke abantu ehlabathini baya kungcangcazela ngenxa yobukho bam. Ziya kubhukuqwa iintaba; aya kudilika amawa, nazo zonke iindonga ziwe phantsi. 21Ndiya kumema amakrele kuzo zonke iintaba zam ukuza kutyakatya uGogi, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Abacala-nye baya kubulalana. 22Ndiya kumohlwaya ngobhubhani nangobugwinta; ndiya kunisa izandyondyo zemvula, isichotho nesalfure evuthayo phezu kwakhe naphezu komkhosi wakhe nezo zizwe ahamba nazo. 23Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.”

UHEZEKILE 38XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 39

1“Mntundini, mkhalimele uGogi, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali. 2Ndiza kukujika ndikurhuqe. Ndiza kukulanda kwelikude emantla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli. 3Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene. 4Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa. 5Niya kufela endle elubala, kuba kuthethe mna, itsho iNgangalala uNdikhoyo. 6IMagogi nabemi baselunxwemeni abangalindele ngozi ndiya kubathumela ngomlilo ukuze bazi ukuba ndinguNdikhoyo.

7“Ndiya kulazisa igama lam elingcwele kubantu bam amaSirayeli. Andiyi kuvuma lingcoliswe igama lam elingcwele, kwaye nezizwe ziya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndinguYedwa wakwaSirayeli. 8Iyeza! Ewe, iza kufika, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Yile mini bendiyixela ke leyo. 9Noko abantu abahlala ezixekweni zakwaSirayeli baya kuphuma bazibase zitshe izixhobo zabo, iingweletshetshe namakhaka amakhulu, izaphetha neentolo, amabhunguza nemikhonto. Iya kuphela iminyaka esixhenxe bezenza iinkuni zokubasa. 10Akusayi kubakho mfuneko yakutheza endle nokugawula iinkuni emahlathini, kuba baya kubasa izixhobo. Baya kuthimba kwa-abo bebefudula bethinjwa ngabo, batyhuthule abo bebefudula betyhuthulwa ngabo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

11“Ngaloo mhla uGogi uya kungcwatyelwa kwaSirayeli, kwintlambo ekuhanjwa kuyo ngabahambi abaya ngasempumalanga ngakuLwandle oluFileyo. Elo ngcwaba liya kuxaba endleleni yabahambi, kuba aya kuba elapho amangcwaba kaGogi nesihlwele sakhe siphela. Iya kubizwa ngokuba yintlambo yesihlwele sikaGogi.

12“Indlu kaSirayeli iya kubangcwaba iinyanga ezisixhenxe ukuze licoceke ilizwe. 13Baya kungcwatywa sisizwe siphela, ize loo mini yobungangamsha bam ibe ludumo kubo, itsho iNkosi uNdikhoyo.

14“Kuya kumiselwa amadoda aya kuzingisa ngokulicoca ilizwe. Amanye aya kuhamba lonke ilizwe, amanye angcwabe ezo zidumbu zisabonakalayo phezu komhlaba. Emva kweenyanga ezisixhenxe aya kuqalisa ukuzingela kulo lonke ilizwe, 15kuze kwenziwe umqondiso apho kubhaqwe khona ithambo lomntu de lingcwatywe ngabangcwabayo kwintlambo yesihlwele sikaGogi. 16Apho kuya kubakho nesixeko esiyiHamona. Kuya kuba njalo ke ukuhlanjululwa kwelizwe.

17“Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi. 18Niya kutya inyama yeengangamsha, nisele negazi leenkosi zalo mhlaba ngokungathi ziinkunzi zeegusha namatakane, iibhokhwe neenkunzi zeenkomo, zonke zityetyiswe eBhashan. 19Kwidini endinilungiselela lona niya kutya amanqatha nide niwatyekeze, nisele igazi nide ninxile lilo. 20Kwisithebe sam niya kutya amahashe nabakhweli bawo, iingangamsha nazo zonke iindidi zamadoda omkhosi,’ itsho iNkosi uNdikhoyo.

21“Udumo lwam ndiya kulubonisa ezizweni, ukuze zonke izizwe zisazi isohlwayo nobugadalala besandla sam. 22Ukususela kuloo mini isizwe sakwaSirayeli siya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo waso. 23Izizwe ziya kwazi ukuba abantu bakwaSirayeli bathinjwa ngenxa yesono sabo, kuba babenganyanisekanga kum. Ke mna ndazifihla kubo, ndaza ndabanikezela ezintshabeni zabo, bonke babulawa ngekrele. 24Ndabohlwaya kangangokudyobheka kwabo nakangangezikreqo zabo. Ndazifihla kubo.

25“Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuyijika imeko kaYakobi, ndibe novelwano kubo bonke abantu bakwaSirayeli; ndiya kuba nekhwele ngenxa yegama lam elingcwele. 26Ngexesha abahleli bekhuselekile ezweni labo bengalindele ngozi baya kulilibala ihlazo labo nokunganyaniseki kwabo kum ngaphambili. 27Ndakuba ndibaphuthumile ezizweni, ndababutha emazweni eentshaba zabo, zonke izizwe ndiya kuzibonisa ngabo ukuba akukho namnye unjengam. 28Baya kwazi ngoko ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo, kuba, nakuba ndabathumela ezizweni baba ngabathinjwa, ndiya kubaqokelela, ndibabuyisele ezweni labo, ndingashiyi namnye. 29Andiyi kuphinda ndizifihle kubo, kodwa ndiya kuphokozela uMoya wam kumaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

UHEZEKILE 39XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 40

Umbono wokusiwa eJerusalem

1Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem. 2Wandithatha ngemibono evela kuThixo, wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, waza wandibeka phezu kwentaba ephakamileyo eyayinezakhiwo ezazingathi sisixeko kwicala langezantsi. 3Wandisa apho, ndaza ndabona umfo owayekhangeleka ngathi sisinyithi. Wayemi esangweni, ephethe intsontelo yelinen noluthi lokulinganisa. 4Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”

Isango lasempuma lentendelezo yokuqala yendlu kaThixo

5Ndabona udonga olujikeleze yonke inkundla yendlu kaThixo. Ubude boluthi lokulinganisa olwaluphethwe yiloo ndoda babuziimitha ezintathu. Yalinganisa udonga, yaza yafumana luziimitha ezintathu ububanzi ngokunjalo nomphakamo.

6Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena. 7Amagumbi abalindi eludongeni ayeziimitha ezintathu ubude nobubanzi, baza ububanzi beendonga eziwahlula-hlulayo baziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Umgubasi wesango ekungeneni kwevaranda ejongene nendlu kaThixo wawuziimitha ezintathu ukungena.

8Yaza ke yalinganisa ivaranda yesango. 9Yayiziimitha ezine ukungena, aza amacala ayo ayimitha ububanzi. Ivaranda yesango yayijongene nendlu kaThixo.

10Apha ngaphakathi kwesango elijonge empumalanga ayemathathu amagumbi eludongeni macala. Ayelingana omathathu, ngokunjalo neendonga eziwahlula-hluleyo. 11Ke ngoko yalinganisa ububanzi besango; babuziimitha ezintlanu, ubude bona buziimitha ezintandathu ezinesiqingatha. 12Phambi kwegumbi eliseludongeni ngalunye kwakukho udonga olusisiqingatha semitha ukuphakama, wona amagumbi aseludongeni enamacala alinganayo aziimitha ezintathu. 13Yaza ke yalinganisa isango ukusuka emantla odonga olungemva lwegumbi olusedongeni elikwelinye icala kuye kuthi nqo kwelingaphesheya, yafumana ingumgama oziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha phakathi kwawo. 14Yenze umlinganiso wazo zonke iindonga eziphongomileyo apha ngaphakathi kwesango, yafumana iimitha ezingamashumi amathathu. Lo mlinganiso uthi ngqu ngevaranda ejongene nentendelezo. 15Umgama ukusuka ekungeneni kwesango kuye kuma entla evaranda wawungamashumi amabini anantlanu eemitha. 16Phezu kwamagumbi aseludongeni kunye neendonga eziphongomileyo ngaphakathi kwesango kwakwakhiwe udongana olulungqameko luneendawo ezivulekileyo. Kwakunjalo nasevarandeni. Zonke iindawo ezivulekileyo zazijonge ngaphakathi. Iindonga eziphongomileyo bezihonjiswe ngesundu.

Intendelezo yokuqala

17Le ndoda yandingenisa kwintendelezo yokuqala. Apho ke ndabona amagumbi nendlela egangathiweyo ejikeleze yonke intendelezo. Amagumbi ayayamene nendlela le ayengamashumi amathathu. 18Le ndlela igangathiweyo yayihamba ithi ngqu emasangweni, ububanzi bayo bulingana nobude bawo. Le ke ibiyindlela esemazantsi. 19Yalinganisa umgama ukusuka phakathi kwisango elingezantsi kuye kuthi gaa ngaphandle kwentendelezo engaphakathi; wawuziimitha ezimashumi mahlanu kwisango lasempumalanga ngokunjalo nakwelingentla.

Isango elingentla

20Yaza yalinganisa ubude nobubanzi besango elijonge emantla nelingena kwintendelezo yokuqala. 21Amagumbi aseludongeni, emathathu kwicala ngalinye, iindonga zawo, eziphongomileyo kwanevaranda yalo, zifana nqwa ngomlinganiselo neziya ndawo zesango lokuqala. Ubude bebuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 22Iimbombo zalo nevaranda yalo nemihombiso yesundu zazilingana totse neziya zesango elijonge empumalanga. Amanqwanqwa alo asixhenxe ayejongene nevaranda. 23Kwakukho isango lenkundla engaphakathi elijongene nesango elingentla njengoko kunjalo empumalanga. Wenza umlinganiselo ukusuka kwelinye isango ukuya kwelinye, waza waba ngamashumi amahlanu eemitha.

Isango elingezantsi

24Yaza yandisa kwicala elingezantsi, apho ndibone isango elijonge ngezantsi. Yenza umlinganiselo wamacala alo kwanowevaranda yalo, yafumana ufana nowamanye amasango. 25Isango nevaranda yalo lalineembobo phezulu njengakwamanye amasango. Ubude balo yayiziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 26Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini. 27Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.

Amasango entendelezo engaphakathi

28Le ndoda yandingenisa kwintendelezo engaphakathi ngesango langezantsi, yaza yenza umlinganiso wesango elo. Lalilingana namanye. 29Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yalo zazilingana nezamanye amasango. Isango nevaranda yalo zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 30(Iivaranda zamasango angena kwintendelezo engaphakathi ayeziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha ububanzi, neemitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ukungena.) 31Ivaranda yayijonge kwintendelezo yokuqala. Amacala ayo ayehonjiswe ngamasundu. Amanqwanqwa okuya kuyo ayesibhozo.

32Yaza yandisa empumalanga yentendelezo yangaphakathi, yenza umlinganiso wesango; wawulingana nowamanye. 33Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yayo zazimlinganiso mnye nowamanye. Isango nevaranda zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 34Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo yokuqala, amacala ayo ehonjiswe ngamasundu, esibhozo amanqwanqwa okungena kuyo.

35Yandisa kwisango elingentla, yaza yenza umlinganiso walo. Ifumene lilingana namanye, 36ngokunjalo namagunjana aseludongeni neendonga eziphongomileyo kwanevaranda eyayineembobo yonke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha. 37Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo engaphandle. Amacala ayo omabini ayehonjiswe ngesundu, amanqwanqwa aya kuyo esibhozo.

Amagumbi okulungiselela amadini

38Malunga nevaranda yesango ngalinye kwaphakathi kwakukho igumbi elinomnyango apho ayehlanjwa khona amadini atshiswayo. 39Kwivaranda yesango kwakumi iitafile ezimbini macala omabini ekwakuxhelelwa kuzo amadini atshiswayo, nawesono, nawetyala. 40Malunga nodonga olungaphandle lwevaranda yesango kufuphi namanqwanqwa aya ekungeneni kwesango elingentla kwakumi iitafile ezimbini, zaza zambini kwakhona ngaphaya kwawo. 41Ngoko ke zazine iitafile kwicala ngalinye lesango – iitafile ezisibhozo zizonke – apho ayexhelelwa khona amadini. 42Kwakukho iitafile ezine zelitye elilungisiweyo zokusebenzela amadini atshiswayo, itafile nganye iziisentimitha ezingamashumi asixhenxe anantlanu ubude, ikwanjalo nobubanzi, neesentimitha ezingamashumi amahlanu umphakamo. Amadini atshiswayo namanye amadini ayehlinzwa phezu kwazo ngempahla yokuhlinza 43eyayibekwa ethaleni eliseludongeni, thala elo elalibubanzi bungangesandla. Iitafile zazenzelwe ukubeka inyama yamadini.

Amagumbi ababingeleli

44Ngaphandle kwesango elingaphakathi kwakukho amagumbi amabini, elinye limi ecaleni lesango elingentla lijonge ezantsi, elinye ecaleni lesango elingezantsi lijonge entla. 45Le ndoda yathi kum: “Igumbi elijonge ngezantsi lelababingeleli abasebenza indlu kaThixo, 46elijonge ngentla lelababingeleli abasebenza iqonga. Abo ngoonyana bakaZadoki, ekukuphela kwabaLevi abanokusondela *kuNdikhoyo babingelele phambi kwakhe.”

47Yenza umlinganiso wentendelezo, yafumana amacala elingana: amashumi amahlanu eemitha ubude namashumi amahlanu eemitha ububanzi. Lona iqonga lamadini laliphambi kwendlu kaThixo.

Indlu kaThixo

48Le ndoda yandisa kwivaranda yendlu kaThixo, yaza yalinganisa amacala evaranda leyo; ububanzi macala babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ekungeneni ububanzi babuziimitha ezisixhenxe, ububanzi beendonga eziphongomileyo macala buyimitha enesiqingatha. 49Ivaranda yayiziimitha ezilishumi ububanzi, yaza yaba ziimitha ezintandathu ukusuka ekungeneni kuye entla. Bekunyukwa ngamanqwanqwa ukuya kuyo, kumi iintsika malunga namacala ayo.

UHEZEKILE 40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 65

Elokudumisa nokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo kaDavide.

1Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon,

zifezekiswe kuwe izibhambathiso.

2Wena uyawugqala umthandazo;

bonke baya kuza kuwe.

3Ngenxa yobugwenxa bethu

iziphoso zethu ziyasongamela,

kodwa wena uyasixolela.

4Uthamsanqelekile omnyulayo wena.

Lowo umhlalisa enkundleni yakwakho.

Siya kufumana ukwanela endlwini yakho,

apho kukho ubunewu-newu nobungcwele.

5Ngemisebenzi yakho emangalisayo

uyasiphendula usikhulule.

Thixo, wena uyinkululeko kuthi.

Ihlabathi liphela lithembele ngawe,

nditsho neelwandle jikelele.

6Iintaba waziseka ngegunya lakho,

zingumzobo wamandla akho.

7Ungumthozamisi weelwandle ezilwayo,

umthibazi wamaza alatyuzayo,

umthomalalisi wezizwe ezixokozelayo.

8Nabaseziphelweni zehlabathi bathi,

bakuzibona ezi zinto, barhwaqele.

Ngapha nangapha wena uhlwayela ulonwabo.

9Ilizwe wena ulalusa ngemvula;

wena ulitsho libe yintombazana.

Ke yona imilambo iyankcenkceza;

uyabalungiselela bafumane indyebo.

10Amasimi uwavathisa ngemvula, atsho ee thinte ngamanzi.

Umhlaba uwunyakamisa ngomvimbi, zitsho ziqhame izityalo.

11Unyaka uwuthi jize ngendyebo,

kuvuz' ubusi namafutha kwimizila yeenyawo zakho.

12Amadlelo athe thande yimfuyo;

iinduli zimbeje-mbeje, ziyavuya.

13Idobo liphanjwe yimihlambi;

iintili zivathiswe likhaba.

Ziyakratsha, ziyacula zinemincili.

IINDUMISO 65XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-