Bible Society of South Africa

To The Word – Day 193

Ezekiel 16–20, Psalm 62

Itekisi yeBhayibhile

UHEZEKILE 16

IJerusalem engathembekanga

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, yixelele iJerusalem ngezenzo zayo ezinezothe, 3uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiJerusalem ukuthi: Imvelaphi nenkaba yakho ikwilizwe lamaKanana; uyihlo ngumAmori, unyoko engumHiti. 4Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo. 5Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.

6“Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’ 7ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.

8“Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.

9“Ndakufaka emanzini, ndalihlamba igazi kuwe, ndakuthambisa ngamafutha. 10Ndakunxiba ilokhwe ehonjisiweyo, ndakufaka iimbadada zothwathwa, ndakunxiba ilinen ecikiziweyo, ndakwambesa iingubo zexabiso. 11Ndakuhombisa ngamatye anqabileyo, ndakufaka izacholo ezingalweni nentsimbi yomqala entanyeni yakho. 12Ndaza ndakufaka amacici empumlweni nasezindlebeni zakho, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko. 13Ewe, wawuhombe ngegolide nesiliva; izinxibo zakho zizezelinen ecikiziweyo nelaphu lexabiso elihonjisiweyo. Ukutya kwakho ibingowona mgubo ucoliweyo, nobusi, namafutha omnquma. Waba mhle kakhulu ngokungathi ungukumkanikazi. 14Udumo lwakho lwaba ngundaba-mlonyeni ezizweni ngenxa yobuhle bakho, kuba ubuqheleqhele endikunike bona babenza babalasela ubuhle bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.

15“Wasuka wathembela kubuhle bakho, lwaza udumo lwakho lwakwenza walihenyukazi. Waba lukhuko lwabahambi, baza ubuhle bakho bangobabo. 16Enye impahla yakho wenza ngayo isibingelelo sokunqula izithixo apho waqhuba khona izenzo zobuhenyukazi. Azenziwa ezo zinto, kungekho mfuneko yokuba zenzeke. 17Izihombiso zam endandikunike zona, zegolide nesiliva yam, wasuka wenza ngazo *izithixo ezingamadoda, wahenyuza nawo. 18Wazambathisa ngezinxibo zakho ezihonjisiweyo, wanikezela kuzo ngamafutha neziqhumiso zam. 19Kwanokutya endandikunike kona – owona mgubo ucoliweyo, amafutha omnquma, nobusi – wakwenza umnikelo ovumba limnandi kuzo. Ewe, kwenzeka oku, itsho iNkosi uNdikhoyo.

20“Wathatha oonyana neentombi zakho obundizalele zona, wenza ngazo idini lokutya kwezithixo. Bebunganele na ubuhenyukazi bakho? 21Wabaxhela abantwana bam, wenza idini lezithixo ngabo. 22Kuzo zonke izenzo zakho ezinezothe nobuhenyukazi bakho akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho xa wawuze ukhaba-khaba egazini lakho.

23“Yeha! Yeha, wena! Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo. Ngaphezu kwayo yonke inkohlakalo yakho 24uzakhele ingqumba yamatye, waza wenza isibingelelo kuzo zonke iindawo eziphangaleleyo esixekweni. 25Ekungeneni kwesitalato ngasinye wakhe isibingelelo sakho, waza ngokwenjenjalo wabugqwalisa ubuhle bakho ngokunikezela ngomzimba wakho nakubani na odlula ngendlela. 26Ngaphezu koko uhenyuze namaJiputa angabamelwane bakho atshatshele ngobudoda, waza ngokwenjenjalo wandixhokonxa ngenxa yamanyala akho angaphele ndawo. 27Mna ke ndisolule isandla sam ndakohlwaya, ndawanciphisa amalungelo akho, ndakuyekela kwiminqweno yeentshaba zakho, nditsho iintombi zamaFilistiya ezaba nomothuko omkhulu bubufebe bakho. 28Uhenyuzile nawo nama-Asiriya; kaloku awaneli! 29Waphumela naseBhabheli, umhlaba wabarhwebi, nalapho awanela.

30“Hayi, ububhetye-bhetye bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo. Xa usenza zonke ezi zinto uziphatha okwehenyukazi eliphoxekileyo. 31Xeshikweni usakha iingqumba zakho zamatye ekungeneni kwazo zonke izitalato, usenza nezibingelelo zakho kuzo zonke iindawo zesixeko eziphangaleleyo, ube wahlukile kwamanye amahenyukazi, kuba ubuyichasile intlawulo.

32“Mfazindini okrexezayo! Wena ufuna abahambi endaweni yomyeni wakho! 33Amanye amahenyukazi ahlawulwa umrhumo, kodwa wena ubapha izipho bonke abalala nawe, ubanyobe ukuze baphume kuzo zonke iindawo ukuza kulala nawe. 34Ke ngoko wahlukile kwamanye amahenyukazi; awulandelwa. Wahlukile wena, kuba uyahlawula endaweni yokunikwa umrhumo.

35“Ngoku ke, henyukazindini, phulaphula ilizwi likaNdikhoyo! 36Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ekubeni ubutshiseka, waza wahamba ze xeshikweni usenza amanyala namadoda akho, ngenxa yezithixo zakho ezinezothe, othe wanikezela ngegazi labantwana bakho kuzo, 37ngoko ke ndiza kuwaqokelela onke amadoda akho abekuvisa ubumnandi ngokulala nawe, onke bethu, lawo ubuwathanda nalawo ubuwacaphukela. Ndiza kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndize nawo phambi kwakho, ndikuhambise ze, abubone ubuze bakho. 38Ndiza kukugwebela isohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi; ndiza kuwukhuphela kuwe wonke umsindo wam wempindezelo yegazi nobukhwele. 39Emva koko ndiya kukunikezela kumakrexe akho; aya kuzidiliza ingqumba zakho zamatye, aziwise izibingelelo zakho. Aya kuyikhulula impahla yakho, azihluthe izihombo zakho zamatye anqabileyo amahle, akushiye uze ungenanto. 40Aya kukubizela isihlwele sikuxulube ngamatye, sikutyakatye ngamakrele. 41Siya kuzitshisa izindlu zakho, sikohlwaye, abanye abafazi bejongile. Ewe, ndiza kukwenza ukuyeke ukuhenyuza, uyeke nokuhlawula amakrexe. 42Uya kuthotha ke umsindo wam kuwe, ngokunjalo buphele nobukhwele. Ndiya kuthi cwaka ndingabi sakhathazeka.

43“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kukwenza ulithwale ityala laloo nto uyenzileyo, kuba akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho, ngoko undenze ndaqumba ngenxa yoko ukwenzileyo. Akongezanga amanyala na phezu kwamanyundululu owenzileyo?

44“Wonke umntu othanda ukuzekelisa ngamaqhalo uya kuzekelisa ngeli qhalo xa athetha ngawe: ‘Ufuzo luyegqithisa.’ 45Kaloku umfuzile unyoko, kuba yena wamdela umyeni wakhe kunye nabantwana bakhe; ukwangumgubo wengxowa enye noodade wenu abâthi bona babadela abayeni babo nabantwana babo. Unyoko wayengumHiti, uyihlo engumAmori. 46Udade wenu omkhulu wayenguSamariya owayehlala ngentla kwakho neentombi zakhe; udade wenu omncinci, owayehlala ngezantsi kwakho neentombi zakhe, wayenguSodom. 47Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi. 48Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.

49“Nali ityala lodade wenu uSodom: Yena neentombi zakhe bebeziphakamisile bengaswele nto, bengakhathalele mntu; babengeloncedo kwabangamahlwempu nakwabasweleyo. 50Babezitsho, besenza amanyundululu phambi kwam. Ngoko ndabatshabalalisa njengoko nawe wabonayo. 51Izono zikaSamariya azisiso nesiqingatha sezakho; amanyundululu owenzileyo angaphezu kwawabo, into etsho oodade wenu babe ngamalungisa xa bethelekiswa nawe ngezinto ezimbi ozenzileyo. 52Lithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho baxoleleka oodade wenu. Ngenxa yokokuba izono zakho bezizibi ngaphezu kwezabo, baba ngathi banobulungisa obungaphezu kobakho. Ngoko ke yiba neentloni, ulithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho oodade wenu banjengamalungisa.

53“Kodwa ke noko ndiya kumbuyisela endaweni yakhe uSodom neentombi zakhe, ngokunjalo noSamariya neentombi zakhe, ngokunjalo nawe, 54ukuze ulithwale ihlazo lakho lokwenza izinto ezitsho bazibona bengamalungisa. 55Oodade wenu uSodom neentombi zakhe, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwimbo yabo; nawe neentombi zakho uza kubuyela kwimbo yenu. 56Xeshikweni useneqhayiya ubucekisa nokuthetha oku ngoSodom, 57kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo. 58Uthi uNdikhoyo: Úza kulithwala ityala lamanyala namanyundululu akho.

59“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso. 60Kodwa ke noko ndiza kuwukhumbula umnqopiso endawenza nawe xa wawusemtsha, ndize ndenze umnqophiso nawe oya kuhlala uhleli. 61Uya kuthi ke uzikhumbule izenzo zakho, ube neentloni xa usamkela oodade wenu abakhulu kunawe nabancinane kunawe. Ndobanikela kuwe njengeentombi, naxa ndingayi kubabandakanya kumnqophiso wethu sobabini. 62Ndiza kuwuzinzisa umnqophiso wam nawe, ukuze wazi ukuba ndinguNdikhoyo. 63Xa ndikuxolela ngako konke okwenzileyo uya kukhumbula, zikuphathe iintloni, uze ungabuye uwuvule nokuwuvula oku umlomo ngenxa yokuthobeka kwakho, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

UHEZEKILE 16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 17

Amakhozi amabini nomdiliya

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, thetha ngesafobe, wenzele indlu kaSirayeli umzekeliso. 3Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ELebhanon kwakha kwafika into enkulu yokhozi emaphiko omeleleyo, eentsiba zinde zishinyeneyo zimabala-bala, laza lee ngcu phezu komsedare, 4lanqothula elona sebe liphezulu, lemka nalo, laya kwilizwe labarhwebi, laza lalityala kwesinye sezixeko zorhwebo. 5Lathatha imbewu kwilizwe lenu, laya kuyityala kumhlaba otyebileyo. Layityala okomngcunube kwindawo enamanzi amaninzi, 6yantshula yaba ngumdiliya omfutshane oxandileyo. Amasebe awo ajonga kulo ukhozi, kodwa zona iingcambu zahlala ngaphantsi. Yaba ngumdiliya oxandileyo ke, otsho ngamasebe ayokozela amagqabi.

7“Kodwa lalukho nolunye ukhozi olumaphiko omeleleyo neentsiba ezishinyeneyo. Ke ngoku iingcambu zomdiliya zanabela ngakulo ukusuka kule ndawo umdiliya utyalwe kuyo, namasebe axandela kulo ukufuna amanzi. 8Wawutyalwe kumhlaba otyebileyo, kufuphi namanzi amaninzi, ukuze uhlume, ukhule, uvelise iziqhamo, ube yinzwakazi yomdiliya.

9“Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ngaba lo mdiliya uza kuchuma na? Awusayi kuncothulwa na lukhozi lokuqala, lunqothule zonke iziqhamo zawo, uze ubune? Amahlumelo awo onke aya kubuna. Xa uncothulwe emhlabeni akuyi kubakho mfuneko yandoda isisigantsontso okanye iqela labantu. 10Khona ukuba uphinde watyalwa kwenye indawo uya kukhula na? Awukubuna mpela na xa kuthe kwavuthuza ulophu, ubune umi kuloo ndawo ubukhula kuyo?”

11Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 12“Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli, 13waza wakhetha omnye kwabegazi, wenza isivumelwano naye, wamfungisa. Wawasusa amadoda amakhulu esizwe, 14khon' ukuze ubukumkani buhle, bungabi nakuphakama, bume buyiloo nto ngokugcinwa kwesivumelwano nokumkani waseBhabheli. 15Kodwa ukumkani waseJerusalem wamvukela owaseBhabheli, waza wathuma izithunywa eJiputa ukuba ancedwe ngamahashe nomkhosi omkhulu. Ngaba uya kuphumelela? Ngaba umntu owenza izinto ezilolu hlobo uyasinda; nditsho ofumana asikhabe isivumelwano?’

16“Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, úya kufela eBhabheli, kwilizwe laloo kumkani wayembekile waza wasidela isifungo asenze naye, wasaphula isivumelwano. 17Ukumkani waseJiputa nomkhosi wakhe oqinileyo oyinyambalala akasayi kumnceda nganto emfazweni, xeshikweni kusakhiwa izikanisi nezinye izixhobo zokungqinga ukuze kufe inyambalala yabantu. 18Usidelile isifungo ngokutyeshela umnqophiso. Akayi kusinda, kuba kaloku uzenza zonke ezi zinto ekubeni ebevumelene.

19“Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiyafunga, ndiza kumohlwaya kuba uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso. 20Ndiza kumthiyela ngezabatha zam, ndimbambise. Ndiza kuza naye eBhabheli, ndize ndimohlwayele apho, kuba engathembekanga kum. 21Wonke umkhosi wakhe osabayo uya kubulawa ngekrele, ize intsalela iphalale. Ngoko niya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile.

22“INkosi uNdikhoyo ithi: Mna ngokwam ndiya kukha isebe eliphezulu lomsedare, ndilityale; ndiya kukha ingetye-ngetyana yesebe kwawona aphezulu emthini, ndilityale encotsheni yentaba ephakamileyo. 23Ndiya kulityala kweleentaba zakwaSirayeli; liya kutsho ngamasebe, livelise iziqhamo, libe ngumsedare wodidi. Iintlobo-ntlobo zeentaka ziya kwakha iindlwana zazo kuwo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo. 24Yonke imithi yasendle iya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndiyawuwisa umthi omde, omfutshane ndiwenze ube mde. Ndiya wenza ubune umthi oluhlaza, ndiwuhlumise umthi obusowomile.

“Ndithethile nje mna Ndikhoyo, ndiya kukwenza oko.”

UHEZEKILE 17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 18

Umntu owonayo uya kufa

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Bantundini, nithetha ukuthini ezweni lakwaSirayeli xa nicaphula kweli qhalo lithi:

“ ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada,

suka kwabuthelezi amazinyo abantwana’?

3“Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, anisayi kuphinda nicaphule kweli qhalo kwaSirayeli. 4Kaloku wonke ophilayo ngowam; nditsho uyise nonyana, bobabini ngabam ngokufanayo. Uya kufa umntu othe wona.

5“Nanku umfo olilungisa,

owenza okulungileyo kwaphela:

6akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,

okanye athembele *kwizithixo zendlu kaSirayeli;

akamhlazisi umka-mmelwane,

okanye alale nomfazi osexesheni;

7akacinezeli mntu,

kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa;

akanguye umphangi,

koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;

8akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,

hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;

akavani nokwenza okungalunganga,

ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.

9Wenza ngokwemimiselo yam,

anyaniseke ekugcineni imithetho yam.

“Lowo ke ulilungisa; ngenene uya kubudla ubomi, itsho iNkosi uNdikhoyo.

10“Mhlawumbi indoda le inonyana othanda ukulwa, aphalaze igazi, okanye ade enze nezinye izinto ezingatshongo khona, 11(naxa uyise engazange wazenza ezo zinto):

“Uthatha inxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni;

uyamhlazisa umfazi wommelwane;

12uyawacinezela amahlwempu nabasweleyo;

ungumphangi;

akayibuyisi impahla abeyibanjiswe ngobolekayo;

unqula izithixo;

wenza amanyundululu;

13uyabaxhaphaza abantu xa ebolekisa,

ewe, ubiza inzuzo engaphaya.

“Ngaba uya kubudla ubomi umntu onjalo? Hayi! Ngokwenza onke la manyundululu umelwe kukufa, avune into abeyihlwayele.

14“Xa ngaba lo nyana unonyana obubonayo bonke ubugwenxa bukayise, aze athi kunjalo angahambi ekhondweni lakhe:

15“Akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,

okanye anqule izithixo zakwaSirayeli;

akamhlazisi umka-mmelwane;

16akacinezeli mntu

okanye abize isibambiso kulowo ubolekayo;

akanguye umphangi,

kodwa ubapha ukutya abalambileyo,

abambese abahamba ze;

17ubethela kude esonweni;

akabaqhathi abo ababolekayo,

hayi akababizi inzuzo engaphaya;

uyayithobela imithetho,

enze ngokwemimiselo yam.

“Akayi kufa ngenxa yesono sikayise, koko uya kubudla ubomi. 18Kodwa yena uyise uya kufa ngenxa yesono sakhe, kuba ebaxhaphazile abantu, wamkhuthuza umntakwabo, wenza okungalunganga kumawabo.

19“Niyabuza ke nina: ‘Ngani ukuba unyana angalithwali ityala likayise?’ Kaloku unyana wenze ubulungisa, wahamba ngokwemiyalelo yam; yena uya kubudla ubomi. 20Ngumntu owonileyo oya kufa. Unyana akayi kulithwala ityala likayise, noyise akayi kulithwala ityala lonyana. Olungileyo uya kuvuzwa ngobulungisa bakhe, okhohlakeleyo ohlwaywe ngenkohlakalo yakhe.

21“Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi. 22Zonke izikreqo azenzileyo aziyi kuphinda zikhunjulwe. Uya kudla ubomi ngenxa yobulungisa abenzileyo. 23Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.

24“Xa ilungisa libulahla ubulungisa, lize lingene enkohlakalweni, lenze amanyundululu abefudula esenziwa ngokhohlakeleyo, lingabudla njani ubomi? Bonke ubulungisa ebelifudula libenza abuyi kuba sakhunjulwa. Liya kufa kuba lingathembekanga, lifela izono zalo.

25“Ke nina nithi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Phulaphula, ndlu kaSirayeli: Ngaba inkqubo yam asiyiyo eyolungelelwano na? Yinkqubo yenu kaloku engenalo ulungelelwano. 26Ukuba ilungisa lithe laphambuka ebulungiseni, lenza isono, liya kufa ngenxa yesono eso. 27Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wayilahla inkohlakalo yakhe, wenza ubulungisa, ngokwenjenjalo uya kubusindisa ubomi bakhe. 28Kuba eziqondile iziphoso zakhe, waza wazilahla, akayi kufa, koko uya kudla ubomi. 29Kodwa ke noko indlu kaSirayeli isatsho ukuthi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Ndlu kaSirayeli, inolungelelwano inkqubo yam. Ziindlela zenu ezingenalo ulungelelwano.

30“Ngako oko, ndlu kaSirayeli, umntu ngamnye kuni ndiza kumgweba ngokwezenzo zakhe, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu. 31Yahlukanani nezikreqo ebenifudula nizenza, nizifumanele intliziyo entsha, nomoya omtsha. Ngani ukuba nife, ndlu kaSirayeli? 32Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!”

UHEZEKILE 18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 19

Ukulilela iinkosi zakwaSirayeli

1“Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli, 2uthi:

“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!

Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,

esanyisa amathole akhe.

3Walondla lakhula elinye ithol' iduna,

languxholovane wengonyama.

Yafund' ukudlavuz' ixhoba,

yawathi nqwam-nqwam amadoda.

4Yaduma ezizweni,

bayombela umgibe, yabanjiswa.

Bayirhola ngamagwegwe,

baya nayo eJiputa.

5“ ‘Akuphela amathemba kunina,

lakuba iqhayiya lakhe limkile,

wathabatha elinye kumathole akhe,

walenza uxholovane wengonyama.

6Yanyalasa phakathi kweengonyama,

kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;

yafunda ukudlavuza amaxhoba

nokuwathi nqwam-nqwam amadoda.

7Yangena ezililini zawo,

yenza iziqwenga ezixekweni.

Yaduma larhwaqela lonke ilizwe

kwanabo bangabemi balo.

8Zayivukela izizwe,

nabantu bemimandla esondeleyo;

bayithiyela ngezabatha,

yabhajiswa emgibeni wabo.

9Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;

beza nayo kukumkani waseBhabheli,

yavalelwa entolongweni.

Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.

10“ ‘Unyoko ubenjengomdiliya okuvelisileyo,

otyalwe kufuphi namanzi,

uqhamile uyokozela amasebe

kuba emaninzi amanzi.

11Ebomelele amasebe awo,

efanele intonga yabalawuli.

Ubumde, ubuvelele utyani,

ubalasele ngobude nangamasebe ashinyeneyo.

12Ngomsindo wancothulwa,

wawiswa phantsi emhlabeni;

wabuna lulophu,

zavuthuluka iziqhamo;

loma isebe elomeleleyo,

labaswa emlilweni.

13Kungokunje utyalwe entlango,

kumhlaba owome nko.

14Umlilo wanwenwela kwelinye lamasebe awo,

zatsha iziqhamo.

Akusekho sebe lomeleleyo

elifanele intonga yabalawuli.’

“Sisililo esi; masibe sisililo ke.”

UHEZEKILE 19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 20

AmaSirayeli anenkani

1Ngosuku lweshumi kwinyanga yesihlanu ngonyaka wesixhenxe, kweza kum iqela lamadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phambi kwam, eze kubuzisa *kuNdikhoyo.

2Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 3“Mntundini, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Nize kubuzisa kum na? Ngokwenene ndiyafunga andiyi kunivumela nibuzise kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

4“Mntundini, bagwebe! Ewe, bagwebe! Baxelele ngezenzo ezinezothe zooyise, 5uthi kubo: Naku okuthethwa yiNgangalala uNdikhoyo: Mhla ndazinyulela uSirayeli, ndafunga ndamisa izibhozo phambi kwesizukulwana sendlu kaYakobi, ndaza ndazityhila kubo eJiputa. Ewe, ndamisa isibhozo, ndathi kubo: ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’ 6Ngaloo mhla ndafunga kubo ndathi ndiya kubakhupha eJiputa, ndibase kwilizwe endibafunele lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, elona lizwe lilibhongo emazweni. 7Ndaza ndathi kubo: ‘Omnye nomnye kuni makahlukane *nemifanekiso enezothe esenizimisele kuyo, niyeke ukuzigqwalisa *ngezithixo zaseJiputa. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu.’

8“Bandivukela, bala ukundiphulaphula, abayilahla imifanekiso enezothe ababezimisele kuyo, abazilahla izithixo zaseJiputa. Ndatsho ke ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam; baya kuwuva umsindo wam eJiputa. 9Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingabandakanywa nokungendawo zizizwe abahlala phakathi kwazo nendizityhile phambi kwazo kumaSirayeli xa ndandiwakhupha eJiputa. 10Ndawakhupha ke eJiputa, ndaza ndawazisa entlango. 11Ndawanika imimiselo yam, ndawabekela nemithetho yam, ngokuba umntu oyithobelayo uya kudla ubomi ngayo. 12Ndada ndawamisela *iMihla yam yokuPhumla njengomqondiso phakathi kwam nawo, ukuze azi ukuba mna Ndikhoyo ndiwenze abantu ababodwa.

13“Kodwa kuko konke oku abantu bakwaSirayeli bandivukela entlango, bayityeshela imimiselo yam, bayilahla imithetho yam – nakuba lowo uyithobelayo eya kudla ubomi ngenxa yayo – bayinyelisa kwaphela iMihla yam yokuPhumla. Ndatsho ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, ndibatshabalalise entlango. 14Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingenyeliswa emehlweni ezizwe abahlala phakathi kwazo nezandibona xa ndadibakhupha. 15Kwakhona ndafunga entlango ndisithi andiyi kubasa kwilizwe endabanika lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, ilizwe elilibhongo emazweni, 16kuba bayilahla imithetho yam, baza bayityeshela imimiselo yam, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Kaloku babethe swii zizithixo zabo. 17Kodwa ke noko ndaba nenceba kubo, ndaza andabatshabalalisa baphelele entlango. 18Entlango ndithe kubantwana babo: ‘Maze ningahambi ngemimiselo yooyihlo, okanye nithobele imithetho yabo, nizigqwalise ngezithixo zabo. 19Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. 20Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’

21“Kodwa nabo abantwana bandivukela, bayityeshela imimiselo yam, baza abayigcina imithetho, nakuba umntu oyithobelayo aya kudla ubomi ngayo, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Ngako oko ndathi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, uphelele kubo umsindo wam entlango apho.

22“Kodwa ke noko ndazibamba ngenxa yegama lam, ndenza ngako konke endinako ukuba linganyeliswa ezintlangeni abahleli phakathi kwazo nezandibonayo xa ndandibakhupha. 23Ndaza ke entlango apho ndafunga kubo ndiphakamise isibhozo ukuba ndiya kubacitha-chitha babe ziimbacu emazweni, 24kuba kaloku abayithobelanga imithetho yam, bayilahla nemimiselo yam, bayinyelisa neMihla yam yokuPhumla, balangazelela izithixo zooyise. 25Ndabayeka bahamba ngemimiselo engeyiyo, bathobela nemithetho abangenakudla ubomi ngayo; 26ndabayeka bazigqwalisa ngeminikelo yabo – idini lezibulo – khon' ukuze batsho barhwaqele, ze bandazi mna ukuba ndinguNdikhoyo.

27“Ngoko ke, mntundini, thetha nabantu bakwaSirayeli, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ooyihlo bandinyelisa ngokungathembeki.

28“Ndathi ndakufika nabo kumhlaba endandifungile ukuba ndiya kubanika wona, bona baba ngábona induli ephakamileyo okanye umthi oqhamileyo, basuka benza amadini neminikelo, into eyandixhokonxayo, bade banikela nangeziqhumiso ezivumba limnandi nangezinto ezithululwayo. 29Ndabuza ndathi kubo: ‘Sisiphi esi sibingelelo niquqela kuso?’ ” (Nanamhla oku kuthiwa sisibingelelo.)

Isigwebo nobuyiselo

30“Ke ngoko yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNgangalala *uNdikhoyo ukuthi: Ngaba niza kuzigqwalisa nixele ooyihlo, nilangazelela *izithixo ezinezothe? 31Xa ninikezela izipho zenu – idini elingoonyana benu emlilweni – niyazigqwalisa nangoku ngezithixo zenu. Ke, mzi kaSirayeli, nithi mandiniyeke nibuzise kum? Ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, andisokuze ndiyivume loo nto.

32“Nina nithi: ‘Sifuna ukufana nezinye iintlanga, nabanye abantu behlabathi abanqula umthi nelitye.’ Kodwa ayisokuze ihle loo nto niyifunayo. 33Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyafunga, ndiza kunilawula ngesandla esigadalala, niyive ingqumbo yam. 34Ngamandla am amakhulu ndiya kuniphuthuma ezizweni, ndinibuyise emazweni ebenibhacele kuwo ngenxa yengqumbo yam. 35Ndiya kunibeka kwintlango yeentlanga, ndinigwebe sijongene ubuso ngobuso.

36“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kunigweba njengoko ndandenzile kooyihlo kwintlango yaseJiputa. 37Ndiya kunalusa nihambe phantsi komsimelelo wam, ndinifake phantsi kwembophelelo yomnqophiso.

38“Ndiya kubakhuphela ngaphandle abo banenkani bandivukelayo. Nakuba ndiya kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abayi kungena kwilizwe lakwaSirayeli. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.

39“Kuni ke, ndlu kaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Hambani nonke ngabanye, niye kunqula izithixo zenu ezinezothe. Kodwa kamva niya kundiphulaphula, nahlukane nokunyelisa igama lam elingcwele ngeminikelo nezithixo zenu.

40“Nanku umlomo weNkosi uNdikhoyo: Phezu kwentaba yam eyodwa, intaba ephakamileyo kaSirayeli, apho kanye elizweni, kulapho iya kundinqula khona indlu kaSirayeli iphela, nam ndoyamkela. Apho ndiya kuyifuna imirhumo yenu neminikelo yenu ekhethiweyo kwakunye namadini enu awodwa. 41Ndiya kunamkela okwesiqhumiso esivumba limnandi xa ndiniphuthuma ezizweni ndinihlanganisa kuloo mazwe nibhacele kuwo, ndize ndizityhile ubungcwele bam kuni, ezinye izizwe zibona. 42Niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa ndiningenisa elizweni lakwaSirayeli, ilizwe endafunga ndamisa isibhozo ukuba ndiya kulinikezela kooyihlo. 43Apho ke niya kuyikhumbula indlela ebeniziphethe ngayo, nezenzo zenu ezinigqwalisileyo, nize nizizonde ngobugwenxa benu. 44Niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa sendinibonelela egameni lam, ndingazinanze nganto iindlela zenu ezigwenxa nezenzo zenu zenkohlakalo, ndlu kaSirayeli. Nguwo lowo umlomo weNgangalala iNkosi uNdikhoyo.”

Intshumayelo echasene nomzantsi

45Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 46“Mntundini, bheka emzantsi, wenze intshumayelo echasene nomzantsi namahlathi awo. 47Yithi kwihlathi lomzantsi: Live izwi likaNdikhoyo. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuntumeka ngomlilo oya kutshisa yonke imithi yakho eluhlaza neyomileyo. Akukho uya kulicima idangatye elivuthayo elosuka ligqatse bonke ubuso ngezantsi nangentla elizweni. 48Wonke umntu uya kuqonda ukuba ngumlilo ophenjwe ndim Ndikhoyo, kuba awuyi kucima.”

49Ndithe ke mna: “Yini, Ngangalala Ndikhoyo, baza kuthi: ‘Úyantsonkotha kwakhona!’ ”

UHEZEKILE 20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 62

Ukukholosa ngokukhuselwa nguThixo

Kumbhexeshi-kwayara uJedutun; umhobe kaDavide.

1Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

3Koda kube nini nimhlasela umntu,

ninxanel' igazi lakhe,

noba enjengodonga olukekeleyo,

enqwa nothango oluwayo?

4Nizungula ukumbhukuqa awe;

niqhayisa ngokuxoka.

Ngomlomo niyathamsanqelisa,

ukanti niyaqalekisa ngaphakathi.

5Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ithemba lam.

6Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

7Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.

UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

8Maxa onke thembelani kuye, bantundini,

nizityand' igila kuye;

kaloku uThixo yinqaba yethu.

9Abantu bafana nomphunga.

Umntu yinto engento yanto.

Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;

hayi, kubhetele kwaphepha.

10Musa ukuqamela ngezigalo;

musa ukuthembela ekuphangeni.

Noba bungade bufumbe ubutyebi,

wena musa ukuqamela ngabo.

11Nto zimbini azithethileyo uThixo:

Le yokuba amandla ngawakhe,

12nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.

Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,

umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.

IINDUMISO 62XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-