Bible Society of South Africa

To The Word – Day 190

Ezekiel 1–5, Psalm 60

Itekisi yeBhayibhile

UHEZEKILE 1

UHezekile ubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo

1Ke kaloku ngomhla wesihlanu kwinyanga yesine yonyaka wamashumi amathathu kwathi ndihleli nabanye abathinjwa phezu komlambo oyiKebhare, asuka avuleka amazulu, ndaza ndabona imibono ephathelele kuThixo. 2Ngomhla wesihlanu enyangeni, ngonyaka wesihlanu wokuthinjwa kukakumkani uYoyakin, 3lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuHezekile umbingeleli, unyana kaBhuzi, engasemlanjeni oyiKebhare kwilizwe lamaKaledi. Kanye ngelo xesha ke wonganyelwa ngamandla kaNdikhoyo.

4Ndathi ndakujonga ndabona umbono: Nâso isiphotshongwane sesaqhwithi sivela ngasentla, sitsho ngelifukazi elitshawuza umlilo, lithe wambu ubuqaqawuli. Emlilweni apho kwakudangazela into engathi sisinyithi esitshe sada sabomvu. 5Kwalapho kwakukho isine sezidalwa eziphilayo, ezimilise okomntu. 6Ngasinye kuzo sasinobuso obumacala mane namaphiko amane. 7Imilenze yazo yayithe tswi, iinyawo zifana namanqina ethole. Zazibengezela okobhedu olugudisiweyo. 8Zazinezandla zomntu phantsi kwamaphiko macala omane. Zone izidalwa zazinobuso namaphiko. 9Ayayamene ngamacala amaphiko. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki.

10Babunje ubuso bazo: Ngasinye kuzo sasinobuso bomntu, nobuso bengonyama kwicala lasekunene, nobuso benkabi yenkomo kwicala lasekhohlo, kwanobuso bokhozi. 11Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko ayetwezwe ajonga phezulu. Amaphiko amabini esidalwa ngasinye ayeyamene ngamacala nawezinye izidalwa, kodwa amabini ethe wambu umzimba. 12Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki, sisiya kwelo cala sikhokelelwa kulo nguMoya. 13Ngokwembonakalo ezi zidalwa ziphilayo zazingathi ngamalahle avuthayo okanye izikhanyisi ezidangazelayo. Idangatye lomlilo lalisithi likwesi isidalwa libe likwesiya, kutshawuza nemibane kulo. 14Izidalwa zazisenza amatshe okombane, zithi ziphambili zibe zibuyela emva.

15Ndakuzondela izidalwa eziphilayo ndabona ivili limi emhlabeni ngakwisidalwa ngasinye esinobuso obunxa-ne. 16Yayinje imbonakalo yokwakheka kwamavili: Ayefana ncam, onke eqaqambe okwekrisolite. Ivili ngalinye laba ngathi linqumleze elinye ivili. 17Xa zihamba zazisiya nakwiliphi na icala kumacala omane ezazijonge kuwo izidalwa, amavili engajika-jiki naxa zihambayo izidalwa. 18Iifeleni zamavili zaziphakamile zisoyikeka, zinamehlo ngeenxa zonke.

19Bezisithi zakuhamba izidalwa eziphilayo, nawo amavili emi ngakuzo ahambe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni.

20Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili. 21Bezisithi izidalwa zakusuka, nawo amavili asuke; zithi zakuma bhuxe, nawo eme bhuxe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.

22Phezu kweentloko zezidalwa eziphilayo kwakukho into efana nesibhakabhaka. Yayinkulu, imangalisa, imenyezela okomkhenkce. 23Iseso isidalwa esiphilayo sawatwabulula amaphiko aso phantsi kwesibhakabhaka eso, aza amaphiko amabini ayamana nawezinye izidalwa, amabini asala ethe wambu umzimba. 24Zathi zakushukuma izidalwa, ndasiva isandi samaphiko azo, saba ngathi sisandi samanzi agqumayo, safana nezwi likaSomandla, sanjengengxokozelo yomkhosi. Zakuma zawasonga amaphiko. 25Zathi zimi njalo ziwasongile amaphiko, kwavakala ilizwi, liphuma esibhakabhakeni ngasentla kweentloko zazo.

26Kwakho nto ifana nesihlalo sesafire sokumkani esithe zinzi esibhakabhakeni, kungqendeve kuso into enembonakalo yomntu. 27Ndaphawula ukuba ukusuka esinqeni kunyuke yayibonakala ngathi sisinyithi esitshe sada sabomvu, kanti ukuhla yayibonakala ingumlilo, iyonke irhangqwe kukukhanya okuqaqambileyo. 28Oku kukhanya nqwa nomnyama emafini mhla kunayo. Nguwo lowo ke umbono wobuqaqawuli nobungangamsha bukaNdikhoyo.

Ukuthunywa kukaHezekile

Ndithe tywaa phantsi ngesisu ndakuwubona lo mbono, ndaza ndeva ilizwi lothethayo,

UHEZEKILE 2

1lisithi: “Mntundini, vuka ume ngeenyawo, ukuze ndithethe nawe.” 2Uthe esathetha njalo ndangenwa nguMoya owasuka wandiphakamisa ndema ngeenyawo, ndaza ndamva ebhekisa kum, 3esithi: “Mntundini, ndikuthuma kumaSirayeli, isizwe sabavukeli esindivukeleyo; wona nooyise andivukele kwada kwanamhlanje. 4Aba bantu ndikuthuma kubo bayadelela, banenkani. Yithi kubo: ‘Itsho iNgangala *enguNdikhoyo: ...’ 5Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayadelela. Kambe ke baya kuqonda ukuba kufike *umshumayeli phakathi kwabo. 6Wena ke, mntundini, uze ungaboyiki, neentetho zabo ungazoyiki. Maze ungoyiki naxa uphakathi korhalajana nobobo. Naxa sewuhlala nabanjengoonomadudwane uze ungoyikiswa zizinto abazithethayo nazizigrogriso zabo, kuba basisizwe esinenkani. 7Uze uluxele udaba lwam kubo nokuba bayakuphulaphula okanye abaphulaphuli, kuba kaloku bangabavukeli. 8Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”

9Ndathi ndakujonga ndabona isandla solulelwe ngakum. Sasiphethe incwadi esongwayo, 10saza ke sayicombulula phambi kwam. Macala omabini kwakubhalwe amazwi asisikhalo nesijwili nesingqala.

UHEZEKILE 3

1Wathi: “Mntundini, yitye le nto uyifumeneyo, nditsho le ncwadi isongwayo, wandule uhambe uye kuthetha nendlu kaSirayeli.”

2Ndawuvula ke umlomo, wandinika incwadi esongwayo khon' ukuze ndiyitye. 3Waza wathi kum: “Mntundini, yitye le ncwadi ndikunika yona, uzalise umbilini wakho.” Nam ke ndayitya, yatsho yanencasa njengobusi emlonyeni wam.

4Waza wathi kum: “Mntundini, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe amazwi am kubo. 5Andikuthumi kubantu abantetho ingavakaliyo nabalwimi lunzima ukululandela, kodwa ndikuthuma kwindlu kaSirayeli. 6Ewe, andikuthumi ezintlangeni, zona zintetho ingavakaliyo nezilwimi lungalandelekiyo, ongasuka ungàyiva into eziyithethayo. Ngokwenene ukuba bendikuthume kuzo beziya kukuphulaphula. 7Kodwa indlu kaSirayeli ayivumi kuphulaphula, kuba ayifuni kundimamela. Kaloku yonke indlu kaSirayeli ilukhuni, inenkani. 8Nawe ndiza kukwenza ube nenkani, ube lukhuni njengabo. 9Ewe, ndiza kukwenza ube lukhuni njengelona litye lilukhuni; ube lukhuni ngaphezu kwelitye lenyengane. Musa ukoyika, ungòthuswa zizoyikiso zabo; kaloku bayindlu yabavukeli.”

10Waza wathi kum: “Mntundini, phulaphula kakuhle, uze uwagcine onke amazwi endiwathetha kuwe. 11Hamba ke ngoku, uye kumawenu angabathinjwa, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, yitsho nokuba ayaphulaphula, okanye akaphulaphuli.”

12Wasuka uMoya wandifunqula, ndaza ndeva isandikazi sizongoma emva kwam: “Mabudunyiswe ubungangamsha bukaNdikhoyo ekhayeni lakhe!” 13Isandi sokukhuhlana kwamaphiko ezidalwa eziphilayo, nesandi samavili emi ngakuzo, yaba sisandikazi esizongomayo. 14Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo. 15Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.

Isilumkiso kumaSirayeli

(Hez 33:1-9)

16Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi: 17“Mntundini, ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngako oko ndiphulaphule, uze uwalumkise egameni lam. 18Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho. 19Kambe ukuba uthe wamlumkisa ngenxa yenkohlakalo yakhe, waza akajika kubutshijolo bakhe, úya kufa ngenxa yenkohlakalo yakhe, kodwa wena uya kusinda.

20“Kwakhona ukuba umntu olilungisa uthe waphambuka kubulungisa bakhe, wenza isono, ndaza ndambeka emngciphekweni, uya kufa. Ewe, ukuba akumnqandanga uya kufela isono sakhe, nemisebenzi yakhe yobulungisa ilityalwe. Ke lona ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho. 21Kodwa ukuba uthe wamlumkisa umfo olilungisa ngesono asenzayo, waza wakuva, ngokwenene úya kudla ubomi, nawe ke usinde.”

22Amandla kaNdikhoyo andongamela ndiselapho, waza wathi kum: “Phakama, uhambe uye ethafeni, apho ndiza kuthetha nawe khona.” 23Nam ke ndaphakama, ndaya ethafeni. Babumi apho ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bunjengobuqaqawuli endabubona phezu komlambo iKebhare, ndasuka ndacambalala.

24Wangena kum uMoya, wandimisa ngeenyawo. Wathetha nam wathi: “Hamba uye kuzivalela endlwini yakho. 25Wena, mntundini, baza kukubophelela ngeentsontelo, khon' ukuze ungabi nako ukuya kubo. 26Mna ke ulwimi lwakho ndiya kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ukuze ungakwazi ukuthetha ubakhalimele, kuba bangabantu abangabavukeli. 27Kodwa ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho. Uze ke uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayindlu yabadelelayo.”

UHEZEKILE 4

Umqondiso wokungqingwa kweJerusalem

1Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoku ke, mntundini, thatha isitena, usibeke phambi kwakho, uze uzobe isixeko saseJerusalem kuso. 2Wakugqiba uze usirhangqe ngezinto zokungqinga: yakha isithambeka sithi nca kuso, usijikeleze ngeekampu zamajoni, uze usirhangqe ngezigodo zokudiliza iindonga. 3Wakuba wenjenjalo uzuthathe intsimbi emcaba, uyibeke njengodonga phakathi kwakho nesixeko, ujike ujonge kuyo. Ngaloo ndlela ke uya kuba usingqingile isixeko. Le nto ke iya kuba ngumqondiso kwindlu kaSirayeli.

4“Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala. 5Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.

6“Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka. 7Jika ujonge kwiJerusalem engqingiweyo, ukhomba-khomba oku komshumayeli. 8Mna ndiya kukubophelela ngeentsontelo, ukuze ungabi nako ukuguquka de ziphele iintsuku zokungqinga kwakho.

9“Thatha ingqolowa nerhasi, iimbotyi neelentile, imíleti nespeliti, uzigcine engqayini ukuze wenze ukutya ngazo. Uya kutya oku kutya ngeentsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba ulele ngecala. 10Uze wenze umlinganiselo onganeno nje kwekota yekhilogram yokutya omawukutye ngosuku ngamaxesha amiselweyo. 11Kwakhona uya kwenza umlinganiselo ongaphezulwana kwesiqingatha selitha yamanzi oya kuwasela ngamaxesha amiselweyo. 12Oku kutya kugcade ngomlilo wamalongwe omntu, abantu bejongile, ukutye ngokungathi utya iqebengwana lerhasi.”

13Waza wathi uNdikhoyo: “Baya kwenjenjalo abantu bakwaSirayeli ukudla ukutya okungcolileyo xa bephakathi kweentlanga endiya kubasarhaza phakathi kwazo.”

14Ndathi ke mna: “Makungabi njalo, Ngangalala Ndikhoyo! Mna andizange ndilenze isikizi elinje. Ebutsheni bam kude kube ngoku andizange ndiyitye inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa. Andizange ndayifaka kowam umlomo inyama engàtyiwayo.”

15“Kulungile ke,” utshilo. “Ndiyavuma ukuba isonka sakho usigcade ngomlilo wamalongwe enkomo endaweni yamalongwe omntu.”

16Waza wathi kum: “Mntundini, ndiza kukunqamla ukungena kokutya eJerusalem. Abantu baya kufumana umxhesho wokutya namanzi, bahlale exhaleni nasekumatshekeni. 17Ukutya namanzi aya kunqaba. Baya kukhamnqa xa omnye ejonge omnye; baya kungcungcutheka ngenxa yesono sabo.”

UHEZEKILE 5

UHezekile uzigugula iinwele neendevu

1Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoko ke, mntundini, thatha ikrele elibukhali, ususe ngalo iinwele zakho neendevu zakho ngokungathi liyimela yokugugula. Uze uthathe isikali, wenze imilinganiso ngemilinganiso yeenwele ezo. 2Kuya kuthi zakuphela iintsuku zorhangqo usitshise ngomlilo isithathu seenwele phakathi esixekweni; esinye isithathu ujikeleze naso ngaphandle kwesixeko, uhambe usinqunqa ngekrele; esokugqibela usilahle simke nomoya. Kaloku ndiya kuwaleqa ndiqhiwulé ikrele lam. 3Uze ushiye iinwele ezimbalwa, uzifihle emgobeni wengubo yakho. 4Uze uthathe zibe mbalwa kwezi, uziphose emlilweni zitshe. Umlilo uya kuqala apho, unwenwele kuyo yonke indlu kaSirayeli.”

5Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Le yiJerusalem endiyibeke phakathi kweentlanga, yaza yarhangqwa ngamazwe. 6Kodwa ngenxa yenkohlakalo yayo iyivukele imithetho nemimiselo yam nangaphezu kweentlanga namazwe ayirhangqileyo. Iyibukule imithetho yam, yayityeshela imimiselo yam.

7“Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: ‘Ube nobutshijolo ngaphezu kweentlanga ezikurhangqileyo, waza wayityeshela imimiselo yam, akwayithobela imithetho yam. Uyalabalaba nakumgangatho weentlanga ezikurhangqileyo.’ ”

8Yaqhuba iNgangalala iNkosi uNdikhoyo yathi: “Ke ngoko mna ngokwam ndiyalwa nawe, Jerusalem, ndaye ndiza kukohlwaya iintlanga zijongile. 9Ngenxa yamasikizi owenzileyo, kuwe ndiza kwenza into endingazange ndayenza ngaphambili, endingayi khuphinda ndiyenze nanini na. 10Ewe, kuwe ooyise baya kudla abantwana babo, abantwana badle ooyise. Ndiya kukohlwaya, ndize amasalela ndiwasarhaze emoyeni. 11Mna ngokwam ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, njengokuba ungcolise isibingelelo sam esingcwele ngezithixo zakho ezinezothe nangezenzo zakho ezingamasikizi, ndiza kuzirhoxisa iimfefe zam kuwe; andiyi kuba naluvelwano. 12Isahlulo sesithathu sabantu bakho siya kufa ngubhubhani okanye sitshabalale yindlala phambi kwakho; esinye isithathu siya kubulawa ngekrele ngaphandle kweendonga zesixeko; esokugqibela isithathu ndiya kusisarhaza emoyeni, ndisileqe ndiqhiwulé ikrele lam.

13“Emva koko ke uya kuphela umsindo kum, nokuqumba kuthothe, kuba ndiya kuba ndiziphindezele. Xa ingqumbo yam ndiyikhuphele kubo baya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndiqhutywa likhwele lam.

14“Ndiya kukwenza ube ngophaleleyo nesigculelo seentlanga ophakathi kwazo kwanâbo badlula ngendlela. 15Uya kuba ngumqondiso osisigculelo nentlekisa nesikizi kwabo uhleli phakathi kwabo, xa ndikohlwaya ngomsindo nangengqumbo, ndikukhalimela kabukhali. Mna Ndikhoyo ndithethile. 16Iintolo zam endinitshabalalisa ngazo yindlala. Ewe, ndiya kuyandisa indlala kuni ngokuvala ningakuzuzi ukudla. 17Ndiya kunithumela ngendlala namarhamncwa, nize nisale ningenabantwana. Niya kuba sisisulu sikabhubhani nokuphalala kwegazi, kuba ndiya kulithumela kuni ikrele. Mna Ndikhoyo ndithethile.”

IINDUMISO 60

Ukucela ukuhlangulwa

Kumbhexeshi-kwayara, ingoma yokufundisa. Sisililo sikaDavide ngokuya wayesilwa nama-Aram aseMesopotami, kunye nama-Aram aseZobha, waza uJowabhi wawadudula wabulala amaEdom alishumi elinambini lamawaka kwiNtlambo yeTyuwa. Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyibiba.”

1Awu, Thixo, usilahlile!

Ngoku sitsho soyisakala.

Wena usivelele ngomsindo.

Nceda, khawube nebuyambo.

2Wena uwunyikimisile umhlaba;

wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.

Nceda ungcibe ezo ntanda.

3Abantu bakho ubavise inkxwaleko;

ewe, usitsho sazizinxada-nxada.

4Ubanike intshinga abakuhlonelayo;

ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.

5Nceda ngamandla akho usivelele,

ukuze basinde abo ubathandayo.

6UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,

wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,

ngoloyiso ndiyayihlahlela;

intili yeSukoti yona ndiyibenge.

7IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.

UEfrayim lelona xhadi lam;

uJuda ngumsimbithi wam.

8UMowabhi yintili yam yebhongo;

ke yena uEdom ndiyambanga.

EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”

9Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?

Ngubani onokundisa e-Edom?

10Noko usilahlile, Thixo.

Awusaphumi nemikhosi yethu.

11Sincedise ezintshabeni zethu:

kaloku olomntu uncedo luphuthile.

12Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;

uya kuzinyhasha iintshaba zethu.

IINDUMISO 60XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-