Bible Society of South Africa

To The Word – Day 189

Lamentations 1–5, Psalm 50

Itekisi yeBhayibhile

IZILILO 1

Umvandedwa weJerusalem

1Awu! Kusisizungu kwisixeko

ebesifudula sinenyambalala yabantu,

nqwa nomhlolokazi obesakuba nodumo ezizweni.

Lowo wayeyikumkanikazi yamazwana suka waba likhobokazana ngoku.

2Uyangqukruleka elila ebusuku,

izidlele zakhe zisihla iinyembezi.

Kuzo zonke izithandwa zakhe akukho simthuthuzelayo;

bonke abahlobo bakhe bamngcatshile, suka baziintshaba zakhe.

3UJuda uye ekuthinjweni, weva iinkxwaleko nokusebenza nzima.

Uhleli phakathi kweentlanga; akakufumani ukuphumla.

Bamfumene bonke abamsukelayo, bamxina macala onke.

4Zizilile iindlela ezibheka eZiyon,

kuba akukho mntu uzayo kwimisitho yakhe.

Asebugxwayibeni amasango akhe;

ababingeleli bakhe babandezelekile;

lusizi lodwa kumthinjana,

ke yena usentlungwini ekrakra.

5Ababandezeli bakhe basuke baba ziinkosi zakhe;

iintshaba zakhe azinaxhala.

Ubekwe elusizini *nguNdikhoyo ngenxa yezikreqo zakhe ezininzi.

Abantwana bemkile ezweni labo, bangabathinjwa beentshaba.

6Buphele tu ubungangamsha bentombi enguZiyon.

Iziphathamandla zayo zinjengeenyamakazi ezingenadlelo;

zibuthathaka zinjalo ziyasaba, zibaleka abasukeli.

7Ngemihla yayo yenkxwaleko nokubhadula

iJerusalem iyabukhumbula bonke ubuncwane bayo bamandulo.

Akubangakho mntu wakuyinceda xa abantu bayo babesoyiswa lutshaba.

Iintshaba zayo zayiwa ngeentsini zakubona isiphelo sayo.

8IJerusalem yone kakhulu,

yaza ke ngoko yaba nomlaza.

Bonke ababefudula beyihlonele basuke bayidela,

kuba bebubonile ubuze bayo.

Nayo itsho ngencwina,

ide izifihle ubuso.

9Ukungcola kwayo kunamathele kwizivatho zayo;

ayilikhumbulelanga ikamva layo,

kwaza kwakhwankqisa ukuwa kwayo.

Akubangakho namnye uyithuthuzelayo.

Ithi: “Awu, Ndikhoyo, bona iimbandezelo zam;

kuba kaloku utshaba luyazigwagwisa.”

10Iintshaba zayo zibuphangile boke ubuncwane bayo;

zangena ijongile iintlanga kweyona ndawo ingcwele –

abantu ongabavumelanga, Ndikhoyo, ukuba bangene ebandleni lakho.

11Abantu bayo bonke batsho ngencwina

xeshikweni behamba befuna ukutya;

bancama nempahla yabo yexabiso,

befuna ukudla khon' ukuze bahlaziyeke.

Ithi: “Awu, Ndikhoyo, khangela ubone,

kuba ndingodeliweyo.”

12Asilutho na kuni, nonke nina nidlula ngendlela?

Khangelani nibone:

ikho na intlungu enjengeyam andihlabanisele ngayo uNdikhoyo,

intlungu andihlisele yona ngemini yokuvutha komsindo wakhe?

13Wathoba umlilo ophuma phezulu,

watsho waya kufikelela ezantsi emathanjeni.

Uzithiyele ngomgibe iinyawo zam,

ndatsho ndabuya umva.

Wandenza ndanesizungu,

ndatyhafa imini yonke.

14Izikreqo zam zibhijelene;

ziyidyokhwe isandla sikaNdikhoyo esindibophe ngayo,

zihleli zinzi entanyeni yam.

INkosi iwaqobile amandla am;

indinikezele esandleni sâbo ndingenakumelana nabo.

15INkosi izibukule zonke izithwala-ndwe zam;

ihlanganise umkhosi ukuze ucumze umlisela wakowethu.

INkosi iyinyhashe esixovululweni intombi enguJuda.

16Kungoko ndisenza isimbonono,

amehlo am ephalala iinyembezi.

Akukho bani ukufuphi kum ukundithuthuzela;

akukho mntu uhlaziya umoya wam.

Abantwana bam baphalele

kuba utshaba loyisile.

17IZiyon iyazolula izandla zayo,

kodwa ayinamthuthuzeli.

UNdikhoyo wawenza umyalelo ngoYakobi wokuba abamelwane bakhe babe ziintshaba zakhe;

kubo iJerusalem yinto enezothe.

18Ulilungisa uNdikhoyo,

kodwa ndiphikisene nomlomo wakhe.

Phulaphulani, nonke nina zizwe,

niyibone intlupheko endikuyo.

Umlisela nomthinjana wakowethu usekuthinjweni.

19Ndakhala kwizithandwa zam,

kodwa zandikhohlisa.

Ababingeleli bam, namadoda amakhulu, âtshabalala esixekweni

efuna ukudla ukuze ahlaziyeke.

20Khangela, Ndikhoyo, ndibandezeleke kakhulu;

amathumbu am ayaxuxuzela.

Intliziyo yam ikhathazekile,

kuba ndisuke ndangenwa luvukelo.

Phandle phaya ikrele liyabhubhisa,

ngaphakathi kukufa kodwa.

21Ivakele incwina yam,

kodwa akakho ondithuthuzelayo.

Zonke iintshaba zam zivile ngobubi obundihleleyo;

ziyagcoloda yinto ondenze yona.

Ibinga ingade ifike imini owawuyixelile,

ukuze nazo zifane nam.

22Khawuyibone yonke inkohlakalo yazo,

nazo uziphathe ngale ndlela undiphethe ngayo

ngenxa yazo zonke izikreqo zam.

Ndincwina ndincwinile;

umxhelo wam uwile.

IZILILO 2

UNdikhoyo wohlwaya iJerusalem

1Awu! Lisibekele kwintombi

enguZiyon ngenxa yomsindo weNkosi.

Isiphose phantsi isihombo sikaSirayeli,

sasuka ezulwini, sakhahleleka emhlabeni;

ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo

ngomhla womsindo wayo.

2INkosi iziginye zonke izindlu zikaYakobi ingenanceba;

emsindweni wayo izidilizile iinqaba zentombi enguJuda.

Ubukumkani neziphathamandla ubukhahlele emhlabeni wabuhlazisa.

3Ekuvutheni komsindo wayo imnqumle iimpondo uSirayeli.

Isirhoxisile isandla sayo sokunene kwakuvela utshaba.

Injengomlilo ovuthayo phakathi kwaYakobi,

otshisa konke phambi kwawo.

4Isityede okotshaba isaphetha sayo;

isandla sayo sokunene sesilungele ukutola oku kombandezeli.

Izibulele zonke iinzwana neenzwakazi;

umsindo wayo iwuthulule okomlilo phezu kwentente yentombi enguZiyon.

5INkosi isuke yafana notshaba;

imginyile uSirayeli.

Iwabimbilizile onke amabhotwe akhe,

yazidiliza iinqaba zakhe.

Ikuphinda-phindile ukuzila nokulila kwintombi enguJuda.

6Iyichitha-chithile indlu yayo ngokungathi liphempe esitiyeni,

yaza yayitshabalalisa indawo yayo yokuhlangana.

*UNdikhoyo wenza ukuba iZiyon iyilibale imisitho

ngokunjalo *neMihla yokuPhumla;

ngenxa yokuvutha komsindo wakhe umbukule ukumkani kwanombingeleli.

7*UNdikhoyo ulilahlile iqonga lakhe lamadini,

wasicekisa isibingelelo sakhe esisodwa.

Iindonga ezikhusela amabhotwe akhe uzinikezele esandleni seentshaba;

ziyaxokozela endlwini kaNdikhoyo njengangomhla womsitho.

8UNdikhoyo wagqiba ekudilizeni iindonga ezirhangqe intombi enguZiyon;

wawolula umtya wokulinganisa,

waza akasibamba isandla sakhe ekutshabalaliseni.

Kwaba sisijwili kwiinqaba neendonga;

zadilika zasuka zanyamalala.

9Amasango ayo asuke azika emhlabeni;

uyaphule wayikroboza imivalo yawo.

Ukumkani neziphathamandla zayo bakwelasemzini phakathi kweentlanga;

umthetho awusafundiswa;

*abashumayeli bayo abasafumani mibono ivela kuNdikhoyo.

10Amadoda amakhulu entombi enguZiyon athe bhaxa emhlabeni ethe cwaka.

Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqa ezirhwexayo ezila;

umthinjana waseJerusalem uqubude wawa ngobuso emhlabeni.

11Amehlo am akaboni ziinyembezi;

amathumbu am ayaxuxuzela;

ndiphelelwe sisibindi,

ngenxa yokubhuqwa kwabantu bakowethu,

kuba abantwana neentsana baphelelwe ngamandla ezitalatweni zesixeko.

12Babuza koonina bathi:

“Siphi na isonka nesiselo?”

xa besiwa isiduli ezitalatweni zesixeko, njengamadoda awoselweyo,

xa beyoba besezandleni zoonina.

13Ndingathetha ndithini na kuwe?

Ndingakuthelekisa nantoni, ntombindini Jerusalem?

Ndingakufanisa nantoni, khon' ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini Ziyon?

Inxeba lakho linzulu okolwandle.

Ngubani ongakunyangayo?

14Imibono yabashumayeli bakho yayingamampunge nenkohliso;

abalutyhilanga ukreqo lwakho ukuze kunqandwe ukuthinjwa kwakho.

Izihlabo abazibhekise kuwe zazibubuxoki obulahlekisayo.

15Bonke abadlula kuwe bakuqhwabela izandla;

bayaphoxisa, banikina iintloko,

bekhangele kwintombi enguJerusalem,

besithi: “Ngaba esi sesiya sixeko bekufudula kusithiwa yinzwakazi egqibeleleyo, yimihlali yehlabathi liphela?”

16Uza kuba ngundaba-mlonyeni kwiintshaba zakho zonke,

ziphoxise, zikunyevulele,

zisithi: “Simginyile khona!

Kunini silulindile olu suku!

Salufumana, sada salubona.”

17UNdikhoyo wenze ngokwezicwangciso zakhe;

lizalisekile ilizwi lakhe awalixela kwakudala.

Ukubhukuqe engenanceba,

wenza ukuba iintshaba zakho zibe nemihlali;

ewe, uluphakamisile uphondo lwababandezeli bakho.

18Abantu bakhala eNkosini, besithi:

“Nina zindonga zeZiyon, iinyembezi maziqukuqele okomfula imini nobusuku;

musani ukuphumla, namehlo enu ningawaphumzi.

19Vukani nihlahlambe ebusuku ekungeneni komlindo wobusuku;

intliziyo yenu mayiphuphume okwamanzi phambi kweNkosi.

Ziphakamiseleni kuyo izandla zenu, ngenxa yobomi babantwana benu

abayobayo ngenxa yephango ekungeneni kwazo zonke izitalato.”

20Khangela, Ndikhoyo, ubone;

ngoobani owakha wabenjenje?

Ingaba abafazi mabadle inzala yabo na,

abantwana ababampelesayo?

Ingaba umbingeleli nomshumayeli uthi mababulawe bafele esibingelelweni seNkosi na?

21Eluthulini lwezitalato kulele umfana nexhego;

umlisela nomthinjana wakowethu ufe ngekrele.

Babulewe nguwe ngomhla wengqumbo yakho,

ubaxabela ungenalusini tu!

22Kwanjengaxa umemela emsithweni wenjenjalo ukufunza kum esikhumbeni;

lunxunguphalo macala onke.

Akukho namnye owabhungcayo wasinda ngomhla wengqumbo kaNdikhoyo;

utshaba lwam lwabatshabalalisa abo bendibampelesa ndibondla.

IZILILO 3

Isohlwayo nethemba

1Mna ndiyindoda eyivileyo imbandezelo

ngenxa yentonga yomsindo wakhe.

2Undibhexeshile wandenza ndahamba ebumnyameni endaweni yokukhanya.

3Ewe, isandla sakhe sindijikele saphindelela imini yonke.

4Unditsho ndashwabana ulusu nenyama;

uwaphule amathambo am.

5Undingqingile wandirhangqa ngeenzingo nentlupheko.

6Undenze ndahlala ebumnyameni, ndangathi ngabo bafa mandulo.

7Undibiyele macala onke ukuze ndingabi nakuphuma;

undikhonxe ngamakhamandela obhedu andisindayo.

8Naxa ndikhala ndicela uncedo,

uyawuthintela umthandazo wam.

9Umgaqo wam uwuvale ngamatye aqingqiweyo;

iindlela zam uzenze zaba goso-goso.

10Njengebhere elaleleyo, nanjengengonyama ezifihlileyo,

11undikhuphe emendweni wandiqwenga,

wandishiya apho ndingxwelerhekile.

12Wasityeda isaphetha sakhe,

wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.

13Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.

14Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,

bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.

15Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,

wandiseza ndahlutha umhlonyane.

16Amazinyo am uwaphule ngegrabile,

wandinyhasha eluthulini.

17Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,

ndawalibala amathuba enkqubela.

18Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lam

nako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”

19Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –

umhlonyane nenyongo.

20Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,

waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.

21Konke oku ndiya kukugcina entliziyweni yam;

ngoko ke ndohlala ndinethemba.

22Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,

kuba inceba yakhe ayinasiphelo.

23Zihlala zintsha imihla ngemihla;

kukhulu ukuthembeka kwakhe.

24Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;

ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

25UNdikhoyo ulungile kwabo bathembele ngaye,

kwabo bamfunayo.

26Kulungile ukuthi cwaka,

uthembe usindiso oluvela kuNdikhoyo.

27Kulungile ukuba umntu ayithwale kwasebutsheni bakhe idyokhwe.

28Makahlale yedwa athi cwaka,

kuba uyithwaliswe nguNdikhoyo.

29Makaguqe, ubuso buthi nqo eluthulini –

lisenokubakho ithemba.

30Makanikele isidlele sakhe kulowo unga angambetha,

akwamkele ukuhlaziswa, anele kuko.

31Kaloku iNkosi ayimlahli ngonaphakade umntu wayo.

32Nakuba eyizisa intlungu ubuya abe nemfesane.

Kaloku lungako uthando lwakhe olungazange lwaphela.

33Asingomnqweno wakhe ukuthumela imbandezelo okanye inkxwaleko koonyana babantu.

34Ukuwacumza ngonyawo onke amabanjwa emhlabeni,

35nokugqwetha ityala lomntu emehlweni kaPhezukonke,

36nokungayilamli ngobulungisa imbambano yomntu –

ingaba iNkosi ayiziboni ezi zinto?

37Ngubani onokuthetha kwenzeke xa iNkosi ingamyalelanga?

38Azizi ngokutsho kukaPhezukonke na izinto ezimbi nezilungileyo?

39Kungani na ukuba umntu abe nezikhalazo lo gama esaphila,

xa esohlwaywa ngenxa yezono zakhe?

40Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,

size sibuyele kuNdikhoyo.

41Iintliziyo zethu kunye nezandla zethu

masiziphakamisele kuThixo ezulwini, sithi:

42“Sikreqile, sakuvukela,

waza wena akwasixolela.”

43Wena wambethe umsindo wasisukela,

wasibulala ungenanceba.

44Uzigqubuthele ngelifu

ukuze kungabikho mthandazo ufikelelayo kuwe.

45Usenze inkunkuma nomququ phakathi kwezizwe.

46Zonke iintshaba zethu ziphoxisa ngathi.

47Siyangcungcutheka phakathi kwemihadi imbhubho nentshabalalo.

48Amehlo am agxiza iinyembezi

kuba abantu bakowethu bayatshabalala.

49Iinyembezi ziyaqukuqela ukuphuma emehlweni am,

zaye aziyi kuyeka, zingayi kunqamka,

50de uNdikhoyo akhangele esezulwini abone.

51Endikubonayo kuwenza buhlungu umphefumlo wam

ngenxa yeentombi zonke zesixeko sakowethu.

52Abo baziintshaba zam ngaphandle kwesizathu

bandizingela njalo oku kwentaka.

53Bazama ukundibulala ngokundeyelisela emhadini,

baza bandigibisela ngamatye.

54Andigubungela amanzi,

ndada ndathi: “Kuphelile okwam!”

55Ewe, Ndikhoyo, ndilibizile igama lakho ndisezantsi emhadini.

56Undivile ndikubongoza ndisithi:

“Musa ukuyivingca indlebe yakho xa ndibhenela kuwe ndicela uncedo.”

57Usondele ndakukubiza,

wathi: “Musa ukoyika.”

58Ewe, Nkosi, undilamlele,

wabuhlangula ubomi bam.

59Ndikhoyo, uyibonile ingcinezelo ebendikuyo;

nceda undilamlele kwityala lam.

60Uyibonile indlela abaziphindezela ngayo kum,

nawo onke amayelenqe abo ngam.

61Kwowu, Ndikhoyo, uzivile izinyeliso zabo

nawo onke amayelenqe abo ngam.

62Iintetho neengcamango zabo zichasene nam imihla yonke.

63Bakhangele: behleli, behamba, benza amagwijo ngam.

64Ndikhoyo, babuyekeze ngokufanelekileyo ngokwezenzo zezandla zabo.

65Ziqaqadekise iintliziyo zabo, size sibe phezu kwabo isiqalekiso sakho.

66Basukele usemsindweni,

ubatshabalalise baphele phantsi kwezulu likaNdikhoyo.

IZILILO 4

Ukungcungcutheka kweJerusalem

1Awu! Igolide ilahlekene nobukhazikhazi;

suka eyona-yona yagqola!

Amatye exabiso angcwele athe saa ekungeneni kwesitalato ngasinye.

2Umlisela oliqhayiya laseZiyon,

obufudula ixabiso lawo nqwa negolide,

kodwa ngoku nqwa neembiza zomdongwe

ezingumsebenzi wezandla zombumbi.

3Neempungutye ziyancancisa, ziwondle amathole azo,

kodwa abantu bam bangqwabalala njengenciniba yasentlango.

4Iintsana zinxanwe lwada ulwimi lwee nca enkalakahleni.

Abantwana bakhalela isonka, kodwa akukho mntu ubaphayo.

5Ababefudula besitya izimuncu-muncu ngoku bazula-zula ezitalatweni behlwempuzekile.

Ababekhula benxiba ezimbeje-mbeje namhla bagqusha eluthuthwini.

6Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,

yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.

7Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,

zimhlophe kunobisi,

imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,

zinomkhitha okwesafire.

8Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;

azaziwa xa zihamba esitalatweni.

Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;

lome okweenkuni.

9Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;

bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.

10Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,

baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.

11*UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;

uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.

Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.

12Iikumkani zehlabathi zazingakholwa,

nditsho nkqu abemi bonke belimiweyo,

ukuba iintshaba nababandezeli bangaze bangene emasangweni eJerusalem.

13Kodwa ke kwenzekile oko ngenxa yezono zabashumayeli bayo,

nezikreqo zababingeleli bayo,

abaliphalaze kuyo igazi lamalungisa.

14Ngoku baphampatha ezitalatweni okwabantu abaziimfama.

Igazi libadyobhe kangangokuba akukho mntu unga angazichukumisa izambatho zabo.

15“Mkani; *nigqwalisekile!” batsho abantu kubo.

“Sukani; sukani; ningakhe nilinge ukusondela kuthi!”

Bakuba bebhacele ezintlangeni

zona ziya kuthi ngabo: “Abanakuhlala apha.”

16Ubachitha-chithe ngokwakhe uNdikhoyo;

uyekile ukubalondoloza.

Abasahlonelwa ababingeleli;

akasajongelwe nto amadoda amakhulu.

17Amehlo ethu ade amfiliba kukujonga uncedo olungekhoyo;

simi bhuxe kwiimboniselo zethu,

sijonge uhlanga olungenako ukuhlangula.

18Sichwechwelwa ngamadoda asizingelayo

ngokokude singabi nakuhamba ezitalatweni zethu.

Sisondele isiphelo sethu;

ifinciwe imihla yethu;

ewe, sifikile isiphelo sethu.

19Ababesisukele babenesantya ngaphezu kwesokhozi;

basileqa ezintabeni, basilalela entlango.

20Umthanjiswa kaNdikhoyo, obubomi nomphefumlo wethu, wabanjiswa emigibeni yabo.

Thina besiba xa siphantsi kwesithunzi sakhe

soba ngabantu phakathi kwezizwe.

21Yiba nemihlali uvuye, ntombi enguEdom,

wena ohlala elizweni laseUze.

Phofu nawe uza kuyirhabula le ndebe;

uya kunxila uzihlube uhambe ze.

22Wena ntombindini enguZiyon,

siza kufikelela esiphelweni isohlwayo sakho;

akuyi kolulwa ukuthinjwa kwakho.

Kodwa, ntombindini enguEdom, úya kukohlwaya ngesikreqo sakho,

ayityhile inkohlakalo yakho.

IZILILO 5

Umthandazo wokucela inceba

1*Ndikhoyo, yikhumbule into eyenzekileyo kuthi;

jonga ukubone ukuhlaziswa kwethu.

2Ilifa lethu linikwe abasemzini,

izindlu zethu zanikwa abangeneleli.

3Saba ziinkedama ezingenayise,

basuka oomama bafana nabahlolokazi.

4Siwathenga ngemali amanzi okusela,

ngokunjalo neenkuni siyazihlawulela.

5Abasitshutshisayo basibambe ngobhongwana;

sidiniwe kodwa asikuzuzi ukuphumla.

6Solulela izandla kwiJiputa kwaneAsiriya,

khon' ukuze sihluthe sisonka.

7Kone oobawo, kodwa abasekho;

ngoku thina sithwele iziphumo zezikreqo zabo.

8Silawulwa zizicaka;

akukho namnye onokusihlangula ezandleni zazo.

9Ukutya sikuzuza ngokubeka ubomi bethu esichengeni

ngenxa yekrele elisentlango.

10Ulusu lwethu lutshisa okweziko

ngenxa yefiva ebangwa yindlala.

11Abafazi badlwengulwe eZiyon,

ngokunjalo iintombi ezidolophini zakwaJuda.

12Iziphathamandla zixhonywe ngezandla zazo;

akahlonelwa amadoda amakhulu.

13Amadodana abila esoma ngamatye okusila;

abafana basindeka phantsi kweenyanda zeenkuni.

14Amadoda amakhulu akasekho emasangweni esixeko;

abafana bayiyekile ingoma.

15Iintliziyo zethu azinamihlali;

sizilile endaweni yokuxhentsa.

16Isithsaba siwile ezintlokweni zethu.

Athi ke thina, sonile!

17Ngenxa yoko zitsho zatyhafa iintliziyo zethu;

ngenxa yezo zinto abona mfiliba amehlo ethu.

18Kaloku intaba yeZiyon yinkangala;

seyisisikhundla seempungutye.

19Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;

ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana.

20Kungani ukuba usoloko usilibala?

Kungani ukuba usilahle ithuba elingaka?

21Sibuyisele kuwe, Ndikhoyo, ukuze nathi siguquke;

sihlaziye njengakwimihla yamandulo.

22Ngaba usilahle kwaphela na,

wasiqumbela ngokukhulukazi?

IINDUMISO 50

Unqulo olululo

Umhobe ka-Asafu.

1*UNdikhoyo, uThixo uSomandla, uyathetha;

ubhekisa kwihlabathi jikelele,

ukususela empumalanga kuye entshonalanga.

2UThixo ubengezela eZiyon,

isixeko esibalaseleyo ngobuhle.

3Uyeza uThixo wethu;

yena akayi kuthi tu.

Phambi kwakhe kudangazela umlilo;

uphahlwe sisitshu sesivungu-vungu.

4Umema amazulu kwanehlabathi,

xa aza kugweba abantu bakhe.

5Uthi: “Bahlanganiseleni kum abam abathembekileyo,

abanqophisene nam ngombingelelo.”

6Amazulu ngokwawo abalisa ngobulungisa bukaThixo;

kaloku umgwebi ikwanguye ngokwakhe.

7“Khaniphulaphule, bantu bam, ndithethe;

ndiyakumangalela, Sirayeli.

Mna Thixo ndinguThixo wakho.

8Andiyigxeki imibingelelo yakho;

amadini akho atshiswayo asoloko ephambi kwam.

9Kambe azisamkeleki iinkunzi zakho zeenkomo;

ngokunjalo neebhokhwe zemihlambi yakho.

10Kaloku zezam zonke izilwanyana

neenyamakazi ezikumawaka-waka eenduli.

11Xa zizonke iintaka ndiyazazi;

nezinambuzane zamathafa zezam.

12“Xa bendingalambayo, bendingayi kukubikela.

Kaloku lelam ihlabathi nezinto zalo.

13Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?

Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?

14Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,

uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.

15Zibike kum xa usengxakini;

mna ndiya kukuhlangula, ke wena undidumise.”

16Kambe ke kwabo bakhohlakeleyo uThixo uthi:

“Ngani ukuba niyicengceleze imithetho yam,

nincokole ngomnqophiso wam?

17Kaloku niyayenyanya ingqeqesho;

aniyithobeli nemiyalelo yam.

18Nakudibana nesela, nihlobana nalo;

abakrexezi niyevana nabo.

19“Usoloko uthetha kakubi;

uqhelene nentlebendwane.

20Uncokola kakubi ngamawethu;

uhleba nomntakanyoko lo.

21Ndinibukele nizenza ezi zinto,

andathetha nada nacinga ukuba nam ndifana nani.

Kodwa ke ngoku ndiyakhalima;

ndilaneka phambi kwenu ityala.

22“Phulaphulani, nina bangandikhathalelanga,

hleze ndiniqwenge, angabikho nonqandayo.

23Obingelela ngokubulela uyandidumisa;

uzilungiselela ukusindiswa nguThixo.”

IINDUMISO 50XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-