Bible Society of South Africa

To The Word – Day 186

Jeremiah 43–48, Psalm 56

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 43

UJeremiya usiwa eJiputa

1Akugqiba uJeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke *kaNdikhoyo uThixo wabo awamthuma wona uNdikhoyo kubo, 2uAzariya unyana kaHoshaya ekunye noYohanan kaKareya, kunye nawo onke amanye amadoda anekratshi, bathi kuJeremiya: “Uyaxoka! UNdikhoyo uThixo wethu akazange akuthume kuthi ukuba uthi: ‘Ze ningayi kuya kuhlala eJiputa.’ 3NguBharuki unyana kaNeriya lo ukuhlohle lo moya mbi, efuna ukuba sinikezelwe esandleni samaKaledi, aze asibulale, okanye asenze abathinjwa kwelaseBhabheli.”

4Ke ngoko uYohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho kunye nabantu bonke bala ukumthobela uNdikhoyo ngokuthi bahlale kwelakwaJuda. 5Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo, 6ingamadoda nabafazi nabantwana kwakunye neentombi zokumkani, bonke abaya bantu babeshiywe nguNebhuzaradan umphathi wabalindi bakomkhulu elugcinweni lukaGedaliya unyana ka-Ahikam umzukulwana kaShafan. Wayelapho nomshumayeli uJeremiya, ekunye noBharuki unyana kaNeriya. 7Bonke baya kuma eJiputa, besala ukumthobela uNdikhoyo, baya kutsho eTapanesi.

UJeremiya ushumayeza amasalela akwaJuda eJiputa

8Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo eseTapanesi, lisithi: 9“Thatha amatye amakhulu, uwombele, uwadibanise ngodaka emgangathweni wezitena osesangweni lakomkhulu eTapanesi. Oku kufuneka ukwenze emehlweni amaJuda. 10Uze ke uthi kuwo: ‘Utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: Ndiza kubiza isicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, aze afike asimise isihlalo sakhe phezu kwalo mgangatho wamatye uwombeleyo, awagqume ngesigqubuthelo sakhe sobukumkani. 11Uza kuyibetha iJiputa, abulale abo bamelwe kukufa, athimbe abo bafanelwe kukuthinjwa, abatyakatye ngekrele abo bamelwe kukufa ngekrele. 12Izindlu zoothixo bamaJiputa uza kuzintumeka ngomlilo, atshise izindlu zoothixo balapho, amaJiputa awase ekuthinjweni. Wowuphendla umhlaba waseJiputa, aphume apho exolile, njengomalusi ephendla iintwala engubeni yakhe. 13Uya kuzintlekeza iintsika zaseBhete-shemeshe eJiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseJiputa.’ ”

UJEREMIYA 43XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 44

Ilizwi likaNdikhoyo kumaJuda emi eJiputa

1Lavakala ilizwi kuJeremiya, libhekiswa kuwo amaJuda akwelaseJiputa emi kwimimandla yaseMigidoli, eTapanesi, eNofu, nasezweni lasePatrosi, lisithi: 2“Utsho *uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Niyibonile intlekele endayihlisela iJerusalem kunye needolophu zakwaJuda ziphela. Kunamhlanje-nje zingamabhodlo angahlalwa bani. 3Yonke loo nto yehla ngenxa yenkohlakalo abayenzileyo. Bandixhokonxa ndade ndanomsindo ngokunqula thixo bambi abangabaziyo, bebenzela iziqhumiso. Nini ke kunye nooyihlo abo benjenjalo. 4Ndaphindelela ukunithumela bonke abakhonzi bam abashumayeli, ukuze banibongoze bathi: “Musani ukulenza isikizi endilicekisa kakhulu!” 5Koko abazange bahoye, àbafuna kuphulaphula. Bala ukwahlukana nemikhwa yabo emibi nokuyeka ukwenzela izithixo iziqhumiso. 6Suka ke mna ndayiphalaza ingqumbo yam nomsindo wam phezu kweedolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, zaba ngalaa mabhodlo oyikekayo zingawo namhla oku.’

7“Utsho ke ngoko uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Kutheni nizizisele esi sihelegu kwaJuda sokutshabalalisa amadoda, abafazi, nabantwana, neemveku, kungasali nampunde? 8Nantso into eza kunihlela nindixhokonxa nje ngokwenzela izithixo iziqhumiso kweli laseJiputa eningabangeneleli kulo. Niza kuzitshabalalisa nina ziqu, nibe sisiqalekiso nesigculelo sezizwe ehlabathini. 9Ngaba seniyilibele na inkohlakalo yooyihlo, neyookumkani bakwaJuda, nabafazi babo, neyenu kunye nabafazi benu, enayenzayo ngokuya nanisezidolophini zakwaJuda naseJerusalem? 10Unanamhla oku anikabonakalisi kuzisola nokundihlonela. Anikawuthobeli umthetho nommiselo endawunika nina kunye nooyihlo-mkhulu.’

11“Utsho ke ngoko uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Niyabona, ndizimisele ukunihlisela ishwangusha, ndiwatshabalalise onke amaJuda. 12Ndiza kuwasusa la masalela akwaJuda azimisele ukuphambukela eJiputa. Aza kutshabalala apho kuloo Jiputa. Amanye aza kufa ngekrele, amanye yindlala, nditsho omncinci nomkhulu ngokufanayo. Aza kuba sisiqalekiso, nesothuso, nezigculelo, nesingcikivo. 13AmaJuda aseJiputa ndiza kuwohlwaya ngesohlwayo esifana nesabaseJerusalem: indlala, ikrele, nobhubhani. 14Akuyi kubakho usindayo noya kusala kula masalela akwaJuda aphambukele kwelaseJiputa enethemba lokuba obuyela kwelakwaJuda esaphila. Inene, akukho uya kubuya konke, ngaphandle kwembinana eya kuphuncula.’ ”

Idini loKumkanikazi weZulu

15Emva koko onke amadoda awayesazi ukuba abafazi bawo benzela izithixo iziqhumiso nehlokondiba labafazi elalilapho nababehlala eJiputa nasePatrosi bathi kuJeremiya: 16“Asiyi kuwuphulaphula lo myalelo wakho owuthethe egameni *likaNdikhoyo. 17Thina siza kuthi rhoqo ukuzalisa amadinga ethu, senzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, simphe neminikelo ethululwayo njengoko sasikade sisenza thina nookhokho bethu nookumkani neziphathamandla zethu sisahlala kwiidolophu zakwaJuda naseJerusalem. Ngoko sasidla ngokuba nokutya kakhulu, sisanela, kungazange kwabakho shwangusha lakha lasithi cha. 18Kodwa oko sathi sahlukana nokwenzela uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, sayeka nokumpha iziselo, sathiwa nca yindlala, sada sagqibela ngokufa ngekrele naliphango.”

19Baqokela bathi abafazi: “Ngokuya sasidla ngokwenza amaqebengwana anomfanekiso woKumkanikazi weZulu, uba amadoda ethu ayengayazi loo nto? Ayesazi naxa simenzela iminikelo ethululwayo.”

20Wenjenje uJeremiya akuphendulwa ngolu hlobo ngamadoda nabafazi nangabantu bonke: 21“Xa ooyihlo-mkhulu nookumkani neziphathamandla zenu, kunye nomndilili wabantu, babethe rhoqo ukwenza iziqhumiso ezidolophini zakwaJuda naseJerusalem, akazange na uNdikhoyo ayikhumbule loo nto, ayigcine entliziyweni yakhe? 22UNdikhoyo akabanga nako tu ukukunyamezela ukungcola kwezenzo zenu kunye namasikizi eniwenzileyo. Andithi kanene ilizwe lenu laba ngumqwebedu nento eyoyikekayo esisiqalekiso kangangokuba kungahlali bani kulo unanamhla oku? 23Nahlelwa leli shwangusha likhoyo namhlanje ngenxa yokuba nenzela izithixo iziqhumiso, namona uNdikhoyo ngokungamthobeli nokungahambi ngokwemithetho nemimiselo nemigaqo yakhe.”

24Uqokele wathi uJeremiya kubo bonke abantu nâbo bafazi: “Nina maJuda ahlala eJiputa, nali ilizwi likaNdikhoyo. 25Utsho kuni uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Nina nabafazi benu nithetha into niyenze. Nithi niza kuthi rhoqo nizalise amadinga enu, nenzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso neminikelo ethululwayo. Qhubani ke niwafezekise loo madinga enu! 26Kodwa ke, nonke nina bantu bakwaJuda abemi apha eJiputa, wuveni umlomo kaNdikhoyo; uthi: Niyabona, ndifunga igama lam elidumileyo, ndithi: Inene, aliyi kuba sabizwa igama lam nangubani na wakwaJuda naphi na apha kwelaseJiputa, esithi: “Ikho nje iNkosi uNdikhoyo!” 27Niyabona, ndithe qwa, ndizimisele ukunizisela ububi, hayi ubuhle. Yaye onke amadoda akwaJuda alapha eJiputa aza kufa ngekrele nayindlala, ade atshabalale onke. 28Ewe, baya kuba mbalwa abasindayo bangafi ngekrele eJiputa, baze babuyele ezweni lakwaJuda. Baya kwandula ke ukuqonda abantu abaseleyo kwabo babeze kuma apha eJiputa ukuba ngaba lelikabani na ilizwi elingayi kuwa phantsi, lelam nokuba lelabo.’

29“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Umqondiso endininika wona nguwo lo: Ndiza kunohlwaya apha kule ndawo, ukuze niqonde ukuba aza kwenzeka amazwi endiwathethileyo kuni ndisithi ndonizisela ububi.’ 30Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukumkani uHofra waseJiputa ndiza kumnikela esandleni seentshaba zakhe ezizungula ubomi bakhe, kanye njengoko ndenjenjalo kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, xa ndamnikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, utshaba olwaluzungula ubomi bakhe.’ ”

UJEREMIYA 44XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 45

Ilizwi likaNdikhoyo kuBharuki

1La ngamazwi *omshumayeli uJeremiya awawabhekisa kuBharuki unyana kaNeriya ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda, xa uJeremiya wayewabizela uBharuki amazwi akhe, yena ewabhala encwadini. Athi: 2“Utsho *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokubhekisele kuwe Bharuki, ukuthi: 3Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’

4“Utsho ke uNdikhoyo kuwe, Bharuki, ukuthi: ‘Oko ndikwakhileyo ndobuya ndikudilize, ndibuye ndikuncothule noko ndikutyalileyo. Kuya kuba njalo ke emhlabeni wonke. 5Wena uzifunela izinto ezinkulu; ziyeke, ungabi sazifuna, kuba mna ndiza kubahlisela ishwangusha bonke abantu.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo, yena othi: ‘Nokuba kwenzeka ntoni apho uya khona, akuyi kulahlekelwa bubomi bakho.’ ”

UJEREMIYA 45XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 46

Udaba malunga neJiputa

1Nanga amazwi *kaNdikhoyo awawabhekisa kwiintlanga ngomshumayeli uJeremiya.

2Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:

3“Bophani amakhaka amancini namakhulu,

nisinge edabini.

4Bophani amahashe, nitsho phezulu.

Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko.

Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.

5Nibona ntoni ngoku?

Bayankwantya; nâbo behlehla.

Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva.

Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.

6Nonamendu akanakuphuncula; negorha alinakusinda.

Bafadalele phaya emantla; bawile ngakumlambokazi iEfrati.

7Ngubani lo uvumbuluka ngathi yiNayile,

ngathi ngamanzi emilambo adlokovayo?

8Tyhini, yiJiputa le ivumbulukayo ngathi yiNayile!

Yiyo engathi ngamanzi emilambo adlokovayo.

Ithi: ‘Ndiya kuvumbuluka,

ndiwuthi gqume umhlaba,

ndikhukhulise izixeko nabemi bazo.’

9Iwuu, maqela amahashe!

Phuthumani, madod' akhwel' iinqwelo; phambili, magorhandini!

Nditsho nina, maKushe namaPuti, nina baphethe amakhaka;

nani, maLudi, nina bafohlele iintolo!

10Lo ngumhla kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke.

Ngumhla wokuziphindezela kwiintshaba zakhe lo.

Liza kudla lihluthe ikrele,

lisele lide lidikwe ligazi.

Ewe kaloku, iNkosi uNdikhoyo onamandla onke

wenzelwa idini kwelasentla ngakumlambo iEfrati.

11“Ntombindini iyiJiputa, yiya eGiliyadi,

uye kufuna khona amayeza okubopha.

Kudala uwafuna amachiza;

alikho eliya kuwanyanga loo manxeba unawo.

12Ihlazo lakho livakele ezizweni;

ukukhala kwakho kuligqibile ihlabathi.

Igorha likhubeka kwelinye;

omabini awa ndawonye.”

13Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:

14“Bikelani iJiputa,

nivakalise eMigidoli,

nixele eNofu naseTapanesi.

Yithini:

‘Lungela imfazwe uxhobe,

kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’

15Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?

Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.

16Kukhubeka abaninzi;

ewe, omnye uwa phezu komnye,

baze bathi: ‘Masiphakame,

siye kowethu kwelokuzalwa,

simke kwikrele eligwazayo.’

17Apho baya kuvakala besithi:

‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;

uliphosile ithuba lakhe.’

18“Ndikho nje ndiyafunga,”

nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.

Uthi: “Ukho ozayo,

enjengeTabhore phakathi kweentaba,

enjengeKarmele engaselwandle.

19Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu,

nina bemi baseJiputa,

kuba kaloku iNofu iza kudilizwa,

ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.

20“IJiputa lithokazi elihle kakhulu;

kodwa isibawu esivela ngasentla inene siyeza!

21Amajoni angabaqeshwa aseJiputa

afana neenkunzana ezityebileyo,

suka nawo ajika abaleka,

akwema nalinye.

Afikelwe yimini yentlekele,

ixesha lokohlwaywa kwawo.

22IJiputa ifutha oku kwenyoka erhubuluzayo,

kuba utshaba olunamandla alufikanga lugalelekile!

Luya kunifikela ngamazembe okwamadoda agawula imithi.

23Luya kuligeca liphele elo hlathi lakho lishinyeneyo.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

“Akamaninzi – yinyambalala engenakubalwa oku kweenkumbi.

24Intombi enguJiputa ihlazekile;

inikelwe esandleni sesizwe esivela ngasentla.”

25UNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthethile wathi: “Ndiza kumohlwaya *uthixo waseNo uAmoni, kunye namaJiputa noothixo bawo, namatshawe, nokumkani waseJiputa, nabo bonke abathembele kuye. 26Ndiza kubanikezela esandleni salowo uzungula ubomi babo, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli namaphakathi akhe. Phofu eli lizwe laseJiputa lobuya limiwe njengakwimihla yamandulo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

USirayeli uza kusindiswa

27“Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi;

ungaxhalabi, wena Sirayeli.

Uyabona, ndiya kukuhlangula,

ndikuphuthume kuloo ndawo ikude

apho ungumthinjwa khona,

wena nenzala yakho,

abuye uYakobi azole,

onwabe,

angoyikiswa mntu.

28Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi.”

Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

“Kaloku mna ndinawe.

Ndiza kuziphanzisa zonke iintlanga endikuchitha-chithele kuzo,

kodwa andiyi kukuphanzisa wena.

Nawe phofu uya kohlwaywa;

ndiza kukuqeqesha,

phofu ndingabi ngqongqo kuwe.”

UJEREMIYA 46XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 47

Udaba malunga neFilistiya

1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiya ngaphambi kokuba ukumkani waseJiputa ahlasele iGaza; 2lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentla

atsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlaba

nako konke okukuwo,

izixeko nabemi bazo.

Abantu baya kukhala,

batsho ngesijwili bonke abemi balapha.

3Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,

nokugoqoza kweenqwelo,

nokuxokozela kwamavili,

ooyise babashiye enyanyeni abantwana,

kuba izandla zabo ziwile.

4Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,

nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.

Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiya

elisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.

5IGaza iza kucheba izile,

iAshkelon yona ikhwankqiswe.

Masalelandini asemathafeni,

koda kube nini na nizicenta nimbambazela?

6“ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,

wopheza nini na?

Rhoxa ubuyele esingxotyeni,

uphumle uzole.’

7Kambe ke lingathini ukuphumla

uNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelon

nakumathafa angaselwandle?

Uthe maliye kutyakatya apho.”

UJEREMIYA 47XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 48

Udaba malunga noMowabhi

1Malunga noMowabhi *uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthi:

“Kunyembelekile!

INebho ibhukuqiwe!

Yona iKiriyatayim ihlazekile, ithinjiwe;

inqaba idiliziwe yahlazeka.

2Luphele nya udumo lwakwaMowabhi.

EHeshbhon baceba ububi ngoMowabhi,

bathi: ‘Yizani simphanzise, angabi saba luhlanga.’

Nawe Mademena, uza kucinyw' igama;

ikrele liza kukusukela.

3Yivani, naso isililo sivela eHoronayim:

‘Lubhukuqo nogonyamelo!’

4UMowabhi ubhukuqiwe!

Iimveku zakhe zivakala zikhala.

5Amadoda anyuka induli yaseLuhiti ehamba elila engaphezi.

Endleleni ehlayo eya eHoronayim ayambambazela;

atsho ngesimbonono ngenxa yobhukuqo lukaMowabhi.

6Balekani nizisindise, oku kweqwarha lasentlango.

7Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa,

aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe,

yena kunye nababingeleli namagosa akhe.

8Umtshabalalisi uza kuzifikela zonke iidolophu,

kungasindi nanye.

Intili yoba ngumqwebedu,

ithafa lona lonakaliswe,

njengoko watshoyo uNdikhoyo.

9Lumkisani uMowabhi,

nithi uza kudilizwa.

Makasabe uMowabhi;

makaphume abaleke.

Iidolophu zakhe ziza kuba ngamabhodlo,

kungabikho mntu uhlala kuzo.

10“Uqalekisiwe owenza ngobuvila umsebenzi awuphathiswe nguNdikhoyo.

Uqalekisiwe lowo unqenayo ukuphalaza igazi ngekrele lakhe.

11“Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile;

ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi.

Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi,

naye akazange asiwe ekuthinjweni.

Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo,

nevumba lakhe alizange liguquke.”

12Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:

“Kuza imihla apho ndiya kuthumela iinjoli eziya kumthulula.

Ziya kuziqwela iibhekile, zizaphule iingqayi.

13UMowabhi uza kuhlazeka ngenxa kaKemoshe

kanye njengoSirayeli owahlazeka ngenxa yokuthembela kwiBhetele.

14“Ningatsho njani ukuthi: ‘Singamagorha;

sizizigantsontso zokulwa’?

15Ufikile umtshabalalisi wakwaMowabhi;

uza kuzibhukuqa iidolophu zakhe,

awubhubhise edabini owona mlisela mhle womkhosi wakhe,”

utsho uKumkani ogama linguNdikhoyo, uThixo onamandla onke.

16“Intlekele imfikele uMowabhi;

ishwangusha limgubungele ngephanyazo.

17Yibani novelwano nguye, nina bamngqongileyo;

nina bangqina udumo lwegama lakhe,

yithini: ‘Yehaa, yaphukile ingwanyalala yomsimelelo;

waphukile umsimbithi wodumo!’

18“Yihlani ewongeni, nina bemi baseDibhon,

nihlale phantsi kwelibharhileyo.

Unifikele umtshabalalisi weMowabhi,

wazidiliza iinqaba zenu.

19Yimani ngasendleleni, nina bemi baseArure, nikhangele.

Buzani kwindoda esabileyo nakumfazi osindileyo, nithi: ‘Ingaba kwenzekeni na?’

20UMowabhi uhlazekile kuba ubhukuqiwe.

Yenzani isijwili nikhale,

nazise abahlala ngaseArnon,

nithi: ‘UMowabhi ubhuqiwe.’

21Yithini isigwebo sifikile kuloo mathafa:

eHoloni, eJaza, naseMefati;

22eDibhon, eNebho, naseBhete-diblatayim;

23eKiriyatayim, eBhete-gamuli, naseBhete-mewon;

24eKeriyoti naseBhozera,

nakuzo zonke iidolophu zakwaMowabhi,

ezikude nezikufuphi.

25Waphulw' iimpondo uMowabhi;

amandla akhe aphanzisiwe.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

26“Mtshoni ayobe uMowabhi, kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo;

makazityikile emhlanzweni wakhe, abe sisigculelo.

27Kanene uSirayeli wayengesosigculelo senu na?

Wakha wabanjwa namasela na uSirayeli

sele nihlunguzela iintloko nje xa nithetha ngaye?

28Phumani ezidolophini zenu, nina bemi bakwaMowabhi,

niye kuhlala ezingxondorheni,

nixele ivukuthu elakhela indlwana phezulu emlonyeni womqolomba.”

29Sivile ngokukratsha kukaMowabhi.

Asilokratshi, kukuzidla nokuzingca;

ngenene, kukuzigwagwisa

nokuziqenya nokukhukhumala kwentliziyo!

30Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:

“Ndiyakwazi ukuzidla kukaMowabhi, kodwa kungamampunge;

ukuzigwagwisa kwakhe kulilize.

31Ndiza kwenza isimbonono ngenxa kaMowabhi,

ndikhale ngenxa kaMowabhi ephela,

kuncwinwe ngenxa yamadoda aseKiriheresi.

32Wena mdiliya waseSibhema,

ndiza kukulilela ngaphezu kokulilela iYazere.

Amasebe akho anabe aya kutsho elwandle,

ada afikelela kulwandle lwaseYazere.

Umtshabalalisi uzifikele iidiliya zakho neziqhamo zakho zasehlotyeni.

33Uvuyo nolonwabo lumkile kumasimi nezitiya zeziqhamo zakwaMowabi,

newayini ndiyinqamle esixovulelweni.

Akusavakali nantswahla yabaxovuli;

naxa kukho intswahla asiyontswahla yamivuyo.

34“Isijwili saseHeshbhon sivakele nase-Elale;

siye kufikelela eYahazi.

Loo ntsholo inabele eZoware;

iye kutsho eHoronayim nase-Egelati-shelishiya;

kuba kaloku namanzi eNimrim sele atsha qoko.

35Ndiza kumnqumla kwaMowabhi osondeza amadini ezindaweni eziphakamileyo,

nalowo uqhumisela oothixo bakhe.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

36“Yiyo loo nto nditsho ngesililo ngathi ngumrhubhe wengcongolo,

ndililela iMowabhi, nditsho amadoda aseKiriheresi.

Buphelile ubutyebi bawo ababebuqwebile.

37Intloko nganye ichetyiwe,

ngokunjalo neendevu zisusiwe;

isandla ngasinye sicentiwe,

esinqeni ngasinye kwabhinqwa irhonya.

38Emaphahleni ezindlu zonke zakwaMowabhi

nasezindaweni zembutho

kusisijwili nje sodwa,

kuba uMowabhi ndimkrobozile

oku kwengqayi engafunwa bani.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

39“Hayi ukuhlazeka kwakhe;

hayi ukubhombholoza kwabo!

Hayi ukunikela kukaMowabhi ikhosi ngenxa yeentloni.

Usuke waba sisigculelo nesothuso kwabo bamngqongileyo uMowabhi.”

40Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Khangela ukhozi luyandanda,

lutweze amaphiko phezu koMowabhi.

41Iidolophu ziza kuthinjwa,

iinqaba zakhona zihluthwe.

Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi

iya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.

42UMowabhi uza kuphanziswa angabi saba sisizwe,

kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo.

43Ufikelwe kukunkwantya nomhadi nomgibe, wena mmi waseMowabhi.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

44“Obaleka ngenxa yokunkwantya weyela emhadini;

ophuma emhadini, ubanjiswa ngumgibe.

Konke oko ndiza kukuhlisela uMowabhi ngonyaka wokumohlwaya kwam.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

45“Iimbacu zema emathunzini eHeshbhon zityhafile,

kuba kusuke kwaqhambuka umlilo kuloo Heshbhon.

Kulenya amadangatye kwaSihon;

atshisa ibunzi labakwaMowabhi,

nokhakayi lwabaqhankqalazi abenza ingxolo.

46Yehaa kuwe, Mowabhi!

Batshabalele abantu bakaKemoshe,

kuba umlisela nomthinjana wakho usiwe ekuthinjweni.

47“Kambe ke, kwimihla ezayo ndombuyisela kundalashe uMowabi,

adle ngendebe endala.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Siyaphela apha isigwebo sesizwe sakwaMowabhi.

UJEREMIYA 48XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56

Ukuthembela kuThixo

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekubanjweni kwakhe ngamaFilistiya eGati. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ihobe lamahlathi akude.”

1Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;

maxa onke ziyanditshutshisa.

2Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;

yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.

3Ndakuxineka ndikholosa ngawe.

4UThixo olizwi ndilidumisayo

ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

5Iintshaba zam ziyaphixanisa;

zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.

6Ziphum' izithuba, ziyandilalela;

zithene mbende nam.

Kaloku ziyandizungula.

7Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;

ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.

8Uyakubona ukubhadula kwam,

neenyembezi zam uyazibona.

Kaloku uyazibhala ezi zinto.

9Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.

Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.

10UThixo olizwi ndilidumisayo,

*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,

11ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

12Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,

ndenze umbingelelo wokukubulela;

13kuba undihlangule ekufeni,

undisindise ekoyisweni,

ukuze ndibe phambi koThixo,

ndidle ubomi njalo-njalo.

IINDUMISO 56XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-