Bible Society of South Africa

To The Word – Day 182

Jeremiah 23–27, Proverbs 23

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 23

Ukumkani olilungisa

1“Mawoo kubo abelusi abatshabalalisa imihlambi yedlelo lam!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 2Utsho ke ngoko uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli kwabo belusi ukuthi: “Ngenxa yokuba imihlambi yam niyichithe nayithi saa, anayikhathalela, ndiza kunohlwaya ngenxa yobubi enibenzileyo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 3“Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande. 4Abantu bam ndiza kubanika abelusi abaza kubalondoloza. Abayi kube babe naxhala nalunxunguphalo, kungayi kube sabakho bani ulahlekayo kwakhona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

5“Iyeza imihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “yokuba uDavide ndimvelisele kumnombo wakhe ihlumelo elililungisa: ukumkani oya kuphatha ngobulumko, enze okulungileyo nobulungisa kulo mhlaba. 6Ngemihla yakhe baya kuhlala bengabasindileyo abantu bakwaJuda, nakwaSirayeli bahlale bekhuselekile. Igama aya kubizwa ngalo lelithi: ‘UNdikhoyo ububulungisa bethu.’ ”

7Ngoko ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, kuza imihla apho abantu bangayi kubuya bathi xa befunga: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’ 8Ngaloo mihla baya kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula inzala yamaSirayeli kwilizwe langasentla nakuwo onke amazwe awabachitha-chitha kuwo, ukuze ahlale kwelakowawo ilizwe.’ ”

Abashumayeli abakhohlisayo

9Nalu udaba malunga *nabashumayeli:

Intliziyo yam ikhathazekile;

amathambo am anengevane.

Ngenxa *kaNdikhoyo namazwi akhe angcwele

ndifana nomntu onxilileyo oyotywe butywala.

10Lizele ngabantu abakrexezayo ilizwe,

libharhile ilizwe ngenxa yesiqalekiso sikaNdikhoyo,

amadlelo asentlango axwebile.

Bahamba iindlela ezigwenxa;

bangamagorha okwenza okungalunganga.

11“Kwa-abashumayeli nababingeleli abamhloneli uThixo;

nasendlwini yam ndibhaqa amanyundululu.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12“Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi,

balahleke bawe emnyameni.

Ndiza kubahlisela ishwangusha

ngethuba lokohlwaywa kwabo.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13“Kubashumayeli baseSamariya ndibone into emanyumnyezi:

ndibone beshumayela ngoBhali,

belahlekisa abantu bam amaSirayeli.

14Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi;

bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka.

Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi,

kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe.

Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom;

abemi balapho bafana nabaseGomora.

15Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyo

ngokusingisele kubashumayeli baseJerusalem:

“Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo,

ndibaseze amanzi anetyhefu,

kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”

16Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:

“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;

banithembisa ilize.

Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,

benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.

17Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’

Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”

18Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo?

Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe?

Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?

19Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,

nditsho isaqhwithi esoyikekayo

esivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.

20Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.

Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.

21Abathunywanga ndim aba bashumayeli,

kodwa noko basuke bagijima.

Zange ndithethe nabo,

kodwa bona basuke bashumayela.

22Ukuba bebekho kwigqugula lam ngebewavakalisa amazwi am endiwabhekisa ebantwini bam.

Ngebebajikile kwiindlela zabo ezimbi

nakwizenzo zabo ezikhohlakeleyo.

23“NdinguThixo wakufuphi na?”

utsho umlomo kaNdikhoyo,

“ndingabi nguThixo wakude na?

24Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25“Ndiyivile into ethethwa ngâbo bashumayeli bashumayela ubuxoki egameni lam. Bathi: ‘Ndiphuphe iphupha! Ndiphuphe iphupha!’ 26Koda kube nini na iqhubeka le nto eyenziwa ngabashumayeli abashumayela ubuxoki, bevakalisa inkohliso yeengcinga zabo? 27Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali. 28Umshumayeli ongumchazi-maphupha makatsho ukuba uchaza nje iphupha, kodwa lowo ushumayela evakalisa amazwi am makenjenjalo ngentembeko. Ufunani umququ engqoloweni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 29“Alinjengomlilo na ilizwi lam, lingenjengehamile na eyaphula ilitye lenyengane?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30Nguwo lo ke umlomo kaNdikhoyo: “Ndibachasile abo bashumayeli abeba omnye komnye amazwi angathi ngawam. 31Ndibachasile kwanabo bashumayeli bashumayela ngobabo ubuciko, suka bathi: ‘Utsho uNdikhoyo.’ ” 32Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Umthwalo kaNdikhoyo

33“Xa aba bantu bekubuzayo, nokuba *ngumshumayeli nokuba ngumbingeleli, besithi: ‘Udaba olundilisekileyo *lukaNdikhoyo luthini?’ uze uthi: ‘Ungumthwalo wena kuNdikhoyo; ibe uza kukothula.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 34“Xa kukho umntu, nokuba ngumshumayeli, nokuba ngumbingeleli, othi xa ethetha: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’ loo mntu uya kohlwaywa kunye nentsapho yakhe.

35“Nisoloko nibuza kubahlobo nakwizizalwane nisithi: ‘Impendulo kaNdikhoyo ithini? Uthini uNdikhoyo?’ 36Kambe maningabi sawasebenzisa amazwi athi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ kuba ilizwi lomntu ngamnye losuka libe ludaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo kuye, abe ewagqwetha amazwi kaThixo onguThixo wethu ophilayo, uNdikhoyo uSomandla-onke. 37Nibuza kubashumayeli nisithi: ‘Itheni impendulo kaNdikhoyo? Utheni uNdikhoyo?’ 38Ukuba nithi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ ndibe mna bendithe ze ningabi sawathetha amazwi athi: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’ 39ngako oko, niyabona, ndiza kunithatha ndiniphose kude lee kunye neso sixeko senu ndasinika ookhokho benu. 40Ndonihlisela ihlazo elingenasiphelo nokuphoxeka okungasokuze kulibaleke.”

UJEREMIYA 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 24

Iingobozi ezimbini zamakhiwane

1*UNdikhoyo wandibonisa iingobozi ezimbini zamakhiwane zibekwe ngaphambi kwendlu kaNdikhoyo. Le nto yehla emveni kokuba ukumkani uJekoniya unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla, namagcisa, nabasebenzi bentsimbi bakwaJuda, bathinjwayo ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ebasusa eJerusalem, ebasa eBhabheli. 2Enye ingobozi yayinamakhiwane amahle kunene, la avuthwa kuqala; enye inamakhiwane amabi kakhulu, angenakutyiwa.

3*UNdikhoyo wathi kum: “Jeremiya, ubona ntoni na?”

Mna ndithe: “Ndibona amakhiwane. Amahle mahle gqitha; amabi mabi mpela – zizinto ezingenako nokutyiwa oku.”

4Livakele lisithi ke kum ilizwi likaNdikhoyo: 5“Utsho ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Abathinjwa bakwaJuda endabasusa kweli lizwe ndabasa kwelamaKaledi ndibafanisa nala makhiwane mahle. 6Ndiya kuhlala ndibabonelela, ndibabuyisele kwalapha. Ndiya kubakha, ndingabachithi; ndiya kubamilisela, ndingabancothuli. 7Ndobafaka intliziyo endiqondayo, bazi ukuba uNdikhoyo ndim. Baya kwandula ke ukuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, kuba kaloku bobuyela kum ngomxhelo wabo wonke.

8“Kodwa yena ukumkani wakwaJuda uZedekiya neziphathamandla zakhe, namasalela eJerusalem, nokuba alapha okanye aseJiputa, bona ndibafanisa nala makhiwane mabi, angenako nokutyiwa oku.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 9“Ndiya kubatsho babe nomdintsi nezothe kulo lonke ilizwe. Baya kuba zizinto ezisisingcikivo, ezilihlazo nentlekisa, babe sisiqalekiso naphi na apho ndibachitha-chithela khona. 10Ndiza kubahlisela ikrele nendlala nobhubhani, bade baphele nya kweli lizwe ndalinika bona nooyise-mkhulu.”

UJEREMIYA 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 25

Amashumi asixhenxe eminyaka yokuthinjwa

1Kunyaka wesine ukumkani uJoyakim, unyana kaJosiya, elawula kwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, limayela nabantu bakwaJuda xa bebonke. Lo yayingunyaka wokuqala uNebhukadenezare elawula eBhabheli. 2UJeremiya wathetha nabantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem xa bebonke, wenjenje: 3“Kwiminyaka engamashumi mabini anantathu ukuza kuthi ga ngoku, kususela kunyaka weshumi linantathu elawula ukumkani uJosiya unyana ka-Amon, ilizwi likaNdikhoyo lalisoloko lifika kum, ndibe nam ndiphindelela ukubhekisa kuni. Koko nina nisuke anahoya nto kwaphela. 4Naxa ephindelela uNdikhoyo ukunithumela zonke izicaka zakhe ezingabashumayeli, nisuke nina aneva, analibekela indlebe ilizwi lakhe. 5Abo bashumayeli babesithi: ‘Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nakwizenzo zakhe ezimdaka, khon' ukuze niwuhlale ngonaphakade kanaphakade lo mhlaba wanikwa nina nooyihlo-mkhulu nguNdikhoyo.’ 6Babesithi: ‘Ze ningalandeli thixo bambi, nibakhonze, niqubude kubo. Ze ningamcaphukisi uNdikhoyo ngezithixo enizenze ngezenu izandla, ukuze anganihliseli intlekele.’ 7Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uthi: ‘Nina anindiphulaphulanga, suka nandicaphukisa ngoothixo enibenze ngezandla zenu, naza nazibizela ububi.’

8“Ngoko ke, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Niyabona, ngenxa yokuba ningafunanga kundiva, 9ndinibizela izizwe zonke zangasentla, kunye nesicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndibathumela kweli lizwe nabemi balo nazo zonke iintlanga ezilingqongileyo. Ndiza kunitshabalalisa kuphele tu, ndinenze nibe ngumbono ombi, into enezothe, kube linxuwa kuni ngonaphakade.’

10“Ndoyiphelisa loo ntswahla yemigcobo nemincili yabo, lingabi savakala izwi lomyeni nelomtshakazi. Sophela isandi selitye lokuguba, izibane zabo zicime. 11Liya kutsho libe yinkangala ngamanxuwa lonke ilizwe, zize ezi zizwe zibe zizicaka zokumkani waseBhabheli iminyaka engamashumi asixhenxe.

12“Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade. 13Elo lizwe ndolihlisela zonke izinto endazithethayo – nditsho zonke ezibhaliweyo kuyo le ncwadi, ezo bezishunyayelwa nguJeremiya ngeentlanga zonke. 14Kwa-amaBhabheli oba ngamakhoboka ezizwe ezininzi neekumkani ezinamandla. Ndiza kuwabuyekeza ngokwezenzo zawo nemisebenzi yawo.”

Izel' ibhekile yingqumbo kaThixo

15*UNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, watsho kum ukuthi: “Ina, thatha le bhekile izele yiwayini eyingqumbo yam, uyiseze zonke iintlanga endiya kukuthuma kuzo. 16Zakuyisela ziya kutsho zididizele, ziphambane ngenxa yekrele endiza kuzihlisela lona.”

17Ndayithatha ke loo ndebe esandleni sikaNdikhoyo, ndayiseza zonke iintlanga awayendithume kuzo. 18Ndayisa eJerusalem nakuzo zonke iidolophu zakwaJuda, neekumkani neziphathamandla zazo, basela, yatsho yayinkangala, into eyoyikekayo, intlekisa nesiqalekiso, njengoko isenjalo nanamhla.

19Abathe basela kuloo bhekile ngaba: Ukumkani waseJiputa kunye namagosa akhe neziphathamandla, nabo bonke abantu baseJiputa, 20kwakunye nabangeneleli; bonke ookumkani belaseUzi, nabo bonke ookumkani bezixeko zamaFilistiya: iAshkelon, iGaza, iEkron, namasalela aseAshdodi; 21bonke abantu base-Edom, eMowabhi, naseAmon, bayisela; 22ookumkani baseTire naseSidon bonke; ookumkani bamazwana angaphesheya kolwandle nabo bayisela, 23kunye nezixeko zaseDedan, eTema, naseBhuze, nabantu abacheba iinwele ezintlafunweni basela; 24ookumkani bama-Arabhu, nookumkani bezizwe ezingumxube zasentlango; 25nookumkani baseZimri nase-Elam naseMediya, 26nabo bonke ookumkani basemantla, abakude nabakufuphi ngokulandelelana. Zonke izizwe eziphezu komhlaba zimelwe kukusela kuloo bhekile yengqumbo kaThixo. Ekugqibeleni ke iya kuba ngukumkani waseSheshaki oya kusela.

27“Baxelele ke abantu uthi: ‘UNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: Selani ninxile nide nihlanze, niwe ningavuki ngenxa yekrele endinizisela lona.’ 28Xa besala ukuyithatha basele loo bhekile isezandleni zakho, uze uthi: ‘Kutsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: Selani! Nakanjani na, selani! 29Niyabona, ndiza kuqala apha kanye kwesi sixeko sibizwa ngegama lam, ndisihlisele intlekele. Niba nina niya kubhunca? Aningekhe ningohlwaywa, kuba ndibazisela ikrele bonke abemi behlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.’

30“Wena ke, bashumayeze ubaxelele olu daba, uthi:

“ ‘UNdikhoyo uyazongoma esibhakabhakeni;

izwi lakhe lihlokoma ekhayeni lakhe elilodwa.

Ugragramela umhlaba wakhe ngamandla;

utsho ngentswahla okwabaxovula iidiliya,

ebhekisa kubemi behlabathi xa lilonke.

31Intlokoma yovakala naseziphelweni zehlabathi,

kub' uNdikhoyo wob' esisa izizwe ematyaleni,

lugwetywe lonke uluntu,

amatshijolo awanikele kwikrele.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

32Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:

‘Yehl' intlekele!

Isuka kwesi sizwe, iye kwesiya,

oku kwenkanyamba evela kumaphethelo elizwe.’ ”

33Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.

34Yitshoni ngesimbonono, nina belusi,

niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi.

Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu;

niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.

35Ophela amahlathi kuni, belusi;

nani, zikhwakhwamela zomhlambi, anisayi kuphuncuka.

36Bayambomboloza abelusi;

ziyangquleka izikhwakhwamela zomhlambi;

kuba kaloku uNdikhoyo ulibharhisile idlelo.

37Zitsho zangumqwebedu neentili eziluhlaza,

ngenxa yengqumbo erhwaqelisayo kaNdikhoyo.

38Wofulathela axel' ingonyama ishiy' isikhundla,

kube yintshabalalo ezweni labo,

ngenxa yoburhalarhume bomsindo wakhe,

nangenxa yengqumbo erhwaqelisayo.

UJEREMIYA 25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 26

Izisongelo kuJeremiya ngenxa yentshumayelo yakhe

1Ndafikelwa lilizwi livela *kuNdikhoyo, esaqala ukulawula uJoyakim, ukumkani wakwaJuda, unyana kaJosiya, lisithi: 2“Utsho uNdikhoyo ukuthi: Yiya phaya eyadini yendlu kaNdikhoyo, ufike uthethe nabo bonke abantu beedolophu zakwaJuda abeze kunqulela endlwini kaNdikhoyo, ubaxelele konke endakuyalela kona, ungashiyi nento le. 3Mhlawumbi bangeva aba bantu, elowo aguquke ayiyeke imikhwa yakhe emibi. Nam ke ndorhoxa ekubahliseleni intlekele njengoko besendigqibe ukwenjenjalo ngenxa yezenzo zabo ezimdaka.

4“Yithi kubo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukuba nineenkani, naza anawuthobela umyalelo endinimisele wona, 5ningawahoyi namazwi ezicaka zam abashumayeli endiphindelele ukubathumela kuni naxa beningaphulaphuli kakade, 6le ndlu ndoyenza ifane neShilo, nesi sixeko sitsho sibe yinto ekuqalekiswa ngayo phakathi kwezizwe zehlabathi.’ ”

7Ababingeleli, nabashumayeli, kwakunye nabantu xa bebonke, bamva uJeremiya ewathetha la mazwi endlwini kaNdikhoyo. 8Uthe nje akugqiba ukuthetha yonke loo nto kwakuthiwe aze ayithethe nguNdikhoyo, ababingeleli nabashumayeli, bekunye nabantu bonke, bamthi hlasi, bathi: “Uza kufa wena! 9Kutheni ukuba ushumayele ngegama likaNdikhoyo uthi le ndlu iza kufana neShilo, esi sixeko sitshabalale sibe yinkangala ngamanxuwa, singahlalwa mntu?” Bamvingcela kuloo ndlu kaNdikhoyo uJeremiya bonke abantu.

10Zithe ezi ndaba zakufika kwiziphathamandla zakwaJuda, zatsho zagxalathelana ukusuka ebhotwe, zisiya endlwini kaNdikhoyo, zafika zaya kutsho ezihlalweni zazo ngakwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo. 11Ababingeleli nabashumayeli babhekisa kwiziphathamandla nabo bonke abantu, besithi: “Lo mntu ufanelwe kukugwetyelwa ukufa; niyive ngokwenu into ayishumayele ngesi sixeko!”

12UJeremiya ubhekise kwiziphathamandla nakubantu bonke, wenjenje: “NguNdikhoyo ondithume ukuba ndishumayele ezi zinto benindiva ndizithetha ngale ndlu nesi sixeko. 13Ngoko yahlukanani nale mikhwa mibi yenu nezenzo zenu ezimdaka, nimthobele uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwandula ke uNdikhoyo ukusirhoxisa isigqibo sokunihlisela intlekele. 14Mna okokwam ndisezandleni zenu; yenzani loo nto nibona ifanele ukwenziwa. 15Kambe ke nize nazi kakuhle ukuba xa nindibulala noba netyala lokuphalaza igazi elimsulwa, nikunye nesi sixeko nabemi baso, kuba mna ngenene ndithunywe nguNdikhoyo ukuba ndize kuwathetha kuni la mazwi niwevileyo.”

16Iziphathamandla zikunye nabantu bonke, zathi kubabingeleli nabashumayeli: “Lo mntu akasifanelanga isigwebo sokufa! Uthetha nathi egameni likaNdikhoyo uThixo wethu.”

17Kwavela amadoda amakhulu elo zwe, abhekisa kuloo ntlanganiso, athi: 18“Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda kwabakho umfo waseMoreshete, owayenguMika igama, owathetha nabantu bonke bakwaJuda esithi: ‘Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:

“ ‘Iya kuphethulwa ixel' intsim' ilinywa iZiyon,

yona iJerusalem ibe yimfumba yamabhodlo,

intaba yendlu kaThixo yona ibe ziinduli ezinamahlathi.’

19“Ingaba uMika wabulawa na ngukumkani uHezekiya kunye nabantu bakwaJuda? Akazange na uHezekiya amoyike uNdikhoyo azicelele isisa kuye? Akazange na yena uNdikhoyo ayirhoxise intlekele abeselegqibe ukubahlisela yona? Thina sisemngciphekweni wokuzihlisela ishwangusha!”

( 20Kukwakho nomnye umfo owayengu-Uriya unyana kaShemaya waseKiriyati-yarim owayeshumayela naye egameni likaNdikhoyo, ethetha kwale nto ithethwe nguJeremiya ngesi sixeko neli lizwe. 21Ukumkani uJoyakim kunye namagorha akhe neziphathamandla zonke wafuna ukumbulala akuliva udaba lwakhe. Wathi akuyiva loo nto u-Uriya, wasabela eJiputa. 22Ukumkani uJoyakim wamthumela eJiputa apho uElinatan unyana ka-Akebhore, eneqela lamadoda, ukuba aye kumlanda u-Uriya. 23Babuye naye eJiputa, bamsa kukumkani Joyakim, owathi u-Uriya makaxatyelwe ngekrele, umzimba wakhe uye kulahlwa apho kungcwatyelwa khona abantu abaphantsi.)

24Kwavela uAhikam unyana kaShafan, waxhasa uJeremiya, akabi sanikezelwa ke eluntwini ukuba abulawe.

UJEREMIYA 26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 27

UJeremiya uthwala idyokhwe

1Esaqala ukulawula uZedekiya, unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, lisithi: 2“Utshilo uNdikhoyo kum ukuthi: Zenzele iidyokhwe ezinezitrophu, enye uyithwale entanyeni, 3ezinye uzithumele kookumkani base-Edom, eMowabhi, eAmon, eTire, naseSidon, uzithumela ngezi zigidimi zize apha eJerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaJuda. 4Ziyalele ukuba zixelele iinkosi zazo zithi: Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: 5‘Lenziwe ndim ngamandla am amakhulu nengalo yam eyomeleleyo ihlabathi, nabantu abakulo, nezilwanyana ezikulo; ndaye ndilinika nabani na endifuna ukumnika lona. 6Ke ngoko onke amazwe enikuwo ndiza kuwanikezela esandleni sikaNebhukadenezare, isicaka sam, ongukumkani waseBhabheli. Nditsho nezilwanyana ezi zasendle ziza kuba zezakhe. 7Zonke izizwe ziza kuba phantsi kwakhe, nonyana wakhe, nomzukulwana wakhe, lide lifike ixesha lokuwa kwelo lizwe lakhe. Emva koko ke kuya kufika izizwe ngezizwe, zinookumkani bazo abanamagama, zimoyise.

8“ ‘Xa kuthe kwabakho isizwe okanye ulawulo esingafuni ukuzithoba phantsi kukaNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, nditsho esingavumiyo ukuyithwala entanyeni idyokhwe yakhe, eso sizwe ndosohlwaya ngekrele, nendlala, nangobhubhani, side sinikezelwe ngokupheleleyo esandleni sikaNebhukadenezare.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 9‘Ngoko ke musani ukubaphulaphula abashumayeli benu, noosiyazi benu, nabalawuli-maphupha benu, namatola enu, nezanuse zenu, abathi kuni: “Anisoze naba zizicaka zikakumkani waseBhabheli.” 10Banishumayeza ubuxoki abo; bona baya kunibangela ukuba nikhutshelwe kude kumhlaba wenu. Ndonichitha-chitha nitshabalale. 11Kanti sona isizwe esimthobelayo ukumkani waseBhabheli, sifake intamo edyokhweni yakhe, simthobele, sona ndosiyeka emhlabeni waso: sohlala kuwo, siwulime.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12NakuZedekiya ukumkani wakwaJuda, ndithethe kwaloo nto inye. Ndithe: “Mthobeleni ukumkani waseBhabheli, niyithwale idyokhwe yakhe, nimkhonze yena nabantu bakhe, khon' ukuze niphile. 13Ngani ukuba nizibulalise ngekrele, nendlala, nobhubhani, zinto ezo eziya kuthunyelwa nguNdikhoyo kwisizwe esingafuni ukuthobela ukumkani waseBhabheli? 14Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Anisokuze nibe phantsi kolawulo lukakumkani waseBhabheli,’ kuba bashumayela ubuxoki bodwa xa batshoyo. 15Abathunywanga ndim abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bathetha ubuxoki egameni lam. Ngoko ke ndonigxotha, nitshabalale kunye nâbo bashumayeli banishumayeze ubuxoki.”

16Ke ndithe kubabingeleli nakubantu bonke: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Iimpahla zendlu kaNdikhoyo ziza kubuya kwakamsinyane eBhabheli.’ Banishumayeza ubuxoki. 17Ze ningabaphulaphuli. Ze nithobele ukumkani waseBhabheli xa nifuna ukuphila. Ngani ukuba esi sixeko sibe ngamabhodlo? 18Ukuba bangabashumayeli – ukuba likho kubo ilizwi likaNdikhoyo – mabambongoze uNdikhoyo uSomandla-onke, khon' ukuze impahla eseleyo yendlu yakhe, neyasebhotwe lokumkani wakwaJuda, neyabantu baseJerusalem, ingathinjwa isiwe eBhabheli.”

( 19-20Xa ukumkani uNebhukadenezare wayebamba ukumkani wakwaJuda uJekoniya, unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, ebasa eBhabheli, wazishiya iintsika kunye netanki yobhedu, neenqwelwana, kunye nezinye izinto ezashiywayo endlwini kaThixo.)

21Ngokubhekisele kwimpahla eseleyo endlwini kaNdikhoyo, nasebhotwe lokumkani, naseJerusalem, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke uThixo kaSirayeli ukuthi: 22“Iya kusiwa eBhabheli, ihlale apho ndide mna ndibuye ndiyilande ngokwam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ndiyibuyisele kwakule ndawo.”

UJEREMIYA 27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 23

1Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu,

yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho.

2Xa ngaba ungumntu otya gqitha

wubambe umqala wakho.

3Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe,

hleze uzibizele ingozi ngazo.

4Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,

ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.

5Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;

ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.

6Musa ukutya ukudla komntu ovimbayo,

ungazibaweli izimuncu-muncu zakhe.

7Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko.

Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe.

8Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo,

ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma.

9Musa ukulahla amazwi akho kumntu osisityhakala;

kaloku uya kubudela ubulumko bamazwi akho.

10Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala,

nomhlaba weenkedama musa ukuwohlutha.

11Kaloku uMkhululi wazo unamandla;

nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo.

12Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho,

uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo.

13Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana;

ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa.

14Kaloku ngokumohlwaya umntwana

uhlangula ubomi bakhe ekufeni.

15Mfo wam, ndingonwaba kakhulu

xa ingqondo yakho idlamkile.

16Ewe, ndingatsho ndibe nebhongo

xa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.

17Sukuziduba intliziyo ngabenzi bobugwenxa;

nto mawuyenze wena kukuhlonela uNdikhoyo maxa onke.

18Xa usenjenjalo ngenene uya kuba nekamva,

nethemba lakho aliyi kunqanyulwa.

19Mfo wam, phulaphula ukuze ube sisilumko;

yigqale indlela oziphatha ngayo.

20Musa ukuvana nabantu abanxilayo;

ngokunjalo nabanyolukileyo bacezele.

21Kaloku wona amanxila nezidla-kudla bayahlwempuzeka,

namathongorha ambatha amadlavu.

22Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo,

ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe.

23Wakuyifumana inyaniso sukuthengisa ngayo;

ewe, sukwahlukana nobulumko, ingqeqesho, kwanokuqonda.

24Unebhongo umzali womntwana olilungisa;

ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.

25Ngenene uyihlo nonyoko mabavuye ngawe –

menze abe nemihlali lowo wakuzalayo.

26Yinikezele kum intliziyo yakho, mntwan' am;

indlela endiziphethe ngayo mayibe semehlweni akho.

27Kaloku ihenyukazi ngumhadi onzulu,

nomfazi oziphethe kakubi liqula elimxinwa.

28Ewe, uncathama oku kwesikrelemnqa,

alongeze inani labakrexezi.

29Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala,

osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza;

nditsho ofumana enzakale nje ngelize,

umntu ongafik' etyofu-tyofu amehlo?

30Lowo ke ngulo mntu ungafika ejikelezana newayini,

esoloko ezingelana newayini exutyiweyo.

31Inkangeleko ebomvu yewayini mayingakukhangi, noba ingade imenyezele endebeni –

ewe, nditsho seyinambitheka, isihla kamnandi!

32Ekugqibeleni iwayini iluma njengenyoka,

ibinza njengerhamba.

33Ikutsho ubone izinto ezingekhoyo,

ushwaqe ubhude yonk' into.

34Ewe, ikutsho ube ngathi uphakathi elwandle,

ube ngathi ujinga epalini ebamba iseyile yesikhephe.

35Uya kubuza uthi: “Ingathi ndibethiwe nje phofu?

Hayi suka, ndingakhange ndive nje!

Akwaba bendinganako ukuphinda ndiphakame,

khe ndithi nje intwana ndiziqabule!”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-