Bible Society of South Africa

To The Word – Day 181

Jeremiah 18–22, Psalm 52

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 18

UJeremiya emzini wombumbi

1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.” 3Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe. 4Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.

5Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 6“Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi. 7Nanini na xa ndithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolunyothula, ndiludilize, ndilutshabalalise, 8ze lona olo hlanga luguquke, luyiyeke loo nkohlakalo ebendiluxelele yona, andiyi kukwenza oko bendithe ndokwenza. 9Kanti ke nanini xa bendithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolwakha ndilumilisele, 10ze lona lungandithobeli, lwenze ububi, andiyi kukwenza oko kulungileyo bendizimisele ukukwenza.

11“Ngoku ke baxelele abantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem, uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Niyabona, ndiniqulunqele ububi, ndanicingela icebo. Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nilungise ihambo yenu nezenzo zenu.’ 12Bona ke baza kuthi: ‘Unotshe! Siza kuhamba ngokubona kwethu, elowo kuthi enze ngokuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo.’ ”

Abantu babukula uNdikhoyo

13Ke ngoko utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Khanibuzise kwezinye iintlanga

ukuba yakha yehla phi na into enje ngaphambili.

Intombi enguSirayeli yenze ihlazo elimanyumnyezi!

14Likhe linyibilike liphele ikhephu ezincotsheni zeLebhanon?

Yona imisinga epholileyo evela kwimithombo yakude yakha yoma nini?

15Kodwa bona abantu bam bandilibele.

Bênzela izinto ezingamampunge isiqhumiso,

zabakhubekisa kwiindlela zabo,

nditsho umendo wamandulo.

Baphambukile kwindlela eyiyo,

bahamba ngeendledlana ezingalungiswanga.

16Lo mhlaba bawutsho wayintw' ekhwankqisayo,

intw' eya kuhlala ingumbono ongajongekiyo.

Bonke abahamba ngendlela baya kothuka kakhulu,

badlule behlunguzela iintloko bethe khumnqa.

17Njengomoya wasempumalanga ndokwenjenjalo ukubathi saa phambi kweentshaba zabo,

ndibanike umhlana, ingabi bubuso, mhla bafikelwa lishwangusha.”

UJeremiya wenzelwa iyelenqe

18Bathetha-thethana bathi ngam: “Masimbonele icebo uJeremiya lo. Soze siyiswele imfundiso yababingeleli, namacebo ezilumko, kunye namazwi abashumayeli. Ngoko ke masimgxibhe ngamazwi ethu, singakusi so konke akuthethayo.”

19Ke mna ndathi:

“*Ndikhoyo, ndiphulaphule;

zive iintetho zabamangaleli bam!

20Bakha babuyekezwa phi ubuhle ngobubi?

Nâbo ke bendimbela umgodi.

Khumbula mhla ndisiza kuwe,

ndize kubacengela ukuba ungabi namsindo.

21Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;

bayeke baye kufa likrele.

Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;

amadoda abo atshabalale,

noonyana babo babulawe emfazweni.

22Makube sisijwili emizini yabo

xa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.

Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;

bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.

23Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.

Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,

nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.

Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,

ubohlwaye usesemsindweni.”

UJEREMIYA 18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 19

Ingqayi eqhekekileyo

1Wathi *uNdikhoyo: “Yiya kuthenga ingqayi yodongwe kumbumbi. Hamba kunye neqela lamadoda amakhulu abantu, kunye neqela lamadoda amakhulu angababingeleli, 2uye kuphuma ngesango ekuthiwa nguNgceba zeeNgqayi, eli lijonge kwintili kaBhen-hinom. Apho uzufike uvakalise udaba endikunika lona, 3uthi: ‘Nina kumkani bakwaJuda, nani bantu baseJerusalem, lubekeleni iindlebe udaba lukaNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: Niyabona, le ndawo ndiza kuyihlisela intlekele eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva. 4Loo nto ndiza kuyenza ngenxa yokuba abantu basuke bandifulathela, bayenza eyasemzini le ndawo ngokwenzela oothixo basemzini iziqhumiso – ndithetha oothixo abangabaziyo, bengevanga ngabo nangamanyange nkqu nangookumkani bakwaJuda. Le ndawo bayitsho yaba lijaja ligazi labantu abamsulwa, 5yaye bakhele uBhali izibingelelo, khon' ukuze apho benze amadini ngabantwana babo. Andizange ndibayalele njalo, kwaye andiyithethanga loo nto; andizange ndiyicinge nokuyicinga oku. 6Ngoko ke liyeza ixesha xa le ndawo ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko iya kubizwa ngokuba yiNtili yeNtshabalalo.

7“ ‘Ndiza kuliqhekezela kule ndawo icebo labantu bakwaJuda nabaseJerusalem, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo ezizungula ubomi babo. Izidumbu zabo ziza kuba kukudla kweentaka kunye namarhamncwa. 8Esi sixeko ndiya kusitsho sibe yinto ekhwankqisayo, into engumbono ongajongekiyo. Wonke ubani odlula kuso uya kothuka kakhulu, athi khumnqa ngenxa yezivubeko zaso. 9Ndiza kubenza badle inyama yoonyana babo kunye neyeentombi zabo, elowo atye inyama yomnye ngexesha lentlupheko yabo nokuxinwa kwabo ziintshaba ezizungula ubomi babo.’

10“Uze loo ngqayi uyiqhekeze apho ngaphambi kwaloo madoda ahamba kunye nawe, 11uthi kuwo: ‘UNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi: Abantu balapha ndiza kubantlekeza kunye neso sixeko sabo, baxele le ngqayi intleke-ntleke, iingceba zingasoze zidibane kwakhona. Baya kungcwabela eTofeti kude kungabikho ndawo iseleyo.’ 12Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Nantsi into endiza kuyenza kule ndawo nabemi bayo: Esi sixeko ndiza kusitsho sifane neTofeti. 13Izindlu zaseJerusalem kunye nezookumkani bakwaJuda ziza kuxajelwa zifane neTofeti. Nditsho zonke izindlu ekwakutshiswa phezu kwazo isiqhumiso soothixo abaziinkwenkwezi, kunikelwa nangeminikelo ethululwayo koothixo basemzini.’ ”

14Wabuya ke uJeremiya evela eTofeti apho wayethunywe ukushumayela khona nguNdikhoyo. Waya kuma ngaphakathi kweyadi yendlu kaNdikhoyo, wathi ebantwini xa bebonke: 15“UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, esi sixeko kunye neelali zaso ndiza kusihlisela yonke intlekele endakha ndathetha ngayo, kuba kaloku abantu balapha baneenkani, abafuni kuliphulaphula ilizwi lam.’ ”

UJEREMIYA 19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 20

UJeremiya noPashure umbingeleli

1Umbingeleli uPashure unyana kaImeri, owayengusomaqhuzu endlwini *kaNdikhoyo, uthe akuweva la mazwi, 2wathi umshumayeli uJeremiya makakatswe, akhonkxwe iinyawo ngezikhuni ngakwisango elingasentla lendlu kaNdikhoyo ekuthiwa lelikaBhenjamin. 3Ngengomso uthe uJeremiya akukhululwa nguPashure ekukhonkxweni, wabhekisa kumbingeleli lowo wathi: “Igama akunike lona wena uNdikhoyo asinguye uPashure, nguNxunguphele-jikelele. 4Kaloku utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukwenza unxunguphale wena siqu, unxunguphalise nabahlobo bakho. Uza kubabona ngala wakho amehlo besiwa likrele leentshaba. UJuda ephela ndiza kumnikela esandleni sokumkani waseBhabheli. Abanye yena uza kubasa eBhabheli, abanye ababulale ngekrele. 5Ubutyebi besi sixeko ndiza kubunika iintshaba zabo – nditsho nkqu nemveliso yabo, nezinto ezixabisekileyo zabo, nendyebo yookumkani bakwaJuda iphela. Ewe, konke oku ndokunikela ezandleni zeentshaba zabo, zikuthimbe, ziye nako eBhabheli. 6Wena ke, Pashure, kunye nentsapho yakho, uza kuba ngumthinjwa kwelaseBhabheli. Wena kunye nâbo bahlobo bakho ubukade ubashumayeza ubuxoki, niza kufela apho, ningcwatyelwe kwalapho.’ ”

Isikhalazo sikaJeremiya

7*Ndikhoyo, undicengile ndacengeka;

ewe, undongamele, ndaza ndoyisakala.

Ndiyintlekisa mihla le;

ndisisigculelo sikawonke-wonke.

8Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”

Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.

9Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”

lisuka libe ngumlilo otshisayo,

umlilo ovalelwe emathanjeni am.

Ndoyisakele kukuwunqanda;

ewe, ndiyanikezela.

10Ndive abaninzi besebeza besithi:

“Lunxunguphalo jikelele!

Makamangalelwe, simse ngaphambili!”

Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,

zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,

size simfumane, siziphindezele kuye.”

11Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;

ligorha elomeleleyo.

Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.

Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.

12Ndikhoyo Somandla-onke,

wena uwavavanyayo amalungisa,

uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,

mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,

kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.

13Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,

kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyo

kwigunya labantw' abagwenxa.

14Unelishwa umhla endazalwa ngawo;

mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.

15Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,

esithi: “Uzel' inkwenkwe!”

16Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.

Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,

kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.

17Kaloku yena akazange andibulale ndisesesizalweni,

khon' ukuze uma abe lingcwaba lam,

sihlale isizalo sakhe sindimithi ngonaphakade.

18Ngani ukuba ndizalwe kakade

ukuze ndibone iinkxwaleko neentsizi,

ndide ndiye kufa ndisehlazweni?

UJEREMIYA 20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 21

UThixo ukhaba isicelo sikaZedekiya

1Ilizwi *likaNdikhoyo lavakala kuJeremiya mhla uPashure unyana kaMalkiya, kunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, bathunywayo kuye ngukumkani uZedekiya, besithi: 2“Khawusibuzele kuNdikhoyo. Kaloku ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli uze kulwa nathi. Mhlawumbi angabuya enze imimangaliso uNdikhoyo njengangaphambili, simbone selegoduka nomkhosi wakhe uNebhukadenezare.”

3Uthe ukuphendula yena uJeremiya: “Yithini kuZedekiya: 4UNdikhoyo uThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, ndozenza izikrweqe zenu ezisezandleni zenu zibe lilize, nditsho ezi nilwa ngazo ukumkani waseBhabheli namaKaledi aningqingayo. Ewe, wona asengaphandle kweendonga ngoku, kodwa ndiza kuwahlanganisela esazulwini sesi sixeko. 5Ndim oza kunihlasela ngesandla sam esinamandla nengalo yam eyomeleleyo ndiqhutywa ngumsindo nengqumbo noburhalarhume obukhulu. 6Bonke abemi besi sixeko ndiza kubahlisela isibetho sesifo esibulalayo – nditsho abantu kunye nemfuyo yabo.’

7“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Emva koko amasalela asindileyo kubhubhani, nekrele, nendlala, ukumkani uZedekiya namaphakathi akhe kunye nabantu besi sixeko, ndiza kubanikela esandleni sokumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nakwiintshaba ezifuna ukubabulala. Yena uza kubangena ngekrele, engenalusizi nanceba naluvelwano.’

8“Ngaphezu koko baxelele aba bantu uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Khethani phakathi kokufa nokuphila. 9Lowo uhlala kwesi sixeko uya kufa likrele nayindlala nangubhubhani. Kodwa lowo uphumela ngaphandle azilahlele kumaKaledi aningqingileyo, uya kusinda ekufeni. 10Esi sixeko ndizimisele ukusizisela ububi, hayi ubuhle.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndosinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, aze yena asitshabalalise ngomlilo.’

11“Yithi kwindlu yokumkani wakwaJuda: ‘Nali ilizwi likaNdikhoyo 12kuni, nina bendlu kaDavide. Mbekeleni iindlebe uNdikhoyo, uthi:

“ ‘Mihla le gwebani ngobulungisa,

okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli,

hleze ugqabhuke umsindo wam,

uvuthe okomlilo,

ndibe lugcwabevu, ndinganqandeki,

ngenxa yenkohlakalo eniyenzileyo.

13“ ‘Ndichasene nawe, Jerusalem,

wena othe gcobho kule ntili,

wena liwa leli thafa.

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Kaloku uthi: “Ngubani onokusitshabalalisa?

Ingubani ongagqobhozayo kwiinqaba zethu?”

14“ ‘Ndiza kunibuyekeza ngokwezenzo zenu.

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Uthi: “Ndiza kuphemba umlilo

untumekeke kuloo mahlathi anirhawuleyo,

kutshe yonke into kuthi bhuqe.” ’ ”

UJEREMIYA 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 22

Isigwebo sokumkani wakwaJuda

1Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya ebhotwe lokumkani wakwaJuda, khona uthethe eli lizwi uthi: 2‘Libekele indlebe ilizwi likaNdikhoyo, kumkani ohleli esihlalweni sikaDavide – nditsho wena, namaphakathi akho, kwakunye nabantu abangena ngala masango. 3Utsho uNdikhoyo ukuthi: Gwebani ngobulungisa, okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli. Abangeneleli neenkedama nabahlolokazi ze ningabaphathi kakubi okanye nibacinezele. Igazi elingenatyala malingaze liphalazwe kule ndawo. 4Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo. 5Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

6Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Nakuba nje kum unjengeGiliyadi

nanjengencopho yeLebhanon,

ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,

ube ziidolophu ezingenabemi.

7Ndikuthumela abatshabalalisi

abofika elowo ephethe izikhali zakhe,

bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,

bayiphose emlilweni.

8“Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’

9“Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”

Udaba olungokumkani uJowazi

10Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,

ningazili kuba selengasekho,

koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,

kuba kaloku yena akasobe abuye,

engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.

11Kaloku malunga noShalum unyana kaJosiya owaba ngukumkani endaweni kayise, noselemkile kule ndawo, uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akayi kube abuye. 12Uya kufela kuloo ndawo athinjelwe kuyo; akasobe abuye alibone eli lizwe.”

Udaba olungokumkani uJoyakim

13“Mawoo kulowo uzakhela ibhotwe ngeendlela zobuqhophololo,

namagumbi aphezulu ngobumenemene,

esetyenzelwa simahla ngamawabo,

engawaniki mvuzo ngokubulaleka kwawo.

14Uthi: ‘Ndozakhela ipomakazi lebhotwe

elinoobhazabhaza bamagumbi aphezulu abethwa ngumoya.’

Ulakha lineefestile,

aliqukumbele ngamaplanga omthi womsedare,

alihombise ngembola.

15Ngaba ukumkani ngukumkani ngokugqitha abanye ngokuzakhela ngomsedare?

Uyihlo wayesidla asele.

Wayelilungisa engenamkhethe,

waza waba nempumelelo kwinto yonke.

16Wayeyibonelela imeko yamahlwempu neembedlenge,

waza kuyo yonke loo nto waba nempumelelo.

Kunjalo ke ukwazana nam.”

Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

17“Kodwa wena into ojonge kuyo ngomxhelo wonke

kukufumana inzuzo ngobuqhophololo,

ngokugwinta abantu abangenatyala,

nokucinezela abantu bakho ubacudisa.”

18Utsho ke ngoko uNdikhoyo ngoJoyakim unyana kaJosiya, ukumkani wakwaJuda, ukuthi:

“Akayi kuzilelwa bani xa afileyo;

akukho uya kuthi: ‘Yini, mntakwethu! Yini, dade wethu!’

kungekho noya kumlilela esithi: ‘Yini, nkosi yam! Yini, mhlekazi!’

19Uya kungcwatywa okwedonki,

arhuqwe aye kulahlelwa ngaphandle kwamasango eJerusalem.”

Udaba ngekamva leJerusalem

20“Nyuka iLebhanon, ugxwale apho.

Danduluka eBhashan, ukhale phezu kweentaba zaseAbharim,

kuba boyisiwe bonke abathandana nawe.

21Ndakulumkisa usemi kakuhle,

kodwa wena wathi: ‘Ngunotshe!

Soze ndikuphulaphule!’

Yinto oqhel' ukuyenza leyo kwasebutsheni bakho;

akuzange wavuma ukulithobela izwi lam.

22Onke amahlakani akho aya kuphetshethwa ngumoya,

abathandana nawe basiwe ekuthinjweni,

uphoxeke, uhlazeke, ngenxa yamanyundululu akho.

23Wena othe zava entabeni yaseLebhanon,

ondlu yakho yakhelwe emisedareni,

useza kugcuma wakufikelwa yinimba,

utsho uzibhija-bhije okomfazi olunywayo.”

UThixo ugweba uJoyakin

24Utsho umlomo *kaNdikhoyo ukuthi: “Ndiyafunga, ndithi kuwe, Koniya, nyana kakumkani Joyakim wakwaJuda, nokokuba ubungumsesane endiwunxibe emnweni wesandla sam sokunene, bendiya kukukhulula, 25ndikunikele esandleni sabo uboyikayo bazungula ubomi bakho, nditsho ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nabantu bakhe amaKaledi. 26Ndiza kukuthatha kunye nonyoko, ndiniphose kwilizwe lasemzini, nifele apho.” 27Kaloku abasobe babuyele kwilizwe lakowabo abalilangazelelayo.

28Kutheni uKoniya engodelekileyo, efana nengqayi etyumkileyo, into engafunwa bani? Kutheni selelahlwa ephoswa kwilizwe angalaziyo yena kunye nentsapho yakhe?

29Mhlaba; mhlaba! O, hayi, lo mhlaba!

Phulaphula! Nali ilizwi likaNdikhoyo!

30Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Lo mfo mbaleleni ekuthini ungongenanzala,

into engayi kuba nankqubela lo gama isekhoyo.

Nakwinzala yakhe akukho bani uya kuba nempumelelo,

kungekho namnye oya kuhlala esihlalweni sikaDavide, alawule kwaJuda.”

UJEREMIYA 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 52

Ukugweba nokubabala kukaThixo

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide, ngexesha uDowegi umEdom exelela uSawule ukuba uDavide usemzini ka-Ahimeleki.

1Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,

usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?

2Usoloko uzungula ukutshabalalisa.

Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!

Uhlala uyila ubutshijolo.

3Uthanda okubi kunokulungileyo;

uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.

4Hayi ke bethu umntu onolwini!

Uyakuthanda ukuphixanisa.

5Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;

uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;

uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.

6Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:

7“Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,

owasuka wakholosa ngobutyebi,

waphumelela ngobutshijolo!”

8Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;

ndihlala phakathi endlwini kaThixo.

Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;

kuya kude kube ngunaphakade.

9Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.

Ndithembele kuwe kuba ulungile.

Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.

IINDUMISO 52XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-