Bible Society of South Africa

To The Word – Day 178

Jeremiah 1–6

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 1

Isingeniso

1Nalu udaba lukaJeremiya, unyana kaHilekiya, owayengomnye wababingeleli baseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin. 2Lamfikela ilizwi *likaNdikhoyo uJeremiya kunyaka weshumi elinantathu uJosiya unyana ka-Amon engukumkani kwelakwaJuda, 3nangexesha likaJoyakim unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, kwada kwangunyaka weshumi elinanye uZedekiya unyana kaJosiya elawula kwaJuda, bada abantu baseJerusalem bathinjwa ngenyanga yesihlanu.

Ukubizwa kukaJeremiya

4Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

5“Ndakwazi ndingekakubumbi esizalweni sonyoko;

ndazahlulela wena ungekazalwa,

ndakwalatha ukuba ube ngumshumayeli kwiintlanga.”

6Mna ndiphendule ngelithi: “Awu, Nkosi yam Ndikhoyo, andikwazi ukuthetha; ndisengumntwana.”

7Uthe yena kum uNdikhoyo: “Mus' ukuthi usengumntwana! Yiya kubo bonke abantu endikuthuma kubo, ubaxelele konke endikuyalela kona. 8Uze ungaboyiki, kuba mna ndiza kuba nawe, ndikuhlangule. Kutsho mna Ndikhoyo.”

9Wasolula isandla sakhe uNdikhoyo, wachukumisa umlomo wam, watsho esithi kum: “Ngoku ndiwafaka emlonyeni wakho amazwi am. 10Namhla ndikumisela phezu kweentlanga nezikumkani ukuba uncothule, udilize, utshabalalise, ubhukuqe, wakhe, utyale.”

11Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Jeremiya, ubona ntoni?” Ndithe ukuphendula: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”

12Uthe kum uNdikhoyo: “Ubone kakuhle. Nam ngokwam ndithe qwa ukuze ndizalisekise la mazwi am.”

13Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Ubona ntoni?”

Mna ndiphendule ndathi: “Phaya ngasentla ndibona imbiza ebilayo, ithambekele ngakweli cala.”

14Uthe ke kum uNdikhoyo: “Kuza kugqabhuka intlekele ngasentla, igubungele bonke abemi beli lizwe. 15Kaloku ndiza kubiza zonke izizwe zezikumkani zangasentla.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

“Ziza kufika ngazinye zimise izihlalo zazo emasangweni aseJerusalem, nasezindongeni zayo, nakuzo zonke izixeko zakwaJuda. 16Ndiza kubawisela isigwebo abantu bam ngenxa yenkohlakalo yabo yonke, kuba bandifulathele, baza benzela *thixo bambi iziqhumiso, banqula izinto abazenze ngezandla zabo.

17“Ke wena qinisa umbhinqo, usuke uye kubaxelela konke endikuyalele kona. Uze ungoyiki ngokoyikiswa ngabo, hleze mna ndikwenze ugubhe phambi kwabo. 18Mna ke ndikwenze wanjengesixeko esinqatyisiweyo, waqina okwentsika yentsimbi nodonga lobhedu, ukuze umelane neli lizwe liphela: ookumkani neziphathamandla zakwaJuda, kunye nababingeleli nabantu balo. 19Baza kulwa nawe, kodwa abasayi kuze bakoyise, kuba mna ndiza kuba nawe ndikukhusele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

UJEREMIYA 2

Ukunyaniseka kwamaSirayeli mhlamnene

1Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo lisithi kum: 2“Hamba uluvakalise olu daba ezindlebeni zeJerusalem, uthi uNdikhoyo uthi:

“ ‘Ndikhumbula ukuzimisela kwakho ebutsheni bakho,

ukundithanda kwakho usengumtshakazi,

ukundilandela kwakho entlango, kumhlaba ongumqwebedu.

3Ewe, uSirayeli wayengokaNdikhoyo ncakasana,

efana nolibo lwesivuno –

abaludlayo badla ityala,

intlekele ibafikele.’ ”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Isono sookhokho bamaSirayeli

4Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo,

mzi kaYakobi, nani nonke zizwe zakwaSirayeli.

5Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Bubi buni abâbubonáyo kum ooyihlo

bade bandityeshele nje belandela *oothixo abangento,

bade nabo babe zizinto ezingento?

6Abazange babuze bathi:

‘Uphi na lo Ndikhoyo owasikhupha kumhlaba waseJiputa,

wasihambisa entlango kwilizwe elingumqwebedu lemiwewe;

kwilizwe lembalela nesithokothoko sobumnyama,

ilizwe ekungahambi bani kulo, kungekho namntu umiyo kulo?’

7Ndanisa kumhlaba wendyebo,

ukuze nixhamle iziqhamo nentlutha yawo.

Koko nina nithe nakufika nawuxabhela umhlaba wam,

nalitsho lanezothe ilifa endininike lona.

8Ababingeleli ababuzanga bathi: ‘Uphi na uNdikhoyo?’

Abaphathiswa-mthetho abandazanga,

abelusi bandivukela,

nabashumayeli bashumayela benefuthe likaBhali,

balandela *oothixo abangancedi lutho.”

UNdikhoyo umangalela abantu bakhe

9“Ngoko ke ndisanimangalela,”

utsho umlomo *kaNdikhoyo.

“Ndiya kumangalela kwanezizukulwana zenu.

10Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti,

okanye nithumele iintlola eKedare,

ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.

11Lwakha lwakho phi na uhlanga olwananisa ngoothixo balo,

noba bengengoothixo ngenene?

Kodwa bona abantu bam balananisile iqhayiya labo

ngenxa yezinto ezingenaluncedo!

12Yothukani, mazulu, yile nto,

nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13“Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam:

bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo,

bazimbela awabo amaqula –

amaqula avuzayo ziintanda.”

Iziphumo zokunganyaniseki

14“Ngaba uSirayeli likhoboka?

Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na?

Ngani ukuba abe lixhoba?

15Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela.

Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe,

zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.

16Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanese

sebekugugule ukhakhayi.

17Nguwe ngokwakho ozenzileyo,

kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakho

akuba ebekukhokela endleleni.

18Khawutsho ke,

kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa?

Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?

19Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho;

uza kululekwa kukukreqa kwakho;

uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathela

nokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.”

Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.

USirayeli uvukela uNdikhoyo

20“Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe,

waziqhawula izitrophu zakho,

usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’

Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonke

nangaphantsi kwemithi yonke,

uziqhekeza uxela ihenyukazi.

21Kanti ke mna ndakutyala;

ungumdiliya omhle othenjiweyo.

Kutheni ngoku sewajika waba ngumdiliya wasendle nje?

22Nditsho nokuba ungade uzihlambe ngesoda,

uziguxe ngeyodwa isepha,

awusayi kusuka wona umdintsi wesono sakho.”

Lowo ngumlomo weNkosi *uNdikhoyo.

23“Ungathini ukuthi: ‘Andizenyelisanga;

andikhange ndimlandele uBhali’?

Khangela umkhondo wakho entilini,

uzigqale izenzo zakho.

Ubufana nqwa nethokazi lenkamela lirhaqaza entlango,

24nqwa nemazi yeqwarha lasentlango edumbileyo

ehamba isezela umoya, ifuna inkunzi.

Ngubani ongayithintelayo xa injalo?

Akukho nkunzi izixhamla ngayo kuloo meko –

isuka iyifumane lula ngelo xesha.

25Sirayeli, musa ukuzityabula iinyawo

ude nomqala wakho utshe kukusukelana nezithixo.

Kambe ke uthi: ‘Akusancedi nto;

sendithandana noothixo basemzini;

andinakungabalandeli.’ ”

USirayeli uya kohlwaywa

26*UNdikhoyo uthi:

“Kanye njengoko lidana linyoshoze xa libhaqiwe isela,

koba njalo ukuhlazeka kukaSirayeli nookumkani bakhe,

neziphathamandla, ababingeleli, kunye nabashumayeli.

27Bona bathi emthini: ‘Ungubawo wena.’

Elityeni bathi: ‘Nguwe ondizeleyo.’

Kaloku aba bantu beze ngenqentsu kum;

abezanga ngabuso.

Kodwa ngexesha leenkxwaleko ikwangabo abathi: ‘Phakama, usincede!’

28Baphi kakade abo thixo bakho uzenzeleyo?

Mabavuke kaloku, bakuhlangule ngexesha lengxakeko.

Baninzi kangangeedolophu zakho oothixo bakho, Juda!

29Nina ke, ningandibeka tyala lini,

inini nje xa ninonke abakreqileyo kum?”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30“Naxa ndabohlwayayo abantwana benu,

abazanga baqeqesheke.

Suka nababulala ngekrele *abashumayeli,

banga baqwengwe ziingonyama.

31Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana!

Ndiyintlango na kuni, maSirayeli,

umhlaba osithokothoko sobumnyama?

Ke kutheni ukuba abantu bam bathi:

‘Siza kuhamba ngesiyibonayo.

Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’

32Ikhe izilibale iintsimbi zayo intombi?

Yena umtshakazi ukhe awulibale umbhinqo wakhe?

Kodwa bona abantu bam sele kukade bandilibalayo.

33Hayi ke indlela orhaqaza ngayo

uleqeka emva kwezithandwa zakho!

Sele unako ukufundisa nabafazi abangoongantweni.

34Izambatho zakho zilijaja ligazi leendwayi nabantu abamsulwa,

ingelilo kambe elezikrelemnqa ozibhaqe ziqhekeza.

35Naxa kunjalo usathi: ‘Ndimsulwa;

uNdikhoyo akasenawo umsindo ngakum.’

Kodwa ke mna Ndikhoyo ndiza kukohlwaya

naxa usithi akwenzanga sono.

36Yini na ukuba urhaqaze kangaka, uzijika-jike iindlela zakho?

IJiputa iza kukuphoxa kanye ngalaa ndlela yaniphoxa ngayo neAsiriya.

37Uya kuyishiya iJiputa unyoshoza ludano.

Mna Ndikhoyo ndibalahlile abo uthembele kubo;

akukho nto baya kukuphumelelisa kuyo.”

UJEREMIYA 3

Ukungathembeki kukaSirayeli

1“Xa indoda imalile umkayo,

aze yena emke aye kwendela kwenye indoda,

ngaba ingaphinda ibuyele kuye?

Ngaba ilizwe lobe lingaxajelwanga ngokupheleleyo?

Hayi bo! Ubhatyaze nezithandwa zakho ezininzi, Sirayeli,

ukanti noko usafuna ukubuyela kum?”

Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

2“Phakamisela amehlo akho ezincotsheni zeenduli;

kuphi apho ungazanga wambathwe khona?

Ubufudula uhlala ecaleni lendlela,

ulindele izithandwa zakho,

oku komArabhu ohleli entlango.

Hayi bo, eli lizwe ulixabhele ngobubi bokuhenyuza kwakho.

3Yiyo loo nto neemvula zanqanyulwayo nje;

yiyo loo nto neyasentlakohlaza ingasaniyo nje.

Akusenasazela oku kwehenyukazi;

sewaphelelwa naziintloni.

4“Ukanti kwawena usathi kum:

‘Kaloku, tata, uyintandane yam kwasebutsheni bam.

5Akunako ukuhlala unomsindo;

akuyi kundiqumbela kude kuye esiphelweni.’

Yintetho yakho ke leyo,

kodwa wenza amanyundululu kangangoko!”

USirayeli noJuda mabazohlwaye

6Kwathi ngexesha uJosiya ukumkani wayesesihlalweni, ndafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Uyibonile into andenze yona umkreqikazi uSirayeli? Uhambe ehenyuza ezindulini eziphakamileyo nangaphantsi kwemithi eyokozelayo. 7Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto. 8UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo. 9Ngenxa yokuba yaba yinto elula kumkreqikazi uSirayeli ukuhenyuza, walixabhela ilizwe, kuba wayekrexeza ngokunqula izinto ezingamatye nemithi. 10Kuyo yonke loo nto uJuda udade wabo ongathembekanga akazange abuyele kum ngentliziyo yonke, wasuka wandixokisa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

11UNdikhoyo uqhube wathi kum: “Noko ityala lomkreqikazi uSirayeli linganeno kwelikaJuda ongathembekanga. 12Bhekisa emantla, ubhengeze olu daba, uthi:

“ ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,

kuba ndinenceba.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.

13Buvume nje kuphela wena ubugwenxa bakho,

ngokuba umvukele uNdikhoyo uThixo wakho,

wasuka wazandlalela abasemzini ngaphantsi kwemithi eyokozelayo,

awalithobela ilizwi lam.’

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

14“Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon, 15ndinithumele abelusi abasenyongweni kum, banaluse ngolwazi nengqiqo. 16Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.

17“Ngaloo mihla kuya kuthiwa iJerusalem isisihlalo sokulawula sikaNdikhoyo, zonke iintlanga zibuthelane khona, zize kunqula igama likaNdikhoyo, zingabuye zihambe ngokokuqaqadeka kweentliziyo zazo ezikhohlakeleyo. 18Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”

Ukreqo lwabantu bakaThixo

19“Ndandiba ndiza kukwenza unyana wam, Sirayeli,

ndikwabele umhlaba onqwenelekayo,

ilifa eliyokozelayo ukudlula eleentlanga zonke.

Ewe, ndandiba ùza kuthi kum: ‘Tata;’

ungaze ukutyeshele ukulandela ekhondweni lam.

20Wena, Sirayeli, akukhange uthembeke kum

oku komfazi ongathembekanga kumyeni wakhe.”

Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

21Ewe, kuvakala ilizwi lihlokoma ezincotsheni zeenduli;

sisililo nezitarhuziso zoonyana bakaSirayeli,

kuba bâzenza gwenxa iindlela zabo,

bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo.

22“Buyelani kum, bantwanandini abakreqayo,

ndininyange luphele ukreqo lwenu.”

“Sesilapha; size kuwe.

Kaloku nguwe, Ndikhoyo, uThixo wethu.

23Ngenene iingxokozelo ezindulini nasezintabeni bubuqhetseba;

ngenene kuphela nguNdikhoyo uThixo wethu omhlangulayo uSirayeli.

24Ukususela ebutsheni bethu isithixo esilisikizi sizigqibile iziqhamo zokubulaleka koobawo,

nditsho iinkomo zabo neegusha zabo,

oonyana neentombi ngokunjalo.

25Masizikhahlele phantsi ngenxa yeentloni,

lisigubungele ihlazo lethu,

kuba sinesono phambi koNdikhoyo uThixo wethu,

thina noobawo bethu.

Ukususela kwasebuntwaneni bethu, kude kube ngoku,

asizange siliphulaphule ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu.”

UJEREMIYA 4

USirayeli makaguquke

1“Ukuba ngaba uyaguquka, Sirayeli, guqukela kum, kutsho mna *Ndikhoyo. Ukuba uyazisusa emehlweni am izithixo zakho ezilizothe, ungabi sakreqa; 2ukuba ufunga usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo,’ ube ke ufunga ngenene nangenyaniso nangokuthembekileyo; ukuba wenjenjalo iintlanga ziya kuthi mandizisikelele, zindidumise.”

3Kaloku uthi uNdikhoyo kubantu bakwaJuda nakubemi baseJerusalem: “Wugelesheni lo mhlaba wenu ube yintsimi, ningatyali phakathi kweenkunzane. 4Ulwaluko lwenu malenzelwe uNdikhoyo, lungabi yinto yasenyameni nje, bantu bakwaJuda nani bemi baseJerusalem. Kungenjalo ingqumbo yam ngenxa yobubi bezenzo zenu iya kugqabhuka ixele umlilo olenya ungabi nakucinywa bani.”

Uhlaselo oluvela ngasentla

5“Bhengezani kwelakwaJuda,

nihlokomise eJerusalem, nithi:

‘Vuthelani isigodlo elizweni lonke.’

Dandulukani ngamandla nisithi:

‘Hlanganani,

nisabele kwizixeko ezinqatyisiweyo!’

6Yenzani umqondiso okhomba eZiyon,

nicele kwabasicatyana, ningabambezeli,

kuba mna ndiza nentlekele ngasentla –

ndinizisela intshabalalo enkulu.”

7Yintw' ekunyalasa inge yingonyama ishiy' isikhundla

lo mtshabalalisi weentlanga uzayo.

Selephumile kowabo ukuza kubharhisa umhlaba wakho ube yinkangala,

azitsho izixeko zakho zibe ngamabhodlo,

kungasali nempunde le.

8Ngoko ke zila, wambathe amarhonya,

ugixe, ulile,

kuba ingqumbo *kaNdikhoyo ayishenxanga kuthi.

9Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:

“Ngaloo mini ukumkani neziphathamandla baya kungenwa yingevane.

Ababingeleli bothi khumnqa,

abashumayeli bona bathi makatha.”

10Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ubakhohlise mpela abantu neJerusalem ngokuthi: ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele selibekwe emqaleni!”

11Ngelo xesha abantu neJerusalem baya kuxelelwa kuthiwe: “Kuza kuvuthuza umoya onolophu, uvela ezincotsheni ezibharhileyo entlango, usinge ebantwini bam. Umoya ovela kum awuyi kuba yiyo impepho nje yokwela okanye yokucoca ingqolowa, 12koko uya kuba ngumoya onamandla kunoko. Kuba ndim kaloku oza kubagweba abantu bam.”

UJuda ungqingwe lutshaba

13Nalo lusiza utshaba, luziingqimba okwamafu,

iinqwelo kuqhum' uthuli ngathi yinkanyamba.

Asingomendu, amahashe adlul' ukhozi!

Kunyembelekile; izwe lifile!

14Jerusalem, zihlambulule ububi obusentliziyweni,

khon' ukuze usinde!

Uya kuhlala ugaya ububi kude kube nini?

15Kunkenteza ilizwi kwaDan nakwiintaba zakwaEfrayim,

lixela intlekele.

16Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:

“Zixeleleni iintlanga,

nibike naseJerusalem, nithi:

‘Utshaba lugalelekile;

lutsho ngentlaba-mkhosi yalo kwizixeko zakwaJuda.

17Lungqinge iJerusalem okwabalindi belinde amasimi.’

Ewe, kuthetheni oku, kuba kaloku

iJerusalem indivukele.

18Yimisebenzi yakho neendlela zakho ezi zikuzisele le ntlekele.

Sisohlwayo sakho eso.

Sikrakra kambe,

siye kuthi xhokro emxhelweni.”

UJeremiya uvelana namawabo

19Hayi bo! Ndithe qhiphu umbilini;

intliziyo yam iyabetha;

ndingenwe luvalo!

Andikwazi kuthi cwaka;

ndiva isandi sokuvuthelwa kwesigodlo

nokuhlokoma kwentlaba-mkhosi!

20Kuvakala le ntlekele, kuvakale le;

ilizwe lonke lifile.

Ngequbuliso iintente zakowethu zibhuqiwe,

ngephanyazo imikhusane yethu ayisekho.

21Koda kube nini ndibukelana namadabi?

Koda kube nini ndisiva isandi sesigodlo?

22Ke yena *uNdikhoyo uthi:

“Baziziyatha kambe abantu bam; abade bandazi.

Bazizityhakala zabantwana abangenangqiqo.

Ngamachebesha okwenza okubi,

kodwa ngamaqhitala kokulungileyo.”

Umbono wentshabalalo ezayo

23Ndathi ndakuwukhangela umhlaba,

ndafika ubharhile, kusempengezini;

ndakukhangela amazulu akwabikho kukhanya.

24Ndakhangela iintaba, ndafika zigungqa, neenduli zinyikima.

25Ndakhangela andabona mntu konke;

kwakubhace nkqu neentaka ezi.

26Ndakhangela umhlaba otyebileyo, ndafika uyintlango,

izixeko zonke zingamabhodlo.

Oku kwenzeka emehlweni kaNdikhoyo

ngenxa yomsindo wakhe ovuthayo.

27Kaloku utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Kuya kuba senkangala kumhlaba wonke,

kodwa ke ndingawubhangisi kuphele.

28Ngenxa yoko umhlaba uya kwenza isijwili,

isibhakabhaka sisibekele kube mnyama,

kuba kutsho mna.

Ndigqibile, yaye andiyi kukuyekelela endikuthethileyo;

andiyi kujika.”

29Kuya kuthi ukuvakala kwesandi sabakhwele amahashe nesandi sabatoli

kusabe zonke izixeko.

Abanye bobalekela ematyholweni,

abanye banyukele emaweni.

Zosala zilambatha iidolophu,

kungabi sahlala bani kuzo.

30Wenza ntoni, Jerusalem, uselushwatyulelwe nje?

Kutheni watsho ngezivatho ezibomvu?

Yini, watsho ngamajikolo, waqaba amehlo?

Ufane wahombela ilize!

Zikulahlile izithandwa zakho;

sezifuna ukukubulala.

31Kaloku ndive isikhalo ngathi sesomfazi esikwa yinimba,

ngathi sisingqala sozibulayo.

Sisikhalo seJerusalem iminxekile,

iphelelwa ngumoya,

ithe na izandla,

ikhala isithi: “Ndafa! Bayandigwinta!”

UJEREMIYA 5

Akukho namnye ulilungisa

1Uthi *uNdikhoyo:

“Zityhutyheni izitalato zeJerusalem,

nikhangele nigqale,

nizigocagoce iindawo zembutho,

nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo.

Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.

2Nokuba bangade bafunge bathi: ‘Ndifung' uNdikhoyo,’

bafunga ubuxoki.”

3Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na?

Wabohlwaya, abeva noko.

Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho.

Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.

4Suka ndathi:

“Ngamahlwempu adengekileyo la.

Abayazi indlela kaNdikhoyo;

abakuqondi okufunwa nguThixo wabo.

5Ndiza kuthetha nabakhulu.

Ngabo abayaziyo indlela kaNdikhoyo;

ngabo abakwaziyo okufunwa nguThixo wabo.”

Kodwa nabo xa bebonke bayaphule idyokhwe,

baziqhawula izitrophu.

6Ngoko ke bohlaselwa yingonyama,

ingcuka ibatsho babe ngamaswili,

kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo.

Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandle

lobathi qwenge-qwenge.

Kaloku benze uvukelo,

baphikela ukumfulathela uThixo.

7“Ndingakuxolela njani kodwa,

abantwana bakho bendibukule nje?

Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento?

Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.

8Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo –

banqwenela abafazi boogxa babo.

9Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje;

ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10“Ngena usivuthulule isidiliya sakhe,

kodwa ungasibhuqi sonke.

Wasuse amasebe aso,

kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.

11Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha. 13Bona abashumayeli ngumoya nje; ilizwi alikho kubo. Maseliba ngabo abahlelwa yile ntlekele.”

14Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.

15“MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi. 16Isingxobo seentolo zabo sinjengengcwaba elivulekileyo; zizigantsontso zamagorha amajoni abo!

17“Hayi sona isivuno nokutya kwenu: baza kukugqiba!

Koonyana neentombi zenu: ginyi qobo!

Iinkomo neegusha zenu: ginyi qobo!

Imidiliya namakhiwane: bimbilili!

Izixeko zenu ezinqatyisiweyo, bozitshayela ngekrele;

nditsho ezi kanye zilithemba lenu!

18“Kanti ngaloo mihla andiyi kunitshabalalisa kuphele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 19“Xa besithi: ‘Kungani ukuba uNdikhoyo uThixo wethu asiphathe kanje?’ uze uthi kubo: ‘Njengoko nani benikreqile kuNdikhoyo, nanqula oothixo basemzini ezweni lakowenu, ngokukwanjalo ke niza kukhonza iintlanga kweleentlanga.’ ”

UThixo ulumkisa abantu bakhe

20Yithetheni le nto kwindlu kaYakobi, niyixele nakwaJuda, nithi: 21“Phulaphulani, bantundini baziziyatha bangaqiqiyo! Ninamehlo kodwa aniboni, nineendlebe kodwa aniva! 22Ngani ningandoyiki nje?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ngani ningankwantyi nje bubukho bam? Indim nje owabeka intlabathi yangumda wolwandle, umqobo olungasoze luwudlule naphakade. Nditsho nokuba seledloba egquma amaza, akasoze awugqithe. 23Kodwa aba bantu banenkani, abalawuleki. Bakreqile bemka kum. 24Àbatsho ezintliziyweni zabo ukuthi: ‘Masimoyike uNdikhoyo uThixo wethu osinika imvula ngexesha ekwindla nasentwasa-hlobo, osipha amathuba okuvuna minyaka le.’ 25Ubugwenxa benu buzigxothile ezi zinto; izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.

26“Kukho izikhohlakali phakathi kwabantu bam. Zizinto ezilalelayo okwabathiyeli-zintaka; zigcayisela abantu. 27Izindlu zabo bazizalisa ngobuqhophololo ngathi ziingobozi zizele ziintaka; yiyo loo nto bezizityebi neendwalutho. 28Ngamaqukunya agudileyo kukutyeba; inkohlakalo yabo ayinamda. Inkedama abayithetheleli ukuze ibe nempumelelo; amalungelo endwayi abawakhuseli.

29“Mandingabohlwayi ke ngenxa yezi zenzo zabo, ndingaziphindezeli kubantu abanjengaba?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 30“Kuhle isikizi elothusayo kulo mhlaba. 31Abashumayeli bashumayela ubuxoki; ababingeleli bona bakhokela ngokwentando yabo, kanti nabantu bam bayakholwa yiloo nto. Kodwa nothini ngomhla wokugqibela?”

UJEREMIYA 6

Ukungqingwa kweJerusalem

1“Balekani nisabe,

bantu bakwaBhenjamin,

niyishiy' iJerusalem!

Vuthelani isigodlo eTekowa,

nenz' umqondiso phezu kweBhete-hakerem ngomlilo.

Kub' intlekele evela ngasentla igalelekile,

ngokunjalo nentshabalalo engathethekiyo.

2Intombi eyiZiyon ndiyifanisa nedlelo elikhethekileyo.

3Yokhatshelwa kulo imihlambi ngabelusi,

bafike bee thande, bagxumeke iintente,

elowo adlise kweyakhe indawo.

4“Zigonyeni, niqulele imfazwe,

sihlasele esi sixeko ilanga lisahlab' umhlaba.

Hayi bo! Amathunz' awile, imini selisangene!

5Phakamani, sihlasele ngobusuku,

sizidilize ezo nqaba.”

6Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:

“Gawulani imithi,

nifumbe iingqumba zomhlaba kwiindonga zeJerusalem.

Sisixeko esifanelwe kukohlwaywa,

intw' ezele yingcinezelo yodwa.

7Njengoko ahlala empompoza amanz' omthombo,

buhlala bunjalo ukumpompoza ububi baseJerusalem.

Kuhlala kuvakala ugonyamelo nembuqe kuyo;

iimbandezelo neentlungu zihlala ziphambi kwam njalo.

8Lumka, Jerusalem, hleze ndikulahle,

naloo mhlaba wakho ndiwutsho ufane nenkangala engahlalwa bani.”

9Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:

“Khwahlaza loo masalela akwaSirayeli,

uxele umntu okhwahlaza emdiliyeni,

ebhikica loo minqandandana isele emasebeni.”

10Ndibhekise kubani?

Ngubani owondiphulaphula,

abamkele ubungqina bam?

NingamaSirayeli alukileyo,

ukanti iindlebe zenu zivalekile,

aniva tu!

Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso;

abalikhathalele nganto.

11Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo.

Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe.

“Yibhodlele kubantwana ezitalatweni,

nakubafana ezimbuthweni.

Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi.

Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.

12Imizi yabo yothathwa bantu bambi,

ngokunjalo amasimi nabafazi babo,

xa ndibohlwaya abantu beli lizwe.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13“Kususela koyena uphantsi umntu,

kuse kwabona baphakamileyo,

xa bebonke basemva kwenzuzo.

Kwanabashumayeli, nababingeleli ngabakhohlisi xa bebonke.

14Amanxeba abantu bam banga bayawanyanga

ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe, akukho ngozi!’

Ukanti alixolanga.

15Zizinto ezingenazintloni naxa zenze amanyundululu;

azibi nalo nonyungu olu!

Ngoko ke baza kuwa nabawileyo;

bokhubeka mhla ndabavelela.”

Utsho uNdikhoyo.

USirayeli wahlukene nendlela kaNdikhoyo

16Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Yimani eziphambukeni nikhangele,

nibuzise ngomendo wamandulo,

niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,

nihambe ngayo ke,

ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.

Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’

17Ndanimisela abalindi, ndathi: ‘Phulaphulani izwi lesigodlo!’

Kodwa nina nathi: ‘Asiyi kuphulaphula.’

18“Bekani iindlebe ke ngoko, nina zintlanga,

niyiqonde, mabandlandini, into endiza kubenza yona.

19Phulaphula, mhlaba,

ubone ishwangusha endiza kulithumela aba bantu.

Sisiphumo samayelenqe abo,

kuba kaloku abalinanzanga ilizwi lam –

andisathethi ke ngomyalelo wam abawubukuleyo.

20Andiyihoyanga intlaka yesiqhumiso yaseSheba,

ndingawakhathalele namakha avela kwelasemzini.

Andinamdla kumadini enu;

andikholiswa nangala atshiswayo.”

21Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Aba bantu ndiza kubabekela imiqobo abaya kukhubeka kuyo,

kuwe uyise nonyana kunye nabamelwana nezihlobo,

batshabalale xa bebonke.”

Uhlanga oluvela ngasentla

22Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nâlo uhlanga oluvela ngasentla,

isizwe esinamandla esixhokonxwe lee emalandalahla.

23Baxhobe ngeentolo nemikhonto;

izinto ezinolunya ezingenalusini.

Batsho ngesandi esinga kugquma ulwandle,

beza bekhwele amahashe

bengamabutho okuhlasela wena, Ziyon.”

24Ewe, zifikile kuthi ezo ndaba,

zangenwa ngumkhinkqi iingalo,

lwangongoza uvalo oku komfazi olunywayo.

25Musa ukuphumela ngaphandle,

ungakhe ubonwe ezindleleni,

kuba utshaba luxhobile;

lunxunguphalo macal' onke.

26Zithini wambu ngerhonya, bantu bam,

nizibhuqa-bhuqe eluthuthwini,

nibe ngathi nizilele unyana okuphela kwakhe

ngesikrakra sona isililo,

kuba uza kusifikela ngequbuliso yena umtshabalalisi.

27“Ndikwenze umgocagoci wabantu bam,

ukuze uziqonde uzivavanye kakuhle iindlela zabo.

28Bangabakreqi abanenkani;

balukhuni okwesinyithi nentsimbi.

Zizinto ezihamba zisasaza ulwimi;

bonakele xa bebonke.

29Imfutho ivuthela umlilo wokunyibilikisa ilothe.

Uyawenza umsebenzi wakhe umkhandi,

kodwa yonke loo nto lilize,

kuba zona izikhohlakali azipheli.

30Kuthiwa abantu bayintlenge yesiliva,

kuba uNdikhoyo ubabukule.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-