Bible Society of South Africa

To The Word – Day 176

2 Timothy 1–4, Proverbs 22, Psalm 48

Itekisi yeBhayibhile

2 KUTIMOTI 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo, owandithuma ukuba ndishumayele isithembiso sobomi, esinabo ngokumanywa noKrestu Yesu. 2Ndibhalela unyana wam endimthandayo uTimoti. Ndithi: Kuwe makube sisisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uYise noYesu Krestu iNkosi yethu.

Umbulelo nenkuthazo

3Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam. 4Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam. 5Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe. 6Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla. 7Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

8Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo. 9Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo. 10Ngoku ke butyhilekile kuthi ngokufika koMsindisi wethu uKrestu Yesu. Kaloku yena uwaphul' iimpondo amandla okufa, waza waveza ubomi nokungabhubhi ngeendaba ezimnandi.

11UThixo wandimisela ukuba ndibe ngumbhengezi weendaba ezimnandi, *umthunywa, nomfundisi. 12Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe. 13Ke hlala ugcine umzekelo wemfundiso yenene owayiva ngam, uhlale unokholo nothando, izinto esinazo ngokumanywa noKrestu Yesu. 14Yilondoloze kakuhle loo nto siyiphathisiweyo, uncedwa nguMoya oyiNgcwele ohleli kuthi.

15Uyazi ukuba kwiphondo laseAsiya ndishiywe ngumntu wonke! Kumke nkqu noFilego noHermogene! 16Kodwa usapho lwakwaOnesiforo lona uThixo unga angalenzela inceba. Kaloku yena wandinceda kaninzi-ninzi xa ndandineengxaki. Zange yena abe nazintloni ngokundihambela entolongweni. 17Wathi efika nje eRoma, wandifuna wada wandifumana. 18Wanga angenzelwa inceba ngaloo Mini yeNkosi! Ndiyayicela loo nto eNkosini! Izinto awayendenzela zona e-Efese zaziwa nguwe ngaphezu kokuba ndingakuxelelayo mna.

2 KUTIMOTI 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 2

Ijoni elinyanisekileyo likaKrestu

1Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu. 2Wayiva phambi kwamangqina amaninzi imfundiso yam. Loo mfundiso ke yinike amadoda onokuwathemba, ibe ngamadoda anako ukuyifundisa abanye.

3Yiba nenxaxheba nawe ezinzingweni njengejoni elithembekileyo likaKrestu Yesu. 4Ijoni elisemsini alizixakekisi ngezinto zentlalo yemihla-ngemihla. Kufuneka libe soloko lilinde ukuyalelwa ngumphathi walo. 5Kwakhona imbaleki ayinako ukuthiwa jize ngembasa ingayithobeli imigaqo. 6Umlimi osebenza nzima ufanelwe sisahlulo sokuqala esivunweni. 7Zigqale ezi ndawo, yaye iNkosi yokunceda uziqonde kakuhle.

8Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuswa ekufeni, engumzukulwana kaDavide, njengoko nditshoyo xa ndishumayela iindaba ezimnandi. 9Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga. 10Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.

11Athembekile la mazwi athi:

“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.

12Ukuba siyanyamezela, soxhamla ukulawula kwakunye naye.

Ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela.

13Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,

kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”

Isicaka esivunyiweyo

14Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli. 15Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso. 16Sukungena kwiincoko ezilambathayo zeli phakade, kuba abo bangena kuzo baya bechasela kuThixo. 17Ngokunjalo nemfundiso yabo inwenwa okwesilonda esibhidlayo. Banjalo ooHimeniyo noFileto. 18Bayiphosile inyaniso, futhi bawawisile amanye amakholwa, besithi uvuko lwabafileyo selufikile. 19Kodwa sona isiseko esimiswe nguThixo asigungqi, sinombhalo othi: “INkosi iyabazi abayo,” kwanothi: “Wonke umntu olibizayo igama leNkosi makahlukane nesono.”

20Uyabona ke, endlwini enkulu kubakho iindidi ngeendidi zezitya: ezinye zezegolide, ezinye zezesiliva, zimbi zezomthi, ezinye zezodongwe; ezinye zazo zixabisekile, kanti ke ezinye azixabisekanga. 21Ukuba umntu uyazikhwebula ekungcoleni abe nyulu, uya kuxabiseka, iNkosi yakhe ibe nako ukumsebenzisa nakuwuphi na umsebenzi omhle. 22Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi. 23Sukuthatha nxaxheba kwiingxoxo ezilambathayo zobudenge! Kaloku zona isiphelo sazo yingxabano. 24Isicaka seNkosi asifanele kulwa, koko sifanele ukuba nobubele kubantu bonke. Sifanele ukuba nemfundiso, sinomonde, 25sithantamise xa siluleka abo bachasayo. Kaloku iNkosi isenokubapha inguquko, bayiqonde inyaniso, 26baze babuyele ezingqondweni, benze intando kaThixo, basiphephe isabatha abebebanjiswe ngaso ngumtyholi.

2 KUTIMOTI 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 3

Imihla yokugqibela

1Kucace mhlophe ukuba imihla yokugqibela iya kuba ngamaxesha anzima. 2Abantu baya kuba ngabathandi beziqu zabo, bathande imali, bezigwagwisa, bengoozwi-labo. Baya kunyelisa, bangathobeli bazali, bengabuleli, beluchasa unqulo, 3bengenabuntu, bengaxoleli mntu, behleba. Baya kuba nengcwangu, beziindlobongela, bayithiye into elungileyo. 4Baya kuba ngabangcatshi, bafane benze, benekratshi. Baya kuthanda iziyolo kunoThixo. 5Baya kulwamkela unqulo ngembonakalo, kodwa bewaphika amandla alo. Ke wena uze ungahambi nabantu abanjalo. 6Abanye babo bahamba bechwechwela imizi, bexhaphaza abafazi abangenazimilo, ababotshwe zizono zabo, beluthuzeliswa ziinkanuko. 7Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso. 8Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile. 9Abasoze bahambele ndawo, kuba ububhanxa babo buya kubonakala nakubani na kwanjengokuba kwaba njalo nakubachasi bakaMosis.

Isiyalo

10Kodwa ke wena, nyana wam, uze uhambe rhoqo ekhondweni lam, ngeemfundiso, ngokuziphatha, ngeenjongo, ngokholo, ngomonde, nangothando, nangokunyamezela 11ngexesha leentshutshiso, nasebunzimeni. Izinto ezandihlelayo eAntiyokwe, eIkoniyo, naseListra, uyazi ukuba ndazithwala, iNkosi indihlangula kuzo zonke. 12Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi. 13Kodwa zona izikhohlakali nezikrelemnqa ziya kuqhuba zisuka ebubini ziye kobungaphezulu ububi, zihamba zikhohlisa, zikhohliswa nazo. 14Ke wena yayamana rhoqo neenyaniso ozifundileyo waqinisekiswa ngazo. Khumbula ukuba uzifunde kubani na. 15Khumbula ukuba kwausengumntwana waqhelaniswa *neziBhalo eziNgcwele ezikunika ubulumko, khon' ukuze usindiswe ngokukholwa kuKrestu Yesu. 16Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; 17ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

2 KUTIMOTI 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 4

1Ndiyakuyala phambi koThixo noYesu Krestu oza kugweba abahleliyo nabafileyo, xa afikayo eze kulawula. 2Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde. 3Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo, bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo. 4Baya kuyifulathela inyaniso, baphulaphule iintsomi. 5Kodwa ke wena zola; ngamaxesha onke hlala ugcisile. Khalipha xa kunzima. Iindaba ezimnandi zihambise, uzenze zonke iimfanelo zobizo lwakho.

6Okokwam ke mna, ubomi bam sebuphalazwa njengedini; nexesha lam lokunduluka selisongekile. 7Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. 8Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.

Imiyalezo

9Zama kangangoko unako ukuba uze kundibona ngokukhawuleza. 10Kaloku uDemas undibalekile, waya eTesalonika ngenxa yokuthanda izinto zeli lizwe. UKreske yena useGalati, yena uTito useDalmati. 11NguLuka yedwa okhoyo apha kum. Xa uzayo uze ungamshiyi uMarko, kuba uluncedo olukhulu kum emsebenzini. 12UTikiko ndimthume e-Efese. 13Xa uzayo uze undiphathele ingubo yam endayishiya kuKarpo eTrowa, kunye neencwadi, ingakumbi ezamanqaku.

14UAlesandire, ingcibi yezinto zekopolo, wandenza into embi. INkosi yondiphindezela kuye! 15Nawe kungakuhle umlumkele. Wayendiphikisa kakhulu kuyo yonke into endiyithethayo.

16Akuzanga kubekho namnye umntu oweza kundixhasa ukuqala kokuvavanywa kwetyala lam. Bonke bandishiya enyanyeni. Wanga akangebohlwayi ngaloo nto uThixo! 17INkosi yaba nam, yandomeleza phezu koko. Ndaba nako ukuzishumayela iindaba zayo ezimnandi, abantu beentlanga zonke bephulaphule. Yandihlangula emlonyeni wengonyama. 18Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini.

Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! *Amen.

Imibuliso

19Bulisa kuPriska nakuAkwila, nakusapho lukaOnesiforo. 20UErasto wasala eKorinte. Yena uTrofimo ndamshiya eMileto kuba wayengaphilanga. 21Nceda ufike kungekabi sebusika. OoYubhulo noPudens noLino kunye noKlawudiya bayabulisa. Onke amakholwa ayabulisa ngokunjalo.

22INkosi mayibe nawe. Makanenzele isisa uThixo nonke.

2 KUTIMOTI 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 22

1Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;

ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.

2Umntu osisityebi nomntu olihlwempu ikho into ebadibanisayo:

kaloku bobabini badalwe nguNdikhoyo.

3Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe;

ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.

4Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,

uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

5Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe;

ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.

6Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,

soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

7Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;

nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.

8Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko,

nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.

9Umntu onezinwe uyathamsanqeleka,

kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.

10Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano,

ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.

11Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayo

uyathandwa nditsho nangukumkani.

12Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi;

ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.

13Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!

Ndobulawa ezitalatweni!”

14Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi;

ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.

15Ingqondo yomntwana idla ngokunxaxha,

kodwa ke into emlulekayo luswazi.

16Omnye ucinezela amahlwempu ngeenjongo zokwandisa ubutyebi bakhe,

wumbi anikezele ngezipho kwizinhanha, kodwa bobabini baphelela ebuhlwempini.

Amazwi obulumko

17Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko,

imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho.

18Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho,

ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi.

19Ndikwazisa wona ke namhlanje,

ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo.

20Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu,

ziqulethe ubulumko namacebiso.

21Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso,

utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.

22Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze;

futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.

23Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo,

abaphange abo babaphangayo.

24Musa ukuhlobana nomntu onephuku;

sukuhambisana nonkom' iyahlaba.

25Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka,

nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.

26Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa,

umele ityala lomnye umntu.

27Kaloku xa ungasenako ukuhlawula

uya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo.

28Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala

owamiswa ngookhokho bakho.

29Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani,

akasoze asebenzele abantu abangenagama.

IINDUMISO 48

Isixeko sikaThixo iZiyon

Ingoma; umhobe woonyana bakwaKora.

1*UNdikhoyo mkhulu kakhulu;

masimbonge simdumise,

esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2Ngamalengalenga, ikwayinzwakazi,

izisa imihlali kwihlabathi jikelele.

Ewe, leyo yiNtaba iZiyon.

Emantla emalandalahla

silaph' isixeko sengangalala yokumkani.

3Kanye kwezo zakhiwo zinendili uThixo uzibalule,

yena nqaba ingafikelelwayo.

4Nâzo izikumkani zihlanganisana;

nâzo zidibana zimanyana.

5Kambe zithe zakuyalama, zasuka zamangaliswa,

zasuka zankwantya, zasaba zingabhungisanga.

6Ngoko nangoko zahlaselwa kukungcangcazela,

zatsho zazibhija-bhija njengonenimba.

7Iinqanawa zaseTashishe

wena wazintlitha ngomoya wasempuma.

8Sivile, futhi ngoku sizibonele

esixekweni sikaNdikhoyo uSomandla.

Nditsho isixeko sikaThixo wethu,

isixeko asizinzise unaphakade uThixo.

9Phakathi endlwini yakho, Thixo,

siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.

10Ukudunyiswa kwakho, Thixo,

kukwanjengegama lakho,

kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

Ulawulo lwakho lunobulungisa.

11Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;

mazidlokove izixeko zelakwaJuda.

Kaloku kulungile ukugweba kwakho.

12Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;

zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.

13Ewe, zigqaleni iindonga zayo.

Khanizihlole izakhiwo zayo,

ukuze nibalisele izizukulwana.

14Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.

Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.

IINDUMISO 48XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-