Bible Society of South Africa

To The Word – Day 172

Ecclesiastes 7–12

Itekisi yeBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 7

Amagqabantshintshi ngobulumko

1Igama elihle lilungile

ngaphezu kwamafutha aqholiweyo.

Umhla wokufa ulungile kunomhla wokuzalwa.

2Kungcono uye emzini onesililo kunokuya emzini onetheko,

kuba kaloku ukufa sisiphelo sabantu bonke.

Ngoko ke abantu ngebeyithathela ingqalelo le nto.

3Kubhetele kwaiinzingo kunokuhleka,

kuba ubuso obuthe rhubaxa buyayomeleza intliziyo.

4Intliziyo yesilumko isendlwini yesijwili,

ke intliziyo yesiyatha isendlwini yeziyolo.

5Kulungile ukuva ukukhalinyelwa sisilumko

kunokuphulaphula ukombelelwa sisityhakala.

6Ukuhleka kwesityhakala kufana nqwa nokunqanqaza komlilo wameva phantsi kwembiza.

Nale ke into ngamampunge!

7Isilumko esiphantsi kwezoyikiso silahlekelwa ziingqondo;

umntu onyotywayo wonakala ingqiqo.

8Isiphelo somcimbi sibhetele kunesiqalo sawo.

Umonde ungcono kunekratshi.

9Musa ukukhawuleza ucaphuke ngaphakathi kwakho;

kaloku umsindo yinto yezityhakala.

10Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”

Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

11Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;

bululutho kubo bonke abaphilayo;

12umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.

Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.

13Khawucamngce ngemisebenzi kaThixo:

Ngubani ongayolulayo into ayenze goso?

14Ngamathuba obumnandi yonwaba;

ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.

Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.

15Kobu bomi bam bungamampunge ndizibonile zonke ezi zinto:

Ndibone umntu olungileyo efela ebulungiseni bakhe,

ngokunjalo ndabona nomntu okhohlakeleyo ephila ubomi obude benkohlakalo.

16Ngani ukuba uzenzakalise ngokusuka uzenze uchwenene welungisa,

okanye ingcaphephe yesilumko?

17Ngani ukuba ufe phambi kwexesha lakho ngokusuka ubalasele ngenkohlakalo,

okanye ugqwese ngobutyhakala?

18Bambelela kwezi zinto zombini, kungabikho oyiyekelelayo.

Umntu omoyikayo uThixo uya kuwaphepha omabini la macala.

19Ubulumko bumenza onabo abe namandla

ngaphezu kwabalawuli besixeko abalishumi.

20Emhlabeni akukho mntu ulilungisa

owenza okuhle kuphela angoni.

21Musa ukuphulaphula yonke into ethethwa ngabantu,

hleze ude uve isicaka sakho sikunyemba.

22Kaloku nawe ngokwakho uyazi

ukuba kukaninzi ubanyelisa abanye abantu.

23Ngobulumko bam ndayivavanya yonke le nto, ndaza ndathi:

“Ndizimisele ukuba sisilumko,”

kodwa ke andafikelela kubo.

24Oko kukude kakhulu –

ndithi oko kunzulu gqitha –

ngubani ongaze akubhaqe?

25Ndazinikezela ke ukuba ndiphande ndifune ulwazi,

ukuze ndibuzuze ubulumko bokubhaqa isizekabani sezinto,

ndibuqonde nobutyhakala benkohlakalo nokuphutha kobudenge.

26Ndifumanise ukuba eyona nto ikrakra nangaphezu kokufa ngumfazi oliqili,

ontliziyo inezabatha, ongalo zifana namakhamandela.

Ke yona indoda ekholisa uThixo iyasinda kuye,

kodwa ke yona engumoni uyayibambisa.

27“Khangel' apha,” itsho iNgqondi,

“nantsi into endiyibhaqileyo:

Ndakudibanisa enye nenye ukuze ndicacelwe zizinto –

28lo gama umoya wam wawusaphengulula ndingekafumani nto –

ndibhaqe indoda yanye kwiwaka ethe ngqo,

kodwa yena umfazi onjalo andimfumananga phakathi kwabo bonke.

29Kuphela kwendikufumeneyo kukuba uThixo uluntu waludala luthe ngqo,

kodwa ke abantu basuke bayila ubuqili phezu kobuqili.”

AMAVA ENGQONDI 7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 8

1Yaz'ba ngubani eso silumko singaziqondayo ezi zinto?

Ngubani ongayichazayo intsingiselo yezi zinto?

Kaloku ubulumko buyabuswabulula ubuso bomntu,

atsho ayeke ukumatsheka.

Makathotyelwe ukumkani

2Mna ndithi mthobele ukumkani; kaloku wènze isifungo phambi koThixo. 3Musa ukungxama ukumka kukumkani. Futhi ke sukumela ububi, kuba kaloku yena angenza nantoni na athanda ukuyenza. 4Ekubeni ilizwi lokumkani litshatshele akukho bani unokuthi kuye: “Yintoni le uyenzayo?”

5Lowo ugcina umthetho akayi kuhlelwa bububi;

onobulumko uyakwazi amakakwenze ngexesha elifanelekileyo.

6Kaloku yonke into inexesha layo nendlela emayenziwe ngayo;

kambe buninzi ububi obunokumhlela umntu –

7akazi ukuba kuya kwenzeka ntoni.

Kakade ngubani onokuxela okuya kubakho?

8Umntu akanalo igunya phezu komoya ukuba awuthintele;

akukho bani uyilawulayo imini yokufa kwakhe.

Njengokuba kungekho ukuphuncula emfazweni,

kananjalo inkohlakalo ayibayeki abo bayenzayo.

Inkohlakalo nobulungisa

9Yonke le nto ndiyibone xa bendiphicotha izinto ezenziwa apha phantsi kwelanga – nditsho into yokuba umntu abe negunya phezu komnye, kube buhlungu kuye. 10Ewe, ndibabonile abantu abakhohlakeleyo bengcwatywa, bathi shwaka, kanti ke nâbo bangena bephuma endlwini kaThixo besenza ubulungisa, kwanabo bayalityalwa esixekweni. Ewe, kwanaloo nto ngamampunge!

11Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi. 12Nakuba isikhohlakali singona nakalikhulu, siphile ixesha elide, noko ndiyazi ukuba izinto ziya kuhamba kakuhle kwabo bamoyikayo uThixo, abo bamhlonelayo. 13Phofu ke, ngenxa yokuba izikhohlakali zingamoyiki uThixo, izinto aziyi kuzilungela, nemihla yazo ingòlulwa oku kwesithunzi.

14Ewe, ikho into engamampunge eyenzekayo kweli hlabathi: maxa wambi amalungisa azuza isohlwayo sezikhohlakali, zize zona izikhohlakali zifumane indwe yamalungisa! Ndithi kwanaloo nto ngamampunge! 15Ngoko ke mna ndithi masonwabe, kuba ayikho enye into emfaneleyo umntu apha phantsi kwelanga ngaphandle kokuba atye asele azonwabele. Loo nto ke únokuyenza phakathi kwemizabalazo yakhe kobu bomi abuphiwe nguThixo kulo mhlaba.

16Xa ndandizikisa ukucinga, ndifuna ukubazi ubulumko, ndiqwalasela ukubulaleka komntu kulo mhlaba – nditsho le nto yokuba amehlo akhe angabonani nokulala imini nobusuku – 17ndide ndakubona konke akwenzayo uThixo. Akukho bani onako ukukuqonda okwenzekayo apha phantsi kwelanga; noba selesenza yonke imigudu yokuphengulula akangeze akufumane. Nezilumko noba zingade zithi ziyaqonda, azazi nto tu!

AMAVA ENGQONDI 8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 9

Oko ukwenzayo kwenze ngamandla

1Ke kaloku ndithe ndisakuwuphonononga lo mbandela ndafumanisa ukuba izenzo zamalungisa kunye nezezilumko zisesandleni sikaThixo, phofu kungekho namntu waziyo nokuba ulindelwe luthando okanye ukuthiywa na. 2Abantu bonke isiphelo sabo sinye: amalungisa nezikhohlakali, abalungileyo [nabagwenxa], abahlambulukileyo nabanomlaza, abawenzayo amadini nâbo bangawenziyo. Umntu olungileyo ufaniswa nomoni, nalowo wenza isifungo afaniswe nowoyikayo ukwenza isifungo.

3Ezintweni zonke ezenzeka apha phantsi kwelanga eyona imbi yile yokuba kubo bonke isiphelo sabo sinye. Iintliziyo zoonyana babantu zizele bububi; bubugeza ezintliziyweni zabo lo gama besadla ubomi – ze kuthi kamva baye kwelabafileyo. 4Lowo usaphilayo usenethemba; kaloku nenja esaphilayo ibhetele kunengonyama efileyo. 5Kaloku bona abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kambe ke bona abafileyo abazi nto. Abasajonganga mvuzo, futhi ke sebelityelwe. 6Uthando ndawonye nentiyo yabo, kunye neminqweno, kukonke nje kwafa kunye nabo. Abasoze babuye babe nenxaxheba kwizinto ezenzekayo apha phantsi kwelanga.

7Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko. 8Maxa onke vatha ezimhlophe, nezithambiso zentloko ungaziyeki. 9Hlala ngokonwaba nomfazi wakho omthandayo ngemihla yobomi bakho obungamampunge obunikwe nguThixo kulo mhlaba – nditsho zonke ezo ntsuku zingamampunge – kuba eso kuphela kwesabelo oya kusizuza ngokubulaleka kwakho apha phantsi kwelanga. 10Nawuphi na umsebenzi owubambileyo ngezandla zakho wenze ngamandla akho onke; kuba kaloku akwenziwa nto, akucingwa, kungekho lwazi nabulumko engcwabeni, apho wena uya khona.

11Nantsi enye into endiyibonileyo apha phantsi kwelanga: ezona mbaleki zisenokungaphumeleli elugqatsweni, futhi namagorha avunyiweyo asenokoyiswa edabini. Ewe, izilumko zisenako ukuswela ukutya, kanti ke neengqondi zisenokuphulukana nobutyebi, kwanjengokuba neengcaphephe zisenokuphosana nezikhundla eziphezulu. Kaloku wonke umntu uba namaxesha namathuba akhe.

12Ke yena umntu akazi ukuba ithuba lakhe linini na. Njengentlanzi ebanjiswe ngomnatha ongenalusini, okanye intaka ebhajiswe ngumgibe, nathi bantu sisuka sixinwe yimin' embi esigubungela singayilindelanga.

Ubulumko nobutyhakala

13Apha phantsi kwelanga ndibone omnye umzekelo wobulumko ondenze umdla. 14Kwakukho idolophu ebantu bambalwa. Yahlaselwa yingangamsha yokumkani. Wayingqinga, wayakhela izikanisi ezayame iindonga eziyikhuselayo. 15Kwalapho kuloo dolophu kwakukho umfo olihlwempu, phofu esisilumko, owathi ngobulumko bakhe wayihlangula loo dolophu. Kambe ke akukho mntu wamkhumbulayo loo mfo ulihlwempu. 16Ndaza ndathi ke mna: “Ubulumko bubhetele kunamandla.” Kambe ke ubulumko behlwempu budeliwe, namazwi alo akakhathalelwe.

17Kungcono ukuphulaphula amazwi esilumko esithetha sizolile

kunokuzikhathaza ngokukhwaza komlawuli wezityhakala.

18Ubulumko bubaluleke ngaphezu kwezixhobo zemfazwe,

kambe ke nomoni omnye nje angonakalisa lukhulu kwizinto ebezilungile.

AMAVA ENGQONDI 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 10

1Iimpukane ezifileyo zingasonakalisa isiqholo sitsho sibile sinuke,

ngokunjalo nentwana nje yobutyhakala ingabutshabhisa ubulumko ndawonye nesidima.

2Intliziyo yesilumko isitsho sibe namandla;

kanti ke eyesityhakala isitsho sibe buthathaka.

3Noba isityhakala sesihamba ngendlela, sibonakala kubo bonke ukuba simuncu.

Umntu onjalo uzicacisa nakubani na ukuba usisiyatha.

4Xa ekhathazekile umlawuli wakho musa ukurhoxa esikhundleni sakho –

kaloku kukuzola into ewulungisayo umonakalo.

5Apha phantsi kwelanga kukho ububi endibubonileyo,

impazamo eyenziwa ngophetheyo.

6Izikhundla ezininzi eziphezulu zinikwa izityhakala,

zize ke zona izityebi zinikwe ezisezantsi.

7Ndiwabonile amakhoboka ekhwele amahashe,

kodwa zona izikhulu zibhadaza ngeenyawo ngathi ngamakhoboka.

8Umntu owomba umngxuma usenokweyela kuwo;

otyhoboza eludongeni usenokulunywa yinyoka.

9Umntu owomba amatye usenokwenzakaliswa ngawo,

nocanda iinkuni usenokuba sengozini.

10Xa izembe libuthuntu, lingalolwanga,

kufuneka ubethe ngamandla ngalo.

Kodwa ke bubuchule into enika impumelelo.

11Inyoka kufuneka ilalaniswe ngaphambi kokuba imlume umntu,

kuba xa seyimlumile akusancedi lutho kumlalanisi wayo.

12Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,

ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.

13Siqala ngokulavuza,

size sigqibele sesiwanqa impambano.

14Ewe, isityhakala sithetha singayeki.

Akukho mntu uyaziyo into eza kwehla,

kungekho namntu unokuyixela into eya kwenzeka kamva.

15Umntu ongenangqondo uzidinisa ngomsebenzi,

aze ke akhohlwe nayindlela egodukayo isiya esixekweni.

16Mawoo kwilizwe elikumkani ebesakuba likhoboka,

elimatshawe enza amatheko kusekusasa.

17Kambe ke linoyolo ilizwe elikumkani uzalwa zizikhulu,

elimatshawe atya ngexesha elililo, efuna amandla, ingekuko ukunxila.

18Ngobuvila iyawa imiqadi;

kozandla ziqhokriweyo indlu iyanetha.

19Isidlo simenza onwabe umntu,

ke yona iwayini iyabudlamkisa ubomi;

kambe ke kuyo yonke into yimali ethethayo.

20Ungaze umnyembe ukumkani, nditsho nangeengcinga;

nesityebi sukusinyelisa, noba sewusesililini sakho,

hleze kubekho ntakazana iphuma namazwi akho,

into enamaphiko iyixele loo ntetho.

AMAVA ENGQONDI 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 11

Amacebo empumelelo

1Kusebenzise oko unako;

ngokuhamba kwexesha uya kufumana inzuzo.

2Indyebo yakho yigcinise kwiindawo ezisixhenxe –

ewe, noba zide zasibhozo –

kuba kaloku akuyazi intlekele enokulihlela ihlabathi.

3Amafu xa anemvula ayithulula emhlabeni;

noba umthi uwela ngasezantsi okanye ngasentla,

kodwa uhlala uthi ncwaba kuloo ndawo uwe kuyo.

4Ukuba ujonge imo ethile yezulu soze ulime;

kanti ke ukuba uqwalasela amafu soze uvune.

5Njengoko ungayazi indlela yomoya,

ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,

kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.

6Imbewu yihlwayele kusasa,

nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho.

Kaloku akuyazi eya kuphumelela:

isenokuba yile okanye leya,

ukanti zisenokuphumelela zombini.

7Kuyanambitheka ukukhanya;

kulungile emehlweni ukulibona ilanga.

8Yixhamle ngokobungakanani bayo iminyaka yokudla kwakho ubomi,

ukhumbule ukuba imihla yobumnyama xa ungasekhoyo iya kuba mininzi.

Ewe, yonke into ezayo ingamampunge.

Icebiso kulutsha

9Wena mntu osemtsha, yonwaba ngethuba lobutsha bakho,

intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula.

Yenze loo nto isentliziyweni yakho,

nditsho leyo ibonwa ngamehlo akho,

kambe ke ukhumbule ukuba uza kuziphendulela enkundleni kaThixo ngayo yonke into oyenzileyo.

10Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,

ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.

Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.

AMAVA ENGQONDI 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 12

1Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,

ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,

ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.”

2Ngelo thuba ke ukukhanya kwelanga, inyanga, neenkwenkwezi, kosuka kufiphale kuwe,

nezulu lihlale lisibekele ngathi kungemva kwemvula.

3Iingalo zakho ebezikukhusela ziya kuba nomkhinkqi;

ngokunjalo nale milenze yakho yomeleleyo okwangoku iya kuba nengevane.

Uya kuba ungasenako ukuhlafuna, kuba amazinyo embalwa,

namehlo selemfiliba, ungasaboni kakuhle.

4Iindlebe ziya kuba sezixinene, ungabi sayiva nengxolo esesitalatweni,

nditsho nesandi selitye lokusila.

Uya kuvuka kusasa zisantyiloza iintaka,

noxa kungasekho nayiphi na ingoma onokuyiva.

5Ngelo xesha uya kuzoyika iindawo eziphakamileyo,

ngokunjalo uziphephe iingozi ezitalatweni.

Iinwele zakho zosuka zibe mhlophe oku kom-amangile otyatyambileyo,

nasekuhambeni ungabi nako nokuzirhuqa oku,

ke yona iminqweno ingabi nako ukuvuseleleka.

Kaloku umntu uhlalelwe kukuhamba

aye ekhayeni lakhe laphakade,

abazili behle benyuka ezitalatweni.

6Ewe kaloku, umxokelelwana wesiliva uya kushunquka,

nesibane segolide siwe saphuke;

ukanti ke nentambo phaya equleni iya kuqhawuka,

nomphanda utsho ukroboke.

7Ke lona uthuli lwethu luya kubuyela emhlabeni, apho lwaluvele khona kakade,

umoya ubuyele kuThixo njengoko wawuvela kuye.

8Ewe, itsho iNgqondi ukuthi: “Ngamampunge akwampunge! Yonke into ngamampunge!”

Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe

9Ke yona iNgqondi le ayibugcinanga nje ubulumko bayo, koko yathi rhoqo ukubaphakela abantu kubo. Yazikisa ukucinga, yenza uphando, yayila izafobe ezininzi. 10INgqondi yazimisela ukufumana awona mazwi achanekileyo, inyaniso iyidandalazise njengoko injalo.

11Amazwi ezilumko abukhali oku kwentonga enodalo, kanti ke yona ingqokelela yezafobe itshona lè oku kwesikhonkwane. Zizonke nje zivela kuThixo onguyena Malusi wethu sonke.

12Ngaphezu koko, lutsha, nasi isilumkiso: Ukubhala iincwadi ezininzi yinto engaphele ndawo, kanti ke nokusoloko ufunda kuyawuqoba umzimba.

13Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye. 14Kaloku uThixo usaza kusimisa enkundleni ngenxa yazo zonke izinto esizenzayo, ngokunjalo nezo zifihlakeleyo, nokuba zilungile, nokuba zimbi.

AMAVA ENGQONDI 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-