Bible Society of South Africa

To The Word – Day 168

Job 34–37, Proverbs 21

Itekisi yeBhayibhile

UYOBI 34

UElihu: UThixo akayenzi inkohlakalo

1Ke uElihu utyatyadule wenjenje:

2“Hoyina, nani nina zilumko;

khanibek' iindlebe, nani zingqondi!

3Ukutya kungcanyulwa lulwimi,

ke yona intetho iviwa ziindlebe.

4Makhe sikhethe oko kulungileyo;

ewe, masiphicothe oko kufanelekileyo.

5“Kaloku uYobi uthi: ‘Ndimsulwa,

kodwa uThixo undivimb' ubulungisa.

6Nangona ndinyanisekile, ndiphathwa okwexoki;

nangona ndingenatyala, utolo lwakhe lundingxwelerhile.’

7Wakha wakho phi ofana noYobi lo,

osoloko ehlalele ukuphoxisa,

8umnt' osoloko ethene mbende nabenzi bobubi,

ohlal' eqhogene nezikhohlakali?

9Kaloku yena uthi:

‘Akumncedi lutho umntu

ukuzimisela ukukholisa uThixo.’

10“Kambe ke ndiphulaphuleni, zingqondi:

kukude lé kuThixo ukwenza ububi,

kuSomandla ukwenza ubugwenxa.

11Kuye umntu uvuna loo nto ayilimileyo;

umntu umphatha ngokwehambo yakhe.

12Hayi bo, uThixo akayenzi inkohlakalo;

uSomandla akabugqwethi ubulungisa.

13Kakade ngubani owammiselayo ukuba alawule ihlabathi?

Ngubani owambeka ukuba alongamele lonke elimiweyo?

14Xa ebenokusuka azimisele

awunqamle umoya wakhe nempefumlelo yakhe

15konke okuphilayo kungasuka kutshabalale,

noluntu lonke lubuyele kwaseluthulini.

16“Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!

Bek' iindlebe ndithethe.

17Umchasi-mthetho angalawula njani?

Ke wena ungamgweba njani uThixo

eyingangalala yelungisa nje?

18Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’

aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’

19UThixo akakhethi buso nakumatshawe;

nesityebi akasilungiseleli ngaphezu kwehlwempu;

kaloku bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.

20Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;

bayagungqiswa abantu, bafe;

kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.

21“Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;

uwabona onke amanyathelo abo.

22Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyama

apho abenzi bobubi bangazifihla khona.

23KuThixo akuyomfuneko ukubancwina ngakumbi abantu

xenikweni ebasa ematyaleni.

24KuThixo akukho mfuneko yaluphando

xa abakhiqayo abasezintanjeni,

aze amisele abanye ezikhundleni zabo.

25Kaloku uyazazi izenzo zabo;

ubabhukuqa ngobusuku babhange.

26Xa sukuba ebohlwaya ngenxa yobugwenxa babo,

loo nto uyenza esidlangalaleni.

27Andithi na kaloku basuke bakreqa,

ababi sazikhathalela iindlela zakhe?

28Ohlelelekileyo bamtsho wazibika kuThixo,

waza ke yena wasiva isikhalo sabasweleyo.

29Xa athe cwaka ngubani ongamgwebayo?

Naxa efihle ubuso bakhe ngubani ongambonayo?

Nguye ngokwakhe olawula uluntu nezizwe,

30ukuze athintele isikhohlakali ekulawuleni,

singababekeli umgibe abantu.

31“Ukuba ngaba umntu ebenokuthi kuThixo:

‘Ndikuvukele, kodwa andiyi kuphinda ndone.

32Ndifundise oko ndingenako ukukubona.

Ukuba ndenze ubugwenxa andisayi kuphinda ndenjenjalo.’

33Ngaba uThixo uthi useza kumohlwaya

ngenxa yokumvukela kwakhe?

Zikhethele ngokwakho, ingabi ndim.

Into oyaziyo yithethe.

34“Kambe ke iingqondi zosuka zithi,

ewe, izilumko zona zingathi:

35‘UYobi uthethiswa kukungazi;

ewe, akathethi, koko uyabhibhidla.’

36Akwaba uYobi ebenokucikidwa ngokupheleleyo,

kuba impendulo yakhe ifana neyendoda ekhohlakeleyo.

37Ewe, esi sono sakhe uyasandisa,

kuba kaloku usuka adlongozele,

aqhwabe ngolunya izandla zakhe phakathi kwethu,

atheth' umlembelele ngoThixo.”

UYOBI 35

UElihu: Ùthetha amampunge

1UElihu uqhube wathi:

2“Ucinga ukuba bubulungisa na obu?

Kaloku uthi: ‘Ndiya kugwetyelwa nguThixo.’

3Kanti ubhekisa kuThixo usithi:

‘Khon' ukuba ndonile ke?

Kundinceda ngani ukungoni?’

4“Ke ngoku mna ndiza kukuphendula,

wena ngokunjalo nabahlobo bakho.

5Khawuqethuke ujonge amazulu,

uwabone la mafu aphezu kwakho.

6Noba uyona awumchukumisi nganto uThixo;

ewe, awumenzi nto noba ungade uphinda-phinde!

7Ukulungisa kwakho kumnceda ngantoni ke?

Ewe, uThixo akazuzi nto esandleni sakho.

8Ukona kwakho kuphazamisa kwa-abantu,

nokulungisa kwakho kunceda kwabona.

9“Abantu bayakhala ngenxa yobuninzi bengcinezelo;

balangazelela ukukhululeka kwisandla sabanamandla.

10Kodwa yinqaba ukubhenela kuThixo uMdali wabo

ozisa ithemba xa sukuba lixubayele.

11Nguye osinika ulwazi kunezilwanyana;

yena usenza silumke kuneentaka.

12Abantu noba sebekhala, uThixo akaphenduli,

kuba abakhohlakeleyo bathiwe lwale likratshi.

13Inene, uThixo akangeke awaphulaphule amampunge;

uSomandla akawasi so tu.

14Kunjalo maxa usithi akumboni uThixo,

usithi umcimbi wakho uphambi kwakhe,

usithi ulinde yena,

15naxa uthi uThixo akacaphuki ohlwaye,

usithi akasihoyi isono.

16Ke uYobi uthetha amampunge,

wenza umlembelele engenalwazi.”

UYOBI 36

UElihu: Jonga imimangaliso kaThixo

1UElihu uqhube wathi:

2“Kambe ke khawundinyamezele kancinci,

kuba kusekho ekufuneka ndikuthethe ndimele uThixo.

3Olwam ulwazi luvela kude;

lucacisa ukuba uThixo, uMdali wam, lilungisa.

4Kaloku akukho buxoki kula mazwi am –

ophakathi kwenu unolwazi olugqibeleleyo.

5UThixo womelele, kodwa akadeleli mntu;

unamandla, nolwazi lwakhe alugungqi.

6Izikhohlakali akaziyeki zidle ubomi,

kodwa uyabazelelela abo bahlelelekileyo.

7Akawasusi amehlo akhe kumalungisa.

Nguye obeka ookumkani ezihlalweni,

abanye abayeke apho ixesha elide.

Kodwa ukuba bayaziphakamisa

8bakhonkxwa ngamatyathanga,

bebanjiwe ngezintya zeentlupheko.

9UThixo ubatyhilela izenzo zabo,

esalatha izikreqo zabo xa babeziphakamisa.

10Kaloku yena ubenza balulamele ululeko;

ubayalela ukuba bahlukane nobugwenxa.

11Ukuba ke bayamva bemthobela uThixo,

boyigqiba imihla yabo bexhamla indyebo,

neminyaka yabo ibe yeyokwaneliseka.

12Kambe ke xa bengeva baya kutshabalala ngekrele,

bafe ngenxa yokuswela kwabo ulwazi.

13“Abantliziyo zingenaThixo bazongezelela ingqumbo yakhe;

abazibiki kuye naxa bekhonkxiwe.

14Bona bafa besebatsha,

bexhwalekile ngamahlazo abahlala kuwo.

15Kambe uThixo uyabafundisa abantu nangehambo-nzima;

ubavula iindlebe ngokusebenzisa nembandezelo.

16“Nawe wakukhupha enkathazweni,

wakutsho waxhamla intlala-kahle,

usitya uhlutha, ungaswele nto.

17Kodwa ngoku isohlwayo esifanele abakhohlakeleyo siphezu kwakho;

ukugwetywa nokohlwaywa kukufikele.

18Lumka ke umsindo wakho ungawenzi umgibe wokubambisa abanye,

ungazimiseli ukusebenzisa ukunyoba okukhulu ukuguqula imeko.

19Ngaba kukubhomboloza kwakho na okunokukunceda?

Hayi bo, yonke imigudu yakho ayingeke incede.

20Sukulangazelela ukuza kobusuku,

xesha elo batshabalala ngalo abantu.

21Lumka ungayi ebubini;

ungazilahleli kubo ngenxa yokubandezeleka.

22Kaloku uThixo yimbalasane ngamandla;

ke kumba wokufundisa uyingcungela.

23UThixo akaxelelwa mntu amakakwenze;

ngubani onokuthi kuye: ‘Wenze okugwenxa’?

24Khumbula uwuphakamise umsebenzi wakhe,

lowo abantu bawubongayo ngeengoma.

25Bonke abantu bayayibona imisebenzi yakhe,

noxa beyibona bekude nje.

26Hayi ukuba mkhulu kukaThixo!

Uyiphakamele ingqiqo yethu;

inani leminyaka yakhe aligocagoceki.

27“Nguye ofunxa amanzi emhlabeni,

awajike awenze amathontsi emvula,

28mvula leyo ina iphuma emafini,

ibe zizandyondyo kumntu wonke.

29Ngubani okuqondayo ukuhamba kwamafu,

nokuzongoma kweendudumo ezulwini phaya?

30Yena utshawuzisa umbane esibhakabhakeni;

nguye ogubungela inzonzobila yolwandle.

31Le yindlela aluxhasa ngayo uluntu,

aluthi jize ngendyikityha yendyebo.

32Ke yona imibane iselulawulweni lwesandla sakhe;

uyayiyalela itsho ichan' ucwethe.

33Kambe ke sona isiphango sixelwa ziindudumo,

nditsho neenkomo ziyakwazi ukuza kwaso.”

UYOBI 37

1“Kuthi ke kwakuba njalo isuke igubhe intliziyo yam, ixhume endaweni yayo.

2Khanikuve ukuzongoma kwelizwi lakhe,

niphulaphule ukungqokola okuphuma emlonyeni wakhe.

3Utshawuzisa imibane esibhakabhakeni,

ayithumele eziphelweni zehlabathi.

4Ikhatshwa kukududuma kwelizwi lakhe,

lizongoma ngezwi lobungangamsha bakhe.

Xa avakalisa izwi lakhe

kuba zizabhokhwe zombane ezingathintelekiyo.

5Ewe, uThixo wenza imimangaliso ngezwi lakhe,

utsho ngezinto ezinkulu esingenako ukuziqonda.

6Uthi kwikhephu: ‘Yiwa emhlabeni;’

kwimikhwitsho yemvula athi: ‘Yenza izandyondyo zomvimbi.’

7Ke bona abantu batsho bayeke ukusebenza;

kaloku ngoku nguye osebenzayo.

8Iinyamakazi zitsho zingene emingxunyeni yazo,

zizimele apho ezikhundleni zazo.

9Iinkqwithela ziphuma endaweni yazo,

imimoya enamandla ize nengqele.

10UThixo uthi angaphefumla amanzi atsho abe ngumkhenkce,

ububanzi bawo buqine bukhenkcezeke.

11Kanti wona amafu uwahlohl' ukufuma,

aze awahlwayele imibane.

12Kaloku nguThixo owalawulayo,

atsho enze eyakhe imiyalelo kulo lonke elimiweyo.

13Unethisa imvula emhlabeni;

kanti isenokuba sisibetho ebantwini,

kwanjengokuba isenokuba ngumqondiso wothando lwakhe.

14“Yobi, khawunqumame wondele,

ujonge imimangaliso kaThixo.

15Uyakwazi ukuhamba komyalelo kaThixo,

esithi umbane mawulenyeze emafini?

16Amafu la uthi ajinga kanjani esibhaka-bhakeni,

into emangalisayo engumsebenzi walowo unolwazi olugqibeleleyo?

17Uxakwa nje kukuzikhusela ngezambatho kwifuthe lolophu,

18ungathini ukufuna ukubambisana naye xa atwabulula isibhakabhaka,

esenza somelele okwesipili esityhidiweyo?

19“Khawutsho, uthi masithini ke kuThixo?

Kaloku kumnyama kuthi;

asinamhlaba wakuziphendulela!

20Uthi masicele ukuthetha naye!

Ngubani ongazibizela intshabalalo?

21Bekungekho bani unako ukubona ukukhanya;

ukuqaqamba kwako bekusithwe ngamafu,

kodwa kwakudlula umoya, kuthi qwenge.

22Emantla phaya ukukhanya busabugoliderha;

isihomo sikaThixo sisitsho sinkwantye ke thina.

23Amandla akhe amtsho angafikeleleki;

usulungekile, ebalasele ngobulungisa;

akukho bani amcinezelayo.

24Ngenxa yaloo nto ke, abantu bayamhlonela;

kambe ke zona izindwebi akazikhathalele.”

IZAFOBE 21

1Ingqondo kakumkani isesandleni sikaNdikhoyo;

uyilawula ngokuthanda kwakhe, ngathi kukuhamba komlambo.

2Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,

kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

3Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo

kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

4Amehlo azigwagwisayo nentliziyo ezidlayo,

nditsho isibane sezikhohlakali, sisono.

5Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo,

kodwa ke yena umntu otyhuthuzayo uzibizela ubuhlwempu.

6Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,

futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.

7Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,

kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.

8Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,

kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.

9Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,

ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

10Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;

ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.

11Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;

sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.

12UThixo olilungisa uyazazi izinto ezenzeka kwimizi yabantu abakhohlakeleyo,

yaye ke eya kuzibhangisa izikhohlakali ngenxa yobubi bazo.

13Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibika

naye akayi kuhoywa xa esengxakini.

14Isipho umntu asinikwa ngasese sithomalalisa umsindo;

ewe, isicengo esigushiweyo sithothisa ingqumbo.

15Umntu olungileyo uyavuya xa izinto ziqhutywa ngokusemthethweni,

kambe ke abenzi bobubi baya kunkwantya.

16Umntu obhadulayo, emke kwiindlela zengqiqo,

uzifumanisa selekwisikhungu sabafileyo.

17Umntu othanda iziyolo uya kuba lihlwempu;

kanti ke yena umntu othanda iwayini namafutha omnquma soze abe sisityebi.

18Kulula ukuncama umntu okhohlakeleyo ngenxa yolungileyo,

othembekileyo athathe isikhundla songathembekanga.

19Kubhetele ube lilolo entlango,

kunokuhlala nomfazi onochuku okhalazayo.

20Endlwini yesilumko kusoloko kukho ubuncwane namafutha omnquma,

kodwa sona isiyatha sizavaza konke.

21Umntu oxunela ubulungisa nenceba

ufumana ubomi nobulungisa nodumo.

22Isilumko siqabela ngaphaya kweendonga zesixeko samagorha,

siyidilize inqaba athembele kuyo.

23Lowo uwubambayo umlomo wakhe nolwimi lwakhe

ukhusela ubomi bakhe kwiinkxwaleko.

24Umntu ozigwagwisayo enendelelo kuthiwa ngumgxeki –

usisityhuthu-tyhuthu esingakhathalele mntu.

25Ivila elingafuni kusebenza lizibulala ngokwalo;

kaloku izandla zalo ziqhokriwe ekusebenzeni.

26Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;

kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

27Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka,

ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.

28Ingqina elixokayo liyabhanga;

kanti ke lona ilizwi lomntu onyanisekileyo lihlala lihleli.

29Umntu okhohlakeleyo unobuganga bokuzicingela ukuba uyayazi into ayenzayo,

onyanisekileyo uyayicingisisa ihambo yakhe.

30Ubulumko nengqondo kunye namacebo omntu

akanakumelana nentando kaNdikhoyo.

31Amahashe angayiqeqeshelwa imfazwe,

kodwa nguNdikhoyo onika uloyiso.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-