Bible Society of South Africa

To The Word – Day 164

Job 15–17, Romans 11–13

Itekisi yeBhayibhile

UYOBI 15

UElifazi: Kutheni ukuba uvukelane noThixo?

1Ke uElifazi waseTeman waphendula wathi:

2“Uthi isilumko singaze sitsho ngembudede enje?

Singathi kanti sihlalele ukubhodla umoya wasempuma?

3Wawusibona phi isilumko esibhibhidla kanje xa sixoxayo,

esisuka sizithethelele ngamazwi ayimfeketho njengawe lo?

4Wena ngoku uyakuphuthisa ukuthobela uThixo;

ngale ndlela yakho akukho bani ongaphinda anxulumane noThixo.

5Ukuthetha kwakho sekulawulwa bubugwenxa;

ulwimi lwakho luvuza amaqhinga.

6Wena awugwetywa nandim, koko ngumlomo wakho,

ngamazwi akho kanye akugwebayo.

7“Nguwe na umntu wokuqala ukuzalwa?

Ngaba wavela kungekabikho neentaba ezi?

8Ngaba wawukho kwigqugula likaThixo?

Ngani ke ukuba ububange kangaka ubulumko?

9Zinto zini ezi zaziwa nguwe wedwa singazaziyo thina?

Ngaba kukho izinto eziyintsonkotha ezicace kuwe wedwa?

10Thina sineengwevu namadoda amakhulu,

amadala nditsho nakuyihlo.

11Kutheni ukuba unganeli yintuthuzelo kaThixo,

okanye ngala mazwi sikubongoza ngawo?

12Yintoni le ikulahlekisa kangaka?

Atshawuziswa yintoni amehlo akho?

13Kutheni ukuba uvukelane noThixo,

ude uthethe amazwi anje?

14“Nguwuphi umntu ongade abe nyulu,

ingubani kwabazelweyo ngabafazi ongafumaneka engenatyala?

15Khumbula kaloku ukuba uThixo akathembanga nditsho neengcwele zakhe zasezulwini;

ewe, nezulu ngokwalo alikho nyulu emehlweni akhe.

16Ubeka phi ke yena umntu eyinto elisikizi ephuthileyo nje?

Kuxa engubani esela uluchwe lobubi nje oku kwamanzi?

17“Khawuphulaphule ndikhe ndikuxelele,

ndikwazise izinto endizibonileyo.

18Nditsho ezo zaxelwayo zizilumko

njengoko zona zingafihlelwanga ngamanyange.

19Kaloku wona eli lizwe alinikwa laba lelawo odwa

kungekho maveza-ndlebe.

20Isikhohlakali sihlala sibhinyalaza singcungcutheka yonke imihla yaso;

ewe, bunjalo ke bonke ubomi bomntu ongqwabalala!

21Kaloku sisoloko sisothuswa yingxolo esezindlebeni zaso;

size sihlaselwe xa sizicingela ukuba sikhuselekile.

22Asinathemba lakuphuncula ebumnyameni

kuba sihleli silindelwe likrele.

23Kaloku lo mntu usesichengeni sokuba kukutya kwamaxhalanga;

uqonda kakuhle ukuba yintshabalalo ngaphambili.

24Usuka onganyelwe yinkxwaleko nomva-ndedwa,

kanye oku kokumkani esiya kuhlasela.

25Kaloku yena usolulele kuThixo isandla sakhe,

wazenza igorha kuSomandla,

26emhlasela engakhathalele,

ephethe elo khaka lakhe elingqingqwa.

27“Noxa ubuso bakhe bugutyungelwe ngamanqatha,

nemihlubulo yakhe ivuthelene kukutyeba,

28izixeko zakhe ziya kuba ngamanxuwa;

indlu yakhe ilil' ibhungane;

ngokukhawuleza iza kuba ngamabhodlo nje.

29Ewe, uya kuphelelwa kukuba sisityebi, ize nendyebo yakhe ibhange,

nditsho nenzuzo yakhe ingabi sabakho kulo lonke ilizwe.

30Akayi kubuphepha ubumnyama bokufa.

Ihlumelo lakhe liya kurhawulwa lilangatye,

amazwi akhe aphephetheke nomoya.

31Makangazikhohlisi aqamele ngamampunge,

kuba inzuzo yakhe iya kuba lilize.

32Uya kutshazwa phambi kwexesha,

amagqabi angaze abe luhlaza.

33Uya kufana nomdiliya ovuthuluke iziqhamo ziseluhlaza,

nqwa nomnquma ovuthuluke iintyatyambo.

34Lonke elo qela labangamnquliyo uThixo aliyi kuba nanto,

nemizi yabo eyakhiwe ngezinyobo iya kuvuthululwa ngumlilo.

35Kaloku bakhawula ububi, bazale uqhushululu,

inzala yabo ibe yinkohliso.”

UYOBI 16

UYobi: Ukho ongakum ondithethelayo kweliphezulu

1Ke uYobi waphendula wenjenje:

2“Zonke ezi zinto nindixelela zona sendikhe ndaziva ngaphambili;

inene, xa ninonke ningabathuthuzeli abangento.

3Ngaba le ntshwaqane yenu ayinasiphelo?

Nomelezwa yintoni kangaka engxoxweni?

4Nam bendingathethayo ngolo hlobo xa ibinini abakule meko ndikuyo;

bendiya kuthetha nani ndimana ndichan' amagama,

ndide ndimane ndihlunguzela intloko.

5Bendiya kunomeleza ngamacebiso,

ndinithuthuzele ngamazwi alalanisayo.

6“Kambe ke, nokuba ndiyathetha, intlungu le ayisuki;

kanti ke nokuba ndithule, kusafana.

7Hayi ke, ngoku uThixo undiqobile;

usapho lwam uluvuthulule bhuqe!

8Ndifunyenwe nguye, kwaza oko kwaba bubungqina bokundityhola;

ukonakala komzimba wam bubungqina obundidobelelayo.

9Ngale ngqumbo yakhe undiqwengile wandenzakalisa;

undisinekele ngaloo mazinyo akhe;

yena mchasi wam uyandijamela.

10Abantu bathetha ngam bendigxeka;

bandimpakaza esidleleni ngengcikivo,

bebonke badibana ngokundichasa.

11UThixo undiyekele ngezaphula-mthetho,

wandinikela ezandleni zezikhohlakali.

12Mna bendingacingele nto, suka ke yena wandintlekeza,

wandibamba ngobhongwana, wandiqwenga.

Ewe, mna sendiyeyona nto ajolise kuyo.

13Abeentolo bakhe bandirhawule;

undincule izintso engenalusini,

wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.

14Undingxwelerhe wada wandiqusha;

ufunzela kum okwejoni.

15“Ngoku sendithe wambu ezokuzila;

uphondo lwam luseluthulini.

16Sendilile ndada ndambatsha;

ke wona amehlo am ade af' amnyama.

17Kambe ke phofu mna andinabundlongo-ndlongo,

nomthandazo wam kuThixo awunakumbi.

18“Yini na, mhlaba!

Sukulingcwab' igazi lam!

Isikhalo sam masivakale!

19Kaloku nangoku ingqina lam lisemazulwini;

ewe, ukho ongakum ondithethelelayo kweliphezulu.

20Sendiyintlekisa nakwizihlobo zam;

ke iinyembezi zam ndiziphalaza phambi koThixo.

21Akwaba ebenokulamla phakathi komntu noThixo

njengoko ebakho umlamli phakathi komntu nomhlobo wakhe!

22Kuba kaloku akuseminyaka mingaphi ndithathe uhambo olungabuyiyo.”

UYOBI 17

UYobi: Akukho themba kwelabafileyo

1“Umoya wam wonakele, nemihla yam iphelile;

ngoku sending'ong'ozelwe lingcwaba.

2Inene, ngapha nangapha ndiphahlwe ngabandigculelayo;

ewe, ndijongene nentiyo yabo.

3“Nceda, Thixo, undibekele isibambiso.

Kakade ke ibingubani omnye ongandikhuselayo?

4Kaloku iingqiqo zabo uzithe lwale ngokungaqondi;

ngoko ke mabangandoyisi.

5Kaloku umntu ongcothoza izihlobo zakhe ngenxa yenzuzo,

abantwana bakhe baya kufa amehlo.

6“Undenze ndaba ngundaba-mlonyeni kubantu bonke,

into etshicelwa ebusweni.

7Ngenxa yeenzingo amehlo am selede anorhatyazo;

sendide ndayingcadalala ephephukayo.

8Abo banyanisekileyo ke bamangalisiwe;

ewe, abamsulwa bayakhathazeka ngenxa yabachasene noThixo.

9Olilungisa ubambelele nkqi endleleni yakhe,

ngokunjalo ke nabo bazandla zimsulwa baya besomelela ngokomelela.

10“Kambe ke, noba niyaphinda nibuye xa ninonke,

andiyi kufumana nasinye isilumko apho phakathi kwenu.

11Imihla yam iphelile, namacebo am achithakele,

ngokunjalo neminqweno yam ivuthulukile.

12Ubusuku bathi yimini;

kanti xa kuhlwayo bathi sekuza kusa.

13Uthi ke, xa ndingasuka ndithi elabafileyo likhaya lam,

ndize ndizandlalele kwamnyama-ndawo,

14okanye ke, xa ndinokuthi ingcwaba ngubawo,

ndize ndithi iimpethu ngumama nodade wethu:

15liphi ke ithemba lam,

ingubani khona onokundibonelela?

16Ngaba bendinokuhla nalo na ndiye emasangweni elabafileyo?

Bendinokuhla nalo na, ndiye kuphumla nalo eluthulini?”

KWABASEROMA 11

Uhlanga lwamaSirayeli alulahlwanga kwaphela

1Ngaba uThixo ubalahlile na abantu bakhe amaSirayeli? Nakanye! Nam ngokwam ndingumSirayeli, ndiyinzala ka-Abraham, ndingowendlu kaBhenjamin. 2UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi: 3“Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.” 4Limphendula njani ke ilizwi likaThixo? Lithi: “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe angamnqulanga *uBhali.” 5Kanti nangoku ke kukwanjalo. Lisekho iqaqobana elichongwe nguThixo ngokwesisa sakhe. 6Lona lachongwa nguThixo ngokwesisa sakhe, elibabala, engalinyuli ngenxa yezenzo zalo. Kaloku ukuba uThixo wayenyula abantu ngokwezenzo zabo, isisa sakhe asingebi saba sisisa.

7Kúthiweni ke ngoko? Makuthiwe amaSirayeli akayifumananga into awayeyizondelele. Kodwa iqaqobana elichongwe nguThixo layifumana, aza ke wona amanye aqaqadekiswa, 8njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “UThixo ubenze badengeka, baza àbabona ngamehlo, àbeva ngeendlebe; ibe ke unangoku basenjalo.” 9UDavide naye uthi:

“Mababanjwe, bavingcelwe kumatheko abo;

mabakhubeke, beve impindezelo.

10Mabamfanyekiswe, bangaboni,

babandezeleke maxa onke.”

11Ngaba isiwo samaSirayeli sawazisela intshabalalo? Nakanye! Kwathi ngesi siwo sawo usindiso lwazifikela iintlanga, khon' ukuze ziwavusele ikhwele. 12Esi siphoso samaSirayeli saluphathela intaphane yeentsikelelo uluntu; ngoko ke ukoyisakala kwawo kwaba yinzuzo enkulu ezintlangeni. Zobeka phi na ke ukusikeleleka iintlanga akuba amaSirayeli ezinikele ngokupheleleyo kuThixo!

Ukusindiswa kweentlanga

13Ngoku mandithethe nani, zintlanga. Okunene ekubeni mna ndingulowo *uthunywe kuzo iintlanga, ndizimisele ukuwenza ubalasele umsebenzi wam, 14ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo. 15Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!

16Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele. 17Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma. 18Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!

19Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.” 20Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika. 21Engawasindisanga nje kaloku uThixo amasebe omthi endalo, angákusindisa njani wena?

22Khawukhangele ke ububele nobungqongqo bukaThixo! Okunene úngqongqo kwabo bonayo, kodwa kuwe únobubele, ukuba ùthe wahlala kobu bubele. Kodwa kungenjalo wogawulwa nawe ngokwakho! 23Nawo ke amaSirayeli, ukuba ayahlukana nalo eli phike lawo lokungakholwa, omiliselwa kwakhona. Kaloku uThixo unako ukubuya awamilisele. 24Nina zintlanga nikhiwe kumnquma wasendle, naza nathi ngokunxamnye nemvelo namiliselwa kumnquma otyaliweyo. NgamaSirayeli kaloku amasebe omnquma otyaliweyo. Ngenxa yaloo nto ke kulula kuThixo ukuwamilisela kwakuloo mnquma.

UThixo unenceba kubo bonke

25Mawethu, andithandi ukuba ningayazi le mfihlakalo, hleze nizicingele ukuba niziingqondi, le yokuba inxalenye yamaSirayeli yoqaqadeka lide inani elizeleyo leentlanga liphelele. 26Kwakuba kunjalo ke xa ewonke uSirayeli uya kusindiswa, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:

“Uya kuvela *eZiyon uMsindisi,

akuphelise kwindlu kaYakobi ukungahloneli-Thixo;

27nguwo lo ke umnqophiso wam nabo,

mhla ndothi ndizicime izono zabo.”

28Ngokuzichasa iindaba ezimnandi amaSirayeli aziintshaba zikaThixo, nto leyo inincedayo ke nina zintlanga. Kodwa ke ngokonyulo lukaThixo aziintanda zakhe ngenxa *yamanyange. 29Kaloku uThixo akalujiki ubizo lwakhe, engazisoli nangezibabalo zakhe. 30Nina ke zintlanga benifudula ningamthobeli uThixo, kodwa ngoku nenzelwe inceba ngenxa yokungamthobeli kwamaSirayeli. 31Kwangokunjalo namaSirayeli akamthobeli ngoku uThixo, ngenxa yenceba eniyenzelweyo nina, ukuze kamva enzelwe inceba nawo. 32Kaloku uThixo wabaquka bonke abantu ekungamthobelini, ukuze abenzele inceba xa bebonke.

Makabongwe uThixo

33Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe! 34Kanene:

“Ngubani na owakha wayazi ingqiqo yeNkosi,

ingubani na owakha waba ngumcebisi wayo?

35Ngubani khona owakha wayiboleka nto,

waza wabuyekezwa ngayo?”

36Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! *Amen.

KWABASEROMA 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 12

Ihambo yomKrestu

1Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo. 2Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.

3Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo. 4Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, 5ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. 6Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo. 7Ukuba sinesiphiwo sokukhonza abanye, masizingise ekukhonzeni. Ukuba sinesiphiwo sokufundisa, masifundise kangangoko sinako. 8Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.

9Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo. 10Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko. 11Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi. 12Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki. 13Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.

14Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. 15Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. 16Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

17Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke. 18Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke. 19Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.” 20Kaloku iziBhalo zikwatsho nokuthi: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe into etyiwayo; ukuba lunxaniwe, luphe into eselwayo; kuba ngokwenjenjalo ke, woba uluvisa udano, khon' ukuze luguquke.” 21Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

KWABASEROMA 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 13

Ukuthobela abasemagunyeni

1Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo. 2Ngoko ke, ochasene namagunya uphikisa ummiselo kaThixo; yaye ke wonke umntu owenza loo nto uzibizela ukugwetywa. 3Kaloku abaphathi aba aboyikeki kubantu abalungisayo, boyikeka kwabonayo. Ukuba ufuna ukungamoyiki osemagunyeni, yenza okulungileyo, yaye ke uya kukuncoma. 4Kaloku abasemagunyeni zizicaka zikaThixo, khon' ukuze kulungelwe kwawena. Kodwa, ukuba uthe wenza into embi yoyika, kuba abasemagunyeni banikwe igunya lokohlwaya. Kaloku bazizicaka zikaThixo; bayaphindezela, bamohlwaye lowo wonayo. 5Ngoko ke bathobeleni abasemagunyeni, ingengakuba nisoyika isohlwayo kuphela, kodwa nangenxa yokuhlonela uThixo.

6Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo. 7Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

Ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho

8Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho. 9Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.” 10Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

11Masenjenjalo ke, sisazi nje ukuba eli selilixesha lokuba sivuke ebuthongweni. Kaloku usindiso lukufuphi kuthi ngoku kunasekuqaleni kwethu ukukholwa. 12Ubusuku buhambile, sekuza kusa. Masahlukane ke ngoko nemisebenzi yobumnyama, sixhobe ngezikrweqe zokukhanya. 13Masiziphathe ngokundileka njengabahamba emini, singabi sezindywaleni nasekunxileni, ekuhenyuzeni nasekurheletyeni, singabi namona nazinkani. 14INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

KWABASEROMA 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-