Bible Society of South Africa

To The Word – Day 163

Job 11–14, Romans 9–10

Itekisi yeBhayibhile

UYOBI 11

UZofare: Yolulela izandla kuThixo

1Ke uZofare waseNama waphendula wathi:

2“Uthi kungathi cwaka, ingaphendulwa le nyambalala yamazwi akho?

Ucinga ukuba ukulavuza okunje kungamthethelela umntu?

3Uthi oku kubhobhoza kwakho kuya kusenza sithi cwaka?

Uthi wena ngoku uphoxisa thina masikuyeke singakuphoxi?

4Andithi na kaloku wena uthi imfundiso yakho imsulwa,

nawe ngokwakho awunabala phambi koThixo?

5Awu, akwaba uThixo ebengadandulukayo athethe nawe,

6akhe akubonise iingontsi-ngontsi zobulumko!

Kuba kambe kunzulu ukwazi kwakhe!

Yiqonde into yokuba esi sohlwayo akunike sona uThixo

siyalaba-laba kubutyala bakho.

7“Uthi ungahle uziqonde iingontsi-ngontsi zobunzulu bukaThixo,

ngokunjalo nobungakanani bamandla kaSomandla?

8Hayi bo, úngaphaya kwakho, namazulu uwakrobele!

Ewe, yena ubona nelabafileyo, ube ke wena awazi nto!

9UThixo ulivelele ihlabathi,

kanti ke ulukrobele nolwandle!

10Ukuba ke usuka akubambe edlula,

aze akuse ematyaleni,

ngubani ongamnqandayo?

11Kaloku yena uyabazi oongantweni;

ke, xa ebona ububi ùthi makangenzi nto?

12Ke zona iziyatha zoza zibe nengqondo

mhla iqwarha lazala umntu!

13“Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho,

unganako ukolulela izandla kuThixo.

14Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo,

nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho.

15Ukuba unokwenjenjalo ke unganako ukuma ungenaxhala nganto,

ume ngxishi ungenadyudyu.

16Ngako ke ungatsho uyilibale yonke le mbandezelo;

ewe, ilibaleke njengeempuphuma zomlambo oseluwuthile.

17Ke bona ubomi bakho buya kutsho buqaqambe ngathi kusemin' emaqanda.

Le meko yakho yokubandezeleka ijike ibe yeginyis' amathe, oku komsobomvu.

18Uya kutsho uzithembe, kuba kaloku nekamva liqaqambile.

Ngenene uya kuhlala ukhuselekile ungenaxhala.

19Uya kuthi zava ungenadyudyu,

bathi nabaninzi bacele uncedo kuwe.

20Ke zona izikhohlakali ziya kucinywa amehlo,

abe ke namathuba okuphuncula engasekho,

kuphela kwanto iseleyo kukuqhawuka.”

UYOBI 12

UYobi: Ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

1Ke uYobi waphendula wathi:

2“Inene, ningabona bantu;

ibe ke nobulumko buya kufa nani!

3Kambe ke nam ndinengqondo njengani;

anindidluli nganto.

Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

4“Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule;

kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam –

ewe, ilungisa lomfo ongenabala,

kambe ke namhlanje ndisisigculelo!

5Oseshweni uyadelwa ngabathe zava;

ogxadazelayo uyakhatywa!

6Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;

abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;

nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.

7“Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;

nibuze nasezintakeni, zinixelele.

8Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;

ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.

9Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.

10Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe,

nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.

11Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya,

nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.

12Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu;

ke bona ubudala buza namava.

13“Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla,

amacebo nengqiqo.

14Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe;

ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.

15UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela;

kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.

16Ukomelela noloyiso lolwakhe,

kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.

17Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,

nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.

18Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,

aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.

19Ababingeleli ubatsho baphoxeke,

aze wona amakhwahla awakhiqe.

20Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;

aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.

21Amatshawe uwahlaza ngendelelo;

ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.

22Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,

nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.

23Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule;

azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.

24Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga,

zifathule zibhadula enkangala.

25Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya;

zigxadazele njengamanxila.”

UYOBI 13

1“Hayi kaloku, zonke ezi zinto sendikhe ndazibona

ngala wam amehlo;

ewe, ndizivile ngezi zam iindlebe, ndaye ke ndiziqonda.

2Zonke ezi zinto nizaziyo nam ndiyazazi;

anindidlule nganto.

3Kambe ke mna okunokwam ndifuna ukuthetha noSomandla,

ndiwaneke ndiwuxoxe naye lo mcimbi.

4Ke nina nilibele kukugquma inyaniso ngobuxoki;

nifana nqwa neqithilili logqirha ongenakunyanga mntu.

5Akwaba beningathi cwaka;

oko kuthula kwenu bekungaba bobona bulumko benu.

6Khaniphulaphule xa ndixoxayo,

nive ukuzithethelela kwam.

7Nicinga ukuba ningakuThixo, nide nikhuthaze intswela-bulungisa nje?

Nithi ninceda yena ngale nkohliso?

8Ngaba nizama ukuthatha icala ngenxa yakhe?

Nifuna ukuthethela uThixo?

9Nithi kunganjani xa anokuthi anigoca-goce?

Mhlawumbi naye nithi ningamkhohlisa ngale ndlela nibakhohlisa ngayo abantu?

10Inene, uya kunohlwaya,

ukuba nenza isheyi ngokufihlakeleyo.

11Ewe, ubungangamsha bakhe buya kunirhwaqelisa,

nonganyelwe kukunkwantya.

12Kaloku ezi zangotshe zenu zifana nelahle elinothuthu;

zaye ke nezi ngxoxo zenu ziya kusumka ngathi ludongwe.”

UYobi: Mandiyandlale kuThixo imeko yam

13“Sukan' apha! Khanindiyeke ndithethe utyhatyhiwe,

yehl' ehlayo!

14Ngoku ndiza kuzibeka esichengeni,

ubomi bam bube semngciphekweni.

15Noba selengade andigwinte andikhathali;

kodwa ukuxoxa oku ke kona ndiza kuxoxa,

ndiyandlale kuThixo imeko yam!

16Mhlawumbi le nto yeyona ingandisindisayo,

kuba ke akukho saphula-mthetho singade sibe nokujongana naye.

17Khanibaz' iindlebe nindiphulaphule,

niyiqwalasele ingcaciso yam.

18Hayi ke, ngoku sendiqule ndaligangatha;

futhi ndiza kuyibeka imeko yam, ndixoxe ndiphume phambili.

19Ngaba ukhona na ongabambana nam?

Kuba xa kunjalo ndothi cwaka ndife.

20“Masivumelane ngezi zinto zimbini, Thixo,

ukuze ndingabi sazama kuzifihla kuwe.

21Sirhoxise kum isandla sakho, sahlukane nam;

mandingabi sahlala ndirhwaqele ndisoyika wena.

22Uze uthethe, ndiya kukuphendula;

okanye kuya kuthetha mna, ke wena uze undiphendule.

23Bungakanani na ubugwenxa bam nesono sam?

Ndazise ubutyala nokona kwam.

24Ngani ukuba undifulathele,

undithathe njengotshaba?

25Ngoku sowusukelisana negqabi eliphephethekayo?

Uhlasela inkintshi-nkintshi yomququ?

26Kaloku undimangalela ngezityholo ezinzima;

ude undityabeke ngobutyala bam basebuntwaneni.

27Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;

uyazigqala zonke iindlela zam,

uzicandele umda iintende zeenyawo zam.

28Ngenxa yoko ndivuthuluka njengevithi;

sendifana nempahla edliwe ngamanundu.”

UYOBI 14

UYobi: Mifutshane imihla yomntu, izele ziinkathazo

1“Hayi kambe umntu, intw' ezelwe ngumfazi!

Mifutshane imihla yakhe; izele ziinkathazo.

2Uvela njengentyatyambo, akhawuleze abune;

uthi tshe oku kwesithunzi, aphel' emehlweni.

3Uthi onjalo ke ungamgqala,

ude ume naye enkundleni umgwebe?

4Ngaba ukhona na ongakhupha into ehlambulukileyo kwengahlambulukanga?

Unotshe, akukho namnye!

5Kaloku imihla yakhe seyimisiwe,

nenani leenyanga zakhe liyaziwa nguwe;

kananjalo ke ummisele umda angenakuwutsiba.

6Somyeka, ungabi samjonga,

akhe aphumle njengomqeshwa ogqibe umsebenzi wemini.

7“Umthi xa ugawuliwe lisekhona ithemba ngawo;

awunakufa kuphele, usenokubuya uhlume amagqabi.

8Noba ingakhula ibe ndala ingcambu yawo emhlabeni

nesiphunzi sawo sife apho simile khona,

9uthi nje ukuba ukhe wasezela ukunyepha kwamanzi,

utsho uhlume, uvelise amasebe njengegatyana lomthi.

10Ukanti ke yena umntu uyafa, iphel' intw' ibithethwa.

Ewe, uyafa aphel' emehlweni.

11Njengokuba amanzi echibi ephela, namanzi omlambo esitsha ome;

12nomntu ke unjalo, ulala phantsi angabuyi avuke.

Ibe ke soze aphinde avuke,

okanye ashukunyiswe kobo buthongo bakhe,

ade amazulu angabi sabikho.

13“Akwaba ubungandifihla kwelo labafileyo

ide ithothe ingqumbo yakho,

uze ke undimisele ixesha oya kundikhumbula ngalo.

14Ukuba ngaba ke umntu ufile, angabuya aphile?

Xa kunjalo ngendilinda yonke imihla yokubulaleka kwam,

lide lifike ixesha lokukhululeka kwam.

15Ngewundibiza, ndisabele ke mna,

kuba wena ukulangazelela ukubona umsebenzi wezandla zakho.

16Ngewuzibala izinyathelo zam,

ungaziqwalaseli noko iziphoso zam.

17Zonke izikreqo zam ziya kuvalelwa engxoweni,

ubugqume ubugwenxa bam.

18-19Kodwa wena uyalitshitshisa ithemba lomntu,

oku kweentaba ezidilikayo zivuthuluke,

oku kwamawa asunduziweyo angabi sabakho,

nditsho oku kwamanzi awadlayo amatye,

okwezandyondyo zemvula eziwukhukulisayo umhlaba.

20Umntu umvikiva kube kanye, angabi sabikho;

uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

21Oonyana bakhe noba sebewongekile, akaqondi yena;

ukanti akaboni naxa sebehlazeka.

22Kaloku into emdlayo yintlungu yesiqu sakhe,

abe ezililela yena buqu.”

KWABASEROMA 9

UThixo nabanyulwa bakhe amaSirayeli

1Mna ndingokaKrestu; ndithetha inyaniso, andixoki. Kwanesazela sam, silawulwa nguMoya oyiNgcwele, siyandingqinela ukuba andixoki. 2Ndiselusizini olukhulu, ndaye ndinentlungu engapheliyo entliziyweni yam 3ngenxa yamawethu amaSirayeli. Ewe, bendingade ndinqwenele ukuba mna ngokwam ndibe ngoqalekisiweyo nguThixo esikhundleni sawo, ndide ndahlukaniswe noKrestu. 4AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso. 5Ayinzala *yamanyange, kwaye kuwo kwavela uKrestu ngokobuntu, yena owongamela konke, ongulo Thixo omakadunyiswe ngonaphakade. *Amen.

6Le nto ke ayithethi kuthi ilizwi likaThixo lona ngokwalo litshitshile. Asingabo bonke kaloku abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli ncam. 7Kananjalo asingabo bonke abazelwe nguAbraham abayinzala yakhe ncakasana. Kaloku uThixo wathi kuAbraham: “Inzala yakho ncam iya kuphuma kunyana wakho uIsake.” 8Loo nto ithetha ukuthi asingabo bonke abantwana abazeleyo uAbraham abangabantwana bakaThixo. Hayi, ngabantwana besithembiso kuphela ababalelwa ekubeni bayinzala ncam. 9Kaloku isithembiso sênziwa nguThixo ngala mazwi athi: “Ngexesha elifanelekileyo ndiya kukuvelela, waye ke uSara uya kuzala unyana.”

10Ukuqhubela phambili mandithi: Uyise wamawele kaRabheka wayemnye, inguIsake ubawo wethu. 11-12Kwathi abantwana bengekazalwa, bengekenzi nto, nokuba yelungileyo, nokuba yembi, uThixo wathi kuRabheka: “Omdala uya kuba ngumkhonzi womncinci.” Kaloku unyulo lukaThixo lusekelwe kubizo lwakhe, kungekuko nakuyiphi na into eyenziwa ngumntu; 13njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ndamthanda uYakobi, ndamthiya yena uEsawu.”

14Síthini ke ngoko? Ngaba sinokuthi uThixo akanabulungisa? Nakanye! 15Kaloku wathi kuMosis: “Ndiya kuba nenceba kulowo ndinenceba kuye, ndibe netarhu kulowo ndinetarhu kuye.” 16Ke ukunyulwa komntu akuxhomekekanga ekuzithandeleni komntu, okanye ekwenzeni kwakhe, koko kuxhomekeke kwinceba kaThixo. 17Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.” 18Ngoko ke uThixo unenceba kulowo athanda ukumenzela inceba, aze ayenze lukhuni intliziyo yalowo athanda ukuyenza lukhuni.

UThixo unguSomandla

19Omnye kuni usenokuthi kum: “Ukuba ke kunjalo angathini na uThixo ukumsola umntu; kungekho bani nje unokumelana nentando kaThixo?” 20Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?” 21Akanalo kakade umbumbi ilungelo lokuthi ngamdongwe mnye enze ingqayi exabisekileyo kwanengaxabisekanga?

22Kukwanjalo ke nangokubhekiselele kwizinto ezenziwe nguThixo. Kaloku wayefuna ukubonakalisa ingqumbo yakhe nokwazisa ubungangamsha bakhe. Ngoko ke wabanyamezela ngomonde abo wayebaqumbele, ababemelwe kukutshatyalaliswa. 23Wayefuna nokubonakalisa ubuhle besihomo nesithozela sakhe kwabo abenzela inceba, abo abenza bafanele ukuthiwa jize ngewonga. 24Síthí ke abo uThixo wababizayo, singemaJuda kuphela, sikwakunye nabezinye iintlanga ngokunjalo. 25Uthetha kwaloo nto kwiNcwadi kaHosiya, xa athi:

“Abangengobantu bam ndiya kuthi bangabantu bam;

nohlanga ebendingaluthandi ndiya kuthi luyintanda kum.

26Ewe, nakuloo ndawo kanye kwakusithiwa kubo:

‘Aningobantu bam nina;’

khona apho kanye kuya kuthiwa kubo:

‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’

27Ke noIsaya udanduluka athi malunga namaSirayeli: “Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, bambalwa kodwa kubo abaya kusindiswa, 28kuba iNkosi iya kusiwisa kamsinya isigwebo sayo ehlabathini.” 29Kukwanjengokuba uIsaya wayetshilo ngaphambili ukuthi:

“Ukuba iNkosi uSomandla ibingasishiyelanga hlumela,

ngesisuke saba njengeSodom, safana neGomora.”

Ukuphoswa kwamaSirayeli lusindiso

30Síthini ke ngoko? Síthi izizwe ezazingenzi migudu yakuba ngamalungisa kuThixo, zakufumana nazo ukuba ngamalungisa, zisenziwa amalungisa ngokholo. 31Kodwa wona amaSirayeli, nangona ayesenza imigudu yokuba ngamalungisa ngokugcina umthetho, akaphumelelanga. 32Ngani na? Ngenxa yokuba imigudu yawo ingasekelwanga lukholweni, kodwa isekelwe ekuzenzeleni ngokwawo. Akhubeka “elityeni elikhubekisayo,” 33eli *iziBhalo zitshoyo ngalo ukuthi:

“Uyabona, ndibeka *eZiyon ilitye elikhubekisayo,

ulwalwa olusisikhubekiso;

lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

KWABASEROMA 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 10

1Mawethu, ndilangazelela ngayo yonke intliziyo yam ukuba amaSirayeli, abantu bakowethu, asindiswe, ndaye ndihlala ndimbongoza uThixo ngenxa yawo. 2Ndingawangqinela ukuba anenzondelelo ngezinto zikaThixo, kodwa engenalo ulwazi olululo. 3Akayazanga indlela uThixo abalungisa ngayo abantu, aza afuna ukuba ngamalungisa ngeyawo indlela. Ngokwenjenjalo ke akayithobelanga indlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. 4Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.

Usindiso lolwabantu bonke

5Malunga nokuba lilungisa phambi koThixo ngokuthobela umthetho, uMosis ubhale esithi: “Umntu owugcinayo umthetho, wophila ngawo.” 6Kodwa malunga nokwenziwa ilungisa ngokholo kuthiwa: “Musa ukuthi entliziyweni yakho: Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?” (oko kukuthi ahlise uKrestu). 7“Okanye musa ukuthi: Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?” (oko kukuthi ukuya kunyusa uKrestu kwabafileyo). 8Ngaba ke kukuthini oko? Kukuthi: “Ilizwi likaThixo likufuphi kuwe, lisemlonyeni wakho nasentliziyweni yakho.” Ilizwi lokholo esilivakalisayo nali: 9Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. 10Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe. 11IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.” 12Ke ngoko akukho mahluko phakathi komJuda nowolunye uhlanga, kuba le Nkosi inye ikwayinkosi yabo bonke. Kaloku ibasikelela ngesisa ngendyebo yayo bonke abo bazibika kuyo, 13kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”

14Bangazibika njani kulowo bangàkholwayo kuye; bengakholwa njani bengevanga? Bangeva njani kungekho mntu ushumayelayo; 15bengashumayela njani bengathunywanga? Kaloku iziBhalo zithi: “Ngumbono omhle ukubukela izigidimi zisihla zinyuka zihambisa iindaba ezimnandi!” 16Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?” 17Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

18Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:

“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;

namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”

19Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi:

“Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento;

ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”

20Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi:

“Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni,

ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”

21Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi:

“Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.”

KWABASEROMA 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-