Bible Society of South Africa

To The Word – Day 161

Job 4–7, Romans 4–5

Itekisi yeBhayibhile

UYOBI 4

UElifazi: Obhangayo ngonetyala

1Kwesi sithuba ke kuphendule uElifazi waseTeman, wathi:

2“Ngaba xa umntu enokukuphendula awungekhathazeki kodwa?

Phofu ke ibingubani onokuthula nje?

3Khumbula kaloku ukuba baninzi abantu obaqeqeshileyo,

ubakhuthaza ubomeleza abazandla zinomkhinkqi!

4Ngamazwi akho ubaxhasile abakhubekayo,

wabaqinisa abamadolo agevezelayo.

5Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela;

ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka.

6Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo?

Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!

7“Hayi kaloku, khawuzikise ukucinga;

ngubani owakha wabhanga emsulwa?

Ingubani khona owakhe watshabalala kodwa engenabala?

8Ke kwawam amava, abalima ububi, batyale inkathazo,

bavuna loo nto bayilimileyo.

9Ewe kaloku, ngokuphefumla nje kukaThixo batsho badake;

ngenene yena ufutha kube kanye batsho baphel' emehlweni!

10Bona banjengeengonyama ezikroboke amazinyo:

nokuba ziyagquma zibhavumle ngokurhwaqelisayo,

11ziyatshabalala kukuswela amaxhoba,

nawo amathole azo asuke abe ziintsali.”

UElifazi: Akukho mntu ulilungisa kunoThixo

12“Ndakha ndee rhithi udaba bunkente-nkente;

ewe, iindlebe zam zeva amarhe ngathi kuyasetyezwa.

13Kanye ngaloo mathuba emiva-ndedwa yemibono ebusuku,

xa kanye ndikobentlombe,

14suka ndarhwaqela ndankwantya,

ada amathambo am anengevane.

15Nako ke kusithi phinzi into phambi kwam;

hayi ke, ndahlathuzela ngamanwele!

16Nantso ke, suka yema bhunxe!

Hayi, andibanga nakuyinakana mpela.

Phofu wona umthinzi wabe uphambi kwam –

hayi ke, kwathi cwaka,

ndada ndeva ilizwi lisithi:

17‘Ngab' ingenzeka na into yokuba umntu abe lilungisa kunoThixo?

Umntu angaba nyulu ngaphezu koMdali wakhe?

18Andithi na kaloku nezicaka zakwakhe akazithembi?

Nditsho nezithunywa zakhe azimkholisi kwaphela.

19Babengoobani ke abantu abahlala ezindlwini zodaka,

abantu abasiseko siluthuli,

abasuka batyumke njengenundu?

20Umntu ungambona ekhona kusasa,

kanti ke kuya kuthi kurhatyela abe selengasekho;

ewe, utshabalala kuphele engakhange aqondakale!

21Kaloku nelo nqugwala lakhe lisuka lincothulwe,

ke yena afe engekabufumani bona ubulumko!’ ”

UYOBI 5

1“Danduluka kaloku, ukhale,

ubone ukuba ukhona oya kuphendula!

He-e-e, uza kubhenela kwesiphi ke ngoku isithunywa?

2Ngenene izityhakala zizigwinta ngengcwangu yazo;

lona ikhwele yimfeketho ephelela ekufeni.

3Ndakha ndasibona isityhakala sihluma;

suka ke mna ndaliqalekisa elo khaya laso.

4Oonyana baso basesichengeni;

nasenkundleni basisisulu,

akukho bani ubahlangulayo.

5Isivuno saso sityiwa zizilambi,

zisicubungula naphakathi kwameva.

Amabawa ayaburhogola ubutyebi baso.

6Kaloku inkxwaleko ayiphumi luthulini,

ibe ke nenkathazo ayintshuli mhlabeni.

7Umntu nenkathazo ngumtya nethunga,

kwanjengokuba intlantsi ihamba nomlilo!”

UElifazi: NguThixo ophilisayo

8“Kambe ke, ukuba ibindim, bendiya kubhenela kuThixo,

ndiyaneke phambi kwakhe imeko yam.

9Kaloku nguye owenza izigigaba ezingenakugoca-gocwa;

imimangaliso yakhe ayiphele ndawo.

10Nguye onisa imvula emhlabeni,

amasimi awanyakamise ngamanzi.

11Yena ngumphakamisi wabadelekileyo;

ke bona abasezinyembezini uyabathuthuzela.

12Kaloku yena uyaliphuthisa icebo lesindwebi,

ize imizamo yaso ibuye nemband' esikhova.

13Izilumko uzitsho zixakane nobuqhokolo bazo,

ize imizabalazo yazo yobuqhophololo ibhange ngesaquphe.

14Kwakuba njalo ke kutsho kuhlw' emini kuzo;

kuthi kusemin' emaqanda, zona zitotobe ziphampathe ngathi kukwabhadakazi!

15NguThixo obakhuselayo abahlelelekileyo ekutyholweni;

nguye obahlangula esandleni sabomeleleyo.

16Ngoko ke likhona ithemba nakumahlwempu;

ke zona izikhohlakali zitsho zisikw' umlomo!

17“Ewe, unenyhweba umntu olulekwa nguThixo;

ngoko ke sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!

18Kaloku yena uyenzakalisa, abuye abophe;

kanti kwayena uyabetha, abuye aphilise ngezandla zakhe.

19Yena uyaphinda-phinda ukukuhlangula ezinkathazweni,

kanti ke ekugqibeleni akuyi kuba sachukunyiswa bubi.

20Ngexesha lendlala uya kukuhlangula ekufeni;

ukanti emfazweni uya kukusindisa ekreleni.

21Ngokunjalo uya kukukhusela kwintlebendwane,

ungabi naxhala ngexesha lonxunguphalo.

22Unxunguphalo nendlala ziya kuba yimfeketho kuwe,

ungawaxhaleli namarhwamncwa ehlabathi.

23Uya kunqophisana namatye asemathambekeni,

kubekho uxolo phakathi kwakho namarhamncwa asendle.

24Umzi wakho uya kuhlala ukhuselekile,

nasesibayeni uthi wakukhangela ufike ziphelele.

25Inzala yakho iya kuba yinyambalala,

isizukulwana sakho sinabe njengengca emhlabeni.

26Uya kudla ubomi ude ukhokhobe,

nqwa nengqolowa engavunwayo lingekafiki ixesha.

27“Uyabona, siziphicothile ezi zinto, yaye zinjalo;

yiva ke, uziqonde ubunyaniso bazo kuwe.”

UYOBI 6

UYobi: Ngokwam andinawo amancedo

1Ke yena uYobi waphendula wathi:

2“Akwaba iinkxwaleko zam beziveyishwe kakuhle,

iinzingo zam zalinganiswa esikalini.

3Ubunzima bazo bebuya kudlula nakobentlabathi yaselwandle;

ewe, yiyo loo nto amazwi am asuke aba rhabaxa.

4Kaloku iintolo zikaSomandla zindibinzile,

ubuhlungu bazo butyhutyh' umzimba;

izoyikiso zikaThixo zindiphahlile.

5Ngaba likhe likhonye na iqwarha ikho ingca eluhlaza?

Khona, yona inkomo uthi inganxakama zikho iindiza?

6Into emtyuba ingatyiwa na ngaphandle kwetyuwa?

Inayo na incasa incindi yomxoxozi?

7Mna ukutya okunjalo andikuchukumisi;

ndingathi khe ndayenza loo nto kubuye.

8Akwaba uThixo angandiphendula,

awufezekise umnqweno wam

9wokuba uThixo avume ukundixusha,

asiyekele isandla sakhe, abunqamle ubomi bam.

10Into enjalo ke ingandithuthuzela;

ewe, naphakathi kweentlungu ndingavuya ndichulumache,

kuba andizange ndaphikisana namazwi alowo uNgcwele.

11“Ngaba ndisenawo na amandla okuqhubela phambili ndiphila?

Khona, siphelo sini sona eso ukuba ndingade ndinyamezele?

12Bendililitye na kakade?

Ngaba ndisisinyithi?

13Ngenene mna ngokwam andisenawo amandla okuzinceda,

futhi nempumelelo yam ndiphuncukene nayo.

14“Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,

nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.

15Kambe amawethu anobuqhokolo,

afana nentlambo emanzi atshayo.

16Iba namanzi amdaka anomkhenkce,

apho linyibilikela khona ikhephu,

17kodwa lithi lakubalela aphele,

lakuba shushu asuke ome qoko!

18Iinqwelo ziyaphambuka endleleni yazo, ziye kuyo,

kodwa zifike zife namthanyana kuba kusenkangala.

19Iinqwelo zaseTema zikhangela amanzi,

nabahambi baseShebha baphunguza benethemba.

20Kambe ke basuka badane ngenxa yelo themba labo,

kuba bathi bakuya kule ntlambo bafike baphoxeke.

21“Ngoku ke nani ninjalo,

kuba nithe nakusibona isibetho endisifumeneyo

nasuka nathi rhubaxa noyika.

22Ngaba ndikhe ndathi kuni: ‘Ndipheni into,’

okanye ndathi: ‘Khanindinyobele ubani ngaloo ndyebo yenu’?

23Ngaba ndikhe ndathi: ‘Ndihlanguleni esandleni sotshaba,’

okanye ndathi: ‘Ndihlawuleleni koongalo-nkulu’?

24Hayi ke, khanindifundise; ndothi cwaka!

Ewe, ndiboniseni apho ndiphambuke khona!

25Kambe ke wona amazwi athe ngqo aluncedo;

ukanti ke ezi ngxoxo zenu ngaba ziphuhlisa ntoni?

26Ngaba nifuna ukulungisa oko ndikuthethileyo,

amazwi omntu oselencamile niwenze intetho engumoya?

27Nina nixolele ukwenza amaqashiso nangenkedama,

nisenge inzuzo nangesona sihlobo senu.

28“Kambe ke ngoku khanindijongisise,

kuba andisoze ndinixokise ndijongene nani.

29Ngoku ndiyanithandaza, khanibuyeke ubugqwetha;

sanukundisingela phantsi – ndililungisa kule nto.

30Ngaba nithi kunesikhwa na ukuthetha kwam?

Nithi andisakwazi ukwahlukanisa phakathi kokubi nokuhle?”

UYOBI 7

UYobi: Uyintoni na umntu?

1“Ke bona ubomi bomntu yimbulaleko emhlabeni;

imihla yakhe ngumzabalazo onjengobomi bomqeshwa.

2Imihla yakhe injengeyekhoboka elisoloko lilangazelela ukuhlwa;

injengeyomqeshwa olangazelela umvuzo wakhe.

3Ewe, esam isabelo ziinyanga ngeenyanga zokulambatha;

mna ndabelwe ubusuku beenzingo.

4Xa ndilalayo ndithi: ‘Yaz'ba kuya kusa nini na?’

Nobo busuku ke busuka bube bude gqitha,

ke mna ndibe ndimbola-mboleka kude kuse.

5Umzimba wam wambethe iimpethu nothuli;

ulusu lona lucandekile, luyabhidla.

6“Imihla yam ikhawuleza okomatshini wokuluka;

iya kufikelela esiphelweni ingaginyisi mathe.

7Khawukhumbule ke, kuba ubomi bam bunjengomphunga;

amehlo am akasoze aphinde akubone okuhle.

8Nâbo bandibonayo ngoku soze babe sandibona;

ndiya kuphel' emehlweni undijongile.

9Njengokuqhabalakana nokunyamalala kwamafu

unjalo ofayo, akaphindi abuye.

10Akaphindi eze ekhayeni lakhe,

angabi sazana nendawo yakhe.

11“Hayi khona, andiyi kuthi cwaka!

Ndiya kuwuphalaza umva-ndedwa wam, ndikhale ndibindekile!

12Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?

Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?

13Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,

ndithi ubuthongo bondithomalalisa.

14Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;

usuka undivingcele ngemibono.

15Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;

kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.

16Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;

kakade andiyi kuphila ngonaphakade.

Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.

17“Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;

ngani ukuba umzondelele kangaka?

18Ewe, yonke imihla uyamphicotha;

ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.

19Hayi kaloku, khawuthi gu kancinci;

khawundiyeke ndikhe ndiginy' amathe!

20Ke ukuba ndiyona, ikukhathaza ngani loo nto, wena Malusi woluntu?

Ngani ukuba ndibe selisweni lakho kangaka?

Ngaba ndingumthwalo ongako kuwe?

21Ngaba awungendixoleli na isono sam,

ubulibale ubutyala bam?

Kuba ke ngoku ndiza kulala kobandayo;

uthi undifuna ndibe ndingasekho!”

KWABASEROMA 4

Umzekelo ka-Abraham

1Sithini na ke ngobawo uAbraham esiyinzala yakhe? 2Ukuba ebenziwe ilungisa ngenxa yokufezekisa kwakhe umthetho, ebengaqhayisayo; kodwa ngoku akanandlela yakuqhayisa phambi koThixo. 3Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 4Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho. 5Ke umntu ongathembelanga misebenzini yakhe, koko okholwa kuThixo ogwebela umoni, uba lilungisa phambi koThixo. 6Unoyolo ke umntu othe waba lilungisa phambi koThixo, engakusebenzelanga oko. Lolu yolo ke uDavide aluncomayo xa athi:

7“Hayi uyolo lwabaluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,

abazono zabo zingcwatyiweyo.

8Unoyolo lowo ithe iNkosi ayazibalela kuye izono zakhe.”

9Ngaba olu yolo lolwamaJuda kuphela? Hayi, lukwalolwazo neentlanga, kuba iziBhalo zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 10Waba lilungisa nini? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe okanye emva kwako? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe. 11Kaloku wathi engekaluki uAbraham, ekholwa kodwa, wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo; waza waluka emva koko. Olu lwaluko ke lwaba luphawu olusisiqinisekiso sobulungisa bakhe. Ngale ndlela ke uAbraham nguyise wabo bonke abathe bakholwa kuThixo, baza benziwa amalungisa nguye nangona bangalukanga. 12Ukwanguyise wabalukileyo abanganelanga kwaluka nje, kodwa abathe ngokukholwa kuThixo bahamba ekhondweni lika-Abraham, owakholwa engekaluki.

Isithembiso sikaThixo kwabakholwayo

13UThixo wathembisa uAbraham nenzala yakhe ukuba ihlabathi baya kulima. Esi sithembiso asenziwanga ngakuba ethe wathobela umthetho kaMosis, kodwa wathenjiswa ngenxa yokuba wakholwa, waza wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo. 14Kaloku ukuba ilifa lifunyanwa kuphela ngâbo bawuthobelayo umthetho, ukukholwa koba kwenziwe into engento, nesithembiso eso singaba sitshitshisiwe. 15Ingqumbo kaThixo kaloku ibangwa kukwaphulwa komthetho wakhe; kodwa apho ungekhoyo umthetho akukho kwaphulwa kwamthetho.

16Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke, 17njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho. 18UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.” 19Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara. 20Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo, 21eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo. 22Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 23La mazwi athi “wabalelwa ekubeni lilungisa” akabhekisi kuye yedwa. 24Hayi, abhekisa nakuthi, thina sasiza kuba ngamalungisa, thina sikholwayo kuThixo owamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo, 25yena owanikelwa ekufeni ngenxa yezono zethu, waza wabuya wavuswa, ukuze thina sibe ngamalungisa.

KWABASEROMA 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 5

Abakholwayo baseluxolweni noThixo

1Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu. 2Kaloku sibe nako ukungena ngoKrestu ngokukholwa kolu babalo sikulo. Siyaqhayisa ke sithembe ukuba nenxaxheba ebuqaqawulini bukaThixo. 3Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. 4Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba. 5Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo. 6Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo. 7Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. 8Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni! 9Sigwetyelwe nje ngenxa yegazi lakhe, kokukhona siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo kaThixo. 10Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi! 11Ngaphezu koko ke, sineqhayiya novuyo ngaye uThixo, ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu, esithe ngayo saxolelaniswa noThixo.

Ukufa kuze ngoAdam, ubomi ngoKrestu

12Njengoko isono sangena ehlabathini ngenxa yomntu omnye, ukufa kwangena ngaso isono. Ngokunjalo ke nokufa kwalutyhutyha lonke uluntu, kuba bonke abantu bôna. 13Isono ke sabakho ehlabathini ungekabikho *umthetho kaMosis. Ke, apho kungekho mthetho, isono sokwaphula umthetho asinakubalelwa mntwini. 14Ke ukufa kwakutshatshele ukususela kuAdam kwada kwaya kuthi gaa kuMosis, nakwabo basono singafani nesika-Adam. Lo Adam ke wayengumfuziselo waloo Mntu wayeza kufika.

15Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi. 16Kanti ke isiqhamo sesipho sikaThixo asinakulinganiswa nesiphumo sesono saloo mntu. Kaloku isiphumo sesono saloo mntu saba kukugwetywa, kodwa isiqhamo sesisa sikaThixo esabakho ngenxa yezono ezininzi, saba kukukhululwa kwabantu. 17Ukuba ukufa kwakutshatshele ngenxa yesono saloo mntu, abo balwamkelayo ubabalo oluphuphumayo kwanesipho sokwenziwa amalungisa, baya kudla ubomi ngokugqithisileyo ngaloo mntu mnye unguYesu Krestu.

18Ngako ke, njengokuba kwathi ngasono sinye, bonke abantu bagwetywa, ngokunjalo kuya kuthi nangesenzo esinye esilungileyo, bonke abantu bagwetyelwe, badle ubomi. 19Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.

20Ke kaloku wakungena umthetho kaMosis, isono sanda. Kodwa apho kwânda khona ukona, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo asibabala ngalo uThixo. 21Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.

KWABASEROMA 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-