Bible Society of South Africa

To The Word – Day 159

Philippians 1–4, Psalm 42, Proverbs 20

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEFILIPI 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos kunye noTimoti, izicaka zikaKrestu. Sibhalela usapho lukaThixo olumanywe noKrestu, lungabemi eFilipi, ndawonye nabakhokeli bebandla kunye nabancedisi. 2Sithi: Wanga uThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.

Umbulelo novuyo lukaPawulos

3Ndisoloko ndimbulela qho uThixo wam xa ndinicinga. 4Naxa ndinikhumbulayo emthandazweni, ndinithandazela nonke ngovuyo, 5ngenxa yendlela enasebenzisana ngayo nam kwamhla-mnene kumsebenzi wam wokuhambisa iindaba ezimnandi, kude kube ngoku. 6Yaye ndiqinisekile ngale ndawo yokuba lo msebenzi mhle awuqalileyo uThixo kuni, uya kude awuqabelise ngeMini kaKrestu uYesu. 7Nina kum nihlala nisenyongweni; yiyo ke le nto ndinyanzelekile ukuba ndinithathe ngolu hlobo. Kaloku nani niyixhamle inyhweba endiyinikwe nguThixo, ngoku kanye ndisentolongweni, naxa iindaba ezingoKrestu ndizilwelayo ndizimela kananjalo. 8UThixo uyazi ukuba ndinyanisile xa ndithi ndinilangazelela kanye ngale ndlela uKrestu anilangazelela ngayo.

9Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu, 10ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa, 11ubomi benu buqhelezela sisidima esinokuveliswa nguKrestu kuphela, ukuze uThixo abongwe adunyiswe.

Ubomi bunguKrestu

12Ndifuna nazi, mawethu, ukuba izinto ezandihlelayo zanceda ekuziqhubeleni phambili, endaweni yokuzidodobalisa, iindaba ezingoKrestu. 13Ngenxa yaloo nto ke bonke abalindi bebhotwe, kunye nabo bonke abanye abalapha, bayazi ukuba ndisentolongweni nje kungenxa yokuba ndisisicaka sikaKrestu. 14Loo nto ke ibangela ukuba amakholwa ayithembe iNkosi, athathe unyawo ukulishumayela oku ilizwi likaThixo.

15Kanti ke abanye uKrestu bamshumayela ngomona nangolunya, bambi ke bona bamshumayela ngomoya omhle. 16-17Abo ke baqhutywa luthando, kuba bayazi ukuba uThixo undiphathise umsebenzi wokukhusela udaba olungoKrestu. Kodwa abanye aba bona uKrestu abamshumayeli benyanisekile, koko bamshumayela ngomoya wokuzigwagwisa, becinga ukuba bangandivusela inkathazo engaphezulu ngoku ndibanjiweyo kakade.

18Akukhathaliseki! Nokuba bamshumayela ngomoya ombi okanye benyanisekile, oko nje eshunyayelwa uKrestu, ndiyavuya mna, ndaye ke ndisaya kuvuya. 19Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda. 20Umnqweno nethemba lam kukuba ndinganikezeli, kodwa ngamaxesha onke, ingakumbi ngoku, ndikhuthale, ukuze ubume bam bonke bunike isidima kuKrestu, ndiphila okanye ndifile. 21Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu. 22Kodwa ke ukuba ukudla kwam ubomi kululutho, ndingakhetha ndithini? 23Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu. 24Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi. 25Ngale yona into ndiqinisekile, futhi ndiyazi ukuba ndisaza kuphila. Ndisaza kuhlala ndinincede, niqhubele phambili, lukhule uvuyo nokholo lwenu. 26Xa ndiphinde ndafika ke apho kuni noba nebhongo ngakumbi ngoYesu Krestu ngenxa yobukho bam.

27Ngoko ke ziphatheni ngendlela engqinelana neendaba ezingoKrestu. Nokuba ndizile ndanibona, okanye ndiyeva nje ngani, mandive ukuba nimi ngxishi moyeni mnye, ninenjongo enye yokuncedisana, nisilwela ukuthotyelwa kweendaba ezingoKrestu. 28Musani ukoyikiswa ziintshaba zenu. Loo nto iya kuzenza ziqonde ukuba ziya kwantshabalalo, nina niya elusindisweni, ibe ke uloyiso luvela kuThixo. 29Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe. 30Nina nam sisedabini elinye. Nakha nandibona ndikulo, futhi ikwaleli nivayo ukuba nangoku ndisekulo.

KWABASEFILIPI 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 2

Intobeko nobukhulu bukaKrestu

1Njengoko kobu bomi bethu, simanywe noKrestu, kukho inkuthazo, kukho nokuvuseleleka kothando, nokudlelana koMoya, kukho nobubele novelwano, 2ngoko ke ndaneliseni nindivuyise ngokuba nibe banye ngezimvo nangothando, nibanye ngengqondo, nizamela ukuba nibe yimbumba yamanyama. 3Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu. 4Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela. 5Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku:

6Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,

ukulingana noThixo akakubawelanga

kangangokude afune ukusunduzana naye.

7Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,

wathatha isimo sesicaka,

waba ngumntu ncakasana.

Engumntu ebantwini,

8wazambesa intobeko,

ntobeko leyo yamsa ekufeni –

ukufa kwasemnqamlezweni.

9Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,

wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,

10ukuze bonke abaphilayo,

ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,

bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu;

11bathi bebonke bavume bengafihlisi

ukuba uYesu Krestu yiNkosi,

bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.

Ukufezekisa injongo kaThixo ngosindiso lwethu

12Nani ke, zihlobo zam, njengoko nihlala nimthobela uThixo xa ndilapho, nangoku ke kubaluleke ngakumbi ukuba nimthobele nokuba ndikude. Lufezekiseni usindiso enilunikwe nguThixo, ninembeko nentlonipho. 13Kuba kaloku nguThixo ngokwakhe oninika amandla okuzimisela nokusebenza, ukuze nithobele injongo yakhe.

14Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, 15niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade.Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, 16nibanika iindaba zobomi. Xa nenjenjalo ke, noba libhongo lam ngaloo Mini kaKrestu, kuba kaloku kobonakala ukuba andifumananga ndabulaleka elugqatsweni nasemsebenzini.

17Kodwa nokuba kutheni ndingavuya, nokuba igazi lam lingade liphalazwe njengomnikelo ngenxa yokholo lwenu – kholo olo lulidini enilinikela kuThixo. Ndiyavuya, kunjalonje nani vuyani. 18Kwakhona ndithi vuyani, nam nindonwabise.

UTimoti noEpafrodito

19INkosi ivuma, ndinethemba lokuba kwakamsinya ndoba nako ukumthuma kuni uTimoti, khon' ukuze ndihlaziyeke ziindaba ezivela kuni. 20Kaloku uTimoti lo kuphela komntu ozimvo zinjengezam; yaye unomdla ngokwenene kuni. 21Bonke abanye aba baxakeke zizinto zabo, bengayinanze nganto ekaKrestu imicimbi. 22UTimoti yena nimazi kakuhle. Niyazi ukuba wayesoloko ejikeleza kunye nam ekuhambiseni iindaba ezimnandi, kanye oku konyana ethene nca noyise. 23Ndiza kumthuma kuni ke kamsinya, ndakuba ndiyiqondile imeko yokuhamba kwezinto ngakum; 24ndaye ndinethemba lokuba emandleni eNkosi nam ngokwam ndiza kuza kungekudala.

25Ndiyabona ukuba uwethu uEpafrodito, ongumncedisi nogxa wam, enanimthumele kum, mandimthumele kwakuni. 26Ubesoloko enikhumbula gqitha, yaye uva intw' embi kuba nivile ukuba ubegula. 27Kambe wayegulela ukungabikho, kodwa uThixo wamenzela inceba, nam wandivela ngokundikhulula kusizi olungaphezu kolu ndinalo. 28Ngenxa yaloo nto ke ndikungxamele ngakumbi ukumthumela, ukuze nivuye kwakhona nakumbona, nam ndiphumle elusizini. 29Mamkeleni ke ngezandla ezingenamkhinkqi ebudlelaneni eninabo neNkosi. Bonke abantu abanjengaye nje benzeleni imbeko, 30kuba yena obakhe ubomi uphantse ukwahlukana nabo ngenxa yemicimbi kaKrestu, ebubeke esichengeni ukuze andincede apho beningenakundinceda khona nina.

KWABASEFILIPI 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 3

Ubulungisa benene

1Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, yanga iNkosi inganipha uvuyo. Akundixhamli konke ukuphinda ndibhale izinto ebekhe ndazibhala ngaphambili; iya kuninceda loo nto. 2Zilumkeleni ezo zinja, nemikhwa yazo emibi. Balumkeleni abo banimele ngokutsheca imizimba – soze ndithi lulwaluko loo nto yabo. 3Ábaluke ngenene sithi, thina bamnqula ngoMoya uThixo, thina baqhayiya labo linguKrestu Yesu, thina singaqhayisiyo ngento eyenziwe emzimbeni. 4Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu: 5Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho,ndinenzondelelo, 6ndada ndalitshutshisa ibandla. Ndandingabekwa bala ekuwugcineni umthetho. 7Kodwa zonke ezo zinto ndandisithi ziyinzuzo, ngoku ndizithatha njengelahleko ngenxa kaKrestu. 8Phofu asizizo zodwa, koko yonke into ndiyithatha njengelahleko mpela, kuba zonke izinto zigqithwa kude lee yinzuzo yokwazana noYesu Krestu iNkosi yam. Ndalahla yonke into ngenxa yakhe. Into yonke ndiyithatha njengomgquba ngenxa yokufuna ukuzuza uKrestu. 9Kaloku ndimanywe naye, ndingenabulungisa ndizifumanele bona ngokugcina kwam umthetho. Ndimanywe noKrestu nje, ndenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa kuKrestu. 10Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe, 11ndinethemba lokuba nam ndovuswa ekufeni.

Ukusukela entanjeni

12Asikuko nokuba ndithi sendiphumelele, okanye sendigqibelele, nto nje ndihlala ndixhinele phambili, ndizabalazela ukuba kubekho lutho ndiluzuzayo, kuba nam ndazuzwa nguKrestu Yesu. 13Hayi, mawethu, andizibaleli ekuthini sendizuzile, nto nje nantsi into endiyenzayo: ndithi ndizilibala izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili, 14ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.

15Sonke ke thina bafikeleleyo kulo mgangatho masibe nale njongo. Kambe, ukuba bakho kuni abaneembono ezizezinye, uThixo uya kubatyhilela. 16Kodwa ke ukuziphatha kwethu makulungelelane nalo mgangatho sesifikelele kuwo.

17Mawethu, manyanani ekulinganiseni mna. Mna ndingumzekelo kuni; ngoko ke bagqaleni abo bahambo injengeyam. 18Njengoko ndasoloko ndinixelela, ngoku nditsho ndisenzinyembezini, ukuba baninzi abazimilo zibenza babe ziintshaba zomnqamlezo kaKrestu. 19Bafunzele entshabalalweni. Bona uThixo wabo sisisu sabo. Ihlazo labo baqhayisa ngalo. Iingqondo zabo bazimilisele ezintweni zalo mhlaba. 20Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu. 21Yena uya kuyiguqula le meko yethu iphuthileyo, ayifanise neyakhe enobungangamsha, esebenzisa kwaloo mandla awasebenzisayo xa afaka zonke izinto phantsi kolawulo lwakhe.

KWABASEFILIPI 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 4

1Ewe ke, mawethu, zihlobo zam ezithandekayo, andisanikhumbuli ngako! Kaloku niluvuyo nesithsaba sam; ngoko ke, bathandwa, zingisani njengabeNkosi.

Iziyalo

2UYodiya benoSintike ndibacela ndibacenga-cenga ukuba babe moya mnye ebudlelaneni beNkosi. 3Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.

4Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

5Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango. 6Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. 7Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu. 8Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo. 9Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

Umbulelo

10Ndimanyene neNkosi, yaye ndivuya gqitha kuba emva kwethuba elingaka kuphinde kwabalasela ukundikhathalela kwenu. Phofu kakade nanindikhathalele, koko niswele ithuba. 11Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo. 12Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela. 13Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo. 14Ngxatsho ke, intle into eniyenzileyo ngokundixhasa ezingxakini zam.

15Yayinini nodwa kakade enandincedayo, bantu baseFilipi, njengoko nani nisazi. Kuwo onke amabandla ethu nini kuphela enanijongene neendleko kunye nengenelo yam kwamhla ndaqalisa ukuhambisa iindaba ezimnandi, ndisuka eMakedoni. 16Naxa ndandiseTesalonika naphinda-phinda ukundithumela uncedo. 17Asikuko nokuba ndincwase ukuba nindikhongoze izipho, nto nje ndijonge ukuba ibe nini abafumana inzuzo. 18Ngoku sendifumene le mpahla ifike noEpafrodito, akukho nto ndingenayo. Nindixhase nangaphezu kokuba bendilindele. Ndiyifanisa nedini elivumba limnandi,umbingelelo owamkelekileyo nowanelisayo kuThixo. 19Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu. 20Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.

Imibuliso

21Ndibulisa kusapho lonke lukaThixo olumanywe noKrestu Yesu. Bayabulisa nabo abantu bakaThixo abalapha kunye nam, 22nalo lonke usapho lukaThixo, ingakumbi abo bebhotwe *likaKhesare.

23Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

KWABASEFILIPI 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 42

ICANDELO LESIBINI

(IiNdumiso 42 – 72)

Umthandazo womntu onesithukuthezi

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo woonyana bakwaKora.

1Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa

nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,

nditsho wena Thixo ophilayo.

Yaz'ba koda kube nini na

ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?

3Imini nobusuku ndiyinyhididi kukugixa.

Ke zona izibhoxi zasoloko zindiphoxa zisithi:

“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

4Kambe ke ndithi ndakukhumbula mandulo

ijijitheke intliziyo yam.

Kaloku fudula ndiwukhokela loo mngcelele

uya endlwini kaThixo.

Ewe, sasingumkhosi wochulumacho

sonwabile, simemelela sidumisa.

5Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?

Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?

Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,

khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

6Ke kaloku ndinomva-ndedwa,

ngoku ke ndikhumbula wena, kobu bugxwayiba ndikubo,

kwezi ntili zeJordan, ngakwiintaba zeHermon, neenduli zaseMiza.

7Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana

ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.

Amaza eze ngendlu yawo,

ngokunjalo kwaneempuphuma.

Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.

8Kambe ke, ngeny' imini, *Ndikhoyo,

luya kubalasela uthando lwakho.

Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,

ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.

9Ndiyakhala kuwe, mqolomba wam, Thixo:

“Ngani ukuba undilibale?

Ngani ukuba ndihlale ndizibambe ngeenkophe

ngenxa yokubandezelwa ziintshaba?”

10Ewe, sendixushekile zizenyeliso zabo.

Kaloku basoloko bendigcolodela besithi:

“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

11Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?

Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?

Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,

khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

IINDUMISO 42XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 20

1Iwayini ngumgxeki; utywala yingxolo;

umntu ohexiswa bubo akanabo ubulumko.

2Ukumkani xa enomsindo nqwa nengonyama enengcwangu egragramayo;

umntu omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe emngciphekweni.

3Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;

kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

4Ivila alilimi ngexesha lokulima;

ngoko ke ngexesha lokuvuna liyafuna lingazuzi nto.

5Iingcinga zomntu zifana nequla elinzulu;

ke yena umntu oqiqayo ukha ulutho kuzo.

6Baninzi abantu abazincoma ukunyaniseka;

kodwa ke ungamzuza phi umntu othembekileyo?

7Umntu olilunga uphila ubomi obungenabala;

bayathamsanqeleka abantwana bakhe abamlandelayo.

8Ukumkani ohleli kwisihlalo sokugweba

uhluza ububi bonke ngamehlo akhe.

9Ngubani ongatshoyo athi:

“Intliziyo yam ihlambulukile;

ndinyulu, ndaye ndingenasono”?

10Amatye okuveyisha anobuqhetseba nezilinganiso ezinegobe,

zombini ezo zinto uyazicekisa uNdikhoyo.

11Nditsho kwaumntwana waziwa ngokuziphatha kwakhe –

zizinto azenzayo ezixela ukusulungeka nokuthi ngqo kwesimilo sakhe.

12Indlebe evayo neliso elibonayo,

zombini ezo zinto zenziwe nguNdikhoyo.

13Sukuzinikela ebuthongweni hleze ube lihlwempu!

Umntu ophaphamileyo akasweli kutya.

14“Hayi bo, ayilunganga kwaphela,” utsho othengayo,

kodwa asuke emke alilisele ngesisulu asifumeneyo!

15Ikho igolide, ngokunjalo namatye amaninzi axabisekileyo;

kanti ke eyona nto ixabisekileyo kukuthetha ulwazi.

16Zithathe iimpahla zomntu omele ityala londwendwe;

ewe, bambisa ngazo, kuba umele umntu wasemzini.

17Ukutya okufunyenwe ngobuqhetseba kuhla kamnandi,

kanti ke kamva kusuka kulumeze okomlomo ozele yintlabathi.

18Xa ufuna ukuphumelela qokelela amacebo;

ewe, cwangcisa uqokelele amacebo phambi kokuba uqhwaye imfazwe.

19Umntu onolwimi uyawadiza amahlebo,

ngoko ke sukudlelana nabantu abathetha gqitha.

20Umntu othuka uyise nonina

ubomi bakhe busuka buthi pam njengesibane esicime kwisithoko-thoko sobumnyama.

21Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,

kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.

22Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”

Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.

23UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;

isikali sobuqhetseba asilunganga.

24Umntu akanako ukuyiqonda indlela ayihambayo,

kuba amabakala obomi bakhe axhomekeke kuNdikhoyo.

25Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,

aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.

26Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,

abanyhashe oku kwevili lokubhula.

27Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;

ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.

28Ukumkani ukhuselwa kukunyaniseka nenceba;

isihlalo sakhe sobukhosi sixhaswa bububele.

29Isihomo samadoda amatsha ngamandla awo;

kanti ke sona isithozela samadod' amakhulu zizimvi.

30Imivumbo neenduma zahlukanisa umntu nobubi;

ukubethwa kuhlambulula ububi obungaphakathi emntwini.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-